Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Mark

1:1 Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.

1:2 Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.

1:3 Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi; Zityenenezeni iindlela zayo!

1:4 Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.

1:5 Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.

1:6 Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle.

1:7 Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.

1:8 Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

1:9 Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.

1:10 Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.

1:11 Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.

1:12 Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango.

1:13 Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela.

1:14 Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo,

1:15 esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.

1:16 Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi.

1:17 Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

1:18 Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.

1:19 Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo.

1:20 Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.

1:21 Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.

1:22 Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.

1:23 Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala,

1:24 esithi, Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.

1:25 Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye.

1:26 Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.

1:27 Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele?

1:28 Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili.

1:29 Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.

1:30 Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko.

1:31 Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela.

1:32 Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon.

1:33 Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho.

1:34 Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi.

1:35 Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.

1:36 Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye.

1:37 Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna.

1:38 Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.

1:39 Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon.

1:40 Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.

1:41 UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka.

1:42 Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.

1:43 Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko.

1:44 Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.

1:45 Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.

2:1 Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usekhaya,

2:2 Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.

2:3 Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabane.

2:4 Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.

2:5 Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.

2:6 Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi,

2:7 Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?

2:8 Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu?

2:9 Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Uzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?

2:10 Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe),

2:11 Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

2:12 Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.

2:13 Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa.

2:14 Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela.

2:15 Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela.

2:16 Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni?

2:17 Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

2:18 Baye abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla; beze bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti ke abakho abafundi abakuzili bona?

2:19 Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? Lo gama wonke asekubo umyeni, abanako ukuzila ukudla.

2:20 Ke kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni; baya kwandula ke ukuzila ngaloo mihla.

2:21 Akukho uthungela isiziba somchako omtsha engutyeni endala; okanye ke eso sifakiweyo, sitsha, sokrazula kuyo endala, sibe sibi ngokunye isikroba.

2:22 Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha.

2:23 Kwathi ehamba ecanda emasimini ngesabatha, baqala abafundi bakhe ukuhamba besikha izikhwebu.

2:24 Baye besithi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo?

2:25 Wathi yena kubo; Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye?

2:26 Okokuba wangena endlwini kaThixo ngexesha lika-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwe phambi koThixo, ezo kungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye?

2:27 Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha.

2:28 Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

3:1 Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo.

3:2 Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele.

3:3 Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi.

3:4 Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu.

3:5 Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.

3:6 Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.

3:7 Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda,

3:8 naseYerusalem, nakwelakwaIdume, naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye.

3:9 Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini.

3:10 Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho;

3:11 nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Unguye wena uNyana kaThixo.

3:12 Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili.

3:13 Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye.

3:14 Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo,

3:15 babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.

3:16 YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros;

3:17 yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo;

3:18 yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,

3:19 noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.

3:20 Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.

3:21 Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza.

3:22 Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.

3:23 Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana?

3:24 Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;

3:25 nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;

3:26 noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.

3:27 Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo.

3:28 Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;

3:29 ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.

3:30 Watsho kuba besithi, Unomoya ongcolileyo.

3:31 Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.

3:32 Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.

3:33 Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?

3:34 Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam.

3:35 Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.

4:1 Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheke elwandle apho.

4:2 Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe,

4:3 Phulaphulani; yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;

4:4 kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.

4:5 Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba;

4:6 ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.

4:7 Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.

4:8 Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.

4:9 Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.

4:10 Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.

4:11 Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso;

4:12 ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.

4:13 Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke?

4:14 Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.

4:15 Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.

4:16 Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya;

4:17 babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.

4:18 Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi;

4:19 aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.

4:20 Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.

4:21 Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso?

4:22 Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingafihlelwa ukuba ize ekuhleni.

4:23 Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.

4:24 Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.

4:25 Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako.

4:26 Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni;

4:27 aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.

4:28 Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini;

4:29 athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna.

4:30 Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na?

4:31 Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni;

4:32 luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo.

4:33 Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva.

4:34 Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.

4:35 Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya.

4:36 Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.

4:37 Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku.

4:38 Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?

4:39 Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.

4:40 Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo?

4:41 Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?

5:1 Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara.

5:2 Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni,

5:3 obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;

5:4 ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa.

5:5 Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.

5:6 Uthe ke akumbona UYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,

5:7 wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.

5:8 Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.

5:9 Wayembuza esithi, Ungubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.

5:10 Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.

5:11 Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

5:12 Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.

5:13 Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

5:14 Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.

5:15 Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.

5:16 Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu.

5:17 Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.

5:18 Akubon’ ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye.

5:19 Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe.

5:20 Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.

5:21 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.

5:22 Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,

5:23 ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.

5:24 Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.

5:25 Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,

5:26 eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:

5:27 yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;

5:28 kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.

5:29 Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.

5:30 UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?

5:31 Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?

5:32 Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.

5:33 Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke.

5:34 Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.

5:35 Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi?

5:36 Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.

5:37 Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi.

5:38 Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu.

5:39 Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele.

5:40 Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana.

5:41 Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!

5:42 Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu.

5:43 Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; watsho nokuthi, mayiphiwe idle.

6:1 Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe.

6:2 Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?

6:3 Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo abakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye.

6:4 Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo.

6:5 Wayengenako ukwenza na mnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.

6:6 Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa.

6:7 Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; wayebanika igunya koomoya abangcolileyo;

6:8 wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; bangaphathi ngxowa, nasonka, namali embhinqweni;

6:9 bathi kodwa banxibe izixathula; bangambathi neengubo zangaphantsi ngambini.

6:10 Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.

6:11 Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

6:12 Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu.

6:13 Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.

6:14 Ke kaloku wakuva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye.

6:15 Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti.

6:16 Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo.

6:17 Kuba uHerode ngokwakhe wabethe wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile.

6:18 Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho.

6:19 Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako;

6:20 kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi.

6:21 Kwathi, kwakufika umhla owamlungelayo uHerodiya, xeshikweni uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayezenzela isidlo izidwangube zakhe, nabathetheli-waka, namanene elaseGalili,

6:22 yakubon’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha.

6:23 Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam.

6:24 Iphumile ke yathi kunina, Ndicele ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi.

6:25 Yeza kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.

6:26 Waba buhlungu kakhulu ukumkani; noko, ngenxa yezifungo zakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela.

6:27 Uthe kwaoko ukumkani wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. Wesuka waya ke lowo, wamnqumla intloko entolongweni.

6:28 Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina.

6:29 Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.

6:30 Bathi bahlanganisana abapostile kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile.

6:31 Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.

6:32 Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango.

6:33 Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye.

6:34 Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.

6:35 Kuthi kwakubon’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu;

6:36 bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.

6:37 Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle?

6:38 Uthi ke yena kubo, Izonka eninazo zingaphi na? Hambani niye kukhangela. Besazi, bathi, Zihlanu, neentlanzi ezimbini.

6:39 Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza.

6:40 Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu.

6:41 Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke.

6:42 Badla ke bonke bahlutha.

6:43 Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.

6:44 Baye abo babezidla izonka ezo bekumawaka omahlanu amadoda.

6:45 Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena.

6:46 Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.

6:47 Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni.

6:48 Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.

6:49 Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala;

6:50 kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.

6:51 Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;

6:52 kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.

6:53 Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.

6:54 Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu;

6:55 bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona.

6:56 Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.

7:1 Kwahlanganisana kuye abaFarisi, nabathile kubabhali, bevela eYerusalem;

7:2 bathi, bakubona abathile kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi ngezingahlanjwanga, basuka basola.

7:3 Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange.

7:4 Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; zikho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, nezingqengqelo.

7:5 Bandula bambuza abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga?

7:6 Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum.

7:7 Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.

7:8 Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo.

7:9 Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu.

7:10 Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa;

7:11 ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile;

7:12 ningabi samvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina;

7:13 niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.

7:14 Wayibizela kuye yonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde:

7:15 akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu.

7:16 Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.

7:17 Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo.

7:18 Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi?

7:19 Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo.

7:20 Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu;

7:21 kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala,

7:22 oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;

7:23 zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.

7:24 Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.

7:25 Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;

7:26 yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.

7:27 Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

7:28 Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.

7:29 Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.

7:30 Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo.

7:31 Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.

7:32 Bazisa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso.

7:33 Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso,

7:34 wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka.

7:35 Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa.

7:36 Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi.

7:37 Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.

8:1 Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo,

8:2 Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo;

8:3 ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.

8:4 Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?

8:5 Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.

8:6 Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele.

8:7 Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.

8:8 Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.

8:9 Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mane; wabandulula.

8:10 Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.

8:11 Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga.

8:12 Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana.

8:13 Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya.

8:14 Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye.

8:15 Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode.

8:16 Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka.

8:17 Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na? Isaqaqadekile na intliziyo yenu?

8:18 Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na?

8:19 Okuya ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini.

8:20 Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe.

8:21 Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?

8:22 Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise.

8:23 Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?

8:24 Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.

8:25 Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.

8:26 Uthi ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi.

8:27 Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?

8:28 Baphendula ke bona ngokuthi, Bathi unguYohane umbhaptizi; abanye bathi unguEliya; bambi ke bathi ungomnye wabaprofeti.

8:29 Athi yena kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.

8:30 Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye.

8:31 Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke.

8:32 Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela.

8:33 Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu.

8:34 Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke.

8:35 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa.

8:36 Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe?

8:37 Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?

8:38 Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.

9:1 Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.

9:2 Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo.

9:3 Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako.

9:4 Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.

9:5 Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.

9:6 Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu.

9:7 Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.

9:8 Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.

9:9 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.

9:10 Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.

9:11 Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci?

9:12 Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto.

9:13 Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.

9:14 Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo.

9:15 Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa.

9:16 Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?

9:17 Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;

9:18 apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.

9:19 Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum.

9:20 Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu.

9:21 Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana;

9:22 umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.

9:23 Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.

9:24 Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam.

9:25 Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye.

9:26 Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile.

9:27 Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.

9:28 Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?

9:29 Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

9:30 Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani;

9:31 kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu.

9:32 Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza.

9:33 Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?

9:34 Bahlala ke bathi tu; kuba endleleni babephikisene ngokuthi, Ngubani na omkhulu kunabanye?

9:35 Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.

9:36 Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo,

9:37 Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.

9:38 Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.

9:39 Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam.

9:40 Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu.

9:41 Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.

9:42 Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.

9:43 Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,

9:44 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

9:45 Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,

9:46 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

9:47 Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo,

9:48 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

9:49 Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa.

9:50 Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.

10:1 Esukile apho, uze kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Kubuya kuhlanganiselane izihlwele kuye; ubesithi ke, njengoko ebeqhele ngako, abuye azifundise.

10:2 Bafika abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo; batsho bemlinga.

10:3 Waphendula ke wathi kubo, UMoses waniwisela mthetho mni na?

10:4 Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala.

10:5 Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho;

10:6 kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana.

10:7 Ngenxa yoko umntu uyakushiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe;

10:8 baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye.

10:9 Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.

10:10 Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto.

10:11 Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa.

10:12 Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.

10:13 Baye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo.

10:14 Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.

10:15 Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.

10:16 Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.

10:17 Akubon’ ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

10:18 Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela-nguThixo.

10:19 Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.

10:20 Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam.

10:21 Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo.

10:22 Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.

10:23 UYesu esingasingile, wathi kubafundi bakhe, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo!

10:24 Ke bathi qhiphu umbilini abafundi ngamazwi akhe. Aphinde ke uYesu, aphendule athi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo!

10:25 Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

10:26 Baye bekhwankqiswa ke ngokuncamisileyo, besitshono ukuthi, Ngubani na ongasindiswayo?

10:27 Ondele ke kubo uYesu, uthi, Kubantu akunakwenzeka; kuye yena uThixo akunakuba kungenzeki; kuba zonke izinto zinako ukwenzeka kuye uThixo.

10:28 Waqala uPetros ukuthi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke, sakulandela.

10:29 Waphendula uYesu wathi, Inene ndithi kuni, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi,

10:30 ongayi kuthi amkeliswe kalikhulu: ngoku ngeli xesha, izindlu, nabazalwana, noodade, noonina, nabantwana, namasimi, ndawonye neentshutshiso; nakwelizayo iphakade, ubomi obungunaphakade.

10:31 Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

10:32 Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo; baye bethe qhiphu umbilini, balandela besoyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, esithi,

10:33 Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga.

10:34 Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

10:35 Kuthi kuze kuye uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, besithi, Mfundisi, sithanda ukuba usenzele into esothi siyicele.

10:36 Wathi ke yena kubo, Nithanda ukuba ndinenzele ntoni na?

10:37 Bathi ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho.

10:38 Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo: ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi ke bona kuye, Sinako.

10:39 Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo;

10:40 kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako, ngaphandle kokupha abo kulungiselwe bona.

10:41 Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane.

10:42 Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, bayazigagamela; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.

10:43 Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba efuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;

10:44 nosukuba efuna ukuba ngowokuqala, makabe ngumkhonzi wabo bonke;

10:45 kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

10:46 Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba.

10:47 Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba.

10:48 Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.

10:49 Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk’ ume; uyakubiza.

10:50 Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu.

10:51 Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni, ndithanda ukuba ndibone.

10:52 Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

11:1 Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe,

11:2 athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.

11:3 Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nothi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.

11:4 Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.

11:5 Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?

11:6 Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.

11:7 Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.

11:8 Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.

11:9 Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.

11:10 Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!

11:11 Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini.

11:12 Uthe ngengomso, bakubon’ ukuba baphumile eBhetani, walamba.

11:13 Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.

11:14 Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.

11:15 Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa.

11:16 Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.

11:17 Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.

11:18 Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.

11:19 Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.

11:20 Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.

11:21 Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi, khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.

11:22 Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.

11:23 Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.

11:24 Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.

11:25 Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.

11:26 Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.

11:27 Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon’ ukuba uyahamba etempileni, kuze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu;

11:28 bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze?

11:29 Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

11:30 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni.

11:31 Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

11:32 Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwini—babesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene.

11:33 Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

12:1 Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.

12:2 Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso.

12:3 Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha.

12:4 Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile.

12:5 Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala.

12:6 Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.

12:7 Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu.

12:8 Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.

12:9 Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.

12:10 Anisilesanga na esi sibhalo sithi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo;

12:11 Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu?

12:12 Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.

12:13 Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.

12:14 Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, kusini na? Sinikele, singanikeli, kusini na?

12:15 Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone.

12:16 Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?

12:17 Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye.

12:18 Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi,

12:19 Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.

12:20 Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu.

12:21 Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu.

12:22 Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi.

12:23 Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi.

12:24 Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?

12:25 Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini.

12:26 Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?

12:27 AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.

12:28 Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?

12:29 UYesu wamphendula ke esithi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye;

12:30 uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, na ngomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho.

12:31 Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale.

12:32 Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe;

12:33 nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo.

12:34 UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto.

12:35 Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu ungunyana kaDavide?

12:36 Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.

12:37 UDavide ngoko ngokwakhe uthi, UyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.

12:38 Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,

12:39 nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;

12:40 abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo.

12:41 Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.

12:42 Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.

12:43 Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;

12:44 kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.

13:1 Kwakubon’ ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?

13:2 Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

13:3 Baye, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi,

13:4 Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa.

13:5 Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;

13:6 kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu, balahlekise into eninzi.

13:7 Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho;

13:8 kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.

13:9 Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.

13:10 Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.

13:11 Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele.

13:12 Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise;

13:13 nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.

13:14 Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni.

13:15 Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe.

13:16 Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe.

13:17 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!

13:18 Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika.

13:19 Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho.

13:20 Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo.

13:21 Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye;

13:22 kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka.

13:23 Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili.

13:24 Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo;

13:25 zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi mamandla asemazulwini azanyazanyiswe.

13:26 Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli.

13:27 Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.

13:28 Wufundeni ke kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo.

13:29 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.

13:30 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.

13:31 Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

13:32 Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise.

13:33 Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo;

13:34 njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde.

13:35 Lindani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;

13:36 hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.

13:37 Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.

14:1 Ke kaloku bekuza kubakho ipasika, izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.

14:2 Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu.

14:3 Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko.

14:4 Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?

14:5 Kuba la mafutha bekungathengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.

14:6 Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenze umsebenzi omhle kum;

14:7 kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.

14:8 Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.

14:9 Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

14:10 UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo.

14:11 Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angathini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.

14:12 Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Unga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika?

14:13 Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni.

14:14 Apho athe wangena khona, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Iphi na indlu yabahambi, apho ndingayidlela khona ipasika nabafundi bam?

14:15 Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho.

14:16 Baphuma abafundi bakhe abo, baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika.

14:17 Uthi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini.

14:18 Bakubon’ ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam.

14:19 Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Nomnye wathi, Ingaba ndim, yini na?

14:20 Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni.

14:21 UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.

14:22 Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.

14:23 Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke.

14:24 Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.

14:25 Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.

14:26 Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

14:27 Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.

14:28 Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.

14:29 Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye.

14:30 Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

14:31 Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.

14:32 Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze;

14:33 athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu.

14:34 Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.

14:35 Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo.

14:36 Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.

14:37 Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa?

14:38 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

14:39 Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.

14:40 Uthe akubuya, wabafumana bebuye balala; kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona.

14:41 Afike okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle; kwanele; lifikile ilixa; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni.

14:42 Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.

14:43 Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu.

14:44 Ke kaloku, lowo umnikelayo waye ebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqabisile.

14:45 Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi; wamanga.

14:46 Bamsa ke isandla, bambamba.

14:47 Uthe ke omnye wabo babemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.

14:48 Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange?

14:49 Bendikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo.

14:50 Bamshiya bonke, babaleka.

14:51 Wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ilinen entle emzimbeni; asuka ayibamba ke amadodana.

14:52 Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize.

14:53 Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, babuthelana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali.

14:54 Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo.

14:55 Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani.

14:56 Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani.

14:57 Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi,

14:58 Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.

14:59 Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.

14:60 Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe?

14:61 Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa?

14:62 Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.

14:63 Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?

14:64 Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.

14:65 Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aye amadindala emtywakraza.

14:66 Kuthi ke, akubon’ ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu,

14:67 ambone uPetros esotha, ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.

14:68 Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.

14:69 Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo.

14:70 Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros. Inyaniso, ungowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.

14:71 Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo.

14:72 Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili inkuku kabini, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.

15:1 Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato.

15:2 UPilato wambuza esithi, Unguye na ukumkani wamaYuda? Waphendula ke yena wathi kuye, Nawe utsho.

15:3 Baye bemmangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu.

15:4 Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento na? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe.

15:5 Noko ke uYesu akabanga saphendula nto yena, ngokokude amangaliswe uPilato.

15:6 Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko ubeqhele ukubakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela.

15:7 Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulalayo nokubulala esaqungeni apho.

15:8 Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo.

15:9 Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na?

15:10 Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona.

15:11 Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas.

15:12 Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda?

15:13 Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni!

15:14 Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni!

15:15 Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

15:16 Athi amasoldati amrholele ngaphakathi kwentendelezo, oko kukuthi endlwini yerhuluneli; alibizele ndawonye ibutho lawo liphela;

15:17 amambathise ngebomvu; aluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso,

15:18 aqale ukumbulisa, athi, Aa! Kumkani wamaYuda!

15:19 Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.

15:20 Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.

15:21 Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.

15:22 Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.

15:23 Ayemnika iwayini enemore, ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.

15:24 Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile.

15:25 Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.

15:26 Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, uKumkani wamaYuda.

15:27 Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.

15:28 Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.

15:29 Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

15:30 zisindise, uhle emnqamlezweni.

15:31 Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa.

15:32 UKristu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva.

15:33 Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba.

15:34 Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! Thixo wam! undishiyeleni na?

15:35 Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya.

15:36 Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.

15:37 Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

15:38 Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.

15:39 Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.

15:40 Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome;

15:41 ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.

15:42 Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha,

15:43 kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu.

15:44 Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile.

15:45 Wathi akuqonda kumthetheli-khulu lowo, wamnika uYosefu umzimba.

15:46 Yena, ethenge ilinen entle, wamthula; wamsongela kuyo ilinen entle; wamlalisa engcwabeni elalixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba.

15:47 Baye ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, bebona apho wayebekwe khona.

16:1 Yakubon’ ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise.

16:2 Bathi kwakusasa kakhulu, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, liphumile ilanga.

16:3 Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?

16:4 Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu.

16:5 Bakungena engcwabeni, babona indodana ihleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende, emhlophe; baqhiphuka umbilini.

16:6 Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo.

16:7 Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.

16:8 Baphuma ke kamsinya, babaleka engcwabeni. Baye ke bephethwe lungcangcazelo nokuthi nqa; abathetha nto nakubani, kuba babesoyika.

16:9 Ke kaloku wathi uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe.

16:10 Waya yena wabikela ababenaye, bakubon’ ukuba bakhedamile, bayalila.

16:11 Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa.

16:12 Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.

16:13 Nabo baya babikela abanye; abakholwa nangabo.

16:14 Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.

16:15 Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.

16:16 Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.

16:17 Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi: egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;

16:18 baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.

16:19 Yathi okunene ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo.

16:20 Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo. Amen.


Next: Luke