Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Leviticus

1:1 UYehova wambiza uMoses, wathetha kuye ententeni yokuhlangana, esithi,

1:2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa umntu kuni asondeza kuYehova umsondezo wasezintweni ezizitho zine, nowusondeza loo msondezo wenu niwuthabatha ezinkomeni nasempahleni emfutshane.

1:3 Ukuba umsondezo wakhe ulidini elinyukayo lasezinkomeni, wosondeza inkomo eliduna eligqibeleleyo emnyango wentente yokuhlangana, alisondeze ukuba limkholekise phambi koYehova.

1:4 Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini elo linyukayo, limkholekise, limcamagushele;

1:5 alixhele ithole elo lenkomo phambi koYehova. Oonyana baka-Aron, ababingeleli, bolisondeza igazi balitshize, bajikelezise esibingelelweni esisemnyango wentente yokuhlangana.

1:6 Makalihlinze indini elinyukayo, alityatye;

1:7 oonyana baka-Aron umbingeleli babeke umlilo phezu kwesibingelelo, bacwangcise iinkuni phezu komlilo;

1:8 bazicwangcise oonyana baka-Aron, ababingeleli, iinyama ezo, nentloko, nenqatha, phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo.

1:9 Ke zona izibilini zalo, neentungo zalo mazihlanjwe ngamanzi, aqhumisele ngezo nto zonke umbingeleli esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

1:10 Ukuba umsondezo wakhe ngowasempahleni emfutshane, nokuba kusezigusheni, nokuba kusezibhokhweni, ulidini elinyukayo, wosondeza iduna eligqibeleleyo;

1:11 alixhelele ecaleni lesibingelelo ngasentla phambi koYehova; bathi oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi lalo bajikelezise esibingelelweni;

1:12 alityatye, kwanentloko yalo nenqatha lalo, azicwangcise ezo nto umbingeleli phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo;

1:13 azihlambe izibilini neentungo ngamanzi, azisondeze umbingeleli zonke ezo nto, aqhumisele ngazo esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

1:14 Ke ukuba umsondezo wakhe kuYehova ulidini elinyukayo lasezintakeni, wowusondeza umsondezo wakhe, ethabatha kumahobe, nokuba kukumagobo amavukuthu.

1:15 Wolisondeza umbingeleli esibingelelweni, aliqhawule intloko, aqhumisele ngalo esibingelelweni, igazi lalo likhanyelwe ecaleni lesibingelelo.

1:16 Aze asuse indlelo yalo kunye nento ephakathi kwalo, azilahlele ecaleni lesibingelelo elingasempumalanga, ezaleni;

1:17 alicande emaphikweni alo, engawahluli kanye, aqhumisele ngalo umbingeleli esibingelelweni, phezu kweenkuni eziphezu komlilo. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

2:1 Ke xa ubani asondeza umsondezo ongumnikelo wokudla kuYehova, umsondezo wakhe lowo woba ngumgubo ocoliweyo, agalele ioli phezu kwawo, abeke intlaka emhlophe phezu kwawo.

2:2 Wowuzisa koonyana baka-Aron, ababingeleli, aze umbingeleli asube kuwo, azalise isandla sakhe emgubeni ocoliweyo naseolini apho, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke, aqhumisele umbingeleli esibingelelweni ngesikhumbuzo sawo. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

2:3 Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova leyo.

2:4 Xa usondeza umsondezo ongumnikelo wokudla okosiweyo ezikweni lezonka, woba yimiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, ezithanjiswe ioli.

2:5 Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okungepani, woba ngumgubo ocoliweyo ongenagwele, ugalelwe ioli.

2:6 Wowuqhekeza ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo.

2:7 Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngembiza, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli.

2:8 Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziweyo ngezo nto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awuse esibingelelweni;

2:9 asuse umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

2:10 Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova.

2:11 Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingenziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.

2:12 Ningazisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.

2:13 Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla woyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.

2:14 Ukuba usondeza umnikelo wokudla wentlahlela kuYehova, oyinto esizilwayo ehle yavuthwa, wosondeza ikhweba, umnikelo wokudla wentlahlela yakho.

2:15 Uze uyibeke ioli phezu kwalo, ubeke nentlaka emhlophe phezu kwalo; ngumnikelo wokudla ke lowo.

2:16 Woqhumisela umbingeleli ngesikhumbuzo sawo kuloo nto yawo isizilwayo, nakwioli yawo, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke. Kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.

3:1 Ke ukuba umsondezo wakhe ungumbingelelo woxolo: ukuba uwusondeza ungowasezinkomeni, nokuba yeliduna, nokuba yelithokazi, wolisondeza ligqibelele phambi koYehova.

3:2 Maze acinezele entlokweni yomsondezo wakhe ngesandla sakhe, awuxhelele emnyango wentente yokuhlangana; oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi bajikelezise esibingelelweni;

3:3 asondeze ukudla kwasemlilweni kuYehova, ethabathe embingelelweni woxolo; umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini, nezintso zombini,

3:4 nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni.

3:5 Boqhumiselangezo nto oonyana baka-Aron esibingelelweni phezu kwedini elinyukayo, eliphezu kweenkuni eziphezu komlilo. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

3:6 Ukuba umsondezo wakhe ngowasempahleni emfutshane, ungumbingelelo woxolo kuYehova, nokuba yeliduna, nokuba yelithokazi, wolisondeza ligqibelele.

3:7 Ukuba itakane elo lisondezwayo lingumsondezo wakhe, wolisondeza phambi koYehova,

3:8 acinezele phezu kwentloko yomsondezo wakhe ngesandla sakhe, awuxhelele phambi kwentente yokuhlangana; oonyana baka-Aron balitshize igazi, bajikelezise esibingelelweni.

3:9 Wosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova, ethabathe embingelelweni woxolo inqatha lawo, umsila uphela ewunqamla kuntlahlahlungulu, nomhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini,

3:10 nezintso zombini, nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni.

3:11 Woqhumisela ngezo nto umbingeleli esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.

3:12 Ke ukuba umsondezo wakhe uyibhokhwe, woyisondeza phambi koYehova,

3:13 acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yayo, ayixhelele phambi kwentente yokuhlangana; oonyana baka-Aron balitshize igazi layo, bajikelezise esibingelelweni.

3:14 Wosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova, ethabathe emsondezweni wakhe umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini, nezintso zombini,

3:15 nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni.

3:16 Woqhumisela ngezo nto umbingeleli esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo.

3:17 Onke amanqatha ngakaYehova. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke, ukuba ningadli nqatha nagazi.

4:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi

4:2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa athe ubani wona ngokulahlekana nomthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wezinto ezingezakwenziwa, wenza enye kuzo:

4:3 ukuba umbingeleli othanjisiweyo uthe wona, bazeka ityala abantu: wosondeza kuYehova ngenxa yesono sakhe one ngaso inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, libe lidini lesono.

4:4 Woyizisa inkunzi entsha emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yenkunzi entsha, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova.

4:5 Umbingeleli othanjisiweyo wocaphula egazini lenkunzi entsha,

4:6 alizise ententeni yokuhlangana; awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe ngenxalenye yelo gazi izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane wengcwele;

4:7 ayidyobhe umbingeleli inxalenye yegazi ezimpondweni zesibingelelo sesiqhumiso esimnandi esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana; ke lonke igazi lenkunzi entsha aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.

4:8 Amanqatha onke enkunzi entsha yedini lesono maze awasuse kulo: umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini, nezintso zombini,

4:9 nenqathalazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni,

4:10 njengoko asuswayo enkomeni yombingelelo woxolo. Woqhumisela ngawo umbingeleli esibingelelweni sedini elinyukayo.

4:11 Ke isikhumba senkunzi entsha, nenyama yayo yonke, kunye nentloko yayo, kunye neentungo zayo, nezibilini zayo, nomswane wayo,

4:12 yonke inkunzi entsha, woyikhuphela ngaphandle kweminquba, ayise endaweni emhlophe, apho kuphalazwa khona uthuthu, ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo, itshiswe apho kuphalazwa khona uthuthu.

4:13 Ke ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lalahleka, yafihlakala loo nto emehlweni esikhungu, benza into kumthetho kaYehova nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, bazeka ityala,

4:14 saza saziwa isono abone ngaso: isikhungu sosondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono, balizise phambi kwentente yokuhlangana.

4:15 Ocinezela amadoda amakhulu ebandla ngezandla zawo phezu kwentloko yenkunzi entsha leyo, phambi koYehova, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova.

4:16 Umbingeleli othanjisiweyo woyizisa inxalenye yegazi lenkunzi entsha ententeni yokuhlangana;

4:17 awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane;

4:18 inxalenye yegazi ayidyobhe ezimpondweni zesibingelelo esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, igazi lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.

4:19 Wowasusa amanqatha onke kulo, aqhumisele ngawo esibingelelweni.

4:20 Makenze kule nkunzi intsha njengoko wenza kwinkunzi entsha yedini lesono, enjenjalo nakule, umbingeleli abacamagushele; boxolelwa ke.

4:21 Woyikhuphela inkunzi entsha ngaphandle kweminquba, ayitshise njengoko wayitshisayo inkunzi entsha yokuqala. Lidini lesono lesikhungu elo.

4:22 Xa kuthe kona isikhulu, senza into ngokulahlekana nomthetho kaYehova uThixo waso, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, sazeka ityala;

4:23 ukuba sithe satyhilwa kuso isono saso esone ngaso: sozisa umsondezo waso, ixhonti lebhokhwe eliliduna eligqibeleleyo.

4:24 Socinezela ngesandla saso phezu kwentloko yebhokhwe exhonti, siyixhelele apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo phambi koYehova. Lidini lesono ke elo.

4:25 Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo;

4:26 aqhumisele ngamanqatha alo onke esibingelelweni, njengamanqatha ombingelelo woxolo, umbingeleli asicamagushele ngesono saso; soxolelwa ke.

4:27 Ukuba ubani othile wasebantwini balo ilizwe uthe wona ngokulahleka, ngokwenza into kumthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, wazeka ityala;

4:28 ukuba sithe satyhilwa kuye isono sakhe one ngaso: wozisa umsondezo wakhe, ixhonti elilithokazi lebhokhwe, eligqibeleleyo, ngenxa yesono sakhe one ngaso.

4:29 Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono endaweni yedini elinyukayo.

4:30 Umbingeleli wocaphula egazini lalo ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.

4:31 Wowasusa onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova; umbingeleli amcamagushele; woxolelwa ke.

4:32 Ukuba ke umsondezo wakhe wedini lesono uyimvana, wozisa ithokazi eligqibeleleyo;

4:33 acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo.

4:34 Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.

4:35 Maze awasuse onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha emvana kumbingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe one ngaso; woxolelwa ke.

5:1 Ke ubani xa athe wona ngokuthi, elivile izwi lesifungo sokuzishwabulela, elingqina ke, nokuba ubonile, nokuba uyazi, angaxeli: wobuthwala ubugwenxa bakhe.

5:2 Ubani osukuba echukumisa into yonke eyinqambi, nokuba sisidumbu sezinto eziphilileyo eziziinqambi, nokuba sisidumbu sezinto ezizitho zine eziziinqambi, nokuba sisidumbu sesinambuzane esiyinqambi, engakwazi oko: uyinqambi, uzeke ityala.

5:3 Xa athe wachukumisa ubuqambi bomntu, ubunqambi bakhe bonke ayinqambi ngabo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeke ityala.

5:4 Xa ke ubani athe wafunga, waphololoza ngomlomo wakhe, esithi, uya kwenza into, nokuba imbi, nokuba ilungile, ezintweni zonke athe waziphololoza umntu ngesifungo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeke ityala nangayiphi kwezo nto.

5:5 Kothi ke, xa athe wazeka ityala nangayiphi kwezo nto, ayivume into one ngayo;

5:6 alizise idini letyala lakhe kuYehova, ngenxa yesono sakhe one ngaso, azise ithokazi lasempahleni emfutshane, imvanazana nokuba litakanekazi lebhokhwe exhonti, libe lidini lesono, aze umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe.

5:7 Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuyifumana into elingana netakane, wozisa kuYehova idini letyala lakhe one ngalo, amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo.

5:8 Wowazisa kumbingeleli, asondeze eledini lesono kuqala, aliqhawule intloko ngasentanyeni, angalahluli kanye;

5:9 afefe ngenxalenye yegazi ledini lesono ecaleni lesibingelelo, eliseleyo igazi likhanyelwe esisekweni sesibingelelo. Lidini lesono ke elo.

5:10 Elesibini maze alenze idini elinyukayo ngokwesiko, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe one ngaso; woxolelwa ke.

5:11 Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuwafumana amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu amabini, wozisa umsondezo wakhe lowo wonileyo, ube sisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ube lidini lesono, angabeki oli phezu kwawo, angabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba lidini lesono elo.

5:12 Wowuzisa kumbingeleli, umbingeleli asube kuwo, sizale isandla sakhe, aqhumisele ngesikhumbuzo salo esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova. Lidini lesono ke elo.

5:13 Umbingeleli womcamagushela ngesono sakhe one ngaso, nangayiphi kwezo nto; woxolelwa ke. Oseleyo woba ngowombingeleli, njengomnikelo wokudla.

5:14 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

5:15 Xa ubani athe wameneza, wona ezintweni ezingcwele zikaYehova ngokulahleka, wozisa idini letyala lakhe kuYehova, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, iyeyeeshekele zesilivere ngokweshekele yengcwele ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala.

5:16 Nento one kuyo ezintweni ezingcwele, makayimisele, ongeze isahlulo sesihlanu phezu kwayo, ayinike umbingeleli; umbingele amcamagushele ngenkunzi yemvu yedini letyala; woxolelwa ke.

5:17 Nokuba ubani uthe wona, wenza into kumthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, engazi: uzeke ityala, ubuthwele ubugwenxa bakhe.

5:18 Wozisa kumbingeleli inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala; umbingeleli amcamagushele ngokulahleka kwakhe alahleke ngako, engazi; woxolelwa ke.

5:19 Lidini letyala ke elo; unetyala okunene kuYehova.

6:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6:2 Xa ubani athe wona ngokumeneza, emeneza kuYehova, wayikhanyela kummelwane wakhe into ebibekwe kuye, nokuba yinto esisibambiso, nokuba yinto exhakamfulweyo, nokuba umcudisile ummelwane wakhe,

6:3 nokuba ufumene into ebidukile wayikhanyela, wafunga ubuxoki ezintweni zonke azenzileyo, esona ngazo:

6:4 wothi, xa athe wona, wazeka ityala, ayibuyise loo nto ixhakamfulweyo, abeyixhakamfule, nento ecudisiweyo, abeyicudisile, nento ebekiweyo, ebibekiwe kuye, nento ebidukile wayifumana,

6:5 nento yonke abeyifungele ubuxoki. Woyibuyekeza ngangenani layo, ongeze phezu kwalo isahlulo sesihlanu salo, ayinike osukuba engumniniyo ngomhla wedini lakhe letyala.

6:6 Wolizisa idini letyala lakhe kuYehova, kumbingeleli, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala.

6:7 Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova, axolelwe ke ezintweni zonke azenzileyo, wazeka ityala ngazo.

6:8 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6:9 Wisela uAron noonyana bakhe umthetho, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini elinyukayo: lona idini elinyukayo lotsha eziko phezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse, nomlilo wesibingelelo uhlale usitsha kulo.

6:10 Umbingeleli makambathe ingubo yakhe yelinen emhlophe, ambathe nebhulukhwe yelinen emhlophe enyameni yakhe, asuse uthuthu lomlilo odle idini elinyukayo phezu kwesibingelelo, alubeke ecaleni lesibingelelo;

6:11 ahlube iingubo zakhe ezo, ambathe ngubo zimbi, aphume nothuthu, aye nalo ngaphandle kweminquba, endaweni emhlophe.

6:12 Ke umlilo ophezu kwesibingelelo mawuhlale usitsha kuso, ungacimi; umbingeleli abase iinkuni phezu kwawo imiso ngemiso, acwangcise phezu kwawo idini elinyukayo, aqhumisele phezu kwalo ngamanqatha ombingelelo woxolo.

6:13 Umlilo wohlala usitsha esibingelelweni, ungacimi.

6:14 Nguwo lo umyalelo womnikelo wokudla: oonyana baka-Aron mabawusondeze phambi koYehova, phambi kwesibingelelo;

6:15 asube kuwo, azalise isandla emgubeni ocoliweyo womnikelo wokudla, naseolini yawo, nasentlakeni emhlophe yonke ephezu komnikelo wokudla, aqhumisele ngezo nto esibingelelweni. Livumba elithozamisayo, sisikhumbuzo sawo kuYehova eso.

6:16 Okuse leyo kuwo kodliwa nguAron noonyana bakhe, kudliwe kungenagwele endaweni engcwele, bakudle entendelezweni yentente yokuhlangana.

6:17 Makungosiwa okunegwele; sisabelo sabo endibanike sona ekudleni kwasemlilweni; yingcwele kangcwele, njengedini lesono, nanjengedini letyala.

6:18 Yonke into eyindoda phakathi koonyana baka-Aron yowudla. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu wasekudleni kwasemlilweni kukaYehova: bonke abasukuba bezichukumisa ezo nto boba ngcwele.

6:19 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6:20 Nguwo lo umsondezo ka-Aron noonyana bakhe, abowusondeza kuYehova ngomhla wokuthanjiswa kwakhe: isahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla wamaxesha onke, ube sisiqingatha kusasa, ube sisiqingatha ngokuhlwa;

6:21 wenziwe ngeoli epanini, uwuzise ukroqiwe, uwusondeze ungamaqhekeza ngokomnikelo wokudla wamaqhekeza, ube livumba elithozamisayo kuYehova.

6:22 Umbingeleli othanjisiweyo esikhundleni sakhe wowenza koonyana bakhe. Ngummiselo ongunaphakade kuYehova: koqhunyiselwa ngawo uphela;

6:23 wonke umnikelo wokudla wombingeleli kuqhunyiselwe ngawo uphela, ungadliwa.

6:24 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6:25 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini lesono: apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini lesono phambi koYehova; liyingcwele kangcwele lona.

6:26 Umbingeleli olenzayo idini lesono wolidla; lodliwa endaweni engcwele, entendelezweni yentente yokuhlangana.

6:27 Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele; nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele.

6:28 Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe; ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi.

6:29 Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla: liyingcwele kangcwele lona.

6:30 Ke lonke idini lesono, ekuziswe inxalenye yegazi lalo ententeni yokuhlangana, ukuba kucanyagushwe engcweleni, malingadliwa, malitshiswe ngomlilo.

7:1 Nguwo lo umyalelo wedini letyala: liyingcwele kangcwele lona.

7:2 Apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini letyala, negazi lalo litshizwe lijikelezise esibingelelweni.

7:3 Wosondeza onke amanqatha alo akulo, umsila, nomhlehlo ogubungela izibilini,

7:4 nezintso zombini, nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni; aqhumisele ngezo nto umbingeleli esibingelelweni.

7:5 Kukudla kwasemlilweni kuYehova, lidini letyala ke elo.

7:6 Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla; lodliwa endaweni engcwele; liyingcwele kangcwele lona.

7:7 Njengoko linjalo idini lesono, linjalo idini letyala: mnye umyalelo kuwo omabini; umbingeleli ocamagusha ngalo, loba lelakhe.

7:8 Umbingeleli osondeza idini elinyukayo lomntu, isikhumba sedini elinyukayo alisondezayo soba sesombingeleli.

7:9 Nomnikelo wonke wokudla owosiwa ezikweni lezonka, nawo wonke owenzelwa epanini nasembizeni, woba ngowombingeleli owusondezayo.

7:10 Ke umnikelo wonke wokudla ogalelwe ioli, nowomileyo, woba ngowoonyana bonke baka-Aron, omnye abe njengomnye.

7:11 Nguwo lo umyalelo wombingelelo woxolo, aya kuwusondeza kuYehova.

7:12 Ukuba uthe wasondeza ngenxa yombulelo, wosondeza phezu kombingelelo wombulelo imiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli, nomgubo ocoliweyo, okroqiweyo, oyimiqhathane egalelwe ioli.

7:13 Kunye nemiqhathane yesonka esingenagwele, wosondeza umsondezo wakhe phezu kombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo;

7:14 asondeze ube mnye othatyathwe emsondezweni wonke, ube ngumrhumo kuYehova, ube ngowombingeleli olitshizayo igazi lombingelelo woxolo.

7:15 Nenyama yombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo yodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe, kungashiywa nento kuyo kude kuse.

7:16 Ke ukuba umbingelelo womsondezo wakhe uthe waba ngowesibhambathiso, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, wodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe umbingelelo wakhe; okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso.

7:17 Ke okuseleyo enyameni yombingelelo kwada kwangumhla wesithathu makutshiswe ngomlilo.

7:18 Ukuba kuthe kwadliwa, nokuba yintwana le yenyama yombingelelo wakhe woxolo, ngomhla wesithathu, awusayi kumkholekisa owusondezayo, awusayi kubalelwa kuye; woba yimbozisa. Ubani odlayo kuwo wobuthwala ubugwenxa bakhe.

7:19 Nenyama efike entweni yonke eyinqambi mayingadliwa; yotshiswa ngomlilo. Ke yona inyama, bonke abahlambulukileyo boyidla inyama;

7:20 ubani osukuba esidla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, enobunqambi bakhe, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

7:21 Xa athe ubani wachukumisa into eyinqambi, nokuba bubunqambi bomntu, nokuba bubunqambi bezinto ezizitho zine eziziinqambi, nokuba yinto yonke enezothe eyinqambi, waza wadla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, wonqanyulwa loo mntu, angabikho ebantwini bakowabo.

7:22 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

7:23 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ize ningadli nqatha lankomo, namvu, nabhokhwe.

7:24 Inqatha lento ezifeleyo, nenqatha lento eqwengiweyo, ningasebenza ngalo emisebenzini yonke; ke ukulidla ningalidli.

7:25 Kuba bonke abalidlayo inqatha lezinto ezizitho zine, abazisondezileyo zaba kukudla kwasemlilweni kuYehova, loo mntu ulidlayo wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

7:26 Ize ningadli gazi emakhayeni enu onke, nelantaka, nelazinto zizizitho zine.

7:27 Wonke ubani osukuba esidla nto iligazi, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

7:28 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

7:29 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Lowo usondeza umbingelelo wakhe woxolo kuYehova, ukuwuzisa umsondezo wakhe kuYehova, wowuthabatha kumbingelelo wakhe woxolo lowo.

7:30 Izandla zakhe zokuzisa ukudla kwasemlilweni kukaYehova: inqatha eliphezu kwencum wolizisa kunye nencum, ukuba litshangatshangiswe libe ngumtshangatshangiso phambi koYehova.

7:31 Umbingeleli woqhumisela ngenqatha elo esibingelelweni; ke yona incum ibe yeka-Aron neyoonyana bakhe;

7:32 umlenze wasekunene niwunike umbingeleli, ube ngumrhumo kumbingeleli emibingelelweni yenu yoxolo.

7:33 Lowo phakathi koonyana baka-Aron, usondeza igazi lombingelelo woxolo nenqatha, umlenze wasekunene woba ngowakhe, ube sisabelo sakhe.

7:34 Kuba incum yomtshangatshangiso, nomlenze womrhumo, ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo; ndiwunike uAron umbingeleli, noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli.

7:35 Ezo nto ngumxhesho ka-Aron, nomxhesho woonyana bakhe, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, ngomhla awabasondezayo ukuba babe ngababingeleli kuYehova;

7:36 awawisa umthetho uYehova, ngomhla wokubathambisa kwakhe, ukuba bawunikwe ngoonyana bakaSirayeli; ube ngummiselo ongunaphakade lowo ezizukulwaneni zabo.

7:37 Nguwo lowo umyalelo wedini elinyukayo, nowomnikelo wokudla, nowedini lesono, nowedini letyala, nowokumisela, nowombingelelo woxolo,

7:38 awamwisela umthetho ngawo uYehova uMoses, entabeni yaseSinayi, ngomhla wokubawisela kwakhe umthetho oonyana bakaSirayeli, ukuba basondeze imisondezo yabo kuYehova, entlango yaseSinayi.

8:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

8:2 Thabatha ooAron noonyana bakhe kunye naye, nezambatho ezo, neoli yokuthambisa, nenkunzi entsha yenkomo yedini lesono, neenkunzi zezimvu zibe mbini, nengobozi yezonka ezingenagwele;

8:3 ulibizele ndawonye lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.

8:4 Wenza uMoses ngoko uYehova wamwisela umthetho ngako; walibizela ndawonye ibandla emnyango wentente yokuhlangana.

8:5 Wathi uMoses kwibandla, Yiyo le into awise umthetho ngayo uYehova ukuba yenziwe.

8:6 UMoses wabasondeza ke ooAron noonyana bakhe, wabahlamba ngamanzi.

8:7 Wamnxiba ingubo yangaphantsi, wambhinqisa umbhinqo, wamambathisa ngengubo yokwaleka, wamnxiba iefodi, wambhinqisa umbhinqo we-efodi, wayibhinqa ngawo;

8:8 wamnxiba ubengo; elubengweni wafaka iiUrim neeTumim;

8:9 wamfaka unkontsho entloko; elunkontshweni ngaphambili wabeka imbasa yegolide, isithsaba esingcwele, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

8:10 Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa;

8:11 wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto.

8:12 Wagalela inxalenye yeoli yokuthambisa kuAron entloko, wamthambisa ukuba angcwaliswe.

8:13 UMoses wabasondeza oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zangaphantsi, wababhinqisa umbhinqo, wababopha iminqwazi, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

8:14 Wasondeza inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi entsha yedini lesono.

8:15 Yaxhelwa ke; walithabatha uMoses igazi, walidyobha wajikelezisa ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakhe, isibingelelo wasihlambulula sona, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo, wasingcwalisa, ukuba asicamagushele.

8:16 Wawathabatha onke amanqatha asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, waqhumisela ngezo zinto uMoses esibingelelweni.

8:17 Ke inkunzi entsha yenkomo, nesikhumba sayo, nenyama yayo, nomswane wayo, wayitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

8:18 Wayisondeza inkunzi yemvu yedini elinyukayo; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabophezu kwentloko yenkunzi yemvu.

8:19 Yaxhelwa ke; uMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni;

8:20 inkunzi yemvu wayityatya; waqhumisela uMoses ngentloko, nenyama, nenqatha.

8:21 Wazihlamba izibilini neentungo ngamanzi, waqhumisela uMoses ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Lidini elinyukayo elo lokuba livumba elithozamisayo; kukudla kwasemlilweni oko kuYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

8:22 Wayisondeza neyesibini inkunzi yemvu, inkunzi yemvu yokumisela; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi yemvu.

8:23 Yaxhelwa ke; wacaphula uMoses egazini layo, walidyobha esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.

8:24 Wasondeza oonyana baka-Aron, uMoses wadyobha inxalenye yegazi esithinzini sendlebe yabo yasekunene, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene. UMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni.

8:25 Walithabatha inqatha, nomsila, namanqatha onke asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene;

8:26 engobozini yezonka ezingenagwele, ephambi koYehova, wathabatha umqhathane ongenagwele wamnye, nomqhathane wesonka esineoli wamnye, nesonkana esisicaba sasinye, wabeka phezu kwamanqatha naphezu komlenze wasekunene.

8:27 Wazibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, wazitshangatshangisa, zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova.

8:28 Wazithabatha uMoses ezandleni zabo, waqhumisela ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo: zaba lumiselo, laba livumba elithozamisayo, kwaba kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.

8:29 Wayithabatha uMoses incum, wayitshangatshangisa, yaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; inkunzi yemvu yomiselo yasisabelo sikaMoses, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

8:30 Wacaphula uMoses eolini yokuthambisa, nasegazini elisesibingelelweni, wafefa kuAron nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe kunye naye, wamngcwalisa uAron nezambatho zakhe, noonyana bakhe nezambatho zoonyana bakhe kunye naye.

8:31 Wathi uMoses kooAron noonyana bakhe, Yiphekeni inyama emnyango wentente yokuhlangana, niyidle khona apho, nesonka esisengobozini yomiselo, njengoko ndawisayo umthetho, ndisithi, OoAron noonyana bakhe boyidla.

8:32 Into eseleyo yenyama neyesonka noyitshisa ngomlilo.

8:33 Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, imihla esixhenxe, kude kube ngumhla wokuzaliseka kwemihla yokumiselwa kwenu; kuba bonimisela imihla esixhenxe.

8:34 Njengoko kwenziwe ngako namhla, uYehova uwise umthetho ukuba kwenjiwe njalo ukunicamagushela.

8:35 Nohlala emnyango wentente yokuhlangana, imini nobusuku, imihla esixhenxe, nigcine isigxina sikaYehova, ukuze ningafi; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.

8:36 Benza ooAron noonyana bakhe zonke izinto abewise umthetho ngazo uYehova ngesandla sikaMoses.

9:1 Kwathi ngomhla wesibhozo, uMoses wabiza uAron noonyana bakhe, namodada amakhulu akwaSirayeli.

9:2 Wathi kuAron, Zithabathele ithole, inkonyana yenkomo, ibe lidini lesono, nenkunzi yemvu ibe lidini elinyukayo, ezo zinto zigqibelele, uzisondeze phambi koYehova;

9:3 uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Thabathani inkunzi exhonti yebhokhwe, ibe lidini lesono; nethole nemvana ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, zibe lidini elinyukayo;

9:4 nenkomo nenkunzi yemvu, zibe ngumbingelelo woxolo wokubingelelwa phambi koYehova; nomnikelo wokudla ogalelwe ioli: ngokuba namhla uYehova uya kubonakala kuni.

9:5 Bakuthabatha oko uMoses wawisa umthetho ngako, bakuzisa phambi kwentente yokuhlangana; lasondela lonke ibandla, lema phambi koYehova.

9:6 Wathi uMoses, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo ukuba nilenze: bobonakala ke ubuqaqawuli bukaYehova kuni.

9:7 Wathi uMoses kuAron, Sondela esibingelelweni, wenze idini lakho lesono, nedini lakho elinyukayo, uzicamagushele okwakho nokwabantu; wenze umsondezo wabantu, ubacamagushele, njengoko uYehova wawisayo umthetho.

9:8 Wasondela ke uAron esibingelelweni, walixhela ithole ledini lesono elilelakhe.

9:9 Balisondeza oonyana baka-Aron igazi kuye, wawuthi nkxu umnwe wakhe egazini, walidyobha ezimpondweni zesibingelelo, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo.

9:10 Ke inqatha, nezintso, nomhlehlo osesibindini, edinini lesono, waqhumisela ngezo zinto esibingelelweni, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

9:11 Ke inyama nesikhumba wazitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba.

9:12 Walixhela idini elinyukayo, oonyana baka-Aron balizisa kuye igazi; walitshiza wajikelezisa esibingelelweni.

9:13 Balizisa kuye nedini elinyukayo ngeenyama zalo, nentloko yalo; waqhumisela ngezo nto esibingelelweni.

9:14 Wazihlamba izibilini neentungo, waqhumisela ngezo zinto phezu kwedini elinyukayo esibingelelweni.

9:15 Wasondeza umsondezo wabantu, wathabatha ibhokhwe yedini lesono eyeyabantu, wayixhela, wenza idini lesono njengelokuqala.

9:16 Wasondeza nedini elinyukayo, walenza ngokwesiko.

9:17 Wawusondeza umnikelo wokudla, wazalisa isandla sakhe ngawo, waqhumisela ngawo esibingelelweni, ngaphezu kwedini elinyukayo lakusasa.

9:18 Wayixhela inkomo nenkunzi yemvu yombingelelo woxolo ongowabantu, balizisa oonyana baka-Aron igazi kuye, walitshiza, wajikelezisa esibingelelweni;

9:19 namanqatha enkomo nawenkunzi yemvu, nomsila wayo, nomhlehlo, nezi ntso, nomhlehlo wesibindi.

9:20 Bawabeka loo manqatha phezu kwazo iincum, waqhumisela ngamanqatha esibingelelweni.

9:21 Ke iincum ezo, nomlenze lowo wasekunene, wazitshangatshangisa uAron zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova, njengoko wamwiselayo umthetho uMoses.

9:22 UAron waziphakamisela ebantwini izandla zakhe, wabasikelela; wehla ke ekulenzeni idini lesono, nedini elinyukayo, nombingelelo woxolo.

9:23 Bangena ooMoses noAron ententeni yokuhlangana; baphuma ke babasikelela abantu: babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo bonke abantu.

9:24 Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, walidla idini elinyukayo, namanqatha aphezu kwesibingelelo; babona bonke abantu, baduma, bawa ngobuso.

10:1 Ke kaloku oonyana baka-Aron abangooNadabhi noAbhihu bathabatha elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kulo, babeka phezu kwawo isiqhumiso, basondeza phambi koYehova umlilo ongesesikweni, abengabawiselanga mthetho ngawo.

10:2 Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, wabadla; bafa phambi koYehova.

10:3 Wathi uMoses kuAron, Yilaa nto wayithethayo uYehova, wathi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke; wathi cwaka uAron.

10:4 UMoses wabiza uMishayeli noElitsafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo, Sondelani nibathwale abazalwana benu, nibasuse phambi kwengcwele, nibase ngaphandle kweminquba.

10:5 Basondela ke, babathwalela ngaphandle kweminquba, beneengubo zabo zangaphantsi, njengoko watshoyo uMoses.

10:6 Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe, Musani ukuziyeka ziyakazele iinwele zenu, ningazikrazuli iingubo zenu, ukuze ningafi, nokuze umsindo ungalifikeli ibandla lonke; abazalwana benu, yonke indlu kaSira yeli, bangakulilela bona ukutshisa akutshisileyo uYehova.

10:7 Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, hleze nife; kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu. Benza ke ngokwelizwi likaMoses.

10:8 Wathetha uYehova kuAron, esithi,

10:9 Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo;

10:10 ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;

10:11 nokuze bayalwe oonyana bakaSirayeli ngemimiselo yonke awayithethayo uYehova kubo ngoMoses.

10:12 Wathetha uMoses kuAron, nakuElazare nakuItamare, oonyana bakhe abaselayo, wathi, Thabathani umnikelo wokudla oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele ecaleni lesibingelelo; kuba uyingcwele kangcwele lowo.

10:13 Nize niwudle endaweni engcwele, kuba umiselwe wena, umiselwe oonyana bakho, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.

10:14 Ke incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo, ezo nto nozidla endaweni emhlophe, wena noonyana bakho neentombi zakho kunye nawe; kuba zimiselwe wena, zimiselwe oonyana bakho; zenizinikiweyo emibingelelweni yoxolo yoonyana bakaSirayeli.

10:15 Umlenze womrhumo nencum yomtshangatshangiso yoziswa nokudla kwasemlilweni kwamanqatha, ukuba itshangatshangiswe ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ibe ngowakho noonyana bakho kunye nawe; ibe ngummiselo ongunaphakade, njengoko uYehova wawisayo umthetho.

10:16 Ibhokhwe yedini lesono wayifuna kunene uMoses. Yini? Itshisiwe. Waba noburhalarhume ngakuElazare noItamare, oonyana baka-Aron abaseleyo, esithi,

10:17 Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uninike lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova.

10:18 Yabonani, alingeniswanga igazi lalo engcweleni phakathi; ninge nilidlile okunene engcweleni, njengoko ndawisa umthetho.

10:19 Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova?

10:20 Weva uMoses; kwalunga emehlweni akhe.

11:1 Wathetha uYehova kuMoses na kuAron, esithi kubo,

11:2 Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi, Zizo ezi izinto eziphilileyo enodla zona ezintweni zonke ezizitho zine ezisehlabathini:

11:3 zonke izinto ezithiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe kubini, ezetyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, nozidla ezo.

11:4 Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;

11:5 nembila, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;

11:6 nomvundla, ngokuba utyisa umtyiso, ke awuluthe gqiphu uphuphu, uyinqambi kuni;

11:7 nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, ke ilucande kubini uphuphu, yabe ingawutyisi umtyiso, iyinqambi kuni.

11:8 Inyama yezo nto ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi; ziziinqambi kuni.

11:9 Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla ezi: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo emanzini, ezilwandleni nasemilanjeni, nozidla zona.

11:10 Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ezilwandleni nasemilanjeni, enyakanyakeni yonke esemanzini, nasezintweni eziphilileyo ezisemanzini,

11:11 zoba nezothe kuni, zibe nezothe kuni. Nize ningayidli inyama yazo; nezidumbu zazo zibe nezothe kuni.

11:12 Zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo emanzini zoba nezothe kuni.

11:13 Zezi ezintakeni ezoba nezothe kuni; zezingadliwa, zinezothe zona: ixhalanga,

11:14 nosilwangangubo, nonomakhwezana; noontloyiya ngohlobo lwabo;

11:15 nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;

11:16 nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambanane ngohlobo lwayo;

11:17 nesikhova, nogwidi, nefubesi,

11:18 nenkuku yamanzi, nengcwangube, nenkqo;

11:19 nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.

11:20 Yonke inyakanyaka enamaphiko, ehamba ngazitho zine, yoba nezothe kuni.

11:21 Zezi zodwa enozidla kwinyakanyaka yonke enamaphiko, ehamba ngazitho zine, enemilenze yomibini entla kweenyawo zayo, yokuba itshakace ngayo emhlabeni;

11:22 zezi ke kuzo enozidla: inkumbi ngohlobo lwayo, nesibotho ngohlobo lwaso, nomqhathu ngohlobo lwawo, nomcikwane ngohlobo lwawo.

11:23 Ke yonke inyakanyaka enamaphiko, enazitho zine, yoba nezothe kuni.

11:24 Ngenxa yayo noba ziinqambi; abachukumisa isidumbu sayo boba ziinqambi, bahlwise;

11:25 bonke abasusa nto yesidumbu sayo, bohlamba iingubo zabo, babe ziinqambi, bahlwise.

11:26 Yonke into ezitho zine eluthe gqiphu uphuphu, ukulucanda ingalucandi kubini, ingatyisi mtyiso, iyinqambi kuni; bonke abayichukumisayo boba ziinqambi.

11:27 Neento zonke ezihamba ngamathupha azo, ezintweni zonke eziphilileyo ezihamba ngazitho zine, ziziinqambi kuni; bonke abasichukumisayo isidumbu sazo, boba ziinqambi bahlwise.

11:28 Lowo ususa isidumbu sazo, wohlamba iingubo zakhe, abe yinqambi ahlwise; ziinqambi zona kuni.

11:29 Zezi ezoba ziinqambi kuni enyakanyakeni enyakazela emhlabeni: igala, nempuku, noxam ngohlobo lwakhe;

11:30 nentulo, necilishe, norhoqotyeni, noqebeyi, nolovane.

11:31 Zezo eziziinqambi kuni enyakanyakeni yonke; bonke abazichukumisayo ezifileyo kuzo, boba ziinqambi, bahlwise.

11:32 Izinto zonke ezithe zawelwa yenye yazo ifile, zoba ziinqambi: nokuba ziimpahla zonke zemithi, nokuba ziingubo, nokuba zizikhumba, nokuba ziinqambi, zihlwise; zize zihlambuluke ke.

11:33 limpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye yazo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; noziqhekeza ke.

11:34 Konke ukudla okudliwayo, okufikiweyo ngamanzi akwezo mpahla, koba yinqambi; nento yonke eselwayo ngezo mpahla zonke, yoba yinqambi.

11:35 Into yonke ethe yawelwa nayindawoni na yesidumbu sazo, yoba yinqambi; nokuba liziko lezonka, nokuba ngungxawu, ize yaphulwe; iyinqambi, yoba yinqambi kuni.

11:36 Kodwa umthombo nequla elinentlanganisela yamanzi lohlambuluka; osichukumisayo isidumbu sazo woba yinqambi.

11:37 Xa kuthe kwawa nandawoni yesidumbu sazo embewini yonke ehlwayelwayo, eza kuhlwayelwa, yohlambuluka yona.

11:38 Xa kuthe kwagalelwa amanzi embewini, kwawa nandawoni yesidumbu sazo phezu kwayo, yoba yinqambi kuni.

11:39 Xa kuthe kwafa nto izitho zine idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise.

11:40 Lowo udlayo esidumbini sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise; nalowo ususa isidumbu sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise.

11:41 Yonke inyakanyaka enyakazela emhlabeni inezothe; mayingadliwa.

11:42 Zonke izinto ezihamba ngesisu, neento zonke ezihamba nganyawo-ne, kude kuse kwiinto zonke ezineenyawo ezininzi, enyakanyakeni yonke enyakazelayo emhlabeni, ize ningazidli; ngokuba zinezothe.

11:43 Musani ukuyenza imiphefumlo yenu ibe nezothe ngenyakanyaka yonke enyakazelayo, ize ningazenzi inqambi ngayo, nibe yinqambi ngayo.

11:44 Ngokuba ndinguYehova uThixo wenu, ze nizingcwalise nibe ngcwele; ngokuba ndiyiNgcwele; ize ningayenzi iinqambi imiphefumlo yenu ngenyakanyaka yonke enambuzelayo emhlabeni.

11:45 Ngokuba ndinguYehova oninyuse ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo wenu; ize nibe ngcwele, ngokuba ndiyiNgcwele.

11:46 Nguwo lowo umyalelo weento ezizitho zine, neentaka, nemiphefumlo yonke ephilileyo enambuzelayo emanzini, nemiphefumlo yonke enyakazelayo emhlabeni;

11:47 woyahlula eyinqambi kwehlambulukileyo, nento ephilileyo edliwayo kwinto ephilileyo engadliwayo.

12:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

12:2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umfazi, xa athe wathabatha, wazala inkwenkwe, woba yinqambi imihla esixhenxe; njengemihla yokungcola komzi wakhe woba yinqambi.

12:3 Ngomhla wesibhozo iya kwaluswa inyama yokwaluswa;

12:4 aze ahlale egazini lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathathu anantsuku-ntathu; angazichukumisi zonke izinto ezingcwele, angangeni engcweleni, zide zizaliseke iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe.

12:5 Ke ukuba uthe wazala intombi, woba yinqambi iiveki ezimbini, njengasekungcoleni kwakhe; ahlale phezu kwegazi lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathandathu anantsuku ntandathu.

12:6 Ekuzalisekeni kweentsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngonyana, nokuba kungentombi, wozisa imvana emnyaka mnye ibe lidini elinyukayo, negobo levukuthu nokuba lihobe, libe lidini lesono, emnyango wentente yokuhlangana, kuye umbingeleli;

12:7 alisondeze yena phambi koYehova, emcamagushele, aze ahlambuluke ke ethombeni legazi lakhe. Nguwo lowo umyalelo wozeleyo inkwenkwe nokuba yintombi.

12:8 Ke ukuba isandla sakhe sithe asaba nakufumana nto ilingana nemvana, wothabatha amahobe abe mabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe leledini elinyukayo, elinye libe leledini lesono, umbingeleli amcamagushele, aze ahlambuluke ke.

13:1 Wathetha uYehova kuMoses na kuAron, esithi,

13:2 Umntu xa kuthe kwakho eluswini lwenyama yakhe ukufukuka, nokuba kukujaduka, nokuba litshatshazi, laba sisibetho seqhenqa eluswini lwenyama yakhe, woziswa kuAron umbingeleli, nokuba kukomnye woonyana bakhe ababingeleli.

13:3 Wosikhangela umbingeleli isebetho eluswini lwenyama yakhe; ukuba luthe unwele esibethweni lwasuka lwaba mhlophe, sabonakala isibetho sithe gangqa eluswini lwenyama yakhe: sisibetho seqhenqa eso; womkhangela umbingeleli, athi uyinqambi.

13:4 Ukuba itshatshazi lithe lamhlophe eluswini lwenyama yakhe, alabonakala lithe gangqa eluswini, alwasuka lwaba mhlophe unwele lwalo, umbingeleli womvalela onesibetho imihla esixhenxe;

13:5 umbingeleli amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho simi emehlweni akhe, asiqhenqethi isibetho eluswini; wophinda umbingeleli amvalele imihla esixhenxe.

13:6 Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho eluswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.

13:7 Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu eluswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli;

13:8 umbingeleli akhangele, O! ukujaduka kuqhenqethile eluswini; umbingeleli wothi uyinqambi: liqhenqa ke elo.

13:9 Isibetho seqhenqa, xa sithe sabakho emntwini, woziswa kumbingeleli;

13:10 akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe eluswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho:

13:11 liqhenqa elidala eli eluswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.

13:12 Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu eluswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulusu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,

13:13 umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.

13:14 Ke ngomhla ebonakeleyo kuye inyama ekrwada, uyinqambi.

13:15 Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.

13:16 Naxa ithe yabuya inyama ekrwada, yasuka yaba mhlophe, woza kumbingeleli;

13:17 umbingeleli amkhangele, O! sisuke isibetho saba mhlophe, umbingeleli wothi uhlambulukile onesibetho; uhlambulukile ke yena.

13:18 Ke inyama, xa kuthe kwakho kuyo eluswini lwayo ithumba, laphola;

13:19 kwabakho endaweni yethumba ukufukuka okumhlophe, nokuba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, wobonakala kumbingeleli;

13:20 akhangele umbingeleli, O! libonakala lithe gangqa eluswini, unwele lwalo lusuke lwamhlophe; umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa eso, sithe qwele ethumbeni.

13:21 Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! akukho lunwele lumhlophe kulo, alithe gangqa eluswini libunile, umbingeleli womvalela imihla esixhenxe.

13:22 Ke ukuba lithe laqhenqetha kakhulu eluswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho eso.

13:23 Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha: kukuqulungana kwethumba oko; umbingeleli wothi uhlambulukile.

13:24 Ke inyama, xa kuthe kwakho eluswini lwayo umtshiso womlilo, kwathi ukuphola komtshiso kwaba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, nokuba limhlophe kanye,

13:25 walikhangela umbingeleli itshatshazi, O! lusuke lwamhlophe unwele etshatshazini, libonakala lithe gangqa eluswini: liqhenqa ke elo; lithe qwele emtshisweni. Umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.

13:26 Ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! akukho lunwele lumhlophe etshatshazini, alithe gangqa eluswini, libunile: umbingeleli womvalela imihla esixhenxe;

13:27 akhangele umbingeleli ngomhla wesixhenxe; ukuba lithe laqhenqetha kakhulu eluswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.

13:28 Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha eluswini, lisuke labuna: kukufukuka komtshiso oko. Umbingeleli wothi uhlambulukile; kuba kukuqulungana komtshiso oko.

13:29 Xa kuthe kwakho isibetho kwindoda nenkazana entloko, nokuba kusesilevini;

13:30 wasikhangela umbingeleli isibetho, O! sithe gangqa eluswini ukubonakala kwaso, kukho unwele kuso olulubhelu olomileyo, umbingeleli wothi iyinqambi: kukudlathuka kweenwele oko, liqhenqa lasentloko, nokuba lelasesilevini elo.

13:31 Xa athe umbingeleli wasikhangela isibetho sokudlathuka kweenwele, O! asithe gangqa eluswini ukubonakala kwaso, kungekho lunwele lulubhelu kuso, umbingeleli womvalela onesibetho sokudlathuka kweenwele imihla esixhenxe.

13:32 Umbingeleli xa athe wamkhangela onesibetho ngomhla wesixhenxe, O! ukudlathuka akuqhenqethanga, akwabakho lunwele lulubhelu kuye, ukubonakala kokudlathuka kungathanga gangqa eluswini,

13:33 wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.

13:34 Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga eluswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa eluswini, umbingeleli wothi uhlambulukile. Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.

13:35 Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu eluswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe,

13:36 wakukhangela umbingeleli, O! ukudlathuka kuqhenqethile eluswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.

13:37 Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.

13:38 Xa kuthe kwakho kwindoda nakwinkazana eluswini lwenyama yayo amatshatshazi, amatshatshazi amhlophe,

13:39 wakhangela umbingeleli, O! amatshatshazi eluswini lwenyama yabo akanabumhlophe: litshanda elo, lithe qwele eluswini; uhlambulukile.

13:40 Indoda xa ithe intloko yayo yaguda: yinkqayi leyo, uhlambulukile.

13:41 Ukuba ithe yaguda intloko yayo, yathabathela ecaleni lobuso bayo: yimpandla leyo, uhlambulukile.

13:42 Xa kuthe kwakho enkqayini, nokuba kusempandleni, isibetho esimhlophe sayingqombela: liqhenqa elo elithe qwele enkqayini yakhe, nokuba kusempandleni yakhe.

13:43 Umbingeleli womkhangela, O! ukufukuka kweso sibetho kumhlophe, kwayingqombela, enkqayini yakhe nokuba kusempandleni yakhe, ngokubonakala kweqhenqa lolusu lwenyama:

13:44 yindoda eneqhenqa leyo, iyinqambi. Umbingeleli wothi iyinqambi kuphele; isibetho sayo sisentlokweni yayo.

13:45 Lowo uneqhenqa, lowo sikuye isibetho, zokrazulwa iingubo zakhe, ziyekwe iinwele ziyakazele, azigqubuthele iindevu, adanduluke, esithi, Ndiyinqambi, ndiyinqambi!

13:46 Yonke imihla esikhoyo kuye isibetho, woba yinqambi kuphele, ahlale yedwa ngaphandle kweminquba, ukuhlala kwakhe.

13:47 Ingubo xa sithe sabakho kuyo isibetho seqhenqa, engutyeni yoboya nasengutyeni yelinen,

13:48 naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, lwelinen noloboya, nasesikhumbeni, nasezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba;

13:49 ukuba isibetho eso siba buhlazarha, nokuba siba yingqombela engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasemphaleni yonke yesikhumba: sisibetho seqhenqa eso. Soboniswa umbingeleli,

13:50 asikhangele umbingeleli isibetho, ayivalele into enesibetho imihla esixhenxe;

13:51 ayikhangele loo nto inesibetho ngomhla wesixhenxe. Xa sithe saqhenqetha isibetho engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasesikhumbeni, ezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba: liqhenqa elisenza mandundu isibetho. Yinqambi ke leyo.

13:52 Woyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nempahla yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.

13:53 Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba:

13:54 wowisa umthetho umbingeleli, ihlanjwe loo nto sikuyo isibetho, aphinde ayivalele imihla esixhenxe;

13:55 asikhangele umbingeleli isibetho emveni kokuhlanjwa, O! isibetho asiguqukanga ukubonakala kwaso, asiqhenqethanga isibetho: yinqambi loo nto; yotshiswa ngomlilo. Yinkrombonca ngaphakathi nangaphandle.

13:56 Ke ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! isibetho sibunile emveni kokuhlanjwa kwaso: wosikrazula, asikhuphe engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka.

13:57 Ukuba sithe sabuya sabonakala engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba: kukuthi qwele kwaso oko; woyitshisa ngomlilo loo nto sikuyo isibetho.

13:58 Ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, nempahla yonke yesikhumba ehlanjiweyo, ukuba sithe isibetho semka kuyo, yophindwa ihlanjwe, ihlambuluke ke.

13:59 Nguwo lowo ke umyalelo wesibetho seqhenqa engutyeni yoboya neyelinen, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba, wokuthi zihlambulukile, nowokuthi ziziinqambi.

14:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

14:2 Lo woba ngumyalelo woneqheneqa, ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe:

14:3 Woziswa kumbingeleli, aphume umbingeleli aye ngaphandle kweminquba, akhangele umbingeleli, O! isibetho seqhenqa siphilisiwe, semka koneqhenqa;

14:4 awise umthetho umbingeleli, ukuba lowo uzihlambululayo athatyathelwe iintaka ezimbini eziphilileyo, ezihlambulukileyo, nomsedare, noboya obubomvu, nehisope.

14:5 Wowisa umthetho umbingeleli, enye intaka empahleni yomdongwe ixhelelwe phezu kwamanzi aphilileyo;

14:6 ayithabathe intaka ephilileyo, nomsedare, noboya obubomvu, nehisope, azithi nkxu, ndawonye nentaka ephilileyo, egazini lentaka exhelelwe phezu kwamanzi aphilileyo;

14:7 amfefe lowo uza kuhlanjululwa eqhenqeni lakhe izihlandlo zibe sixhenxe, athi uhlambulukile, ayindulule intaka ephilileyo iye ezindle.

14:8 Lowo uzihlambululayo wozihlamba iingubo zakhe, achebe zonke iinwele zakhe, ahlambe emanzini, ahlambuluke ke. Emveni koko wongena eminqubeni, ahlale ngaphandle kwentente yakhe imihla esixhenxe;

14:9 kuthi ngomhla wesixhenxe, achebe zonke iinwele zakhe entloko, nasesilevini sakhe, nasemashiyini akhe, azichebe zonke iinwele zakhe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba wakhe emanzini, ahlambuluke ke.

14:10 Ngomhla wesibhozo wothabatha iimvana ezimbini ezigqibeleleyo, nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo ibe nye, nezahlulo ezithathu zesishumi zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, neloge yeoli ibe nye;

14:11 umbingeleli ohlambululayo ayimise indoda ezihlambululayo, nezo zinto, phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana.

14:12 Woyithabatha umbingeleli enye imvana, ayisondeze ibe lidini letyala, neloge yeoli, azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso ezo nto phambi koYehova;

14:13 ayixhelele imvana apho kuxhelelwa khona idini lesono nedini elinyukayo, endaweni engcwele; kuba, njengokuba lilelombingeleli idini lesono, likwanjalo idini letyala: liyingcwele kangcwele.

14:14 Wocaphula umbingeleli egazini ledini letyala, adyobhe umbingeleli esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.

14:15 Aze acaphule umbingeleli elogeni yeoli, ayigalele esandleni sombingeleli sasekhohlo;

14:16 awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe wasekunene eolini esesandleni sakhe sasekhohlo, afefe inxalenye yeoli ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe phambi koYehova.

14:17 Inxalenye yeoli ese leyo esesandleni sakhe, umbingeleli woyidyobha esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene, phezu kwegazi ledini letyala.

14:18 Eseleyo ioli esesandleni sombingeleli aze ayigalele entloko kulowo uzihlambululayo, umbingeleli amcamagushele ke phambi koYehova.

14:19 Umbingeleli wolenza idini lesono, amcamagushele lowo uzihlambululayo ngenxa yobunqambi bakhe; emveni koko alixhele idini elinyukayo,

14:20 alinyuse umbingeleli idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, esibingelelweni, umbingeleli amcamagushele. Wohlambuluka ke.

14:21 Ukuba uthe waba sisweli, nesandla sakhe asaba nakukufumana oko, wothabatha imvana ibe nye, ibe lidini letyala lokutshangatshangisa, amcamagushele, nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, sibe sinye, ube ngumnikelo wokudla, neloge yeoli;

14:22 namahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, esinokuwafumana isandla sakhe, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo.

14:23 Maze awazise ngomhla wesibhozo kumbingeleli, ukuba ahlanjululwe emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova.

14:24 Umbingeleli woyithabatha imvana elidini letyala, neloge yeoli, ezo nto umbingeleli azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova;

14:25 ayixhele imvana yedini letyala; acaphule umbingeleli egazini ledini letyala, alidyobhe esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.

14:26 Inxalenye yeoli woyigalela umbingeleli esandleni sombinge leli sasekhohlo,

14:27 umbingeleli afefe ngomnwe wakhe wasekunene inxalenye yeoli esesandleni sakhe sasekhohlo, izihlandlo zibe sixhenxe phambi koYehova;

14:28 umbingeleli adyobhe inxalenye yeoli esesandleni sakhe esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene, phezu kwendawo enegazi ledini letyala.

14:29 Eseleyo ioli esesandleni sombingeleli woyigalela entloko kulowo uzihlambululayo, amcamagushele phambi koYehova.

14:30 Wolinikela elinye ihobe, nokuba lelinye igobo levukuthu, esinokulifumana isandla sakhe,

14:31 oko sinokukufumana isandla sakhe; elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, ndawonye nomnikelo wokudla, umbingeleli amcamagushele lowo uzihlambululayo phambi koYehova.

14:32 Nguwo lowo umyalelo walowo sikhoyo kuye isibetho seqhenqa, osandla singabanga nakufumana nto angahlanjululwa ngayo.

14:33 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,

14:34 Xa nithe nafika ezweni lakwaKanan, endininika lona ukuba libe lelenu, ndasibeka isibetho seqhenqa endlwini yelizwe elo lilelenu,

14:35 makeze umninindlu amxelele umbingeleli, esithi, Kubonakala kum ngathi kukho isibetho endlwini.

14:36 Wowisa umthetho umbingeleli, ukuba bayikhuphe impahla endlwini, engekangeni umbingeleli ukuba asikhangele isibetho, ukuze ingabi yinqambi yonke into esendlwini; emveni koko wongena umbingeleli ukuba ayikhangele indlu.

14:37 Akusikhangela isibetho, O! isibetho sisezindongeni zendlu, sizizifanya ezibuhlazarha, nokuba zifuna ukuba ngqombela, ukubonakala kwazo zithe gangqa eludongeni:

14:38 wophuma umbingeleli endlwini, aye emnyango wendlu, ayivale indlu imihla esixhenxe.

14:39 Wobuya umbingeleli ngomhla wesixhenxe akhangele, O! siqhenqethile isibetho ezindongeni zendlu;

14:40 aze awise umthetho umbingeleli, ukuba arholwe amatye esikuwo isibetho eso, aphoswe ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;

14:41 ayiphale indlu ngaphakathi ngeenxa zonke, bawuphose umhlaba abawuphalileyo ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;

14:42 bathabathe matye wambi, bawafake endaweni yaloo matye, kuthatyathwe olunye udaka, ityatyekwe indlu.

14:43 Ukuba sithe sabuya isibetho sathi qwele endlwini, emveni kokurholwa kwamatye, nasemveni kokuphalwa kwendlu, nasemveni kokutyatyekwa kwayo,

14:44 wongena umbingeleli, akhangele, O! siqhenqethile isibetho endlwini: liqhenqa elimandundu endlwini, iyinqambi ke.

14:45 Yodilizwa indlu namatye ayo, nemithi yayo, nodaka lonke lwendlu, zikhutshelwe ngaphandle komzi ezo zinto, ziye kulahlelwa endaweni eyinqambi.

14:46 Lowo ungenayo endlwini, yonke imihla yokuvalwa kwayo, woba yinqambi, ahlwise.

14:47 Lowo ulele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe; nalowo udlele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe.

14:48 Ukuba umbingeleli uthe wangena, wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga endlwini emveni kokutyatyekwa kwendlu, umbingeleli wothi ihlambulukile indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe.

14:49 Wothabatha into yokuhlambulula indlu: iintaka zibe mbini, nomsedare, noboya obubomvu, nehisope.

14:50 Maze ayixhelele enye intaka empahleni yomdongwe phezu kwamanzi aphilileyo; awuthabathe umsedare, nehisope, noboya obubomvu, nentaka ephilileyo, azithi nkxu egazini lentaka exheliweyo, nasemanzini aphilileyo,

14:51 ayifefe indlu izihlandlo zibe sixhenxe;

14:52 ayihlambulule indlu ngegazi lentaka leyo, nangamanzi aphilileyo, nangentaka ephilileyo, nangomsedare, nangehisope, nangoboya obubomvu.

14:53 Woyindulula intaka ephilileyo iye ngaphandle komzi, iye ezindle, ayicamagushele indlu; yohlambuluka ke.

14:54 Nguwo lowo umyalelo osingisele kuzo zonke izibetho zeqhenqa nakuko ukudlathuka kweenwele,

14:55 nakulo iqhenqa lengubo, nelendlu,

14:56 nakuko ukufukuka, nakuyo injaduko, nakulo itshatshazi,

14:57 aboyalwa ngawo ngemini yento eyinqambi, nangemini yento ehlambulukileyo. Nguwo lowo umyalelo weqhenqa.

15:1 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,

15:2 Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi kubo, Indoda ngendoda, xa ithe yanobhobhozo oluphuma enyameni yayo, iyinqambi ngobhobhozo lwayo olo.

15:3 Boba bobu ubunqambi bayo ekubhobhozeni kwayo; nokuba inyama yayo iyachiza ukubhobhoza kwayo, nokuba inyama iyakuvingca ukubhobhoza kwayo, bubunqambi bayo obo.

15:4 Sonke isilili alala kuso lowo ubhobhozayo soba yinqambi, nempahla yonke ahlala kuyo yoba yinqambi.

15:5 Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.

15:6 Lowo uhlala phezu kwempahla abehleli kuyo obhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.

15:7 Lowo uwuchukumisayo umzimba wobhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.

15:8 Xa athe obhobhozayo wamtshicela ohlambulukileyo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.

15:9 Zonke iinqwelo asukuba ekhwela kuzo obhobhozayo zoba ziinqambi.

15:10 Bonke abo bachukumisa nantoni ibiphantsi kwakhe, boba ziinqambi, bahlwise; lowo uyithwalayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.

15:11 Bonke abasukuba bemchukumisa obhobhozayo, bangazigaleli amanzi izandla zabo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.

15:12 Impahla yomdongwe abeyichukumisile obhobhozayo yoqhekezwa; yonke impahla yomthi yoxukuxwa ngamanzi.

15:13 Xa athe wahlambuluka obhobhozayo ekubhobhozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe yokuhlanjululwa kwakhe, azihlambe iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini aphilileyo; wohlambuluka ke.

15:14 Ngomhla wesibhozo wozithabathela amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, eze phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana, awanike umbingeleli;

15:15 awanikele umbingeleli, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo; umbingeleli amcamagushele phambi koYehova ngenxa yokubhobhoza kwakhe.

15:16 Indoda xa ithe yancola, yowuhlamba wonke umzimba wayo emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.

15:17 Neengubo zonke, nezikhumba zonke ezinoncolo, zohlanjwa ngamanzi, zibe ziinqambi, zihlwise.

15:18 Ke umfazi ethe indoda yamlala, bohlamba ngamanzi, babe ziinqambi bahlwise bobabini.

15:19 Umfazi xa athe wampompoza, kwaba ligazi ukumpompoza kwakhe enyameni yakhe, woba sekungcoleni kwakhe imihla esixhenxe; bonke abo bamchukumisayo boba ziinqambi, bahlwise.

15:20 Yonke into asukuba elala phezu kwayo ekungcoleni kwakhe, yoba yinqambi; nento yonke asukuba ehlala phezu kwayo, yoba yinqambi.

15:21 Bonke abo bachukumisa isilili sakhe bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.

15:22 Bonke abo bachukumisa nantoni yempahla ahlala phezu kwayo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.

15:23 Nokuba lisesililini, nokuba lisempahleni ahlala kuyo, ekulichukumiseni kwabo boba ziinqambi, bahlwise.

15:24 Ukuba indoda ithe yalala naye, kwafikelela kuyo ukungcola kwakhe, yoba yinqambi imihla esixhenxe, nesilili sonke elele kuso soba yinqambi.

15:25 Umfazi xa athe wampompoza ukumpompoza kwegazi lakhe imihla emininzi, ingelilo ixesha lokungcola kwakhe, naxa lithe lampompoza ngaphezu kwelokungcola kwakhe: yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokungcola kwakhe, abe yinqambi yena.

15:26 Zonke izilili athe walala kuzo, yonke imihla yokumpompoza kwakhe, zoba njengesilili sokungcola kwakhe kuye; zonke iimpahla athe wahlala kuzo, zoba ziinqambi njengobunqambi bokungcola kwakhe.

15:27 Bonke abo bazichukumisayo ezo nto, boba ziinqambi; bazihlambe iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.

15:28 Ukuba uthe wahlambuluka ekumpompozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe emveni koko, ahlambuluke ke;

15:29 ngomhla wesibhozo azithabathele amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, awazise kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana,

15:30 awanikele umbingeleli, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo. Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova ngenxa yokumpompoza kobunqambi bakhe.

15:31 Nize nibakhwelelise ke oonyana bakaSirayeli ebunqambini babo; bangafeli ebunqambini babo, ngokuwenza inqambi umnquba wam ophakathi kwabo.

15:32 Nguwo lowo umyalelo walowo ubhobhozayo, nowoncolayo waba yinqambi ngaloo nto;

15:33 nowalowo unomzi wokungcola kwakhe, nowalowo umpompoza ukumpompoza kwakhe, nokuba yindoda, nokuba ngumfazi, nokuba yindoda elele nomfazi oyinqambi.

16:1 Wathetha uYehova kuMoses emveni kokufa koonyana ababini baka-Aron, ekusondeleni kwabo phambi koYehova, baza bafa.

16:2 Wathi uYehova kuMoses, Thetha kuAron umkhuluwa wakho, angangeni ngamaxesha onke engcweleni ngaphaya komkhusane, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwetyeya, ukuze angafi; kuba ndiya kubonakala efini phezu kwesihlalo sokucamagusha.

16:3 Wongena uAron engcweleni enezi zinto: enenkunzi entsha, elithole lenkomo, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu, ibe lidini elinyukayo.

16:4 Uya kwambatha ingubo engcwele yangaphantsi yelinen emhlophe, ibekho nebhulukhwe yelinen emhlophe emzimbeni wakhe, abhinqiswe ngombhinqo welinen emhlophe, ajikele unkontsho lwelinen emhlophe: ziingubo ezingcwele ezo. Wowuhlamba umzimba wakhe emanzini, azinxibe ke.

16:5 Wothabatha ebandleni loonyana bakaSirayeli iinkunzi zeebhokhwe ezixhonti zibe mbini, zibe lidini lesono, nenkunzi yemvu enye ibe lidini elinyukayo.

16:6 Woyisondeza uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe.

16:7 Wozithabatha iinkunzi zeebhokhwe zombini, azimise phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana;

16:8 enze amaqashiso uAron phezu kweenkunzi zeebhokhwe zombini: elinye iqashiso libe lelikaYehova, elinye iqashiso libe lelika-Azazele.

16:9 Maze ayisondeze uAron inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso likaYehova, ayenze idini lesono;

16:10 ke yona inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso lika-Azazele, makayimise iphilile phambi koYehova, ayicamagushele, ayithumele kuAzazele entlango.

16:11 Makayisondeze uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe, ayixhele inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe.

16:12 Makathabathe ugcedevu luzele ngamahlahle omlilo esibingelelweni, esisebusweni bukaYehova, azalise izandla zakhe ngesiqhumiso esimnandi esicolekileyo, asingenise ngaphaya komkhusane;

16:13 asibeke isiqhumiso phezu komlilo phambi koYehova, ukuze ilifu lesiqhumiso lisisibekele isihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, ukuze angafi.

16:14 Wocaphula egazini lenkunzi entsha yenkomo, alifefe ngomnwe wakhe esihlalweni sokucamagusha ngasempumalanga, nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha, afefe ngenxalenye yegazi izihlandlo ezisixhenxe ngomnwe wakhe.

16:15 Woyixhela inkunzi yebhokhwe yedini lesono eyeyabantu, alise igazi layo ngaphaya komkhusane, alenze igazi layo njengoko walenzayo igazi lenkunzi entsha yenkomo, alifefe esihlalweni sokucamagusha nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha;

16:16 ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaSirayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo.

16:17 Makungabikho mntu ententeni yokuhlangana, ekungeneni kwakhe ukuya kucamagusha engcweleni, kude kube sekuphumeni kwakhe. Makazicamagushele okwakhe, nokwendlu yakhe, nokwesikhungu sonke samaSirayeli.

16:18 Wophuma aye esibingelelweni esiphambi koYehova, asicamagushele, acaphule egazini lenkunzi entsha yenkomo, nasegazini lenkunzi yebhokhwe, alidyobhe ajikelezise ezimpondweni zesibingelelo;

16:19 asifefe ngenxalenye yegazi ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe, asihlambulule, asingcwalise, ebunqambini boonyana bakaSirayeli;

16:20 agqibe ukuyicamagushela ingcwele nentente yokuhlangana, nesibingelelo. Woyisondeza inkunzi yebhokhwe ephilileyo,

16:21 acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo bonke ubugwenxa boonyana bakaSirayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe, ayithumele entlango ngendoda ezilungisele oko.

16:22 Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni eliqhiwukileyo; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo entlango apho.

16:23 UAron wongena ententeni yokuhlangana, azihlube iingubo zelinen emhlophe, abezambethe ukungena kwakhe engcweleni, azishiye khona;

16:24 awuhlambe umzimba wakhe ngamanzi endaweni engcwele, anxibe iingubo zakhe, aphume, enze idini lakhe elinyukayo, nedini elinyukayo labantu, azicamagushele okwakhe nokwabantu;

16:25 aqhumisele ngenqatha ledini lesono esibingelelweni.

16:26 Lowa wayikhululela kuAzazele inkunzi yebhokhwe, wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni.

16:27 Ke yona inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, nenkunzi yebhokhwe yedini lesono, ezigazi langeniswa ukuba licamagushe engcweleni, zokhutshelwa ngaphandle kweminquba, zitshiswe ngomlilo izikhumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo.

16:28 Lowo uzitshisayo wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni.

16:29 Koba ngummiselo ongunaphakade kuni, ukuthi: Ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo, niyithobe imiphefumlo yenu, ningenzi namnye umsebenzi, nokuba ngozalelwe ekhaya, nokuba ngumphambukeli ophambukele kuni,

16:30 kuba ngaloo mhla uya kunicamagushela, ukuba anihlambulule, nihlambuluke ezonweni zenu zonke phambi koYehova.

16:31 Yisabatha kasabatha kuni; noyithoba imiphefumlo yenu: ngummiselo ke ongunaphakade.

16:32 Wocamagusha ke umbingeleli, lowo uya kuthanjiswa, amiselwe ukuba abe ngumbingeleli esikhundleni sikayise; azinxibe iingubo zelinen emhlophe, iingubo ezingcwele;

16:33 ayicamagushele ingcwele kangcwele, nentente yokuhlangana, asicamagushele isibingelelo, abacamagushele ababingeleli, nabantu bonke besikhungu.

16:34 Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kuni wokubacamagushela oonyana bakaSirayeli ngenxa yezono zabo zonke, kube kanye ngomnyaka. Wenza ke njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

17:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

17:2 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nokoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo, lokuthi:

17:3 Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkomo, nemvu, nebhokhwe, eminqubeni, nosukuba eyixhelela ngaphandle kweminquba,

17:4 angayizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba isondezwe ibe ngumsondezo kuYehova phambi komnquba kaYehova: igazi lobalelwa kuloo mntu; aphalaze igazi; wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo;

17:5 ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo abayibingelelayo ezindle, bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana kumbingeleli, bayibingelele ibe yimibingelelo yoxolo kuYehova.

17:6 Umbigeleli wolitshiza igazi layo esibingelelweni sikaYehova, emnyango wentente yokuhlangana, aqhumisele ngenqatha, libe livumba elithozamisayo kuYehova.

17:7 Mabangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwizithixo ezimaxhonti, abahenyuza ngokuzilandela. Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kubo ezizukulwaneni zabo.

17:8 Wothi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba enyusa idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo,

17:9 angalizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba alinikele kuYehova: wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo.

17:10 Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba esidla yonke into eligazi: ndowuchasa umphefumlo odle igazi, ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.

17:11 Kuba umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo.

17:12 Ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi; nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu makangalidli igazi.

17:13 Umntu ngomntu koonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, osukuba ezingela inyamakazi, nokuba yintaka edliwayo, woliphalaza igazi layo, aliselele ngomhlaba.

17:14 Kuba umphefumlo wenyama yonke, igazi layo eli ngumphefumlo wayo. Ndathi ke koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazilayo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.

17:15 Wonke ubani osukuba esidla into ezifeleyo, neqwengiweyo, engozalelwe ekhaya nomphambukeli, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise; wohlambuluka ke.

17:16 Ukuba akathanga azihlambe, akawuhlamba umzimba wakhe, wobuthwala ubugwenxa bakhe.

18:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

18:2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, NdinguYehova, uThixo wenu.

18:3 Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo.

18:4 Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu.

18:5 Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova.

18:6 Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuze bayo: ndinguYehova.

18:7 Ubuze bukayihlo, ubuze bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe.

18:8 Ubuze bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuze bukayihlo obo.

18:9 Ubuze bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuze bayo.

18:10 Ubuze bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuze bayo; ngokuba ibubuze bakho.

18:11 Ubuze bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuze bayo.

18:12 Ubuze bodade boyihlo uze ungabutyhili: yinyama yoyihlo leyo.

18:13 Ubuze bonyokokazi uze ungabutyhili: kuba yinyama yonyoko leyo.

18:14 Ubuze boyihlokazi uze ungabutyhili, ungasondeli kumkakhe: ngunyokokazi lowo.

18:15 Ubuze bomolokazana wakho uze ungabutyhili: ngumka nyana wakho lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe.

18:16 Ubuze bomfazi womntakayihlo uze ungabutyhili: bubuze bomntakayihlo obo.

18:17 Ubuze bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuze bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo.

18:18 Umfazi uze ungamzekeli phezu kodade wabo, ukuba ubandezele, ukuba ubutyhile ubuze bakhe phezu kwakhe, ekudleni kwakhe ubomi.

18:19 Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuze bakhe.

18:20 Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye.

18:21 Embewini yakho uze unganikeli na mnye, ukuba acandiselwe uMoleki; ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova.

18:22 Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo.

18:23 Uze ungalali nanye into ezitho zine, ukuba uzenze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho zine, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko.

18:24 Musani ukuzenza iinqambi ngezo nto zonke; kuba zenziwa iinqambi ngezo nto zonke iintlanga endizigxothayo ebusweni benu.

18:25 Lenziwe inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo.

18:26 Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu.

18:27 Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe;

18:28 ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu.

18:29 Ngokuba bonke abasukuba besenza nalinye kuloo masikizi, imiphefumlo elenzayo yonqanyulwa, ingabikho phakathi kwabantu bakowayo.

18:30 Ngoko ke ize nisigcine isigxina sam, ningenzi namnye ummiselo olisikizi owenziwa phambi kwenu, ningazenzi iinqambi ngawo: ndinguYehova, uThixo wenu.

19:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

19:2 Thetha kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Yibani ngcwele; kuba ndiyiNgcwele mna, Yehova, uThixo wenu.

19:3 Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu.

19:4 Musani ukubheka kwiinto ezingeni; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.

19:5 Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise.

19:6 Wodliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo.

19:7 Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa.

19:8 Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.

19:9 Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho.

19:10 Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.

19:11 Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani.

19:12 Ize ningalifungi igama lam nixoka; ungalihlambeli igama loThixo wakho: ndinguYehova.

19:13 Uze ungamcudisi ummelwane wakho, uze ungaxhakamfuli; umvuzo womqeshwa uze ungalali kuwe kude kuse.

19:14 Uze ungasitshabhisi isithulu; uze ungabeki sikhubekiso phambi kwemfama; uze umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.

19:15 Ze ningenzi bugqwetha ekugwebeni; unganoneleli nomntu osweleyo, ungabeki buso basikhulu; womgweba ngobulungisa ummelwane wakho.

19:16 Uze ungahambi uyintlebi phakathi kwabantu bakowenu; uze ungalizondi igazi lommelwane wakho: ndinguYehova.

19:17 Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungazithwalisi sono ngenxa yakhe.

19:18 Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako; ndinguYehova.

19:19 Ize niyigcine imimiselo yam. Iinkomo zakho uze ungazizekisi kwiintlobo ezimbini; uze ungayihlwayeli intsimi yakho iintlobo ezimbini zembewu; nengubo yeentlobo ezimbini engumxube ize ingezi phezu kwakho.

19:20 Xa indoda ithe yayilala inkazana, ilikhobokazana eliganelwe indoda, lingakhululwanga ngokuhlawulelwa, lingaphiwanga nenkululeko: bobethwa; bangabulawa, ngokuba belingakhululekile.

19:21 Yolizisa idini letyala layo kuYehova emnyango wentente yokuhlangana, inkunzi yemvu, ibe lidini letyala;

19:22 ayicamagushele umbingeleli ngenkunzi leyo yemvu yedini letyala phambi koYehova ngenxa yesono sayo, eyone ngaso. Yosixolelwa ke isono sayo, eyone ngaso.

19:23 Xa nifikileyo ezweni elo, natyala yonke imithi edliwayo, nothi iziqhamo zayo zikukungaluki; zoba zezingalukanga kuni iminyaka emithathu, ize zingadliwa.

19:24 Ngowesine umnyaka, zonke iziqhamo zayo zoba ngumnikelo ongcwele wendumiso kuYehova.

19:25 Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu.

19:26 Ize ningadli nto inegazi. Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.

19:27 Ze ningazichebi nizizungeleze iintlontlo zentloko yenu; ungaloni udini lweendevu zakho.

19:28 Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova.

19:29 Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala.

19:30 Gcinani iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova.

19:31 Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.

19:32 Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.

19:33 Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli.

19:34 Kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.

19:35 Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento.

19:36 Noba nezikali zobulungisa, namatye obulungisa, ne-efa yobulungisa, nehin yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa.

19:37 Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze: ndinguYehova.

20:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

20:2 Yithi koonyana bakaSirayeli: Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.

20:3 Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.

20:4 Ukuba abantu belizwe elo bathe bawafihla ukuwafihla oku amehlo abo kuloo mntu, ekuyinikeni kwakhe uMoleki imbewu yakhe, abambulala:

20:5 mna ndomchasa loo mntu nemizalwane yakhe, ndimnqamle, nabo bonke abahenyuza ngokumlandela, behenyuzela ukumlandela uMoleki, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.

20:6 Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamla, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.

20:7 Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

20:8 Ize niyigcine imimiselo yam niyenze: ndinguYehova oningcwalisayo.

20:9 Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.

20:10 Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexeze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.

20:11 Indoda esukuba imlala umkayise, ityhile ubuze bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.

20:12 Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.

20:13 Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benze amasikizi: mababulawa bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.

20:14 Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.

20:15 Indoda esukuba ilala into ezitho zine, mayibulawe ife; naloo nto izitho zine niyibulale.

20:16 Inkazana esukuba isondela entweni ezitho zine, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho zine mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.

20:17 Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuze bakhe, wabubona yena ubuze bayo, benze ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhile ubuze bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.

20:18 Indoda esukuba imlala umfazi enomzi yabutyhila ubuze bakhe, yalenza laba ze ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.

20:19 Ubuze bonyokokazi nobodada boyihlo uza ungabutyhili, ngokuba uyenza ibe ze inyama yakhe; bobuthwala ubugwenxa babo.

20:20 Indoda esukuba imlala umkayisekazi, yabutyhila ubuze boyisekazi: bosithwala isono sabo, bafe bengenamntwana.

20:21 Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo: ityhila ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.

20:22 Ize niyigcina imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze, ukuze linganihlanzi ilizwe elo ndinisa kulo ukuba nihlale kulo.

20:23 Ize ningahambi emimiselweni yohlanga olo ndilugxothayo ebusweni benu; ngokuba bazenzile zonke ezo nto, ndakruquka ngabo.

20:24 Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo; ndininikila mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi. NdinguYehova, uThixo wenu, onahluleyo kwezinya izizwe.

20:25 Ize niyahlule into ezitho zine ehlambulukileyo kweyinqambi, nentaka eyinqambi kwehlambulukileyo, ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngento ezitho zine, nangentaka, nangento yonka enambuzelayo emhlabeni, endinahluleyo nayo kuba iyinqambi.

20:26 Ize nibe ngcwele kum, ngokuba ndiyiNgcwele, mna Yehova; ndanahlula kwezinye izizwe, ukuba nibe ngabam.

20:27 Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.

21:1 Wathi uYehova kuMoses. Yitsho kubabingeleli, oonyana baka-Aron, ukuthi, Ze kungabikho uzenza inqambi ngenxa yomfi phakathi kwabantu bakowabo.

21:2 Kungaba ngenxa yenyama yakhe ekufuphi kuya yodwa: unina noyisa, nonyana wakhe, nentombi, yakhe, nomzalwana wakhe.

21:3 Nodade wabo oseyintombi, leyo ikufuphi kuya, ingenandoda, angazenza inqambi ngenxa yayo.

21:4 Engumninimzi nje, makangazenzi inqambi phakathi kwabantu bakowabo, ukuba azihlambele.

21:5 Ize bangenzi mpandla entlokweni yabo, bangaliguyi icala leendevu zabo, bangayicenti inyama yabo.

21:6 Mababe ngcwela kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.

21:7 Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelwayo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.

21:8 Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; woba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.

21:9 Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.

21:10 Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambatha izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli lingubo zakhe;

21:11 angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.

21:12 Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.

21:13 Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.

21:14 Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;

21:15 angayihlambeli imbewu yakhe phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ndinguYehova omngcwalisayo.

21:16 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

21:17 Thetha kuAron, uthi, Indoda phakathi kwembewu yakho ezizukulwaneni zabo, esukuba inesiphako, mayingasondeli isondeze ukudla koThixo wayo.

21:18 Ze kungasondeli nanye indoda, xa sukuba inesiphako: indoda eyimfama, nesiqhwala, nelinyaziweyo ebusweni, nesilima,

21:19 nendoda eyaphuke unyawo, neyaphuke isandla;

21:20 nenofundo, nengcungcuthekileyo, nenomlanga, nenokhwekhwe, nenesitshanguba, netyumke isende.

21:21 Ze kungasondeli nanye indoda enesiphako, yembewu ka-Aron umbingeleli, isondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova; inesiphako; mayingasondeli, isondeze ukudla koThixo wayo.

21:22 Ingakudla ukudla koThixo wayo kwezinto eziziingcwala kangcwele, kwanazingcwela.

21:23 Kodwa mayingezi emkhusaneni, ingasondeli nasesibingelelweni, ngokuba inesiphako; ukuze ingayihlambeli ingcwela yam; ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.

21:24 Wakuthetha ke oko uMoses kuAron noonyana bakhe, noonyana bonke bakaSirayeli.

22:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

22:2 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, bazahlule ezintweni ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, bangalihlambeli igama lam elingcwele ezintweni abazingcwalisayo kum: ndinguYehova.

22:3 Yithi kubo, Ezizukulwaneni zenu, bonke abantu abangabembewu yenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwale, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, benobunqambi babo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebusweni bam: ndinguYehova.

22:4 Umntu ngomntu ongowembewu ka-Aron, oneqhenqa, nobhobhozayo, makangazidli izinto ezingcwele, ade ahlambuluke. Nalowo umchukumisayo wonke ubani oyinqambi ngofileyo, nendoda esukuba incola;

22:5 nomntu osukuba echukumisa yonke into enyakazelayo, eyinqambi kuya, nokuba ngumntu oyinqambi kuye ebunqambini bakhe bonke:

22:6 umphefumlo osukuba uyichukumisa into enjalo, woba yinqambi, uhlwise; lowo makangadli ezintweni ezingcwele. Ke makawuhlambe umzimba wakhe emanzini;

22:7 lakutshona ilanga, wothi ehlambulukile adle emveni koko ezintweni ezingcwele; ngokuba kukudla kwakhe.

22:8 Into ezifeleyo neqwengiweyo makangayidli, azenze inqambi ngayo: ndinguYehova.

22:9 Ize basigcine isigxina sam, bangazithwalisi isono, bafe ngaso, ngokuba besihlambele sona: ndinguYehova obangcwalisayo.

22:10 Wonke ongengowakuni aze angadli nto ingcwele; olundwendwe lombingeleli, nomqeshwa, aze angadli nto ingcwele.

22:11 Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo lowo, kwanozelelwe endlwini yakhe; abo bodla ukudla kwakhe.

22:12 Intombi yombingeleli, xa ithe yendela kwindoda engeyeyakuni, yona mayingadli emrhumeni weento ezingcwele.

22:13 Intombi yombingeleli, xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingazalanga, yabuyela endlwini kayise, yokudla ukudla kukayise njengasebutsheni bayo. Wonke ongengowakuni makangadli kuko.

22:14 Umntu othe wayidla into engcwele ngokulahleka, makongeze isihlanu sayo kuyo, ayinike umbingeleli into engcwele.

22:15 Ize bangazihlambeli izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, ezo bazirhumela uYehova,

22:16 babathwalise ubugwenxa betyala ekudleni kwabo izinto zabo ezingcwele: ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.

22:17 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

22:18 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abakwaSirayeli, osukuba esondeza umsondezo wakhe ngokubhekisele kwizibhambathiso zabo zonke, nangokubhekisele kwimibingelelo yabo yonke yokuqhutywa yintliziyo, asukuba ewusondeza kuYehova, ukuba ube lidini elinyukayo:

22:19 wothi, ukuze unikholekise, ube liduna eligqibeleleyo lasezinkomeni, nokuba lelasezigusheni, nelasezibhokhweni.

22:20 Izinto zonke ezinesiphako ize ningazisondezi, ngokuba azisayi kunikholekisa.

22:21 Umntu, xa athe wasondeza umbingelelo woxolo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane: uze ube ngogqibeleleyo ukuze ukholeke, uze ungabi nasiphako nasiphi.

22:22 Eziziimfama, ezaphukileyo, ezilinyaziweyo, ezinokhwekhwe, ezinesitshanguba, ize ningazisondezi ezo kuYehova, ninganikeli ngazo ukudla kwasemlilweni esibingelelweni kuYehova.

22:23 Inkomo negusha enendawo eyolukileyo, neshwabeneyo, ungayenza umbingelelo wokuqhutywa yintliziyo; ke ayiyi kukholekisa ukuba ingowesibhambathiso.

22:24 Into emasende atyunyuziweyo, nakhandiweyo, naqhiwulweyo, nanqunyulweyo, ize ningayisondezi kuYehova. Ezweni lenu ze ningenjenjalo.

22:25 Nasesandleni sowolunye uhlanga ize ningamkeli nisondeze ukudla koThixo wenu kwezo nto, nakuziphi; ngokuba ukonakala kwazo kukuzo, isiphako sikuzo; aziyi kunikholekisa.

22:26 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

22:27 Inkomo, negusha, nebhokhwe, xa izalwayo, yoba mihla isixhenxe phantsi konina. Kuthabathela kusuku lwesibhozo nangasemva kwalo, iya kukholekisa, ibe ngumsondezo wasemlilweni kuYehova.

22:28 Inkomo, nokuba yigusha, ize ningayixheli ngamini-nye netakane layo.

22:29 Xa nithe nawubingelela umbingelelo wombulelo kuYehova, nowubingelela ukuba unikholekise.

22:30 Wodliwa kwangaloo mhla, ningashiyi nto kuwo kude kuse: ndinguYehova.

22:31 Ize niyigcine imithetho yam, niyenze: ndinguYehova.

22:32 Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli: ndinguYehova oningcwalisayo,

22:33 onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu: ndinguYehova.

23:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23:2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Amaxesha amisiweyo kaYehova, eniya kuwavakalisa ukuba abe ziintlanganiso ezingcwele, ngawo la amaxesha am amisiweyo.

23:3 Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe uyisabatha kasabatha, yintlanganiso engcwele. Ze ningenzi namnye umsebenzi ngawo: yisabatha kaYehova emakhayeni enu onke.

23:4 Ngawo la amaxesha amisiweyo kaYehova, iintlanganiso ezingcwele, eniya kuzivakalisa ngamaxesha azo amisiweyo ngenyanga yokuqala,

23:5 ngolweshumi elinesine enyangeni leyo, lakutshona ilanga, yipasika kaYehova.

23:6 Ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni leyo ngumthendeleko wezonka ezingenagwele kaYehova; iintsuku ezisixhenxe nodla izonka ezingenagwele.

23:7 Ngosuku lokuqala noba nentlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.

23:8 Nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova iintsuku ezisixhenxe; ngosuku lwesixhenxe yintlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.

23:9 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23:10 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo: Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, navuna isivuno salo, nozisa kumbingeleli isinde lokuqala lesivuno senu,

23:11 alitshangatshangise isinde phambi koYehova; ukuze linikholekise, alitshangatshangise umbingeleli ngengomso emva kwesabatha;

23:12 ize ninikele, ngomhla wokulitshangatshangisa kwenu isinde, imvana egqibeleleyo emnyaka mnye, ibe lidini elinyukayo kuYehova;

23:13 nomnikelo walo wokudla ube zizahlulo ezibini zesishumi se-efa zomgubo ocoliweyo, ogalelwe ioli. Kukudla kwasemlilweni kuYehova, livumba elithozamisayo; nomnikelo walo othululwayo wewayini woba sisahlulo sesine sehin.

23:14 Ize ningadli sonka, nakhweba, nangqolowa intsha, ide ibe yinkqu yayo loo mini, nizisa ngayo umsondezo kaThixo wenu: ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke.

23:15 Ize nizibalele iisabatha ezisixhenxe ezigqibeleleyo, nithabathela kwingomso emva kwesabatha, ngomhla wokuzisa kwenu isinde lokutshangatshangisa,

23:16 kude kube lingomso emva kwesabatha yesixhenxe; nobala imihla emashumi mahlanu, nisondeze umnikelo wokudla omtsha kuYehova.

23:17 Emakhayeni enu ize nirhole nizise izonka zokutshangatshangisa zibe zibini, zezahlulo ezibini zesishumi zomgubo ocoliweyo, zosiwe zinegwele, zibe ziintlahlela kuYehova.

23:18 Ndawonye nezonka ezo ize nisondeze iimvana ezigqibeleleyo ezisixhenxe, ezimnyaka mnye, nenkunzi entsha, ithole lenkomo, ibe nye, neenkunzi zezimvu zibe mbini, zibe lidini elinyukayo kuYehova, neminikelo yazo yokudla, neminikelo yazo ethululwayo; kukudla kwasemlilweni, kwevumba elithozamisayo kuYehova.

23:19 Ize ninikele inkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, neemvana ezimbini ezimnyaka mnye zibe ngumbingelelo woxolo.

23:20 Wozitshangatshangisa umbingeleli ezo zinto, ndawonye nezonka eziziintlahlela, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ndawonye neemvana ezimbini; zibe ngcwele kuYehova ngenxa yombingeleli.

23:21 Nize nimeme ngenkqu yayo loo mini, ukuba kubekho intlanganiso engcwele kuni; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Ngummiselo ongunaphakade emakhayeni enu onke ezizukulwaneni zenu.

23:22 Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungaligqibi icala lentsimi yakho ekuvuneni kwakho, ungalubhikici ubhikico lwesivuno sakho; woshiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova uThixo.

23:23 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23:24 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, noba nesabatha, isikhumbuzo sokumema ngesigodlo intlanganiso engcwele.

23:25 Ize ningenzi namnye umsebenzi wakukhonza; nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova.

23:26 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23:27 Kodwa ngolweshumi kule nyanga yesixhenxe, ngomhla wokucamagusha, yoba yintlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu; nisondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova.

23:28 Ize ningenzi namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, kuba ngumhla wokucamagusha, wokunicamagushela phambi koYehova uThixo wenu.

23:29 Kuba wonke umphefumlo, osukuba ungazithobi ngenkqu yayo loo mini, wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.

23:30 Wonke umphefumlo, osukuba usenza namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, ndowutshabalalisa loo mphefumlo, ungabikho phakathi kwabantu bako wawo.

23:31 Ize ningenzi namnye umsebenzi. Ngummiselo ongunaphakade ezi zukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke.

23:32 Yisabatha kasabatha kuni; noyithoba imiphefumlo yenu. Ngolwe sithoba enyangeni leyo, ngokuhlwa, kuthabathele ekuhlweni kuse ekuhlweni, nophumla ngesabatha yenu.

23:33 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23:34 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngosuku lweshumi elinesihlanu kule nyanga yesixhenxe, ngumthendeleko weminquba iintsuku ezisixhenxe kuYehova.

23:35 Ngosuku lokuqala yintlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.

23:36 Iintsuku ezisixhenxe nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova; ngosoku lwesibhozo yoba yintlanganiso engcwele kuni, nisondeze ukudla kwasemlilweni kuYehova. Yingqungquthela; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.

23:37 Ngawo lawo amaxesha amisiweyo kaYehova, enowavakalisa abe ziintlanganiso ezingcwele, okusondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova: idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, umbingelelo neminikelo ethululwayo, into yemini ngangemini yayo;

23:38 ngaphandle kweesabatha zikaYehova, nangaphandle kweminikelo yenu, nangaphandle kwezibhambathiso zenu zonke, nangaphandle kweminikelo yenu yonke yokuqhutywa yintliziyo, enimnikayo uYehova.

23:39 Kodwa ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni yesixhenxe, ekuhlanganiseni kwenu ungeniselo lwelizwe, ize nenze umthendeleko kaYehova iintsuku ezisixhenxe; ngomhla wokuqala yisabatha, nangomhla wesibhozo yisabatha.

23:40 Ize nizithabathele ngomhla wokuqala amahlamvu emithi okuhombisa, amagqabi amasundu, namasebe emithi ethe shinyi, nemingculuba yasemlanjeni; nigcobe phambi koYehova uThixo wenu iintsuku ezisixhenxe.

23:41 Lo mthendeleko nowenzela uYehova iintsuku ezisixhenxe ngomnyaka.

23:42 Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu: niwenze umthendeleko ngenyanga yesixhenxe. Nohlala eminqubeni iintsuku ezisixhenxe; bonke abazalelwe kwaSirayeli bohlala eminqubeni;

23:43 ukuze zazi izizukulwana zenu, ukuba ndabahlalisa oonyana bakaSirayeli eminqubeni, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.

23:44 UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli amaxesha lawo amisiweyo kaYehova.

24:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

24:2 Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, bathabathe bazise kuwe ioli eqaqambileyo yeminquma engqushiweyo yesikhanyiso, ukuba kumiswe isibane samaxesha onke.

24:3 Nganeno komkhusane wesingqino, ententeni yokuhlangana, wohlala ezicwangcisa uAron izibane phambi koYehova, kuthabathela ngokuhlwa kuzise ekuseni: ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu.

24:4 Wohlala ezicwangcisa izibane esiphathweni sezibane esicocekileyo phambi koYehova.

24:5 Uze uthabathe umgubo ocoliweyo, uwose ube yimiqhathane elishumi elinamibini, umqhathane omnye ube zizahlulo ezibini zesishumi.

24:6 Uze uyikrozise ngemikrozo emibini, ibe mithandathu mkrozweni mnye, etafileni ecocekileyo ephambi koYehova;

24:7 ubeke intlaka emhlophe eqaqambileyo phezu komkrozo ngamnye, ibe sisikhumbuzo sesonka, ukudla kwasemlilweni kuYehova.

24:8 Wohlala eyicwangcisa phambi koYehova ngemihla yonke yesabatha, ivela koonyana bakaSirayeli: ngumnqophiso ongunaphakade.

24:9 Yoba yeka-Aron noonyana bakhe, bayidle endaweni engcwele; kuba yingcwele kangcwele kuye, ivela ekudleni kwasemlilweni kukaYehova: ngummiselo ongunaphakade.

24:10 Ke kaloku kwaphuma unyana womSirayelikazi phakathi koonyana bakaSirayeli; waye engunyana womYiputa. Lo nyana womSirayelikazi nomfo wakwaSirayeli bantlalana eminqubeni,

24:11 unyana womSirayelikazi lowo walithuka iGama, watshabhisa. Bamzisa kuMoses (igama lonina lalinguShelomiti, intombi kaDibri, wesizwe sakwaDan).

24:12 Bamfaka elugcinweni, bade babahlulele loo nto ngokomlomo kaYehova.

24:13 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

24:14 Mkhupheni lowo utshabhisileyo, abe ngaphandle kweminquba; bonke abo bamvileyo bacinezele ngezandla zabo entlokweni yakhe, limxulube ngamatye lonke ibandla.

24:15 Uze uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wamtshabhisa uThixo wakhe, wosithwala isono sakhe.

24:16 Olithukayo igama likaYehova makabulawe afe. Lonke ibandla lomxuluba okunene ngamatye, kwanomphambukeli, kwanozalelwe ekhaya; ekulithukeni kwakhe iGama makabulawe.

24:17 Umntu othe wabetha umntu wafa, nokuba nguwuphi, makabulawe afe.

24:18 Obethe inkomo yafa, woyimisela; umphefumlo ngomphefumlo.

24:19 Umntu xa athe wamlimaza ummelwane wakhe, njengoko enze ngako, makwenziwe ngako kuye:

24:20 ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo. Njengoko amlimazileyo umntu, makwenziwe ngoko kuye.

24:21 Obethe inkomo yafa, woyimisela; ke obethe umntu wafa makabulawe.

24:22 Masibe sinye isigwebo senu kumphambukeli nakozalelwe ekhaya; ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.

24:23 Wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli; bamkhuphela phandle kweminquba lowo utshabhisileyo, bamxuluba ngamatye. Benza oonyana bakaSirayeli njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

25:1 Wathetha uYehova kuMoses entabeni yaseSinayi, esithi,

25:2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe elo ke lophumla isabatha kuYehova.

25:3 Woyihlwayela iminyaka emithandathu intsimi yakho, usithene isidiliya sakho iminyaka emithandathu, uhlanganise ungeniselo lwaso;

25:4 ke umnyaka wesixhenxe woba yisabatha yesabatha kulo ilizwe, isabatha kuYehova. Uze ungayihlwayeli intsimi yakho, ungasitheni isidiliya sakho;

25:5 ungawuvuni ummilela wokuvuna kwakho, neediliya zesidiliya sakho esingathenwanga uze ungazisiki. Woba ngumnyaka wesabatha kulo ilizwe.

25:6 Isabatha yalo ilizwe yoba kukudla kuni, kuwe nakwisicaka sakho, nakwisicakakazi sakho, nakumqeshwa wakho, nakolundwendwe kuwe, nakophambukele kuwe,

25:7 nakwiinkomo zakho, nakwiinyamakazi ezisezweni lakho; lonke ungeniselo lwalo loba kukudla.

25:8 Uze uzibalele iisabatha ezisixhenxe zeminyaka, iminyaka esixhenxe ibe zizihlandlo ezisixhenxe, ize imihla yeesabatha ezisixhenxe zeminyaka ibe yiminyaka emashumi mane aneminyaka esithoba kuwe;

25:9 usihambise isigodlo sokumema ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo; ngomhla wokucamagusha nosihambisa isigodlo ezweni lenu lonke;

25:10 umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Woba ngowentlokoma kuni, nibuvele elowo emizalwaneni yakhe.

25:11 Umnyaka woba ngowentlokoma kuni, umnyaka wamashumi omahlanu, ukuba ningahlwayeli, ningawuvuni ummilela, ningasisiki isidiliya esingathenwanga.

25:12 Ngokuba le ntlokoma yoba ngcwele kuni; noludla luvela entsimini ungeniselo lwayo.

25:13 Ngalo mnyaka wentlokoma nobuyela elowo elifeni lakhe.

25:14 Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana.

25:15 Wothenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wothengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo.

25:16 Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo.

25:17 Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

25:18 Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile;

25:19 ilizwe livelise iziqhamo zalo, nidle nihluthe, nihlale nikholosile kulo.

25:20 Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu:

25:21 ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu.

25:22 Nohlwayela ngomnyaka wesibhozo, nidle amahasa kude kube ngumnyaka wesithoba; nodla amahasa lude lufike ungeniselo lwawo.

25:23 Ilizwe ze kungathengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum;

25:24 ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo.

25:25 Xa athe umzalwana wakho wanzonza, wathengisa ngento yelifa lakhe, makeze owalamana naye ofanele ukumkhulula, ayikhulule ngokuyihlawulela loo nto wathengisa ngayo umzalwana wakhe.

25:26 Umntu xa angenabani wokumkhulula, sibe sinokufikelela isandla sakhe sifumane okulingene ukuzikhululela ngentlawulelo:

25:27 wobala iminyaka yokuthengisa kwakhe, abuyisele okugqithiseleyo kuloo mntu wathengisa kuye, abuyele elifeni lakhe.

25:28 Ukuba isandla sakhe asinakufumana okulingene ukubuyisela kuye loo nto wathengisa ngayo, yohlala esandleni salowo uyithengileyo, kude kube ngumnyaka wentlokoma. Yophuma ngowentlokoma, abuyele elifeni lakhe.

25:29 Umntu xa athe wathengisa ngendlu yokuhlala, isemzini onodonga, yoba nokukhululwa ngentlawulelo ude uphele umnyaka wokuthengiswa kwayo; yoba ziintsuku ezithile isenokukhululwa ngentlawulelo.

25:30 Ukuba ithe ayakhululwa ngentlawulelo, wada wazaliseka waphela umnyaka, yoqiniselwa kuphele indlu esemzini onodonga, kulowo wayithengayo ezizukulwaneni zakhe; ayi kuphuma ngomnyaka wentlokoma.

25:31 Ke izindlu zemizana, engabiyelwe ngeendonga, zobalelwa ekuthini ngamasimi alo ilizwe: zoba nokukhululwa ngentlawulelo zona, ziphume ngomnyaka wentlokoma.

25:32 Ke imizi yabaLevi, izindlu zemizi yelifa labo, zoba nokukhululwa ngentlawulelo nanini kubaLevi.

25:33 Ethe yathengwa kubaLevi, indlu ekuthengiswe ngayo emzini welifa lakhe, yophuma ngomnyaka wentlokoma; ngokuba izindlu zemizi yabaLevi zililifa labo phakathi koonyana bakaSirayeli.

25:34 Ilizwe ledlelo lemizi yabo makungathengiswa ngalo, ngokuba lilifa elingunaphakade kubo.

25:35 Xa athe umzalwana wakho wanzonza, isandla sakhe solukela kuwe, somomeleza, aphile nawe engumphambukeli, elundwendwe kuwe.

25:36 Musa ukuthabatha nzala kuye, nalwando lwemboleko; uze woyike uThixo wakho, aphile umzalwana wakho kuwe.

25:37 Imali yakho uze ungamniki ngenxa yenzala, ungamniki ukudla kwakho ngenxa yolwando lwemboleko:

25:38 ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndinike ilizwe lakwaKanan, ndibe nguThixo kuni.

25:39 Xa athe umzalwana wakho wanzonza ekuwe, wazithengisa kuwe, uze ungamkhonzisi ngokukhonza kwekhoboka.

25:40 Woba njengomqeshwa, njengolundwendwe kuwe; wokukhonza kude kube ngumnyaka wentlokoma;

25:41 aphume kuwe enabantwana bakhe, abuyele emizalwaneni yakhe, abuyele elifeni likayise;

25:42 ngokuba ngabakhonzi bam abo, endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. Makungathengiswa ngabo ngokuthengiswa kwekhoboka.

25:43 Uze ungamphathi ngokutyumzayo; uze woyike uThixo wakho.

25:44 Ikhoboka lakho nekhobokazana lakho, la akuwe, oba ngabasezintlangeni eziningqongileyo; nothenga kuzo ikhoboka nekhobokazana.

25:45 Kanjalo koonyana babaziindwendwe kuni, abaphambukele kuni, nothenga kubo, nasemizalwaneni yabo ekuni, abayizalele ezweni lenu; babe lilifa kuni.

25:46 Nobenza babe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba babathabathe babe lilifa, nibakhonzise ngonaphakade. Ke bona abazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, mabangaphathani ngokutyumzayo.

25:47 Xa sithe isandla somphambukeli nolundwendwe kuwe satyeba ekuwe, umzalwana wakho wanzonza ekuye, wazithengisa kumphambukeli olundwendwe kuwe, nakumlibo womzalwana womphambukeli:

25:48 woba nokukhululwa ngentlawulelo emva kokuzithengisa kwakhe. Omnye kubazalwana bakhe womkhulula ngentlawulelo;

25:49 nokuba nguyisekazi, nokuba ngunyana kayisekazi, womkhulula ngentlawulelo; nokuba ngowenyama yenyama yakhe emizalwaneni yakhe, womkhulula ngentlawulelo; nokuba isandla sakhe sithe satyeba, wozikhulula ngokwakhe ngentlawulelo.

25:50 Wobalelana nowamthengayo, athabathele emnyakeni wokuthengiswa kwakhe kuye, ase emnyakeni wentlokoma, ithi imali yokuthengiswa kwakhe ime ngokwenani leminyaka abekuye, ngokwemihla yomqeshwa.

25:51 Ukuba isemininzi iminyaka, woyibuyisa kwimali yokuthengwa kwakhe, ibe ngangayo intlawulelo yokukhululwa kwakhe.

25:52 Ukuba kuthe kwasala iminyaka embalwa, ukuze kube ngumnyaka wentlokoma, wobala ngokweminyaka yakhe, abuyise intlawulelo yokukhululwa kwakhe.

25:53 Woba njengomqeshwa umnyaka ngomnyaka kuye; aze angamphathi ngokutyumzayo emehlweni akho.

25:54 Ukuba uthe, akakhululwa ngentlawulelo ngabo abo, wophuma ngomnyaka wentlokoma, yena enabantwana bakhe.

25:55 Ngokuba kum oonyana bakaSirayeli ngabakhonzi; bangabakhonzi bam endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. NdinguYehova, uThixo wenu.

26:1 Ize ningazenzeli izinto ezingeni, nomfanekiso oqingqiweyo, ningaziphakamiseli isimiso samatye, ningagxumeki ilitye elingumfanekiso ezweni lenu, ukuba niqubude kulo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

26:2 Ize nizigcine iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova.

26:3 Ukuba nithe nahamba emimiselweni yam, nayigcina imithetho yam, nayenza,

26:4 ndoninika iziphango zenu ngexesha lazo; ilizwe lininike indyebo yalo, nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo;

26:5 nento eniyibhulileyo ifikele ekuvunweni kweediliya, ukuvunwa kweediliya kufikelele ekuhlwayeleni, nidle isonka senu, nihluthe, nihlale ezweni lenu nikholosile.

26:6 Ndoninika uxolo ezweni elo, nilale; kungabikho bani unigubhisayo, ndilisuse irhamncwa ezweni elo, ikrele lingahambi ezweni lenu;

26:7 nizisukele iintshaba zenu, zeyele ekreleni phambi kwenu.

26:8 Nibahlanu, nosukela ikhulu; nilikhulu, nosukela amawaka alishumi, zeyele ekreleni iintshaba zenu phambi kwenu.

26:9 Ndonibeka, ndiniqhamise, ndinandise, ndiwumise umnqophiso wam nani, nidle amahasa,

26:10 nikhuphe amahasa endaweni yokudla okutsha;

26:11 ndiwumise umnquba wam phakathi kwenu, ningadimalelwa ngumphefumlo wam.

26:12 Ndohamba phakathi kwenu, ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam.

26:13 NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ningabi ngamakhoboka awo; ndazaphula iidyokhwe zenu, ndanihambisa nathi nkqo.

26:14 Ukuba nithe anandiphulaphula, anayenza le mithetho yonke;

26:15 ukuba nithe nayicekisa imimiselo yam; ukuba uthe umphefumlo wenu wadimala ngamasiko am, ukuze ningayenzi imithetho yam yonke, nesuka nawaphula umnqophiso wam:

26:16 nam ndiya kwenza oku kuni: ndiya kunivelela ngento ekhwankqisayo, ngesifo sephepha, nangecesina ephelisa amehlo, eyethisa umphefumlo; nifumane nihlwayele imbewu yenu, idliwe ziintshaba zenu.

26:17 Ndonichasa nina, ukuze nibethwe phambi kweentshaba zenu, baninyathele abanithiyayo, nisabe kungekho unisukelayo.

26:18 Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako, ndokongeza ukunithethisa kasixhenxe ngenxa yezono zenu.

26:19 Ndolaphula iqhayiya lamandla enu; izulu lenu ndilenze libe njengesinyithi, ilizwe lenu libe njengobhedu;

26:20 agqitywe ngelize amandla enu, ilizwe lenu lingayivelisi indyebo yalo, nemithi yelizwe ingazivelisi iziqhamo zayo.

26:21 Ukuba nithe nahamba ngokundichasa, anavuma ukundiphulaphula, ndosongeza kuni isibetho kasixhenxe ngokwezono zenu;

26:22 ndinithumele amarhamncwa, awonihlutha abantwana benu, aqwenge neenkomo zenu, anenze nibe mbalwa, neendlela zenu zingahanjwa.

26:23 Ukuba nithe anavuma ukuthethiswa ndim noko kungako, nahamba ngokundichasa,

26:24 nam ndohamba ngokunichasa, nam ndinibethe kasixhenxe ngenxa yezono zenu.

26:25 Ndonizisela ikrele eliyiphindezelayo impindezelo yomnqophiso. Nokuba nihlanganisene emizini yenu, ndothuma indyikitya yokufa phakathi kwenu, ninikelwe esandleni sotshaba.

26:26 Ekuwaphuleni kwam umsimelelo osisonka senu, abafazi abalishumi bososela zikweni-nye isonka senu, basibuyise isonka senu besilinganisile, nidle ningahluthi.

26:27 Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako, nahamba ngokundichasa,

26:28 ndohamba ngokunichasa ngokushushu, ndinithethise nam kasixhenxe ngenxa yezono zenu;

26:29 nidle inyama yoonyana benu, nidle nenyama yeentombi zenu.

26:30 Ndozitshabalalisa iziganga zenu, ndizigawule iintsika zenu zelanga, ndiziphose izidumbu zenu phezu kwezidumbu zezigodo ezizizithixo zenu; umphefumlo wam udimale nini.

26:31 Imizi yenu ndoyenza amanxuwa, ndizenze kube senkangala iingcwele zenu, ndingalivi ivumba lenu lokuthozamisa;

26:32 ilizwe ndilenze mna kube senkangala, iintshaba zenu ezimiyo kulo zimangaliswe lilo.

26:33 Ndonichithachitha phakathi kweentlanga, ndirhole ikrele lam emva kwenu, ilizwe lenu kube senkangala, imizi yenu ibe ngamanxuwa.

26:34 Liya kwandula ukwaneliswa ziisabatha zalo ilizwe, yonke imihla ekusenkangala ngayo, nina ke nisezweni leentshaba zenu. Liya kwandula ukuphumla ilizwe, laneliswe ziisabatha zalo.

26:35 Yonke imihla ekusenkangala ngayo lophumla; oko lingakuphumlanga ngeesabatha zenu ekulihlaleni kwenu.

26:36 Abaseleyo kuni, ndongenisa inyungu ezintliziyweni zabo emazweni eentshaba zabo; bagxothwe kukurhashaza kwegqabi eliphetshethwayo, basabe ngathi basaba ikrele, bawe kungekho ubasukelayo;

26:37 bakhubeke omnye komnye njengaphambi kwekrele, kungekho ubasukelayo. Anisayi kuba nakumisa phambi kweentshaba zenu.

26:38 Nobhubha phakathi kweentlanga, ilizwe leentshaba zenu linidle.

26:39 Abaseleyo kuni bongcungcutheka ebugwenxeni babo emazweni eentshaba zenu, nasebugwenxeni booyise, bangcungcutheke benabo.

26:40 Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise —ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa,

26:41 endathi nam ndahamba ngokubachasa, ndabasa ezweni leentshaba zabo—kanye ukuba zithe zathobeka iintliziyo zabo ezingalukanga; ukuba bathe bandula ukwaneliswa bubugwenxa babo:

26:42 ndowukhumbula umnqophiso wam noYakobi, kwanomnqophiso wam noIsake, kwanomnqophiso wam noAbraham; nelizwe ndilikhumbule.

26:43 Nelizwe liya kushiywa ngabo laneliswe ziisabatha zalo, xa kuthe kwasenkangala, ababakho kulo; baneliswe bona bubugwenxa babo ngenxa enokuba bawacekisayo amasiko am, nomphefumlo wabo wadimala yimimiselo yam.

26:44 Kanti ke noko kude kwanjalo, baba sezweni leentshaba zabo, andibacekisele; andidimele ngabo ukuba ndibagqibe, ndaphule umnqophiso wam nabo; kuba ndinguYehova, uThixo wabo.

26:45 Ndonikhumbulela umnqophiso wam namanyange endiwakhuphe ezweni laseYiputa phambi kweentlanga, ukuba ndibe nguThixo kubo; ndinguYehova.

26:46 Yiyo leyo imimiselo, namasiko, nemiyalelo, awayenzayo uYehova phakathi kwakhe noonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi, ngesandla sikaMoses.

27:1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

27:2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa athe umntu wenza isibhambathiso esibalulekileyo, imiphefumlo yoba yekaYehova ngokulinganisela kwakho.

27:3 Ke, ukulinganisela kwakho, oyindoda makuthabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, kuse kominyaka imashumi mathandathu ezelwe: ukulinganisela kwakho makube ziishekele zesilivere ezimashumi mahlanu zengcwele.

27:4 Ke ukuba yinkazana, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezimashumi mathathu.

27:5 Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kwesa kumntwana ominyaka imashumi mabini, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele ezimashumi mabini; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

27:6 Ukuba kuthabathele kumntwana onyanga-nye, kwesa kumntwana ominyaka mihlanu, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele zesilivere ezintlanu; ukulinganisela kwakho oyinkazana makube ziishekele zesilivere ezintathu.

27:7 Ukuba kuthabathele kominyaka imashumi mathandathu ezelwe kwenyusa, ukuba uyindoda, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezilishumi elinesihlanu; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

27:8 Ke ukuba uthe wanzonza kunokulinganisela kwakho, makamiswe phambi kombingeleli, umbingeleli amlinganisele; ngento esinokuyifumana isandla salowo ubhambathisileyo, umbingeleli amlinganisele.

27:9 Ukuba yinkomo leyo, kusondezwa yona ukuba ibe ngumsondezo kuYehova, yonke into enjalo enikelwa kuYehova mayibe ngcwele.

27:10 Ize ingaguqulwa, ize ingananwa, elungileyo ngembi, embi ngelungileyo; ukuba uthe wanana ukwanana oku inkomo ngenkomo, mayibe ngcwele yona, kwanaleyo kwananwe ngayo.

27:11 Ke ukuba yinto ezitho zine eyinqambi, nokuba yiyiphi, ekungasondezwa msondezo wayo kuYehova, into leyo izitho zine mayimiswe phambi kombingeleli,

27:12 umbingeleli ayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; yoba njengokulinganisela kwakho, wena mbingeleli.

27:13 Ukuba uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo, makongeze isahlulo sesihlanu sayo kuko oko kulinganisela kwakho.

27:14 Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli makayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi njengoko umbingeleli ayilinganiseleyo, yoqiniseka ngokunjalo.

27:15 Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula ngentlawulelo indlu yakhe, makongeze isahlulo sesihlanu sesilivere yokulinganisela kwakho kuko oko, ibe yeyakhe.

27:16 Ukuba umntu uthe wangcwalisa kuYehova inxalenye yentsimi yelifa lakhe, ukulinganisela kwakho makube ngokwembewu yayo, ihomere yembewu yerhasi ngeeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu.

27:17 Ukuba uthe wayingcwalisa intsimi yakhe, ethabathe emnyakeni wentlokoma, mayiqiniseke ngokulinganisela kwakho.

27:18 Ukuba uthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.

27:19 Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo intsimi, makongeze isahlulo sesihlanu semali yokulinganisela kwakho kuko oko, iqiniseke kuye.

27:20 Ukuba uthe akayikhulula ngentlawulelo intsimi, nokuba uthe wathengisa ngentsimi leyo komnye umntu, mayingabi sakhululwa ngentlawulelo.

27:21 Loo ntsimi yoba ngcwele kuYehova, ekuphumeni kwayo kuloo mntu ngomnyaka wentlokoma, njengentsimi eyahlulelwe ukuba ibe lilifa lombingeleli.

27:22 Ukuba uthe wangcwaliswa kuYehova intsimi yentengo yakhe, ingentsimi yelifa lakhe,

27:23 umbingeleli makambalele inani lokulinganisela kwakho, kuse emnyakeni wentlokoma, anike ukulinganisela kwakho ngaloo mhla, kube njengento engcwele kuYehova.

27:24 Ngomnyaka wentlokoma intsimi mayibuyele kulowo yathengwa kuye, kulowo belilelakhe ilifa lomhlaba.

27:25 Konke ukulinganisela kwakho makube ngeshekele yengcwele; ishekele yoba ziigera ezimashumi mabini.

27:26 Ngamazibulo odwa ezintweni ezizitho zine, azityulelwa kuYehova, angayi kungcwaliswa mntu, nokuba yinkomo, nokuba yimvu; ngakaYehova.

27:27 Ukuba ngawezinto ezizitho zine eziziinqambi, makamiselwe ngokulinganisela kwakho, kongezwe isahlulo sesihlanu sayo kuko oko; ke ukuba athe akakhululwa ngentlawulelo, makuthengiswe ngawo ngokulinganisela kwakho.

27:28 Kodwa yonke into esingelwe phantsi, asukuba umntu eyisingela kuYehova entweni yonke anayo, nokuba ngumntu, nokuba yinto ezizitho zine, nokuba yintsimi yelifa lakhe, makungathengiswa ngayo, mayingakhululwa nangentlawulelo. Yonke into esingelwe phantsi yingcwele kangcwele kuYehova.

27:29 Yonke into esingelwe phantsi ethe yasingelwa phantsi ingumntu, mayingakhululwa nangokumiselwa; mayibulawe ife.

27:30 Sonke isishumi somhlaba, sembewu yomhlaba, seziqhamo zomthi, sesikaYehova; singcwele kuYehova.

27:31 Ukuba uthe umntu wasikhulula okunene ngentlawulelo isishumi sakhe, makongeze kuso isahlulo sesihlanu saso.

27:32 Sonke isishumi seenkomo, nasempahleni emfutshane, yonke into ethubeleza phantsi kwentonga, eyeshumi mayibe ngcwele kuYehova.

27:33 Makangagocagoci phakathi kwelungileyo nembi, angayanani; ukuba uthe wayanana ukuyanana oku, mayibe ngcwele yona, naleyo kwananwe ngayo mayingakhululwa ngentlawulelo.

27:34 Yiyo leyo imithetho uYehova wayiwisela uMoses ngenxa yoonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi.


Next: Numbers