Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Jeremiah

1:1 Amazwi kaYeremiya unyana kaHilekiya, wakubabingeleli baseAnatoti ezweni lakwaBhenjamin:

1:2 ekwafika kuye ilizwi likaYehova ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka weshumi elinesithathu wobukumkani bakhe;

1:3 nangemihla kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekupheleni komnyaka weshumi elinamnye kaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekufudusweni kweYerusalem ngenyanga yesihlanu.

1:4 Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,

1:5 Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga.

1:6 Ndathi mna, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, andikwazi ukuthetha, ngokuba ndingumntwana.

1:7 Wathi uYehova kum, Musa ukuthi, Ndingumntwana: ke uya kuya kubo bonke endikuthuma kubo; konke endikuwisela umthetho ngako, uze ukuthethe.

1:8 Uze ungaboyiki, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.

1:9 Wasolula uYehova isandla sakhe, wachukumisa umlomo wam; wathi ke uYehova kum, Yabona, ndibeke amazwi am emlonyeni wakho.

1:10 Khangela, ndikwenza namhla umveleli weentlanga nezikumkani, ukuba unyothule, udilize, utshabalalise, ugungxule; ukuba wakhe, utyale.

1:11 Kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi, Yintoni na le uyibonayo, Yeremiya? Ndathi, Ndibona intonga yomthi womamangile.

1:12 Wathi uYehova kum, Ubone walungisa; ngokuba ndiya kuliphaphela ilizwi lam ukuba ndilenze.

1:13 Kwafika ilizwi likaYehova kum ngokwesibini, lisithi, Yintoni na le uyibonayo? Ndathi, Ndibona imbiza ebaselweyo, ubuso bayo bubheke neno, isentla.

1:14 Wathi ke uYehova kum, Entla kuya kuphuma ububi, bube phezu kwabemi bonke belizwe.

1:15 Ngokuba, yabona, ndiya kubiza yonke imizalwane yezikumkani zasentla, utsho uYehova; ziya kuza ke, zimise iseso itrone yaso ekungeneni kwamasango eYerusalem, nasezindongeni zayo zonke ngeenxa zonke, nasemizini yonke yakwaYuda.

1:16 Ndiya kuthetha elokubagweba kwam ngenxa yobubi babo bonke, kuba bendishiyile, baqhumisela thixweni bambi, baqubuda emisebenzini yezandla zabo.

1:17 Ke wena, bhinqa amanqe akho, usuk’ ume, uthethe kubo konke endikuwisela umthetho ngako. Musa ukuqhiphuka umbilini ngabo, hleze mna ndikuqhiphule umbilini ngabo.

1:18 Uyabona ke, mna ndikwenza namhla umzi onqatyisiweyo, intsika yesinyithi, udonga lobhedu kulo lonke ilizwe, lokumkani bakwaYuda, nakubathetheli balo, kubabingeleli balo, nakubantu belizwe.

1:19 Baya kulwa nawe, bangabi nakukweyisa, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.

2:1 Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2:2 Yiya, umemeze ezindlebeni zeYerusalem, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikukhumbulele inceba yobutsha bakho, uthando lobutshakazi bakho, ukundilandela kwakho entlango, ezweni elingahlwayelwayo.

2:3 Ubengcwele uSirayeli kuYehova, intlahlela yakhe yongeniselo; bonke abamdlayo bozeka ityala, bofikelwa bububi; utsho uYehova.

2:4 Liveni ilizwi likaYehova, ndlu kaYakobi, nonke mizalwane yendlu kaSirayeli.

2:5 Utsho uYehova ukuthi, Bafumana bubi buni na kum ooyihlo, le nto bakhwelela kude kum, balandela izinto ezingento, baba yinto engeyakonto?

2:6 Abatsho ukuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi, lezihogo, ezweni elingumqwebedu, elethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu?

2:7 Ndaningenisa ezweni elimasimi achumayo, ukuba nidle iziqhamo zalo, nezinto ezilungileyo zalo; ukanti nakungena nalenza inqambi ilizwe lam, ilifa lam nalenza langamasikizi.

2:8 Ababingeleli abatshongo ukuthi, Uphi na uYehova? Abaphathi bomyalelo abandazanga, nabalusi bakreqa kum; nabaprofeti baprofeta ngoBhahali, balandela abangancedi nto.

2:9 Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu.

2:10 Kuba welani, niye eziqithini zamaKiti, nibone; nithume nakwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo;

2:11 ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengethixo ke bona? Ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo.

2:12 Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, niqothole kunene; utsho uYehova.

2:13 Ngokuba benze ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.

2:14 USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kungathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?

2:15 Zimbharhulele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.

2:16 Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi badlela elukakayini lwakho.

2:17 Oko asikukwenza kwakho na, ngokushiya kwakho uYehova uThixo wakho, ngexesha abekuhambisa ngendlela?

2:18 Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo lowo?

2:19 Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuthi ungankwantyi phambi kwam; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

2:20 Ngokuba kususela kwakude, uyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.

2:21 Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; utheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongeguwo kum?

2:22 Ungafanelana uzihlikihla ngesoda, wathabatha isepha eninzi: ubugwenxa bakho buhleli budyobhekile phambi kwam; itsho iNkosi uYehova.

2:23 Ungathini na ukuthi, Andizenzanga inqambi, andibalandelanga ooBhahali? Yibone indlela yakho emfuleni lowo, ukwazi okwenzileyo, wena mazi yenkamela enamendu, etshobela ngapha nangapha;

2:24 mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.

2:25 Luthintele unyawo lwakho lungabi ze, nomqala wakho unganxanwa. Uthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.

2:26 Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bona ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;

2:27 besithi emthini, Ungubawo; nasetyeni, Undizele; ngokuba bandinikela ikhosi, abandinikela buso ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, Suk’ ume usisindise.

2:28 Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho babengangenani lemizi yakho, Yuda.

2:29 Yini na ukuba nibambane nam? Nonke niphela nikreqile kum; utsho uYehova.

2:30 Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidle abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.

2:31 Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kungathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, asizi kuwe?

2:32 Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.

2:33 Uyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.

2:34 Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.

2:35 Ukanti uthi ke, Ndimsulwa, ewe, umsindo wakhe ubuyile kum. Yabona, ndiya kumangalelana nawe ngenxa yokuba usithi, Andonanga.

2:36 Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.

2:37 Nakuyo leyo uya kuphuma, zisentloko izandla zakho; ngokuba uYehova uya kubacekisa okholose ngabo, ungabi nampumelelo ngabo.

3:1 Kuthiwa, Ukuba ithe indoda yamgxotha umkayo, wemka kuyo, waba ngowandoda yimbi, inokumbuyela na? Alingebi lihlanjelwe na elo lizwe? Wena ke uhenyuzile nezithandane ezininzi; unokubuyela na ke kum? utsho uYehova.

3:2 Phosa amehlo akho eluqayini ubone; kuphi na apho ungalalwanga khona? Wabahlalela ngasezindleleni, njengomArabhi entlango; walihlambela ilizwe ngokuhenyuza kwakho, nangezinto zakho ezimbi.

3:3 Yathintelwa ke imikhumezelo, ayeza nemvula evuthisayo; usuke wanebunzi lehenyukazi, akwavuma ukuba neentloni.

3:4 Akuyi kuthi na ngoku undibize, uthi, Bawo, ulikholwane lobutsha bam?

3:5 Uya kuba nenqala ngonaphakade na, ahlale ewugcinile na umsindo? Yabona, uthetha njalonje, wenza ububi, ubufezile.

3:6 Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ukubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.

3:7 Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakubona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.

3:8 Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinika incwadi yokwahlukana nalo, lisuke noko ingininginikazi uYuda, udade walo aloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.

3:9 Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.

3:10 Nakuko konke oko, alabuyela kum ingininginikazi, udade walo uYuda, ngentliziyo yonke; kwaba ngokuxoka; utsho uYehova.

3:11 Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.

3:12 Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.

3:13 Buvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.

3:14 Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;

3:15 ndininike abalusi abangantliziyo yam, banaluse ngokwazi nangengqiqo.

3:16 Kothi, xa nithe nanda naqhama ezweni ngaloo mihla, utsho uYehova, bangabi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; ingathi qatha entliziyweni; ingakhunjulwa ngabo, ingafuneki, ingabuye yenziwe.

3:17 Ngelo xesha iYerusalem kuya kuthiwa yitrone kaYehova, zixhontelane khona zonke iintlanga ngenxa yegama likaYehova eliseYerusalem; zingabi salandela ubungqola bentliziyo yazo embi.

3:18 Ngaloo mihla iya kuhamba indlu yakwaYuda kunye nendlu yakwaSirayeli, bavele kunye ezweni lasentla, beze ezweni endabanikayo ooyise laba lilifa.

3:19 Ndathi mna, Azi ndingathini na ukukumisa phakathi koonyana, ndikunike ilizwe elinqwenelekayo, ilifa eliligugu lawo amagugu eentlanga? Ndathi, Niya kundibiza ngokuthi, Bawo; ningabuyi ekundilandeleni.

3:20 Inyaniso, njengoko umfazi atshinizayo kuwabo, nitshinizile ngokunjalo kum, nina ndlu kaSirayeli; utsho uYehova.

3:21 Livakele izwi eluqayini, isililo sokutarhuzisa soonyana bakaSirayeli; ngokuba bebezigwenxile iindlela zabo, bamlibala uYehova uThixo wabo.

3:22 Buyani, nyana bangamaphamba; ndokuphilisa ukuphamba kwenu. Uyabona, siza kuwe; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wethu.

3:23 Inyaniso, yaba bubuxoki ingxokozelo yasezindulini, yasezintabeni; inyaniso, lukuYehova uThixo wethu usindiso lukaSirayeli.

3:24 Isikizi liyidlile indyebo yoobawo kwasebuncinaneni bethu: impahla yabo emfutshane neenkomo zabo, oonyana babo neentombi zabo.

3:25 Masilale esikizini lethu, lisigubungele ihlazo lethu; ngokuba kuYehova uThixo wethu sonile, thina noobawo, kwasebuncinaneni bethu, unanamhla; asaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu.

4:1 Ukuba uthe wabuya, Sirayeli, utsho uYehova, wabuyela kum; wawasusa amazothe akho phambi kwam, akwaphalaphala;

4:2 wafunga wathi, Ehleli nje uYehova, ngokwenyaniso, ngokusesikweni, nangobulungisa; zozisikelela ngaye iintlanga, ziqhayise ngaye.

4:3 Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.

4:4 Zaluseleni kuYehova, nisuse ukungaluki kwentliziyo yenu, madoda akwaYuda, bemi baseYerusalem; hleze buphume ubushushu bam njengomlilo, buvuthe kungabikho ucimayo, ngenxa yobubi beentlondi zenu.

4:5 Xelani kwaYuda, nivakalise eYerusalem, nithi, Vuthelani isigodlo elizweni; dandulukani, nithi, Hlanganisanani, singene emizini enqatyisiweyo.

4:6 Phakamisani ibhanile ngaseZiyon, sabani, ningemi; kuba entla ndizisa ububi, nembubhiso enkulu.

4:7 Kunyuka ingonyama iphuma entshinyeleni yayo yehlathi, kunduluka umonakalisi weentlanga; uphuma endaweni yakhe, ukuze aliphanzise ilizwe lakho, imizi yakho yenziwe imiwewe, ingabi nabemi.

4:8 Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.

4:9 Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangakhulumi abaprofeti.

4:10 Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ubalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.

4:11 Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;

4:12 umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.

4:13 Yabona, unyuka njengamafu, zinjengesaqhwithi iinqwelo zokulwa zawo; anamendu kunamaxhalanga amahashe awo. Yeha ke thina, ngokuba sibhuqiwe!

4:14 Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?

4:15 Ngokuba ilizwi lixelile, liphuma kwaDan, livakalisa ububi ezintabeni zakwaEfrayim:

4:16 khankanyani ezintlangeni; yabonani, vakalisani eYerusalem, nithi, Abangqingi beza bevela ezweni elikude, belikhuphela ilizwi labo phezu kwemizi yakwaYuda.

4:17 Njengabalindi bamasimi bayichasa ngeenxa zonke; ngokuba ibineenkani kum, utsho uYehova.

4:18 Iindlela zakho neentlondi zakho zakwenzela oko. Zizinto zakho ezimbi ezo, inene zikrakra, inene zifike entliziyweni yakho.

4:19 Izibilini zam, izibilini zam! Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam! Iyaxokozela intliziyo yam, andinakuthi tu! Kuba usivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe.

4:20 Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhuqiwe lonke ilizwe; zibhuqiwe ngesiquphe iintente zam; ngephanyazo, amalengalenga am.

4:21 Kunini na ndibona ibhanile, ndisiva isandi sesigodlo?

4:22 Kuba bamathile abantu bam, mna abandazi; ngoonyana abazizidenge, abanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa abakwazi.

4:23 Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo.

4:24 Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela.

4:25 Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.

4:26 Ndakhangela, nantso iKarmele iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.

4:27 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kuya kuba senkangala kulo lonke ilizwe; kodwa ndingaligqibeli kuphele.

4:28 Ngenxa yoko ihlabathi liya kuba nesijwili, libe nezimnyama zokuzila izulu ngaphezulu; ngenxa enokuba ndithethile, ndinkqangiyele, andisayi kuzohlwaya, andiyi kubuya umva kuloo nto.

4:29 Ngesandi sabamahashe nabezaphetha, iyabaleka yonke imizi; bangena ezintshinyeleni zehlathi, benyuka emixawukeni; yonke imizi ishiyiwe, akuhlali mntu kuyo.

4:30 Ke wena ubhuqiweyo, uyakuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya, ufumane wahomba: ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,

4:31 Ngokuba ndive ilizwi elinjengelomfazi onenimba, imbandezelo enjengeyozibulayo, izwi lentombi enguZiyon; inesingqala, izolula izandla zayo, isithi, Athi ke mna! ngokuba umphefumlo wam utyhafile ngababulali.

5:1 Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela.

5:2 Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka.

5:3 Yehova, amehlo akho akajonge ekunyaniseni, yini na? Uyababetha, abevi ntlungu; uyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, abavumi ukubuya.

5:4 Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.

5:5 Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphule kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu.

5:6 Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.

5:7 Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi.

5:8 Bayazibela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.

5:9 Mandingaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungaphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?

5:10 Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova.

5:11 Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova.

5:12 Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, abuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala;

5:13 abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.

5:14 Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.

5:15 Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo.

5:16 Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha.

5:17 Luya kukudla ukuvuna kwakho nesonka sakho; luya kubadla oonyana bakho neentombi zakho; luya kuyidla impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; luya kuwudla umdiliya wakho nomkhiwane wakho; luya kuyiviva ngekrele imizi yakho enqatyisiweyo, okholose ngayo.

5:18 Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele.

5:19 Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? uze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.

5:20 Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi,

5:21 Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva.

5:22 Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungawugqithiyo? Ayalatyuza amaza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi.

5:23 Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka.

5:24 Abatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla.

5:25 Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.

5:26 Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.

5:27 Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi.

5:28 Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala abalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; abaligwebi ityala lamahlwempu.

5:29 Ndingaveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ungaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?

5:30 Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni:

5:31 abaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko?

6:1 Sabani, nyana bakaBhenjamin, niphume phakathi kweYerusalem, naseTekowa, nivuthele isigodlo, niphakamise into iphakame phezu kweBhete-hakerem; ngokuba ububi buyalunguza, buvela entla, nembubhiso enkulu.

6:2 Umntwana omhle, umteketiswa, intombi enguZiyon, ndiyayitshabalalisa.

6:3 Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo, bagxumeka kuyo iintente zabo ngeenxa zonke; badla elowo endaweni yakhe.

6:4 Yingcwaliseleni imfazwe; sukani nime, sinyuke emini enkulu. Athi ke thina! Imini iza kusangana, ngokuba amathunzi okuhlwa ayoluka.

6:5 Sukani nime, sinyuke ebusuku, sizitshabalalise iingxande zayo ezinde.

6:6 Ngokuba utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Yigawuleni imithi yayo, niyifumbele iYerusalem udonga lokungqinga; wona mzi wokuvelelwa, wonke uphela, unocudiso phakathi kwawo.

6:7 Njengoko iqula liwampompozisayo amanzi alo, yenjenjalo ukumpompozisa izinto zayo ezimbi. Ukugonyamela nokubhuqa kuvakala kuyo; kuhleli kukho phambi kobuso bam isifo nesibetho.

6:8 Yaleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo.

6:9 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya.

6:10 Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, ayaluswanga indlebe yabo, abanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, abalinanzile.

6:11 Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba. Buphalazele phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla.

6:12 Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova.

6:13 Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

6:14 Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.

6:15 Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.

6:16 Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; bathi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo.

6:17 Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; bathi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe.

6:18 Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.

6:19 Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

6:20 Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum.

6:21 Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubeke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale.

6:22 Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba.

6:23 Baqubule isaphetha nenkcula; bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo ligquma njengolwandle; bakhwela emahasheni, bexhobe njengendoda yokulwa, ukukufikela wena, ntombi enguZiyon.

6:24 Siluvile udaba lwaloo nto; ziwile izandla zethu; imbandezelo isibambile, ukuzibhijabhija njengozalayo.

6:25 Musani ukuya emasimini, ningahambi ngendlela: ngokuba utshaba lunekrele, kunxunguphala ngeenxa zonke.

6:26 Ntombi yabantu bam, bhinqa ezirhwexayo, uzigalele ngothuthu; menzele isijwili ozelwe wamnye, ukumbambazela okukrakra; ngokuba uya kusizela ngesiquphe umbhuqi.

6:27 Ndikwenze umcikidi phakathi kwabantu bam njengenqaba, ukuze uyazi uyicikide indlela yabo.

6:28 Bonke bephela baziinjubaqa zazo iinjubaqa, behamba behleba; balubhedu nesinyithi, bonke bephela bayonakalisa.

6:29 Itshe ngumlilo imfutho, isekupheleni ilothe; bafumana benyibilikisa banyibilikise; abenzi bobubi abahlengeki.

6:30 Bayisilivere ecekisiweyo, ukubizwa kwabo, ngokuba uYehova ebacekisile.

7:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya lalisithi,

7:2 Yima esangweni lendlu kaYehova, umemeze khona eli lizwi, uthi, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda angenayo ngala masango, ukuba nimnqule uYehova.

7:3 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Zilungiseni iindlela zenu nezenzo zenu, ukuze ndinibeke kule ndawo.

7:4 Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, okuthi, Yitempile kaYehova, yitempile kaYehova, yitempile kaYehova yona leyo.

7:5 Okanye ukuba nithe nazilungisa nizilungisa iindlela zenu nezenzo zenu; ukuba nithe nakwenza nikwenza okusesikweni phakathi komntu nommelwane wakhe;

7:6 anamcudisa owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, analiphalaza igazi elimsulwa kule ndawo, analandela thixo bambi, ukuba kube kubi kuni;

7:7 ndonibeka kule ndawo, ezweni endalinika ooyihlo, kwasephakadeni kuse ephakadeni.

7:8 Yabonani, nikholosa ngamazwi obuxoki angancediyo.

7:9 Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali, nilandele thixo bambi eningabaziyo;

7:10 nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke?

7:11 Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova.

7:12 Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli.

7:13 Kaloku ke, ngokokuba nizenzile ezi zenzo zonke, utsho uYehova, ndathetha kuni, ndithetha kwakusa ningeva, ndinibiza ningasabeli:

7:14 ndokwenza kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nikholosa ngayo, nakule ndawo ndaninika yona nina nooyihlo, njengoko ndakwenzayo kwiShilo.

7:15 Ndiya kunigxotha nisuke ebusweni bam, njengoko ndabagxothayo abazalwana benu bonke, imbewu yonke yakwaEfrayim.

7:16 Wena ke, musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo, ungandizami, ngokuba andiyi kukuphulaphula.

7:17 Akuboni na abakwenzayo emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem?

7:18 Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu; bathululele thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise.

7:19 Baqumbisa mna na, utsho uYehova; abaziqumbisi bona na, ukuze budane ubuso babo?

7:20 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, umsindo wam nobushushu bam buya kuphalazelwa phezu kwale ndawo, phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemithi yasendle, naphezu kweziqhamo zomhlaba, buvuthe bungacimi.

7:21 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yongezani amadini enu anyukayo emibingelelweni yenu, nidle inyama.

7:22 Ngokuba andithethanga nooyihlo, andibawiselanga methetho ngeendawo zamadini anyukayo nemibingelelo, mini ndabakhuphayo ezweni lamaYiputa;

7:23 ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni.

7:24 Ke abaphulaphulanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba ngamaqhinga, ngobungqola bentliziyo yabo embi, bandinikela umhlana, ayaba bubuso.

7:25 Kususela kwalaa mini baphuma ngayo ooyihlo ezweni lamaYiputa unanamhla, ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma imihla ngemihla kwakusasa;

7:26 ke abaphulaphula kum, abayithoba indlebe yabo; bayenza lukhuni intamo yabo, benza okubi kunooyise.

7:27 Ke uya kuwathetha kubo la mazwi onke, abayi kukuphulaphula; umemeza kubo, abayi kusabela.

7:28 Ke yithi kubo, Lulo olu uhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaYehova uThixo walo, olungayivumiyo intethiso. Kuphelile ukuthembeka, kunqumkile emlonyeni wabo.

7:29 Nqumla isithsaba sakho, Yerusalem, usilahle, umise isimbonono eluqayini; ngokuba uYehova usicekisile, usincamile isizukulwana sokuphuphuma kwakhe umsindo.

7:30 Ngokuba oonyana bakaYuda benze into embi emehlweni am, utsho uYehova; babeke izinto zabo ezinezothe endlwini elibizelwa phezu kwayo igama lam, ukuze bayenze inqambi.

7:31 Bakhe iziganga zaseTofete, ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo ngomlilo; into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam.

7:32 Ngako oko, yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi yiTofete, ngumfula wakwaBhen-hinom; baya kuthi nguMfula wokuBulala, bangcwabele eTofete ngenxa enokuba kungekho ndawo.

7:33 Izidumbu zaba bantu ziya kuba kukudla kweentaka zasendle nokwezilo zelizwe, kungabikho bani uziphekuzayo.

7:34 Ndiya kuliphezisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; ngokuba liya kubharha ilizwe.

8:1 Ngelo xesha, utsho uYehova, aya kukhutshwa emangcwabeni abo amathambo ookumkani bakwaYuda, namathambo abathetheli bakhe, namathambo ababingeleli, namathambo abaprofeti, namathambo abemi baseYerusalem;

8:2 anekwe elangeni, nasenyangeni, nasemkhosini wonke wezulu, izinto ezo ababezithanda, ababezikhonza, ababezilandela, ababequqela kuzo, ababequbuda kuzo; akayi kuhlanganiswa, akayi kungcwatywa, aya kuba ngumgquba phezu kobuso bomhlaba.

8:3 Konyulwa ukufa phezu kobomi ngamasalela onke aseleyo kule mizalwane ineento ezimbi, ezindaweni zonke endiwagxothele kuzo amasalela; utsho uYehova wemikhosi.

8:4 Yithi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa, bangavuki na? Uya kuphamba, angabuyi na umntu?

8:5 Kungathuba lini na ukuba aba bantu baseYerusalem baphambe ngokuphamba okungunaphakade? Babambelela engohlisweni, bengavumi ukubuya.

8:6 Ndabaza indlebe, ndeva, bathetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.

8:7 Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo; nehobe nehlankomo nendwe ziligcinile ixesha lokufika kwazo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.

8:8 Ningathini na ukuthi, Sizizilumko, umyalelo kaYehova unathi? Yabonani, okwenene usiba lwababhali olubuxoki luwenze wabubuxoki.

8:9 Zidanile izilumko, ziqhiphuke umbilini, zibanjisiwe; yabona, ziyalicekisa ilizwi likaYehova; zinobulumko bukabani na ke?

8:10 Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanikele kwabawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela babawa bebawile; bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

8:11 Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.

8:12 Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo, ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.

8:13 Ndiya kubatshayela impela, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni; igqabi liya kubuna; ndisuke ndimise abo baya kugqitha phezu kwabo.

8:14 Sihlaleleni na? Zihlanganiseni, singene emizini enqatyisiweyo, sitshabalale khona; ngokuba uYehova uThixo wethu uza kusitshabalalisa, asiseze inyongo; ngokuba sonile kuYehova.

8:15 Besithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo: besithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.

8:16 Livakala livela kwaDan ithatha lamahashe abo; ngezwi lokukhonya kweembalasane zamahashe abo liyanyikima ilizwe lonke. Bayeza, bayalidla ilizwe nenzaliseko yalo, umzi nabemi bawo.

8:17 Ngokuba, yabonani, ndithumela phakathi kwenu iinyoka, amarhamba angenakukhafulwa, anilume; utsho uYehova.

8:18 Uye phi na umthuthuzeli wam esingqaleni? Inobulwelwe kum intliziyo yam.

8:19 Nalo ilizwi lokuzibika kwentombi yabantu bakowethu, livela ezweni elikude, lisithi, UYehova akakho na eZiyon? akakho na kuyo ukumkani wayo? Kungathuba lini na ukuba bandiqumbise ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, ngeento ezingento zolunye uhlanga?

8:20 Ukuvuna kudlule, ihlobo liphelile, thina ke asikasindiswa.

8:21 Ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, ndaphukile; ndinezimnyama zokuzila, ndibanjwe kukumangaliswa.

8:22 Akukho mafutha aqholiweyo na eGiliyadi? Akukho gqirha na khona? Kutheni na ke ukuba kungabotshwa ukwaphuka kwentombi yabantu bakowethu?

9:1 Ayaba intloko yam ibingamanzi, amehlo am aba lithende leenyembezi; bendiya kubalilela imini nobusuku ababuleweyo bentombi yabantu bakowethu!

9:2 Akwaba bendinendawo yokulalisa kwabahambi entlango; bendiya kubashiya abantu bakowethu, ndimke kubo! Ngokuba bonke ngabakrexezi, yingqungquthela yamanginingini.

9:3 Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; abaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova.

9:4 Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba.

9:5 Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso; bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidinise ngokwenza okugwenxa.

9:6 Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso abavumi ukundazi; utsho uYehova.

9:7 Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingathini na ngenxa yentombi yabantu bam?

9:8 Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.

9:9 Mandingabaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungaziphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?

9:10 Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwe isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, alavakala izwi lemfuyo; kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.

9:11 Ndiyenze iYerusalem yangumwewe, yazizikhundla zeempungutye; ndiyenze imizi yakwaYuda yangamanxuwa, ayaba nammi.

9:12 Ngubani na indoda elumkileyo, ikuqonde oku? othethileyo kuyo umlomo kaYehova, ikuxele? Kungenxa yani na ukuba ilizwe litshabalale, lifakwe isikhuni njengentlango, kungabikho bani ugqitha kulo?

9:13 Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, abaliphulaphula ilizwi lam, abahamba ngawo.

9:14 Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali, into abayifundiswa ngooyise.

9:15 Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubadlisa aba bantu umhlonyane, ndibaseze inyongo;

9:16 ndibaphangalalise phakathi kweentlanga, ababengazazi bona nooyise; ndilithumele ikrele emva kwabo, ndide ndibaphelise.

9:17 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Gqalani, nibize iintokazi ezenza isimbonono, zize, nithumele kwezilumkileyo, zize;

9:18 zingxame, ziphimisele phezu kwethu isimema; ehle iinyembezi amehlo ethu, zityityizele amanzi iinkophe zethu.

9:19 Ngokuba ilizwi lesimema livakala liphuma eZiyon, lisithi, Hayi, ukubhuqeka kwethu! Sidane kakhulu, kuba silishiyile ilizwe, kuba bewakhahlele phantsi amakhaya ethu.

9:20 Noko ke liveni, zintokazi, ilizwi likaYehova, indlebe yenu ilamkele ilizwi lomlomo wakhe, nizifundise iintombi zenu isimema, omnye afundise ummelwane wakhe isimbonono.

9:21 Ngokuba kunyukile ukufa ngeefestile zethu; kungene ezingxandeni zethu ezinde, ukuba kunqumle abantwana ezitratweni, amadodana endaweni yembutho.

9:22 Thetha uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ziya kuwa ke izidumbu zabantu, njengomgquba phezu kwentsimi, nanjengesinde emva komvuni, kungabikho ubahlanganisayo.

9:23 Utsho uYehova ukuthi, Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso, igorha malingaqhayisi ngobugorha balo, isityebi masingaqhayisi ngobutyebi baso.

9:24 Oqhayisayo makaqhayise ngale nto yokuba endiqiqa, endazi mna ukuba ndinguYehova, owenza inceba, nesiko, nobulungisa, ehlabathini; ngokuba ndinanze ezo zinto; utsho uYehova.

9:25 Yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kubohlwaya ngayo bonke abalukileyo, phofu bengalukile:

9:26 amaYiputa, namaYuda, namaEdom, noonyana baka-Amon, namaMowabhi, noonquthula-iinwele, abemi entlango; ngokuba zonke iintlanga zingabangalukileyo, nendlu yonke yakwaSirayeli ingalukile ngentliziyo.

10:1 Liveni ilizwi alithethayo kuni uYehova, ndlu kaSirayeli.

10:2 Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuziqhelisa indlela yeentlanga, ningaqhiphuki umbilini yimiqondiso yezulu, ngakuba iintlanga ziqhiphuke umbilini yiyo.

10:3 Ngokuba imimiselo yezizwe ayinto yanto. Kuba izithixo zingumthi ogawulwe ehlathini, sisenzo sezandla zengcibi ngezembe.

10:4 Izivathisa ngesilivere nangegolide; baziqinisa ngezikhonkwane nangezando, ukuba zingagexagexi.

10:5 Zinjengentsika echweliweyo, azithethi; zimele ukuthwalwa, ngokuba zingenakuhamba. Musani ukuzoyika; kuba azinakwenza bubi; kwanokulungisa azinako.

10:6 Akukho namnye unjengawe, Yehova; umkhulu wena, likhulu igama lakho, linobugorha.

10:7 Ngubani na ongeze akoyike, Kumkani weentlanga? Ngokuba kukufanele; kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga, naphakathi kwezikumkani zonke, akukho namnye unjengawe.

10:8 Zizityhakala, ziinyabi zodwa; uqeqesho lwento engento, ngumthi.

10:9 Yisilivere ekhandiweyo, iziswa ivela eTarshishe, negolide yaseUfazi, isenzo sengcibi nesezandla zomnyibilikisi wegolide; yimisonto emsi nemfusa izambatho zazo; zonke ziphela zisisenzo sezilumko.

10:10 Ke yena uYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade; ihlabathi liyanyikima buburhalarhume bakhe, neentlanga azinakuluthwala ubhavumo lwakhe.

10:11 Notsho kubo ukuthi, Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu.

10:12 Ke yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe;

10:13 kwakubon’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe, ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.

10:14 Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.

10:15 Zingamampunge ezo zinto, zizenzo zokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziyadaka.

10:16 Akanjengazo yena uSahlulelo sikaYakobi, ngokuba ngumbumbi weento zonke yena; uSirayeli sisizwe selifa lakhe; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.

10:17 Hlanganisa impahla yakho, umke nayo kweli lizwe, wena uhleliyo ekungqingweni.

10:18 Ngokuba uYehova utshilo ukuthi, Yabona, ngesi sihlandlo, ndisawula abemi belizwe, ndibabandezele, ukuze bafunyanwe.

10:19 Athi ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Lelokubulala inxeba lam; ke mna ndithi, Inyaniso, sisifo sam esi, ndiya kusinyamezela.

10:20 Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am.

10:21 Ngokuba abalusi baba zizityhakala, abamquqela uYehova; ngenxa yoko abenzanga ngangqiqo, wachithwachitwa wonke umhlambi wabo.

10:22 Phulaphulani! Kuvakala into; nantso isiza! Yingxolo enkulu, iphuma ezweni asentla, ukuze imizi yakwaYuda ibe ngamanxuwa, ibe sisikhundla seempungutye.

10:23 Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.

10:24 Ndithethise, Yehova, kodwa kube ngokwesiko, kungabi ngomsindo wakho, hleze undinciphise.

10:25 Phalaza ubushushu bakho phezu kweentlanga ezingakwaziyo, naphezu kwemizalwane engalinquliyo igama lakho; ngokuba zimdlile uYakobi, zimdlile zamgqiba, ikriwa lakhe zalenza laba senkangala.

11:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,

11:2 Waveni amazwi alo mnqophiso, nithethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem;

11:3 uthi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mayiqalekiswe indoda engawevayo amazwi alo mnqophiso,

11:4 ndabawisela umthetho ngawo ooyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi; ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze ngako konke endiniwisela umthetho ngako: noba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;

11:5 ukuze ndisimise isifungo endasifungela ooyihlo, ukuba ndibanike ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko kunjalo namhla. Ndaphendula mna, ndathi, Amen, Yehova.

11:6 Wathi uYehova kum, Wamemeze la mazwi onke emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, uthi, Yivani amazwi alo mnqophiso, niwenze.

11:7 Ngokuba ndaqononondisa ndiqononondisa koyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa unanamhla, ndiqononondisa kwakusasa, ndisithi, Liphulaphuleni ilizwi lam.

11:8 Ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba elowo ngobungqola bentliziyo yakhe enobubi. Ndesuka ke ndazisa phezu kwabo onke amazwi alo mnqophiso, ndabawisela umthetho ngawo, ukuba bawenze; abawenza.

11:9 UYehova wathi kum, Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwamadoda akwaYuda, naphakathi kwabemi baseYerusalem.

11:10 Babuyele kuzo izenzo ezigwenxa zooyise bamandulo, ababengavumi ukuweva amazwi am; abasuka bona balandela thixo bambi ukuze babakhonze; indlu kaSirayeli nendlu kaYuda zawaphula umnqophiso wam endawenza nooyise.

11:11 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazisela ububi abangayi kuba nako ukuphuma kubo; bakhale kum, ndingabaphulaphuli.

11:12 Iya kuhamba ke imizi yakwaYuda nabemi baseYerusalem, bakhale koothixo abaqhumisela kubo, bangabasindisi nokubasindisa ngexesha lobubi babo.

11:13 Ngokuba ngangenani lemizi yakho, baba ngako oothixo bakaYuda; ngangenani lezitrato zaseYerusalem, zaba ngako izibingelelo enazimisela into elisikizi, izibingelelo zokuqhumisela kuBhahali.

11:14 Wena ke musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo; ngokuba andiyi kuva ngexesha lokukhala kwabo kum, ngenxa yobubi babo.

11:15 Ifuna ntoni intanda yam endlwini yam, isenza amayelenqe nje? Izibhambathiso nenyama engcwele zobususa na ububi bakho kuwe? Ubungandula udlamke.

11:16 UYehova wakubiza ngegama lokuba ungumnquma oluhlaza, oyimpuluswa, osiqhamo sihle; wafaka isikhuni kuwo, kukho isandi sengxabatshitshi enkulu, aviveka amasebe awo.

11:17 Ke uYehova wemikhosi, owakutyalayo, uthethe okubi ngawe, ngenxa yezinto ezimbi zendlu kaSirayeli nezendlu kaYuda, abazenzeleyo ukuze bandiqumbise ngokuqhumisela uBhahali.

11:18 Ke kaloku uYehova wandazisa, ndazi; waza wandibonisa oko iintlondi zabo.

11:19 Ndaba njengemana embuna esiwa ekuxhelweni; bendingazi ukuba bacebe icebo ngam, besithi, Masiwonakalise umthi kunye neziqhamo zawo, masimnqumle ezweni labaphilileyo, lingabi sakhunjulwa igama lakhe.

11:20 Yehova wemikhosi, ugwebayo ngobulungisa, uzicikidayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ugokuba ndiyityhilile kuwe imbambano yam nabo.

11:21 Ngako oko, utsho uYehova ngamadoda aseAnatoni, awungxameleyo umphefumlo wakho, esithi, Uze ungaprofeti egameni likaYehova, ukuze ungafi ngezandla zethu;

11:22 ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kuwavelela; amadodana aya kufa likrele, oonyana babo neentombi zabo ziya kufa yindlala.

11:23 Akuyi kubakho masalela kubo, ngokuba ndiwazisela ububi amadoda aseAnatoti, umnyaka wokuvelelwa kwawo.

12:1 Ulilungisa, Yehova, xa ndibambeneyo nawe; ndothetha iindawo ezisesikweni zodwa. Kungathuba lini na ukuba indlela yabangendawo ibe nempumelelo, babe nokuchulumacha bonke abanginiza benginizile?

12:2 Ubatyele, bendela nokwendela iingcambu; bayakhula, benze neziqhamo. Usondele emlonyeni wabo, wakude ezintsweni zabo.

12:3 Wena, Yehova, uyandazi; uyandibona, uyicikida intliziyo yam enawe. Baqweqwedise njengeegusha, baxhelwe, ubangcwalisele umhla wokubulawa.

12:4 Kunini na ilizwe linesijwili, umfuno wamasimi onke womile? Ngenxa yeento ezimbi zabemi balo, ziphephethekile iinkomo neentaka; ngokuba besithi, Akayi kulibona ikamva lethu.

12:5 Xa ugidime nabeenyawo, bakudinisa, wothini na ukushiyiselana namahashe? Xa ukholose ngelizwe elinoxolo, wothini na ekweneni kweYordan?

12:6 Ngokuba nabazalwana bakho, nendlu kayihlo, banginizile kuwe nabo; bayamemeza emva kwakho nabo ngezwikazi elikhulu. Musa ukukholwa ngabo, xa bathetha izinto ezilungileyo kuwe.

12:7 Ndiyishiyile indlu yam, ndililahlile ilifa lam, ndiyinikele intanda yomphefumlo wam esandleni seentshaba zayo.

12:8 Ilifa lam lisuke laba njengengonyama yasehlathini kum, lindikhuphele ilizwi lalo; ngenxa yoko ndilithiyile.

12:9 Ilifa lam lukhozi oluthe chokochoko na kum, ukuba iinkozi zilingungele nje? Yizani, nihlanganise onke amarhamncwa asendle; waziseni adle.

12:10 Abalusi abaninzi basonakalisile isidiliya sam, basingqushile isiziba sam somhlaba; basibharhisile isiziba sam esinqwenelekayo, sayintlango.

12:11 Basibharhisile; sisijwili ngeenxa zonke kum; sibharhile, kusenkangala kulo lonke ilizwe, ngokuba akubangakho mntu ukubekela intliziyo oko.

12:12 Eluqayini lonke lwasentlango kufike ababhuqi; ngokuba ikrele likaYehova liyadla, lithabathela ekupheleni kwelizwe, lise ekupheleni kwelizwe; akukho luxolo kwinyama yonke.

12:13 Bahlwayela ingqolowa, bavuna ameva; bazidubile, abafeza lutho. Danani ke lungeniselo lwenu, ngenxa yobushushu bomsindo kaYehova.

12:14 Utsho uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abachukumisa ilifa endalidlisa abantu bam amaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyabanyothula emhlabeni wabo, ndiyinyothule indlu yakwaYuda phakathi kwabo.

12:15 Kuya kuthi, emveni kokuba ndibanyothule, ndibuye ndibe nemfesane kubo, ndibabuyisele elowo elifeni lakhe, elowo emhlabeni wakhe.

12:16 Kothi, ukuba bathe bazifunda ngenkuthalo iindlela zabantu bam; ukuba bafunge igama lam, bathi, Ehleli nje uYehova, njengoko babafundisayo abantu bam ukufunga uBhahali; baze bakheke phakathi kwabantu bam.

12:17 Ke ukuba bathe abeva, ndolunyothula olu hlanga, ndilunyothule, ndilutshabalalise; utsho uYehova.

13:1 Utsho uYehova kum ukuthi, Hamba uye uzithengele umbhinqo welinen, uwubeke esinqeni sakho, ke uze ungawufaki emanzini.

13:2 Ndawuthenga ke umbhinqo ngokwelizwi likaYehova, ndawubeka esinqeni sam.

13:3 Kwafika ilizwi likaYehova kum okwesibini, lisithi,

13:4 Wuthabathe umbhinqo owuthengileyo, osesinqeni sakho, usuke uye emEfrati, uwufihle khona emfanteni yengxondorha.

13:5 Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.

13:6 Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.

13:7 Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungasenamsebenzi.

13:8 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

13:9 Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukulonakalisa ikratshi lakwaYuda, ikratshi elikhulu laseYerusalem.

13:10 Aba bantu banobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.

13:11 Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoda, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.

13:12 Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?

13:13 Wothi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem;

13:14 ndibahlekezele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonakalisi.

13:15 Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.

13:16 Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembe ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.

13:17 Ukuba anithanga nikuve oko, wolila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.

13:18 Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba siyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.

13:19 Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.

13:20 Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Uphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?

13:21 Wothini na, xa athe abo ke ubaqhelise ukuba ngamakholwane akho, wabenza bangabaveleli, bayintloko kuwe? Ayiyi kukubamba na inimba, njengomfazi ozalayo?

13:22 Naxa uthe entliziyweni yakho, Kungani na ukuba ndifikelwe zezi zinto? ngobuninzi bobugwenxa bakho utyhilekile ingubo, zagonyamelwa izithende zakho.

13:23 UmKushi unokuluguqula na ulusu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? ningaba ke ninako ukulungisa nani, baqhele ukwenza okubi.

13:24 Ndiya kubaphangalalisa ke, njengomququ ophephuka nomoya wentlango.

13:25 Liqashiso lakho elo, isabelo sakho esilinganiselweyo ndim, utsho uYehova; ngokuba undilibele, wakholosa ngobuxoki.

13:26 Nam ndiya kuyibhenqa ingubo yakho, ibe phezu kobuso bakho, kubonakale ukucukucezeka kwakho.

13:27 Ukukrexeza kwakho nokukhonya kwakho amanyala okuhenyuza kwakho ezindulini ezindle, ndiwabonile amazothe akho. Athi ke wena, Yerusalem! Akuyi kuhlambuluka, ingafanelana. ingumzuzu ongakanani na.

14:1 Into eyafikayo kuYeremiya, ililizwi likaYehova, ngendawo yokunqumka kwemvula.

14:2 Linesijwili elakwaYuda; amasango alo athe matshamatsha, ahlala emhlabeni enezimnyama zokuzila; kuyenyuka ukukhala kweYerusalem.

14:3 Iingangamsha zabo zithuma abaphantsi kwazo amanzi; bafika emaquleni, bangafumani manzi; babuya imiphanda yabo ize, bedanile; bathi nqa, bagqubuthele intloko.

14:4 Ngenxa yomhlaba oqhiphuke umbilini, kuba kungabangakho mvula ezweni, abalimi badanile, bagqubuthele intloko.

14:5 Ewe, nemazi yexhama iyazala endle, iyishiye inkonyana, ngokuba kungekho luhlaza.

14:6 Namaesile asendle emi eluqayini, esezela umoya njengeempungutye; ayaphela amehlo awo, ngokuba kungekho mifuno.

14:7 Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe.

14:8 Themba likaSirayeli, Msindisi wakhe ngexesha lembandezelo, yini na ukuba ube njengomphambukeli kweli lizwe, ube njengomhambi olalise okobusuku obunye?

14:9 Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.

14:10 Utsho uYehova kwaba bantu, ukuthi, Benjenje ukuthanda ukubhadula; iinyawo zabo abazinqandanga; uYehova akakholiswa ngabo; kungoku uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo.

14:11 Wathi uYehova kum, Musa ukubathandazela aba bantu, ukuba kulunge kubo.

14:12 Xa bazila ukudla, andiyi kukuphulaphula ukuhlahlamba kwabo; naxa banyusa amadini anyukayo neminikelo yokudla, andiyi kukholiswa ngawo; ke ndiya kubaphelisa ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.

14:13 Ndaza ndathi, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, abaprofeti bathi kubo, Aniyi kubona krele, nendlala aniyi kuba nayo; ndiya kuninika uxolo oluyinyaniso kule ndawo.

14:14 Wathi uYehova kum, Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam; andibathumanga, andibawiselanga mthetho, andithethanga kubo; bona baniprofetela umbono wobuxoki, nokuvumisa, nento engento, nenkohliso yentliziyo yabo.

14:15 Ngako oko uthi uYehova, ngokusingisele kubaprofeti abaprofeta egameni lam, ndingabathumanga mna, abathi, Akuyi kubakho krele nandlala kweli lizwe; uthi, Baya kufa likrele nayindlala bona abo baprofeti.

14:16 Naba bantu, baprofetela bona, baya kuba yimilahlwa ezitratweni zaseYerusalem ngenxa yendlala nekrele; kungabikho ubangcwabayo, bona, nabafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, ndibaphalazele ngeento zabo ezimbi.

14:17 Ngoko uze uthethe kubo eli lizwi lokuthi, Amehlo am ahla iinyembezi ubusuku nemini, angaphezi; ngokuba yaphulwe ngolwaphulo olukhulu inkazana eyintombi yabantu bakowethu, ngenxeba elibulalayo kakhulu.

14:18 Ukuba ndithe ndaphuma ndaya emaphandleni, nabo ababuleweyo likrele; ukuba ndithe ndangena kuwo umzi, nabo abafa yindlala; ngokuba umprofeti kwanombingeleli bayaquleka ezweni abangalaziyo.

14:19 Umcekise kwaphela na uYuda? Udimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.

14:20 Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe.

14:21 Ngenxa yegama lakho, musa ukusigiba; ungayihlazisi itrone yobuqaqawuli bakho. Khumbula, ungawaphuli umnqophiso wakho nathi.

14:22 Phakathi kothixo abangento beentlanga, bakho na abanganisa imvula? Izulu lingayinika na imivumbi? Asinguwe na, Yehova Thixo wethu? Sithembe wena; ngokuba uzenzile wena zonke ezo zinto.

15:1 Wathi ke uYehova kum, Kungafanelana kumi ooMoses noSamuweli phambi kwam, umphefumlo wam ubungebheki kwaba bantu. Bagxothe ebusweni bam, baphume.

15:2 Kuya kuthi, xa bathe kuwe, Siphume siye ngaphi na? uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Abokufa bafe; abekrele babe ngabekrele; abendlala babe ngabendlala; abokuthinjwa bathinjwe.

15:3 Ndobavelela ngeentlobo ezine, utsho uYehova: ikrele, ukuba libulale; izinja, ukuba zirhwiqilize; iintaka zezulu nezilo zomhlaba, ukuba zidle, ukuba zonakalise.

15:4 Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.

15:5 Ewe, ngubani na oya kuba nofefe kuwe, Yerusalem? ngubani na oya kukukhuza? ngubani na oya kuphambuka, abuze ukuphila kwakho?

15:6 Wena undilahlile, utsho uYehova, ubuye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya.

15:7 Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo.

15:8 Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa.

15:9 Uyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.

15:10 Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.

15:11 UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.

15:12 Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?

15:13 Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;

15:14 ndibuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwe umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.

15:15 Wena, Yehova, uyazi, Ndikhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungandikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho.

15:16 Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum aba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.

15:17 Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.

15:18 Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wohla ube ngumlambo okhohlisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?

15:19 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungeni, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo.

15:20 Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova.

15:21 Ndiya kukuhlangula esandleni sabangendawo, ndikukhulule ekubambeni kwabangcangcazelisayo.

16:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

16:2 Uze ungazeki mfazi, ungabi nanyana nazintombi kule ndawo.

16:3 Ngokuba uYehova utsho ngoonyana neentombi ezizalelwa kule ndawo, nangoonina ababazalayo, nangooyise ababazalayo kweli lizwe, ukuthi,

16:4 Baya kufa zizifo ezibulalayo, bangambanjazelelwa, bangangcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba; baya kuphela likrele nayindlala, nezidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwezilo zomhlaba.

16:5 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Musa ukungena endlwini yesijwili, ungayi kumbambazela, ungabakhuzi; ngokuba ndilususile kwaba bantu uxolo lwam, inceba nemfesane yam; utsho uYehova.

16:6 Kuya kufa abakhulu kwanabancinane kweli lizwe, bangangcwatywa, kungambanjazelwa ngenxa yabo, kungacentwa, kungachetywa ntloko ngenxa yabo;

16:7 bangaqhekezelwa sonka esijwilini sabo, ukuba bathuthuzelwe ngenxa yofileyo; bangasezwa ngendebe yentuthuzelo ngenxa yooyise nangenxa yoonina.

16:8 Uze ungangeni endlwini yesidlo, ukuba uhlale nabo, udle, usele.

16:9 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuliphezisa kule ndawo, phambi kwamehlo enu nangemihla yenu, izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi.

16:10 Ke kaloku kothi, xa uthe wabaxelela aba bantu la mazwi onke, baza bathi kuwe, Kungenxa yani na ukuba uYehova abuthethe ngathi bonke obu bubi bukhulu kangaka, buyini na ubugwenxa bethu, siyini na isono sethu, esone ngaso kuYehova uThixo wethu?

16:11 wothi kubo, Kungenxa yokuba ooyihlo bendishiyile, utsho uYehova; balandela thixo bambi, babakhonza, baqubuda kubo; mna bandishiya, umyalelo wam abawugcina;

16:12 nasuka ke nina nenza okubi ngaphezu kooyihlo; nanko, nilandela elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi, ningandiphulaphuli.

16:13 Ndiya kunijulela ngaphandle kweli lizwe, niye nikhonzele khona apho thixo bambi imini nobusuku; ngokuba ndingayi kuba natarhu kuni.

16:14 Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, ekungayi kuba sathiwa, Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa; ekuya kuthiwa,

16:15 Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni lasentla, nasemazweni onke ebebagxothele kuwo; ndobabuyisela kowabo umhlaba endawunika ooyise.

16:16 Yabonani, ndithumela ababambisi beentlanzi abaninzi, beze bababambise, utsho uYehova; emveni koko ndithumele abazingeli abaninzi, beze babazingele, baphume nabo ezintabeni zonke, nasezindulini zonke, nasezimfanteni zeengxondorha.

16:17 Ngokuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo, azisithele kum; abufihlakele ubugwenxa babo phambi kwamehlo am.

16:18 Kuqala, ndobuvuza kabini ubugwenxa babo nesono sabo ngenxa yokulihlambela kwabo ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezinezothe, belizalisa ilifa lam ngamasikizi abo.

16:19 Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo badla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.

16:20 Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?

16:21 Ngako oko, yabona, ndiyabazisa ngesi sihlandlo, ndibazise isandla sam nobugorha bam, bazi ukuba igama lam linguYehova.

17:1 Isono sikaYuda sibhalwe ngenkxola yesinyithi, sakrolwa ngetsolo ledayiman elucwecweni lwentliziyo yabo, nasezimpondweni zezibingelelo zenu.

17:2 Njengokubakhumbula kwabo oonyana babo, bayazikhumbula izibingelelo zabo, nooAshera babo ngasemithini eluhlaza, ezindulini ezinde.

17:3 Ntaba yam esezweni, ubutyebi bakho nobuncwane bakho bonke ndibunikela ekuphangweni, neziganga zakho ngenxa yezono emideni yakho yonke.

17:4 Uya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhonzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.

17:5 Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;

17:6 ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.

17:7 Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;

17:8 kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.

17:9 Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?

17:10 Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.

17:11 Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni; uya kubushiya phakathi kwemihla yakhe, abe sisidenge ekupheleni kwakhe.

17:12 Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu;

17:13 themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.

17:14 Ndiphilise, Yehova, ndiphile; ndisindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.

17:15 Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.

17:16 Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.

17:17 Musa ukundiqhiphula umbilini; ulihlathi lam ngomhla wobubi.

17:18 Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bazisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.

17:19 UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;

17:20 uthi kubo, Liveni ilizwi likaYehova, ninakumkani bakwaYuda, nani maYuda nonke, nani bemi bonke baseYerusalem, bangenayo ngala masango.

17:21 Utsho uYehova ukuthi, Zigcineni ngenxa yemiphefumlo yenu, ningathwali mthwalo ngomhla wesabatha, niwungenise ngamasango aseYerusalem;

17:22 ningaphumi nomthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha, ningenzi nalinye ishishini. Wungcwaliseni umhla wesabatha, njengoko ndabawiselayo umthetho ooyihlo.

17:23 Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.

17:24 Kothi ke, ukuba nithe nandiphulaphula, utsho uYehova, anangenisa mthwalo ngamasango alo mzi ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha, anenza nalinye ishishini ngawo:

17:25 kothi ke kungene ngamasango alo mzi ookumkani nabathetheli, abahleli etroneni kaDavide, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, bona, nabathetheli babo, amadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem; lo mzi umiwe ngonaphakade,

17:26 Baya kuvela emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem, nasezweni lakwaBhenjamin, nasesithabazini, nakwelithe thabalala, nakwelisezantsi, bezisa amadini anyukayo, nemibingelelo, neminikelo yokudla, nentlaka emhlophe; bangenise umbulelo endlwini kaYehova.

17:27 Ke ukuba anithanga nindiphulaphule, ukuba niwungcwalise umhla wesabatha, ningathwali mthwalo, ningangeni ngamasango aseYerusalem ngomhla wesabatha: ndofaka isikhuni emasangweni ayo, udle iingxande ezinde zaseYerusalem, ungacinywa.

18:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,

18:2 Suka uhle, uye endlwini yombumbi, ndikuvise khona amazwi am.

18:3 Ndehla ke, ndaya endlwini yombumbi, nanko esenza ishishini ezintendeni.

18:4 Sakonakala isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi, wabuya wenza sitya simbi ngalo, njengoko kwakuthe tye emehlweni ombumbi ukusenza.

18:5 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

18:6 Andinako na ukuxelisa lo mbumbi ukwenza kuni, ndlu kaSirayeli? utsho uYehova. Yabonani, njengoko lunjalo udongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu kaSirayeli.

18:7 Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilunyothule, ukuba ndiludilize, ukuba ndilutshabalalise.

18:8 Ukuba ke olo luhlanga lubuyile ezintweni zalo ezimbi, olo ndithethe ngalo, ndozohlwaya ngenxa yobubi, ebe ndisithi ndiza kubenza kulo.

18:9 Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale;

18:10 kodwa ke ukuba luthi lwenze okubi emehlweni am, lungaliphulaphuli ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulungileyo, ebendisithi ndiza kukwenza kulo.

18:11 Ngoku ke khawuthethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem, uthi, Utshilo uYehova ukuthi, Yabonani, ndinibumbela ububi, ndiceba ngani icebo; khanibuye elowo endleleni yakhe enobubi, nilungise iindlela zenu neentlondi zenu.

18:12 Ke bona bathi, Kuncamekile; ngokuba siya kulandela awethu amacebo, senza elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi.

18:13 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Khanibuze phakathi kweentlanga, ngubani na okhe weva into enje? Yenze into ebanga amanwele kunene intombi enguSirayeli.

18:14 Ikhephu laseLebhanon liya kulishiya na iliwa lasezweni? Amanzi anengqele, aqukuqelayo evela kude, aya kutsha na?

18:15 Ukanti abantu bam bandilibele; baqhumisela kwizinto ezikhohlakeleyo, zabakhubekisa ezindleleni zabo, emendweni engunaphakade, ukuze bahambe ngeengqushu, ngendlela engalungeleliswanga;

18:16 ukuze balenze ilizwe labo ummangaliso nomsondlo ongunaphakade; bonke abagqitha kulo baya kumangaliswa, bahlunguzele iintloko.

18:17 Njengomoya wasempumalanga, ndiya kubaphangalalisa phambi kotshaba; ndibanikele umhlana, ndingabanikeli ubuso, ngomhla wokusindeka kwabo.

18:18 Bathi ke, Yizani siyile iqhinga ngoYeremiya; ngokuba awuyi kuphela umyalelo kumbingeleli, necebo kwisilumko, nelizwi kumprofeti. Yizani simbethe ngolwimi, singawabazeli ndlebe amazwi akhe onke.

18:19 Ndibazele indlebe, wena Yehova; live izwi lababambene nam.

18:20 Kuya kuvuzwa ngobubi na esikhundleni sokulungileyo, ukuba bawumbele isihogo nje umphefumlo wam? Khumbula ukuma kwam phambi kwakho, ukuba ndithethe okulungileyo ngabo, ukuba ndibuyise ubushushu bakho kubo.

18:21 Ngako oko banikele oonyana babo endlaleni, ubalahlele emandleni ekrele, abafazi babo bangabi nabantwana, babe ngabahlolokazi, amadoda abo abulawe kukufa, amadodana abo abulawe likrele emfazweni.

18:22 Makuvakale ukukhala ezindlwini zabo, xa abuzisela amatutu ngesiquphe; ngokuba bambe isihogo sokundibambisa, iinyawo zam bazifihlela izibatha.

18:23 Ke wena, Yehova, uyawazi onke amaqhinga abo okundibulala. Musa ukubuxolela ubugwenxa babo ngocamagusho, ungasicimi isono sabo ebusweni bakho; ukuze bakhubeke phambi kwakho. Ngexesha lomsindo wakho, yenza kubo.

19:1 Utsho uYehova ukuthi, Yiya uthenge ingqayi yombumbi wezitya zodongwe, uthabathe inxenye yamadoda amakhulu abantu, neyamadoda amakhulu ababingeleli;

19:2 uphume uye emfuleni wakwaBhen-hinom olunge nesango leenkamba, umemeze khona amazwi endiya kuwathetha kuwe.

19:3 Wothi, Liveni ilizwi likaYehova, kumkani bakwaYuda, nani bemi baseYerusalem; utsho uYehova wemikhosi, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Yabonani, le ndawo ndiyizisela ububi, obuya kubetha zithi nzwi iindlebe zabo bonke ababuvayo;

19:4 ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa.

19:5 Bamakhela uBhahali iziganga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam.

19:6 Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete, nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala.

19:7 Ndiya kulithululela iqhinga lakwaYuda neYerusalem kule ndawo, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo, nangezandla zabawufunayo umphefumlo wabo, ndizinikele izidumbu zabo zibe kukudla ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba.

19:8 Ndiya kuwenza lo mzi ube ngummangaliso nomsondlo; bonke abagqitha kuwo bomangaliswa, benze umsondlo ngazo izibetho zawo zonke.

19:9 Ndiya kubadlisa inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo, elowo adle inyama yowabo ekungqingweni nasekucuthweni, eziya kubacutha ngako iintshaba zabo, nabawufunayo umphefumlo wabo.

19:10 Uze ke uyiqhekeze ingqayi emehlweni amadoda ahamba nawe, uthi kuwo,

19:11 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingasenakubuya zingcitywe; babangcwabele eTofete, ngokungabikho ndawo yakungcwaba.

19:12 Ndiya kwenjenjalo kule ndawo, utsho uYehova, nakubemi bayo, ukuze lo mzi ndiwenze ube njengeTofete.

19:13 Izindlu zeYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda zoba yinqambi, njengendawo yeTofete: zonke izindlu, abaqhumisela phezu kophahla lwazo kuwo wonke umkhosi wasezulwini, bathululele thixo bambi iminikelo ethululwayo kubo.

19:14 Wabuya uYeremiya eTofete, apho uYehova abemthumele khona ukuba aprofete; wema entendelezweni yendlu kaYehova, wathi kubantu bonke,

19:15 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngawo; ngokuba beyenze lukhuni intamo yabo, ukuze bangawevi amazwi am.

20:1 Ke kaloku, uPashure unyana kaImere, umbingeleli, lowo ke ubengumveleli oyinganga endlwini kaYehova, weva uYeremiya eprofeta la mazwi.

20:2 UPashure wambetha uYeremiya umprofeti, wamfaka esitokisini esisesangweni lasentla lakwaBhenjamin, elisendlwini kaYehova.

20:3 Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini. Wathi uYeremiya kuye, UYehova akathi linguPashure igama lakho; uthi linguNxunguphala ngeenxa zonke.

20:4 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikele onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabheli, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.

20:5 Ndoyinikela yonke ingqwebo yalo mzi, nongeniselo lwawo lonke, neento zawo zonke ezinqabileyo; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndibunikele ezandleni zeentshaba zabo, zibuphange, zibuthabathe, zibuse eBhabheli.

20:6 Wena Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; uye eBhabheli, ufele khona, ungcwatyelwe khona, wena nabakuthandayo bonke, abaprofetele ubuxoki.

20:7 Yehova undirhwebeshile, ndarhwebesheka; undibambile, wandeyisa, ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela.

20:8 Ngokuba ndithi, ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.

20:9 Ndithi ndakuthi, Andisayi kumkhankanya, andisayi kuthetha egameni lakhe: kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.

20:10 Ngokuba ndivile intlebendwane yabaninzi, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. Xelani, simxele. Bonke abafo ababexolelene nam balinde ukuqhwalela kwam; bathi, Mhlawumbi angarhwebesheka, simeyise, simphindezele.

20:11 Ke uYehova unam, njengegorha elingcangcazelisayo; ngenxa yoko baya kukhubeka abandisukelayo, abayi koyisa; baya kudana kakhulu, ngokuba bengenzanga ngengqiqo; ihlazo labo lingunaphakade, alinakulityalwa.

20:12 Wena ke, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, uzibonayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndikutyhilele ubambano lwam.

20:13 Vumani kuYehova, mdumiseni uYehova, ngokuba ewuhlangule umphefumlo wehlwempu esandleni sabenzi bobubi.

20:14 Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo; umhla awandizala ngawo uma mawungasikeleleki.

20:15 Mayiqalekiswe indoda, eyamshumayeza ubawo udaba lokuthi, Uzalelwe umntwana oyinkwenkwe; yamvuyisa kakhulu.

20:16 Loo ndoda mayibe njengemizi awayibhukuqayo uYehova, akazohlwaya; mayive ukukhala kusasa, ive kuhlatywa umkhosi emini enkulu;

20:17 ngokuba ingandibulalanga kwasesizalweni, waza waba lingcwaba lam uma, isizalo sakhe sahlala sindimithi.

20:18 Ibiyini na ukuba ndiphume esizalweni, ukuze ndibone ukwaphuka nesingqala, iphele imihla yam kukudana?

21:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ekuthumeni kokumkani onguZedekiya ooPashure unyana kaMalekiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuye, ukuthi,

21:2 Khawusibuzele kuYehova, ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.

21:3 Wathi uYeremiya kubo, Notsho kuZedekiya ukuthi,

21:4 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyazijika iimpahla zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabheli, namaKaledi aningqingayo, ngaphandle kodonga, ndizihlanganisele esazulwini salo mzi.

21:5 Ndiya kulwa nani mna ngesandla esolukileyo, nangengalo ethe nkqi, ndinomsindo, ndinobushushu, ndinoburhalarhume obukhulu.

21:6 Ndiya kubabetha abemi balo mzi, abantu kwaneenkomo; baya kufa yindyikitya yokufa enkulu.

21:7 Emveni koko, utsho uYehova, ndomnikela uZedekiya ukumkani wakwaYuda, nabakhonzi bakhe, nabantu abo baseleyo kulo mzi, endyikityeni yokufa, nasekreleni, nasendlaleni; ndibanikele esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni seentshaba zabo, nasesandleni sabawufunayo umphefumlo wabo; ababethe ngohlangothi lwekrele; akayi kuba nanceba kubo, akayi kubaconga, akayi kuba namfesane.

21:8 Ke kwaba bantu wothi, Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa.

21:9 Othe wahlala kulo mzi uya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ke yena othe waphuma, waphambela kumaKaledi aningqingayo, uya kuphila umphefumlo wakhe, ube lixhoba kuye.

21:10 Ngokuba ubuso bam kulo mzi ndibumisele ububi, andibumisele okulungileyo, utsho uYehova; uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhaheli, awutshise ngomlilo.

21:11 Ke kwindlu yokumkani wakwaYuda wothi, Yivani ilizwi likaYehova.

21:12 Ndlu kaDavide, utsho uYehova ukuthi, Thethani amatyala imiso yonke, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, hleze ubushushu bam buphume njengomlilo, butshise, kungabikho ucimayo ngenxa yobubi beentlondi zenu.

21:13 Yabonani, ndichasene nani, bemi bentili, beliwa lehewu, utsho uYehova; nina bathi, Ngubani na oya kuhla phezu kwethu? ngubani na oya kusingenela emakhaya?

21:14 Ke ndonivelela ngokwesiqhamo seentlondi zenu, utsho uYehova; ndifake isikhuni ehlathini layo, udle umlilo ngeenxa zonke kuyo.

22:1 Utsho uYehova ukuthi, Yihla uye endlwini yokumkani wakwaYuda, uthethe khona eli lizwi, uthi,

22:2 Live ilizwi likaYehova, kumkani wakwaYuda, uhleliyo etroneni kaDavide, wena, nabakhonzi bakho, nabantu bakho abangenayo ngala masango.

22:3 Utsho uYehova ukuthi, Yenzani okusesikweni nobulungisa, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, ningamxinzeleli phantsi; ningamgonyameli owasemzini nomhlolokazi nenkedama; ningaphalazi gazi limsulwa kule ndawo.

22:4 Ngokuba xa nithe nalenza nokulenza eli lizwi, bongena ngamasango ale ndlu ookumkani, abahlalela uDavide etroneni yakhe, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, yena, nabakhonzi bakhe, nabantu bakhe.

22:5 Ke ukuba nithe anaweva la mazwi, ndizifungile mna, utsho uYehova, ukuba le ndlu iya kuba linxuwa.

22:6 Ngokuba utshilo uYehova ngendlu yokumkani wakwaYuda, ukuthi, UlelaseGiliyadi wena kum, uyincopho yeLebhanon; inyaniso, ndiya kukwenza intlango, imizi engamiweyo.

22:7 Ndiya kukungcwalisela abonakalisi, elowo abe neempahla zakhe, bagawule imisedare yakho enyuliweyo, bayiphose emlilweni.

22:8 Kodlula kulo mzi iintlanga ezininzi, bathi elowo kummelwane wakhe, Kungenxa yani na ukuba uYehova enjenje kulo mzi mkhulu?

22:9 Bathi ke, Kungenxa yokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wabo, baqubuda thixweni bambi, babakhonza.

22:10 Musani ukumlilela ofileyo, ningahlunguzeli intloko ngenxa yakhe; lilani nilile ngomkileyo; ngokuba akasayi kubuya abuye, alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.

22:11 Ngokuba utsho ukuthi uYehova, ngoShalum unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, owaba ngukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise, owaphuma kule ndawo, Akasayikubuya abuyele apha;

22:12 ke uya kufela endaweni abamfudusele kuyo, angabi sabuya alibone eli lizwe.

22:13 Yeha, oyakhayo indlu yakhe kungengabulungisa, namagumbi akhe aphezulu kungengokusesikweni; komkhonzisayo ummelwane wakhe ngelize, angamniki umvuzo wakhe;

22:14 othi, Ndiya kuzakhela indlu ebanzi, namagumbi aphezulu anombilini; ayigqobhoze iifestile ezininzi, ayifulele ngemisedare, ayiqabe ngembola!

22:15 Unobukumkani na, xa ushiyisela ngokwakha ngemisedare? Uyihlo ubengadli, asele, enze okusesikweni nobulungisa, yini na, kwaza kwalunga kuye?

22:16 Ubeligweba ityala losizana nolihlwempu; kwaza kwalunga. Asikuko na oko ukundazi? utsho uYehova.

22:17 Ngokuba akabheke ntweni amehlo akho nentliziyo yakho, kuphela akwinzuzo yakho nakwigazi labamsulwa, ukuze liphalazwe; asekucudiseni nasekuvikiveni, ukuba wenze oko.

22:18 Ngako oko utsho uYehova ngoYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Abayi kummbambazelela, besithi, Yoo, mnakwethu! yoo, dade wethu! Abayi kummbambazelela, besithi, Yoo, nkosi! Yoo, ndili yakhe!

22:19 Uya kungcwatywa ngokungcwatywa kwe-esile, akrwiqilizwe, alahlwe kude namasango aseYerusalem.

22:20 Nyuka eLebhanon, ukhale; naseBhashan khupha izwi lakho, ukhale eHabharim; ngokuba zaphukile zonke izithandane zakho.

22:21 Ndathetha nawe uchulumachile; wathi wena, Andiyi kuva. Yindlela yakho leyo kwasebuncinaneni bakho, ukuba ungaliphulaphuli ilizwi lam.

22:22 Umoya uya kubadla bonke abalusi bakho, zithinjwe izithandane zakho; wandule ukudana, inene, uve ihlazo, ngenxa yezinto zakho ezimbi zonke.

22:23 Wena uhleliyo eLebhanon, uyakhelayo emisedareni indlu yakho, hayi ukugcuma kwakho ekufikelweni kwakho yinimba, kukuzibhijabhija, njengozalayo.

22:24 Ndihleli nje, utsho uYehova, ukuba uKoniyahu unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, ebengumsesane, wokutywina esandleni sam, sokunene, bendiya kumncothula nakhona;

22:25 ndikunikele esandleni sabawufunayo umphefumlo wakho, nasesandleni sabo uboyikayo, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, nasesandleni samaKaledi.

22:26 Ndonijulela kwelinye ilizwe, wena nonyoko owakuzalayo, apho naningazalelwanga khona; nifele khona.

22:27 Ke lona ilizwe, abaya kuphakamisela umphefumlo wabo kulo, ukuba babuyele kulo, abasayi kubuyela kulo.

22:28 Lo mfo uKoniyahu ngumphanda odelekileyo, oza kuhlekezwa na? Uyimpahla engananziweyo na? Kungandawoni na ukuba bajulelwe, yena nembewu yakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo?

22:29 Lizwe, lizwe, lizwe, live ilizwi likaYehova!

22:30 Utsho uYehova ukuthi, Lo mfo mbaleleni ekuthini akanabantwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo: ngokuba akayi kuba nampumelelo umntu wasembewini yakhe, ohlala etroneni kaDavide, esalawula kwaYuda.

23:1 Yeha ke, abalusi abatshabalalisa bachithachithe umhlambi wedlelo lam! utsho uYehova.

23:2 Ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngabalusi abo balusa abantu bam, ukuthi, Niwuchithachithile umhlambi wam, nawubhebhetha, anawuvelela; yabonani, ndiya kunivelela ngenxa yobubi beentlondi zenu; utsho uYehova.

23:3 Ndiya kuwabutha mna amasalela omhlambi wam emazweni onke endawagxothela kuwo, ndiwabuyisele emakriweni awo, aqhame, ande;

23:4 ndiwamisele abalusi bawaluse, angabi soyika, angaqhiphuki umbilini, kungabikho ulahlekayo; utsho uYehova.

23:5 Yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kummisela uDavide iHlumelo elililungisa, libe nguKumkani ongukumkani, enze yena ngengqiqo, enze okusesikweni nobulungisa ehlabathini.

23:6 Ngemihla yakhe uya kusindiswa uYuda, uSirayeli ahlale ekholosile; negama lakhe, aya kubizwa ngalo, leli lokuba, UYehova-ububulungisa-bethu.

23:7 Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi, Ehleli nje uYehova, owanyusa oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa;

23:8 baya kuthi, Ehleli nje uYehova, owayinyusayo, owayizisayo imbewu yendlu yakwaSirayeli, ivela ezweni lasentla, nasemazweni onke endabagxothela kuwo; bahlale emhlabeni wabo.

23:9 Ngokusingisele kubaprofeti: Yaphukile intliziyo yam phakathi kwam, athe fehlefehle onke amathambo am. Ndisuke ndaba njengendoda enxilayo, njengomfo oweyiswe yiwayini; ngenxa kaYehova, nangenxa yamazwi akhe angcwele.

23:10 Ngokuba ilizwe lizele ngabakrexezi, ngokuba ngenxa yentshwabulo ilizwe lenza isijwili; omile amakriwa entlango; usuke wambi umkhondo wabo, ubugorha babo abulunganga.

23:11 Ngokuba umprofeti kwanombingeleli ngabenzi bobubi; ndizifumene nasendlwini yam izinto zabo ezimbi; utsho uYehova.

23:12 Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona; ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.

23:13 Kubaprofeti bakwaSamari ndibone ubufedelele; baprofeta ngoBhahali, belahlekisa abantu bam amaSirayeli.

23:14 Ke kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele: ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora.

23:15 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kubaprofeti, ukuthi, Yabonani, ndobadlisa umhlonyane, ndibaseze inyongo; ngokuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kuye kulo lonke ilizwe.

23:16 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abaniprofetelayo; banenzela into engento, bathetha umbono wentliziyo yabo, ongaphumiyo emlonyeni kaYehova.

23:17 Bamana ukuthi kwabandigibayo, UYehova uthethile, niya kuba noxolo; nakubo bonke abahambayo ngobungqola beentliziyo zabo bathi, Aniyi kuhlelwa bubi.

23:18 Ewe, ngubani na kubo ome elucweyweni lukaYehova, walibona waliva ilizwi lakhe? Ngubani na olibazele indlebe ilizwi lam, waliva?

23:19 Yabonani, umoya ovuthuzayo kaYehova, uphume ubushushu, umoya ovuthuzayo osisaqhwithi, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.

23:20 Awuyi kubuya umsindo kaYehova, ade awenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla nokugqala nikuqonde oko.

23:21 Andibathumanga abaprofeti abo, kugidime bona; andithethanga kubo, kanti kuprofete bona.

23:22 Ukuba bebemi elucweyweni lwam, bange bevakalise amazwi am kubantu bam, bababuyisa endleleni yabo embi, nasebubini beentlondi zabo.

23:23 NdinguThixo wakufuphi na? utsho uYehova, ndingabi nguThixo wakude na?

23:24 Wosithela na umntu ezintsithelweni, ndingamboni na? utsho uYehova. Andizalise amazulu nehlabathi na mna? utsho uYehova.

23:25 Ndikuvile abakuthethayo abaprofeti, abaprofeta ubuxoki egameni lam, besithi, Ndiphuphile, ndiphuphile.

23:26 Koda kube nini na kuyile nto entliziyweni yabaprofeti abaprofeta ubuxoki, abaprofeti benkohliso yentliziyo yabo?

23:27 Bacinga ngokubalibazisa na abantu bam, balilibale igama lam ngamaphupha abo, abawalawulayo elowo kummelwane wakhe, njengoko ooyise balilibalayo igama lam ngoBhahali?

23:28 Umprofeti onephupha makalawule iphupha; onelizwi lam makathethe ilizwi lam enyanisile. Yintoni na enomququ nengqolowa? utsho uYehova.

23:29 Alinjengomlilo na ilizwi lam? utsho uYehova; nanjengesando esihlekeza ingxondorha?

23:30 Ngako oko yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abawebayo amazwi am elowo kummelwane wakhe.

23:31 Yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abathabatha ulwimi lwabo, bathi, Utsho.

23:32 Yabonani, ndichasene nabaprofeti abaprofeta amaphupha abuxoki, utsho uYehova, bawalawule, babalahlekise abantu bam ngobuxoki babo, nangokugasa kwabo, endingabawiselanga methetho, abangabancediyo nokubanceda aba bantu: utsho uYehova.

23:33 Ke kaloku, xa bathe bakubuza aba bantu, nokuba ngumprofeti, nokuba ngumbingeleli, besithi, Siyintoni na isihlabo sikaYehova? wobaxelela into esiyiyo isihlabo, sithi, Ndiya kunilahla, utsho uYehova.

23:34 Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe.

23:35 Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Utheni na ukuphendula uYehova? utheni na ukuthetha uYehova?

23:36 Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya; ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.

23:37 Wotsho kumprofeti ukuthi, Utheni na uYehova ukukuphendula? utheni na uYehova ukuthetha?

23:38 Ke ukuba nithi, Isihlabo sikaYehova: ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokuthetha kwenu elo lizwi lokuthi, Isihlabo sikaYehova, kanti ndithumele kuni ukuthi, Ize ningatsho ukuthi, Isihlabo sikaYehova:

23:39 ngako oko, yabonani, ndiya kunilibala mpela, ndinilahle ebusweni bam nina, nalo mzi ndaninikayo, nina nooyihlo;

23:40 ndibeke phezu kwenu isingcikivo esingunaphakade, ihlazo elingunaphakade, elingenakulityalwa.

24:1 UYehova wandibonisa, nanzo iingobozi ezimbini zamakhiwane, zibekiwe phambi kwetempile kaYehova; emveni kokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ebebathimbile ooYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakwaYuda, nengcibi, nabakhandi, ebasusa eYerusalem, ebasa eBhabheli.

24:2 Enye ingobozi ibinamakhiwane alungileyo kakhulu, enjengamakhiwane aziintlahlela ekuvuthweni; enye ingobozi ibinamakhiwane amabi kunene, angenakudliwa ngobubi bawo.

24:3 Wathi ke uYehova kum, Ubona ntoni na, Yeremiya? Ndathi, Amakhiwane; amakhiwane alungileyo, elunge kunene; amabi emabi kunene, engenakudliwa ngobubi bawo.

24:4 Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,

24:5 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengaloo makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubakhangelela okulungileyo abathinjiweyo bakwaYuda endibagxothileyo kule ndawo, baya ezweni lamaKaledi.

24:6 Ndiya kulimisela okulungileyo iliso lam kubo, ndibabuyisele kweli lizwe, ndibakhe, ndingabagungxuli; ndibatyale, ndingabanyothuli.

24:7 Ndobanika intliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum nentliziyo yabo yonke.

24:8 Ke, njengamakhiwane amabi angenakudliwa ngobubi, inene, utsho uYehova ukuthi, Ndiya kumenza abe njalo uZedekiya ukumkani wamaYuda, nabathetheli bakhe, namasalela aseYerusalem aseleyo kweli lizwe, nahleliyo ezweni lamaYiputa.

24:9 Ndiya kubanikela kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuba babe yinto yokunqakulisa, babe nobubi, babe sisingcikivo, nomzekeliso, nento yentsini neyokutshabhiswa ezindaweni zonke endibagxothela khona.

24:10 Ndolithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, bade bagqitywe, baphele emhlabeni endawunika bona nooyise.

25:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele ebantwini bonke bakwaYuda, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ongumnyaka wokuqala kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli;

25:2 awalithethayo uYeremiya umprofeti kubantu bonke bakwaYuda, nakubemi bonke baseYerusalem, esithi,

25:3 Kuthabathela kumnyaka weshumi elinesithathu kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kuzise kule mini, le minyaka imashumi mabini anamithathu, bekufika ilizwi likaYehova kum; bendithetha kuni, ndivuka kwakusasa ndithethe; anivanga noko.

25:4 UYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abaprofeti, ebathuma evuka kwakusasa; aniphulaphulanga noko, anizithobanga iindlebe zenu ukuba nive.

25:5 Baye besithi, Khanibuye elowo endleleni yakhe embi, nasebubini beentlondi zenu; nohlala emhlabeni awaninikayo uYehova, nina nooyihlo, ngonaphakade kanaphakade;

25:6 ningalandeli thixo bambi, ningabakhonzi, ningaqubudi kubo, ningandiqumbisi ngezenzo zezandla zenu, ukuze ndingenzi nto imbi kuni.

25:7 Aniphulaphulanga kum, utsho uYehova; ukuze nindiqumbise ngezenzo zezandla zenu, kuze kube kubi kuni.

25:8 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngenxa enokuba ningawevanga amazwi am,

25:9 yabonani, ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade;

25:10 ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane.

25:11 Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.

25:12 Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade,

25:13 ndilizisele elo lizwe onke amazwi am endawathetha ngalo: into yonke ebhaliweyo kule ncwadi, ayiprofetileyo uYeremiya ngeentlanga zonke.

25:14 Ngokuba ziya kuwakhonzisa nawo iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu, ndiwavuze ngokwemisebenzi yawo, nangokwezenzo zezandla zawo.

25:15 Ngokuba utshilo kum uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha le ndebe yewayini yobushushu esandleni sam, useze ngayo iintlanga zonke, endikuthumela kuzo;

25:16 zisele, zihexe, zigeze, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.

25:17 Ndayithabatha ke indebe esandleni sikaYehova, ndaziseza zonke iintlanga, awandithumela kuzo uYehova:

25:18 iYerusalem, nemizi yakwaYuda, nookumkani bayo, nabathetheli bayo, ukuba benziwe iimpanza, nommangaliso, nomsondlo, nentshabhiso, njengoko kunjalo namhla;

25:19 uFaro ukumkani waseYiputa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabantu bakhe bonke;

25:20 nomxukuxela wonke, nookumkani bonke belizwe lakwaUtse, nookumkani bonke belizwe lamaFilisti, neAshkelon, neGaza, ne-Ekron, namasalela aseAshdode;

25:21 uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon;

25:22 nookumkani bonke baseTire, nookumkani bonke baseTsidon, nookumkani bonke besiqhithi esiphesheya kolwandle;

25:23 uDedan, noTema, noBhizi, noonquthula-iinwele bonke;

25:24 nookumkani bonke bama-Arabhi, nookumkani bonke bomxukuxela omiyo entlango;

25:25 nookumkani bonke bamaZimri, nookumkani bonke bamaElam, nookumkani bonke bamaMedi;

25:26 nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nomzalwana wakhe, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; asele emva kwabo ukumkani waseSheshaki.

25:27 Ngoko ke wothi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Selani ninxile, nihlanze, niwe, ningavuki, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu.

25:28 Kothi, xa bathe abavuma ukuyithabatha indebe esandleni sakho ukuba basele, uthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Niya kusela ngenene.

25:29 Ngokuba, yabonani, ndiqalela emzini obizwa ngegama lam, ukuhlisa ububi; ningaba msulwa nide nibe msulwa na ke nina? Aniyi kuba msulwa; ngokuba ikrele ndilibizela bonke abemi behlabathi; utsho uYehova wemikhosi.

25:30 Ke wena uze ubaprofetele loo mazwi onke, uthi kubo, UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele; uya kubharhula alibharhulele ikriwa lakhe; uya kubahlabela amayeyeye, njengabaxovuli beediliya, bonke abemi behlabathi.

25:31 Ingxolo iya kufika esiphelweni sehlabathi, ngokuba uYehova ubambene neentlanga; uya kugweba phakathi kwenyama yonke; abangendawo ubanikela ekreleni; utsho uYehova.

25:32 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ububi buya kuphuma eluhlangeni, buye eluhlangeni, umoya omkhulu ovuthuzayo uvuke esinqeni sehlabathi.

25:33 Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangahlanganiswa, bangangcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.

25:34 Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe. Ndiya kuniphangalalisa, niwe njengesitya esinqwenelekayo;

25:35 iphele intsabo kubalusi, nokusinda kwiingangamsha zomhlambi.

25:36 Yivani ukukhala kwabalusi, nokubhomboloza kweengangamsha zomhlambi; ngokuba uYehova uyalibhuqa idlelo labo.

25:37 Athe shwaka amakriwa oxolo, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova.

25:38 Ulushiyile njengengonyama entsha udada lwakhe; ngokuba kuthe kwaba senkangala kulo ilizwe labo ngenxa yekrele elidlavulayo, nangenxa yokuvutha komsindo wakhe.

26:1 Ekuqalekeni kobukumkani bukaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi, liphuma kuYehova, lisithi,

26:2 Utsho uYehova ukuthi, Yima entendelezweni yendlu kaYehova, uthethe kuyo yonke imizi yakwaYuda, eza kuqubuda endlwini kaYehova, onke amazwi endikuwisela umthetho wokuba uwathethe kubo; ungaphunguli zwi kuwo.

26:3 Mhlawumbi baya kuva, babuye elowo endleleni yakhe embi, ndizohlwaye ngenxa yobubi endicinga ukubenza kubo, ngenxa yobubi beentlondi zabo.

26:4 Uze uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe anandiphulaphula, nihambe ngomyalelo wam, endiwubeke phambi kwenu,

26:5 anawaphulaphula amazwi abakhonzi bam abaprofeti, endibathumela kuni, ndibathuma ndivuka kusasa, anaweva:

26:6 ndoyenza le ndlu ibe njengeShilo, ndiwenze lo mzi ube yinto yokutshabhiswa ezintlangeni zonke zehlabathi.

26:7 Babemva ke uYeremiya ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, ethetha la mazwi endlwini kaYehova.

26:8 Ke kaloku, ekugqibeni kukaYeremiya konke abewiselwe umthetho nguYehova ukuba akuthethe kubantu bonke, bambamba ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, bathi, Inene, uya kufa.

26:9 Yini na ukuba uprofete egameni likaYehova, usithi, Le ndlu iya kuba njengeShilo, lo mzi ube linxuwa, ungabi nabemi? Babizelwa ndawonye bonke abantu kuYeremiya endlwini kaYehova.

26:10 Baweva abathetheli bakwaYuda la mazwi, benyuka bemka endlwini yokumkani, baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha likaYehova,

26:11 Ababingeleli nabaprofeti bathetha kubathetheli nakubantu bonke, besithi, Le ndoda ifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba iprofete ngalo mzi, njengoko nikuvileyo ngeendlebe zenu.

26:12 Wathetha uYeremiya kubathetheli bonke nakubantu bonke, esithi, UYehova undithume ukuba ndiprofete ngale ndlu nangalo mzi onke amazwi eniwavileyo.

26:13 Kaloku ke, lungisani iindlela zenu neentlondi zenu, niliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wenu; wozohlwaya uYehova ngenxa yobubi abuthethileyo ngani.

26:14 Ke mna, yabonani, ndisesandleni senu; yenzani kum njengoko kulungileyo, kuthe tye, emehlweni enu.

26:15 Kodwa ke yazini nazi oku: ukuba nithe nandibulala, inene, nobeka igazi elimsulwa phezu kwenu, naphezu kwalo mzi, naphezu kwabemi bawo; ngokuba, inyaniso, uYehova undithumele kuni, ukuba ndiwathethe la mazwi onke ezindlebeni zenu.

26:16 Bathi ke abathetheli nabantu bonke kubabingeleli nakubaprofeti, Le ndoda ayifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba ithethe kuthi egameni likaYehova uThixo wethu.

26:17 Kwesuka kwema amadoda kumadoda amakhulu elo zwe, athetha kulo lonke ibandla labantu, athi,

26:18 UMika waseMoreshete waprofeta ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, wathetha kubantu bonke bakwaYuda, esithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, IZiyon iya kulinywa ibe yintsimi, neYerusalem ibe yimiwewe, nentaba yendlu le ibe yimimango enehlathi.

26:19 Bambulala na ke uHezekiya ukumkani wakwaYuda namaYuda onke? Akoyikanga uYehova na, wambongoza uYehova, waza uYehova wazohlwaya ngenxa yobubi abebuthethile ngabo? Thina ke, senze na ububi obukhulu kwimiphefumlo yethu?

26:20 Kwaye kananjalo kuprofeta egameni likaYehova indoda engu-Uriya unyana kaShemaya, waseKiriyati-yeharim; waprofeta ngalo mzi nangeli lizwe, ngokwamazwi onke kaYeremiya.

26:21 Waweva ke ukumkani uYehoyakim, namagorha akhe onke, nabathetheli bonke, amazwi akhe; ukumkani wafuna ukumbulala. Weva u-Uriya, woyika, wasaba waya eYiputa.

26:22 Ukumkani uYehoyakim wathumela amadoda eYiputa, uElinatan unyana ka-Akebhore, enamadoda athile, baya eYiputa.

26:23 Bamrhola u-Uriya eYiputa, bamzisa kukumkani uYehoyakim; wambulala ngekrele, wasiphosa isidumbu sakhe emangcwabeni oluntu.

26:24 Kodwa isandla sika-Ahikam unyana kaShafan besinoYeremiya, ukuba anganikelwa esandleni sabantu ukuba abulawe.

27:1 Ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi kuYeremiya, liphuma kuYehova, lisithi:

27:2 Utshilo uYehova kum ukuthi, Zenzele izitropu needyokhwe, uzifake entanyeni yakho.

27:3 Wozithumela kukumkani wakwaEdom, nakukumkani wakwaMowabhi, nakukumkani woonyana baka-Amon, nakukumkani waseTire, nakukumkani waseTsidon, ngesandla sabathunywa abeze eYerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaYuda;

27:4 ubawisele umthetho wokuba bathi ezinkosini zabo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni ezinkosini zenu ukuthi,

27:5 Mna ndilenzile ihlabathi, umntu lo, neenkomo eziphezu kwehlabathi, ngamandla am amakhulu, nangengalo yam eyolukileyo; ndalinika lowo kuthe tye emehlweni am ukuba ndilinike yena.

27:6 Kaloku ke mna ndiwanikele onke la mazwe esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, kwanamarhamncwa asendle ndiwanikele kuye ukuba amkhonze.

27:7 Ziya kumkhonza zonke iintlanga, yena, nonyana wakhe, nonyana wonyana wakhe, kude kufike ixesha lelakhe ilizwe; zimkhonze ke naye iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu.

27:8 Kuya kuthi, uhlanga nobukumkani obungayi kumhonza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, obungayifakiyo intamo yabo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, ndiluvelele olo luhlanga ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa, utsho uYehova, ndide ndibagqibe ngesandla sakhe.

27:9 Musani ke nina ukubaphulaphula abaprofeti benu, nabavumisi benu, namaphupha enu, namatola enu, nabakhafuli benu; bona abo bathi kuni, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli.

27:10 Ngokuba baniprofetela ubuxoki, ukuze ndinikhwelelise kude nomhlaba wenu, ndinigxothe, nitshabalale.

27:11 Ke lona uhlanga oluya kuyingenisa intamo yalo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, lumkhonze, ndoluyeka emhlabeni walo, luwusebenze, luhlale kuwo; utsho uYehova.

27:12 NakuZedekiya ukumkani wakwaYuda ndathetha ngokwaloo mazwi onke, ndathi, Zingeniseni iintamo zenu edyokhweni yokumkani waseBhabheli, nikhonze yena nabantu bakhe, niphile.

27:13 Yini na ukuba ufe, wena nabantu bakho, likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, njengoko akuthethileyo uYehova ngohlanga olungayi kumkhonza ukumkani waseBhabheli?

27:14 Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abathetha kuni, besithi, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

27:15 Ngokuba andibathumanga, utsho uYehova; bona baprofeta ubuxoki egameni lam, ukuze ndinigxothe, nitshabalale, ninanabaprofeti abo baniprofetelayo.

27:16 Ndathetha kubabingeleli nakwaba bantu bonke, ndisithi, Utshilo uYehova ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti benu abaniprofetelayo, besithi, Yabona, impahla yendlu kaYehova iya kubehle ibuyiswe eBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

27:17 Musani ukubaphulaphula; mkhonzeni ukumkani waseBhabheli, niphile; yini na ukuba ube linxuwa lo mzi?

27:18 Ke ukuba bangabaprofeti, ke ukuba likho ilizwi likaYehova kubo, mabambongoze uYehova wemikhosi, ukuze impahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ingayi eBhabheli.

27:19 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kuzo iintsika, nangalo ulwandle, nangazo iinqwelwana, nangawo amasalela empahla eseleyo kulo mzi,

27:20 engathatyathwanga nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ekumfuduseni kwakhe uYekoniya, unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, eYerusalem, ukumsa eBhabheli, enabanumzana bonke bakwaYuda neYerusalem;

27:21 ewe, utsho uYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, ngempahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ukuthi,

27:22 Iya kusiwa eBhabheli ibe khona, ide ibe yimini yokuyivelela kwam, utsho uYehova; ndiyinyuse, ndiyibuyisele kule ndawo.

28:1 Ke kaloku, kwathi ngaloo mnyaka, ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya unyana ka-Azure, umprofeti waseGibheyon, endlwini kaYehova, emehlweni ababingeleli nabantu bonke, esithi,

28:2 Utshilo uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndiyayaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.

28:3 Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli.

28:4 Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abaye eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.

28:5 Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, emehlweni ababingeleli, nasemehlweni abantu bonke abemiyo endlwini kaYehova:

28:6 wathi uYeremiya umprofeti, Amen, makenjenjalo uYehova. Makawamise uYehova amazwi akho owaprofetele ukuba ayibuyise impahla yendlu kaYehova, nabafudusiweyo bonke eBhabheli, beze kule ndawo.

28:7 Khawuve eli lizwi ndilithethayo ezindlebeni zakho, nasezindlebeni zabantu bonke.

28:8 Abaprofeti ababengaphambili kum nangaphambili kwakho kwasephakadeni, baprofeta imfazwe, nobubi, nendyikitya yokufa, besingisele kumazwe amaninzi nangezikumkani ezikhulu.

28:9 Umprofeti lowo uprofeta uxolo, uya kwaziwa ukuba ungumprofeti othunyiweyo nguYehova okunene, ekwenzekeni kwelo lizwi lomprofeti lowo.

28:10 Ke kaloku uHananiya umprofeti wayithabatha idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, wayaphula.

28:11 Wathetha uHananiya emehlweni abantu bonke, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngale minyaka mibini iza kuzaliseka, ezintanyeni zeentlanga zonke. Wemka ke uYeremiya umprofeti, wahamba indlela yakhe.

28:12 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya emva kokuyaphula kukaHananiya umprofeti idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi,

28:13 Yiya uthethe kuHananiya, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Uzaphule iidyokhwe zomthi, ke yenza iidyokhwe zesinyithi esikhundleni sazo.

28:14 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.

28:15 Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki.

28:16 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiva kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethe elokukreqa kuYehova.

28:17 Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo mnyaka, ngenyanga yesixhenxe.

29:1 Ngawo la amazwi encwadi awayithumelayo uYeremiya umprofeti, eseYerusalem, kumasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nakubabingeleli, nakubaprofeti, nakubantu bonke, awayebafudusile eYerusalem uNebhukadenetsare, wabasa eBhabheli

29:2 (emva kokuphuma kukaYekoniya ukumkani, nenkosikazi, namagosa, nabathetheli bakwaYuda neYerusalem, neengcibi, nabakhandi eYerusalem);

29:3 awayithumelayo ngesandla sikaElasa unyana kaShafan, noGemariya unyana kaHilekiya (awabathumelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eBhabheli), isithi:

29:4 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, kwabafudusiweyo bonke, endibafuduse eYerusalem, ukuba basiwe eBhabheli, ukuthi,

29:5 Yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.

29:6 Zekani abafazi, nizale oonyana neentombi, nibazekele abafazi oonyana benu, iintombi zenu nizendisele kumadoda, zizale oonyana neentombi, nande khona, ninganciphi.

29:7 Nize nizamele uxolo lomzi endinifudusele kuwo, niwuthandazele kuYehova; ngokuba niya kuba noxolo ngoxolo lwawo.

29:8 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo.

29:9 Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; andibathumanga; utsho uYehova.

29:10 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Xenikweni iBhabheli izaliselwe iminyaka emashumi asixhenxe, ndiya kunivelela, ndilimise kuni ilizwi lam elilungileyo, lokunibuyisela kule ndawo.

29:11 Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininike ikamva nethemba.

29:12 Niya kundinqula, nize nithandaze kum, ndiniphulaphule.

29:13 Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke;

29:14 ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova;

29:15 ndinibuyisele endaweni endanifudusa kuyo, xa nithi, UYehova usivelisele abaprofeti eBhabheli.

29:16 Inene, utsho uYehova ngokusingisele kukumkani ohleli etroneni kaDavide, nakubantu bonke abahleli kulo mzi, abazalwana benu, abangaphumanga baye nani ekufudusweni:

29:17 utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, ndibenze babe njengamakhiwane akruqulayo, angenakudliwa ngokuba mabi kwawo.

29:18 Ndiya kubasukela ngekrele nangendlala nangendyikitya yokufa, ndibanikele ukuba babe yinto yokunqakulisa kwizikumkani zonke zehlabathi, babe yintshwabulo, nommangaliso, nomsondlo, nesingcikivo, ezintlangeni zonke endabagxothela kuzo;

29:19 ngethuba lokuba bengawaphulaphulanga amazwi am, utsho uYehova, endawathumela kuni ngabakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa; anivanga noko; utsho uYehova.

29:20 Liveni ke ilizwi likaYehova, nina nonke bafudusiweyo, ndabasusayo eYerusalem, baya eBhabheli.

29:21 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu;

29:22 kuzekelwe kubo ukutshabhisa ngabafudusiweyo bonke bakwaYuda abaseBhabheli, kuthiwe, UYehova makakwenze ube njengoZedekiya, nanjengoAhabhi, awabachanabayo emlilweni ukumkani waseBhabheli;

29:23 ngenxa yokuba benze ubudenge kwaSirayeli, babakrexeza abafazi babamelwane babo, bathetha amazwi obuxoki egameni lam, endingabawiselanga methetho ngawo. Ndiyazi mna, ndilingqina, utsho uYehova.

29:24 Ngokusingisele kuShemaya waseNehelam wothetha, uthi,

29:25 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba wena uthumele incwadi egameni lakho kubantu bonke abaseYerusalem, nakuZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubabingeleli bonke, usithi,

29:26 UYehova ukwenze umbingeleli esikhundleni sikaYoyada umbingeleli, ukuze kubekho abaveleli endlwini kaYehova ngenxa kabani wonke obhudayo, ozenza umprofeti, ukuba umfake esitokisini nasentanjeni.

29:27 Yini na ngoku, ukuba ungamkhalimeli uYeremiya waseAnatoti, ozenza umprofeti kuni?

29:28 Ngokuba ngenxa yoko uthumele kuthi eBhabheli, esithi, Inde le nto; yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.

29:29 UZefaniya umbingeleli wayilesa loo ncwadi ezindlebeni zikaYeremiya umprofeti.

29:30 Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi.

29:31 Thumela kubo bonke abafudusiweyo, uthi, Utsho uYehova ngokusingisele kuShemaya waseNehelam, ukuthi, Ngenxa enokuba uShemaya eniprofetele, ndingamthumanga mna, wanikholosisa ngobuxoki:

29:32 ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela uShemaya waseNehelam nembewu yakhe; akayi kuba namntu uhleliyo phakathi kwaba bantu; angayi kubona okulungileyo endikwenzela abantu bam, utsho uYehova; ngokuba ethethe elokukreqa kuYehova.

30:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,

30:2 Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe;

30:3 ngokuba, uyabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda, utsho uYehova; ndibabuyisele ezweni endalinika ooyise, ukuba balime.

30:4 Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uYehova ngokusingisele kumaSirayeli, nakumaYuda.

30:5 Utshilo ke uYehova ukuthi, Sive izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo.

30:6 Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?

30:7 Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kuYakobi; ke uya kusindiswa kuyo.

30:8 Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;

30:9 bakhonze uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo, endiya kubavelisela yena.

30:10 Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.

30:11 Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingathi umsulwa kwakanye.

30:12 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Ukwaphuka kwakho asikuko nokuba kuyabulala, libuhlungu inxeba lakho.

30:13 Akukho ugweba ityala lakho, upholisa inxeba; akunaye okubophayo.

30:14 Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho.

30:15 Ukhalelani na ngenxa yokwaphuka kwakho? Asikuko nokuba uyabulala umvandedwa wakho! Ndizenzile ezo nto kuwe ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, nangenxa yokuba zininzi izono zakho.

30:16 Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe nabaphangi bakho bonke ndibanikele ekuphangweni.

30:17 Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi unguGxothiwe, uyiZiyon engakhathalelwe bani.

30:18 Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi, ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe; umzi wakhelwe emmangweni wawo, luhlalwe uxande olude ngokwesiko lalo.

30:19 Wophuma kuzo umbulelo nezwi labaqambayo; ndibandise, bangabi mbalwa; ndibazukise, banganciphi.

30:20 Oonyana babo boba njengokwamandulo, lizimaseke phambi kwam ibandla labo, ndibavelele bonke abaxini babo.

30:21 Ingangamsha yabo iya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kwaphakathi kwabo; ndimsondeze, afike kum, ngokuba ngubani na omele intliziyo yakhe, ukuba afike kum? utsho uYehova.

30:22 Niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.

30:23 Nango umoya kaYehova ovuthuzayo; nabo buphuma ubushushu; umoya ovuthuzayo, okhukulisayo, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.

30:24 Akuyi kubuya ukuvutha komsindo kaYehova, ade ayenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla niya kukuqonda oko.

31:1 Ngelo xesha, utsho uYehova, ndiya kuba nguThixo kwimizalwane yonke yakwaSirayeli, yona ibe ngabantu bam.

31:2 Utsho uYehova ukuthi, Bababalwa entlango abantu abasindileyo ekreleni; ndoya ndiwaphumze amaSirayeli.

31:3 UYehova ubonakele kum kwakude, wathi, Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba.

31:4 Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise, uphathe iingqongqo zakho, uphume uye ekungqungqeni kwabangqungqayo.

31:5 Uya kubuya utyale izidiliya ezintabeni zakwaSamari, batyale abatyali, bazidle ngokwabo.

31:6 Ngokuba kuya kubakho umhla, abaya kumemeza ngawo abalindi ezintabeni zakwaEfrayim, besithi, Sukani nime, sinyuke siye eZiyon kuYehova, uThixo wethu.

31:7 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Memelelani ngoYakobi, nivuye, nitsholoze ngentloko yeentlanga; vakalisani, dumisani, yithini, Basindise, Yehova, abantu bakho, amasalela akwaSirayeli.

31:8 Yabona, ndiyabazisa bevela ezweni lasentla, ndibabuthe eziphelweni zehlabathi; beneemfama neziqhwala, abamithiyo nabazalayo kunye; besisikhungu esikhulu, bebuyela apha.

31:9 Baya kuza belila, ndibakhokele betarhuzisa; ndibase emilanjeni yamanzi ngendlela ethe tye, bengakhubeki kuyo; kuba ndinguyise kuSirayeli, uEfrayim ngowamazibulo am.

31:10 Liveni ilizwi likaYehova, zintlanga, nilixele eziqithini ezikude, nithi, Umchithachithi kaSirayeli uya kumbutha, amgcine njengomalusi egcina umhlambi wakhe.

31:11 Ngokuba uYehova ummisele wamkhulula uYakobi; umhlawulele wamkhulula esandleni sowomeleleyo kunaye.

31:12 Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathe amandla.

31:13 Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala.

31:14 Ndowuseza uhluthe umphefumlo wababingeleli ngamafutha, bahluthe abantu bam zizinto zam ezilungileyo; utsho uYehova.

31:15 Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho.

31:16 Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba unomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba.

31:17 Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo.

31:18 Ndimvile ngenene uEfrayim, ehlunguzela intloko, esithi, Undiqeqeshile ndaqeqesheka njengethole elingekathambi; ndibuyise, ndibuye; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam.

31:19 Ngokuba emva kokukutshikilela kwam ndazohlwaya, emva kokwaziswa kwam ndabetha ethangeni lam; ndadana, ndeva ihlazo, ngokuba ndithwele isingcikivo sobuncinane bam.

31:20 Ngunyana onqabileyo na kum uEfrayim? Ngumntwana wokuteketiswa na, le nto ndithi, ndakuthetha ngaye ndimchasile, ndisuke ndimkhumbule ngakumbi? Ngenxa yoko izibilini zam ziyasika ngaye; inene, ndiya kuba nemfesane kuye, utsho uYehova.

31:21 Zimiseleni izalathiso, zigxumekeleni izibonda; yibhekise intliziyo yakho emendweni, endleleni owahamba ngayo. Buya, ntombi inguSirayeli, buyela emizini yakowenu.

31:22 Kunini na unxaxhanxaxha, ntombi iphambayo? ngokuba uYehova udala into entsha ehlabathini: inkazana iya kuphahla indoda.

31:23 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Basaya kulithetha eli lizwi ezweni lakwaYuda nasemizini yakhona, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, lokuthi, UYehova makakusikelele, khaya lobulungisa, ntaba yobungcwele.

31:24 Aya kuma khona amaYuda nemizi yawo yonke kunye; abalimi, nabahamba emathanga benemihlambi yabo.

31:25 Ngokuba ndiyawuseza uhluthe umphefumlo otyhafileyo; ndowanelisa umphefumlo wonke othe amandla.

31:26 Kwakubanjalo, ndavuka, ndakhangela; ubuthongo bam bebumnandi kum.

31:27 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyihlwayela indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu yomntu, nangembewu yenkomo.

31:28 Kuya kuthi njengoko ndabaphaphelayo ukuba ndinyothule, ukuba ndidilize, ukuba ndigungxule, ukuba nditshabalalise, ukuba ndenze kube kubi: ngokunjalo ndibaphaphele ukuba ndakhe, ukuba ndityale; utsho uYehova.

31:29 Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badle iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi;

31:30 ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi.

31:31 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda;

31:32 ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova.

31:33 Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;

31:34 bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.

31:35 Utsho uYehova, uMniki welanga, ukuba libe sisikhanyiso emini; uMniki wemimiselo yenyanga neenkwenkwezi, ukuba zibe sisikhanyiso ebusuku; uMlatyuzisi wolwandle, ukuba agqume amaza alo; ugama lakhe linguYehova wemikhosi:

31:36 ukuthi, Ukuba ithe yasuka loo mimiselo phambi kwam, utsho uYehova, yophela nayo ke imbewu kaSirayeli ingabi luhlanga phambi kwam ngamaxa onke.

31:37 Utsho uYehova ukuthi, Ukuba lingaba nokulinganiswa izulu phezulu, zibe nokugocwagocwa iziseko zehlabathi phantsi, nam ke ndoba ndiya kuyicekisa yonke imbewu kaSirayeli, ngenxa yento yonke abayenzileyo; utsho uYehova.

31:38 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, oya kuthi umzi lowo wakhelwe uYehova, kuthabathele enqabeni ende kaHananeli, kuse esangweni lembombo;

31:39 lubuye luphume ulutya lokulinganisela, luthi gca phezu kwenduli kaGarebhe, lujikele eGoha.

31:40 Yonke intili yezidumbu neyothuthu, namasimi onke asa esihlanjeni seKidron, asa embombeni yesango lamahashe ngasempumalanga, ibe ngcwele kuYehova, ingabi sanyothulwa, ingabi sagungxulwa naphakade.

32:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngomnyaka weshumi kaZedekiya ukumkani wakwaYuda; loo mnyaka ke ngumnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare.

32:2 Oko ke impi yokumkani waseBhabheli ibiyingqingile iYerusalem, uYeremiya umprofeti evalelwe entendelezweni yentolongo, yendlu yokumkani wakwaYuda.

32:3 Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

32:4 angasindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; uya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthethe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;

32:5 amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.

32:6 Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

32:7 Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.

32:8 Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.

32:9 Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.

32:10 Ndakubhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.

32:11 Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo;

32:12 ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.

32:13 Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,

32:14 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi.

32:15 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe.

32:16 Ndathandaza kuYehova emveni kokuyinikela kwam incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, ndathi,

32:17 Awu, Nkosi yam Yehova, yabona, walenza izulu nehlabathi ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo; akukho nto ikunqabeleyo.

32:18 Unguwenza inceba kumawaka, uphindezela ubugwenxa booyise esondweni loonyana babo emva kwabo; uloThixo mkhulu, uligorha, ugama lakhe linguYehova wemikhosi;

32:19 ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;

32:20 wamisayo imiqondiso nezimanga ezweni laseYiputa, unanamhla, nakumaSirayeli nakwabanye abantu, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla.

32:21 Wabakhupha abantu bakho amaSirayeli ezweni leYiputa ngemiqondiso, nangezimanga, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangoloyikiso olukhulu.

32:22 Wabanika eli lizwe wabafungelayo ooyise, ukuba ubanike ilizwe elibaleka amasi nobusi.

32:23 Beza ke balihlala; kodwa abaliphulaphula izwi lakho, abahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiselayo umthetho ngako ukuba bakwenze, abakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi.

32:24 Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke unikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona.

32:25 Ke wena, Nkosi yam Yehova, uthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakubona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi.

32:26 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

32:27 Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?

32:28 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

32:29 eze amaKaledi alwayo nalo mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.

32:30 Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.

32:31 Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,

32:32 ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bona, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem.

32:33 Bandinikela ikhosi, abandinikela ubuso; bafundiswa, befundiswa kwakusasa, abaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa.

32:34 Babeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi;

32:35 bamakhela uBhahali iziganga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.

32:36 Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Unikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi,

32:37 Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile.

32:38 Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo;

32:39 ndibanike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.

32:40 Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibenzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.

32:41 Ndoba nemihlali ngabo, ndibenzele okulungileyo, ndibatyale kweli lizwe ndinyanisile, ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke.

32:42 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Njengoko ndabaziselayo aba bantu bonke obu bubi bukhulu kangaka, ndiya kwenjenjalo ukubazisela konke okulungileyo endikuthethayo ngabo.

32:43 Kuya kuthengwa amasimi kweli lizwe nithi, Kusenkangala, alinabantu nankomo, linikelwe esandleni samaKaledi.

32:44 Baya kuthenga amasimi ngemali, bawabhale encwadini, itywinwe; bathabathe amangqina ezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke kwiYerusalem, nasemizini yakwaYuda, nasemizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo; utsho uYehova.

33:1 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya okwesibini, esavalelwe entendelezweni yentolongo, lisithi,

33:2 Utsho uYehova, uMenzi woku; uYehova, uMyili woku, ukuba akuzimase; ugama lakhe linguYehova, ukuthi,

33:3 Ndinqule, ndikuphendule, ndikuxelele izinto ezinkulu ezinqabileyo, ongazaziyo.

33:4 Ngokuba utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngazo izindlu zalo mzi, nangezindlu zokumkani bakwaYuda ezidiliziweyo ngenxa yeendonga zokungqinga, nangenxa yekrele;

33:5 bakubona ukuba baza kulwa namaKaledi, bazizalisa ngezidumbu zabantu, endibabulalayo ngomsindo wam nangobushushu bam, ekungenxa yezinto zabo zonke ezimbi, ukuba ndibusithelise ubuso bam kulo mzi:

33:6 ukuthi, Yabona, ndiwubopha ngezinto ezibotshwayo, eziphilisayo, ndibaphilise, ndibatyhilele ukuphuphuma koxolo nenyaniso.

33:7 Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYuda nokuthinjwa kukaSirayeli, ndibakhe njengokwasekuqaleni.

33:8 Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke, abone ngabo kum; ndibuxolele ubugwenxa babo bonke, bone ngabo kum, bakreqa ngabo kum.

33:9 Lo mzi uya kuba ligama lemihlali kum, indumiso nesihombo kwiintlanga zonke zehlabathi, eziya kukuva konke okulungileyo endikwenzayo kuwo, zinkwantye, zigungqe ngenxa yokulunga konke, nangenxa yoxolo lonke, endiwenzela lona.

33:10 Utsho uYehova ukuthi, Kuya kubuva kuviwe kule ndawo, nitshoyo ukuthi, Ilinxuwa, ayinabantu, ayinankomo, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, ekusenkangala kuzo, ezingenabantu, ezingenabemi, ezingenankomo:

33:11 kuviwe izwi lemihlali nezwi lemivuyo; izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; izwi labathi, Bulelani kuYehova wemikhosi, ngokuba elungile uYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; abazisa imibulelo endlwini kaYehova. Ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwelizwe, limiwe njengokwasekuqaleni; utshilo uYehova.

33:12 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamntu, ingenankomo, nasemizini yayo yonke, kuya kubuya kubekho ikriwa labalusi, ababuthela imihlambi yabo kulo.

33:13 Emizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi, nasezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke eYerusalem, nasemizini yakwaYuda, iya kubuya igqithe imihlambi phantsi kwezandla zoyibalayo; utsho uYehova.

33:14 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kulimisa ilizwi elilungileyo, endalithethayo kwindlu kaSirayeli nakwindlu kaYuda.

33:15 Ngaloo mihla nangelo xesha, ndiya kumhlumisela uDavide iHlumelo loBulungisa, eliya kwenza ngokwesiko nobulungisa ezweni.

33:16 Ngaloo mihla lona liya kusindiswa elakwaYuda, ihlale ikholosile iYerusalem, ukubizwa kwayo kuthiwe, UYehova-ububulungisa-bethu.

33:17 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, UDavide akayi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yendlu kaSirayeli;

33:18 banganqunyukelwa ndoda ababingeleli abangabaLevi, yakunyusa amadini anyukayo ebusweni bam, iqhumisele ngeminikelo yokudla, yenze imibingelelo imihla yonke.

33:19 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

33:20 Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe nawaphula umnqophiso wam wemini, nomnqophiso wam wobusuku, ukuze kungabikho mini nabusuku ngexesha elililo:

33:21 woba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe; kwanabaLevi ababingeleli, abalungiselela mna.

33:22 Njengokuba ungenakubalwa umkhosi wezulu, ingenakulinganiselwa intlabathi yolwandle, ndiya kwenjenjalo ukuyandisa imbewu yomkhonzi wam uDavide, nabaLevi abalungiselela mna.

33:23 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

33:24 Akukuboni na abakuthethayo aba bantu, besithi, Imizalwane yomibini, awayinyulayo uYehova, uyicekisile yona? Babagiba ke abam abantu, ngokokude bangabi saba luhlanga phambi kwabo.

33:25 Utsho uYehova ukuthi, Ukuba awumi umnqophiso wam wemini nowobusuku, ukuba imimiselo yezulu neyehlabathi andiyimisanga,

33:26 ndoba ndiya kuyicekisa nembewu kaYakobi noDavide umkhonzi wam; ukuba embewini yakhe ndingabi sathabatha abayilawulayo imbewu ka-Abraham noIsake noYakobi, ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo, ndibe nemfesane kubo.

34:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, akubon’ ukuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, enempi yakhe yonke, nezikumkani zonke zelizwe eliselulawulweni lwesandla sakhe, nezizwe zonke, uyalwa neYerusalem nemizi yayo yonke: lalisithi,

34:2 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthethe kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awutshise ngomlilo.

34:3 Ke wena akuyi kusinda esandleni sakhe; inene, uya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe, amehlo akho awabone amehlo okumkani waseBhabheli, umlomo wakhe uthethe nomlomo wakho, uve nawe eBhabheli.

34:4 Kodwa live ilizwi likaYehova, Zedekiya kumkani wakwaYuda; utsho uYehova ngawe, ukuthi, Akuyi kufa likrele,

34:5 Uya kufa unoxolo; ngokutshiselwa kooyihlo, ookumkani bamandulo ababekho ngaphambi kwakho, baya kwenjenjalo ukukutshisela; bakumbambazelele, besithi, Athi ke mna, nkosi! Ngokuba mna ndilithethile ilizwi; utsho uYehova.

34:6 Wawathetha ke uYeremiya umprofeti loo mazwi onke kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, eYerusalem,

34:7 yakubon’ ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.

34:8 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokwenza kokumkani uZedekiya umnqophiso nabantu bonke baseYerusalem, wokuvakalisa kubo inkululeko:

34:9 owokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe elingumHebhere, elingumHebherekazi, elikhulule, kungabikho umkhonzisayo umYuda umzalwana wakhe.

34:10 Baphulaphula ke abathetheli bonke nabantu bonke, abangenayo emnqophisweni wokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, elikhulule, angabi sabakhonzisa; baphulaphula ke, babandulula.

34:11 Emveni koko bajika, bawabuyisa amakhoboka namakhobokazana ababewandulule bewakhulule, bawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana.

34:12 Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,

34:13 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mna ndenza umnqophiso nooyihlo, mini ndabakhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;

34:14 ndathi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ize nindulule elowo umzalwana wakhe ongumHebhere, owazithengisayo kuwe; wokukhonza iminyaka emithandathu, umndulule kuwe, umkhulule; ke ooyihlo abandiphulaphulanga, abandithobelanga ndlebe.

34:15 Nina ke nibuyile namhla, nenza okuthe tye emehlweni am ngokuvakalisa inkululeko, elowo kummelwane wakhe, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwe ngegama lam;

34:16 nasuka najika, nalihlambela igama lam, nabuyisa elowo ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, enaniwandulule, niwakhulule ngokuthanda kwawo; nawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana kuni.

34:17 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuvakalisa inkululeko, elowo kumzalwana wakhe, elowo kummelwane wakhe; yabonani, ndivakalisa kuni inkululeko, utsho uYehova, yokuya ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa, ndininikele kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuze nibe yinto yokunqakulisa.

34:18 Ndiya kuwenza amadoda awugqithileyo umnqophiso wam, angawagcinanga amazwi omnqophiso awawenzayo phambi kwam, abe lelo thole alicanda kubini, acanda phakathi kwezahlulo zenyama yalo.

34:19 Abathetheli bakwaYuda, nabathetheli baseYerusalem, namagosa, nababingeleli, nabantu bonke belizwe abacandayo phakathi kwezahlulo zethole,

34:20 ndiya kubanikela ezandleni zeentshaba zabo, nasezandleni zabafuna umphefumlo wabo, zidliwe izidumbu zabo ziintaka zezulu nangamarhamncwa omhlaba.

34:21 UZedekiya ke ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakhe, ndiya kubanikela esandleni sabafuna umphefumlo wabo, nasesandleni sempi yokumkani waseBhabheli, yona leyo yemkayo kuni.

34:22 Yabona, ndiwisa umthetho, utsho uYehova, wokuba ndibabuyisele kulo mzi, balwe nawo, bawuthimbe, bawutshise ngomlilo, ndiyenze amanxuwa imizi yakwaYuda, ingemiwa.

35:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngemihla kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,

35:2 Yiya endlwini yamaRekabhi, uthethe nawo, uwangenise endlwini kaYehova, kwelinye igumbi, uwaseze iwayini.

35:3 Ndamthabatha ke uYazaniya unyana kaYeremiya, unyana kaHabhatsiniya, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe bonke, nendlu yonke yamaRekabhi;

35:4 ndabangenisa endlwini kaYehova, egumbini koonyana bakaHanan unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elisecaleni kwegumbi labathetheli, eliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-mnyango.

35:5 Ndabeka phambi koonyana bendlu yamaRekabhi iindebe ezizele yiwayini, neebhekile, ndathi kubo, Selani iwayini.

35:6 Bathi bona, Asiyiseli iwayini: ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho wokuthi, Ze ningaseli wayini, nina, noonyana benu, naphakade;

35:7 ningakhi zindlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyali sidiliya, ningabi nazo ezo zinto; ke nohlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze niphile imihla emininzi phezu komhlaba, eningabaphambukeli kuwo.

35:8 Siliphulaphule ke izwi likaYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, kuko konke awasiwisela umthetho ngako, ukuba singaseli wayini yonke imihla yethu, thina, nabafazi bethu, noonyana bethu, neentombi zethu;

35:9 wokuba singakhi nazindlu zokuba sihlale kuzo, singabi nazidiliya, nantsimi, nambewu.

35:10 Sihleli ezintenteni, seva, senza ngako konke awasiwisela umthetho ngako uYonadabhi ubawo.

35:11 Ke kaloku kwathi, ekunyukeni kukaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esiza kweli lizwe, sathi, Yizani singene eYerusalem ngenxa yempi yamaKaledi, nangenxa yempi yama-Aram; sahlala ke eYerusalem apha.

35:12 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

35:13 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthi kumadoda akwaYuda nakubemi baseYerusalem, Anikuvumi na ukuqeqeshwa, ukuba niwaphulaphule amazwi am? utsho uYehova.

35:14 Agciniwe amazwi kaYonadabhi, unyana kaRekabhi, awabawisela oonyana bakhe ukuba bangaseli wayini; abaseli unanamhla, bawuphulaphula ke umthetho kayise. Ke mna ndathetha kuni, ndithetha, ndivuka kusasa; anindiphulaphulanga.

35:15 Ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma, ndivuka kusasa, ndisithi, Khanibuye, elowo endleleni yakhe embi, nilungise iintlondi zenu, ningalandeli thixo bambi, ukuze nibakhonze; nohlala ke emhlabeni endawunika nina nooyihlo. Ke anizithobanga iindlebe zenu, anindiphulaphulanga.

35:16 Inene, oonyana bakaYonadabhi unyana kaRekabhi bawugcinile umthetho kayise, awabawiselayo; ke bona aba bantu abandiphulaphuli.

35:17 Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwazisela amaYuda nabemi bonke baseYerusalem bonke obu bubi ndathethayo ngabo; ngenxa yokuba ndathetha kubo, abeva; ndababiza, abasabela.

35:18 UYeremiya wathi kwindlu yamaRekabhi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba niwuphulaphule umthetho kaYonadabhi uyihlo, nayigcina yonke imithetho yakhe, nenza ngako konke awaniwisela umthetho ngako;

35:19 ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, UYonadabhi, unyana kaRekabhi, akayi kunqunyukelwa ndoda yakuma phambi kwam yonke imihla.

36:1 Kwathi, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lafika eli lizwi kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,

36:2 Thabathela kuwe incwadi esongwayo, uwabhale kuyo onke amazwi endawathetha kuwe ngamaSirayeli, nangamaYuda, nangeentlanga zonke, kususela kwimini endathethayo kuwe, uthabathele emihleni kaYosiya, ude uze kule mini.

36:3 Mhlawumbi indlu kaYuda ingabuphulaphula bonke ububi endicinga ukubenza kubo, ukuze babuye elowo endleleni yakhe embi, ndibuxolele ubugwenxa babo nesono sabo.

36:4 UYeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wawabhala encwadini esongwayo uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi kaYehova, awawathethayo kuye.

36:5 UYeremiya wamwisela uBharuki umthetho, esithi, Mna ndivalelwe, andinako ukuya endlwini kaYehova.

36:6 Yiya wena, uwalese encwadini esongwayo, leyo uyibhalileyo, ephuma emlonyeni wam, amazwi kaYehova, ezindlebeni zabantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; uwalese nasezindlebeni zamaYuda onke, avela emizini yawo.

36:7 Mhlawumbi ukutarhuzisa kwabo kungawa phambi koYehova, babuye elowo endleleni yakhe embi; ngokuba mkhulu umsindo nobushushu, abuthethileyo uYehova ngaba bantu.

36:8 Wenza ke uBharuki unyana kaNeriya njengako konke abemwisele umthetho uYeremiya umprofeti, wokuba awalese encwadini amazwi kaYehova endlwini kaYehova.

36:9 Kwathi ngomnyaka weshumi kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, bamema uzilo lokudla phambi koYehova kubantu bonke baseYerusalem, nakubantu bonke ababevele emizini yakwaYuda, beza eYerusalem.

36:10 UBharuki wawalesa encwadini amazwi kaYeremiya endlwini kaYehova, egumbini likaGemariya unyana kaShafan, umbhali, entendelezweni ephezulu, ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova, ezindlebeni zabantu bonke.

36:11 Waweva uMikaya unyana kaGemariya, unyana kaShafan, onke amazwi kaYehova encwadini,

36:12 wehla waya endlwini yokumkani, egumbini lombhali. Nabo, behleli khona abathetheli bonke: ooElishama umbhali, noDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nabathetheli bonke.

36:13 UMikaya wabaxelela onke amazwi abewavile ekuleseni kukaBharuki encwadini, ezindlebeni zabantu.

36:14 Bonke abathetheli bathumela kuBharuki uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi, besithi, Incwadi esongwayo leyo ulese kuyo ezindlebeni zabantu, yiphathe ngesandla sakho, uze. UBharuki unyana kaNeriya wayiphatha ke incwadi esongwayo ngesandla sakhe, weza kubo.

36:15 Bathi kuye, Khawuhlale phantsi, uyilese ezindlebeni zethu. Wayilesa ke uBharuki ezindlebeni zabo.

36:16 Kwathi, bakuweva onke loo mazwi, bankwantya, elowo ebheka kowabo; bathi kuBharuki, Simelwe kukumxelela ukumkani onke la mazwi.

36:17 Bambuza uBharuki, besithi, Khawusixelele, utheni na ukuwabhala onke la mazwi ephuma emlonyeni wakhe?

36:18 Wathi uBharuki kubo, Wawathetha kum onke la mazwi aphuma emlonyeni wakhe, ndawabhala encwadini le ngeinki.

36:19 Bathi abathetheli kuBharuki, Hamba uye kuzimela, wena noYeremiya, kungazi mntu apho nikhona.

36:20 Bangena ke kukumkani entendelezweni, beyibeke incwadi esongwayo egumbini likaElishama umbhali, bawaxela ezindlebeni zokumkani onke amazwi lawo.

36:21 Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali. UYehudi wayilesa ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zabathetheli bonke abamele ngakukumkani.

36:22 Ke kaloku ukumkani wayehleli endlwini yasebusika ngenyanga yesithoba, kubasiwe elukhambeni phambi kwakhe.

36:23 Kwathi, xa uYehudi abelese imiqolo emithathu nokuba mine, wayiqwenga ukumkani ngesitshetshe sombhali, wayiphosa emlilweni obuselukhambeni, yada yatsha yagqibela yonke incwadi esongwayo, emlilweni obuselukhambeni.

36:24 Abankwantyanga, abazikrazulanga iingubo zabo ukumkani nabakhonzi bakhe, ababeweva loo mazwi onke.

36:25 Noko ke bambongozayo ukumkani ooElinatan noDelaya noGemariya, ukuba angayitshisi incwadi esongwayo, akabaphulaphula.

36:26 Ukumkani wabawisela umthetho ooYerameli unyana kakumkani, noSeraya unyana ka-Azeriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli, ukuba bambambe uBharuki umbhali noYeremiya umprofeti; uYehova wabazimeza.

36:27 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, emveni kokuba ukumkani abeyitshisile incwadi esongwayo, namazwi abewabhalile uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, lisithi,

36:28 Buya, uthabathe enye incwadi esongwayo, ubhale kuyo onke amazwi okuqala, abesencwadini esongwayo yokuqala, awayitshisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda.

36:29 Uze uthi kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, Utsho uYehova ukuthi, Wena uyitshisile le ncwadi isongwayo, usithi, Yini na ukuba ubhale kuyo ukuthi, Ukumkani waseBhabheli uya kuza eze, alonakalise eli lizwe, aphelise umntu nenkomo kulo?

36:30 Ngako oko, utsho uYehova ngokusingisele kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Akuyi kubakho bani wakwakhe kuye, uhlalayo etroneni kaDavide; isidumbu sakhe siya kulahlelwa ebushushwini belanga emini, naseqabakeni ebusuku.

36:31 Ndiya kumvelela yena, nembewu yakhe, nabakhonzi bakhe, ngobugwenxa babo; ndibuzisele bona, nabemi baseYerusalem, namadoda akwaYuda, bonke ububi endabuthethayo kubo; ke abaphulaphula.

36:32 UYeremiya wathabatha enye incwadi esongwayo, wayinika uBharuki unyana kaNeriya, umbhali; wawabhala kuyo, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi encwadi awayitshisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda ngomlilo. Kongezelelwa kuwo amazwi amaninzi, anjengawo.

37:1 Ke kaloku ukumkani uZedekiya unyana kaYosiya waba ngukumkani esikhundleni sikaKoniyahu unyana kaYehoyakim, owenziwa ukumkani ezweni lakwaYuda nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.

37:2 Akawaphulaphula naye, nabakhonzi bakhe, nabantu belizwe, amazwi kaYehova awawathethayo ngoYeremiya umprofeti.

37:3 Ukumkani uZedekiya wathuma ooYehukali unyana kaShelemiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuYeremiya umprofeti, esithi, Khawusithandazele kuYehova uThixo wethu.

37:4 UYeremiya ke ubengena ephuma phakathi kwabantu, bengekamfaki entolongweni.

37:5 Ke kaloku impi kaFaro ibiphume eYiputa; aziva iindaba zayo amaKaledi abeyingqinga iYerusalem, esuka emka eYerusalem.

37:6 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, lisithi,

37:7 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni kukumkani wakwaYuda, onithume ukuza kubuzisa kum, ukuthi, Yabonani, impi kaFaro ephume isiza ukuninceda, iya kubuyela ezweni layo eYiputa;

37:8 abuye ke amaKaledi, alwe nalo mzi, awuthimbe, awutshise ngomlilo.

37:9 Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuzikhohlisa ngokwenu, nisithi, Aya kumka kanye kuthi amaKaledi; ngokuba akayi kumka.

37:10 Inene, nibe ningafanelana niyixabele impi yonke yamaKaledi alwayo nani, kwasala kuyo amadoda aziingxwelera; abeya kuvuka elowo ententeni yakhe, awutshise lo mzi ngomlilo.

37:11 Kwathi, ekumkeni kwempi yamaKaledi eYerusalem ngenxa yempi kaFaro,

37:12 waphuma uYeremiya eYerusalem, esiya ezweni lakwaBhenjamin, ukuba athabathe khona isahlulelo sakhe phakathi kwabantu.

37:13 Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, ekhona nomphathi-balindi, ogama linguIriya unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya, wambamba uYeremiya umprofeti, esithi, Uphambela kumaKaledi.

37:14 Wathi uYeremiya, Uyaxoka; andiphambeli kumaKaledi. Ke akamphulaphula; uIriya wambamba uYeremiya, wamsa kubathetheli.

37:15 Abathetheli bamqumbela uYeremiya, bambetha, bamfaka endlwini yababanjwa, endlwini yombhali uYonatan; ngokuba babeyenze intolongo.

37:16 Xa uYeremiya ebengenile endlwini engumhadi, ezingontsini, wahlala khona uYeremiya imihla emininzi.

37:17 Uthe ke ukumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha; ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Likho; wathi, Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.

37:18 Wathi uYeremiya kukumkani uZedekiya, Ndone ngantoni na kuwe, nakubakhonzi bakho, nakwaba bantu, ukuba nindifake entolongweni nje?

37:19 Baphi na ke abaprofeti benu ababeprofeta kuni, besithi, Ukumkani waseBhabheli akayi kunifikela nina, nalo eli lizwe?

37:20 Kaloku ke khawuphulaphule, nkosi yam kumkani, makuwe phambi kwakho ukutarhuzisa kwam; musa ukundibuyisela endlwini kaYonatan umbhali, hleze ndifele khona.

37:21 Ukumkani uZedekiya wawisa umthetho; bambeka uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnika intenda yesonka imihla ngemihla esitratweni saboji, sada saphela sonke isonka phakathi komzi. UYeremiya wahlala ke entendelezweni yabalindi.

38:1 Ke kaloku uShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, noPashure unyana kaMalekiya, baweva amazwi abewathetha uYeremiya kubantu bonke, esithi,

38:2 Utsho uYehova ukuthi, Ohlala kulo mzi wofa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila, ube lixhoba kuye umphefumlo wakhe, aphile.

38:3 Utsho uYehova ukuthi, Lo mzi uya kunikelwa esandleni sempi yokumkani waseBhabheli, awuthimbe.

38:4 Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje; ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo.

38:5 Wathi ukumkani uZedekiya, Yabonani, usezandleni zenu; ngokuba ukumkani engenakuthini engenani.

38:6 Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.

38:7 Weva uEbhedi-meleki umKushi, indoda elithenwa, ebisendlwini yokumkani, ukuba bamfake emhadini uYeremiya; ukumkani ke ubehleli esangweni lakwaBhenjamin.

38:8 Waphuma uEbhedi-meleki endlwini yokumkani, wathetha kukumkani, esithi,

38:9 Nkosi yam, kumkani, la madoda enze into embi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti lo, amphosa emhadini; uya kufa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi.

38:10 Ukumkani wamwisela umthetho uEbhedi-meleki umKushi, esithi, Thabatha apha amadoda angamashumi amathathu asesandleni sakho umrhole uYeremiya umprofeti emhadini, engekafi.

38:11 UEbhedi-meleki wathabatha amadoda lawo asesandleni sakhe, waya endlwini yokumkani ngaphantsi kwendlu yobuncwane, wathabatha khona amadlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo, wawathobela kuYeremiya emhadini ngezintya.

38:12 Wathi uEbhedi-meleki umKushi kuYeremiya, Khawubeke la madlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo phantsi kwamakhwapha akho ngaphantsi kwezintya. Wenjenjalo uYeremiya.

38:13 Bamrhola uYeremiya ngezintya, bamnyusa emhadini; uYeremiya wahlala entendelezweni yabalindi.

38:14 Wathuma ukumkani uZedekiya, wamthabathela kuye uYeremiya umprofeti, ekungeneni emnyango wesithathu osendlwini kaYehova. Wathi ukumkani kuYeremiya, Ndiya kukubuza indawo; uze ungafihli nto kum.

38:15 Wathi uYeremiya kuZedekiya, Ukuba ndithe ndakuxelela, akuyi kundibulala undibulale na? Nokuba ndithe ndakucebisa, akuyi kundiphulaphula.

38:16 Ukumkani uZedekiya wamfungela uYeremiya ngasese, esithi, Ehleli nje uYehova, owasenzela lo mphefumlo, inene, andiyi kukubulala, andiyi kukunikela ezandleni zaloo madoda awufunayo umphefumlo wakho.

38:17 Wathi uYeremiya kuZedekiya, Utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba uthe waphuma ukuphuma oku, waya kubathetheli bokumkani waseBhabheli, wophila umphefumlo wakho, nalo mzi ungatshiswa ngomlilo; uphile wena nendlu yakho;

38:18 ke ukuba uthe akwaphuma uye kubathetheli bokumkani waseBhabheli, lo mzi wonikelwa esandleni samaKaledi, awutshise ngomlilo, wena ke ungasindi esandleni sawo.

38:19 Ukumkani uZedekiya wathi kuYeremiya, Ndinesithukuthezi ngamaYuda aphambele kumaKaledi, hleze andinikele esandleni sawo, afekethe ngam.

38:20 Wathi uYeremiya, Akayi kukunikela. Khawuliphulaphule izwi likaYehova, ngokoko ndilithethileyo kuwe; kolunga kuwe, uphile umphefumlo wakho.

38:21 Ke ukuba uthe akwavuma ukuphuma, nali ilizwi andibonise lona uYehova, lokuthi,

38:22 Yabona, bonke abafazi abaseleyo endlwini yokumkani wakwaYuda, baya kukhutshwa basiwe kubathetheli bokumkani waseBhabheli, bathi abafazi abo, Amadoda axolelene nawe akuxhokonxile, akweyisile; zitshonile nje emgxobhozweni iinyawo zakho, wona abuya umva.

38:23 Ke bonke abafazi bakho noonyana bakho baya kukhutshwa, basiwe kumaKaledi, ungasindi wena esandleni sawo; ke wena uya kubanjwa sisandla sokumkani waseBhabheli, utshisise lo mzi ngomlilo.

38:24 UZedekiya wathi kuYeremiya, La mazwi makangaziwa mntu, ukuze ungafi.

38:25 Xa ke bathe beva abathetheli ukuba ndithethe nawe, beza kuwe, bathi kuwe, Khawusixelele oko ukuthethileyo kukumkani; musa ukukufihla kuthi, asiyi kukubulala; kwanakuthethileyo ukumkani kuwe:

38:26 wothi kubo, Ndiwise utarhuziso lwam phambi kokumkani, ukuba angandibuyiseli endlwini kaYonatan, ndifele khona.

38:27 Beza kuYeremiya bonke abathetheli, bambuza; wabaxelela ngokwaloo mazwi onke abewise umthetho ngawo ukumkani. Bathi tu, bemka kuye; ngokuba ayivakalanga le nto.

38:28 Wahlala uYeremiya entendelezweni yabalindi, kwada kwangumhla eyathinjwa ngawo iYerusalem.

39:1 Kwathi, xenikweni iYerusalem ibithinjiwe (ngomnyaka wesithoba kaZedekiya ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi, akubon’ ukuba ufikile eYerusalem uNebhukadenetsare nempi yakhe yonke, bayingqinga;

39:2 ngomnyaka weshumi elinamnye kaZedekiya, ngenyanga yesine, ngolwesithoba enyangeni leyo, wagqojozwa umzi),

39:3 bafika bonke abathetheli bokumkani waseBhabheli, bahlala esangweni laphakathi: ooNergale-sharetsere, noSamgare-nebho, noSarsekim umthetheli wamathenwa, noNergale-sharetsere umthetheli wezazi, nabanye abathetheli bonke bokumkani waseBhabheli.

39:4 Kwathi, akubabona uZedekiya ukumkani wakwaYuda namadoda onke okulwa, babaleka, baphuma ngobusuku phakathi komzi ngendlela yomyezo wokumkani, ngesango eliphakathi kweendonga, baphuma ngendlela yeArabha.

39:5 Impi yamaKaledi yabasukela, yamfikela uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yamthabatha, yenyuka naye, yamsa kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, eRibhela ezweni laseHamati; athethwa khona amatyala akhe.

39:6 Ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya eRibhela emehlweni akhe; nabanumzana bonke bakwaYuda wababulala ukumkani waseBhabheli.

39:7 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba asiwe eBhabheli.

39:8 AmaKaledi ayitshisa ngomlilo indlu yokumkani nezindlu zabantu, azidiliza neendonga zaseYerusalem.

39:9 Amasalela abantu abaseleyo phakathi komzi, amaphamba aphambelayo kuye, kwanamasalela abantu abaseleyo, wabafudusela eBhabheli uNebhuzaradan umthetheli wabasiki;

39:10 ke inxenye yabantu abazizisweli, abangenanto iyinto, uNebhuzaradan, inkulu yabasiki, wayishiya ezweni lakwaYuda, wayinika izidiliya namasimi ngaloo mhla.

39:11 Ke kaloku, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli wawisa umthetho ngoYeremiya ngesandla sikaNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, esithi,

39:12 Mthabathe, umise amehlo akho kuye, ungenzi nto imbi kuye; wothi, njengoko akuthethayo kuwe, wenjenjalo kuye.

39:13 Ke bathuma ooNebhuzaradan umthetheli wabasiki, noNebhushazebhan umthetheli wamathenwa, noNergale-sharetsere umthetheli wezazi, nabathetheli bonke bokumkani waseBhabheli;

39:14 bathuma bamthabatha uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnikela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ukuba amkhuphe amse ekhaya. Wahlala ke phakathi kwabantu.

39:15 Ke kaloku, kwaye kufike ilizwi likaYehova kuYeremiya, akuba evalelwe entendelezweni yabalindi, lisithi,

39:16 Yiya uthi kuEbhedi-meleki umKushi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, amazwi am ndiwazisela ububi kulo mzi, andiwaziseli okulungileyo; aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mhla.

39:17 Ke ndokuhlangula ngaloo mhla, utsho uYehova, unganikelwa esandleni samadoda onxungupheleyo ngawo.

39:18 Ngokuba, inene, ndiya kukusiza, ungawi likrele; uya kuba lixhoba kuwe umphefumlo wakho, ngokuba ukholose ngam; utsho uYehova.

40:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokuba ebendululwe eRama nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, ekumthabatheni kwakhe ekhonkxiwe ngemixokelelwane phakathi kwabafudusiweyo bonke baseYerusalem nabakwaYuda, ababefuduselwa eBhabheli.

40:2 Umthetheli wabasiki wamthabatha ke uYeremiya, wathi kuye, UYehova uThixo wakho wathetha obu bubi ngale ndawo;

40:3 uYehova wabufikisa, wenza njengoko wakuthethayo; ngokuba nonayo kuYehova, analiphulaphula izwi lakhe, yabakho ke le nto kuni.

40:4 Kaloku ke yabona, ndiyayicombulula namhla imixokelelwane esezandleni zakho. Ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yiza, ndolimisa iliso lam kuwe; ukuba kuthe kwakubi emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yeka ke. Uyabona, ilizwe lonke liphambi kwakho; ukuya apho kuthe kwalunga kwathi tye emehlweni akho, oko kokwakho, yiya khona.

40:5 Uthe ke engekabuyi, wathi, Buyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, owenziwa umveleli ngukumkani waseBhabheli emizini yakwaYuda, uhlale naye phakathi kwabantu; okanye uye apho kuthe tye emehlweni akho ukuya khona. Umthetheli wabasiki wamnika umxhesho nesipho, wamndulula.

40:6 UYeremiya waya kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa, wahlala naye phakathi kwabantu ababesele elizweni.

40:7 Ke kaloku beva bonke abathetheli bezimpi ezisendle, bona namadoda abo, ukuba ukumkani waseBhabheli umenze umveleli welizwe uGedaliya unyana ka-Ahikam, nokuba umenze umveleli wamadoda, nabafazi, nabantwana, nezisweli zelizwe, kwababengafuduselwanga eBhabheli.

40:8 Beza ke kuGedaliya eMizpa, inguIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan noYonatan oonyana bakaKareba, noSeraya unyana kaTanumete, noonyana bakaEfayi waseNetofa, noYezaniya umntu waseMahaka, bona namadoda abo.

40:9 UGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, wabafungela namadoda abo, esithi, Musani ukoyika ukuwakhonza amaKaledi; hlalani kweli lizwe, nimkhonze ukumkani waseBhabheli, kulunge kuni.

40:10 Yabonani, ndihleli eMizpa, ukuze ndime phambi kwamaKaledi, aya kuza kuthi; ke nina hlanganisani iwayini, neziqhamo zasehlotyeni, neoli, nibeke ezityeni zenu, nihlale emizini yenu, enithe nayithimba.

40:11 NamaYuda onke abe ekwelakwaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakwelakwaEdom, nabasemazweni onke, eva ukuba ukumkani waseBhabheli umise amasalela kwaYuda, nokuba umenze umveleli wawo uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.

40:12 Abuya ke onke amaYuda, ezindaweni zonke abegxothelwe kuzo, eza elizweni lakwaYuda kuGedaliya eMizpa, abutha iwayini neziqhamo zasehlotyeni, zazininzi kakhulu.

40:13 Ke kaloku uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababesemaphandleni, beza kuGedaliya eMizpa.

40:14 Bathi kuye, Uhleli usazi na ukuba uBhahalisi, ukumkani woonyana baka-Amon, uthume uIshmayeli unyana kaNetaniya, ukuba akubulale? Ke uGedaliya unyana ka-Ahikam ubengakholwa ngabo.

40:15 UYohanan unyana kaKareha wathetha kuGedaliya ngasese eMizpa, wathi, Makhe ndiye ndimbulale uIshmayeli unyana kaNetaniya, kungazi mntu; yini na ukuba ade abulale wena, achithwachithwe amaYuda onke ahlanganisene kuwe, atshabalale amasalela akwaYuda?

40:16 UGedaliya unyana ka-Ahikam wathi kuYohanan unyana kaKareha, Musa ukuyenza loo nto; ngokuba uthetha ubuxoki ngoIshmayeli.

41:1 Kwathi ngenyanga yesixhenxe, weza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yokumkani, wakubathetheli bokumkani, enamadoda alishumi, kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa; badla isonka ndawonye eMizpa apho.

41:2 Wesuka uIshmayeli unyana kaNetaniya, namadoda alishumi abenaye, wamxabela uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ngekrele; wambulala ke obenziwe umveleli ngukumkani waseBhabheli ezweni eli;

41:3 namaYuda onke abenaye, abenoGedaliya eMizpa, namaKaledi awafunyanwayo khona, angamadoda okulwa, wawabulala uIshmayeli.

41:4 Kwathi ke ngomhla wesibini emva kokubulawa kukaGedaliya, kungazi mntu,

41:5 kwafika amadoda evela kwaShekem naseShilo nakwaSamari, amadoda angamashumi asibhozo, eguye iindevu, ezikrazule iingubo, ezicentile, eneminikelo yokudla nentlaka emhlophe ezandleni zawo, eyizisa endlwini kaYehova.

41:6 Waphuma eMizpa uIshmayeli unyana kaNetaniya, waya kuwakhawulela, emana ehamba elila. Kwathi, akufika kuwo, wathi kuwo, Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.

41:7 Kwathi, akufika phakathi komzi, wawabulala uIshmayeli unyana kaNetaniya, wawalahlela emhadini phakathi, yena namadoda lawo abenaye.

41:8 Ke kwafumaneka kuwo amadoda alishumi, awathi kuIshmayeli, Musa ukusibulala, ngokuba sinezisele endle ezinengqolowa, nerhasi, neoli, nobusi. Wawayeka ke, akawabulala phakathi kwabazalwana bawo.

41:9 Ke kaloku umhadi, apho uIshmayeli wazilahlela kuwo ngakuGedaliya zonke izidumbu zamadoda abewabulele (lowo wawenzayo ukumkani uAsa ngenxa kaBhahesha ukumkani wakwaSirayeli), uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa ngababuleweyo.

41:10 UIshmayeli wawathimba onke amasalela abantu abaseMizpa, iintombi zokumkani, nabantu bonke ababesele eMizpa, abenziwe umveleli wabo uGedaliya unyana ka-Ahikam nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki; wabathimba ke uIshmayeli unyana kaNetaniya, wahamba, wawelela koonyana baka-Amon.

41:11 Weva uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ezibe zinaye, bonke ububi awabenzayo uIshmayeli unyana kaNetaniya;

41:12 bawathabatha onke amadoda, baya kulwa noIshmayeli unyana kaNetaniya, bamfumana ngasemanzini amakhulu aseGibheyon.

41:13 Kwathi, bonke abantu abanoIshmayeli, bakumbona uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bezimpi ezinaye, bavuya;

41:14 bajika bonke abantu abebathimbe eMizpa uIshmayeli, babuya baya kuYohanan unyana kaKareha.

41:15 Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wasinda, enamadoda asibhozo, ebusweni bukaYohanan, waya koonyana baka-Amon.

41:16 Wawathabatha uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, onke amasalela abantu, awababuyisayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya eMizpa, emveni kokuba ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, amagorha, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, abewabuyisile eGibheyon.

41:17 Baya bahlala endlwini yabaphambukeli kaKimham engaseBhetelehem, ukuba baye kungena eYiputa, ngenxa yamaKaledi.

41:18 Ngokuba babewoyika, ngokuba uIshmayeli unyana kaNetaniya ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, owayenziwe umveleli welizwe ngukumkani waseBhabheli.

42:1 Basondela bonke abathetheli bezimpi: ooYohanan unyana kaKareha, noYezaniya unyana kaHoshaya, nabantu bonke, bethabathela komncinane base komkhulu.

42:2 Bathi kuYeremiya umprofeti, Ukutarhuzisa kwethu makhe kuwe phambi kwakho, usithandazele kuYehova uThixo wakho, uthandazele la masalela onke; ngokuba sisele sambalwa, besibaninzi, njengoko asibonayo amehlo akho;

42:3 uYehova uThixo wakho asixelele indlela esingahamba ngayo, nento esingayenzayo.

42:4 Wathi uYeremiya umprofeti kubo, Ndivile; yabonani, ndiya kuthandaza kuYehova uThixo wenu ngokwamazwi enu; kuthi onke amazwi aniphendule ngawo uYehova, ndinixelele; andiyi kunivimba lizwi.

42:5 Bathi bona kuYeremiya, UYehova makabe lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga senze ngokwelizwi lonke, awokuthuma lona kuthi uYehova uThixo wakho.

42:6 Nokuba lilungile, nokuba libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu, esikuthumela kuye; ukuze kulunge kuthi, xa siliphulaphulayo ilizwi likaYehova uThixo wethu.

42:7 Kwathi ekupheleni kwemihla elishumi, kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya.

42:8 Wabiza uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, nabantu bonke, bathabathela komncinane, besa komkhulu.

42:9 Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, enindithumele kuye, ukuba ndiwise ukutarhuzisa kwenu phambi kwakhe, ukuthi,

42:10 Ukuba nithe nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndinganigungxuli; ndonityala, ndinganinyothuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni.

42:11 Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, lowo nimoyikayo; musani ukumoyika, utsho uYehova; ngokuba ndinani, ukuba ndinisindise, ndinihlangule esandleni sakhe.

42:12 Ndiya kunenzela imfesane, abe nemfesane kuni, anibuyisele emhlabeni wakowenu.

42:13 Ke ukuba nithe, Asisayi, kuhlala kweli lizwe, analiphulaphula izwi likaYehova uThixo wenu, nathi,

42:14 Hayi, thina siya kuya ezweni leYiputa, ukuze singabonani namfazwe, singaliva nezwi lesigodlo, singalambeli sonka, sihlale khona ke:

42:15 ngako oko kaloku liveni ilizwi likaYehova, masalela akwaYuda. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba nithe nabubhekisa kwaphela ubuso benu eYiputa, naya kuphambukela khona, ikrele,

42:16 eniloyikayo, lonifikela nakhona ezweni leYiputa; nendlala leyo, ninesithukuthezi ngayo, yothi nama kuni ukunilandela eYiputa, nifele khona.

42:17 Namadoda onke, abubhekise ubuso bawo eYiputa, ukuba aphambukele khona, aya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kungasali nanye kuwo, isindayo ebubini endiwazisela bona.

42:18 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengoko waphalazekayo umsindo wam nobushushu bam phezu kwabemi baseYerusalem, buya kwenjenjalo ukuphalazeka ubushushu bam phezu kwenu ekuyeni kwenu eYiputa; nibe yintshwabulo, nesimanga, nentshabhiso, nesingcikivo, ningabi sayibona le ndawo.

42:19 UYehova uthethile kuni, masalela akwaYuda; musani ukuya eYiputa; yazini nazi, ukuba ndiqononondisile ukuthetha kuni namhla.

42:20 Ngokuba niyikhohlisile imiphefumlo yenu. Xa nindithumele kuYehova uThixo wenu, nisithi, Sithandazele kuYehova uThixo wethu; njengoko konke awokuthetha kuthi uYehova uThixo wethu, sixelele njengoko, sokwenza;

42:21 ndinixelele ke namhla. Ke aniliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wenu ngako konke awandithumelayo ngako kuni.

42:22 Kungokunje yazini ukuba niya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kuloo ndawo ningxamele ukuya kuyo, ukuba niphambukele kuyo.

43:1 Kwathi, akugqiba uYeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke kaYehova uThixo wabo, awamthuma wona uYehova uThixo wabo kubo, onke la mazwi,

43:2 batsho ooAzariya unyana kaHoshaya, noYohanan unyana kaKareha, namadoda onke akhukhumeleyo, ukuthi kuYeremiya, Uthetha ubuxoki; uYehova uThixo wethu akakuthumanga kuthi, ukuba uthi, Ze ningayi eYiputa niphambukele khona;

43:3 uBharuki ke, unyana kaNeriya, uya kuxhokonxa ngakuthi, kuba efuna ukuba sinikelwe esandleni samaKaledi, ukuba asibulale, ukuba asifudusele eBhabheli.

43:4 UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, nabantu bonke, abaliphulaphula ilizwi likaYehova lokuba bahlale elizweni lakwaYuda.

43:5 UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, bawathabatha onke amasalela akwaYuda, abebuye evela ezintlangeni zonke abegxothelwe kuzo, ukuba aye kuphambukela ezweni lakwaYuda:

43:6 amadoda, nabafazi, nabantwana, neentombi zokumkani, nemiphefumlo yonke abeyishiye uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, noYeremiya umprofeti, noBharuki unyana kaNeriya.

43:7 Baya ke elizweni laseYiputa, ngokuba babengaliphulaphulanga izwi likaYehova; baya bafika eTapanesi.

43:8 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya eTapanesi, lisithi,

43:9 Thabatha ngesandla sakho amatye amakhulu, uwaqhusheke eludakeni endaweni yokutshisa izitena, esemnyango wendlu kaFaro eTapanesi, emehlweni amadoda akwaYuda.

43:10 Uze uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuthumela ndithabathe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe ngaphezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; aneke isivatho sakhe esihle ngaphezu kwawo.

43:11 Uya kufika alibethe ilizwe leYiputa, owokufa afe, owokuthinjwa athinjwe, owekrele abe ngowekrele.

43:12 Ndiya kufaka isikhuni ezindlwini zoothixo baseYiputa, azitshise zona, abathimbe bona, azithi wambu ngelizwe leYiputa, njengokuba umalusi ezithi wambu ngengubo yakhe; aphume kulo enoxolo.

43:13 Uya kuwaqhekeza amatye amisiweyo aseBhete-shemeshe, asezweni leYiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseYiputa.

44:1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele kumaYuda onke ahleliyo ezweni laseYiputa, ahleli eMigidoli, naseTapanesi, naseNofu, nasezweni lasePatrosi, lalisithi:

44:2 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nibubonile ububi bonke endayizisela bona iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda. Niyabona, ingamanxuwa ngayo le mini, akukho umiyo kuyo;

44:3 ngenxa yobubi ababenzayo, ukuze bandiqumbise ngokuya kuqhumisela nokukhonza thixo bambi, ababengabazi bona, nani, nooyihlo.

44:4 Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa, ndisithi, Musani ukukha niyenze le nto ingamasikizi, ndiyithiyileyo.

44:5 Noko ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo, ukuba babuye ebubini babo, bangaqhumiseli thixweni bambi.

44:6 Baphalazeka ke ubushushu bam nomsindo wam, watshisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem; yaba linxuwa, yabharha, njengoku kunjalo namhla.

44:7 Kaloku utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yini na ukuba niyenzele ububi obukhulukangaka imiphefumlo yenu, bokunqumla kuni indoda nomfazi, umntwana nosebeleni, kwelakwaYuda, kungasali masalela kuni;

44:8 ngokundiqumbisa ngezenzo zezandla zenu, ngokuqhumisela thixweni bambi ezweni laseYiputa, eneza kuphambukela kulo; ukuze nizinqumle ngokwenu, nibe yintshabhiso nesingcikivo ezintlangeni zonke zehlabathi?

44:9 Nizilibele na izinto ezimbi zooyihlo; izinto ezimbi zookumkani bakwaYuda, nezinto ezimbi zabafazi babo, nezinto ezimbi zenu ngokwenu, nezinto ezimbi zabafazi benu, abazenzayo ezweni lakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem?

44:10 Unanamhla abatyumkanga, aboyikanga, abahambanga ngomyalelo wam nangemimiselo yam, endayibeka phambi kwenu naphambi kooyihlo.

44:11 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ubuso bam ndiya kububhekisa kuni, ukuba kube kubi, anqunyulwe onke amaYuda.

44:12 Ndiya kuwathabatha amasalela akwaYuda, abubhekisileyo ubuso bawo ekuyeni ezweni laseYiputa ukuba aphambukele khona, agqitywe onke; aya kuwa ezweni leYiputa; aya kugqityelwa likrele nayindlala, kuthabathele kwabancinane kuse kwabakhulu; aya kufa likrele nayindlala, abe yintshwabulo, nommangaliso, nentshabhiso, nesingcikivo.

44:13 Ndiya kubavelela abahleli ezweni leYiputa, njengoko ndayivelelayo iYerusalem ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.

44:14 Akuyi kubakho usindayo, usalayo, kumasalela akwaYuda, abeze kuphambukela khona ezweni leYiputa, ukuba abuyele ezweni lakwaYuda, elo lizwe ayiphakamisele kulo imiphefumlo yawo ukubuyela kulo, ukuba ahlale khona; ngokuba abayi kubuya, ingengabasinda ngokubhungca.

44:15 Amphendula uYeremiya onke amadoda, abesazi ukuba abafazi bawo baqhumisela thixweni bambi, nabafazi bonke ababemi esikhungwini esikhulu, nabantu bonke ababehleli ezweni leYiputa, ePatrosi, ngokuthi,

44:16 Ilizwi elo ulithethileyo kuthi egameni likaYehova, asiyi kukuphulaphula ngalo.

44:17 Inene, siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu, okuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthululele iminikelo ethululwayo, njengoko sakwenzayo, thina noobawo, ookumkani bethu nabathetheli bethu, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem; sahlutha ke sisonka, salunga, asabona bubi.

44:18 Kususela koko sayekayo ukuqhumisela kukumkanikazi wezulu, nokumthululela iminikelo ethululwayo, saswela iinto zonke, sagqityelwa likrele nayindlala.

44:19 Xa ke thina bafazi siqhumiselayo kukumkanikazi wezulu, simthululelayo iminikelo ethululwayo, simenzela izonkana zokuba eyilwa, simthululela iminikelo ethululwayo, amadoda ethu akakho na kuthi?

44:20 Wathetha uYeremiya kubantu bonke, kumadoda nakubafazi, kubantu bonke abamphendulayo ngelo lizwi, wathi,

44:21 Ukuqhumisela oko enaqhumisela ngako emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, nina nooyihlo, ookumkani benu nabathetheli benu, nabantu belizwe, akakukhumbulanga na uYehova? Akuthanga qatha na entliziyweni yakhe oko?

44:22 UYehova akaba saba nako ukuthwala, ngenxa yeentlondi zenu ezimbi, ngenxa yamasikizi enawenzayo; lasuka ilizwe lenu labharha, kwaba senkangala, langummangaliso nentshabhiso, lingenammi, njengoko kunjalo namhla.

44:23 Ngenxa yokuqhumisela kwenu, nangenxa yokona kwenu kuYehova, analiphulaphula izwi likaYehova, anahamba ngomyalelo wakhe, nangemimiselo yakhe, nangezingqino zakhe: ngenxa yoko bunihlele obo bubi, njengoko kunjalo namhla.

44:24 Wathi uYeremiya kubantu bonke, nakubafazi bonke, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda asezweni leYiputa;

44:25 utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nina nabafazi benu niyathetha ngomlomo wenu, nangezandla zenu nikuzalise, nisithi, Masenze izibhambathiso zethu, esabhambathisa ngazo, zokuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthululele iminikelo ethululwayo:

44:26 zimiseni nizimise kambe izibhambathiso zenu; zenzeni nizenze kambe izibhambathiso zenu. Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda, ahleliyo ezweni leYiputa: Yabonani, ndifunge igama lam elikhulu, utsho uYehova, inene, aliyi kuba sabizwa igama lam ngumlomo kabani wakwaYuda ezweni lonke leYiputa, esithi, Ihleli nje iNkosi.

44:27 Yabonani, ndiwaphaphela ukuba kube kubi, kungalungi, agqityelwe onke amadoda akwaYuda ezweni laseYiputa, likrele nayindlala, ade aphele.

44:28 Baya kubuya ezweni leYiputa abasinde ekreleni, baye ezweni lakwaYuda bembalwa; alazi onke amasalela akwaYuda, azileyo ezweni leYiputa ukuba aphambukele kulo, ukuba liliphi na ilizwi eliya kuma khona: lelam, lelabo, kusini na.

44:29 Nangu ke umqondiso kuni, utsho uYehova, wokuba ndiya kunivelela kule ndawo, ukuze nazi ukuba amazwi am aya kuma, animele ububi.

44:30 Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamnikela uFaro-hofra, ukumkani weYiputa, esandleni seentshaba zakhe, esandleni sabafuna umphefumlo wakhe, njengoko ndamnikelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utshaba lwakhe, olube lufuna umphefumlo wakhe.

45:1 Ilizwi awalithethayo uYeremiya umprofeti kuBharuki unyana kaNeriya, ekuwabhaleni kwakhe encwadini la mazwi, ephuma emlonyeni kaYeremiya, ngomnyaka wesine kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,

45:2 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, kuwe, Bharuki, ukuthi, Wena uthi, Athi ke mna!

45:3 Ngokuba uYehova wongeza isingqala kumvandedwa wam; ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla.

45:4 Yithi ke kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayinyothula; lihlabathi lonke ke elo.

45:5 Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna. Ngokuba, uyabona, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndikunika umphefumlo wakho ube lixhoba lakho, ezindaweni zonke oya kuya kuzo.

46:1 Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwiintlanga.

46:2 ElingeYiputa, ngokusingisele kwimpi kaFaro-neko ukumkani weYiputa, ebisemlanjeni ongumEfrati, eKarkemishe, awayixabelayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi:

46:3 Lungisani ingweletshetshe nekhaka, yiyani kulwa.

46:4 Bophani amahashe ezinqwelweni zokulwa, khwelani nina bamahashe; zimiseni ninezigcina-ntloko, khazimlisani izikhali, ninxibe iingubo zentsimbi.

46:5 Yini? ndibona ntoni? Baqhiphuka umbilini, babuya umva; amagorha abo aqotyiwe; basaba intsabo kanye, bangabi saphethula; kukunxunguphala ngeenxa zonke; utsho uYehova.

46:6 Makangasabi onamendu, lingasindi igorha; ngasentla, ngasemlanjeni ongumEfrati, bakhubeke bawa.

46:7 Ngubani na lo unyuka njengoMnayile, umanzi azamazama njengemilambo?

46:8 IYiputa iyenyuka njengoMnayile, amanzi ayo ayazamazama njengemilambo. Ithi, Ndiya kunyuka, ndiya kuwugubungela umhlaba; ndiya kuyitshabalalisa imizi nabemi bayo.

46:9 Qakathani, mahashe; nidlongozele, zinqwelo zokulwa. Makaphume amagorha, amaKushi namaPuti aphethe ingweletshetshe, namaLudi, aphethe atyede isaphetha.

46:10 Le mini yeyeNkosi, uYehova wemikhosi; yimini yempindezelo, yokuphindezela kubabandezeli bakhe; lidle lihluthe ikrele, lisele lidikwe ligazi labo; ngokuba inombingelelo iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lasentla, emlanjeni ongumEfrati.

46:11 Nyuka uye eGiliyadi, thabatha amafutha aqholiweyo, nkazanandini, ntombi iyiYiputa; ufumana usandisa oomathunga; akunakubotshwa.

46:12 Iintlanga zikuvile ukucukucezwa kwakho, ukukhala kwakho kwazalisa ihlabathi; ngokuba igorha likhubeka egorheni, omabini awa ndaweni-nye.

46:13 Ilizwi awalithethayo uYehova kuYeremiya umprofeti, ngokuza kukaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ukuba alixabele ilizwe laseYiputa, lalisithi:

46:14 Xelani eYiputa, nivakalise eMigidoli, nivakalise eNofu naseTapanesi; yithini, Misa, xhoba; ngokuba ikrele liya kudla ngeenxa zonke kuwe.

46:15 Yini na ukuba ziqwelwe iimbalasane zakho? Azimanga, ngokuba uYehova uzingqulile.

46:16 Ukhubekisa abaninzi, ewe, omnye uwela omnye; bathi, Sukani, masibuyele ebantwini bakowethu, ezweni esazalelwa kulo, ngenxa yekrele elidlavulayo.

46:17 Badanduluka khona, bathi, UFaro ukumkani weYiputa utshabile; ulidlulisile ixesha elimisiweyo.

46:18 Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi, ukuthi, Inene, uya kuza enjengeTabhore phakathi kweentaba, enjengeKarmele ngaselwandle.

46:19 Zenzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.

46:20 IYiputa lithokazi elihle kakhulu; isibawu sasentla siyeza, siyeza.

46:21 Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba uyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.

46:22 Isandi sayo sinjengokuhamba kwenyoka; ngokuba bahamba ngobukroti, bayifikele ngezixengxe njengabagawuli bemithi.

46:23 Bagawula ihlathi layo, utsho uYehova, nokuba lithe shinyi; ngokuba baninzi ngaphezu kweenkumbi, abanakubalwa.

46:24 Intombi eyiYiputa ihlazekile, inikelwe esandleni sabantu belasentla.

46:25 Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, Yabona, ndiyamvelela uAmon waseNo, noFaro, neYiputa, noothixo bayo, nobukumkani bayo, kwauFaro nabakholose ngaye.

46:26 Ndobanikela esandleni sabafuna umphefumlo wabo, esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni sabakhonzi bakhe; emveni koko imiwe njengokwemihla yamandulo; utsho uYehova.

46:27 Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi; ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa kwakude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.

46:28 Musa ukoyika, wena mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova; ngokuba ndinawe; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endikugxothele kuzo. Ke wena andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni; andiyi kuthi umsulwa.

47:1 Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kumaFilisti, uFaro engekayixabeli iGaza, yaye iyile:

47:2 Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kunyuka entla amanzi angumlambo ongumkhukula, ontywilisela ilizwe nenzaliseko yalo, imizi nabemi bayo; sikhale isintu, babhomboloze bonke abemi belizwe.

47:3 Ngenxa yesingqi sokunyathela kwamanqina eembalasane zamahashe akhe, ngenxa yokugoqoza kweenqwelo zakhe zokulwa, ngokuxokozela kweevili zakhe, ooyise abasabheki koonyana ngokuwa kwezandla;

47:4 ngenxa yemini eza kuwabhuqa onke amaFilisti, eza kunqumla eTire neTsidon bonke abasale banceda; ngokuba uYehova uyawabhuqa amaFilisti, amasalela onxweme lwaseKafetori.

47:5 Isezileni iGaza, itshabalele iAshkelon, amasalela entili yabo.

47:6 Kunini na uzicenta? Awu! Krele likaYehova, kunini na ungaphezi? Rhoxela esingxotyeni sakho; phumla, uthi cwaka.

47:7 Ungathini na ukupheza, uYehova ekuwisele umthetho nje? EAshkelon naselunxwemeni lolwandle, apho ukuyalele.

48:1 Ngokusingisele kwelakwaMowabhi, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Yeha iNebho, ngokuba ibhuqiwe. Ihlazisiwe, ithinjiwe iKiriyatayim; ihlazekile, iqhiphuke umbilini ingxonde leyo.

48:2 Iqhayiya lakwaMowabhi alisekho; eHeshbhon bacebe ububi ngaye, bathi, Yizani simnqumle, angabi luhlanga. Nawe, Mademena, uya kudaka; ikrele liya kukulandela.

48:3 Phulaphulani ukukhala eHoronayim! Yimbuqo nokwaphuka okukhulu!

48:4 UMowabhi waphukile, iimbedlenge zakhe zivakala zikhala.

48:5 Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhleni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa.

48:6 Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango.

48:7 Ngenxa enokuba ukholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe, ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye.

48:8 Uya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova.

48:9 Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wophuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa.

48:10 Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini.

48:11 Wonwaba uMowabhi kwasebuncinaneni bakhe, wee tywa phezu kweentsipho zakhe; akakhutshelwanga kwesinye isitya, akahambanga efuduswa; ngenxa yoko isongo sakhe sihleli kuye, nevumba lakhe aliguqukanga.

48:12 Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuthumela abathululi kuye, bamthulule, bazikhuphele izitya zakhe, bayiqhekeze imiphanda yakhe.

48:13 Uya kudana uMowabhi nguKemoshe, njengoko yadanayo indlu kaSirayeli yiBheteli, inkoloseko yayo.

48:14 Ningathini na ukuthi, Singamagorha, singamadoda anobukroti emfazweni?

48:15 Uyabhuqwa uMowabhi, imizi yakhe iyenyukwa, amadodana akhe anyuliweyo athobela ekusikweni; utsho uKumkani ogama lakhe linguYehova wemikhosi.

48:16 Kusondele, kuza kufika, ukusindeka kukaMowabhi; ububi bakhe buyangxama kakhulu.

48:17 Hlunguzelani iintloko ngaye, nonke nina ningeenxa zonke kuye, nonke nina nilaziyo igama lakhe. Yithini, Yoo! Itheni na ukwaphuka intonga yonamandla, uluthi lokuhomba.

48:18 Yihla eluzukweni, uhlale phantsi kwelinenxano, mmi, ntombi yaseDibhon; ngokuba umbhuqi kaMowabhi unyuke weza kuwe, uzonakalisile iinqaba zakho.

48:19 Yima ngasendleleni, ubonisele, mmi waseArohere; buza kwindoda esabileyo nakwintokazi esindileyo; yithi, Kukho ntoni na?

48:20 UMowabhi uhlazekile, ngokuba uqhiphuke umbilini; bhombolozani nikhale; xelani eArnon, nithi, Ubhuqiwe uMowabhi.

48:21 Umgwebo ulifikele ilizwe lehewu, iHolon neYatsa neMefahati;

48:22 neDibhon, neNebho, neBhete-dibhelatayim;

48:23 neKiriyatayim, neBhete-gamuli, neBhete-mehon;

48:24 neKeriyoti, neBhotsera, nemizi yonke yelizwe lakwaMowabhi, ekude kwanekufuphi.

48:25 Luxakaxiwe uphondo lukaMowabhi, ingalo yakhe yaphulwe; utsho uYehova.

48:26 Mnxiliseni, ngokuba ezikhulisile kuYehova; akhahleleke uMowabhi emhlanzweni wakhe, abe yintlekisa naye.

48:27 Wayengeyintlekisa na kuwe uSirayeli? Wayefunyenwe phakathi kwamasela, kusini na, ukuba uhlunguzele intloko, xa sukuba ubuthetha ngaye?

48:28 Shiyani imizi, nihlale ezingxondorheni, bemi bakwaMowabhi, nibe njengevukuthu elakhela phesheya, eludinini lomwonyo.

48:29 Silivile ikratshi likaMowabhi. Asikuko nokuba likratshi: ukuzidla kwakhe, ikratshi lakhe, ukukratsha kwakhe, nokuphakama kwentliziyo yakhe.

48:30 Mna ndiyakwazi ukuphuphuma komsindo wakhe, nokuphololoza kwakhe into engeyiyo; utsho uYehova; benza into engekhoyo.

48:31 Ngako oko ndiyabhomboloza ngenxa kaMowabhi, ndikhale ngenxa kaMowabhi wonke ephela; bayancwina ngenxa yamadoda aseKir-heres.

48:32 Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulilela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi.

48:33 Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; abayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho.

48:34 Ukukhala eHeshbhon kuse e-Elale, kuse eYahazi; balikhuphile izwi labo, kuthabathele eTsohare kwesa eHoronayim, nase-Egelati yesithathu; ngokuba kwanamanzi aseNimrim aya kuthi qoko.

48:35 Ndiya kumphelisa kwaMowabhi, utsho uYehova, onyuka isiganga ukuba aqhumisele koothixo bakhe.

48:36 Ngako oko intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa kaMowabhi; intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa yamadoda aseKir-heres; ngako oko indyebo ababeyizuzile itshabalele.

48:37 Kuba zonke iintloko zigugulwe, zonke iindevu zichetyiwe; ezandleni zonke ziintlanga, ezinqeni ziingubo ezirhwexayo.

48:38 Phezu kwezindlu zonke zakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kukumbambazela kodwa; ngokuba ndimaphule uMowabhi njengesitya esingananziweyo; utsho uYehova.

48:39 Bayabhomboloza; hayi, ukuqhiphuka kwakhe umbilini! Hayi, ukunikela kukaMowabhi ikhosi kukudana! Uyintlekisa, uyoyikwa ngabo bonke abangeenxa zonke kuye.

48:40 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Uyabona, utshaba luyatshwebeleza njengexhalanga, lolule amaphiko alo phezu koMowabhi.

48:41 Ithinjiwe iKeriyoti, zihluthiwe iimboniselo. Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhi iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba;

48:42 atshabalale uMowabhi, angabi ngaba ntu, ngokuba ebezikhulisile kuYehova.

48:43 Ufikelwe lunkwantyo, nomgongxo, nesibatha, mmi wakwaMowabhi; utsho uYehova.

48:44 Osaba unkwantyo uya kweyela emgongxweni; ophuma emgongxweni uya kubanjiswa sisibatha; ngokuba ndiya kumzisela yena uMowabhi umnyaka wokuvelelwa kwakhe; utsho uYehova.

48:45 Phantsi komthunzi weHeshbhon kuya kuma abasabi abangenamandla; ngokuba kuya kuphuma umlilo eHeshbhon, nelangatye phakathi kwaSihon, udle ummandla wakwaMowabhi nokakayi lwabengxolo.

48:46 Yeha, wena Mowabhi! Batshabalele abantu bakaKemoshe, ngokuba, oonyana bakho baya kuthatyathwa bethinjiwe, neentombi zakho zisiwe ekuthinjweni.

48:47 Ke ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaMowabhi ekupheleni kwemihla; utsho uYehova. Uze wafika apha umgwebo wakwaMowabhi.

49:1 Ngokusingisele koonyana baka-Amon, utsho uYehova ukuthi: USirayeli akananyana na, akanandlalifa na? Yini na ukuba ukumkani wabo amdle ilifa uGadi, abantu babo beme emizini yakhe?

49:2 Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuhlaba umkhosi wemfazwe kwiRabha yoonyana baka-Amon, ibe ngumwewe wenxuwa, amagxamesi ayo atshiswe ngomlilo, uSirayeli abadle ilifa ababemdle ilifa; utsho uYehova.

49:3 Bhomboloza, Heshbhon, ngokuba ibhuqiwe iAyi; khalani, magxamesi aseRabha, bhinqani ezirhwexayo; mbambazelani niququzele kunye ezintangweni; ngokuba ukumkani wayo uya kuthinjwa, kunye nababingeleli bakhe nabathetheli bakhe.

49:4 Uqhayiselani na ngazo iintili? Intili yakho ichumile, ntombi iliphamba, yakholosayo ngobuncwane bayo, isithi, Ndiya kuzelwa ngubani na?

49:5 Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, luphuma kwabangeenxa zonke kuwe; nigxothwe, elowo angabheki nokubheka, kungabikho ungababuthayo abaphalaphalayo.

49:6 Emveni koko ndiya kukubuyisa ukuthinjwa koonyana baka-Amon; utsho uYehova.

49:7 Ngokusingisele kuEdom, utsho uYehova wemikhosi ukuthi: Akusekho bulumko na kwaTeman? Liphelile na icebo kwiingqondi? Buphalele na ubulumko bazo?

49:8 Sabani, jikani, hlalani enkolontyweni, bemi bakwaDedan; ngokuba ukusindeka kwakhe uEsawu ndimzisele, ixesha lokumvelela kwam.

49:9 Ukuba abavuni beediliya bakufikele, abayi kushiya lubhikico; ukuba amasela eza ebusuku, aya konakalisa ade anele.

49:10 Ngokuba mna ndimhlubile uEsawu, ndizityhilile iindawo zakhe ezisitheleyo, angabi nako ukuzimela. Imbewu yakhe iya kubhuqwa, abazalwana bakhe nabamelwane bakhe abakho.

49:11 Shiya iinkedama zakho; ndiya kuziphilisa, bakholose ngam abahlolokazi bakho.

49:12 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, inene baya kuyisela; wena ke ungoya kuba msulwa, ube msulwa na? Akuyi kuba msulwa, ngokuba inene uya kusela.

49:13 Ngokuba ndizifungile mna, utsho uYehova, ndathi, IBhotsera iya kuba ngummangaliso, nesingcikivo, nenxuwa, nentshabhiso; nemizi yayo yonke ibe ngamanxuwa angunaphakade.

49:14 Ndive udaba luphuma kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Zihlanganiseni, nimfikele, nisuke nilwe.

49:15 Ngokuba, uyabona, ndikwenze wamncinane ezintlangeni, wadeleka phakathi kwezizwe.

49:16 Ukududuzelisa kwakho kukulukuhlile, ukukhukhumala kwentliziyo yakho, wena uhleli ezimfanteni zengxondorha, wena ubambe intlomo yenduli. Ngokuba uthe wayakhela phezulu njengexhalanga indlu yakho, ndokuthoba apho; utsho uYehova.

49:17 Uya kuba ngummangaliso uEdom; bonke abadlula kuye baya kumangaliswa, benze umsondlo, ngenxa yokubethwa kwakhe konke.

49:18 Njengoko kwabanjalo ekubhukuqekeni kweSodom neGomora nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala mntu khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.

49:19 Yabona, utshaba luya kunyuka njengengonyama ephuma ekweneni kweYordan, luye ekhayani eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo; osukuba enyuliwe, ndimenzele umveleli; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?

49:20 Ngako oko yivani icebo likaYehova, alicebileyo ngoEdom, neengcinga zakhe, azicingileyo ngabemi bakwaTeman; inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.

49:21 Ihlabathi liyanyikima sisithonga sokuwa kwabo; isandi sokukhala kwabo sivakala eLwandle oluBomvu.

49:22 Yabona, utshaba luyanyuka njengexhalanga, lutshwebeleza, luwolule amaphiko alo phezu kweBhotsera; intliziyo yamagorha ekwaEdom ngaloo mini iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba.

49:23 Ngokusingisele kwiDamasko: Ihlazekile iHamati neArpadi; ngokuba kuviwe iindaba ezimbi; bancamile; njengaselwandle, banesithukuthezi, abanako ukuzola.

49:24 IDamasko ithe dakumba, ijikile yasaba; ifikelwe kukothuka, ibanjwe yimbandezelo nayinimba njengozalayo.

49:25 Hayi, ukushiywa komzi wendumiso, umzi wemihlali yam!

49:26 Ngako oko aya kuwa amadodana ayo ezitratweni zawo, amadoda onke okulwa athi shwaka ngaloo mini; utsho uYehova wemikhosi.

49:27 Ndiya kuphemba umlilo eludongeni lweDamasko, udle iingxande ezinde zikaBhen-hadade.

49:28 Ngokusingisele kumaKedare, nakwizikumkani zaseHatsore, awazibulalayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utsho uYehova ukuthi: Sukani nime, nyukani niye kumaKedare, nibabhuqe abasempumalanga.

49:29 Iintente zabo nemihlambi yabo boyithabatha; namalengalenga abo, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo, bozisusa zibe zezabo; bamemeze kubo, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke.

49:30 Sabani, balekani kakhulu, hlalani enkolontyweni, bemi baseHatsore, utsho uYehova; ngokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ecebe icebo ngani, wacinga ingcinga ngani.

49:31 Sukani nime, nyukani niye kuhlanga oluchulumachileyo, oluhleli lukholosile, utsho uYehova; uhlanga olungenazingcango namivalo, oluhleli lodwa.

49:32 Iinkamela zabo maziphangwe, ingxokolo yemfuyo yabo ibe ngamaxhoba, ndibachithachithe kwimimoya yonke onquthula-iinwele, ndibazisele ukusindeka, kuphuma kumacala onke; utsho uYehova.

49:33 IHatsore iya kuba sisikhundla seempungutye, kube senkangala kude kuse ephakadeni. Akuyi kuhlala bani khona, kungaphambukeli nyana womntu khona.

49:34 Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwelakwaElam ekuqaleni kobukumkani bukaZedekiya ukumkani wakwaYuda, yayisithi:

49:35 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiyasaphula isaphetha sakwaElam, intlahlela yobugorha babo;

49:36 ndiya kulizisela elakwaElam imimoya emine ephuma eziphelweni ezine zezulu, ndibachithachithe kuloo mimoya yonke, kungabikho luhlanga bangayi kufika kulo abaziindlodlo zakwaElam.

49:37 Ndomqhiphukisa umbilini uElam phambi kweentshaba zakhe, naphambi kwabafuna imiphefumlo yabo; ndibazisele ububi, ukuvutha komsindo wam; utsho uYehova. Ndothuma emva kwabo ikrele, ndide ndibagqibe,

49:38 Ndiya kumisa itrone yam kwaElam, ndimtshabalalise khona ukumkani nabathetheli; utsho uYehova.

49:39 Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla, ndikubuyise ukuthinjwa kukaElam; utsho uYehova.

50:1 Ilizwi awalithethayo uYehova ngokusingisele kwiBhabheli, ngokusingisele kwilizwe lamaKaledi, ngoYeremiya umprofeti, lalisithi:

50:2 Xelani ezintlangeni, nivakalise, niphakamise ibhanile. Vakalisani, musani ukufihla; yithini, Ithinjiwe iBhabheli, uhlazekile uBhele, uqhiphuke umbilini uMerodaki, zihlazekile izithixo zabo, ziqhiphuke umbilini izigodo zabo.

50:3 Ngokuba kunyuke kweza kubo uhlanga lwasentla, oluya kwenza ilizwe labo kube senkangala, lingabi nammi, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kubalekwe kumkiwe.

50:4 Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, baya kuza oonyana bakaSirayeli kunye noonyana bakaYuda, behamba belila, baye bamquqele uYehova uThixo wabo.

50:5 Baya kubuza iZiyon, babheke khona, besithi, Yizani, nithelele kuYehova ngomnqophiso ongunaphakade ongayi kulityalwa.

50:6 Abantu bam baba ngumhlambi weegusha ezilahlekileyo; abalusi babo babandwendwisela ezintabeni eziphambanisayo, behamba besuka entabeni, baye endulini, bayilibale indawo yabo yokubutha kwabo.

50:7 Bonke ababafumanayo babadla; ababandezeli babo bathi, Asinatyala, ngethuba lokuba bonile kuYehova, ikriwa lobulungisa, ithemba loyise, uYehova.

50:8 Balekani, niphume phakathi kweBhabheli; mabaphume ezweni lamaKaledi, babe njengeenkunzi zeebhokhwe ezikhokela umhlambi.

50:9 Ngokuba, yabonani, ndixhoxha, ndinyuse, ndise eBhabheli isikhungu seentlanga ezinkulu, ziphuma ezweni lasentla, ziyakhele uluhlu. Iya kuthinjwa apho, iintolo zaso zibe njengezegorha eliligcisa, elingabuyi lilambatha.

50:10 Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlutha; utsho uYehova.

50:11 Nakuba nivuya njalo, nakuba nidlamkile, baphangi belifa lam, nakuba nidloba njengethokazi elibhulayo, nilila njengeembalasane zamahashe:

50:12 uya kudana kakhulu unyoko; uya kuba neentloni onizalayo. Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi.

50:13 Ngenxa yoburhalarhume bukaYehova ayisayi kumiwa; kuya kuba senkangala kuyo yonke iphela. Bonke abadlulayo eBhabheli baya kumangaliswa, benze umsondlo ngenxa yokubethwa kwayo konke.

50:14 Yakheleni uluhlu iBhabheli ngeenxa zonke, nonke batyedi besaphetha; tolani kuyo, ningashiyi lutolo; ngokuba yonile kuYehova.

50:15 Dumani ngayo ngeenxa zonke; izinikele; ziwile iingqoqo zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova. Phindezelani kuyo; njengokwenza kwayo, yenzani kuyo.

50:16 Nqumlani umhlwayeli eBhabheli, nophethe irhengqa ngexesha lokuvuna. Ngenxa yekrele elidlavulayo elowo ubheka ebantwini bakowabo, elowo usabela ezweni lakowabo.

50:17 Uyigusha elusali uSirayeli; ubhejethwe ziingonyama. Ngukumkani waseAsiriya owaqala wamdla; ngoku, owokugqibela umqobi wamathambo akhe nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.

50:18 Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhe, njengoko ndamvelelayo ukumkani waseAsiriya.

50:19 Ndiya kumbuyisela uSirayeli ekriweni lakhe, adle eKarmele naseBhashan, uhluthe umphefumlo wakhe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.

50:20 Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli, bungabikho; nezono zikaYuda zingafumaneki; ngokuba ndiya kubaxolela endibasalisileyo.

50:21 Ilizwe lakwaNkani-ziphindwe-kabini, nyuka uye kulo kanye, kubemi belakwaKohlwaywa; bharhisa usingele phantsi emva kwabo, utsho uYehova; wenze ngako konke endakuwisela umthetho ngako.

50:22 Isithonga semfazwe siselizweni, nokwaphuka okukhulu.

50:23 Hayi, ukuxakaxwa, ukwaphulwa kwesando sehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa kweBhabheli ummangaliso phakathi kweentlanga!

50:24 Ndikuthiyele, wabanjiswa nokubanjiswa, Bhabheli, ungazi ke wena; ufunyenwe, wathinjwa nokuthinjwa, ngokuba ulwe noYehova.

50:25 UYehova uyivulile indlu yezixhobo zakhe, wazikhupha iimpahla zokubhavuma kwakhe; ngokuba inomsebenzi iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lamaKaledi.

50:26 Yizani kulo, nivale ngeenxa zonke; vulani amaqonga alo; lifumbeni ngokwezidimbilili, nilisingele phantsi, kungasali nento kulo.

50:27 Hlabani zonke iinkunzi zalo ezintsha zeenkomo; mazithotyelwe ekuxhelweni, Yeha ke bona! Ngokuba iyeza imini yabo, ixesha lokuvelelwa kwabo.

50:28 Phulaphulani! Nabo abasabayo, abasindayo ezweni laseBhabheli, ukuba baxele eZiyon impindezelo kaYehova uThixo wethu, impindezelo yetempile yakhe.

50:29 Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli, bonke abatyedi besaphetha; yingqingeni ngeenxa zonke. Makungabikho usindayo; yivuzeni ngokomsebenzi wayo; ngako konke eyakwenzayo, yenzani ngako kuyo; ngokuba ikhukhumele kuYehova, koyiNgcwele kaSirayeli.

50:30 Ngako oko aya kuwa ezitratweni zayo amadodana ayo, athi shwaka ngaloo mini onke amadoda ayo okulwa; utsho uYehova.

50:31 Yabona, ndikuchasile, wena ukhukhumeleyo, itsho iNkosi uYehova wemikhosi; ngokuba ifikile imini yakho, ixesha lokukuvelela kwam.

50:32 Wokhubeka okhukhumeleyo, awe, kungabikho umvusayo; ndiphembe umlilo emizini yakhe, utshe ngeenxa zonke kuye.

50:33 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Babecudiswa oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda kunye; bonke ababathimbayo bayagcinisa ukubabamba, abavumi ukubandulula.

50:34 UMkhululi wabo obamiselayo womelele, ugama lakhe linguYehova wemikhosi; uya kubambana abambane nobambana nabo, ukuze aliphumze ihlabathi, agungqise abemi baseBhabheli.

50:35 Ikrele maliwafikele amaKaledi, nabemi baseBhabheli, nabathetheli bayo, nezilumko zayo; utsho uYehova.

50:36 Ikrele malibafikele abaphololozi bento engeyiyo, babe zizimathane; ikrele maliwafikele amagorha, aqhiphuke umbilini.

50:37 Ikrele maliwafikele amahashe ayo, neenqwelo zayo zokulwa, nomxukuxela wonke ophakathi kwayo, babe ngabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bayo, ukuba buphangwe.

50:38 Ukubalela makuwafikele amanzi ayo, ukuba atshe. Ngokuba lilizwe lemifanekiso eqingqiweyo; bazigezise ngezinto ezothusayo.

50:39 Ngako oko kuya kuhlala khona amarhamncwa omqwebedu neempungutye, kuhlale iinciniba khona, lingabi samiwa naphakade, lingabi sahlalwa izizukulwana ngezizukulwana.

50:40 Njengoko wayibhukuqayo uThixo iSodom neGomora, nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala bani khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.

50:41 Yabonani, kuza abantu, bevela entla, uhlanga ke olukhulu; nookumkani abaninzi bayaxhoxhwa, bevela eziphelweni zehlabathi.

50:42 Baphethe isaphetha nenkcula, bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo liguguma njengolwandle, bakhwele emahasheni, bekuxhobele njengendoda yokulwa, ntombi iyiBhabheli.

50:43 Uve iindaba zabo ukumkani waseBhabheli, zasuka zawa izandla zakhe; imbandezelo imbambile, uyazibhijabhija njengozalayo.

50:44 Yabonani, utshaba luya kunyuka njengengonyama, luphume ekweneni kweYordan, luye ekhayeni eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo, osukuba enyulwe, ndimenzele umveleli walo; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?

50:45 Ngako oko, liveni icebo likaYehova, alicebileyo ngeBhabheli, neengcinga zakhe, azicingileyo ngelizwe lamaKaledi; esithi, Inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.

50:46 Ngenxa yelizwi elithi, Ibanjiwe iBhabheli, liyanyikima ihlabathi; kuvakala isikhalo ezintlangeni.

51:1 Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndixhoxhela iBhabheli, nabahleli ngaphakathi kwabasukela phezulu kum, umoya womonakalisi.

51:2 Ndiya kuthumela eBhabheli abasemzini, abaya kuyela; balithi qongqololo ilizwe layo; ngokuba boyifikela ngeenxa zonke ngemini yobubi.

51:3 Umtyedi wesaphetha makagobele kogobayo, nakozinyusayo, enengubo yentsimbi, ningawayeki amadodana ayo; singelani phantsi wonke umkhosi wayo;

51:4 bawe ababuleweyo ezweni lamaKaledi, nabahlatywe amahlanza ezitratweni zayo.

51:5 Ngokuba uSirayeli, kwanoYuda, akashiywanga wangumhlolokazi nguThixo wakhe, nguYehova wemikhosi; kuba ilizwe labo lizele lityala koyiNgcwele kaSirayeli.

51:6 Sabani niphume eBhabheli, nisize elowo umphefumlo wakhe; maningadaki ngenxa yobugwenxa bayo; ngokuba eli lixesha lempindezelo kuYehova; uya kubuyekeza kuyo kwaimpatho yayo.

51:7 IBhabheli ibe iyindebe yegolide esandleni sikaYehova, ilinxilisa lonke ihlabathi; zasela iintlanga ewayinini yayo. Ngako oko ziyageza iintlanga.

51:8 Iwile iBhabheli ngesiquphe, yaphuka; bhombolozani ngenxa yayo; intlungu yayo yithabatheleni amafutha aqholiweyo, mhlawumbi ingapholiswa.

51:9 Bathi, Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili; yishiyeni, sihambe siye elowo ezweni lakowabo; ngokuba ityala layo lifike emazulwini, liphakamele esibhakabhakeni.

51:10 UYehova ubuvelisile ubulungisa bethu; yizani sibalise eZiyon isenzo sikaYehova uThixo wethu.

51:11 Khazimlisani iintolo, qubulani amakhaka; uYehova uxhoxhe umoya wokumkani bamaKaledi. Ngokuba umnkqangiyelo wakhe ukwiBhabheli, ukuba ayonakalise: ngokuba yimpindezelo kaYehova, yimpindezelo yetempile yakhe.

51:12 Ziphakamiseleni ibhanile iindonga zaseBhabheli. Qinisani ukulinda, misani abalindi, lungisani imilalela; ngokuba njengoko uYehova wankqangiyelayo, ukwenzile awakuthethayo ngabemi baseBhabheli.

51:13 Wena uhleliyo phezu kwamanzi amaninzi, ubuncwane bakho buninzi; kufikile ukuphela kwakho, isilinganiselo senzuzo yakho embi.

51:14 UYehova wemikhosi ufunge umphefumlo wakhe, esithi, Noko ndikuzalisileyo ngabantu, banga ziinkumbi ezinqunquthayo, kuya kususelwa ngawe ukwenziwa amayeyeye.

51:15 Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe, ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe, waneka izulu ngengqondo yakhe.

51:16 Kwakubon’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.

51:17 Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.

51:18 Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala.

51:19 Akanjalo yena uSahlulelo sikaYakobi; ngokuba nguMbumbi wezinto zonke yena, nowesizwe selifa lakhe yena; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.

51:20 Wena usisixengxe sam, usisikrweqe sam sokulwa. Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga, ndizonakalise ngawe izikumkani;

51:21 ndihlekeze ngawe ihashe nomkhweli walo; ndihlekeze inqwelo yokulwa nomkhweli wayo;

51:22 ndihlekeze ngawe indoda nomfazi, ndihlekeze ngawe indoda enkulu nomfana, ndihlekeze ngawe amadodana nomthinjana;

51:23 ndihlekeze ngawe umalusi nomhlambi wakhe; ndihlekeze ngawe umlimi nesipani sakhe; ndihlekeze ngawe amabamba neerhuluneli.

51:24 Ndobuyekekeza kwiBhabheli, nakubeni bonke belamaKaledi, bonke ububi babo, ababenze kwiZiyon emehlweni enu; utsho uYehova.

51:25 Yabona, ndikuchasile, ntaba yokonakalisa, utsho uYehova, elonakalisileyo lonke ihlabathi; ndiya kolula isandla sam phezu kwakho, ndikuqengqe uhle ezingxondorheni, ndikwenze intaba etshisiweyo;

51:26 kungathatyathwa litye lambombo kuwe, nalitye laziseko; ke uya kwenziwa kube senkangala ngonaphakade; utsho uYehova.

51:27 Phakamisani ibhanile elizweni, vuthelani isigodlo ezintlangeni; zingcwaliseni iintlanga kuyo, zihlabeleni umkhosi, zize kuyo izikumkani zeArarati neMini neAshkenazi; yalelani kuyo abathetheli; nyusani amahashe, eze njengeenkumbi ezinqunquthayo, ezibetha ube namanwele.

51:28 Zingcwaliseni iintlanga kuyo, ookumkani bamaMedi, namabamba awo, neerhuluneli zawo zonke, nelizwe lonke lolawulo lwawo.

51:29 Ihlabathi liyanyikima, liyazibhijabhija; ngokuba zenzeka kwiBhabheli iingcinga zikaYehova, zokulenza ilizwe leBhabheli kube senkangala, lingamiwa.

51:30 Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa, ahleli ezimboniselweni; ubugorha bawo buthe qoko, asuka aba ngabafazi. Iminquba yayo ifakwe isikhuni, yaphukile imivalo yayo.

51:31 Isigidimi siyagidima, siqubisana nesigidimi; umbiki uqubisana nombiki, abike kukumkani waseBhabheli ukuba umzi wakhe uthinjwe kwaphela.

51:32 Amazibuko avingciwe, amadike atshe ngumlilo, amadoda okulwa akhwankqisiwe.

51:33 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesanda ngexesha lokugangathwa kwaso; kusaya kuba ngumzuzwana, lifike ixesha lokuvuna kuyo.

51:34 Wasibhubhisa thina, wasincinitha uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wasibeka saba sisitya esize; wasiginya njengengwenya, wahluthisa isisu sakhe ngokudla kwethu okumnandi, wasigxotha.

51:35 Ukugonyamelwa kwam nenyama yam makube phezu kweBhabheli, makatsho ummi waseZiyon; igazi lam malibe phezu kwabemi belamaKaledi, mayitsho iYerusalem.

51:36 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyalithetha ityala lakho, ndiphindezele impindezelo yakho, ndilutshise ulwandle lwayo, ndilomise ithende layo;

51:37 iBhabheli iya kuba ngumwewe, isikhundla seempungutye, ummangaliso nomsondlo, ingabi nammi.

51:38 Bonke bephela bangabharhula njengeengonyama ezintsha, bangavungama njengamathole engonyamakazi.

51:39 Kanti ke ebushushwini babo ndiya kubenzela umgidi wabo, ndibanxilise, ukuze badlamke, balale ubuthongo obungunaphakade, bangavuki; utsho uYehova.

51:40 Ndiya kubathobela ekuxhelweni njengamatakane, njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

51:41 Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

51:42 Ulwandle lunyukile, lwayizela iBhabheli; igutyungelwe kukuguguma kwamaza alo.

51:43 Imizi yayo yaba ngamanxuwa, yaba lilizwe lomqwebedu nenkqantosi, lilizwe elingamiwe mntu, ekungadluli nyana womntu kulo.

51:44 Ndiya kumvelela uBhele eBhabheli, ndikurhole emlonyeni wakhe akuginyileyo; zingabi sasinga kuye iintlanga; nodonga lweBhabheli luya kuwa.

51:45 Phumani phakathi kwayo, bantu bam; sizani elowo umphefumlo wakhe, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova;

51:46 hleze ithambe intliziyo yenu, noyike iindaba ezivakalayo ezweni. Ziya kuza nomnyaka iindaba ezo, emveni koko ngomnye umnyaka kuze iindaba ezo, kuze ugonyamelo ezweni, umlawuli ebambene nomlawuli.

51:47 Ngako oko, uyabona, kuza imihla endiya kuyivelela imifanekiso eqingqiweyo yaseBhabheli, libharhe ilizwe layo lonke, bawe phakathi kwayo ababuleweyo kuyo.

51:48 Liya kumemelela ngenxa yeBhabheli izulu nomhlaba, nento yonke ekhona; ngokuba ababhuqi baphume entla, beza kuyo; utsho uYehova.

51:49 Njengokuba iBhabheli yaphikela ukuwisa ababuleweyo bakwaSirayeli, ngokunjalo baya kuwa ngenxa yeBhabheli ababuleweyo behlabathi lonke.

51:50 Nina nisindileyo ekreleni, bambani, musani ukuma. Mkhumbuleni uYehova nisekude, ithi qatha ezintliziyweni zenu iYerusalem.

51:51 Sidanile, ngokuba sive isingcikivo; ihlazo lagubungela ubuso bethu; ngokuba abasemzini bazingene iingcwele zendlu kaYehova.

51:52 Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyivelela imifanekiso eqingqiweyo elizweni layo, bancwine abahlatyiweyo.

51:53 Nokuba iBhabheli ithe yenyuka yaya ezulwini, nokuba ithe yayinqabisa indawo ephezulu, inqaba yayo, ababhuqi bayo baya kuphuma kum; utsho uYehova.

51:54 Phulaphulani! Nako ukukhala kuphuma eBhabheli, nomaphulo omkhulu uphuma ezweni lamaKaledi.

51:55 Ngokuba uYehova uyayibhuqa iBhabheli, alitshabalalise kuyo izwi elikhulu; aguguma amaza ayo njengamanzi amaninzi, kuvakala ingxolo yesandi sawo.

51:56 Ngokuba umbhuqi uya kuyifikela iBhabheli, athinjwe amagorha ayo, ziqhawuke izaphetha zayo; ngokuba nguThixo wembuyekezo uYehova, uya kuvuza evuzile.

51:57 Ndiyabanxilisa abathetheli bayo nezilumko zayo, amabamba ayo neerhuluneli zayo, namagorha ayo; aya kulala ubuthongo obungunaphakade, angavuki: utsho uKumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.

51:58 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindonga ezibanzi zeBhabheli ziya kunqikwa kube kanye, amasango ayo aphakamileyo atshiswe ngomlilo; izizwe zizixhamlele okulambathayo, neentlanga zizixhamlele umlilo, zityhafe ke.

51:59 Ilizwi awathi uYeremiya umprofeti wamwisela umthetho ngalo uSeraya, unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, ekuyeni kwakhe noZedekiya ukumkani wakwaYuda eBhabheli, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe; uSeraya lo engumtshayeleli.

51:60 UYeremiya wabubhala encwadini bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli, onke la mazwi abhaliweyo ngeBhabheli.

51:61 Wathi ke uYeremiya kuSeraya, Wakufika eBhabheli, khangela onke lamazwi, uwalese.

51:62 Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingamiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade.

51:63 Kothi, wakugqiba ukuyilesa le ncwadi, ubophe ilitye kuyo, uyinzulumbele esazulwini somEfrati;

51:64 uthi, Iya kwenjenje iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi, ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona, batyhafe. Aze ema apha amazwi kaYeremiya.

52:1 UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.

52:2 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim.

52:3 Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe. UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli.

52:4 Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, yena nempi yakhe yonke, wayirhawula, wayakhela inqaba yokubonisela ngeenxa zonke.

52:5 Wangqingwa ke umzi, kwada kwaba ngumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.

52:6 Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesine, yaqina indlala phakathi komzi, ababa nasonka abantu belizwe.

52:7 Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi); abamba ngendlela yaseArabha.

52:8 Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye.

52:9 Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe.

52:10 Ukumkani waseBhabheli wabasikela oonyana bakaZedekiya emehlweni akhe; nabathetheli bonke bakwaYuda wabasikela eRibhela.

52:11 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.

52:12 Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lweshumi enyangeni leyo (lo mnyaka ke ngoweshumi elineminyaka esithoba kakumkani uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli), wangena eYerusalem uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, owema phambi kokumkani waseBhabheli.

52:13 Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke zezikhulu wazitshisa ngomlilo.

52:14 Iindonga zonke zaseYerusalem ngeenxa zonke yazidiliza yonke impi yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki.

52:15 Kwizisweli zabantu, namasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awaphambelayo kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki.

52:16 Ke uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wasalisa kwizisweli zelizwe, ukuze zibe ngabasebenzi bemidiliya nabalimi.

52:17 Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obelusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli lonke ubhedu lwazo.

52:18 Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebekulungiselelwa ngazo.

52:19 Umthetheli wabasiki wathabatha izidendeleko, neengcedevu, nezitya zokutshisa, neembiza, neziphatho zezibane, neenkamba, namathunga, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere.

52:20 Neentsika zombini, ulwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini zobhedu ezibe ziphantsi kwalo, neenqwelwana awazenzela indlu kaYehova uSolomon ukumkani, alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke.

52:21 Neentsika ezo, ukuphakama kwenye intsika kube kuziikubhite ezilishumi elinesibhozo; umtya oziikubhite ezilishumi elinambini ubuyithandela, nezinyuko zayo beziyiminwe emine; ibiholoholo.

52:22 Ingqukuva yayo ibiyeyobhedu, ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintlanu; umnatha neerharnate bezisengqukuveni ngeenxa zonke; yonke loo nto yabe ilubhedu. Intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye neerharnate.

52:23 Iirharnate bezingamashumi asithoba anantandathu, zibheke emoyeni; iirharnate zonke bezilikhulu phezu komnatha ngeenxa zonke.

52:24 Umthetheli wabasiki wamthabatha uSeraya umbingeleli oyintloko, noZefaniya umbingeleli weyesibini intlantlu, nabagcini-mnyango bobathathu.

52:25 Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, owayengumveleli wamadoda okulwa, namadoda asixhenxe kuwo abebona ubuso bokumkani, awafunyanwa phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obehlaba umkhosi kubantu belizwe, namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi.

52:26 Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wabasa eRibhela, kukumkani waseBhabheli.

52:27 Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulala eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo.

52:28 Ngabo aba abantu awabafudusayo uNebhukadenetsare: ngomnyaka wesixhenxe, amaYuda angamawaka amathathu, anamanci mabini anamathathu;

52:29 ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare kwafuduswa eYerusalem imiphefumlo yaba makhulu asibhozo, anamanci mathathu anamibini;

52:30 ngomnyaka wamashumi amabini anamithathu kaNebhukadenetsare, uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wafudusa amaYuda ayimiphefumlo emakhulu asixhenxe, anamanci mane anamihlanu. Yonke imiphefumlo yaba ngamawaka amane anamakhulu amathandathu.

52:31 Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesihlanu enyangeni leyo, uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni.

52:32 Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yaba ngaphezu kweetrone zabanye ookumkani ababenaye eBhabheli.

52:33 Wazikhulula iingubo zakhe zobubanjwa; wamana ukudla isonka ebusweni bakhe yonke imihla yokuphila kwakhe.

52:34 Umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, wawunikwa, uvela kukumkani waseBhabheli, into yemini ngangemini yayo, kwada kwayimini yokufa kwakhe, yonke imihla yokuphila kwakhe.


Next: Lamentations