Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Luke

1:1 Bethe nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu,

1:2 njengoko basinikelayo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi:

1:3 kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo, Tiyofilo odume kunene,

1:4 ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo.

1:5 Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete.

1:6 Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka.

1:7 Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile.

1:8 Kwathi ke kaloku, ekubuphatheni ububingeleli bakhe ngexesha leqela lakhe phambi koThixo,

1:9 ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi.

1:10 Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso.

1:11 Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso.

1:12 Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika.

1:13 Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane.

1:14 Uya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe.

1:15 Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe.

1:16 Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo.

1:17 Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo.

1:18 Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile.

1:19 Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo.

1:20 Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo.

1:21 Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo.

1:22 Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi.

1:23 Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe.

1:24 Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi,

1:25 Yenjenje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu.

1:26 Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete,

1:27 kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya.

1:28 Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi.

1:29 Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo.

1:30 Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo.

1:31 Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.

1:32 Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide,

1:33 uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.

1:34 Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?

1:35 Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.

1:36 Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;

1:37 ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.

1:38 Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.

1:39 Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda;

1:40 wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.

1:41 Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete.

1:42 Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Unentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho.

1:43 Kuhle ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum?

1:44 Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam.

1:45 Unoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.

1:46 Wathi uMariya: Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,

1:47 Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;

1:48 Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe; Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;

1:49 Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla; Lingcwele igama lakhe.

1:50 Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo.

1:51 Wenze amandla ngengalo yakhe, Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.

1:52 Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo, Wabaphakamisa abathobekileyo.

1:53 Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; Wabandulula abazizityebi belambatha.

1:54 Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe, Ngokukhumbula inceba yakhe;

1:55 Njengoko wathethayo koobawo bethu, KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.

1:56 Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.

1:57 Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.

1:58 Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.

1:59 Kwathi ngomhla wesibhozo, beza kumalusa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;

1:60 koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane.

1:61 Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho.

1:62 Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa.

1:63 Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke.

1:64 Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo.

1:65 Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto.

1:66 Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye.

1:67 UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:

1:68 Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo.

1:69 Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide, umkhonzi wayo,

1:70 Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;

1:71 Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;

1:72 Ukubenzela inceba oobawo bethu, Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,

1:73 Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,

1:74 Sokusinika ukuba sithi, sihlangulwe esandleni seentshaba zethu, Siyikhonze singenakoyika,

1:75 Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.

1:76 Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, Kuba uya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,

1:77 Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo,

1:78 Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu, Othe ngaye wasivelela umso wasenyangweni,

1:79 Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzi nilokufa, Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.

1:80 Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.

2:1 Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo.

2:2 Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon’ ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya.

2:3 Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi.

2:4 Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe;

2:5 esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.

2:6 Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.

2:7 Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.

2:8 Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.

2:9 Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.

2:10 Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu;

2:11 ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi.

2:12 Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.

2:13 Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi,

2:14 Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini.

2:15 Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi.

2:16 Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali.

2:17 Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana.

2:18 Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi.

2:19 Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe.

2:20 Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo.

2:21 Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana aluswe, wathiywa igama elinguYesu, elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa.

2:22 Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo ngokomthetho kaMoses, benyuka naye baya eYerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi,

2:23 njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, ize kuthiwe ingcwele eNkosini;

2:24 nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu.

2:25 Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.

2:26 Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.

2:27 Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,

2:28 yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:

2:29 Uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;

2:30 Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,

2:31 Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,

2:32 Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.

2:33 Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.

2:34 USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo;

2:35 ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.

2:36 Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe.

2:37 Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini.

2:38 Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.

2:39 Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete.

2:40 Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.

2:41 Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.

2:42 Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon’ ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo,

2:43 bakubon’ ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina.

2:44 Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo.

2:45 Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna.

2:46 Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.

2:47 Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe.

2:48 Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu.

2:49 Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?

2:50 Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.

2:51 Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe.

2:52 Waye UYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.

3:1 Ke kaloku, ngomnyaka weshumi elinantlanu wokulawula kukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesine esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesine esilelaseYitureya nelizwe leTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesine esilelaseAbhilene,

3:2 ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango.

3:3 Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono;

3:4 njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo.

3:5 Yonke imifula iya kudityelelwa, Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa, Neendawo ezigoso ziya kuthi tye, Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo;

3:6 Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo.

3:7 Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

3:8 Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.

3:9 Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

3:10 Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke?

3:11 Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenayo: nalowo unokudla, makenjenjalo.

3:12 Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na?

3:13 Wathi ke kubo, Ningabizi okungaphezu kwenikumiselweyo.

3:14 Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, ningadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu.

3:15 Ke kaloku, bakubon’ ukuba abantu balindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKristu,

3:16 waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena;

3:17 omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

3:18 Waye ke ngoko evuselela nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini.

3:19 Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, ohlwayiwe nguye ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe, nangenxa yezinto zonke ezingendawo abezenzile uHerode,

3:20 wongezelela nale kuzo zonke, yokuba amvalele entolongweni uYohane.

3:21 Ke kaloku kwathi, ekubeni bebhaptiziwe abantu bonke, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza nokuthandaza, lasuka lavuleka izulu,

3:22 wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yomzimba onjengehobe. Kweza nezwi eliphuma ezulwini lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguwe.

3:23 Waye uYesu eminyaka ngathi imashumi mathathu ezelwe, ukuqala kwakhe ukufundisa, engobe kusithiwa ngunyana kaYosefu, kaHeli,

3:24 kaMatati, kaLevi, kaMeleki, kaYana, kaYosefu,

3:25 kaMatatiya, ka-Amos, kaNahum, kaEsli, kaNagayi,

3:26 kaMahati, kaMatatiya, kaShimehi, kaYosefu, kaYuda,

3:27 kaYohanan, kaResha, kaZerubhabheli, kaShalatiyeli, kaNeri,

3:28 kaMeleki, ka-Adi, kaKosam, kaElmodam, kaEre,

3:29 kaYose, kaEliyezere, kaYoram, kaMatati, kaLevi,

3:30 kaSimon, kaYuda, kaYosefu, kaYonan, kaEliyakim,

3:31 kaMaleya, kaMina, kaMatata, kaNatan, kaDavide,

3:32 kaYese, kaObhede, kaBhohazi, kaSalemon kaNashon,

3:33 ka-Aminadabhi, ka-Aram, kaHetseron, kaPeretse, kaYuda,

3:34 kaYakobi, kaIsake, ka-Abraham, kaTera, kaNahore,

3:35 kaSerugi, kaRehu, kaPelege, kaHebhere, kaShela,

3:36 kaKenan, ka-Arpakishadi, kaShem, kaNowa, kaLameki,

3:37 kaMetusela, kaEnoki, kaYerede, kaMahalaleli, kaKenan,

3:38 kaEnos, kaSete, ka-Adam, kaThixo.

4:1 Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango.

4:2 Wantsuku zimashumi mane ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba.

4:3 Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka.

4:4 UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.

4:5 UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha.

4:6 Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona.

4:7 Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho.

4:8 UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.

4:9 Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya.

4:10 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine;

4:11 kwathiwa, Ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.

4:12 Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.

4:13 Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.

4:14 Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke.

4:15 Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.

4:16 Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.

4:17 Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa,

4:18 UMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,

4:19 Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.

4:20 Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye.

4:21 Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.

4:22 Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?

4:23 Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha.

4:24 Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo.

4:25 Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe;

4:26 kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela.

4:27 Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.

4:28 Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto.

4:29 Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni.

4:30 Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.

4:31 Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha.

4:32 Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.

4:33 Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo;

4:34 wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

4:35 Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.

4:36 Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume?

4:37 Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla.

4:38 Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye.

4:39 Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.

4:40 Kuthe ke bakubon’ ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazisa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa.

4:41 Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu.

4:42 Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo.

4:43 Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.

4:44 Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.

5:1 Ke kaloku kuthe, ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete.

5:2 Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; babe ke ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo.

5:3 Wathi ke, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho.

5:4 Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.

5:5 Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.

5:6 Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo.

5:7 Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona.

5:8 Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.

5:9 Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo.

5:10 Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.

5:11 Bakuyifikisa imikhombe emhlabeni, bashiya into yonke, bamlandela.

5:12 Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yamkhunga, isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.

5:13 Wasolula isandla, wayichukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuyo.

5:14 Wayithethela yena ngelithi, mayingaxeleli bani. Wathi, Yiya kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo.

5:15 Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo.

5:16 Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze.

5:17 Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise.

5:18 Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe.

5:19 Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.

5:20 Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho.

5:21 Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?

5:22 Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu?

5:23 Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Uzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?

5:24 Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

5:25 Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.

5:26 Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje.

5:27 Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele.

5:28 Washiya konke, wesuka wamlandela.

5:29 Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo.

5:30 Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni?

5:31 Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.

5:32 Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

5:33 Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele?

5:34 Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni?

5:35 Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.

5:36 Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye woba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala.

5:37 Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba.

5:38 Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini.

5:39 Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa.

6:1 Kwathi ngesabatha ethile, wacanda emasi mini; baye abafundi bakhe besikha izikhwebu, bazidla, bezihlikihla ngezandla.

6:2 Bathe ke abathile babaFarisi kubo, Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha?

6:3 Wabaphendula uYesu wathi, Anikhanga nikulese na oko wakwenzayo uDavide, mhlenikweni walambayo, yena nabo babenaye?

6:4 Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa?

6:5 Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

6:6 Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene.

6:7 Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela.

6:8 Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.

6:9 Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na?

6:10 Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.

6:11 Basuka ke bona baphambana ngumsindo; babethethana bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.

6:12 Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo.

6:13 Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinababini, awathi kananjalo wabathiya elokuba ngabapostile:

6:14 uSimon, awamthiya nelokuba nguPetros, noAndreya, umzalwana wakhe; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu;

6:15 uMateyu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon, ekuthiwa ngumZeloti;

6:16 uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.

6:17 Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo;

6:18 nabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa.

6:19 Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.

6:20 Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.

6:21 Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.

6:22 Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.

6:23 Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.

6:24 Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.

6:25 Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.

6:26 Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.

6:27 Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.

6:28 Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

6:29 Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.

6:30 Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.

6:31 Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.

6:32 Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo.

6:33 Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto.

6:34 Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko.

6:35 Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.

6:36 Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.

6:37 Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.

6:38 Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.

6:39 Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini?

6:40 Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.

6:41 Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti ke wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi?

6:42 Ungathini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.

6:43 Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kanjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle.

6:44 Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungakhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungabuthwa diliya equnubeni.

6:45 Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.

6:46 Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo?

6:47 Wonke ke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ndonibonisa lowo afana naye.

6:48 Ufana nomntu owakha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo.

6:49 Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.

7:1 Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.

7:2 Waye ke umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha.

7:3 Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe.

7:4 Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko;

7:5 kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.

7:6 Wahamba ke uYesu nabo. Akubon’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;

7:7 kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wophiliswa umkhonzi wam;

7:8 kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.

7:9 Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.

7:10 Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.

7:11 Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.

7:12 Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.

7:13 Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila.

7:14 Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka.

7:15 Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina.

7:16 Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe.

7:17 Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke.

7:18 Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto.

7:19 Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?

7:20 Efikile ke kuye amadoda lawo, athi, UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?

7:21 Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona.

7:22 Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.

7:23 Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.

7:24 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?

7:25 Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani.

7:26 Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye igumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.

7:27 Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa, Niyabona, mna ndiyamthuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.

7:28 Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye.

7:29 Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.

7:30 Ke bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.

7:31 Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana? Bafana nantoni na?

7:32 Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina analila.

7:33 Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Unedemon.

7:34 Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu nowaboni!

7:35 Noko ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke.

7:36 Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa.

7:37 Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, akwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.

7:38 Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo.

7:39 Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni.

7:40 Waphendula uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. (Athi ke yena, Thetha, Mfundisi.)

7:41 Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu.

7:42 Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi na kubo oya kumthanda ngokungaphezulu?

7:43 Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Wahlule walungisa.

7:44 Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe.

7:45 Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam.

7:46 Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.

7:47 Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba uthande kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane.

7:48 Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho.

7:49 Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono?

7:50 Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.

8:1 Kwathi emva koko, wayihamba imizi ngemizi, nemizana ngemizana, ezivakalisa ezishumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo; babenaye abalishumi elinababini.

8:2 Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe,

8:3 noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo.

8:4 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye. Wathi ngomzekeliso,

8:5 Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba.

8:6 Yimbi yawa elulwalweni, yathi isahluma, yatsha ngenxa yokuba ibingenakunyakama.

8:7 Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yasuka imithana enameva yahluma kunye nayo, yayiminxa.

8:8 Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe ezithetha ezi zinto, waye edanduluka esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve.

8:9 Baye ke abafundi bakhe bembuza besithi, Ungaba uyintoni na lo mzekeliso?

8:10 Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.

8:11 Ke kaloku umzekeliso nguwo lo:

8:12 Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe.

8:13 Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle.

8:14 Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo.

8:15 Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.

8:16 Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.

8:17 Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhleni.

8:18 Lumkani ngoko ukuva eniva ngako., kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako.

8:19 Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza ababa nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele.

8:20 Wabikelwa ke, kusithiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona.

8:21 Waphendula ke yena wathi kubo, Uma nabazalwana bam ngaba bona balivayo ilizwi likaThixo, balenze.

8:22 Kwathi ngamhla uthile, waya kungena emkhombeni kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele, siye ngaphesheya kwedike; banduluka ke.

8:23 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni apho, waye uzala ngamanzi usengozini.

8:24 Beza ke bamvusa, besithi, Mongameli, Mongameli, satshabalala. Wavuka ke yena, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza ezo zinto, kwabakho ukuzola.

8:25 Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto?

8:26 Bahambela ngomkhombe ezweni laseGadara, elikhangelene nelaseGalili.

8:27 Ke kaloku, akuphumela emhlabeni, kwaqubisana naye indoda ethile iphuma emzini, esekukade ineedemon. Yayingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isuka ihlale emangcwabeni.

8:28 Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi.

8:29 Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango.

8:30 UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi.

8:31 Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni.

8:32 Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo. Wazivumela ke.

8:33 Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa.

8:34 Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni.

8:35 Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika.

8:36 Bathi ke nabo babonileyo, bababikela ukuba uthiweni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon.

8:37 Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya.

8:38 Ke kaloku indoda leyo, zaye ziphume kuyo iidemon, yayimkhunga ukuba ibe naye. Ke yena uYesu wayindulula, esithi,

8:39 Buyela endlwini yakho, ubacacisele oko zingako izinto uThixo akwenzele zona. Yemka, yavakalisa kuwo wonke umzi oko zingako izinto uYesu ayenzele zona.

8:40 Kwathi ke kaloku, ekubuyeni kukaYesu, zamamkela izihlwele; kuba bonke babemlindile.

8:41 Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo.

8:42 Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe; yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, ekuyeni kwakhe apho, izihlwele bezimxinile.

8:43 Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani,

8:44 yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo.

8:45 Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, uthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo?

8:46 Uthe ke uYesu, Ukho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.

8:47 Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko.

8:48 Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo.

8:49 Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi.

8:50 Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa.

8:51 Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina.

8:52 Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa.

8:53 Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile.

8:54 Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka.

8:55 Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle.

8:56 Besuka abazali bayo bathi nqa; wabathethela ukuba bangakuxeleli bani okuhlileyo.

9:1 Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.

9:2 Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.

9:3 Wathi kubo, Ningaphathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali, ningabi nangubo zangaphantsi ngambini;

9:4 nasendlwini enithe nangena kuyo, hlalani khona, ukumka nisuke khona.

9:5 Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo.

9:6 Bephumile ke, bayihambahamba imizana, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke.

9:7 Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye; wesuka wathingaza, ngenxa yokuba bekusithiwa ngabanye, Kuvuke uYohane kwabafileyo;

9:8 kuthiwe ke ngabanye, Kubonakale uEliya; kuthiwe ngabanye, Kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange.

9:9 Wathi uHerode, UYohane mna ndamnqamla intloko; lo ke ngubani na, ndiva kuthethwa izinto ezinje ngaye. Wayefuna ke ukumbona.

9:10 Bebuyile abapostile, bamcacisela ukuba zinkulu kwezinto ababezenzile. Wabathabatha, wasithela endaweni eyintlango yomzi okuthiwa yiBhetesayida.

9:11 Zithe ke zakwazi izihlwele, zamlandela. Wazamkela ke; wayethetha kuzo ngabo ubukumkani bukaThixo; wayebaphilisa ababeswele impilo.

9:12 Ke kaloku yaqala ukumka imini. Beza ke abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze bemke, baye emizini ejikelezileyo, nasemaphandleni, balale, ze bafumane into edliwayo; ngokuba apha sikwindawo eyintlango.

9:13 Uthe ke kubo, Bapheni nina badle. Bathi ke bona, Akukho nto sinayo ingaphezu kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; singaba kambe siya kuya sibathengele izinto ezidliwayo bonke aba bantu.

9:14 Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqiseni, babe yimityino emashumi ngamahlanu.

9:15 Benjenjalo, babangqengqisa bonke.

9:16 Ezithabathile ke izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni.

9:17 Badla bahlutha bonke; kwasuswa okuseleyo kubo izitya zamaqhekeza zalishumi elinazibini.

9:18 Ke kaloku kwathi, ekubeni ethandaza eyedwa, bantontelana kuye abafundi, wabuza kubo, esithi, Izihlwele ezi zithi ndingubani na?

9:19 Baphendula ke bona, bathi, Zithi unguYohane umbhaptizi; abanye ke bathi unguEliya; abanye ke bathi, kubuye kwavuka mprofeti uthile kumanyange.

9:20 Uthe ke kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uPetros wathi, Unguye uKristu kaThixo.

9:21 Wabakhalimela ke, ebathethela ngelithi, le nto mabangayithethi nakubani; esithi,

9:22 UNyana woMntu umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu, avuke.

9:23 Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.

9:24 Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.

9:25 Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?

9:26 Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.

9:27 Ndithi ke kuni, Inyaniso, kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa, bade babubone ubukumkani bukaThixo.

9:28 Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza.

9:29 Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.

9:30 Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya,

9:31 ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.

9:32 Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye.

9:33 Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha. Masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya; watsho engayazi into ayithethayo.

9:34 Kuthe ke, akubon’ ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho.

9:35 Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.

9:36 Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, ababikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.

9:37 Ke kaloku kuthe ngomhla olandelayo, bakubon’ ukuba bahlile entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu.

9:38 Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; kuba ndimzele wamnye.

9:39 Uyabona, uthatyathwa ngumoya, akhale kwangesiquphe, umbethe athi xhwenene, ade alephuze amagwebu; Uze uthi, umqobile, umke kuye ngenkankulu.

9:40 Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.

9:41 Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.

9:42 Akubon’ ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela ke uYesu umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise.

9:43 Bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo. Bakubon’ ukuba bamangalisiwe bonke zizinto zonke awazenzayo uYesu, wathi kubafundi bakhe,

9:44 Wabekeleni nina iindlebe la mazwi; kuba uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu.

9:45 Kodwa bona babengaliqondi eli, lizwi; laye lifihliwe kubo, ukuze bangaliboni. Babesoyika nokumbuza ngalo eli lizwi.

9:46 Ke kaloku kwangena ukucamanga phakathi kwabo kokuthi, angaba ngubani na omkhulu phakathi kwabo.

9:47 Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye.

9:48 Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.

9:49 Waphendula uYohane wathi, Mongameli, sabona othile ekhupha iidemon egameni lakho; samalela, ngokuba engalandelani nathi.

9:50 Wathi uYesu kuye, Musani ukumalela; kuba ongachasene nathi, ungecala lethu.

9:51 Ke kaloku kwathi, yakuzaliseka imihla yokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem.

9:52 Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele.

9:53 Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem.

9:54 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo?

9:55 Wathi guququ, wabakhalimela wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na;

9:56 kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi.

9:57 Kwathi ke, bakubon’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi.

9:58 Waza uYesu wathi kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.

9:59 Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala.

9:60 Wathi ke uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo.

9:61 Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam.

9:62 Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.

10:1 Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo, bemashumi asixhenxe; yabathuma ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona.

10:2 Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.

10:3 Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka.

10:4 Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada; ningabulisi mntu endleleni.

10:5 Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu.

10:6 Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni.

10:7 Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma ningena zindlwini.

10:8 Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banamkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu;

10:9 niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.

10:10 Emzini enisukuba ningena kuwo, baneli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi,

10:11 Nothuli lomzi wenu olunamathele kuthi, siluvuthululela kuni; kodwa ke kwazini khona oku, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo.

10:12 Ndithi ke kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi.

10:13 Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini.

10:14 Ewe, koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunokwenu.

10:15 Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.

10:16 Lowo univayo nina, uva mna; nalowo unigibayo nina, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba lowo wandithumayo.

10:17 Ke kaloku babuya abamashumi asixhenxe bevuyile, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.

10:18 Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini.

10:19 Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.

10:20 Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.

10:21 Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana; ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka kuwe ukuba kube njalo.

10:22 Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba ungubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela.

10:23 Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo.

10:24 Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, abazibona; nokuva izinto enizivayo, abaziva.

10:25 Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

10:26 Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ulesa njani na?

10:27 Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako.

10:28 Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi.

10:29 Ke kaloku yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?

10:30 Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezambhunyula iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa.

10:31 Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya.

10:32 Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya.

10:33 Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane.

10:34 Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.

10:35 Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam.

10:36 Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?

10:37 Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuye, Hamba, uye kwenjenjalo nawe.

10:38 Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo.

10:39 Yaye ke inomsakwayo obe kuthiwa nguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, emana ukuliphulaphula ilizwi lakhe.

10:40 UMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho ke kuye, andincede.

10:41 Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uxhaliswa uphithizeliswa zizinto ezininzi.

10:42 Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.

11:1 Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe.

11:2 Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.

11:3 Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu;

11:4 kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni.

11:5 Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu;

11:6 kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe;

11:7 aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike?

11:8 Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo.

11:9 Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.

11:10 Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa.

11:11 Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi?

11:12 Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?

11:13 Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?

11:14 Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele.

11:15 Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon.

11:16 Baye ke bambi bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma emazulwini.

11:17 Ke kaloku yena, ezazi izicamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa, buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa.

11:18 Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule.

11:19 Ke ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu? Baya kuba ngabagwebi benu bona ngenxa yoko.

11:20 Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.

11:21 Xa lithi igorha lixhobe tu, lilinde ibhotwe lalo, impahla yalo ihlala inqabile;

11:22 kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.

11:23 Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha.

11:24 Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo.

11:25 Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe.

11:26 Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abangendawo kunawo, bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqalo.

11:27 Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni eso, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, nambele owawanyayo.

11:28 Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.

11:29 Ke kaloku, zakubon’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.

11:30 Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana.

11:31 Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.

11:32 Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; kuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.

11:33 Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.

11:34 Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe lakhohlakala, nomzimba wakho ububumnyama.

11:35 Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama.

11:36 Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso.

11:37 Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi.

11:38 Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle.

11:39 Yathi ke iNkosi kuye, Kaloku nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya, ukanti wona umbilini wenu uzele kukuphanga nokungendawo.

11:40 Basweli-kuqonda, owakwenzayo okungaphandle akakwenzanga na nokungaphakathi?

11:41 Kanye ke izinto ezingaphakathi, lizani ngazo; niyabona, zosuka zonke izinto zihlambuluke kuni.

11:42 Yeha, nina baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi ndawo ke benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi.

11:43 Yeha, nina baFarisi! Ngokuba nithanda isihlalo sobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho.

11:44 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi.

11:45 Waphendula ke othile wakubaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi.

11:46 Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.

11:47 Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele.

11:48 Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo.

11:49 Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile; kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye;

11:50 ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi;

11:51 lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.

11:52 Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangenayo nabalela.

11:53 Ke kaloku, akubon’ ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, baqala ababhali nabaFarisi ukuba nenqala enkulu, nokumcofa ngemibuzo emininzi,

11:54 bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.

12:1 Phakathi koko, kuthe akubon’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.

12:2 Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa.

12:3 Ngenxa enokuba konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nenikuthethe endlebeni emagumbini, kuya kumenyezwa phezu kwezindlu.

12:4 Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo.

12:5 Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo.

12:6 Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo.

12:7 Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke; musani ukoyika ngoko, nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.

12:8 Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo.

12:9 Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo.

12:10 Nomntu wonke oya kuthetha ilizwi elibi ngoNyana woMntu, woxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa.

12:11 Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwizilawuli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na.

12:12 Kuba uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa ngalo elo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona.

12:13 Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa.

12:14 Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu?

12:15 Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.

12:16 Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu;

12:17 wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam?

12:18 Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo;

12:19 ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali.

12:20 Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?

12:21 Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.

12:22 Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.

12:23 Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.

12:24 Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!

12:25 Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?

12:26 Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye?

12:27 Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi.

12:28 Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane?

12:29 Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; kanjalo nize ningathingazi;

12:30 ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto.

12:31 Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.

12:32 Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.

12:33 Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu;

12:34 kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

12:35 Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha;

12:36 nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko.

12:37 Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.

12:38 Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.

12:39 Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe.

12:40 Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

12:41 Wathi ke uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?

12:42 Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo?

12:43 Unoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo.

12:44 Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.

12:45 Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile:

12:46 yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo.

12:47 Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, akalungisa, akenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi;

12:48 ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu.

12:49 Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; hayi, ukufuna kwam, ukunga unge useluphenjiwe!

12:50 Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke.

12:51 Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi, kanye ndize kungenisa imbambano.

12:52 Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu.

12:53 Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana noninazala.

12:54 Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kusuke kube njalo.

12:55 Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho.

12:56 Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha?

12:57 Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa?

12:58 Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni.

12:59 Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.

13:1 Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo.

13:2 Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo?

13:3 Ndithi kuni, Hayi; nothi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.

13:4 Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem?

13:5 Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.

13:6 Wabethetha ke lo mzekeliso: Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto.

13:7 Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba.

13:8 Aphendule ke yena athi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba.

13:9 Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule.

13:10 Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha.

13:11 Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.

13:12 Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.

13:13 Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.

13:14 Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.

13:15 Yamphendula ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuliseza?

13:16 Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha?

13:17 Akubon’ ukuba uyazithetha ezo ndawo, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye.

13:18 Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? Ndiya kubufanisa nantoni na?

13:19 Bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; lwahluma lwaba ngumthi omkhulu, zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.

13:20 Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo?

13:21 Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.

13:22 Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem.

13:23 Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?

13:24 Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.

13:25 Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: uya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.

13:26 Niya kwandula niqale ukuthi, Sadla, sasela, emehlweni akho; nawe wafundisa ezitratweni zethu.

13:27 Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo.

13:28 Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.

13:29 Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.

13:30 Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.

13:31 Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha; ngokuba uHerode ufuna ukukubulala.

13:32 Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze.

13:33 Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhla nangomso nangolandelayo; ngokuba akangekhe umprofeti atshabalalele ngaphandle kweYerusalem.

13:34 Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! Kufuthi kangakanani na ndathandayo ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso, anavuma!

13:35 Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi ke kuni. Aniyi kuba sandibona, kude kufike ixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

14:1 Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona.

14:2 Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya.

14:3 Waphendula uYesu wathetha kubo abaqondisi-mthetho nabaFarisi, esithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? Bathi quthu ke bona.

14:4 Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.

14:5 Wabaphendula wathi, Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?

14:6 Bakhohlwa ukumphendula kwezo zinto.

14:7 Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu; wathi kubo,

14:8 Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,

14:9 eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.

14:10 Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla., wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.

14:11 Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.

14:12 Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.

14:13 Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;

14:14 woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.

14:15 Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.

14:16 Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.

14:17 Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.

14:18 Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.

14:19 Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.

14:20 Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.

14:21 Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Wandula waqumba umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama.

14:22 Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.

14:23 Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.

14:24 Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.

14:25 Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo,

14:26 Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.

14:27 Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

14:28 Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?

14:29 Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye,

14:30 besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.

14:31 Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?

14:32 Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.

14:33 Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.

14:34 Ilungile ityuwa; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa?

14:35 Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.

15:1 Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve.

15:2 Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.

15:3 Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi,

15:4 Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?

15:5 Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya.

15:6 Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.

15:7 Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.

15:8 Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane?

15:9 Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.

15:10 Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.

15:11 Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini.

15:12 Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo.

15:13 Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.

15:14 Akubon’ ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.

15:15 Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu.

15:16 Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.

15:17 Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala?

15:18 Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.

15:19 Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho.

15:20 Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubon’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.

15:21 Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.

15:22 Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.

15:23 Nizise ithole, eliya lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.

15:24 Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.

15:25 Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.

15:26 Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto.

15:27 Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile.

15:28 Waqumba ke, akavuma nokungena. Uphumile ke uyise wambongoza.

15:29 Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo;

15:30 kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo.

15:31 Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho.

15:32 Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.

16:1 Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lancethezwa kuye, ukuba lingoyichithayo impahla yakhe.

16:2 Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa.

16:3 Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukumba kundikhohlile; ukungqiba, ndineentloni.

16:4 O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo.

16:5 Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam?

16:6 Uthe ke yena, Likhulu leebhate zeoli. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, uhlale phantsi msinya, ubhale amashumi amahlanu.

16:7 Emva koko lathi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore zengqolowa. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, ubhale amashumi asibhozo.

16:8 Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya.

16:9 Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngabo ubutyebi bokungalungisi, ukuze xa nithe naphelelwa, namkelwe eminqubeni engunaphakade.

16:10 Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalungisi nakokukhulu.

16:11 Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso?

16:12 Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?

16:13 Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.

16:14 Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke.

16:15 Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.

16:16 Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela.

16:17 Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.

16:18 Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke wumbi, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owalene nendoda, uyakrexeza.

16:19 Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke.

16:20 Bekukho ke hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalikhahlelwe esangweni lakhe, lizele zizilonda,

16:21 linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zalo.

16:22 Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa.

16:23 Size, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, ulazaro esesifubeni sakhe.

16:24 Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndenzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.

16:25 Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa.

16:26 Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.

16:27 Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo; kuba ndinabazalwana abahlanu;

16:28 ukuba abaqononondise, ukuze bangathi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.

16:29 Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona.

16:30 Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.

16:31 Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.

17:1 Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye!

17:2 Angasizakala kanye, ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane.

17:3 Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele.

17:4 Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wothi umxolele.

17:5 Abapostile bathi eNkosini, Songezelele ukholo.

17:6 Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningathi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive.

17:7 Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalusa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi;

17:8 ongayi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wothi emva koko udle usele nawe?

17:9 Anganombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna.

17:10 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, Yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze.

17:11 Kwathi ekuhambeni kwakhe ukuya eYerusalem, wacanda phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili yena.

17:12 Akubon’ ukuba ungena mzini uthile, amhlangabeza amadoda alishumi eneqhenqa, amela mgama.

17:13 Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Mongameli, senzele inceba.

17:14 Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli. Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa.

17:15 Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu.

17:16 Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya.

17:17 Waphendula ke uYesu wathi, Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba?

17:18 Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na?

17:19 Wathi kuye, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile.

17:20 Ke kaloku, akubuzwa ngabaFarisi ukuba ubukumkani bukaThixo buya kufika nini na, wabaphendula wathi, Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka.

17:21 Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.

17:22 Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni;

17:23 baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma.

17:24 Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe.

17:25 Kodwa kuqala umelwe kukuthi eve ubunzima obuninzi, alahlwe sesi sizukulwana.

17:26 Njengoko kwaye kuhle ngemihla kaNowa, koba njalo nangemihla yoNyana woMntu.

17:27 Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.

17:28 Njengoko kwaye kunjalo nangemihla kaLote; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha;

17:29 kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwana umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.

17:30 Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu.

17:31 Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva.

17:32 Khumbulani umkaLote.

17:33 Othe wafuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza.

17:34 Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe.

17:35 Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe.

17:36 Abantu ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe.

17:37 Baphendula bathi kuye, Phi na, Nkosi? Ithe ke yona kubo, Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.

18:1 Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla;

18:2 esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu.

18:3 Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndikhulule kummangaleli wam.

18:4 Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu:

18:5 noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.

18:6 Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo.

18:7 Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo?

18:8 Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?

18:9 Ke kaloku wathetha lo mzekeliso nakwabathile, ababekholose ngokuthi ngaphakathi kwabo bangamalungisa, bengabenze nto abanye:

18:10 Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; enye ingumFarisi, enye ingumbuthi werhafu.

18:11 UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu.

18:12 Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo.

18:13 Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.

18:14 Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uva kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.

18:15 Ke kaloku baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi, babakhalimela.

18:16 Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.

18:17 Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo.

18:18 Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

18:19 Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo.

18:20 Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko.

18:21 Uthe ke yena, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.

18:22 Ekuvile ke oko uYesu, wathi kuye, Kusekho nto-nye uyisweleyo; zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze undilandele.

18:23 Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene.

18:24 UYesu akumbona ke ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo.

18:25 Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

18:26 Bathi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongasindiswayo?

18:27 Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo.

18:28 Uthe ke uPetros, Uyabona, thina sishiye izinto zonke, sakulandela.

18:29 Uthe ke yena kubo, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazali, nokuba ngabazalwana, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, ngenxa yobukumkani bukaThixo,

18:30 ongasayi kwamkela izinto eziphindaphindiweyo ngalo eli xesha, aze ngelo lizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.

18:31 Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu.

18:32 Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe;

18:33 zimtyakatye, zimbulale; athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

18:34 Bona abaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo.

18:35 Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba.

18:36 Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le.

18:37 Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete.

18:38 Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba.

18:39 Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.

18:40 Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza,

18:41 esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone.

18:42 UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile.

18:43 Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.

19:1 Waye engene uYesu, ecanda eYeriko.

19:2 Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona.

19:3 Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane.

19:4 Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho.

19:5 Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho.

19:6 Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya.

19:7 Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni.

19:8 Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidle into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kane.

19:9 Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham;

19:10 kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.

19:11 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.

19:12 Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.

19:13 Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike.

19:14 Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.

19:15 Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.

19:16 Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi.

19:17 Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.

19:18 Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu.

19:19 Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu

19:20 Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni;

19:21 kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga.

19:22 Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga;

19:23 ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?

19:24 Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi.

19:25 Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi.

19:26 Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako.

19:27 Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.

19:28 Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.

19:29 Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe,

19:30 wathi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.

19:31 Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini.

19:32 Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo.

19:33 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole?

19:34 Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini.

19:35 Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu.

19:36 Akubon’ ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.

19:37 Ke kaloku, akubon’ ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo;

19:38 besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.

19:39 Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.

19:40 Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungathi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.

19:41 Akusondela, wawubona umzi, wawulilela,

19:42 esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.

19:43 Ngokuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke,

19:44 zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi, kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.

19:45 Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga;

19:46 esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.

19:47 Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa.

19:48 Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

20:1 Kwathi ngenye imini, akubon’ ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu.

20:2 Bathetha kuye besithi, Sixelele; uzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya?

20:3 Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke.

20:4 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na?

20:5 Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

20:6 Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti.

20:7 Baphendula ngokuthi, abazi ukuba lwaphuma phi na.

20:8 Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

20:9 Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo.

20:10 Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.

20:11 Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha.

20:12 Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha.

20:13 Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena.

20:14 Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu.

20:15 Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya?

20:16 Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto!

20:17 Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo?

20:18 Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa.

20:19 Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.

20:20 Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.

20:21 Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene.

20:22 Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?

20:23 Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na?

20:24 Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare.

20:25 Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.

20:26 Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.

20:27 Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza,

20:28 besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye.

20:29 Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.

20:30 Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana.

20:31 Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana.

20:32 Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo.

20:33 Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.

20:34 Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa;

20:35 ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;

20:36 kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.

20:37 Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.

20:38 AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.

20:39 Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.

20:40 Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.

20:41 Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ungunyana kaDavide?

20:42 Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam,

20:43 Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.

20:44 UDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi; aze abe ke ngunyana wakhe ngani na?

20:45 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayeva bonke abantu, wathi kubafundi bakhe,

20:46 Balumkeleni ababhali, abathandayo ukuhamba ngeengubo ezinde, bathande imibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;

20:47 abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu. Abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.

21:1 Ke kaloku akubheka, wazibona izityebi, ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali.

21:2 Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini.

21:3 Wathi, Inyaniso ndithi kuni, Lo mhlolokazi usweleyo uphose ngaphezu kwabo bonke;

21:4 kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo.

21:5 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi,

21:6 Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

21:7 Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Uya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?

21:8 Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.

21:9 Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko.

21:10 Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.

21:11 Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.

21:12 Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.

21:13 Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni.

21:14 Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela.

21:15 Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo.

21:16 Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni;

21:17 nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam.

21:18 Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu.

21:19 Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.

21:20 Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo.

21:21 Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo.

21:22 Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.

21:23 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu;

21:24 bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.

21:25 Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; lugquma ulwandle namaza;

21:26 abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa.

21:27 Baya kwandula ke ukumbona uNyana woMntu, esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.

21:28 Ke kaloku, zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.

21:29 Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke;

21:30 xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi.

21:31 Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.

21:32 Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.

21:33 Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.

21:34 Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.

21:35 Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.

21:36 Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.

21:37 Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; athi ngobusuku aphume, ayekulala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma.

21:38 Bonke ke abantu babesiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba beve ukuthetha kwakhe.

22:1 Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.

22:2 Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.

22:3 Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.

22:4 Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angathini na ukumnikela kubo.

22:5 Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali,

22:6 wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.

22:7 Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika.

22:8 Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.

22:9 Bathe ke bona kuye, Ufuna ukuba siyilungise phi na?

22:10 Uthe ke yena kubo, Yabonani, nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo.

22:11 Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?

22:12 Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.

22:13 Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.

22:14 Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye.

22:15 Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.

22:16 Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.

22:17 Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo.

22:18 Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.

22:19 Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.

22:20 Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.

22:21 Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.

22:22 UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!

22:23 Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.

22:24 Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu.

22:25 Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi.

22:26 Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli.

22:27 Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.

22:28 Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.

22:29 Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna,

22:30 ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

22:31 Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa.

22:32 Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.

22:33 Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.

22:34 Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.

22:35 Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Nento le.

22:36 Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.

22:37 Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.

22:38 Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele.

22:39 Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe.

22:40 Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.

22:41 Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza,

22:42 esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.

22:43 Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.

22:44 Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.

22:45 Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo.

22:46 Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.

22:47 Ke kaloku, akubon’ ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.

22:48 Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?

22:49 Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?

22:50 Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.

22:51 Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa.

22:52 Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni?

22:53 Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama.

22:54 Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude.

22:55 Ke kaloku, bakubon’ ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.

22:56 Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye.

22:57 Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.

22:58 Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.

22:59 Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.

22:60 Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.

22:61 Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

22:62 Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.

22:63 Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.

22:64 Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?

22:65 Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa.

22:66 Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi,

22:67 Ukuba unguye uKristu wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;

22:68 nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.

22:69 Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.

22:70 Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye.

22:71 Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.

23:1 Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato.

23:2 Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare, esithi, unguKristu uKumkani yena ngokwakhe.

23:3 UPilato wambuza ke, esithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho.

23:4 Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kulo mntu.

23:5 Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Uxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.

23:6 Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.

23:7 Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.

23:8 Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye.

23:9 Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento.

23:10 Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bemmangalela kabukhali.

23:11 UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato.

23:12 Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.

23:13 Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu,

23:14 wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;

23:15 kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye.

23:16 Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.

23:17 Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko.

23:18 Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas,

23:19 owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni.

23:20 Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.

23:21 Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni.

23:22 Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.

23:23 Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.

23:24 Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo.

23:25 Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.

23:26 Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.

23:27 Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela.

23:28 Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;

23:29 ngokuba, yabonani, kuza imihla abaya kuthi ngayo, Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga.

23:30 Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni.

23:31 Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?

23:32 Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.

23:33 Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo.

23:34 Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.

23:35 Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.

23:36 Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye,

23:37 esithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise.

23:38 Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda.

23:39 Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.

23:40 Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?

23:41 Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.

23:42 Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.

23:43 UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.

23:44 Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.

23:45 Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.

23:46 Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

23:47 Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa.

23:48 Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.

23:49 Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.

23:50 Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo, elilungisa

23:51 (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo;

23:52 eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu.

23:53 Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.

23:54 Loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele.

23:55 Ke kaloku nabafazi abalandelayo, abeza naye bephuma kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe.

23:56 Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo. Bathi ngesabatha baphumla ngokomthetho.

24:1 Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo sokusa, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abafazi nabo.

24:2 Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni.

24:3 Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.

24:4 Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo.

24:5 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo?

24:6 Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili,

24:7 esithi, UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

24:8 Bawakhumbula ke amazwi akhe;

24:9 bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.

24:10 Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile.

24:11 Amazwi abo abonakala emehlweni abo engathi kukulavuza; abakholwa ngabo.

24:12 Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo.

24:13 Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi.

24:14 Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile.

24:15 Kwathi, ekuxoxeni kwabo, nasekubuzaneni kwabo, uYesu ngokwakhe wasondela wahamba nabo.

24:16 Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi.

24:17 Wathi ke kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha?

24:18 Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?

24:19 Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;

24:20 ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni.

24:21 Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.

24:22 Kananjalo abafazi abathile bethu, ababesengcwabeni kwakusasa, babethe sathi nqa.

24:23 Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.

24:24 Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.

24:25 Waza yena wathi kubo, Oyi! basweli-kuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthethayo abaprofeti!

24:26 UKristu ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?

24:27 Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.

24:28 Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.

24:29 Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.

24:30 Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.

24:31 Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.

24:32 Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?

24:33 Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo,

24:34 besithi, INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.

24:35 Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.

24:36 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani.

24:37 Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu.

24:38 Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu?

24:39 Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.

24:40 Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.

24:41 Ke kaloku, bakubon’ ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha?

24:42 Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi;

24:43 wathabatha, wadla emehlweni abo.

24:44 Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni.

24:45 Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo;

24:46 wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu;

24:47 nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem.

24:48 Nina ke ningamangqina ezi zinto.

24:49 Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphuma enyangweni.

24:50 Ke kaloku wabarholela ngaphandle, kwada kwaya eBhetani; waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.

24:51 Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahluka kubo, wenyuswa wasiwa emazulwini.

24:52 Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu.

24:53 Bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo. Amen.


Next: John