Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Isaiah

1:1 Umbono kaIsaya unyana ka-Amotsi, awawubonayo ngokusingisele kuYuda neYerusalem, ngemihla yoUziya, noYotam, noAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaYuda.

1:2 Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum.

1:3 Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi.

1:4 Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva.

1:5 Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe;

1:6 kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha: akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli.

1:7 Kusenkangala elizweni lenu, imizi yenu itshiswe ngomlilo, umhlaba wenu udliwa ngabasemzini phambi kwenu, uyinkangala njengokubhukuqwa kwabasemzini.

1:8 Isele ke intombi enguZiyon, njengexhobongo esidiliyeni, njengephempe entsimini yemixoxozi, njengomzi ongqingiweyo.

1:9 Koko uYehova wemikhosi wasisalisela intwana esindileyo, singe saba njengeSodom, singe safana neGomora.

1:10 Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo kaThixo wethu, bantu baseGomora.

1:11 Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile.

1:12 Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam?

1:13 Nize ningaphindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala.

1:14 Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala.

1:15 Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi.

1:16 Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am;

1:17 yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi.

1:18 Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.

1:19 Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe;

1:20 ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile.

1:21 Yoo! Utheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi!

1:22 Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi.

1:23 Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo.

1:24 Ngako oko itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha! Ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam.

1:25 Ndosibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokufezekileyo njengegolide, likhutshwe igwebu lakho, ndisuse yonke intsila yakho.

1:26 Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci. Emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo.

1:27 IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa;

1:28 ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.

1:29 Ngokuba baya kudana yimiterebhinti ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula;

1:30 kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi;

1:31 nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo.

2:1 Ilizwi awalibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi, ngokusingisele kuYuda neYerusalem.

2:2 Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.

2:3 Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.

2:4 Uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.

2:5 Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova.

2:6 Kuba ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.

2:7 Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa.

2:8 Ilizwe labo lizele zizithixo ezingeni; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo.

2:9 Ophantsi uyagoba, nendoda ephakamileyo ithotyelwe phantsi, ungabaxoleli ke.

2:10 Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe.

2:11 Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini.

2:12 Kuba uYehova wemikhosi unemini eyozongamela izinto zonke ezinekratshi, ezinoqhankqalazo; nezinto zonke ezizinyusileyo zithotywe nezinto zonke ezisinyusileyo zithotywe ke.

2:13 Woyongamela imisedare yonke yaseLebhanon, emide, ezinyusileyo,

2:14 nezonke ezinde, neenduli zonke ezizinyusileyo;

2:15 neenqaba zonke eziphakamileyo, neendonga zonke ezinqatyisiweyo;

2:16 neenqanawa zonke zaseTarshishe, nezinto zonke ezibonakala zinqweneleka.

2:17 Kosibekeka ukuzidla kwaba baphantsi, kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini;

2:18 izithixo ezingeni zothi shwaka zonke ziphela.

2:19 Bongena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yomhlaba ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.

2:20 Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo;

2:21 ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.

2:22 Khanimyeke umntu omphefumlo usemathatheni akhe; ngokuba kuthiwa, Uyintoni na?

3:1 Ngokuba uyabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, isusa eYerusalem nakwaYuda isixhaso nenkxaso, sonke isixhaso sesonka kwanesixhaso samanzi:

3:2 igorha nendoda yokulwa, umgwebi nomprofeti, umvumisi nendoda enkulu,

3:3 umthetheli wamashumi amahlanu, nobekekileyo, nomphakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwitsa.

3:4 Ndobanika abathetheli abangabantwana, nabafekethi babalawule;

3:5 bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo.

3:6 Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho:

3:7 wophimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu.

3:8 Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe.

3:9 Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayaxixela izono zabo njengeSodom, abakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona!

3:10 Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla.

3:11 Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye.

3:12 Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu.

3:13 Usukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini.

3:14 UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu.

3:15 Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusile ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

3:16 Kananjalo uthi ke uYehova, Ngenxa enokuba zizidla iintombi zaseZiyon, zihamba zolule iintamo, zitshawula ngamehlo, zihamba zicothoza ukuhamba kwazo, zisenza isigampe esisezinyaweni zazo:

3:17 ngako oko iNkosi yolujaduka ukakayi lweentombi zaseZiyon, uYehova azihlube ubunkazana bazo.

3:18 Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala,

3:19 namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo,

3:20 neembasa, neenxaxhazo, neenqwemesha, namahlala okujoja, namakhubalo,

3:21 nemisesane, namakhonkco empumlo,

3:22 nezambatho ezinqabileyo, neengubo zokwaleka ezingaphezulu, neetyali, neengxowa zemali,

3:23 nezipili, neeqhiya zelinen entle, neenkontsho, neengubo zokwaleka ezikrelekrele.

3:24 Kothi esikhundleni sobulawu ibe kukuvunda, esikhundleni sombhinqo ibe yintambo; esikhundleni seempothe ibe yimpempethe, esikhundleni sengubo engwabungwabu ibe sisikhaka esirhwexayo; ibe ngumtshiso esikhundleni sobunzwakazi.

3:25 Amadoda akho aya kuwa likrele, namagorha akho yimfazwe;

3:26 ancwine enze isijwili amasango ayo, ithi yona ikhutshululwe, ihlale phantsi emhlabeni.

4:1 Abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi, Sodla esethu isonka, sambathe ezethu iingubo; kodwa masibizwe ngegama lakho, ukususe ukungcikiveka kwethu.

4:2 Ngaloo mini isithole sikaYehova siya kuba yinto enobukhazikhazi enobuqaqawuli, isiqhamo selizwe sibe yingangamsha nesihombo kwabasindileyo bakwaSirayeli.

4:3 Wothi oshiyekileyo eZiyon, noseleyo eYerusalem, kuthiwe ungcwele, bonke ababhalelwe ebomini eYerusalem;

4:4 yakuba ithe iNkosi yakuhlamba ukungcola kweentombi zaseZiyon, yawahlanza amagazi aseYerusalem phakathi kwayo ngomoya ogwebayo, nangomoya olulophu.

4:5 Wodala ke uYehova phezu kweendawo zonke zeentaba zeZiyon, naphezu kweentlanganiso zayo, ilifu elingumsi emini, nokudangazela komlilo ebusuku. Kuba phezu kobuqaqawuli obo bonke, kuya kubakho isigubungelo;

4:6 sibe ngumnquba ongumthunzi emini, ekubaleleni, sibe yindawo yokuzimela nokusithela esiphangweni nasemvuleni.

5:1 Intanda yam makhe ndiyivumele ingoma yentanda yam, ngesidiliya sayo. Intanda yam ibe inesidiliya endulini echumayo;

5:2 yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yakha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo.

5:3 Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.

5:4 Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo?

5:5 Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso, sibe yingqushu; ndisijece kuphele.

5:6 Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso.

5:7 Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.

5:8 Yeha, abahlomela indlu kwindlu, abasondeza intsimi kwintsimi, kude kungabikho ndawo, nihlale nedwa phakathi kwelizwe!

5:9 Ezindlebeni zam uthi uYehova wemikhosi, Inyaniso, izindlu ezininzi ziya kuba ngamanxuwa, ezinkulu, ezintle zingabi namhlali.

5:10 Kuba ishumi leendima zesidiliya liya kwenza ibhate ibe nye, nehomere yembewu yenze iefa yodwa.

5:11 Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini!

5:12 Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni.

5:13 Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano.

5:14 Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhame ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo.

5:15 Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo;

5:16 ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa.

5:17 Kodla iimvana apho, kunge kusedlelweni lazo; abasemathanga badlise emanxuweni ezityebi.

5:18 Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo;

5:19 abathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi!

5:20 Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!

5:21 Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!

5:22 Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; abagwebela abangendawo, besekeleze isicengo;

5:23 ubulungisa bamalungisa babususe kuwo!

5:24 Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.

5:25 Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; usolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sisolukile.

5:26 Uzinyusela ibhanile iintlanga zakude, azenzele ikhwelo eziphelweni zehlabathi; nanzo zisiza zikhawuleza ngamendu.

5:27 Akukho utyhafileyo, akukho ukhubekayo kuzo; azozeli, azilali, umbhinqo wamanqe azo awuthukululeki, umtya weembadada zazo awuqhawuki.

5:28 Iintolo zazo zitsolile, nezaphetha zazo zonke zityediwe; amanqina amahashe azo kuthiwa anjengeqhwitha, neevili zazo zinjengesaqhwithi. Ukubharhula kwazo kunjengengonyamakazi;

5:29 zibharhula njengeengonyama ezintsha, zigqume, ziyibambe inyamakazi, zimke nayo, kungabikho uhlangulayo.

5:30 Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, ngathi kukugquma kolwandle; babheke emhlabeni, nanko kumnyama yimbandezelo, nokukhanya kumnyama emafini phezu kwabo.

6:1 Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile.

6:2 Kumi iiserafi ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela.

6:3 Iyileyo idanduluke kuleyo isithi. Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe.

6:4 Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi.

6:5 Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani, uYehova wemikhosi.

6:6 Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni;

6:7 yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.

6:8 Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyela?

6:9 Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.

6:10 Yityebise intliziyo yaba bantu, neendlebe zabo zenze zithi nkqi, namehlo abo uwavingce; hleze babone ngamehlo abo, beve ngeendlebe zabo, baqonde ngentliziyo yabo, babuye, baze baphiliswe.

6:11 Ndathi, Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi? Yathi, Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu, utshabalale umhlaba kube senkangala;

6:12 uYehova amse kude umntu, abe maninzi amanxuwa phakathi kwelizwe.

6:13 Kuya kuthi, ukuba kusekho isahlulo seshumi khona, sibuye naso sibe yinto yokutshayelwa; njengomterebhinti nanjengomoki, othi ekuwisweni kwawo kushiyeke isiphunzi; yimbewu engcwele ke isiphunzi eso.

7:1 Ke kaloku kwathi, ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, wenyuka uRetsin ukumkani wama-Aram, enoPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem, ukuba alwe nayo; akaba nako ke ukulwa nayo.

7:2 Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram athelele kwabelakwaEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya.

7:3 Wathi uYehova kuIsaya, Khawuphume uye umkhawulele uAhazi, wena noMasalela-obuya unyana wakho, ekupheleni komjelo wechibi lasentla, emendweni ongasentsimini yomxovuli weengubo;

7:4 uthi kuye, Gcinisa, uzole, ungoyiki, ingathambi intliziyo yakho ngenxa yezo zikhondo zibini zezikhuni eziqhumayo, ekuvutheni komsindo kaRetsin nama-Aram, nonyana kaRemaliya;

7:5 ngenxa enokuba ama-Aram namaEfrayim nonyana kaRemaliya becebile ububi ngawe, besithi,

7:6 Masinyuke siye kwelakwaYuda, silikruqule, silinqike libe lelethu, simise ukumkani phakathi kwalo, unyana kaTabhele;

7:7 itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Loo nto ayiyi kuma, ayiyi kubakho.

7:8 Ngokuba intloko yama-Aram yiDamasko, intloko yeDamasko nguRetsin; kuya kuthi iseyiminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, aqotywe amaEfrayim, angabi bantu.

7:9 Intloko yamaEfrayim kukwaSamari, intloko yakwaSamari ngunyana kaRemaliya. Ukuba nithe anakholwa, inene, aniyi kuqiniseka.

7:10 Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi,

7:11 Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu.

7:12 Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova.

7:13 Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam?

7:14 Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.

7:15 Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo.

7:16 Kuba, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okubi, anyule okulungileyo, woba selushiyiwe loo mhlaba, ukumkani bawo babini bakukruqulayo.

7:17 UYehova uya kukuzisela wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela kwimini wemka ngayo uEfrayim kwaYuda; ngukumkani waseAsiriya ke lowo.

7:18 Kothi ngaloo mini uYehova ayenzele ikhwelo impukane esekupheleni kwemijelo yoMnayile waseYiputa, nenyosi esezweni laseAsiriya;

7:19 zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke.

7:20 Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo, ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu.

7:21 Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini;

7:22 kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.

7:23 Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka.

7:24 Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka.

7:25 Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha.

8:1 Wathi uYehova kum, Thabatha icwecwe elikhulu, ubhale kulo ngenkxola yabantu, uthi, NgoMaxhoba ayakhawuleza iinto eziphangiweyo zingxamile,

8:2 Ndathabathela amangqina anyanisileyo, ooUriya umbingeleli, noZekariya unyana kaYebherekiya.

8:3 Ndasondela kumprofetikazi, wamitha, wazala unyana. Wathi uYehova kum, Yithi igama lakhe nguMaxhoba ayakhawuleza iinto eziphangiweyo zingxamile.

8:4 Ngokuba, engekakwazi umntwana lo ukuthi, Bawo, nokuthi, Ma, ubutyebi baseDamasko namaxhoba akwaSamari aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.

8:5 Waqokela uYehova, wabuya wathetha kum, esithi,

8:6 Ngenxa enokuba abo bantu bewacekisa amanzi aseShilowa, la ahamba kuhle, benze imihlali noRetsin nonyana kaRemaliya:

8:7 ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo, lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wonyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke,

8:8 utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli.

8:9 Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe.

8:10 Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi.

8:11 Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi,

8:12 Ize ningathi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.

8:13 UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo.

8:14 Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.

8:15 Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe.

8:16 Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam.

8:17 Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye.

8:18 Yabona, mna nabantwana andinikileyo uYehova, singabemiqondiso nezimanga kwaSirayeli, ezivela kuYehova wemikhosi, ulohlala entabeni yaseZiyon.

8:19 Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na?

8:20 Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.

8:21 Baya kucanda kulo ilizwe begogotyelwe, belambile; kuthi ke, xa bathe balamba, babe noburhalarhume, batshabhise ukumkani wabo noThixo wabo, babheke phezulu;

8:22 babheke emhlabeni, nanko kuyimbandezelo nobumnyama, bethiwe ncithi yingcutheko, begxothelwe esithokothokweni.

9:1 Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.

9:2 Abantu abo babamba emnyameni babone ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezele phezu kwabo.

9:3 Uyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba.

9:4 Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, uyaphule njengemini yakwaMidiyan.

9:5 Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.

9:6 Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo,

9:7 ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.

9:8 INkosi ithumela ilizwi kwaYakobi, liwa ke kwaSirayeli.

9:9 Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: abathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo,

9:10 Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare.

9:11 UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe.

9:12 Ama-Aram ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.

9:13 Aba bantu ke ababuyeli kulowo ubabethileyo; abamngxamele uYehova wemikhosi.

9:14 Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzi, ngamini-nye.

9:15 Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo.

9:16 Abakhokeli baba bantu basuke baba ngaba bandwendwisayo, nabakhokelwa ngabo basuke baba ngabaginyiweyo.

9:17 Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.

9:18 Kuba okungendawo kutsha njengomlilo, kudla ubobo namakhakakhaka, kufaka isikhuni ezintshinyeleni zehlathi, kunyuka njengomqulu womsi.

9:19 Ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe liyatsha; abantu banjengokudla komlilo; umntu akamcongi umzalwana wakhe.

9:20 Basika ngasekunene, balambe noko; badle ngasekhohlo, bangahluthi noko; umntu adle inyama yengalo yakhe;

9:21 uManase adle uEfrayim, uEfrayim adle uManase; bona bachasane noYuda. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; sisolukile isandla sakhe.

10:1 Yeha, abamisi bemimiselo yobutshinga, ababhali ababhala uxhamlo;

10:2 ukuze bazisunduze izisweli, zingafiki ematyaleni, bazihluthe ibango lazo iintsizana zabantu bam, ukuba abahlolokazi babe lixhoba labo, baphange iinkedama!

10:3 Niya kuthini na ke ngemini yovelelo, nasesithongeni esivela kude? Niya kusabela kubani na ukuba anincede, nilushiye phi na uzuko lwenu?

10:4 Akukho kumbi, sekukukuguqa phakathi kwabakhonkwixeyo, bawe phakathi kwababuleweyo. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, sisolukile isandla sakhe.

10:5 Yeha, uAsiriya, ntonga yomsindo wam: luswazi olusesandleni sabo ukubhavuma kwam!

10:6 Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato.

10:7 Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa.

10:8 Kuba uthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na,

10:9 iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na?

10:10 Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingeni; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari:

10:11 andiyi kuthi na, njengoko ndenza ngako kowakwaSamari nezithixo zawo ezingeni, ndenjenjalo kwiYerusalem nezithixo zayo?

10:12 Kuya kuthi, xa ithe iNkosi yazifeza izenzo zayo zonke entabeni yaseZiyon naseYerusalem, ndizivelele iziqhamo zobukhulu bentliziyo yokumkani waseAsiriya, nokuqhayisa ngokuqwayinga kwamehlo akhe.

10:13 Kuba uthe, Ndenze ngamandla esandla sam nangobulumko bam; ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni;

10:14 isandla sam sabufumana ubutyebi bezizwe njengendlu yentaka, ndalibutha mna lonke ihlabathi, njengokubutha amaqanda; akwabakho nanye ishukumisa iphiko, neyakhamayo, netswinayo.

10:15 Izembe lingamqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingazikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingabajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungamphakamisa ongenguwo umthi!

10:16 Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo.

10:17 Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.

10:18 Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;

10:19 abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana.

10:20 Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.

10:21 Amasalela aya kubuya, amasalela akwaYakobi, eze kuThixo oligorha.

10:22 Kuba nangona bathe baba ngangentlabathi yaselwandle abantu bakho, Sirayeli, kobuya amasalela odwa kubo; ukupheliswa kumisiwe kwagqitywa, kukhukula ubulungisa.

10:23 Ngokuba iNkosi uYehova wemikhosi iza kwenza phakathi kwehlabathi lonke impeliso, iyemisiweyo ke yagqitywa.

10:24 Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Musani ukumoyika uAsiriya, bantu bam bahleliyo eZiyon, akunibetha ngentonga, aniphakamisele uswazi lwakhe ngohlobo lwamaYiputa.

10:25 Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinane, kuphele ukubhavuma kwam, nomsindo wam uye kumonakalisa;

10:26 ajiwule phezu kwakhe uYehova wemikhosi iziniya, njengoko wabetha amaMidiyan eweni likaOrebhe; intonga yakhe ibe phezu kolwandle, ayiphakamise ngohlobo lwamaYiputa.

10:27 Kuya kuthi ngaloo mini, usuke umthwalo wakhe esixhantini sakho, nedyokhwe yakhe entanyeni yakho, idyokhwe yonakale kukutyeba.

10:28 Ufikile eAyati, ucande eMigron, uyibeke eMikimashe impahla yakhe.

10:29 Baqabele enkalweni, bathi, Masilalise eGebha. Iyagubha iRama, isabile iGibheha yakwaSawule.

10:30 Khala ngezwi lakho, ntombi yaseGalim! Baza iindlebe, Layisha! Uha, Anatoti!

10:31 IMadema ibalekile; abemi baseGebhim bazisabisile iintsapho zabo.

10:32 Umisa eNobhi kwanamhlanje, ulingisa ngesandla sakhe entabeni yentombi enguZiyon, endulini yaseYerusalem.

10:33 Yabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, iyawathi tyhobotyhobo amahlamvu ngokungcangcazelisayo, namade aphezulu axakaxwe, naphakamileyo athotywe;

10:34 ihlahla neentshinyela zehlathi ngesixengxe, iwiswe iLebhanon ngonamandla.

11:1 Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe;

11:2 ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova.

11:3 Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe.

11:4 Uya kuligweba ityala lezisweli ngobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye, alibethe ihlabathi ngentonga yomlomo wakhe, ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yomlomo wakhe.

11:5 Yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe.

11:6 Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto.

11:7 Ithokazi lenkomo nemazi yebhere ziya kudla utyani ndawonye, amankonyana azo abuthe ndaweni-nye; ingonyama idle umququ njengenkomo;

11:8 adlale umntwana owanyayo emngxunyeni wephimpi, olunyulweyo ase isandla sakhe elukhozweni lweliso lerhamba.

11:9 Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.

11:10 Kuya kuthi ngaloo mini, ihlumelo likaYese, elimele ukuba yibhanile yezizwe, iintlanga ziquqele kulo; nendafo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli.

11:11 Kuya kuthi ngaloo mini, iNkosi isiphindise okwesibini isandla sayo sokuwathenga siwakhulule amasalela abantu bayo, aya kusala eAsiriya, naseYiputa, nasePatros, nakwaKushi, nakwaElam, naseShinare, naseHamati, naseziqithini zolwandle:

11:12 izinyusele ibhanile iintlanga, ibahlanganise abagxothiweyo bakwaSirayeli, izibuthe iintsali zakwaYuda emasondweni omane ehlabathi.

11:13 Losuka ikhwele likaEfrayim, banqunyulwe ababandezeli bakaYuda. UEfrayim akayi kumkhweletela uYuda, uYuda angambandezeli uEfrayim.

11:14 Bophaphazela egxalabeni lamaFilisti, babheke ngasentshonalanga. Baya kudibana baphange oonyana basempumalanga, base isandla kooEdom noMowabhi; oonyana baka-Amon babeve.

11:15 UYehova wosisingela phantsi isibhaxa solwandle lwaseYiputa, alingise ngesandla sakhe kuwo uMlambo ekuvutheni komoya wakhe, awubethe ube yimilanjana esixhenxe, abaweze beneembadada.

11:16 Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaya kusala eAsiriya, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli, mini anyuka ephuma ezweni leYiputa.

12:1 Uya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.

12:2 Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.

12:3 Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;

12:4 nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde.

12:5 Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enze ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke.

12:6 Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon; ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaSirayeli.

13:1 Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi.

13:2 Nyusani ibhanile phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene.

13:3 Mna ndibawisele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi.

13:4 Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zihlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe.

13:5 Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu-nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke.

13:6 Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.

13:7 Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.

13:8 Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.

13:9 Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.

13:10 Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.

13:11 Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;

13:12 ndiwenze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire.

13:13 Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe;

13:14 bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo.

13:15 Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlanza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele.

13:16 Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo.

13:17 Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide.

13:18 Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana.

13:19 IBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi, iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora.

13:20 Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti.

13:21 Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona;

13:22 kulile amaxhwili ezingxandeni zabo ezinde, neempungutye emabhotweni okuxhamla ubuncwane; kusondele ukuza kwexesha layo, nemini yayo ingalibali.

14:1 Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, abuye awanyule amaSirayeli, awahlalise emhlabeni wakowawo, bathelele kuwo abasemzini, bahlomele endlwini kaYakobi.

14:2 Ziya kuwathabatha izizwe, ziwazise endaweni yawo: bazifuye zona abendlu kaSirayeli emhlabeni kaYehova, zibe ngamakhoboka namakhobokazana, babe ngabathimbi babathimbi babo, babe nobukhosi kubaqhubi babo.

14:3 Kuya kuthi, mini uYehova aniphumzayo ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu, nasekukhonzeni okunzima, enakhonziswa ngako,

14:4 nihlabe lo mzekeliso ngokumkani waseBhabheli, nithi, Utheni na ukupheza umqhubi! ukupheza umzi othisayo!

14:5 UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yabalawuli,

14:6 ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha okungenakupheza; ebizinyathela ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa.

14:7 Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.

14:8 Nayo imisipres ikuvuyele, imisedare yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo.

14:9 Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga.

14:10 Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwe ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na?

14:11 Buhliselwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubungele amanundu.

14:12 Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!

14:13 Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.

14:14 Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;

14:15 kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.

14:16 Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?

14:17 eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; ayabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?

14:18 Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;

14:19 ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.

14:20 Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi.

14:21 Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemizi,

14:22 Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova;

14:23 ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi.

14:24 Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo;

14:25 ukuba ndimaphule uAsiriya ezweni lam, ndimnyashe ngeenyawo ezintabeni zam, isuke kubo idyokhwe yakhe, usuke umthwalo wakhe esixhantini sabo.

14:26 Lilo elo icebo elicetyiweyo ngehlabathi lonke; siso eso isandla esolukileyo phezu kweentlanga zonke.

14:27 Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa?

14:28 Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi:

14:29 Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo.

14:30 Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho.

14:31 Bhomboloza, sango! Khala, mzi! Yitha amandla, wena Filisti uphela, ngokuba entla kuphuma umsi; akukho wahlukayo ebuthweni lakhe.

14:32 Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozimela ngayo iintsizana zabantu bakhe.

15:1 Isihlabo esisingisele kuMowabhi. Kuba ngobusuku iAri yakwaMowabhi ibhuqiwe, yadaka; kuba ngobusuku ibhuqiwe iKire yakwaMowabhi, yathi shwaka.

15:2 Banyuke baya endlwini naseDibhon, ezigangeni, besiya kulila; phezu kweNebho naphezu kweMedebha uMowabhi uyabhomboloza; zonke iintloko zichetyiwe, zonke iindevu ziguyiwe.

15:3 Ezitratweni zakhe babhinqa ezirhwexayo; phezu kwezindlu zakhona, nasezindaweni zeembutho zakhona, bonke bephela bayabhomboloza, besithi ngxa iinyembezi.

15:4 Iyakhala iHeshbhon ne-Elale, lide laya kuvakala naseYahazi izwi labo; ngenxa yoko abaxhobileyo bakwaMowabhi benza isijwili, umphefumlo wabo uyajijitheka kubo.

15:5 Intliziyo yam iyakhala ngokubona uMowabhi, omivalo ide yesa eTsohare, elithokazi elilizibulokazi; kuba banyuka eqhineni laseLuhiti belila; kuba endleleni yaseHoronayim bakhaliswa kukwaphulwa kwabo;

15:6 kuba amanzi aseNimrim athe qoko; kuba bubunile utyani, luphelile uhlaza, awukho umfuno.

15:7 Ngenxa yoko intwana ebisele, ababeyenzile, ababeyiqwebile, bayayithwala bayiweze esihlanjeni semingculuba.

15:8 Kuba isikhalo siwuzungulezile umda wakwaMowabhi; ukubhomboloza kwakhe kwesa e-Eglayim, kwesa naseBhere-elim ukubhomboloza kwakhe.

15:9 Kuba amanzi aseDimon azele ligazi; ngokuba iDimon ndiyimisela ezinye izinto ezimbi; abasindileyo bakwaMowabhi nabaseleyo emhlabeni ndibamisela ingonyama.

16:1 Thumelani iimvana kumlawuli welizwe, zivela eSela, zibheke entlango, ziye entabeni yentombi uZiyon.

16:2 Kuba njengeentaka eziphekuziweyo, njengendlu yentaka esuselweyo, aya kuba njalo amagxamesi akwaMowabhi emazibukweni aseArnon, esithi,

16:3 Siphe iqhinga, yahlula; misa isithunzi sakho sibe njengobusuku emini enkulu; fihla abagxothiweyo, musa ukumncetheza obhadubhadulayo.

16:4 Mabaphambukele kuwe abagxothiweyo bam; ube lisithe kuye uMowabhi phambi kombhuqi; ngokuba umkhamangi ugqibele, umbhuqi uphelile, abanyashi batshatyalalisiwe ezweni.

16:5 Kuya kuzinziswa itrone ngenceba, kuhlale phezu kwayo onenyaniso, ententeni kaDavide: umgwebi okhathalele okusesikweni, okhawulezayo ukulungisa.

16:6 Silivile ikratshi likaMowabhi, ikratshi elikhulu. Hayi, ukukratsha kwakhe! Hayi, ikratshi lakhe nokuphuphuma komsindo wakhe, ukuphololoza kwakhe into engeyiyo!

16:7 Ngako oko uMowabhi uya kubhomboloza ngenxa kaMowabhi; bonke bephela baya kubhomboloza; niya kunkwinizela izicumba zeerasintyisi zaseKir-hareshete, nithe dakumba kanye.

16:8 Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle.

16:9 Ngenxa yoko ndiyawulilela ngokulila kweYazere umdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngokuba ukuvunwa kweziqhamo zakho nokuvunwa kweediliya zakho kufikelwe ngamayeyeye.

16:10 Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo; akusamemelelwa ezidiliyeni, akusadunywa nokudunywa; umxovuli akasaxovuli newayini emkhombeni; ndiwaphelisile amayeyeye.

16:11 Ngenxa yoko izibilini zam ziyahlokoma njengohadi ngoMowabhi, nento ephakathi kwam ngeKir-beres.

16:12 Kuya kuthi, xa athe wabonakala, xa athe wazidinisa uMowabhi esigangeni, wangena engcweleni yakhe ukuba athandaze, asuke angabi nakuthini.

16:13 Lilo elo ilizwi, awalithethayo uYehova ngoMowabhi kwanini.

16:14 Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu.

17:1 Isihlabo esisingisele kwiDamasko. Yabona, iDamasko iya kususwa ekubeni ngumzi, ibe ngumwewe owileyo.

17:2 Ishiyiwe imizi yaseArohere; iya kuba yeyemihlambi, ibuthe khona, kungabikho uyothusayo;

17:3 ipheliswe inqaba kwaEfrayim nobukumkani kwiDamasko, amasalela ama-Aram abe njengobuqaqawuli boonyana bakaSirayeli; utsho uYehova wemikhosi.

17:4 Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo.

17:5 Kuya kuba njengomvuni ehlanganisa ingqolowa emiyo, ingalo yakhe isika izikhwebu, kube njengokubhikica izikhwebu esihlanjeni samaRafa;

17:6 kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mane namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli.

17:7 Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli;

17:8 anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyenziwa yiminwe yakhe, noAshera, nezithixo zelanga.

17:9 Ngaloo mini imizi yakhe enqabileyo iya kuba ngamanxuwa asezintshinyeleni zehlathi, nawasezincotsheni zeentaba, abawashiyayo phambi koonyana bakaSirayeli; koba senkangala.

17:10 Ngokokuba umlibele uThixo, umsindisi wakho, akwalikhumbula neliwa lokunqaba kwakho; ngenxa yoko watyala izityalo ezimnandi, wamilisela kuzo iintswazi zomdiliya wasemzini.

17:11 Ngemini yokutyala kwakho wawubiyela, kusasa wayityatyambisa imbewu yakho—sisitha sokwindla eso ngemini yesifo, nomvandedwa obulalayo.

17:12 Yeha, ukuguguma kwezizwe ezininzi, ziguguma njengokuguguma kweelwandle! Yeha, ukungxola kwezizwe, zingxola njengokungxola kwamanzi anamandla!

17:13 Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi.

17:14 Ngexa langokuhlwa, nanko zikhwankqile; kungekasi, azikho. Siso eso isahlulo sabasidywidayo, nelifa labasiphangayo.

18:1 Yeha ke, ilizwe lenzwinini yamaphiko, eliphesheya kwemilambo yakwaKushi:

18:2 elithuma izigidimi ngolwandle ngemikhombe yemikhanzi phezu kwamanzi! Ndithi, Hambani, bathunywa banamendu, niye kuhlanga olude, olugudileyo, kubantu aboyikekayo ngapha nangapha, kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo!

18:3 Nonke bemi belimiweyo, nani bahleli ehlabathini, xa kuthe kwenyuka ibhanile ezintabeni, khangelani; xa kuthe kwavuthelwa isigodlo, yivani.

18:4 Ngokuba utshilo uYehova kum ukuthi, Ndiya kuzola, ndibonele ndisendaweni yam; kufudumele, lisile, likho ilanga, kukho ilifu lombethe ekufudumaleni ngexa lokuvuna.

18:5 Kuba phambi kokuvuna, akugqibela ukuphuma amathupha, intyantyambo yakuba yidiliya emuncu: uya kuwanqumla amasebe ngesitshetshe, awasuse awavikive anabayo.

18:6 Onke aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe; amaxhalanga adlulise ihlobo phezu kwawo, onke amarhamncwa elizwe adlulise ubusika phezu kwawo.

18:7 Ngelo xesha kuya kusiwa kuYehova wemikhosi isithabathaba, esingabantu abade, abagudileyo, bephuma kubantu aboyikekayo abangapha nangapha; kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo; sisiwe endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yaseZiyon.

19:1 Isihlabo esisingisele kwiYiputa. Bona ke uYehova ekhwele efini elinamendu, uza eYiputa. Ziya kudidizela izithixo ezingento zaseYiputa phambi kwakhe, intliziyo yeYiputa inyibilika phakathi kwayo.

19:2 AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani.

19:3 Wothiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndiliginye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumze layo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;

19:4 ndiwavingcele amaYiputa ngesandla senkosi esilukhuni, alawulwe ngukumkani onengcwangu; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

19:5 Aya kuthi qoko amanzi aselwandle, utshe wome umlambo;

19:6 zinuke izibhaxa zawo, iwuthe itshe imijelo yoMnayile waseYiputa, zishwabane iingcongolo nemikhanzi.

19:7 Iintili ezingakuMnayile, ngasechwebeni loMnayile, nento yonke ehlwayelweyo, iya koma, iphetshethwe ingabikho.

19:8 Baya kuncwina ababambisi beentlanzi, bambambazele bonke abaphosa iqherhu eMnayileni, bathi matshamatsha abaneka umnatha phezu kwamanzi.

19:9 Baya kudana abasebenzi beflakisi echazwayo, nabaluki belinen emhlophe;

19:10 zithiwe vithivithi iintsika zalo, ube buhlungu umphefumlo wabo bonke abasebenzela umvuzo.

19:11 Bazizimathane zodwa abathetheli baseTsohan; amaphakathi alumkileyo kaFaro, icebo labo libubutyhakala. Ningathini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo?

19:12 Ziphi na, ziphi na ke izilumko zakho? Mazikuxelele kaloku, ziyazi into ayicebileyo uYehova wemikhosi ngeYiputa.

19:13 Bazizimathane abathetheli baseTsohan, balukuhliwe abathetheli baseNofu; bayilahlekisile iYiputa abayimbombo yezizwe zayo.

19:14 UYehova uthululele embilinini wayo umoya wobugwenxa, ukuba bayilahlekise iYiputa ekwenzeni kwayo konke, njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo.

19:15 IYiputa ayiyi kuba nasenzo isenzayo intloko kwanomsila, isebe lesundu nomzi womlambo,

19:16 Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo.

19:17 Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo.

19:18 Ngaloo mini imizi emihlanu ezweni lamaYiputa iya kuthetha intetho yelakwaKanan, ifunge uYehova wemikhosi; omnye kuya kuthiwa yi-Ir-heres.

19:19 Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe lamaYiputa, nelitye elimisiweyo kuYehova ngasemdeni walo.

19:20 Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni lamaYiputa; xa athe akhala kuYehova ngenxa yabaxinezeli bawo, wowathumela umsindisi nomthetheleli, awahlangule.

19:21 UYehova uya kuzazisa kumaYiputa, amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, amkhonze ngemibingelelo nangeminikelo yokudla; abhambathise ngezibhambathiso kuYehova, azizalise.

19:22 UYehova uya kuwabetha ke amaYiputa, ebetha ephilisa; abuyele kuYehova, yena athandazeke ngawo, awaphilise.

19:23 Ngaloo mini kuya kubakho umendo ophuma eYiputa, oya eAsiriya; eze ama-Asiriya eYiputa, amaYiputa aye eAsiriya, akhonze uYehova amaYiputa kunye nama-Asiriya.

19:24 Ngaloo mini amaSirayeli aya kuba sisahlulo sesithathu kumaYiputa nakuma-Asiriya, eyintsikelelo phakathi kwehlabathi;

19:25 ewasikelela uYehova wemikhosi, esithi, Nisikelelwe, maYiputa, bantu bam; ma-Asiriya, msebenzi wezandla zam; maSirayeli, lifa lam.

20:1 Ngomnyaka wokuza kukaTartan eAshdode, ethunywe nguSargon, ukumkani waseAsiriya (walwa neAshdode, wayithimba), ngelo xesha,

20:2 wathetha uYehova ngoIsaya unyana ka-Amotsi, esithi, Yiya ukhulule ingubo erhwexayo emanqeni akho, uzikhulule iimbadada ezinyaweni zakho. Wenjenjalo ke, wahamba ze, engenazo neembadada.

20:3 Wathi ke uYehova, Njengokuba umkhonzi wam uIsaya ehambe ze, engenambadada, iminyaka emithathu, waba ngumqondiso nesimanga kwiYiputa nakwaKushi:

20:4 uya kwenjenjalo ukumkani waseAsiriya ukubaqhuba abathinjiweyo baseYiputa, nabafudusiweyo bakwaKushi, abantwana namadoda amakhulu, beze, bengenambadada, behamba ngeempundu, intoleyo eziintloni kwiYiputa.

20:5 Baya kuqhiphuka umbilini badane nguKushi, inqolonci yabo, nayiYiputa, iqhayiya labo;

20:6 bathi ke abemi bolo nxweme ngaloo mini, Yabonani, inje inqolonci yethu, esasabela kuyo ukuba sincedwe, sihlangulwe kukumkani waseAsiriya; singathini na ke ukusinda thina?

21:1 Isihlabo esisingisele kwintlango yaselwandle. Njengezaqhwithi zasezantsi zikhukula, kuphuma into entlango, ezweni eloyikekayo.

21:2 Ndiboniswe umbono olukhuni: inginingini linginiza, umbhuqi ebhuqa. Nyuka, Elam; ngqinga, Madayi; ukuncwina kwabo konke ndiya kuphelisa.

21:3 Ngenxa yoko azele amanqe am kukuzibhijabhija, inimba indifikele njengenimba yozalayo; ndiyapenapena, andiva; ndikhwankqile, andiboni.

21:4 Intliziyo yam iyadinga, ukududuzela kundidandathekisile; ungcwalazi, into endiyilangazelelayo, ulwenze into endigubhisayo.

21:5 Kulungiswa isithebe, kuboniselwa umboniselo, kuyadliwa, kuyaselwavukani, bathetheli, thambisani iingweletshetshe.

21:6 Ngokuba itsho kum iNkosi, ukuthi, Yiya umise umboniseli, athi akubona into aze kuyixela.

21:7 Wabona umkhoko wabakhweli, abamahashe bengababini, nabakhweli bamaesile, nabakhweli beenkamela; wabaza iindlebe, wazibaza kakhulu kunene.

21:8 Wadanduluka ngelengonyama, esithi, Nkosi, kususela koko ndimi emboniselweni emini, ndizimisile esigxineni sam ubusuku ngobusuku.

21:9 Ke, yabona, kweza umkhoko wamadoda, abamahashe bengababini. Wasusela wathi, Iwile, iwile iBhabheli; yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni.

21:10 Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesanda sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni.

21:11 Isihlabo esisingisele kothe cwaka. Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku?

21:12 Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani.

21:13 Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi. KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan.

21:14 Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawulele ngesonka abaphalaphalayo.

21:15 Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima.

21:16 Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare;

21:17 abe mbalwa amasalela enani lezaphetha zamagorha, oonyana bakaKedare; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli uthethile.

22:1 Isihlabo esisingisele kumfula wombono. Ukholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela?

22:2 Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe.

22:3 Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abafunyanwa kuwe bakhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude.

22:4 Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu.

22:5 Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni.

22:6 AmaElam aqubule umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda na bamahashe; amaKiri ahlube iingweletshetshe.

22:7 Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.

22:8 Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi.

22:9 Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi;

22:10 izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga.

22:11 Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, anakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.

22:12 INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo;

22:13 kanti kusuke kwaba yimihlali nemivuyo, kusoselwa iinkomo, kuxhelwa iigusha, kudliwa inyama, kuselwa iwayini; kudliwa, kuselwa, kuba kusithiwa, Ngomso soba sesifile.

22:14 UYehova wemikhosi wazityhila ngokwakhe ezindlebeni zam, wathi, Nento, ukuba nokha nicanyagushelwe obo bugwenxa, nide nife! itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

22:15 Yatsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Hamba uye kwelaa gosa, kuShebhena umphathi wendlu, uthi,

22:16 Unantoni na apha, unabani na apha, ukuba nje uzixholele ingcwaba apha, njengoxhola ingcwaba lakhe phezulu, ezikrolela ikhaya engxondorheni?

22:17 Yabona, uYehova uya kukudandalazisa ngokudandalazisa kwendoda, akuxhakamfule, akuqinise.

22:18 Uya kukuthandela akuthandele, ube yinto yokunqakulisa, imbumbulu esinga ezweni elibanzi ngeenxa zombini. Uya kufela apho, zibe lapho iinqwelo zobuqaqawuli bakho, wena, hlazo lendlu yenkosi yakho.

22:19 Ndokuguzula usuke ebugoseni bakho, akugungxule ebumeni bakho.

22:20 Kuya kuthi ngaloo mini, ndibize umkhonzi wam, uEliyakim unyana kaHilekiya;

22:21 ndimambathise iingubo zakho zangaphantsi, ndimbophe ngombhinqo wakho, ndimnikele esandleni ulawulo lwakho, abe nguyise wabemi baseYerusalem nowabendlu kaYuda.

22:22 Ndiya kusibeka isitshixo sendlu kaDavide esixhantini sakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo;

22:23 ndimbethelele abe sisikhonkwane endaweni eqinileyo; abe yitrone yozuko kwindlu kayise.

22:24 Baya kubuxhoma kuye bonke ubunzima bendlu kayise, amagatya neempakatha, yonke impahla encinane, kuthabathele empahleni ezizidendeleko, kuse empahleni yonke eyimiphanda.

22:25 Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, siya kususwa isikhonkwane, eso sibethelelwe endaweni eqinileyo, sixakaxwe, siwe, unqanyulwe umthwalo ophezu kwaso; ngokuba uYehova ethethile.

23:1 Isihlabo esisingisele kwiTire. Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe, akwabakho ndlu, akwabakho kungena.

23:2 Bakutyhilelwe ezweni lamaKiti. Yithini cwaka, bemi bonxweme; wena uzaliswe ngabarhwebi baseTsidon, abawela ulwandle.

23:3 Yayisemanzini amakhulu imbewu yaseSihore, ukuvuna koMnayile kwaba lungeniselo kuyo; yaba yindawo yokurhweba kweentlanga.

23:4 Dana, Tsidon; kuba luthethile ulwandle, inqaba yolwandle, lwathi, Andizibhijabhijanga, andizalanga, andikhulisanga mlisela, andondlanga mthinjana.

23:5 Lothi lwakuthi ukuthi ukufika olu daba eYiputa, basuke bazibhijabhije ngodaba olungeTire.

23:6 Welelani niye eTarshishe; bhombolozani, bemi bonxwene.

23:7 Kunje na kuwe, wena mvuyeleli, ukuvela kwakho kukho kwasemihleni yamandulo, iinyawo zakho zakusa kude, ukuba uye kuthi vu?

23:8 Ngubani na lo ucebe le nto ngeTire, ngomzi othwesa ngezithsaba, obarhwebi bawo bangabathetheli, obathengeli bawo bangabazukileyo behlabathi?

23:9 Icetywe nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi.

23:10 Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo.

23:11 Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle, ugungqise izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo.

23:12 Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk’ ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.

23:13 Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya abamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.

23:14 Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.

23:15 Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,

23:16 Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe.

23:17 Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba;

23:18 lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene.

24:1 Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo;

24:2 kube mfani-nye abantu nababingeleli, kube mfani-nye ikhoboka nenkosi yalo, kube mfani-nye ikhobokazana nenkosikazi yalo, kube mfani-nye othengayo nothengisayo, kube mfani-nye obolekayo nobolekwayo,

24:3 kube mfani-nye umnikimali nomamkelimali. Ihlabathi lithiwe qongqololo ngakunye, liphangwe liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi.

24:4 Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi.

24:5 Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade.

24:6 Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.

24:7 Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo.

24:8 Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi.

24:9 Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo.

24:10 Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingangenwa mntu.

24:11 Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphele kwathi tu imihlali yehlabathi.

24:12 Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi.

24:13 Kuba kuya kuba nje esazulwini sehlabathi lonke phakathi kwezizwe, kube njengasekuvuthululweni komnquma, njengasekubhikiceni ukuphela kokuvuna iidiliya.

24:14 Bona aba baya kuphakamisa ilizwi, bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova, beselwandle, bathi,

24:15 Ngenxa yoko, zukisani uYehova emimandleni yokukhanya: igama likaYehova, uThixo kaSirayeli, eziqithini zolwandle.

24:16 Esondweni lehlabathi siva iingoma ezithi, Udumo malube kwilungisa. Ndaza ndathi, Hayi, ukungcungcutheka kwam! ukungcungcutheka kwam! Athi ke mna! Amanginingini ayanginiza, amanginingini ayanginiza ngonginizo lwawo.

24:17 Ufikelwe lunkwantyo nomgongxo nesibatha, wena mmi wehlabathi.

24:18 Kuya kuthi, othe walibaleka ilizwi elinkwantyisayo, eyele emgongxweni; othe wenyuka waphuma emgongxweni, abanjiswe sisibatha; ngokuba iingcango zaphezulu zivulekile, zanyikima iziseko zehlabathi.

24:19 Liyavikiveka livikiveke ihlabathi; liyacandeka licandeke ihlabathi; liyashukuma lishukume ihlabathi; liyatalasa ihlabathi njengenxila;

24:20 liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke.

24:21 Kuya kuthi ngaloo mini, awuvulele uYehova umkhosi wabaphezulu, nokumkani behlabathi ehlabathini;

24:22 bahlanganiswe behlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini, bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi.

24:23 Iya kuba neentloni inyanga, lidane ilanga, xa uYehova wemikhosi angukumkani entabeni yeZiyon, naseYerusalem, naphambi kwamadoda akhe amakhulu, ngobuqaqawuli.

25:1 Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso.

25:2 Ngokuba umzi uwenze walinxuwa; inqaba enqatyisiweyo yangumwewe; uxande olude lwabasemzini alwaba mzi, ungakhiwa naphakade.

25:3 Ngenxa yoko baya kukuzukisa abantu abanengcwangu, ikoyike imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo.

25:4 Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni.

25:5 Njengokubalela emqwebedwini, udambise ingxolo yabasemzini; njengokudanjiswa kokubalela lithunzi lelifu, yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo.

25:6 UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa;

25:7 aginye kule ntaba umphambili wesigqubuthelo esizigqubutheleyo izizwe zonke, nesigubungelo esizigubungeleyo zonke iintlanga.

25:8 Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.

25:9 Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe.

25:10 Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba.

25:11 Aya kuzaneka izandla zawo emthonyameni wawo, njengokuba indadi izaneka izandla ukuba idade; ke uYehova uya kulithoba ikratshi lawo, kunye nezigcaliselo zezandla zawo.

25:12 Wozisibekekisa iindonga zakho ezinqabileyo eziphakamileyo, azigungxule, ade azifikise emhlabeni, eluthulini.

26:1 Ngaloo mini kuya kuvunywa le ngoma ezweni lakwaYuda, ithi, Yinqaba umzi wethu thina; umisa iidonga nongqameko zibe lusindiso.

26:2 Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka.

26:3 Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.

26:4 Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.

26:5 Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini.

26:6 Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli.

26:7 Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane.

26:8 Kakade, Yehova, sibe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni.

26:9 Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.

26:10 Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova.

26:11 Yehova, sibe siphakamile isandla sakho, ababona; ke baya kulibona ikhwele lakho ngenxa yabantu, badane; ewe, umlilo mawubadle ababandezeli bakho.

26:12 Yehova, uya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele.

26:13 Yehova Thixo wethu, iinkosi ezingenguwe bezinobukhosi phezu kwethu; kodwa sikhankanya igama lakho ngawe wedwa.

26:14 Abafileyo abo abasayi kuba saphila; abangasekhoyo abo abasayi kuba savuka; ngoko ke ubavelele wabatshabalalisa, wakwenza kwadaka konke ukukhunjulwa kwabo.

26:15 Ulwandisile uhlanga, Yehova, ulwandisile uhlanga; uzizukisile; uzikhwelelisele kude iziphelo zelizwe.

26:16 Yehova, embandezelweni baquqela kuwe, bathulula umthandazo ngelizwi eliphantsi ekubathethiseni kwakho.

26:17 Njengomithiyo eza kuzala, ezibhijabhija, ekhaliswa yinimba, saba njalo phambi kwakho, Yehova.

26:18 Sibe simithi, sibe sizibhijabhija, sanga sizele umoya. Asilenzelanga sindiso ilizwe, abaphumanga abemi belimiweyo.

26:19 Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo.

26:20 Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango zenu ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma.

26:21 Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvelele kubo ubugwenxa babemi behlabathi; ihlabathi lowatyhila amagazi alo, lingabi sabaselela ababuleweyo balo.

27:1 Ngaloo mini uYehova uya kuyivelela ngekrele lakhe, elo lilukhuni, elo likhulu, elo lomeleleyo, ileviyatan inyoka ebalekayo, neleviyatan inyoka ephinyaphinyelayo; ayibulale ingwenya eselwandle.

27:2 Ngaloo mini kuya kuthiwa, Isidiliya esinqwenelekayo, hlabelani ngaso.

27:3 Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyela ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto.

27:4 Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye.

27:5 Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.

27:6 Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uSirayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo.

27:7 Umbethe ngokubetha kwababethi bakhe na? Mhlawumbi ubulewe ngokubulawa kwababulewe nguye na?

27:8 Ekumaleni wabambana naye, walinganisela, wakha uluhlu, wamgxotha ngomoya wakhe owomeleleyo ngemini yomoya wasempumalanga.

27:9 Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera nezithixo zelanga.

27:10 Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso.

27:11 Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala.

27:12 Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo, ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli.

27:13 Kuya kuthi ngaloo mini, kuvuthelwe isigodlo esikhulu, beze ababelahlekele ezweni laseAsiriya, nababegxothelwe ezweni lamaYiputa, baqubude kuYehova entabeni engcwele eseYerusalem.

28:1 Yaha ke, isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim, nentyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo wababuleweyo yiwayini!

28:2 Yabona, iNkosi inento eyomeleleyo, ekhaliphileyo, njengesiphango sesichotho, isaqhwithi esibhubhisayo; njengesiphango esimanzi anamandla akhukulayo, iya kunqumela emhlabeni ngesandla.

28:3 Siya kunyashwa ngeenyawo isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim.

28:4 Intyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo, yoba njengekhiwane elilikhikhizela, kungekabi sehlotyeni; athi olibonileyo alibone, aliginye esaliphethe ngesandla.

28:5 Ngaloo mini uYehova wemikhosi uya kuba sisithsaba esimakhazikhazi, nesangqawe sokuhomba kumasalela abantu bakhe;

28:6 abe ngumoya wesiko kwabahleli esihlalweni sokugweba, nobugorha kwababuyisela imfazwe esangweni.

28:7 Kwanaba ke bayotywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; umbingeleli nomprofeti bayotywe sisiselo esinxilisayo, baginywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; bayotyiwe bebona imibono, bayagexa begweba ityala.

28:8 Kuba zonke izithebe zizele ngumhlanzo oyintshontsho; akukho ndawo ingenawo.

28:9 Bathi, Uya kuyala bani na ukuba azi? aqondise bani na udaba? Abalunyulweyo emasini? abancothulweyo ebeleni?

28:10 Kuba umthetho uza phezu komthetho, umthetho phezu komthetho; ummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya.

28:11 Inene, uya kuthetha ngentetho ethintithayo nangalulwimi lumbi kwaba bantu;

28:12 watshoyo kubo ukuthi, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abatyhafileyo; nantsi indawo yokunyhamnyheka; basuka abavuma ukuva.

28:13 Ngoko ke ilizwi likaYehova loba ngumthetho phezu komthetho kubo, umthetho phezu komthetho; ngummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya: ukuze baye bakhubeke, bawe ngomva, baphuke, barhintyelwe, babanjiswe.

28:14 Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, madoda agxekayo, balawuli baba bantu baseYerusalem.

28:15 Ngokuba nisithi, Sinqophisene nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenze ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki.

28:16 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiseke eZiyon ilitye, ilitye locikido, ilitye elinqabileyo lembombo, loseko olusekiweyo. Okholiweyo akayi kungxama.

28:17 Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela.

28:18 Kuya kucinywa ukunqophisana kwenu nokufa, kungemi ukuvumelana kwenu nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, sonenza nibe yinto egqushiweyo.

28:19 Oku kungenela singenelayo, siya kunisusa; ngokuba imiso ngemiso siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa.

28:20 Inene, umandlalo mfutshane, akukho kunaba; nesigubungelo sincinane, ukuba azisongele kuso.

28:21 Ngokuba uya kusuk’ eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.

28:22 Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi.

28:23 Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam.

28:24 Umlimi ulima iimini ezi zonke na, ukuba ahlwayele? anqike aqwakanise umhlaba wakhe na?

28:25 Akathi na, akuba ebulungelelanisile ubuso bawo, asasaze idile, agcwayele ikumin, akrozise ingqolowa, nerhasi endaweni ephawuliweyo, nespelete ngasemdeni wayo?

28:26 Umqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala.

28:27 Kuba idile ayisizilwa ngempahla yokusizila, ayiqengqelwa ngevili yenqwelo ikumin; itsinwa ngoswazi idile, nekumin ngentonga.

28:28 Ingqolowa ikhe ityunyuzwe na? Hayi, akahlali eyisizila, agoqozise ivili yenqwelo yakhe namahashe akhe phezu kwayo; akayityumzi.

28:29 Nale nto iphuma kuYehova wemikhosi; omacebo angummangaliso, obulumko butshatsheleyo.

29:1 Yeha, Ariyeli, Ariyeli, mzi awamisa intente kuwo uDavide! Yongezelelani umnyaka kumnyaka; mayizunguleze imithendeleko.

29:2 Ndiya kuyicutha ke iAriyeli, kubekho ukuncwina noncwino, ibe njengeAriyeli ke leyo kum.

29:3 Ndiya kukurhawula, ndikungqinge ngenqaba, ndikumisele iintango zokukungqinga;

29:4 uya kugungxulelwa phantsi, uthethe usemhlabeni, ukuthetha kwakho kudambe, kuvela eluthulini; izwi lakho liphume emhlabeni njengeloneshologu, ukuthetha kwakho kudumzele eluthulini.

29:5 Ingxokolo yabakungenelayo iya kuba njengothuli olucolekileyo, ingxokolo yabakungcangcazelisayo ibe njengomququ ophephukayo; ibekho le nto ngephanyazo nangesiquphe.

29:6 Kuphuma kuYehova wemikhosi ukuvelelwa kwayo ngeendudumo nangonyikimo lwehlabathi, nesandi esikhulu; ngesaqhwithi nomoya ovuthuzayo, nokulenya komlilo otshisayo.

29:7 Yoba njengephupha, njengombono wasebusuku, ingxokolo yeentlanga zonke eziyiphumela umkhosi iAriyeli; zonke eziyiphumela umkhosi, yona nemboniselo yayo, eziyicuthayo.

29:8 Koba njengokuthi olambileyo aphuphe, abone esidla, avuke ulambatha umphefumlo wakhe; njengokuthi onxaniweyo aphuphe, abone esela, avuke, nanko etyhafile, utshoba umphefumlo wakhe; iya kuba njalo ingxokolo yeentlanga eziyiphumele umkhosi intaba yeZiyon.

29:9 Zilazilani ningakhulumi; zimfamekiseni nibe ziimfama. Bayanxila kungengawayini, bayatalasa kungengasiselo sinxilisayo.

29:10 Ngokuba uYehova uthulule phezu kwenu umoya wobuthongo obukhulu, wawabopha amehlo enu, abaprofeti; nabaziintloko benu, iimboni zenu, uzigubungele.

29:11 Kuni umbono weento zonke ube njengamazwi encwadi etywiniweyo, abathi bayinike okwaziyo ukuyifunda, besithi, Khawulese apha; athi, Ndikhohliwe, kuba itywiniwe;

29:12 incwadi inikwe ongakwaziyo ukuyifunda, kuthiwe, Khawulese apha; athi, Andikwazi ukuyifunda incwadi.

29:13 Yathi iNkosi, Ngenxa enokuba aba bantu besondela kum ngomlomo wabo, bendizukisa ngemilebe yomlomo wabo, intliziyo yabo beyikhwelelisele kude kum, nokundoyika kwabo kungumthetho wabantu abawufunda nje kodwa:

29:14 ngako oko, yabona, ndiya kuphinda ndibaphathe aba bantu ngokubalulekileyo, kubaluleke, kumangaliseke; butshone ubulumko bezilumko zabo, isithele ingqondo yeengqondi zabo.

29:15 Yeha ke abangxokayo, besithelisa iqhinga labo kuYehova, zibe semnyameni izenzo zabo: bathi, Ngubani na osibonayo? ngubani na osaziyo?

29:16 Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?

29:17 Awusemncinane na umzuzwana, ukuze iLebhanon ibuye ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi?

29:18 Kuya kuthi ngaloo mini izithulu ziweve amazwi encwadi, amehlo eemfama abone esithokothokweni nasemnyameni.

29:19 Abalulamileyo baya kukwandisa ukuvuya ngoYehova, abangamahlwempu eluntwini bagcobe ngoyiNgcwele kaSirayeli;

29:20 ngokuba esusiwe umngcangcazelisi, ephelile umgxeki, benqunyulwe bonke abaphaphela ubutshinga;

29:21 abamenza umoni umntu ngenxa yelizwi eli, bamthiyele owohlwayayo esangweni, balisunduze ilungisa ngochuku.

29:22 Ngako oko utsho uYehova kwindlu kaYakobi, lowo wamkhululayo uAbraham, ukuthi, Ngoku uYakobi akayi kudana, ngoku ubuso bakhe abuyi kuba luthuthu.

29:23 Ngokuba ekuboneni kwakhe, ekuboneni kwabantwana bakhe, isenzo sezandla zam phakathi kwabo, baya kulingcwalisa igama lam, bamngcwalise oyiNgcwele kaYakobi, bangcangcazele phambi koThixo kaSirayeli.

29:24 Baya kukwazi ukuqonda abamoya undwendwayo, bayamkele imfundo abakrokrayo.

30:1 Yeha ke, abantwana abaziinjubaqa, utsho uYehova; abenza iqhinga elingaphumi kum, bathelelane ngothelelwano kungengaMoya wam, ukuze bongeze isono kwisono;

30:2 abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazimele ngomthunzi weYiputa!

30:3 Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzimela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo.

30:4 Ngokuba abathetheli babo baseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes.

30:5 Bonke baya kudana ngabantu abangabanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangabokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo.

30:6 Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi. Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa.

30:7 AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo angabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu.

30:8 Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni unabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade.

30:9 Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova;

30:10 abathi kwiimboni, Ze ningaboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo; khangelani izinto eziyinkohliso;

30:11 tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli.

30:12 Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona:

30:13 ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;

30:14 uya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni.

30:15 Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma.

30:16 Ke nathi, Hayi, siya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.

30:17 Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide nisale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile endulini.

30:18 Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!

30:19 Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela.

30:20 INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazimela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho;

30:21 iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.

30:22 Nowenza inqambi umaleko wemifanekiso yenu eqingqiweyo yesilivere, nesingxobo semifanekiso yenu etyhidiweyo yegolide; niya kuyichithachitha njengesishuba; uya kuthi kuyo, Khwelela umke apha.

30:23 INkosi yoyinika imvula imbewu yakho, owuhlwayela ngayo umhlaba; nesonka songeniselo lomhlaba sityebe, sibe namafutha; imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini emadlelweni abanzi.

30:24 Iinkomo namaesile amatsha asebenza umhlaba, aya kudla umtywakaniselo onetyuwa, oweliweyo ngomnyazi nefolokhwe yokwela.

30:25 Phezu kweentaba zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo yoba yimijelo, yimisinga yamanzi, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde.

30:26 Ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube kasixhenxe njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukwaphuka kwabantu bakhe, apholise ukuphalusa kokubetha kwakhe.

30:27 Yabona, igama likaYehova liyeza, livela kude, uvutha umsindo wakhe, kuthe shinyi umsi: umlomo wakhe ulephuza amagwebu, ulwimi lwakhe lunjengomlilo otshisayo.

30:28 Ukufutha kwakhe kunjengomlambo okhukulayo, obetha emqaleni, ukuze azihluze iintlanga ngentluzo yokuziphanzisa, umkhala olahlekisayo ube semihlathini yezizwe.

30:29 Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo lube njengabahamba bebetha ugwali, ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli.

30:30 Uya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho.

30:31 Kuba uAsiriya uya kuqhiphuka umbilini lilizwi likaYehova, ekubetheni kwakhe ngentonga.

30:32 Kuya kuthi konke ukuhamba koswazi lommiselo, aluhlisayo uYehova phezu kwakhe, kube neengqongqo neehadi, kusiliwa naye imfazwe, kujinga ingalo.

30:33 Kuba kukade icangcisiwe, ilungisiwe iTofete, ibe ke ilungiselwe ukumkani; yenziwa yanzulu, yabanzi; igoqo layo linomlilo neenkuni ezininzi; ukuphefumla kukaYehova kuliphemba njengomlambo wesulfure.

31:1 Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqine kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!

31:2 Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga.

31:3 AmaYiputa angabantu, akaThixo; amahashe awo ayinyama, akamoya; ukuba uYehova angasolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke.

31:4 Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo.

31:5 Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza.

31:6 Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli.

31:7 Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingeni, nezegolide ezingeni, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo.

31:8 Wowa uAsiriya likrele elingelelandoda, limdle ikrele elingelelamntu, asabe phambi kwekrele, amadodana akhe afakwe uviko.

31:9 Ingxondorha yakhe yodlula imke ngokunxunguphala, baqhiphuke umbilini abathetheli bakhe, bemke kwibhanile; utsho uYehova, omlilo useZiyon, oziko liseYerusalem.

32:1 Yabona, ukumkani uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli bathethele ngokwesiko;

32:2 umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.

32:3 Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo.

32:4 Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini.

32:5 Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono;

32:6 kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo.

32:7 Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni.

32:8 Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene.

32:9 Bafazi batyeshileyo, sukani nime; liveni ilizwi lam, zintombi zingakhathaliyo; yibekeleni indlebe intetho yam.

32:10 Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye.

32:11 Gubhani, zintokazi zityeshileyo; gungqani, zintokazi zingakhathaliyo; hlubani nichushuluze, nibhinqe ezirhwexayo emanqeni.

32:12 Baya kubetha emabeleni ngenxa yamasimi anqwenelekayo, nangenxa yemidiliya eneziqhamo.

32:13 Kuya kuphuma imithi enameva namakhakakhaka emhlabeni wabantu bakowethu; ewe, naphezu kwezindlu zonke zemihlali kumzi odlamkileyo.

32:14 Kuba iingxande ezinde zilahliwe, ingxokolo yomzi ishiyiwe; iOfele nemboniselo ziza kuba yimiqolomba ngonaphakade, zibe ziindawo zokudlamkela kwamaesile asendle, zibe lidlelo lemihlambi;

32:15 ade agalelwe phezu kwethu uMoya ophuma phezulu, isuke intlango ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi.

32:16 Entlango ke kuya kuma okusesikweni, buhlale ubulungisa entsimini echumayo.

32:17 Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade;

32:18 abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.

32:19 Kuya kuphalala izichotho ekuweni kwehlathi, ugungxulelwe umzi endaweni ephantsi.

32:20 Hayi, uyolo lwenu bahlwayela ngasemanzini onke, bayekele amanqina enkomo nawe-esile.

33:1 Yeha ke, mbhuqi, wena ke ungabhuqwanga; nginingini, wena ke ungatshinizelwanga! Wakugqiba ukubhuqa, uya kubhuqwa; wakukufeza ukunginiza, uya kunginizelwa.

33:2 Yehova, sibabale, sithembele kuwe; yiba yingalo yabo imiso ngemiso; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo.

33:3 Ziyaphalaphaliswa izizwe lilizwi lengxokolo, ziyaphangalaliswa iintlanga kukuphakama kwakho.

33:4 Ohlanganiswa emke amaxhoba enu njengokuhlanganisa kweenkumbi ezinqunquthayo, bawaququzelele njengokuququzela komqikela.

33:5 UYehova uphakamile, ngokuba ehleli phezulu; uyizalisile iZiyon ngokusesikweni nangobulungisa.

33:6 Kuya kubakho ukuzimaseka kwamaxesha akho, nobutyebi bosindiso, nobulumko, nokwazi; ukoyika uYehova bubuncwane bakhe.

33:7 Yabona, iinjengele zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo balila ngokukrakra.

33:8 Iindlela azihanjwa; umhambi uphelile; uwaphule umnqophiso, ucekise imizi, akakhathalela mntu.

33:9 Ilizwe lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon isuke yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele.

33:10 Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa.

33:11 Niya kumitha isikhotha, nizale iindiza; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla.

33:12 Izizwe zoba yimitshiso yekalika, zoba yimithi enameva ehlahliweyo, ibaswe umlilo.

33:13 Yivani, nina bakude, endikwenzileyo: nibazi ubugorha bam, nina basondeleyo.

33:14 Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade?

33:15 Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingca iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo akhe angakhangeli entweni embi:

33:16 nguye oya kuhlala ezindaweni eziphezulu. Iimboniselo zeengxondorha yingxonde yakhe; isonka sakhe usinikiwe, amanzi akhe ahleli ekho.

33:17 Amehlo akho aya kumkhangela ukumkani ebuhleni bakhe; aya kulibona ilizwe elisingise kude.

33:18 Intliziyo yakho iya kucamanga ngesothuso, ithi, Uphi na umbali? uphi na umlinganiseli? uphi na umbali weenqaba ezinde?

33:19 Abantu abaziingwanyalala akuyi kubabona: abantu abantetho inzulu, ingavakaliyo, abalulwimi luthintithayo lungenakuqondeka.

33:20 Khangela iZiyon, umzi wemithendeleko yethu. Amehlo akho aya kuyibona iYerusalem, isithili esinokonwaba, iyintente engafuduswayo, ezikhonkwane zingancothulwayo naphakade, ezintambo zonke zingaqhawukiyo.

33:21 Ewe, ngenxa yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo ebanzi ngeenxa zombini; akuyi kuhamba sinqanawa sibheqwayo apho, kungaweli khona nqanawa iyingangamsha.

33:22 Kuba umgwebi wethu nguYehova, ummisimthetho wethu nguYehova, ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena.

33:23 Zityeketyeke iintambo zakho, azilubambi useko lwemasti yazo, aziyitwabululi iseyile; kuya kwandula kwabiwe amaxhoba amaninzi athinjiweyo, neziqhwala ziphange okuphangiweyo.

33:24 Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo.

34:1 Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; malive ihlabathi nenzaliseko yalo; elimiweyo, neziveliso zonke eziveliswa lilo.

34:2 Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni.

34:3 Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo.

34:4 Uya kuvunda wonke umkhosi wezulu, lisongwe izulu njengencwadi, wonke umkhosi walo ubune njengokubuna kwegqabi emdiliyeni, njengokubuna kwegqabi emkhiwaneni.

34:5 Ngokuba lisele lahlutha ezulwini ikrele lam; yabona, lihla phezu koEdom, naphezu kwabantu endibasingele phantsi, ibe ngumgwebo.

34:6 Ikrele likaYehova lizele ligazi, lityetyiswe ngamanqatha, ligazi leemvana neleebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha; ngokuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu ezweni lakwaEdom.

34:7 Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha.

34:8 Kuba uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon.

34:9 Yoguquka imilambo yabo ibe yitela, uthuli lwabo lube yisulfure, ilizwe labo libe yitela etshayo.

34:10 Aliyi kucinywa ubusuku nemini; umsi walo uya kunyuka ngonaphakade; liya kuchithakala kwisizukulwana ngesizukulwana; liya kuhlala lihleli lodwa, kungabikho ucanda kulo.

34:11 Loba lilifa lengcwangube nokhwalimanzi, kuhlale kulo ifubesi nehlungulu, olule phezu kwalo ulutya lokulinganisa lwakwanyanyeni, nelothe yokulungelelanisa yakwalubala.

34:12 Abanumzana balo—akuyi kuba sabakho babiza bukumkani kubo, bonke abathetheli balo babe yinto engekhoyo.

34:13 Iingxande zalo ezinde ziya kumila into enameva, amarhawu namakhakakhaka ezinqabeni zalo ezinkulu, libe sisikhundla seempungutye nedlelo leenciniba.

34:14 Kohlangabezana amarhamncwa omqwebedu neempungutye, into elixhonti ikhawulelane nowayo; ewe, into yasebusuku iya konwaba khona, izifumanele ukuphumla.

34:15 Kulapho iya kwenzela khona indlu inyoka ejubayo, izale amaqanda, ifukame emthunzini khona; ewe, khona apho baya kubutha oontloyiya, elowo nowabo.

34:16 Funani encwadini kaYehova, nilese. Akukho nanye kuzo ezo zinto iya kusala, eya kusilela kuwayo; ngokuba ngumlomo wam oziwisele umthetho, ngumoya wawo ozibuthileyo.

34:17 Nguye ozirholele iqashiso, isandla sakhe sazabela lona ngolutya lokulinganisa; ziya kulidla ilifa kudekuse ephakadeni, zihlale kulo kwisizukulwana ngesizukulwana.

35:1 Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo.

35:2 Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu.

35:3 Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo.

35:4 Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise.

35:5 Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu;

35:6 size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini;

35:7 isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi.

35:8 Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela— nabazizihula abayi kulahleka kuyo.

35:9 Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa;

35:10 abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.

36:1 Kwathi ngomnyaka weshumi elinesine wokumkani uHezekiya, kwenyuka uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi yakwaYuda enqatyisiweyo, wayithimba.

36:2 Ukumkani waseAsiriya wasusa uRabheshake eLakishe, ukuba aye eYerusalem kukumkani uHezekiya, enempi enzima. Wafika wema emjelweni wechibi lasentla, ongasemendweni wentsimi yomsuki weengubo.

36:3 Kwaphuma kwaya kuye uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.

36:4 Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?

36:5 Ndithi mna, lilizwi lomlomo wodwa iqhinga lakho nobugorha bakho bemfazwe; okungoku ke ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?

36:6 Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, ingene esandleni sakhe, imhlabe; unjalo uFaro ukumkani weYiputa kubo bonke abakholose ngaye.

36:7 Ke ukuba uthi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa?

36:8 Khawubekelane kaloku nenkosi yam, ukumkani waseAsiriya; ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ngecala lakho ukukhupha abakhweli bokukhwela kuwo.

36:9 Wothini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose ngeYiputa, ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe?

36:10 Ngokunje ndinyuke ndeza kulonakalisa eli lizwe, ndingenaye uYehova, yini na? UYehova uthe kum, Nyuka uye kweli lizwe, ulonakalise.

36:11 Bathi ooEliyakim noShebhena noYowa kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva sona; musa ukuthetha kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.

36:12 Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho nakuwe, yini na? Asikula madoda ahleli eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?

36:13 Wema uRabheshake, wadanduluka ngezwi elikhulu ngesiYuda, wathi, Waveni amazwi okumkani omkhulu, okumkani waseAsiriya.

36:14 Uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya, ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula.

36:15 Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.

36:16 Musani ukumphulaphula uHezekiya, ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;

36:17 ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya.

36:18 Ize nilumke hleze aninyange uHezekiya, esithi, UYehova uya kusihlangula. Oothixo beentlanga balihlangule na elowo ilizwe lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya?

36:19 Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? baphi na oothixo baseSefarvayim, ukuba bangabi balihlangule elakwaSamari esandleni sam?

36:20 Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?

36:21 Bathi tu, abamphendula nazwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Nize ningamphenduli.

36:22 Weza ke uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.

37:1 Kwathi, akukuva okukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova.

37:2 Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, bezigqume ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotsi.

37:3 Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo neyokohlwaya neyogibo; ngokuba abantwana baze kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala.

37:4 Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva amazwi kaRabheshake, othunyiweyo ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho; wena uphakamise umthandazo ngenxa yamasalela asekhoyo.

37:5 Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya.

37:6 Wathi uIsaya kubo, Nothi kwinkosi yenu, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukoyikiswa ngamazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bakwakumkani waseAsiriya.

37:7 Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.

37:8 Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe.

37:9 Weva kusithiwa ngoTiraka ukumkani wakwaKushi, Uphumile esiza kulwa nawe. Weva ke, wathumela abathunywa kuHezekiya esithi,

37:10 Notsho kuHezekiya ukumkani wakwaYuda ukuthi, Makangakulukuhli uThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.

37:11 Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; uya kuhlangulwa na ke wena?

37:12 Oothixo beentlanga ke bazihlangula na ezo, bazitshabalalisayo oobawo, iGozan, neHaran, neRetsefe, noonyana bakaEden ababeseTelasare?

37:13 Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?

37:14 Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova.

37:15 Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi,

37:16 Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.

37:17 Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo.

37:18 Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya baziphanzisile zonke iintlanga namazwe azo;

37:19 babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba bebengethixo, bebengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshabalalisa ke.

37:20 Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa.

37:21 Wathumela ke uIsaya unyana ka-Amotsi kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum, ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.

37:22 Lilo eli ilizwi alithethayo uYehova ngaye, Intombi eyintombi uZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi uYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.

37:23 Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.

37:24 Uyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawule imisedare yayo emide kakhulu nemisipres yayo enyuliweyo; ndifike kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo.

37:25 Ndimbe, ndasela amanzi mna; ndiya kuyomisa ngentende yeenyawo zam yonke imijelo yoMnayile oseYiputa.

37:26 Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba; ndikufikisile, kwenzeka ngoku ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.

37:27 Abemi bayo banqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, nentsimi yengqolowa engekabi mvila.

37:28 Ke ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.

37:29 Ngenxa yokuguguma kwakho ngam, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.

37:30 Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane; ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo.

37:31 Abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, baya kubuya bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu.

37:32 Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.

37:33 Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi, akayi kutola notolo kuwo, akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lakungqinga.

37:34 Uya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kulo mzi; utsho uYehova.

37:35 Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide, umkhonzi wam.

37:36 Kwaphuma ke isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu amawaka. Bavuka kusasa, nango ezizidumbu ezifileyo onke.

37:37 Wanduluka, wahamba; wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve.

37:38 Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

38:1 Ngaloo mihla wayesifa UHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti kuye, uIsaya unyana ka-Amotsi; wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela indlu yakho, ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.

38:2 UHezekiya wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, wathi,

38:3 Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyaniseka nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Watsho uHezekiya isililo esikhulu.

38:4 Kwafika ilizwi likaYehova kuIsaya, lisithi,

38:5 Yiya uthi kuHezekiya, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho. Uyabona, ndiya kongezelela kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka.

38:6 Ndiya kukuhlangula wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi.

38:7 Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, ukuba uya kulenza uYehova elo lizwi alithethileyo.

38:8 Uyabona, ndiyasibuyisa isithunzi sezinyuko, esehlayo esinyukweni sika-Ahazi ngelanga, ndisibuyisa umva izinyuko ezilishumi. Labuya ke ilanga izinyuko ezilishumi ezinyukweni elibe lihlile ngazo.

38:9 Umbhalo kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, oko ebesifa, waza waphila:

38:10 Ndathi mna, yakubon’ ukuba ithe cwaka imihla yam, mandimke ndiye emasangweni elabafileyo; Ndivelelwe, ndayihluthwa eseleyo iminyaka yam.

38:11 Ndathi, Andiyi kumbona uYa, uYa ezweni labaphilileyo; Andiyi kuba samkhangela umntu, ndikubemi belabangasekhoyo.

38:12 Umnquba wam uza kuncothulwa, ufuduswe umke kum, njengentente yomalusi; Ndibusongile njengomluki ubomi bam; unditsheca ezintsingeni. Uya kundigqibela ngosuku olunye.

38:13 Ndazizolisa kwada kwasa; njengengonyama, wenjenjalo ukuwaphula onke amathambo am. Uya kundigqibela ngosuku olunye.

38:14 Njengehlankomo, njengendwe, ndenjenjalo ukukrikriza, Ndalila njengevukuthu; aphela amehlo am kukubheka phezulu: Yehova, ndifingekile, ndimele.

38:15 Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wenza nokwenza? Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam.

38:16 Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu, Bukuzo kanye ubomi bomoya wam: Wondiphilisa ke, ndidlise ubomi.

38:17 Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu. Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala; Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.

38:18 Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa; Abahla baye emhadini abakulindele ukunyanisa kwakho.

38:19 Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla. Uyise uya kukwazisa ukunyanisa kwakho koonyana.

38:20 UYehova uza kundisindisa; Ngoko ke sozibetha iihadi zethu Yonke imihla yobomi bethu, endlwini kaYehova.

38:21 Wathi uIsaya, mabathabathe isicumba samakhiwane, basibeke ethumbeni, ukuze aphile.

38:22 Wathi uHezekiya, Uyintoni na umqondiso wokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kaYehova?

39:1 Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.

39:2 Wavuya uHezekiya ngabo, wababonisa indlu yakhe yezinto aziqwebileyo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yezixhobo zakhe, nento yonke ebikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.

39:3 Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum.

39:4 Wathi ke, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.

39:5 Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ke ilizwi likaYehova wemikhosi.

39:6 Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova.

39:7 Baya kuthabatha nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.

39:8 Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova, olithethileyo. Wathi, Inene, kuya kubakho uxolo nozingiso ngeyam imihla.

40:1 Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu.

40:2 Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.

40:3 Yivani omemezayo, esithi, Yigeceni entlango indlela kaYehova; tyenenezelani uThixo wethu umendo enkqantosini.

40:4 Yonke imifula mayinyuswe, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; iindawo ezimagqagala zibe zithabazi, nemixawuka ibe ziintili;

40:5 butyhileke ubuqaqawuli bukaYehova, ibubone inyama yonke kunye; ngokuba uthethile umlomo kaYehova.

40:6 Ilizwi lothile lathi, Memeza. Wathi yena, Ndimemeze ntoni na? Yithi, Yonke inyama ibutyani, bonke ubuhle bayo bunjengentyantyambo yasendle.

40:7 Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kuyo; inene, abantu babutyani.

40:8 Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ke lona ilizwi likaThixo wethu liya kuma ngonaphakade.

40:9 Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo, nyuka uye entabeni ephakamileyo; wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo, liphakamise ngamandla ilizwi lakho, phakamisa ungoyiki. Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu!

40:10 Uyabona, iNkosi uYehova iya kuza, ingowomeleleyo, ingalo yayo iyilawulela. Uyabona, umvuzo wayo inawo, nomsebenzi wayo uphambi kwayo.

40:11 Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.

40:12 Ngubani na olinganise amanzi la entendeni yesandla sakhe, walilungisa izulu ngomoluko weminwe, walukhongozela uthuli lomhlaba ngomlinganiselo, wazilinganisa iintaba ngesilinganiso, neenduli ngesikali?

40:13 Ngubani na owalungisa uMoya kaYehova, waba yindoda emcebisayo, wamazisa?

40:14 Wacebisana nabani na owamqondisayo, wamfundisa umendo wesiko, wamfundisa ukwazi, wamazisa indlela yokuqonda?

40:15 Yabona, iintlanga zibalelwa ekubeni zinjengethontsi emphandeni, njengesuntswana esikalini. Yabona, iziqithi zinjengothuli oluqhaphukayo.

40:16 ILebhanon ayilingene kubaswa, neenyamakazi zayo azilingene kubalidini elinyukayo.

40:17 Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe; kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku.

40:18 Ningamfanekisa ke nabani na uThixo, ninxulumise mfanekiselo mni na naye?

40:19 Umfanekiso oqingqiweyo utyhidwa yingcibi, awaleke ngegolide umnyibilikisi, awunyibilikisele imixokelelwane yesilivere.

40:20 Okhohliweyo ngumrhumo ukhetha umthi ongenakubola; uzifunela ingcibi eyaziyo, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo ongayi kushukuma.

40:21 Anazi na? aniva na? anixelelwanga na kwasentloko? aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi?

40:22 Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi, abemi balo ke benjengemicikwane; ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu, walitwabulula njengentente yokuhlala;

40:23 ulozenza izidwangube ukuba zingabi nto, abagwebi behlabathi abenze babe luchuku.

40:24 Bengekathi ukutyalwa, bengekathi ukuhlwayelwa, singekathi ukwendelisela iingcambu emhlabeni isiphunzi sabo, uselebafuthela bome, ubathabathe umoya ovuthuzayo njengomququ.

40:25 Niya kundifanisa nabani na, ndilingane naye? utsho oyiNgcwele.

40:26 Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.

40:27 Yini na ukuba uthi, Yakobi—uthethe uthi, Sirayeli— Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam?

40:28 Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, tyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.

40:29 Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.

40:30 Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;

40:31 ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.

41:1 Yithini tu phambi kwam, ziqithi; izizwe mazihlaziye amandla; mazize zisondele, zandule zithethe; masiqubisane ematyaleni.

41:2 Ngubani na ovuse empumalanga lowo ukhawulelwa bubulungisa ezinyaweni zakhe? Unikela iintlanga phambi kwakhe, unyathela ookumkani, ubanikela ekreleni lakhe njengothuli, esaphetheni sakhe njengomququ ophetshethwayo.

41:3 Uyabasukela, udlula enoxolo ngomendo abengawuhambanga ngeenyawo zakhe.

41:4 Ngubani na okusebenzileyo wakwenza oko, obiza izizukulwana kwasentloko? Ndim, mna Yehova, ndingowokuqala; nakwabangasemva ndikwanguye.

41:5 Iziqithi zabona zoyika, iziphelo zehlabathi zagubha, zasondela, zeza.

41:6 Umntu wamnceda ummelwane wakhe, wathi kumzalwana wakhe, Yomelela.

41:7 Ingcibi yomeleza umnyibilikisi; ogudisayo ngesando womeleza obetha esikhandelweni, esithi, Kulungile; wasiqinisa ngezikhonkwane, ukuba singashukumi isithixo.

41:8 Ke wena Sirayeli, mkhonzi wam Yakobi, wena ndakunyulayo, mbewu ka-Abraham umthandi wam;

41:9 endakubambayo kwaseziphelweni zehlabathi, endakubizayo kwasemacaleni alo; endathi kuwe, Ungumkhonzi wam wena, ndikunyule, andikucekisile;

41:10 musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.

41:11 Yabona, baya kudana bahlazeke bonke abavutha umsindo ngawe; aya kuba yinto engento, adake amadoda abambana nawe.

41:12 Uya kuwafuna, ungawafumani, amadoda aphikisana nawe; aya kuba yinto engento, engekhoyo, amadoda alwa nawe.

41:13 Ngokuba mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingothi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna.

41:14 Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.

41:15 Yabona, ndikwenze isisizilo esibukhali esitsha, esintlangothi mbini; uya kuzi bhula iintaba uzicole, iinduli uzixelise umququ.

41:16 Uya kuzela, umoya uzitha bathe, umoya ovuthuzayo uziphangalalise; ke wena ugcobe ngoYehova, uqhayise ngoyiNgcwele kaSirayeli.

41:17 Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.

41:18 Ndiya kuyivula imilambo eluqayini, nemithombo phakathi kweentili, ndenze intlango ibe lidike elinamanzi, nomhlaba ongumqwebedu ube ziindawo eziphuma amanzi.

41:19 Ndiya kutyala entlango imisedare, nemingampunzi, nemimirtile, neminquma yasendle, ndimise enkqantosini imisipres, nemipleyini, nemigalagala, ndawonye;

41:20 ukuze babone, bazi, bagqale ngentliziyo, baqiqe kunye, ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oko, oyiNgcwele kaSirayeli ukudalile oko.

41:21 Sondezani iindawo enibambene ngazo, utsho uYehova; zimiseni iziganeko zenu, utsho uKumkani kaYakobi.

41:22 Mabazizise, basixelele okuza kuhla; mabaxele izinto zangaphambili, ubunjani bazo, sizigqale ngeentliziyo, silazi ikamva lazo; nokuba zezizayo siviseni.

41:23 Xelani izinto ezizayo ngasemva, ukuze sazi ukuba ningoothixo; ewe, yenzani okulungileyo, nokuba kokubi, sikhwankqiswe, sibonisane ngako.

41:24 Yabonani, ningabento engento, nomsebenzi wenu awuni yani; ulisikizi oninyulayo.

41:25 Ndivuse owasentla, weza; owasempumalanga, onqula igama lam; uzifikela iirhuluneli njengodaka, njengombumbi exovula udongwe.

41:26 Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? makavele sazi; owakuxelayo ngenxa engaphambili makavele, sithi, Ulungisile. Hayi, akukho waxelayo; hayi, akukho wavakalisayo; hayi, akukho wazivayo iintetho zenu.

41:27 Ndim endaqala ndathi kwiZiyon, Yabona, nanzo; ndayinika iYerusalem umshumayeli weendaba ezilungileyo.

41:28 Kuba ndakhangela, akwabakho bani; nakwaba akwabakho bacebisi ndingababuzayo, baphendule ngelizwi.

41:29 Yabona, bonke bephela bayinto engento, ziyinto engekhoyo izenzo zabo, imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nochuku.

42:1 Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.

42:2 Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe.

42:3 Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso.

42:4 Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi.

42:5 Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya:

42:6 ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga;

42:7 ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni.

42:8 NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.

42:9 Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.

42:10 Vumani kuYehova ingoma entsha, indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi, nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo, nina ziqhithi nabemi bazo.

42:11 Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo, nemizana ehleli amaKedare; mabamemelele abemi bengxondorha, batsholoze ezincotsheni zeentaba.

42:12 Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini.

42:13 UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe.

42:14 Kususela kwakude ndithe quthu, ndathi tu, ndazibamba; ngoku ndiya kubefuza njengozalayo, ndibe nephika, ndifuthe nokufutha.

42:15 Ndobharhisa iintaba neenduli, ndiyitshise yonke imifuno yazo, imilambo ndiyenze iziqithi, ndiwatshise amadike.

42:16 Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi. Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi.

42:17 Baya kubuya umva, badane bedanile, abakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo, abathi kwetyhidiweyo, Ningoothixo bethu.

42:18 Yivani, zithulu; bhekani nibone, zimfama.

42:19 Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam? osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengenqogu, oyimfama njengomkhonzi kaYehova?

42:20 Ubona izinto ezininzi, akazigcini noko; uvula iindlebe, akeva noko.

42:21 UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha.

42:22 Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa.

42:23 Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abaze indlebe, eve emveni koku?

42:24 Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, abawuphulaphula umyalo wakhe?

42:25 Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, akakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo.

43:1 Kaloku ke utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Sirayeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam.

43:2 Xa uthi uwele emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi.

43:3 Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaSirayeli, ndingumsindisi wakho; ndirhole iYiputa yakucamagushela, iKushi neSebha zaba sesikhundleni sakho.

43:4 Ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile; ndirhola abantu esikhundleni sakho, nezizwe esikhundleni sobomi bakho.

43:5 Musa ukoyika, ngokuba ndinawe: ndiya kuyizisa imbewu yakho ivela empumalanga, ndikubuthe nasentshonalanga.

43:6 Ndiya kuthi kumntla, Ethe; nakumzantsi, Musa ukuthintela; nazise oonyana bam bevela kude, neentombi zam zivela eziphelweni zehlabathi:

43:7 yonke into ebizwe ngegama lam, endiyidalele uzuko lwam, endiyibumbileyo, endiyenzileyo.

43:8 Khupha abantu abaziimfama benamehlo, nabazizithulu beneendlebe.

43:9 Nonke zintlanga, buthelanani ndawonye, zihlangane izizwe. Ngubani na kuni onokukuxela oko? Mabasivise izinto zangaphambili, mabamise amangqina abo, bagwetyelwe; mabeve ke abantu, bathi, Yinyaniso.

43:10 Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye.

43:11 Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.

43:12 Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.

43:13 Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndisebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva?

43:14 Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo.

43:15 Mna, Yehova, ndingoyiNgcwele wenu, uMdali kaSirayeli, uKumkani wenu.

43:16 Utsho uYehova, umenzi wendlela elwandle, womendo emanzini anamandla;

43:17 umkhuphi wenqwelo nehashe, wempi nentshatshela; baya kulala bangavuki, bethile, becimile njengomsonto wesibane:

43:18 utsho ukuthi, Musani ukukhumbula izinto zangaphambili, ningazikhathaleli nezamandulo.

43:19 Yabonani, ndiya kwenza into entsha, intshule ngoku; aniyi kuyazi na? Inene, ndiya kwenza indlela entlango, nemilambo enkangala.

43:20 Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba; ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam.

43:21 Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam.

43:22 Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli.

43:23 Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe.

43:24 Akundithengelanga kalamo ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, undikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho.

43:25 Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.

43:26 Ndikhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.

43:27 Uyihlo wokuqala wona, nabalamleli bakho bakreqa kum.

43:28 Ngako oko ndabangcolisa ke abathetheli abangcwele, ndamnikela uYakobi ukuba asingelwe phantsi, uSirayeli ukuba anyeliswe.

44:1 Kaloku ke yiva, Yakobi mkhonzi wam, Sirayeli endikunyulileyo.

44:2 Utsho uYehova uMenzi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, uMncedi wakho, ukuthi, Musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, Yeshurun endimnyulileyo.

44:3 Ngokuba ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo. Ndiya kugalela uMoya wam phezu kwembewu yakho, nentsikelelo yam phezu kwenzala yakho.

44:4 Baya kuhluma phakathi kotyani, njengemingculuba engasemisingeni yamanzi.

44:5 Omnye uya kuthi, NdingokaYehova; nomnye uya kunqula igama likaYakobi; kwanomnye uya kuzibhala ngesandla sakhe kuYehova, alihloniphe igama likaSirayeli.

44:6 Utsho uYehova, uKumkani wakwaSirayeli, uMkhululi wakhe, uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndingowokuqala, ndingowokugqibela; akukho Thixo ingendim.

44:7 Ngubani na oshumayela njengam-makaxele andicacisele-ethabathela ekumiseni kwam abantu basendaleni? Izinto ezizayo, neziza kubakho, mabazixele.

44:8 Musani ukunkwantya, ningajijitheki; andikuvisanga na kwanini, ndanixelela? Ningamangqina am. Kukho Thixo na, ingendim? Akukho liwa, andilazi mna.

44:9 Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane.

44:10 Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto?

44:11 Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye.

44:12 Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe.

44:13 Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas, isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini.

44:14 Ugawula imisedare, uthabatha umholem nomoki, akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine, imvula iwukhulise.

44:15 Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.

44:16 Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo!

44:17 Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam.

44:18 Ahazi, abaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi;

44:19 banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini?

44:20 Esukelana nothuthu nje, intliziyo edetshiselweyo imtyekisile kangangokuba angawuhlanguli umphefumlo wakhe, athi, Akukho buxoki na esandleni sam sokunene?

44:21 Khumbula ezo zinto, Yakobi, Sirayeli, ngokuba ungumkhonzi wam; ndikubumbile, ungumkhonzi kum; Sirayeli, akuyi kulityalwa ndim.

44:22 Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela.

44:23 Memelelani, mazulu, ngokuba uYehova ekwenzile; dumani, zinzulu zehlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba, hlathi, nani nonke mithi ekulo; ngokuba uYehova emhlawulele wamkhulula uYakobi, ezihombisile ngoSirayeli..

44:24 Utsho uYehova, uMkhululi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, ukuthi, Mna Yehova ndinguMenzi weento zonke; uManeki wezulu ndedwa; uMtwabululi wehlabathi ndingenabani;

44:25 uMtshitshisi wemiqondiso yabaphololoza into engeyiyo; uMgezisi wabavumisayo; uMbuyisi wezilumko umva; uMzulisi wokwazi kwazo;

44:26 uMmisi welizwi lomkhonzi wakhe; uMzalisi wecebo labathunywa bakhe; uNdithi kwiYerusalem, Iya kumiwa; nakwimizi yakwaYuda, Iya kwakhiwa, ndiwamise amanxuwa ayo;

44:27 uNdithi kumanzi enzonzobila, Yitshani, ndiyomise imilambo yakho;

44:28 uNdithi kuKoreshi, Ngumalusi wam, oya kukuzalisa konke ukuthanda kwam; athi kwiYerusalem, Mayakhiwe; nakwitempile, Mayisekwe.

45:1 Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulule amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa:

45:2 ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi;

45:3 ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli.

45:4 Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho, ndakuthiya namanye amagama, ungandazi.

45:5 NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim.

45:6 Ndakubhinqa ungandazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi.

45:7 NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.

45:8 Vuzisani, mazulu phezulu, sikhumezele ubulungisa isibhakabhaka; mawuvuleke umhlaba, uqhame usindiso, uhlumise ubulungisa kunye: mna Yehova ndikudalile oko.

45:9 Yeha ke, obambana noMenzi wakhe! Ligophe emagopheni ezitya zomdongwe! Udongwe lunokuthi na kumbumbi walo, Wenza ntoni na? nomsebenzi wakho unokuthi na, Akunazandla?

45:10 Yeha ke, othi kuyise, Uzaleleni na? nakumfazi, Unanimba ngani na?

45:11 Utsho uYehova, oyiNgcwele kaSirayeli, uMenzi wakhe, ukuthi, buzani kum izinto ezizayo; oonyana bam nomsebenzi wezandla zam wuyalezeni kum.

45:12 Mna ndenza ihlabathi, ndadala abantu phezu kwalo; izandla zam, mna lo zaneka izulu, nomkhosi walo wonke ndawuwisela umthetho.

45:13 Mna ndimvelisile ngobulungisa, ndiya kuzilungelelanisa iindlela zakhe zonke. Yena uya kuwakha umzi wam, abakhulule abafuduswa bam, kungarholwanga nani, kungarholwanga sicengo; utsho uYehova wemikhosi.

45:14 Utsho uYehova ukuthi, Ukuxelenga kweYiputa nokurhweba kukaKushi nokwamaSebha, abafo abanewonga, kuya kuwelela kuwe kube kokwakho. Baya kuhamba emva kwakho, baya kuwela benemixokelelwane, baqubude kuwe; baya kuthandaza kuwe, besithi, Inene, ukuwe uThixo; akusekho thixo, akukho nokuba abe mnye.

45:15 Inyaniso, unguThixo ozisithelisayo, Thixo kaSirayeli, Msindisi.

45:16 Baya kudana, kananjalo bahlazeke bonke bephela; baya kuhamba behlazekile kunye abaziingcibi zezithixo.

45:17 USirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni.

45:18 Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi.

45:19 Andithethanga entsithelweni, endaweni emnyama yelizwe; anditshongo embewini kaYakobi ukuthi, Ndiquqeleni enyanyeni. Mna Yehova ndithetha ubulungisa, ndixela into ethe tye.

45:20 Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: abanakwazi abathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, abathandazi bothixo ongasindisiyo.

45:21 Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim.

45:22 Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi.

45:23 Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi;

45:24 kuthiwe ngokubhekisele kum, KuYehova yedwa bubulungisa namandla, kuyiwa kuye; baya kudana bonke abavutha ngomsindo ngaye.

45:25 NgoYehova iya kugwetyelwa iqhayise yonke imbewu kaSirayeli.

46:1 UBhele uyaguqa, uNebho uya bhanyalaza; izithixo zabo zibekwe emaqegwini nasezinkomeni ezitsalayo; ezi nibe nizithwala zibotshiwe, zingumthwalo kwizinto ezityhafileyo.

46:2 Izithixo zabhanyalaza, zaguqa kunye, azaba nakuzisiza ekuthwaleni, ke inkqu yazo yaya ekuthinjweni.

46:3 Phulaphulani kum, ndlu kaYakobi, nonke masalela endlu kaSirayeli, nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini, nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni;

46:4 kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize.

46:5 Ninokundifanisa, nindilinganise, nindinxulumise nabani na, ukuba sifane?

46:6 Bona bawohloza igolide engxoweni, balinganise isilivere ngesikali; baqesha umnyibilikisi, ayenze isithixo; basibekeke, ewe, baqubude.

46:7 Bayasithwala, basityathe emagxeni, basibeke phantsi endaweni yaso, sime; asibuyi sisuke kuloo ndawo yaso; ewe, bayakhala kuso, singaphenduli; asisindisi bani embandezelweni yakhe.

46:8 Khumbulani oko, nibe ngamadoda; kunyamekeleni ngentliziyo, nina bakreqileyo.

46:9 Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam;

46:10 ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki, ndisithi, Icebo lam liya kuma, ndikwenze konke ukuthanda kwam;

46:11 ndibiza ukhozi empumalanga, indoda yecebo lam ezweni elikude; nditshilo, ewe, ndiya kukufeza; ndiyilile, ewe, ndiya kukwenza.

46:12 Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni, bakude nobulungisa.

46:13 Ndisondeza ubulungisa bam, abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndinika usindiso eZiyon, uzuko lwam kuSirayeli.

47:1 Yihla, uhlale eluthulini, nkazanandini, ntombi inguBhabheli; hlala phantsi emhlabeni ungenatrone, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sathiwa uyimvoco, noxhamla ubuncwane.

47:2 Thabatha amatye, usile umgubo; bhenqa isigqubuthelo sakho, finyezela phezulu, tyhila umlenze, wela imilambo.

47:3 Mabutyhileke ubuze bakho, kubonakale nokungcikiveka kwakho; ndiya kuphindezela, andiyi kubuka mntu.

47:4 Umkhululi wethu, igama lakhe nguYehova wemikhosi, oyiNgcwele kaSirayeli.

47:5 Hlala uthi cwaka, ungeneemnyameni, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba uyinkosikazi yezikumkani.

47:6 Ndaba noburhalarhume kubantu bam, ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho; akwaba namfesane kubo; naphezu kwamadoda amakhulu wayenza yanzima kakhulu idyokhwe yakho.

47:7 Ubusithi, Ndiya kuba yinkosikazi ngonaphakade; wada akwakunyamekela oko ngentliziyo, akwalikhumbula ikamva lakho oko.

47:8 Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana.

47:9 Ziya kukuzela ezo zinto zombini ngephanyazo, ngamini-nye, ukungabi nabantwana nobuhlolokazi; ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi yomabophe bakho.

47:10 Ngokuba ukholose ngezinto zakho ezimbi, wathi, Akukho undibonayo; ubulumko bakho nokwazi kwakho kuko okukuphambanisileyo; wathi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi.

47:11 Bokuzela ke ububi, ungakwazi ukubunyanga; ikuwele inkohlakalo, ungabi nako ukuyicamagushela; ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo.

47:12 Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa.

47:13 Udiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo.

47:14 Yabona, basuke baba njengeendiza; umlilo ubatshisile; abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni elangatye; akukho lahle lakuzifudumeza, akukho mlilo kungahlalwa phambi kwawo.

47:15 Boba njalo kuwe abo uzixhamle ngabo, ababerhwebelana nawe kwasebuncinaneni bakho; elowo uya kundwendwela ecaleni lakhe, kungabikho ukusindisayo.

48:1 Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumayo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa.

48:2 Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.

48:3 Izinto zangaphambili ndazixela kwanini; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho.

48:4 Ngokukwazi kwam ukuba ulukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi, nebunzi lakho lilubhedu,

48:5 ndakuxelela ezo zinto kwanini; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile.

48:6 Uvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi.

48:7 Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanini; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi.

48:8 Ubungaziva; ubungazazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanini. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani.

48:9 Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.

48:10 Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.

48:11 Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam.

48:12 Phulaphula kum, Yakobi, Sirayeli, mbizwa wam; ndim, ndingowokuqala, ewe, ndingowokugqibela.

48:13 Ewe, isandla sam siseke ihlabathi, esokunene sam saneke izulu; ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye.

48:14 Zihlanganiseni, nonke niphela, nive; ngubani na phakathi kwezithixo owazixelayo ezo zinto? Umthandwa kaYehova uya kukwenza ukuthanda kwakhe kwiBhabheli, nengalo yakhe ikwenze kumaKaledi.

48:15 Mna nditshilo, ewe, ndimbizile, ndimzisile; inempumelelo indlela yakhe.

48:16 Sondelani kum, nive oku. Kwasekuqaleni andithethanga entsithelweni; kususela kwixesha lokwenzeka kwako oko, ndilapha; nangoku iNkosi uYehova indithumile, mna noMoya wayo.

48:17 Utsho uYehova, umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Mna Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo.

48:18 Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle;

48:19 ibiya kuba njengentlabathi imbewu yakho, abaphuma ezibilinini zakho babe njengamasuntsu ayo belingayi kunqunyulwa litshabalale igama labo ebusweni bam.

48:20 Phumani eBhabheli, sabani kwelamaKaledi; kuxeleni ninelizwi lokumemelela, kuvakaliseni oku, kuhlabeleni kuye naseziphelweni zehlabathi; yithini, UYehova umkhulule ngokumhlawulela umkhonzi wakhe uYakobi.

48:21 Abanxanwanga, ebahambisa engqaqasini; wabatsitsisela amanzi eweni, wacanda iliwa, atsaza amanzi.

48:22 Akukho luxolo kwabangendawo, utsho uYehova.

49:1 Phulaphulani kum, ziqithi; bazani indlebe, zizwe zikude; uYehova undibize kwasesizalweni, ulikhankanye kwasezibilinini zikama igama lam.

49:2 Wawenza umlomo wam wanjengekrele elibukhali, wandizimeza esithunzini sesandla sakhe, wandenza utolo olubaziweyo, wandisithelisa emphongolweni;

49:3 wathi kum, Ungumkhonzi wam, wena Sirayeli, endiya kuhomba ngaye.

49:4 Ndathi mna, Ndifumane ndazixhamla, ndawaphelisa amandla am ngochuku, nangento engento; noko ibango lam likuYehova, nomvuzo wam unoThixo wam.

49:5 Kaloku ke uthi uYehova, owandibumba kwasesizalweni, ukuba ndibe ngumkhonzi kuye wokubuyisela uYakobi kuye, uSirayeli ahlanganiselwe kuye (ndizukile emehlweni kaYehova, uThixo wam waba ngamandla am);

49:6 uthi ke, Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaSirayeli; kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi.

49:7 Utsho uYehova, uMkhululi kaSirayeli, oyiNgcwele wakhe, komphefumlo udelekileyo, kongamasikizi ezintlangeni, kumkhonzi wezilawuli, ukuthi, Ookumkani baya kubona, basuke beme, nabathetheli babone, baqubude ngenxa kaYehova onyanisekileyo, oyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekunyule.

49:8 Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha elamkelekileyo ndikuphendule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa;

49:9 uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasemnyameni, Velani. Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, amadlelo abo abekho naseluqayini lonke.

49:10 Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayikubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo.

49:11 Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam.

49:12 Yabona, aba baya kuvela kude; yabona, aba baya kuvela kwelasentla naselwandle, aba bavele ezweni lamaSini.

49:13 Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.

49:14 Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala.

49:15 Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna.

49:16 Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.

49:17 Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe.

49:18 Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, uya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi.

49:19 Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo-inene, ngoku uya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho.

49:20 Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndikhwelele, ndihlale;

49:21 uya kuthi entliziyweni yakho, Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na?

49:22 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndisiphakamisela ezintlangeni isandla sam, ndiyinyusele ezizweni ibhanile yam, zibazise ke oonyana bakho, zibawole ngeengalo, neentombi zakho zithwalwe ngamagxa,

49:23 Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana.

49:24 Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamulungisa?

49:25 Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.

49:26 Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yazi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi.

50:1 Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko, endamgxotha ngayo? Khona kwabandibolekayo, uphi na lowo ndathengisa ngani kuye? Yabonani, kwathengiswa ngani ngenxa yobugwenxa benu; wagxothwa unyoko ngenxa yezikreqo zenu.

50:2 Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndibize, kungabikho usabelayo? Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhululi? Akakho na kum amandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, imilambo ndiyenze intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa kukunxanwa;

50:3 ndambesa izulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo salo.

50:4 INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi. Ivusa imiso ngemiso, indivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo.

50:5 INkosi uYehova indivule indlebe: ke mna andenza zinkani, andabuya umva.

50:6 Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.

50:7 Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andihlazekanga; ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi kudana.

50:8 Usondele ondigwebelayo; ngubani na oya kubambana nam? masime ndaweni-nye. Ngubani na ummangaleli wam? makeze kum.

50:9 Uyabona, INkosi uYehova iya kundinceda; ngubani na yena oya kundigweba? Yabona bonke bephela baya konakala njengengubo, amanundu aya kubadla.

50:10 Ngubani na kuni owoyika uYehova, ophulaphula izwi lomkhonzi wakhe? Ohamba emnyameni, kungabi mhlophe kuye, makakholose ngegama likaYehova, ayame kuThixo wakhe.

50:11 Yabonani, nonke niphela, nina baphemba umlilo, baxhobe iintolo ezinomlilo, hambani niye elangatyeni lomlilo wenu, nasezintolweni ezinomlilo enizivuthisileyo. Ke esandleni sam nantsi into eniya kuyizuza; niya kulala phantsi ninembulaleko.

51:1 Phulaphulani kum, nina babusukelayo ubulungisa, bamquqelayo uYehova; bhekani eweni enaxholwa kulo, nasesigingqini somhadi enembiwa kuwo.

51:2 Bhekani kuAbraham uyihlo, nakuSara owanizalayo; kuba waye emnye ndakumbiza, ndakumsikelela, ndakumandisa.

51:3 Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.

51:4 Ndibazeleni indlebe, bantu bam; ndibekeleni indlebe, sizwe sam; ngokuba isiyalelo siya kuphuma kum, ndilizinzise isiko lam, ukuba libe sisikhanyiso sezizwe.

51:5 Busondele ubulungisa bam, luphumile usindiso lwam; iingalo zam ziya kugweba izizwe, iziqithi zithembele kum, zilindele engalweni yam.

51:6 Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungaqotywa ubulungisa bam.

51:7 Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo.

51:8 Kuba amanundu aya kubadla njengengubo, umbungu ubadle njengoboya begusha; ke bona ubulungisa bam buya kuba ngunaphakade, nosindiso lwam lube kwizizukulwana ngezizukulwana.

51:9 Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! Vuka, njengokwemihla yamandulo, njengokwezizukulwana zaphakade! Asinguwe na lowa wachitha uRahabhi, wayihlaba ingwenya?

51:10 Asinguwe na lowa womisa ulwandle, amanzi enzonzobila enkulu; iinzulu zolwandle wazenza indlela yokuwela abahlawulelweyo?

51:11 Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina.

51:12 Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu; ungubani na wena, ukuba woyike umfo oza kufa, nonyana womntu owenziwe wanga yingca;

51:13 ukuba umlibale uYehova uMenzi wakho, uManeki wezulu, uMseki wehlabathi; ukuba uhlale unkwantya imini yonke bubushushu bombandezeli, ngokokuba exunela ukonakalisa; buphi na ke ubushushu bombandezeli?

51:14 Ogotyiweyo ngamakhamandela wobehle akhululwe, angafeli esihogweni, angasisweli isonka sakhe.

51:15 Kuba ndinguYehova uThixo wakho, uMlatyuzisi wolwandle, agqume amaza alo, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.

51:16 Ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, ndakugubungela ngesithunzi sesandla sam, ukuba ndityale izulu, ukuba ndiseke ihlabathi, ukuba ndithi kwiZiyon, Ningabantu bam.

51:17 Zivuse, zivuse, suk’ ume, Yerusalem wena uyiseleyo esandleni sikaYehova indebe yobushushu bakhe; uyisele wayifinca indebe enombilini ehexisayo.

51:18 Bekungekho namnye uyithundezayo iYerusalem, phakathi koonyana bonke eyabazalayo; bekungekho namnye uyibambe ngesandla, phakathi koonyana bonke eyabakhulisayo.

51:19 Zazimbini izinto ezakuhlelayo; ngubani na owakukhuzayo? Yimbuqo nokwaphuka, yindlala nekrele; bendingathini na ukukuthuthuzela?

51:20 Oonyana bakho bawa isiduli, balala emantloko ezitrato zonke, njengeula eli libanjisiweyo; bazele bubushushu bukaYehova, kukukhalima koThixo wakho.

51:21 Ngako oko, khawuve le nto, wena ludwayinge, unxilayo kodwa kungengayo iwayini;

51:22 itsho iNkosi yakho uYehova, uThixo wakho obathethelelayo abantu bakhe, ukuthi, Yabona, ndiyayithabatha esandleni sakho indebe ehexisayo, indebe enombilini yobushushu bam; akusayi kuphinda usele kuyo.

51:23 Ndoyibeka esandleni sabakwenza isingqala, ababesithi kumphefumlo wakho, Qubuda sigqithe, waza wena wawenza umhlana wakho wanjengomhlaba, wanjengesitrato kwabagqitha phezu kwawo.

52:1 Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon! Nxiba iingubo zakho zokuhomba, Yerusalem, mzi ungcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe ongalukanga, noyinqambi.

52:2 Zivuthulule uthuli; suk’ ume, hlala phantsi, Yerusalem; zikhulule iimbophelelo zentamo yakho, mthinjwa, ntombi inguZiyon.

52:3 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kwathengiswa ngani ngelize; aniyi kuhlawulelwa nikhululwe ngamali.

52:4 Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu.

52:5 Kaloku ke yintoni na enamapha, utsho uYehova, bethatyathwe ngelize nje abantu bam? Abalawuli babo bayabhomboloza, utsho uYehova; igama lam lihlala ligitywa imini yonke.

52:6 Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngaloo mini ukuba ndinguye lowo uthi, Ndingokhoyo.

52:7 Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso; zabathi kwiZiyon, Uyalawula uThixo wakho!

52:8 Phulaphula ilizwi lababoniseli bakho. Baliphakamisa kunye ilizwi, bayamemelela; ngokuba bekubona iliso kwiliso ukuyibuyisa kukaYehova iZiyon.

52:9 Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa aseYerusalem; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, uyihlawulele wayikhulula iYerusalem.

52:10 UYehova uyihlubile ingalo yakhe engcwele emehlweni eentlanga zonke; zonke iziphelo zehlabathi ziya kulubona ke usindiso loThixo wethu.

52:11 Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova.

52:12 Ngokuba aniyi kuphuma buphuthuphuthu, nihambe ngokusaba; kuba uYehova uhamba phambi kwenu, uMqoshelisi wenu nguThixo kaSirayeli.

52:13 Yabonani, umkhonzi wam uya kwenza ngengqiqo, uya kuphakama, athi gqi, anyuke kakhulu.

52:14 Kwanjengokuba babemangaliswa nguwe abaninzi (ibinje ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe ukuda singabi sesoonyana baka-Adam):

52:15 ngokunjalo yena uya kubetha zithi makatha iintlanga ezininzi; ngenxa yakhe ookumkani baya kuthi khamnqa; ngokuba baya kukubona abangazanga bakubaliselwe, bakugqale abangazanga bakuve.

53:1 Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileke kubani na?

53:2 Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.

53:3 Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka.

53:4 Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye.

53:5 Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe.

53:6 Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.

53:7 Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe.

53:8 Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu?

53:9 Lamiswa nawaboni ingcwaba lakhe—ke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe.

53:10 UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe.

53:11 Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa.

53:12 Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon’ ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.

54:1 Memelela, ludlolo lungazaliyo; gqabhuka umemelele, utsholoze, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabantwana bonendoda; utsho uYehova.

54:2 Yenze banzi indawo yentente yakho, uwatwabulule amalengalenga eminquba yakho, ungathinteli; zolule izintya zakho, uziqinisele izikhonkwane zakho.

54:3 Kuba uya kutyhobozela ekunene nasekholo, imbewu yakho izidle ilifa iintlanga, iyime imizi ebingamanxuwa.

54:4 Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho uya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula.

54:5 Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke.

54:6 Ngokuba uYehova ukubize njengomfazi obeshiyiwe, omoya ubulalekileyo, njengomfazi wobutsha, xeshikweni ebethe wacekiswa; utsho uThixo wakho.

54:7 Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu.

54:8 Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova.

54:9 Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli.

54:10 Ngokuba zingade zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova.

54:11 Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya, ndikuseka ngeesafire.

54:12 Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi, namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.

54:13 Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.

54:14 Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe.

54:15 Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe.

54:16 Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa.

54:17 Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.

55:1 Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini, nabangenamali; yizani, thengani nidle; yizani, thengani iwayini namasi, ningenani, ningenamali.

55:2 Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.

55:3 Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenze umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo.

55:4 Yabona, ndimenze ingqina ezizweni, inganga nomwisimethetho ezizweni.

55:5 Yabona, uya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile.

55:6 Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi.

55:7 Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.

55:8 Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova.

55:9 Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu.

55:10 Kuba, njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli kulo ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde, iwuhlumise, iwenze untshule, imnike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo:

55:11 liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.

55:12 Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundezwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.

55:13 Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare, esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile; oko kube ligama kuYehova, nomqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa.

56:1 Utsho uYehova ukuthi, Gcinani isiko, nenze ubulungisa; kuba lusondele ukuba luze usindiso lwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke.

56:2 Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.

56:3 Makangatsho ke unyana wolunye uhlanga, lo unamathele kuYehova, ukuthi, UYehova uya kundahlula kube kanye ebantwini bakhe; malingathi ithenwa, Yabona, ndingumthi owomileyo.

56:4 Ngokuba utsho uYehova kumathenwa ukuthi, Abazigcinayo iisabatha zam, banyule endikuthandayo, babambelele emnqophisweni wam,

56:5 ndobanika, endlwini yam nasezindongeni zam, indawo negama elilungileyo ngaphezu koonyana neentombi; ndobanika igama elingunaphakade elingayi kunqunyulwa.

56:6 Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam:

56:7 ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.

56:8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe.

56:9 Nonke marhamncwa asendle, yizani apha; yizani kudla, nonke marhamncwa asehlathini.

56:10 Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela abanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo.

56:11 Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, abakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.

56:12 Uthi, Yizani, ndiya kuthabatha iwayini, sisele kunene isiselo esinxilisayo; neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise kunene.

57:1 Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi.

57:2 Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.

57:3 Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi.

57:4 Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ning’ong’oza nje? Aningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na,

57:5 nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha?

57:6 Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthuzele na ngezo zinto?

57:7 Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho.

57:8 Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko.

57:9 Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo.

57:10 Wadinwa ngokuba nde kwendlela yakho; akwathi, Ndincamile; wawafumana ebuya ephila amandla akho ngenxa yoko akuthanga fehlefehle.

57:11 Ubunesithukuthezi ngabani na, ubusoyika bani na, ukuba uthethe amanga, ungandikhumbuli, ungakunyamekeli oko ngentliziyo? Andithe quthu na kususela kwaphakade, ungandoyiki nje?

57:12 Ndiya kubuxela mna ubulungisa bakho, nezenzo zakho aziyi kukunceda nto.

57:13 Ekukhaleni kwakho mazikuhlangule iimfumba zezithixo zakho; zonke ziphela zimka nomoya, zithatyathwa ngumphunga. Ke yena okholosa ngam uya kulidla ilifa ilizwe, ayime intaba yam engcwele.

57:14 Uthile wothi, Fumbani, fumbani, gecani indlela; susani isikhubekiso endleleni yabantu bam.

57:15 Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.

57:16 Ngokuba andiyi kubambana naye ngonaphakade, andiyi kuhlala ndinoburhalarhume; kuba umoya ubungatyhafayo phambi kwam, nemiphefumlo endiyenzileyo mna.

57:17 Ngenxa yobugwenxa bokubawa kwakhe ndaba noburhalarhume, ndambetha, ndazisithelisa, ndaba noburhalarhume; wahamba ephamba ngendlela yentliziyo yakhe.

57:18 Iindlela zakhe ndizibonile: ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzalo yena, nabakhe ke abenza isijwili.

57:19 Umdali weziqhamo zomlomo, uYehova, uthi, Uxolo, uxolo malubekho kwabakude nakwabakufuphi, ndibaphilise.

57:20 Ke bona abangendawo banjengolwandle oluvunjululweyo, ngokuba alunakuzola; amanzi alo avumbulula udaka nezibi.

57:21 Alukho uxolo kwabangendawo, utsho uThixo wam.

58:1 Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo lwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo.

58:2 Ke bayandingxoka imini ngemini, bakunanzile ukuzazi iindlela zam. Njengohlanga olwenze ubulungisa alwalishiya isiko loThixo walo, bacela kum imigwebo yobulungisa, bakunanzile ukusondela kuThixo.

58:3 Bathi, Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwuthobe umphefumlo wethu, ungazi? Yabonani, ngomhla wokuzila kwenu nifumana enikunanzileyo, nibakhandanise abasebenzi benu bonke ababulalekayo.

58:4 Yabonani, nizilela ukubambana, niphikisane, nibethane ngenqindi lokungendawo; namhla anizileli ukuze nivakalise ilizwi lenu phezulu.

58:5 Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzi andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ukubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova?

58:6 Ukuzila endikunyulileyo asikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, naphule zonke iidyokhwe?

58:7 Asikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba ze, umambese, ungazifihli kwinyama yakho?

58:8 Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova.

58:9 Uya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho! Ukuba uthe wakususa phakathi kwakho ukufaka idyokhwe, nokwalatha ngomnwe, nokuthetha ubudenge;

58:10 wamvukelisa olambileyo ngento oyidlayo, wawuhluthisa umphefumlo wocinezelweyo: kophumela ke ukukhanya kwakho emnyameni, nesithokothoko sakho sibe njengemini enkulu.

58:11 Uya kuhlala ekwalathisa uYehova, awuhluthise umphefumlo wakho ekubaleleni kwelanga, omeleze amathambo akho, ube njengomyezo onyakanyiswa yimvula, nanjengendawo ephuma amanzi, emanzi angatshiyo.

58:12 Baya kwakha amanxuwa angunaphakade abakowenu, uvuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana; bathi ukukubiza nguMvingci wamathuba, nguMbuyisi womendo wokuhlala.

58:13 Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni:

58:14 uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.

59:1 Yabonani, isandla sikaYehova asisifutshane, ukuba singasindisi; nendlebe yakhe ayinzima, ukuba ingevi.

59:2 Bubugwenxa benu obunahlukanisileyo noThixo wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni, ukuba angevi.

59:3 Kuba izandla zenu zidyobhekile ligazi, neminwe yenu bubugwenxa; nomlomo wenu uthetha ubuxoki, ulwimi lwenu ludumzela ubugqwetha.

59:4 Akukho uvakalisa ilizwi elinobulungisa, akukho umangalelana nomnye enyanisile; bakholose ngochuku, bathethe inkohlakalo; bakhawula ububi, bazale ubutshinga.

59:5 Baqandusela amaqanda erhamba, baluka izindlu zesigcawu. Lowo udla amaqanda abo uya kufa; elinyathelweyo liqandulelwa inyushu.

59:6 Imisonto yabo ayiyi kuba yingubo, nemisebenzi yabo ayiyi kubagubungela. Izenzo zabo zizenzo zobutshinga; ukusebenza ngogonyamelo kusezandleni zabo.

59:7 Iinyawo zabo zigidimela ebubini, zikhawuleze ukuya kuphalaza igazi elimsulwa; iingcinga zabo ziingcinga zobutshinga; emendweni wabo kukubhuqa nokwaphula.

59:8 Abayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo abalwazi uxolo.

59:9 Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembe ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembe ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni.

59:10 Siya phuthaphutha njengeemfama eludongeni; siyaphuthaphutha njengabangenamehlo; sikhubeka emini enkulu ngathi kungongcwalazi; phakathi kwabaxhamla ubomi, ngathi thina singabafileyo.

59:11 Siyavungama njengebhere sonke siphela; sidumzela sidumzele njengamavukuthu; sithemba okusesikweni, kungabikho; sithemba usindiso, lube kude kuthi.

59:12 Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi:

59:13 ukukreqa kuYehova, nokumkhanyela, nokubuya umva kuThixo wethu, ukuthetha okucudisayo, okutyekisayo, ukukhawula nokuphimisela ngentliziyo amazwi obuxoki.

59:14 Okusesikweni kubuyiswe umva, nobulungisa bumi kude; ngokuba inyaniso ikhubekile endaweni yembutho, akunakungena okuthe gca.

59:15 Yesuka yasweleka inyaniso, nocezayo ebubini wazibhunyulisa. Wabona ke uYehova, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni.

59:16 Wabona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mthandazeli; yaza yamsindisela ingalo yakhe, nobulungisa bakhe bona bamxhasa.

59:17 Wanxiba ubulungisa ngokwengubo yentsimbi, wanxiba isigcina-ntloko sosindiso entloko; ukwambatha wambatha iingubo zempindezelo, wazithi wambu ngekhwele, kwanga kungengubo yokwaleka.

59:18 Ngokwempatho yabo leyo uya kubuyekeza ngokoko, ubushushu kubabandezeli bakhe, kwaimpatho yabo kwabaziintshaba zakhe; kwiziqithi uya kubuyekeza kwaimpatho yazo.

59:19 Baya kuloyika igama likaYehova entshonalanga, baboyike ubuqaqawuli bakhe empumalanga; kuba uya kuza njengomlambo oxineneyo, obalekiswa ngumoya kaYehova;

59:20 eze engumkhululi weZiyon, wababuyayo elukreqweni kwaYakobi; utsho uYehova.

59:21 Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; uMoya wam ophezu kwakho, nelizwi lam endilibeke emlonyeni wakho, aliyi kusuka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yembewu yakho, utsho uYehova, kuthabathele kweli xesha kude kuse ephakadeni.

60:1 Suk’ ume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe.

60:2 Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaha, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.

60:3 Ziya kuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho.

60:4 Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni.

60:5 Uya kwandula ukubona, ukhazimle, inkwantye yande intliziyo yakho; ngokuba iya kuguqulelwa kuwe intabalala yolwandle, ubutyebi beentlanga buya kuza kuwe.

60:6 Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amagobo akwaMidiyan nawakwaEfa, bonke bephela baya kuza bevela kwaShebha, bezisa igolide nentlaka emhlophe, beshumayela iindaba ezilungileyo zeendumiso zikaYehova.

60:7 Yonke imihlambi yakwaKedare ibuthelana kuwe, iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti ziyakulungiselela; zinyuka ngokulikholo kum esibingelelweni sam, ndihombise indlu yokuhomba kwam.

60:8 Ngoobani na abaya, beza bebaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo?

60:9 Okwenene zithembele kum iziqithi, ziinqanawa zaseTarshishe phambili; zizisa oonyana bakho bevela kude, benesilivere yabo negolide yabo, kwigama likaYehova uThixo wakho, koyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekuhombisile.

60:10 Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu;

60:11 ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga, nookumkani bazo beqhutywa.

60:12 Kuba uhlanga nobukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala, ezo ntlanga ziphanze ziphanzile.

60:13 Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres nompleyini nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam.

60:14 Baya kuza kuwe besibekeka oonyana babacinezeli bakho, baqubude ezintendeni zeenyawo zakho abakugibayo; ukukubiza bathi, Mzi kaYehova, Ziyon yoyiNgcwele kaSirayeli.

60:15 Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.

60:16 Uya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi.

60:17 Esikhundleni sobhedu ndizisa igolide, esikhundleni sesinyithi ndizisa isilivere, esikhundleni semithi ubhedu, esikhundleni samatye isinyithi; isiveleli sakho ndisenze uxolo, abaphathi bakho ndibenze ubulungisa.

60:18 Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho; iindonga zakho ukuzibiza wothi luSindiso, namasango akho uthi yiNdumiso.

60:19 Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini, nenyanga ingakukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe; uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, uThixo wakho abe sisihombo sakho.

60:20 Aliyi kuba satshona ilanga lakho, ingafi nenyanga yakho; kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, zizaliseke iimini zesijwili sakho.

60:21 Abantu bakho bayakuba ngamalungisa bonke bephela, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade; besisithole esityelwe ndim, isenzo sesandla sam sokuba ndihombe.

60:22 Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko.

61:1 UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo;

61:2 ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili;

61:3 ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.

61:4 Baya kwakha amanxuwa angunaphakade, bavuse iindawo ezichithakeleyo zangaphambili, bahlaziye imizi engamanxuwa, iindawo ezichithakeleyo zezizukulwana ngezizukulwana.

61:5 Baya kuma abasemzini, baluse imihlambi yenu, oonyana bezinye iintlanga babe ngabalimi bomhlaba wenu, nabezidiliya zenu.

61:6 Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa ningababingeleli bakaYehova; kuya kuthiwa kuni, ningabalungiseleli boThixo wethu; niya kudla ubutyebi beentlanga, nindolose ninozuko lwazo.

61:7 Esikhundleni sokudana kwenu niya kuzuza okuphindiweyo; esikhundleni sehlazo baya kumemelela ngesahlulo sabo; ngako oko baya kudla ilifa eliphindiweyo ezweni labo, baya kuba novuyo olungunaphakade.

61:8 Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga ngokugqwetha; ndibanika umvuzo womsebenzi wabo ngenyaniso; ndenza umnqophiso ongunaphakade nabo.

61:9 Iya kwaziwa imbewu yabo ezintlangeni, baziwe nabaphume ezibilinini zabo phakathi kwezizwe; bonke abababonayo baya kubazi ukuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova.

61:10 Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; kuba endinxibe iingubo zosindiso, endithe wambu ngengubo yokwaleka yobulungisa, njengomyeni ononkontsho ngokombingeleli, nanjengomtshakazi evethe iimpahla zakhe.

61:11 Kuba njengoko ilizwe livelisa izilimo zalo, njengoko umyezo untshulisa intlwayelelo yawo, yenjenjalo iNkosi uYehova ukuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke.

62:1 Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi tu, ngenxa yeYerusalem andiyi kuzola, bude buphume njengokusa ubulungisa bayo, nosindiso lwayo njengesikhuni esidangazelayo;

62:2 zibubone iintlanga ubulungisa bakho, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Uya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kaYehova;

62:3 ube sisithsaba sokuhomba esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni yesandla soThixo wakho.

62:4 Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; ngokuba uYehova ekunanzile, nelizwe lakho lendile.

62:5 Njengokuba indodana izeka intombi, oonyana bakho baya kuzeka wena; njengomyeni enemihlali ngomtshakazi, uThixo wakho uya kuba nemihlali ngawe.

62:6 Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimise abagcini: imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka.

62:7 Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini.

62:8 UYehova ufunge isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo.

62:9 Kuba ngabayihlanganisileyo abaya kuyidla, badumise uYehova; ngabayibuthayo abaya kuyisela ezintendelezweni zengcwele yam.

62:10 Phumani, phumani ngamasango; gecani indlela yabantu; fumbani, fumbani umendo, ncothulani amatye kuwo; nyusani ibhanile phezu kwezizwe.

62:11 Yabona, uYehova uvakalisile wesa eziphelweni zehlabathi, wathi, Yithini kwintombi enguZiyon, Yabona, usindiso lwakho luyeza; yabona, umvuzo wakhe unawo, nento ayisebenzileyo iphambi kwakhe.

62:12 Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova ngokumiselwa; ukubizwa kwakho kuthiwe, ungofuniweyo, ungumzi ongashiyiweyo.

63:1 Ngubani na lo uza evela kwaEdom, evela eBhotsera, zibomvu iingubo zakhe? Lo uyingangamsha ngesambatho sakhe, enyalasa ebuninzini bamandla akhe? Ndim, mna uthetha ngokobulungisa, mna umkhulu ukusindisa.

63:2 Yini na ukuba sibe yingqombela isambatho sakho, neengubo zakho zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini?

63:3 Isifaxangelo ndisixovule ndedwa; ezizweni akubangakho bani inam; ndazixovula ndinomsindo, ndazinyasha ndishushu; igazi lazo lachaphazela iingubo zam, ndasidyobha sonke isambatho sam.

63:4 Kuba umhla wempindezelo ubusentliziyweni yam, nomnyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile.

63:5 Ndabheka, akwabakho mncedi; ndamangaliswa ukuba kungabikho mxhasi; yandisindisela ke ingalo yam, nobushushu bam baba ngumxhasi wam.

63:6 Ndazigqusha izizwe ndinomsindo, ndazinxilisa ndinobushushu, ndalihlisela emhlabeni igazi lazo.

63:7 Ndiya kukhankanya iinceba zikaYehova, iindumiso zikaYehova ngokokufanele konke ukusiphatha kukaYehova; nokulunga kwakhe okukhulu kwindlu kaSirayeli, awayiphatha ngako ngokwemfesane yakhe, nangokobuninzi beenceba zakhe.

63:8 Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke.

63:9 Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.

63:10 Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo.

63:11 Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Uphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Uphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?

63:12 wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?

63:13 wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, abakhubeka?

63:14 Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wenjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo.

63:15 Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho? Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum.

63:16 Kuba ungubawo wena, ngokuba uAbraham engasazi, uSirayeli engasinakani; wena, Yehova, unguBawo, uMkhululi wethu ligama lakho kwasephakadeni.

63:17 Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Buya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.

63:18 Abantu bakho abangcwele badla ilifa umzuzwana; ababandezeli bethu bayigqusha ingcwele yakho.

63:19 Sisuke saba njengabo ungabalawulanga kwasephakadeni, abangabizwanga ngegama lakho.

64:1 Yoo! Wanga ungawakrazula amazulu uhle, zizamazame iintaba ebusweni bakho,

64:2 njengomlilo uvuthisa iintsasa, njengomlilo uxhaphazelisa amanzi; ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, zigungqe iintlanga ebusweni bakho.

64:3 Ekwenzeni kwakho imisebenzi eyoyikekayo, ebe singayilindele, wanga ungehla, zizamazame iintaba ebusweni bakho!

64:4 Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye.

64:5 Umkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke?

64:6 Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzi yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya.

64:7 Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.

64:8 Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela.

64:9 Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela.

64:10 Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa.

64:11 Indlu yobungcwele bethu nokuhomba kwethu, ababekudumisela kuyo oobawo, itshile ngumlilo, neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele.

64:12 Uya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele?

65:1 Ndangxokeka kwababengandibuzi, ndafumaneka kwababengandifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.

65:2 Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, abahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo:

65:3 abantu aba bandiqumbisayo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni,

65:4 behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa;

65:5 besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke.

65:6 Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa,

65:7 nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiselayo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo.

65:8 Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke.

65:9 Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam;

65:10 iSharon yoba likriwa lempahla emfutshane, nentili yeAkore ibe yindawo yokubutha iinkomo ebantwini bam abandiquqeleyo.

65:11 Ke nina nimshiyileyo uYehova, niyilibeleyo intaba yam engcwele, nimlungiselayo uThamsanqa isithebe, nimzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo,

65:12 ndinimisele ikrele, niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, anasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo.

65:13 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.

65:14 Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.

65:15 Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo;

65:16 ngokokude athi ozisikeleleyo elizweni, azisikelele ngoThixo wenyaniso; athi ofungayo elizweni, afunge uThixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili, nangokuba zisithele emehlweni am.

65:17 Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.

65:18 Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali.

65:19 Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala.

65:20 Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe.

65:21 Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo.

65:22 Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.

65:23 Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.

65:24 Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile.

65:25 Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle umququ njengenkomo; inyoka, sibe luthuli isonka sayo. Aziyi kwenza bubi, zonakalise, kuyo yonke intaba yam engcwele; utsho uYehova.

66:1 Utsho uYehova ukuthi, Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam. Iyini na le ndlu, niya kundakhela yona? Iyini na le ndawo yokuphumla kwam?

66:2 Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam.

66:3 Oxhela inkomo unjengesixabela-mntu; obingelela igusha ngumsiki wenja; onyusa umnikelo wokudla ngumnyusi wegazi lehagu; okhumbuza ngoqhumiselo lwentlaka emhlophe ngosikelela into ebubutshinga. Bezinyulele nje iindlela zabo, umphefumlo wabo wawananza amazothe abo:

66:4 nam ke ndiya kunyula iimfeketho zokufeketha ngabo, ndibazisele izinto ezibanxunguphalisayo; ngenxa enokuba ndabizayo, akwabakho usabelayo; ndathetha, abeva; besuka benza ububi emehlweni am, banyula nento endingayinanzileyo.

66:5 Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo ngelizwi lakhe; uthi, Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxothayo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova, sibone imivuyo yenu; baya kudana ke bona.

66:6 Phulaphulani isandi esiphuma kuwo umzi; ilizwi eliphuma etempileni; ilizwi likaYehova, ephindezela impatho yeentshaba zakhe.

66:7 Ingekazibhijabhiji, yazala; ingekezi inimbakuyo, yathi tyibilili umntwana oyinkwenkwe.

66:8 Ngubani na okhe weva kunjalo? Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Kuya kuzalwa ilizwe ngamini-nye na? Kuzalwa uhlanga ngasihlandlo sinye na? Ngokuba isathi ukuthi ukuzibhijabhija, yabazala onyana bayo iZiyon.

66:9 Mna ndingavelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingathi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho.

66:10 Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali, nonke bayenzalayo isijwili;

66:11 ukuze nanye nihluthe libele leentuthuzelo zayo, ukuze nishube, nixhamle ukwehlisa kozuko lwayo.

66:12 Ngokuba uYehova utsho ukuthi, Yabonani, ndisingisa uxolo kuyo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengesihlambo esikhukulayo, ukuze nanye; niya kubelekwa ephangweni, niteketiswe emathangeni.

66:13 Njengomntu othu thuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem.

66:14 Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe.

66:15 Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo.

66:16 Kuba uYehova uya kuyigweba ngomlilo nangekrele lakhe inyama yonke, babe baninzi ababuleweyo nguYehova.

66:17 Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, bexelisa omnye ongaphakathi, badle inyama yehagu, nento enezothe, nempuku, baya kuphela kunye; utsho uYehova.

66:18 Mna ke, ndiyazazi izenzo zabo neengcinga zabo. Kobakho ixesha lokuba zihlanganisane zonke iintlanga neelwimi, zize zibubone ubuqaqawuli bam;

66:19 ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndithume abasindileyo kuzo, baye ezintlangeni ezingooTarshishe, noPuli, noLudi, abatyedi besaphetha; ezingooTubhali noYavan, eziqithini ezikude ezingazivanga iindaba zam, ezingabubonanga ubuqaqawuli bam, babuxele ubuqaqawuli bam ezintlangeni.

66:20 Baya kubazisa bonke abazalwana benu, bevela nabo ezintlangeni zonke, bengumnikelo kuYehova, bekhwele emahasheni, nasezinqwelweni, nasemathaleni, nakoondlebende, nakwiinkamelakazi, benyuke entabeni yam engcwele eYerusalem, utsho uYehova; kwanjengokuba oonyana bakaSirayeli bewuzisa umnikelo wokudla ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova.

66:21 Ndothabatha nakuzo ezo, zibe ngababingeleli nabaLevi; utsho uYehova.

66:22 Kuba njengoko amazulu amatsha nehlabathi elitsha endiza kuwenza, amiyo phambi kwam, utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma imbewu yenu negama lenu;

66:23 kuthi kuphikelane nokuthwasa kweenyanga zonke, kuphikelane neesabatha zonke, ukuza kwenyama yonke, ukuba iqubude phambi kwam; utsho uYehova.

66:24 Baya kuphuma babone izidumbu zamadoda akreqileyo kum; kuba iimpethu zabo aziyi kufa, nomlilo wabo ungacimi, babe linyumnyezi kuluntu lonke.


Next: Jeremiah