Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Judges

1:1 Kwathi emva kokufa kukaYoshuwa, babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, besithi, Ngubani na oya kusiqalela ukunyuka aye kumaKanan, alwe nawo?

1:2 Wathi uYehova, Konyuka uYuda: yabonani, ndilinikele ilizwe esandleni sakhe.

1:3 Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. USimon wahamba naye ke.

1:4 Wenyuka ke uYuda; uYehova wawanikela amaKanan namaPerizi esandleni sabo. Bawabulala eBhezeki amadoda angamawaka alishumi.

1:5 UAdoni waseBhezeki bamfumana eBhezeki, balwa naye, bawabulala amaKanan namaPerizi.

1:6 Wasaba uAdoni waseBhezeki; bamsukela, bambamba, bamnqumla oozithupha noobhontsi.

1:7 Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjenjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.

1:8 Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo.

1:9 Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nakweleentlambo.

1:10 Waya uYuda kumaKanan abehleli eHebron; igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati ka-Arbha; babulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi.

1:11 Wesuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri ngenxa engaphambili beliyiKiriyati-sefere.

1:12 Wathi uKalebhi, Othe wayingenela iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.

1:13 Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.

1:14 Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?

1:15 Yathi kuye, Ndinike into, ngokuba undinike umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. UKalebhi wayinika ke imithombo yasentla nemithombo yasezantsi.

1:16 Oonyana bomKeni, uyise womkaMoses, benyuka eMzini wamaSundu noonyana bakaYuda, baya kwintlango yakwaYuda, engasezantsi kweArade, baya bahlala nabantu abo.

1:17 Waya uYuda noSimon umkhuluwa wakhe, bawabulala amaKanan abehleli eTsefati, bayitshabalalisa. Kwathiwa igama laloo mzi yiHorma.

1:18 UYuda wayithimba iGaza nommandla wayo, neAshkelon nommandla wayo, ne-Ekron nommandla wayo.

1:19 UYehova waye enoYuda, wabagqogqa abeentaba; kodwa ebengenako ukubagqogqa abemi bentili, ngokuba baye beneenqwelo zesinyithi.

1:20 Bamnika uKalebhi umzi waseHebron, njengoko wathethayo uMoses; wabagqogqa apho oonyana bobathathu baka-Anaki.

1:21 Ke amaYebhusi, abehleli eYerusalem, abawagqogqanga oonyana bakaBhenjamin. Ahleli amaYebhusi noonyana bakaBhenjamin eYerusalem unanamhla.

1:22 Indlu kaYosefu yenyuka nayo, yaya kuyingenela iBheteli; uYehova waye enayo.

1:23 Indlu kaYosefu yayihlola iBheteli; ke igama laloo mzi ngenxa engaphambili beliyiLuzi.

1:24 Iintlola ezo zambona umntu ephuma kuloo mzi, zathi kuye, Khawusibonise ithuba lokungena kulo mzi; sokwenzela inceba.

1:25 Wazibonisa ithuba lokungena kuloo mzi; zawubulala umzi ngohlangothi lwekrele; bamndulula loo mntu nemizalwane yakhe yonke.

1:26 Waya loo mntu ezweni lamaHeti, wakha umzi, wathi igama lawo yiLuzi; ligama lawo unanamhla.

1:27 UManase akayigqogqanga iBhete-shehan namagxamesi ayo, neTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi baseIhlam namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo; ke amaKanan aphikela ukuhlala kwelo zwe.

1:28 Kwathi, akomelela amaSirayeli, awafaka uviko amaKanan, akawagqogqa awagqibe.

1:29 UEfrayim akawagqogqanga amaKanan abemi eGezere; ahlala amaKanan phakathi kwakhe eGezere.

1:30 UZebhulon akabagqogqanga abemi baseKitron nabemi baseNahaloli; ahlala amaKanan phakathi kwakhe, afakwa uviko.

1:31 UAshere akabagqogqanga abemi baseAko, nabemi baseTsidon, neAhalabhi, neAkezibhi, neHelebha, neAfiki, neRehobhi.

1:32 Ama-Ashere ahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe; ngokuba akawagqogqanga.

1:33 UNafetali akabagqogqanga abemi baseBhete-shemeshe, nabemi baseBhete-anati; wahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe. Abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati bafakwa uviko nguye.

1:34 Ama-Amori abaxinela kweleentaba oonyana bakaDan; ngokuba akabavumelanga ukuba behle beze entilini.

1:35 Ama-Amori aphikela ukuhlala eHarheres, naseAyalon, naseShahalebhim. Isandla sendlu kaYosefu saba nzima, afakwa uviko.

1:36 Umda wama-Amori wathabathela eqhineni leAkrabhim, engxondorheni, wenyusa.

2:1 Kwenyuka isithunywa sikaYehova eGiligali, saya eBhokim, sathi, Ndaninyusa eYiputa, ndanizisa kwelo zwe ndafunga kooyihlo ngalo, ndathi, Andiyi kuwaphula umnqophiso wam nani naphakade;

2:2 ke nina nize ningenzi mnqophiso nabemi beli lizwe; nize nizidilize izibingelelo zabo. Aniliphulaphulanga ke izwi lam. Yintoni na le niyenzileyo?

2:3 Kananjalo ndathi, Andiyi kubagqogqa phambi kwenu, ukuze babe ziimviko emacaleni enu, oothixo babo babe ngumgibe kuni.

2:4 Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila.

2:5 Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim; babingelela apho kuYehova.

2:6 Ke kaloku okuya uYoshuwa wabandululayo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balime ilizwe.

2:7 Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli.

2:8 Wafa ke uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.

2:9 Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnata-heres, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.

2:10 Sakuba neso sizukulwana sonke sihlanganiselwe kooyise, kwavela sizukulwana simbi emva kwaso, esibe singamazi uYehova, kwanomsebenzi abewenzele amaSirayeli.

2:11 Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bakhonza ooBhahali.

2:12 Bamlahla uYehova, uThixo wooyise, owabakhuphayo ezweni lamaYiputa; balandela thixo bambi koothixo bezizwe ezibajikelezileyo, babanqula, bamqumbisa uYehova.

2:13 Bamlahla ke uYehova, bakhonza uBhahali noAshtaroti.

2:14 Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sabaphangi, bawaphanga. Wathengisa ngawo, wawanikela esandleni seentshaba zawo ngeenxa zonke; akaba saba nakuma phambi kweentshaba zawo.

2:15 Athi akuphuma esiya naphi, sasuka isandla sikaYehova sawachasa ngobubi, njengoko wakuthethayo uYehova, njengoko wawafungelayo; abandezeleka kunene.

2:16 UYehova wavelisa abagwebi; bawasindisa esandleni sabaphangi bawo.

2:17 Akabaphulaphula nabagwebi bawo, asuka ahenyuza ngokulandela thixo bambi, abanqula, atyeka kamsinya endleleni ababehamba ngayo ooyise, yokuphulaphula imithetho kaYehova. Akenjanga njalo ke wona.

2:18 Naxa uYehova wawavelisela abagwebi, uYehova waba nomgwebi lowo, wawasindisa esandleni seentshaba zawo yonke imihla yomgwebi lowo; ngokuba uYehova wazohlwaya ngenxa yokuncwina kwawo, phambi kwabaxini bawo, ababandezeli bawo.

2:19 Kwathi, akufa umgwebi lowo, abuya onakalisa ngaphezu kooyise, alandela thixo bambi ngokubakhonza nangokubanqula; akaziyeka iintlondi zawo nendlela yokuba lukhuni kwawo.

2:20 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli; wathi, Ngenxa enokuba olu hlanga luwugqithile umnqophiso wam endawumisela ooyise, alwaliphulaphula ilizwi lam:

2:21 nam andiyi kuphinda ndithi phambi kwabo ndigqogqe mntu wezi ntlanga, wazishiyayo uYoshuwa ekufeni kwakhe;

2:22 ukuze ndiwalinge ngazo amaSirayeli, ukuba oyigcina na indlela kaYehova, ahambe ngayo, njengoko bayigcinayo ooyise, akayi kuyigcina, kusini na?

2:23 Waziyeka ke uYehova ezo ntlanga, akazigqogqa kamsinya, akazinikela esandleni sikaYoshuwa.

3:1 Zizo ke ezi iintlanga awaziyekayo uYehova, ukuze awalinge ngazo amaSirayeli, lawo angazazanga iimfazwe zonke zakwaKanan;

3:2 ukuze kodwa azazi izizukulwana zoonyana bakaSirayeli ngokuzifundisa imfazwe, zona ezo zanga phambili zazingazazi:

3:3 izikhulu zozihlanu zamaFilisti, namaKanan onke, namaTsidon, namaHivi ahleli ezintabeni zeLebhanon, ethabathela ezintabeni zeBhahali-hermon, ese ekuyeni eHamati.

3:4 Abo ke babengabokulinga amaSirayeli, ukuze kwazeke ukuba oyiphulaphula na imithetho kaYehova, awayiwisela ooyise ngesandla sikaMoses.

3:5 Bahlala ke oonyana bakaSirayeli phakathi kwamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.

3:6 Bazizeka iintombi zawo zaba ngabafazi babo, bendisa iintombi zabo koonyana bawo, bakhonza oothixo bawo.

3:7 Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bamlibala uYehova uThixo wabo, bakhonza ooBhahali nooAshera.

3:8 Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni sikaKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram phakathi kweMilambo; bamkhonza ke oonyana bakaSirayeli uKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.

3:9 Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela uYehova oonyana bakaSirayeli umsindisi owabasindisayo, onguOteniyeli, unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi.

3:10 Wafikelwa nguMoya kaYehova, wawalawula amaSirayeli, waphuma waya kulwa. UYehova wamnikela esandleni sakhe uKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram; isandla sakhe saba namandla phezu koKushan-rishatayim.

3:11 Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.

3:12 Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enze ububi emehlweni kaYehova.

3:13 Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.

3:14 Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.

3:15 Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele. Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.

3:16 UEhude wazenzela ikrele elintlangothi mbini, liyikubhite ubude balo, walinxiba phantsi kwengubo yakhe ethangeni lakhe lokunene.

3:17 Wawusondeza umnikelo kuEglon ukumkani wamaMowabhi: ke uEglon ebengumfo onengxeba.

3:18 Kwathi, akugqiba ukuwusondeza umnikelo, wabandulula abantu ababewuthwele umnikelo lowo.

3:19 Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu. Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye.

3:20 Weza uEhude kuye, ehleli egumbini eliphezulu elinempepho, elibe lilelakhe yedwa. Wathi uEhude, Ndinelizwi likaThixo eliza kuwe; wesuka esihlalweni.

3:21 UEhude wasolula isandla sakhe sokhohlo, walithabatha ikrele ethangeni lakhe lokunene, walifaka esiswini sakhe.

3:22 Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.

3:23 Waphuma uEhude waya evarandeni, wazivala iingcango zegumbi elo liphezulu, wamvalela, wazitshixa.

3:24 Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, Fanel’ ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho.

3:25 Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.

3:26 UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira.

3:27 Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, ephambi kwabo yena.

3:28 Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, abavuma ukuba kuwele mntu.

3:29 Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angathi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda.

3:30 Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.

3:31 Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.

4:1 Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, akuba efile uEhude.

4:2 UYehova wathengisa ngabo, wabanikela esandleni sikaYabhin, ukumkani wakwaKanan, obephethe ubukumkani eHatsore, omthetheli-mkhosi ebenguSisera, ohleli eHarosheti yeentlanga.

4:3 Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; wabaxina ke oonyana bakaSirayeli ngamandla iminyaka emashumi mabini.

4:4 Ke kaloku uDebhora, umprofetikazi, umkaLapidoti, ebewalawula amaSirayeli ngelo xesha.

4:5 Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala.

4:6 Wathumela ke wabiza uBharaki, unyana ka-Abhinowam, eKedeshe yakwaNafetali, wathi kuye, Akakuwiselanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Hamba utsalele entabeni yeTabhore, uthabathe nawe amadoda angamawaka alishumi, koonyana bakaNafetali nakoonyana bakaZebhulon?

4:7 Ndomtsalela kuwe emlanjaneni waseKishon uSisera, umthetheli womkhosi kaYabhin, neenqwelo zakhe zokulwa, nengxokolo yakhe; ndimnikele esandleni sakho.

4:8 Wathi uBharaki kuye, Ukuba uthe wahamba nam, ndohamba; ukuba akuthanga ubambe nam, andiyi kuhamba.

4:9 Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe.

4:10 UBharaki wawahlabela umkhosi amaZebhulon namaNafetali eKedeshe. Kwenyuka amadoda angamawaka alishumi, amlandela.

4:11 Wenyuka naye uDebhora. Ke kaloku uHebhere, umKeni, wayezahlule kumaKeni, koonyana bakaHobhabhi, uyise womkaMoses, wazimisa iintente zakhe, zaya kuma ngoMoki waseTsahanayim ngaseKedeshe.

4:12 Waxelelwa uSisera ukuba uBharaki, unyana ka-Abhinowam, unyuke weza entabeni yeTabhore.

4:13 USisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba, nabantu bonke abanaye, bethabathele eHarosheti yeentlanga, besa emlanjaneni waseKishon.

4:14 Wathi uDebhora kuBharaki, Suk’ ume, ngokuba yiyo le imini uYehova amnikele ngayo uSisera esandleni sakho; akaphumi yini na uYehova phambi kwakho? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi.

4:15 UYehova wamdubaduba uSisera neenqwelo zakhe zonke zokulwa, nomkhosi wakhe wonke, ngohlangothi lwekrele phambi koBharaki; wehla uSisera enqwelweni, wasaba ngeenyawo.

4:16 UBharaki wazisukela iinqwelo zokulwa, wawusukela nomkhosi, wesa eHarosheti yeentlanga; wawa wonke umkhosi kaSisera ngohlangothi lwekrele, akwasala noko amnye.

4:17 USisera wasaba ngeenyawo, waya ententeni kaYaheli, umkaHebhere umKeni; ngokuba belixolile phakathi koYabhin ukumkani waseHatsore nendlu kaHebhere umKeni.

4:18 Waphuma ke uYaheli, waya wamkhawulela uSisera, wathi kuye, Phambuka, nkosi yam, phambukela kum; musa ukoyika. Waphambukela ke kuye ententeni, wamgubungela ngengubo.

4:19 Wathi kuye, Khawundiphe intwana yamanzi ndisele, ngokuba ndinxaniwe. Wamthululela amasi emvabeni, wamnika wasela; wamgubungela.

4:20 Wathi kuye, Yima emnyango ententeni; kothi, ukuba kuze umntu, wabuza wathi, Kukho umntu na apha? uthi, Hayi.

4:21 UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni; kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke.

4:22 Kwathi thaphu uBharaki, esukela uSisera. Waphuma uYaheli waya kumkhawulela, wathi kuye, Yiza, ndikubonise indoda oyifunayo. Waya kuye; nanko uSisera eludwamba efile, enesikhonkwane ezintlafunweni.

4:23 UThixo wamthoba loo mini uYabhin, ukumkani wamaKanan, phambi koonyana bakaSirayeli.

4:24 Saya isandla soonyana bakaSirayeli siba nzima ngokuba nzima phezu koYabhin, ukumkani wamaKanan, bada bamchitha uYabhin, ukumkani wamaKanan.

5:1 Baza bavuma ooDebhora noBharaki, unyana ka-Abhinowam, ngaloo mini, besithi,

5:2 Ngenxa yokukhokela kweenkokeli, Ngenxa yokuqhutywa kwabantu ziintliziyo zabo, Bongani uYehova.

5:3 Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube; Mna lo ndiya kuvuma kuYehova, Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli.

5:4 Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire, Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom, Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu; Ewe, amafu avuza amanzi.

5:5 Iintaba zazamazama phambi koYehova; ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli.

5:6 Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati. Ngemihla kaYaheli, bezingahanjwa iindlela, Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.

5:7 Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa, Ndada ndesuka, mna Debhora, Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli.

5:8 Kwakunyulwe oothixo abatsha, Kwaza kwayimfazwe emasangweni; Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na, Phakathi kwamawaka amashumi mane akwaSirayeli?

5:9 Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli, Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu; Bongani uYehova.

5:10 Nina bakhwele ezimazini ezimhlophe zamaesile, Nina bahlala ezinkukweni, Nani bahamba ngendlela, camngcani.

5:11 Kude nezwi lababi bamaxhoba, apho kukhiwa khona amanzi, Khona apho bobonga imisebenzi kaYehova yobulungisa, Imisebenzi yobulungisa awayenza emaphandleni akhe kwaSirayeli; Oko behla abantu bakaYehova, baya emasangweni.

5:12 Vuka, vuka, Debhora! Vuka, vuka, hlaba ingoma! Suk’ ume, Bharaki, thimba abathinjwa bakho, nyana ka-Abhinowam.

5:13 Yihlani ke, maqongqolo aziingangamsha, ningabantu; Yehova, ndihlele phakathi kwamagorha.

5:14 Avela kwaEfrayim angcambu ikwa-Amaleki, Emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwezizwe zakowenu; Kwehla kwaMakire abamisi-mthetho, KwaZebhulon umqikela unomnqayi wombhali wempi.

5:15 KwaIsakare abathetheli kunye noDebhora, NjengoIsakare, ukwanjalo uBharaki; Bagaleleka entilini, bamlandela. Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukusongela okukhulu kwentliziyo.

5:16 Ubuhlaleleni na phakathi kwezibaya, Uphulaphula amakhwelo emihlambini? Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukugocagoca okukhulu kwentliziyo.

5:17 UGiliyadi phesheya kweYordan walala, akalwa; UDan ke yena walibala yini na ngasezinqanaweni? UAshere wahlala ngaselunxwemeni lolwandle. Walala phantsi ngasemachwebeni alo, akalwa.

5:18 AmaZebhulon ngabantu ababenza isichenge ubomi babo ekufeni, NamaNafetali, ezindaweni eziphakamileyo zelizwe.

5:19 Kwafika ookumkani, balwa, Baza ookumkani bakwaKanan balwa ETahanaki, ngasemanzini aseMegido; Abathimba neqhosha lesilivere.

5:20 Zalwa ezulwini, Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.

5:21 Umlanjana waseKishon wabakhukulisa, Umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon. Nyathela ngamandla, mphefumlo wam.

5:22 Aza angqisha ke ngamanqina amahashe Ngokuphala, ngokuphala anamandla kuwo.

5:23 Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova, Qalekisani, qalekisani abemi bakhona. Ngokuba bengezanga kunceda uYehova, Kunceda uYehova phakathi kwamagorha.

5:24 Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli, UmkaHebhere umKeni. Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni.

5:25 Wacela amanzi, wamnika amasi, Ngesitya sezinhanha wasondeza ingqaka.

5:26 Wasa isandla sakhe esikhonkwaneni, Wasa esokunene esandweni sabasebenza kanzima, Wamkhanda uSisera, wamhlekeza intloko, Wamhlaba, wambhodloza ezintlafunweni.

5:27 Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa, walala phantsi. Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa; Apho waguqa khona, wawa ephelile.

5:28 Walunguza ngefestile, wamemeza Ngesithuba unina kaSisera, wathi, Ilibele yini na inqwelo yakhe yokulwa, ingafiki nje? Zihlaleleni na iinqwelo zakhe zomkhosi, zingahlokomi nje?

5:29 Aphendule alumkileyo amakhosazana akhe—Ke yena aphinde kwaelakhe, ethetha yedwa, athi,

5:30 Abafumene na? Ababi amaxhoba na? Yintombi, ziintombi ngambini kwintloko yendoda? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele kuSisera? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele, eengubo ezilukwe zamfakamfele? Yingubo emfakamfele, ziingubo ezimbini ezilukwe zamfakamfele ezintanyeni zamaxhoba?

5:31 Makube njalo ukubhubha kweentshaba zakho zonke, Yehova; Ke abamthandayo mababe njengokuphuma kwelanga linamandla. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane.

6:1 Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova; wabanikela uYehova esandleni samaMidiyan iminyaka esixhenxe.

6:2 Isandla samaMidiyan saba namandla phezu kwamaSirayeli; oonyana bakaSirayeli bazilungisela imigongxo esezintabeni, nemiqolomba, neemboniselo ngenxa yamaMidiyan.

6:3 Kwathi, xa abehlwayele amaSirayeli, enyuka amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga;

6:4 benyuka, bawafikela, bawangqinga, bayonakalisa indyebo yelizwe kwada kwaya eGaza, abashiya nto idliwayo kwaSirayeli, nagusha, nankomo, naesile.

6:5 Ngokuba bebenyuka bona nemfuyo yabo, neentente zabo, beza benjengeenkumbi ukuba baninzi, ababa nakubalwa, bona neenkamela zabo; balingena ilizwe ukuba balonakalise.

6:6 Abhitya kunene amaSirayeli ngenxa yamaMidiyan. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.

6:7 Kwathi, bakukhala oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa yamaMidiyan,

6:8 uYehova wathuma indoda engumprofeti koonyana bakaSirayeli; yathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndaninyusa mna eYiputa, ndanikhupha endlwini yobukhoboka;

6:9 ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sabaxini benu bonke, ndabagxotha phambi kwenu, ndaninika ilizwe labo;

6:10 ndathi kuni, NdinguYehova, uThixo wenu; ningaboyiki oothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo; analiphulaphula izwi lam.

6:11 Kweza isithunywa sikaYehova, sahlala phantsi komoki obuseOfra, kaYowashe umAbhihezere. Ke uGidiyon, unyana wakhe, wayebhula ingqolowa esixovulelweni, ukuze ayifihle kumaMidiyan.

6:12 Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, sathi kuye, UYehova unawe, gorhandini linobukroti.

6:13 Wathi uGidiyon kuso, Camagu, Nkosi yam; ukuba uYehova unathi, yini na ukuba kusihlele konke oku? Iphi na yonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo, ababesibalisela ngayo oobawo, besithi, Sasinganyuswanga nguYehova na eYiputa? Kungoku uYehova usilahlile, wasinikela esandleni samaMidiyan.

6:14 Wabheka ke uYehova kuye, wathi, Hamba ngala mandla akho, uwasindise amaSirayeli esandleni samaMidiyan. Akuthunywe ndim yini na?

6:15 Wathi yena kuye, Camagu, Nkosi yam, ndowasindisa ngantoni na amaSirayeli? Khangela, umzi wakowethu ngowona uphantsi kwaManase, nam ndinguyena mncinane endlwini kabawo.

6:16 Wathi uYehova kuye, Ndiya kuba nawe, uwabulale amaMidiyan njengandoda-nye.

6:17 Wathi kuye, Ukuba ndibabalwe nguwe, khawundenzele umqondiso wokuba nguwe othetha nam.

6:18 Musa ukumka apha, ndide ndize kuwe, ndirhole umnikelo wam, ndiwubeke phambi kwakho.

6:19 Wathi, Ndohlala mna, ude ubuye. UGidiyon waya walungisa itakane lebhokhwe, nezonka ezingenagwele ze-efa yomgubo ocoliweyo; inyama wayibeka engobozini, umhluzi wawugalela embizeni, wazisa kuye phantsi komoki, wasondeza.

6:20 Sathi kuye isithunywa sikaThixo, Thabatha inyama nezonka ezingenagwele, uzibeke phezu kweli litye, uwuphalazele kulo umhluzi. Wenjenjalo.

6:21 Saza isithunywa sikaYehova sesa incam yentonga esesandleni saso, sachukumisa inyama nezonka ezingenagwele; wenyuka umlilo elityeni, wayidla inyama nezonka ezingenagwele, saza isithunywa sikaYehova semka ke emehlweni akhe.

6:22 Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.

6:23 UYehova wathi kuye, Uxolo malube kuwe; musa ukoyika, akuyi kufa.

6:24 UGidiyon wakha khona isibingelelo kuYehova, wathi igama laso nguYehova-uluxolo; sisekho nanamhla eOfra yama-Abhihezere.

6:25 Kwathi ngobo busuku, wathi uYehova kuye, Thabatha inkunzi yenkomo eyekayihlo, eyesibini inkunzi eminyaka isixhenxe, usidilize isibingelelo sikaBhahali sikayihlo, umgawule uAshera ongakuso;

6:26 wakhe isibingelelo kuYehova uThixo wakho encotsheni yale nqaba, usilungiselele, uthabathe eyesibini inkunzi, unyuse idini elinyukayo ngeenkuni zika-Ashera omgawuleyo.

6:27 UGidiyon wathabatha amadoda alishumi kubakhonzi bakhe; wenza njengoko wathethayo uYehova kuye. Kwathi, kuba esoyika indlu kayise namadoda aloo mzi, akenza emini, wenza ebusuku.

6:28 Avuka kusasa ngengomso amadoda aloo mzi: naso isibingelelo sikaBhahali sidiliziwe, egawulwe noAshera obengakuso, neyesibini inkunzi inyusiwe phezu kwesibingelelo esibe sakhiwe.

6:29 Yathi enye kwenye, Ngubani na lo wenze le nto? Abuza, afuna. Bathi, NguGidiyon unyana kaYowashe, lo wenze le nto.

6:30 Athi amadoda aloo mzi kuYowashe, Khupha unyana wakho, afe; ngokuba usidilizile isibingelelo sikaBhahali, wamgawula uAshera obengakuso.

6:31 Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba unguThixo, makazithethele, ngokuba sidiliziwe isibingelelo sakhe.

6:32 Kwathiwa loo mini unguYerubhahali, kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.

6:33 Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.

6:34 UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.

6:35 Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.

6:36 Wathi uGidiyon kuThixo, Ukuba uyawasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo,

6:37 nanku ndibeke uboya obuchetyiweyo esandeni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.

6:38 Kwaba njalo ke. Wavuka kusasa ngengomso, wabukhamanga uboya, wawukhama umbethe eboyeni, kwazala indebe ngamanzi.

6:39 Wathi uGidiyon kuThixo, Mawungavuthi umsindo wakho kum, ndakuthetha okwesi sihlandlo sodwa; makhe ndilinge okwesi sihlandlo sodwa ngoboya, kome uboya bodwa, umbethe ube semhlabeni wonke.

6:40 Wenjenjalo uThixo ngobo busuku: koma uboya bodwa, umbethe waba semhlabeni wonke.

7:1 Wavuka kusasa uYerubhahali (nguGidiyon ke lowo), nabantu bonke naye, bamisa emantloko omthombo weHarodi; ke umkhosi wamaMidiyan wawungakuye, ngasentla kwenduli yakwaMore, entilini.

7:2 Wathi uYehova kuGidiyon, Baninzi abantu abanawe, kunokuba ndiwanikele amaMidiyan esandleni sabo; hleze amaSirayeli aqhayise, athi, Sisindiswe sisandla sethu.

7:3 Khawudanduluke ke ngoko ezindlebeni zabantu, uthi, Owoyikayo nogubhayo makabuye, makanyebeleze emke ezintabeni zeGiliyadi. Kwabuya ke kubo abantu abangamawaka angamashumi omabini anamabini; kwasala amawaka alishumi.

7:4 Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angabambi nawe yena.

7:5 Wehla nabantu waya emanzini; wathi uYehova kuGidiyon, Bonke abasukuba bekramncela amanzi ngolwimi lwabo, njengoko ixhaphayo inja, uze ubamise bodwa; bonke abasukuba beguqa ngamadolo abo ukuba basele, uze ubamise bodwa.

7:6 Inani labaselayo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.

7:7 Wathi uYehova kuGidiyon, Ndiya kunisindisa ngala madoda amakhulu mathathu akramnceleyo, ndiwanikele amaMidiyan esandleni sakho. Bonke abanye abantu mabagoduke, elowo aye endaweni yakhe.

7:8 Bawuphatha abantu abo umphako ngesandla sabo, nezigodlo zabo. Wawandulula onke amadoda akwaSirayeli, ukuba ileyo iye ententeni yayo; wagcina amadoda lawo amakhulu mathathu. Umkhosi wamaMidiyan waba ngezantsi kwakhe entilini.

7:9 Kwathi ngobo busuku, uYehova wathi kuye, Vuka, uhle uye empini; ngokuba ndiyinikele esandleni sakho.

7:10 Ukuba uyoyika ukuhla, yihla nomfana wakwakho uFura,

7:11 uye empini, uve into abayithethayo; emveni koko siya komelela isandla sakho. Yihla ke uye empini. Wehla ke yena noFura, umfana wakwakhe, baya ekupheleni kwabaxhobileyo abasempini.

7:12 AmaMidiyan nama-Amaleki nabasempumalanga bonke babelele entilini benjengeenkumbi ukuba baninzi; neenkamela zawo zibe zingenakubalwa, njengentlabathi yonxweme lolwandle ukuba zininzi.

7:13 Wafika uGidiyon; nantso indoda ixelela ummelwane wayo iphupha, isithi, Yabona, ndiphuphe iphupha; ndibone kuqengqeleka isonka serhasi sisiza emkhosini wamaMidiyan, sifike ententeni, sibethe iwe, ithi bhukuqu intente, ithi bhuma.

7:14 Waphendula ummelwane wayo wathi, Loo nto kunje likrele likaGidiyon, unyana kaYowashe, indoda yakwaSirayeli; uThixo uwanikele amaMidiyan nomkhosi wonke esandleni sakhe.

7:15 Kwathi, akukuva uGidiyon ukuxelwa kwephupha nokutyhilwa kwalo, wanqula, wabuyela emkhosini wamaSirayeli, wathi, Vukani, ngokuba uYehova uyinikele impi yamaMidiyan esandleni senu.

7:16 Wawahlula aba ngamaqela omathathu amadoda lawo amakhulu mathathu; wabeka izigodlo esandleni sawo onke, nemiphanda engenanto, nezikhuni ezivuthayo ngaphakathi kwemiphanda leyo.

7:17 Wathi kuwo, Khangelani kum, nenjenje: yabonani, ndakufika ekupheleni kwempi, nothi njengoko ndenza ngako mna, nenjenjalo nina.

7:18 Ndovuthela ngezigodlo mna, nabo bonke abanam, nivuthele ke ngezigodlo nani ngeenxa zonke emkhosini, nithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!

7:19 Wafika ke uGidiyon, nekhulu lamadoda elinaye, ekupheleni kwempi, ekuqalekeni komlindo ophakathi kobusuku, bakuth’ ukuthi ukumiswa abalindi. Lavuthela ngezigodlo, liyiqhekeza imiphanda esezandleni zalo.

7:20 Avuthela ke ngezigodlo amaqela omathathu, ayiqhekeza imiphanda; aziphatha izibane ezivuthayo ngezandla zawo zokhohlo, awaphatha amaxilongo ngezandla zawo zokunene, ukuba avuthele; adanduluka esithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!

7:21 Ema onke ezindaweni zawo ngeenxa zonke empini. Yasaba yonke impi, yakhala, yasabisa.

7:22 Amakhulu omathathu avuthela ngezigodlo. UYehova walibhekisa ikrele lendoda kummelwane wayo, nakwimpi yonke; yasaba impi, yasinga eBhete-shita ngaseTserera, yasinga emdeni weAbhele-mehola ngaphaya kweTabhata.

7:23 Wahlatyelwa umkhosi, weza umntu wakwaSirayeli ephuma kwaNafetali, nakwa-Ashere, nakuManase wonke, wawasukela amaMidiyan.

7:24 UGidiyon wathuma abathunywa kweleentaba lonke lakwaEfrayim, esithi, Yihlani niwahlangabeze amaMidiyan, niwaphangele ukuthabatha amanzi, nise eBhete-bhara neYordan. Wahlatywa umkhosi, beza abantu bonke bakwaEfrayim, baphangela ukuwathabatha amanzi lawo, besa eBhete-bhara neYordan.

7:25 Bababamba abathetheli ababini bamaMidiyan, uOrebhe noZebhe; bambulalela uOrebhe eweni likaOrebhe, uZebhe bambulalela esixovulelweni sikaZebhe, bawasukela amaMidiyan. Beza nentloko kaOrebhe nekaZebhe kuGidiyon phesheya kweYordan.

8:1 Athi amadoda akwaEfrayim kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi, yokuba ungasibizi, ukuya kulwa kwakho namaMidiyan? Babambana naye kabukhali.

8:2 Wathi kuwo, Ndenze ntoni na ngoku ngangani? Ukubhikica kwamaEfrayim akukugqithile na ngokulunga ukuvuna iidiliya komAbhihezere?

8:3 UThixo ubanikele esandleni senu abathetheli bakwaMidiyan, uOrebhe noZebhe; yintoni na endinokuyenza ngangani? Yaza ingqumbo yawo ngakuye yadamba ekulithetheni kwakhe elolizwi.

8:4 Akufika uGidiyon eYordan, ewela enamadoda amakhulu mathathu, etyhafile, esasukela noko,

8:5 wathi kumadoda aseSukoti, Khanibaphe abantu aba bandilandelayo iintendana zezonka, ngokuba batyhafile; ndisukela uZebha noTsalimuna, ookumkani bamaMidiyan.

8:6 Bathi abathetheli baseSukoti, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwunike umkhosi wakho isonka?

8:7 Wathi uGidiyon, Xa kunjalo, akubanikela uYehova ooZebha noTsalimuna esandleni sam, ndoyibhalula inyama yenu ngemithana enameva yasentlango, nangamakhakakhaka.

8:8 Wenyuka khona, waya ePenuweli, wathetha kubo kwangokunjalo. Bamphendula abantu basePenuweli njengoko bamphendula ngako abantu baseSukoti.

8:9 Watsho nakubantu basePenuweli, ukuthi, Ekubuyeni kwam ngoxolo ndoyidiliza le nqaba inde.

8:10 Ke kaloku uZebha noTsalimuna bebeseKarkore, benemikhosi yabo, ngathi ngamawaka alishumi elinamahlanu ewonke amadoda, abesele kwimikhosi yonke yabasempumalanga. Kwakuwe amadoda alikhulu elinamanci mabini amawaka, arhola ikrele.

8:11 Wenyuka uGidiyon ngendlela yabahlala ezintenteni, ngasempumalanga kweNobha neYogebheha, wayibulala impi; impi leyo ibingaxhalele nto.

8:12 Basaba ooZebha noTsalimuna; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bamaMidiyan, ooZebha noTsalimuna; wayothusa yonke impi.

8:13 Wabuya uGidiyon unyana kaYowashe emfazweni, evela eqhineni leHeheres,

8:14 wabamba indodana yabantu baseSukoti, wayibuza; yambalela abathetheli baseSukoti, namadoda amakhulu akhona, amadoda amashumi asixhenxe anesixhenxe.

8:15 Weza ebantwini baseSukoti, wathi, Naba ooZebha noTsalimuna, enibe nindingcikiva ngabo, nisithi, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwanike isonka amadoda akho atyhafileyo?

8:16 Wawathabatha amadoda amakhulu aloo mzi, nemithana enameva yasentlango namakhakakhaka, wawaqondisa ngayo amadoda aseSukoti.

8:17 Wayidiliza nenqaba ende yasePenuweli, wababulala abantu baloo mzi.

8:18 Wathi kuZebha noTsalimuna, Ebenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi, Abenjengawe, elowo enesithomo sonyana wokumkani.

8:19 Wathi, Babengabazalwana bam abo, oonyana bakama. Ehleli nje uYehova, ukuba benibasindisile, ngendinganibulali.

8:20 Wathi kuYetere owamazibulo kuye, Suk’ ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.

8:21 Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk’ ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.

8:22 Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.

8:23 Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.

8:24 Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni; ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)

8:25 Athi, Sokunika ngemvume. Azandlala iingubo, aphosa khona elowo ijikazi lexhoba lakhe.

8:26 Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba liwaka elinamakhulu asixhenxe eeshekele zegolide, ngaphandle kwezaa ntsimbi namacici neengubo ezimfusa ezibe zikookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezidanga ezibe zisezintanyeni zeenkamela zabo.

8:27 UGidiyon wenza ngazo iefodi, wayibeka emzini wakhe eOfra; athi onke amaSirayeli ahenyuza ngokuyilandela khona; yangumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.

8:28 Athotywa amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane ngemihla kaGidiyon.

8:29 Waya uYerubhahali, unyana kaYowashe, wahlala endlwini yakhe.

8:30 UGidiyon ebenoonyana abangamashumi asixhenxe abaphumayo esinqeni sakhe, ngokuba ebenabafazi abaninzi.

8:31 Neshweshwe lakhe, elibe likwaShekem, lamzalela unyana nalo; awamthiya igama lokuba nguAbhimeleki.

8:32 Wafa uGidiyon unyana kaYowashe, eyingwevu enkulu, wangcwatyelwa engcwabeni likaYowashe uyise, eOfra yama-Abhihezere.

8:33 Kwathi, akufa uGidiyon, babuya oonyana bakaSirayeli bahenyuza ngokulandela uBhahali; bazimisela uBhahali-bheriti, waba nguthixo wabo.

8:34 Oonyana bakaSirayeli abamkhumbulanga uYehova uThixo wabo, owabahlangulayo esandleni seentshaba zabo zonke ngeenxa zonke;

8:35 abayenzela nceba indlu kaYerubhahali, kaGidiyon, ngokokulunga konke awawenzelayo amaSirayeli.

9:1 Waya uAbhimeleki kaYerubhahali kwaShekem kubazalwana bonina, wathetha kubo nakwimizalwane yonke yendlu kayise yonina, wathi,

9:2 Khanithethe ezindlebeni zabemi bakwaShekem bonke, nithi, Okona kulungileyo kuni, kukuthi nilawulwe ngamadoda amashumi asixhenxe, oonyana bonke bakaYerubhahali, kukuthi nilawulwe yindoda ibe nye, kusini na? Khumbulani ukuba ndilithambo lenu; ndiyinyama yenu.

9:3 Bathetha abazalwana bonina ngaye, ezindebeni zabemi bakwaShekem bonke loo mazwi onke, intliziyo yabo yakuthobela ukumlandela uAbhimeleki; ngokuba bathi, Ngumzalwana wethu.

9:4 Bamnika iisilivere ezimashumi asixhenxe ezivela endlwini kaBhahali-bheriti; uAbhimeleki waqesha ngazo amadoda angenabuntu, agasileyo; amlandela ke.

9:5 Weza endlwini kayise eOfra, wababulala abazalwana bakhe, oonyana bakaYerubhahali, amadoda amashumi asixhenxe, tyeni linye; kwasala uYotam, unyana omncinane kaYerubhahali, ngokuba wazimela.

9:6 Bahlangana bonke abemi bakwaShekem nendlu yonke yeMilo, baya bamenza uAbhimeleki ukumkani ngasemokini wesikhumbuzo okwaShekem.

9:7 Waxelelwa uYotam, waya wema encotsheni yentaba yeGerizim, waliphakamisa izwi lakhe, wadanduluka, wathi kubo, Ndiveni, nina bemi bakwaShekem, aze uYehova anive nani.

9:8 Yaya imithi ukuya kuthambisa ukumkani ukuba abe phezu kwayo. Yathi kumnquma, Yiba ngukumkani wethu.

9:9 Wathi umnquma kuyo, Ndingade ndikuncame na ukutyeba kwam abakuzukisayo oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

9:10 Yathi imithi kumkhiwane, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

9:11 Wathi umkhiwane kuyo, Ndingade ndiyincame na incasa yam, neziveliso zam ezihle, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

9:12 Yathi imithi kumdiliya, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

9:13 Wathi umdiliya kuyo, Ndingade ndiyincame na iwayini yam evuyisa oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

9:14 Yathi yonke imithi kwiqunube, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

9:15 Lathi iqunube kuyo imithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani nizimele ngomthunzi wam; ukuba akunjalo, makuphume umlilo equnubeni, uyidle imisedare yaseLebhanon.

9:16 Ukuba ke ngoko nenze ngenyaniso nangokugqibeleleyo, uAbhimeleki nimenze ukumkani nje, ukuba nenze okulungileyo kuYerubhahali nakwindlu yakhe, ukuba nimenzele ngokwempatho yezandla zakhe;

9:17 (ekubeni ubawo wanilwelayo, wawulahlayo umphefumlo wakhe, wanihlagulayo esandleni samaMidiyan;

9:18 ke nina nisuke nayivunukela indlu kabawo namhla, nababulala oonyana bakhe, amadoda angamashumi asixhenxe, tyeni linye, namenza ukumkani wabemi bakwaShekem uAbhimeleki, unyana womkhonzazana wakhe, ngokuba engumzalwana wenu);

9:19 ukuba ke nenze ngenyaniso nangokugqibeleleyo namhla kuYerubhahali nakwindlu yakhe: vuyani ke ngoAbhimeleki, avuye naye ngani.

9:20 Ukuba akunjalo, makuphume umlilo kuAbhimeleki, ubadle abemi bakwaShekem nendlu yeMilo, uphume umlilo kubemi bakwaShekem nakwindlu yeMilo, umdle uAbhimeleki.

9:21 Wabaleka ke uYotam, wasaba, waya eBhere, wahlala khona ngenxa ka-Abhimeleki umzalwana wakhe.

9:22 UAbhimeleki waba ngumthetheli wamaSirayeli iminyaka emithathu.

9:23 UThixo wathuma umoya ombi phakathi koAbhimeleki nabemi bakwaShekem, bamkhohlisa uAbhimeleki abemi bakwaShekem;

9:24 ukuze ukungonyanyelwa koonyana abangamashumi asixhenxe bakaYerubhahali kufike, igazi labo libekwe phezu koAbhimeleki umzalwana wabo, owababulalayo, naphezu kwabemi bakwaShekem, abasomelezayo isandla sakhe, wababulala abazalwana bakhe.

9:25 Abemi bakwaShekem bammisela abalaleli ezincotsheni zeentaba, baxhakamfula bonke abadlula kubo ngendlela. Waxelelwa ke uAbhimeleki.

9:26 Waya uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, badlula besiya kwaShekem. Abemi bakwaShekem bakholosa ngaye.

9:27 Baphuma baya emasimini, bavuna izidiliya zabo, bazixovula, benza iminikelo yendumiso, baya endlwini yothixo wabo, badla, basela, bamqalekisa uAbhimeleki.

9:28 Wathi uGahali unyana kaEbhede, Ngubani na yena uAbhimeleki? Engubani na yena uShekem, ukuba simkhonze? Akanyana kaYerubhahali na, waye uZebhule engemveleli wakhe na? Khonzani amadoda akwaHamore, usoShekem. Kungani na ukuba simkhonze yena?

9:29 Ababa aba bantu babesesandleni sam! Kukhona bendingamsusayo uAbhimeleki. Wathi, esingisa kuAbhimeleki, Wandise umkhosi wakho, uphume.

9:30 Waweva uZebhule, umphathi waloo mzi, amazwi kaGahali unyana kaEbhede, wavutha umsindo wakhe.

9:31 Wathuma abathunywa kuAbhimeleki ngenkohliso, esithi, Nanku uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, befike kwaShekem; yabona, bayawubandezela umzi ukuba uchasane nawe.

9:32 Vuka ke ngoko ebusuku, wena nabantu onabo, ulalele emasimini;

9:33 kothi, kusasa ukuphuma kwelanga, uvuke kusasa, wakhe uluhlu uye kuloo mzi; nanko yena nabantu anabo bephuma besiza kuwe; wenze kuye, njengoko sithe safumana ngako isandla sakho.

9:34 Wavuka ke ebusuku uAbhimeleki nabantu bonke anabo, bawulalela owakwaShekem, bemaqela mane.

9:35 Waphuma uGahali unyana kaEbhede, wema ekungeneni kwesango lomzi; wesuka uAbhimeleki nabantu anabo ekulaleleni.

9:36 UGahali wababona abantu, wathi kuZebhule, Naba abantu besihla ezincotsheni zeentaba. Wathi uZebhule kuye, Ubona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.

9:37 Waphinda waqokela uGahali, wathi ukuthetha, Naba abantu besihla emnyeleni welizwe, elinye iqela lisiza ngendlela yoMoki wamaTola.

9:38 Wathi uZebhule kuye, Uphi na kaloku umlomo wakho owathi ngawo, Ngubani na uAbhimeleki ukuba simkhonze? Asingabo abo bantu na wabacekisayo? Khawuphume kaloku, ulwe nabo.

9:39 Waphuma uGahali phambi kwabemi bakwaShekem, walwa noAbhimeleki.

9:40 UAbhimeleki wamsukela; wasaba yena phambi kwakhe. Kwawa ababuleweyo baba baninzi, kwada kwesa ekungeneni kwesango.

9:41 UAbhimeleki wahlala eAruma; uZebhule wamgxotha uGahali nabazalwana bakhe ukuba bangahlali kwaShekem.

9:42 Kwathi ngengomso, baphuma abantu baya emasimini; waxelewa uAbhimeleki.

9:43 Wabathabatha abantu, wabahlula baba maqela mathathu, walalela emasimini; wakhangela, wabona abantu bephuma kuloo mzi, wabavunukela wabaxabela.

9:44 UAbhimeleki namaqela abenawo badwela ekungeneni kwesango lomzi; aza amaqela amabini akha uluhlu kubo bonke ababesemasimini, abaxabela ke.

9:45 UAbhimeleki walwa naloo mzi imini yonke, wawuthimba umzi, nabantu abakuwo wababulala; wawudiliza umzi, wawuhlwayela ityuwa.

9:46 Beva ke bonke abasenqabeni ende yakwaShekem, bangena engontsini yendlu yoEle-Bheriti.

9:47 Waxelelwa uAbhimeleki, ukuba babuthelene khona bonke abasenqabeni ende yakwaShekem.

9:48 Wayinyuka uAbhimeleki intaba yaseTsalimon, yena nabantu bonke abenabo; uAbhimeleki waphatha amazembe ngesandla, wagawula isebe emithini, walifunqula, walibeka egxalabeni lakhe; wathi ebantwini abenabo, Into enibone ndiyenza, ngxamani nenze njengam.

9:49 Bagawula ke nabo abantu bonke, elowo isebe lakhe, bamlandela uAbhimeleki, bawabeka engontsini leyo, bayifaka isikhuni ingontsi, bekuyo abasenqabeni; kwafa nabantu bonke benqaba ende yakwaShekem, ngathi liwaka lamadoda nabafazi.

9:50 UAbhimeleki waya eTebhetse, wayingqinga iTebhetse, wayithimba.

9:51 Kwakukho inqaba ende eliqele phakathi komzi, abalekela khona onke amadoda, nabafazi, nabemi bonke bomzi, bazivalela, bakhwela phezu kwentungo yenqaba leyo inde.

9:52 Wafika ke uAbhimeleki enqabeni ende, walwa nayo, wasondela emnyango wenqaba ende, ukuze ayitshise ngomlilo.

9:53 Yasuka inkazana ethile, yaphosa ilitye lokusila langaphezulu entlokweni ka-Abhimeleki, yamtyumza ukakayi.

9:54 Wabiza kamsinya umfana wakwakhe obephethe iintonga zakhe, wathi kuye, Rhola ikrele lakho, undibulale, hleze kuthiwe ngam, Ubulewe yinkazana. Umfana wakwakhe wamhlaba amahlanza, wafa ke.

9:55 Abona amaSirayeli ukuba ufile uAbhimeleki, aya elowo endaweni yakhe.

9:56 UThixo wabubuyisela entlokweni yakhe ububi buka-Abhimeleki abebenzile kuyise, ngokubulala abazalwana bakhe abamashumi asixhenxe;

9:57 nobubi bonke bamadoda akwaShekem uThixo wabubuyisela ezintlokweni zawo; afikelwa sisiqalekiso sikaYotam, unyana kaYerubhahali.

10:1 Emva koAbhimeleki kwavela uTola, unyana kaPuwa, unyana kaDodo, umIsakare, ohleli eShamire ezintabeni zakwaEfrayim; wawasindisa amaSirayeli.

10:2 Wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamithathu; wafa, wangcwatyelwa eShamire.

10:3 Emva kwakhe kwavela uYahire umGiliyadi, wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamibini.

10:4 Wayenoonyana abamashumi mathathu, abakhwela emaesileni amatsha amashumi mathathu, benemizi emashumi mathathu, ekuthiwa yiHavoti-yahire yona unanamhla, esezweni laseGiliyadi.

10:5 Wafa uYahire, wangcwatyelwa eKamon.

10:6 Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali, nooAshtaroti, noothixo bakwa-Aram, noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo bamaFilisti. Bamlahla uYehova, abamkhonza.

10:7 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni samaFilisti, nasesandleni soonyana baka-Amon.

10:8 Babaguba babacola oonyana bakaSirayeli kwangaloo mnyaka; babacola iminyaka elishumi elinesibhozo bonke oonyana bakaSirayeli, ababephesheya kweYordan ezweni lama-Amori eliseGiliyadi.

10:9 Oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, ukuze balwe namaYuda, namaBhenjamin, nendlu yakwaEfrayim; amaSirayeli abandezeleka kunene.

10:10 Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova, bathi, Sikonile, ngokuba simlahlile uThixo wethu, sakhonza ooBhahali.

10:11 Wathi uYehova koonyana bakaSirayeli, Ndibe ndinganisindisanga na kumaYiputa, nakuma-Amori, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti,

10:12 nakumaTsidon, nakuma-Amaleki, nakumaMahon, abenixina; nakhala kum, ndanisindisa esandleni sawo?

10:13 Nindilahlile nina, nakhonza thixo bambi; ngako oko andiyi kuphinda ndinisindise.

10:14 Hambani niye kukhala koothixo enibanyulileyo; mabanisindise bona ngexesha lokubandezelwa kwenu.

10:15 Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla.

10:16 Babasusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova. Wakhathazeka umphefumlo wakhe ngokwaphuka kwamaSirayeli.

10:17 Babizeleka ndawonye oonyana baka-Amon, bamisa eGiliyadi. Bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bamisa eMizpa.

10:18 Bathi abantu, abathetheli baseGiliyadi, omnye komnye, Ngubani na indoda eya kuqala ukulwa noonyana baka-Amon? Yoba yintloko yabemi bonke baseGiliyadi.

11:1 Ke kaloku uYifeta, umGiliyadi, ebeligorha elinobukroti; ke ubengunyana wenkazana elihenyukazi. UGiliyadi wazala uYifeta.

11:2 UmkaGiliyadi wamzalela oonyana; bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYifeta, bathi kuye, Akuyi kudla lifa endlwini kabawo, ngokuba ungunyana wankazana yimbi wena.

11:3 Wabaleka uYifeta phambi kwabazalwana bakhe, wahlala ezweni laseTobhi. Kwathuthelana kuYifeta amadoda angenabuntu, aphuma naye.

11:4 Kwathi, kwakuba ntsuku, balwa oonyana baka-Amon noonyana bakaSirayeli.

11:5 Kwathi, bakuba besilwa oonyana baka-Amon namaSirayeli, amadoda amakhulu aseGiliyadi aya kumthabatha uYifeta ezweni laseTobhi;

11:6 athi kuYifeta, Yiza ube ngumphathi wethu, silwe noonyana baka-Amon.

11:7 Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini yini na abandithiyayo, bandigxotha endlwini kabawo? Kungani na ukuba nize kum kaloku, nakuba nibandezelekile?

11:8 Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, Kukho kaloku le nto sibuyela kuwe, ukuba uhambe nathi, ulwe noonyana baka-Amon, ube yintloko kuthi, kubemi bonke baseGiliyadi.

11:9 Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Ukuba nithe nandibuyisa, ukuze ndilwe noonyana baka-Amon, uYehova wabanikela kum, mna ndoba yintloko kuni na?

11:10 Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, UYehova makabe lingqina phakathi kwethu; inene siya kwenjenjalo ngokwelizwi lakho.

11:11 Wahamba ke uYifeta namadoda amakhulu aseGiliyadi; abantu bammisa phezu kwabo, waba yintloko nomphathi. Wawathetha uYifeta onke amazwi akhe phambi koYehova eMizpa.

11:12 UYifeta wasusa abathunywa, baya kukumkani woonyana baka-Amon, wathi, Yintoni na enam nawe, uze kum nje ukuba ulwe nelizwe lam?

11:13 Wathi ukumkani woonyana baka-Amon kubathunywa bakaYifeta, Kungokuba amaSirayeli alithabathayo ilizwe lam, ukunyuka kwawo eYiputa, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa eYordan; libuyise ngoxolo kalokunje.

11:14 UYifeta waphinda wathuma abathunywa kukumkani woonyaka baka-Amon, wathi kuye,

11:15 Utsho uYifeta ukuthi, AmaSirayeli akalithabathanga ilizwe lakwaMowabhi, nelizwe loonyana baka-Amon;

11:16 ngokuba ekunyukeni kwawo eYiputa amaSirayeli ahamba ngentlango, eza eLwandle oluBomvu, eza eKadeshe;

11:17 amaSirayeli athuma abathunywa kukumkani wakwaEdom, esithi, Makhe ndicande ezweni lakho. Ke ukumkani wakwaEdom akaphulaphulanga. Athuma nakukumkani wakwaMowabhi, naye akavumanga. Ahlala amaSirayeli eKadeshe.

11:18 Ahamba entlango, alijikela ilizwe lakwaEdom nelizwe lakwaMowabhi, evela ekuphumeni kwelanga; aya ezweni lakwaMowabhi, amisa ngaphesheya kweArnon, akangena emdeni wakwaMowabhi, ngokuba iArnon ngumda wakwaMowabhi.

11:19 AmaSirayeli athuma abathunywa kuSihon, ukumkani wama-Amori, ukumkani waseHeshbhon; athi amaSirayeli kuye, Makhe ndicande ezweni lakho, ndiye endaweni yam.

11:20 Ke uSihon akakholwa ngamaSirayeli, ukuba acande emdeni wakhe. Wabahlanganisa uSihon bonke abantu bakhe, bamisa eYatsa, walwa namaSirayeli.

11:21 UYehova, uThixo kaSirayeli, wamnikela uSihon nabantu bakhe bonke, esandleni samaSirayeli. Ababulala, alihlutha amaSirayeli lonke ilizwe lama-Amori abehleli kweli lizwe.

11:22 Awuhlutha wonke umda wama-Amori, athabathela eArnon esa eYabhoki, athabathela entlango esa eYordan.

11:23 Kaloku uYehova, uThixo kaSirayeli, uwagqogqile ama-Amori phambi kwabantu bakhe amaSirayeli. Uya kulihlutha na ke wena?

11:24 Akuhluthi elo na, akuhluthele lona uKemoshe uthixo wakho? Nathi sihluthe lonke asihluthele lona uYehova uThixo wethu ebusweni bethu?

11:25 Ngoku wena ulunge ngaphezu koBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi, yini na? Wakha wabambana nokubambana na yena namaSirayeli, wakha walwa nokulwa na yena nawo?

11:26 Ekuhlaleni kwamaSirayeli eHeshbhon nasemagxamesini ayo, naseArohere nasemagxamesini ayo, nasemizini yonke esemacaleni eArnon iminyaka emakhulu mathathu, ibiyini na ukuba ningayihlanguli ngelo xesha?

11:27 Mna andikonanga; nguwe ondenza into embi ngokulwa nam. UYehova uMgwebi makagwebe namhla phakathi koonyana bakaSirayeli noonyana baka-Amon.

11:28 Ukumkani woonyana baka-Amon akawaphulaphula amazwi kaYifeta awawathumela kuye.

11:29 UMoya kaYehova wamfikela uYifeta, wacanda eGiliyadi nakwaManase, wacanda naseMizpa yaseGiliyadi; wesuka eMizpa yaseGiliyadi, wabangenela oonyana baka-Amon.

11:30 UYifeta wabhambathisa kuYehova isibhambathiso, wathi, Ukuba uthe wabanikela kanye oonyana baka-Amon esandleni sam,

11:31 wothi, osukuba ephuma emnyango wendlu yam, eza kundikhawulela ekubuyeni kwam ngoxolo koonyana baka-Amon, abe ngokaYehova; ndimnyuse abe lidini elinyukayo.

11:32 Wagqitha ke uYifeta, waya koonyana baka-Amon ukuba alwe nabo. Wabanikela uYehova esandleni sakhe.

11:33 Wababulala kakhulu kunene, kwathabathela eArohere kwada kwaya eMiniti, imizi emashumi mabini, kwesa eAbhele-keramim. Bathotywa oonyana baka-Amon phambi koonyana bakaSirayeli.

11:34 Wafika uYifeta eMizpa endlwini yakhe; nantso intombi yakhe iphuma iza kumkhawulela, inengqongqo ingqungqa; yaye ikuphela komntwana wakhe, ngaphandle kwayo wayengenanyana nantombi.

11:35 Kwathi akuyibona, wazikrazulu iingubo zakhe, wathi, Yini na le, ntombi yam! Undithobile kakhulu wena ungowabandihlisele intlekele! Mna ndiwuvulile umlomo wam kuYehova; andinakubuya umva.

11:36 Yathi kuye, Bawo, uwuvulile umlomo wakho kuYehova; yenza kum njengoko kuphume emlonyeni wakho; okunje uYehova akwenzele impindezelo ezintshabeni zakho, oonyana baka-Amon.

11:37 Yathi kuyise, Mandenzelwe le ndawo; ndiyeke iinyanga zibe mbini, ndihambe ndihle ndiye ezintabeni, ndililele ubuntombi bam, mna nabalingane bam.

11:38 Wathi, Yiya. Wayindulula, yaya iinyanga ezimbini. Yaya yona nabalingane bayo, yabulilela ubuntombi bayo ezintabeni.

11:39 Kwathi, ekupheleni kweenyanga ezimbini, yabuya yeza kuyise, wasenzela kuyo isibhambathiso sakhe, awayesibhambathisile; ke yona yayingazani nandoda. Yaba lisiko kwaSirayeli ukuthi,

11:40 imihla kamihla, iintombi zakwaSirayeli ziye ziyibonge intombi kaYifeta umGiliyadi, imihla emine ngomnyaka.

12:1 Ahlatyelwa umkhosi eza amadoda akwaEfrayim, awela aya entla, athi kuYifeta, Ibiyini na ukuba ugqithe uye kulwa noonyana baka-Amon, ungasibizanga sihambe nawe? Siya kuyitshisa ngomlilo indlu yakho phezu kwakho.

12:2 Wathi uYifeta kuwo, Mna bendingumfo wembambano, mna nabantu bam besibambene kunene noonyana baka-Amon; ndanihlabela umkhosi, anandisindisa esandleni sabo.

12:3 Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon; uYehova wabanikela esandleni sam. Kungani na ukuba ninyuke namhla, nize kulwa nam?

12:4 Wawabutha uYifeta onke amadoda aseGiliyadi, walwa namaEfrayim. Amadoda aseGiliyadi awabulala amaEfrayim, ngokuba ebesithi, Ningabasabileyo kumaEfrayim, nina maGiliyadi, phakathi kwamaEfrayim namaManase.

12:5 AmaGiliyadi awaphangela amaEfrayim ngokuvingca amazibuko eYordan. Babesithi abasabileyo bakwaEfrayim bakuthi, Mandiwele, athi kuye amadoda aseGiliyadi, UngumEfrayim na? Ubesithi akuthi, Hayi,

12:6 athi kuye, Khawuthi, Shibholete; wathi yena, Sibholete, engalungisi ukulibiza ngokwenjenjalo; asuke ambambe, amsike emazibukweni eYordan. Kwawa ke ngelo xesha kumaEfrayim amawaka angamashumi omane anamabini.

12:7 UYifeta wawalawula amaSirayeli iminyaka yamithandathu. Wafa ke uYifeta umGiliyadi, wangcwatyelwa komnye wemizi yaseGiliyadi.

12:8 Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uIbhetsan waseBhetelehem.

12:9 Wayenoonyana abamashumi mathathu; waya kwendisa ngaphandle iintombi ezimashumi mathathu, wazekela oonyana bakhe iintombi ezimashumi mathathu ezivela ngaphandle. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esixhenxe.

12:10 Wafa ke uIbhetsan, wangcwatyelwa eBhetelehem.

12:11 Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uElon, umZebhulon; wawalawula amaSirayeli iminyaka elishumi.

12:12 Wafa ke uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon, ezweni lakwaZebhulon.

12:13 Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uAbhedon, unyana kaHileli, wasePiraton.

12:14 Waye enoonyana abamashumi mane, noonyana boonyana abamashumi mathathu, abakhwela kumaesile amatsha amashumi asixhenxe. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esibhozo.

12:15 Wafa ke uAbhedon unyana kaHileli, wasePiraton, wangcwatyelwa ePiraton ezweni lakwaEfrayim, kweleentaba lama-Amaleki.

13:1 Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova. UYehova wabanikela esandleni samaFilisti iminyaka emashumi mane.

13:2 Ke kaloku kwabakho ndoda ithile yaseTsora, yomlibo wamaDan, egama linguManowa, umkayo eludlolo, engazali.

13:3 Kwabonakala isithunywa sikaYehova kumfazi lowo, sathi kuye, Yabona, uludlolo wena, akuzali; ke uya kumitha, uzale unyana.

13:4 Ke ngoko khawuzigcine, uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo; ungadli nanye into eyinqambi.

13:5 Ngokuba uyabona, uya kumitha, uzale unyana; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni. Yiyo ke eya kuqala ukuwasindisa amaSirayeli esandleni samaFilisti.

13:6 Weza lo mfazi, wathi kwindoda yakhe, Kufike kum umntu kaThixo, imbonakalo yakhe injengembonakalo yesithunywa sikaThixo, isoyikeka kunene; kodwa andimbuzanga apho avela khona, naye akandixelelanga igama lakhe.

13:7 Wathi kum, Uyabona, uya kumitha, uzale unyana; ke ngoko uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo, kwasesizalweni, kude kube ngumhla wokufa kwayo.

13:8 Wathandaza ke uManowa kuYehova, wathi, Camagu, Nkosi yam; umntu kaThixo owamthumayo makakhe abuye eze kuthi, asifundise ukuba simthini na umntwana oya kuzalwa.

13:9 Waliphulaphula uThixo izwi likaManowa; sabuya seza ke isithunywa sikaYehova kumfazi lowo ehleli entsimini, uManowa indoda yakhe ingenaye.

13:10 Wakhawuleza umfazi, wagidima, wayixelela indoda yakhe, wathi kuyo, Yabona, ubonakele kum laa mntu ubeze kum laa mhla.

13:11 Wesuka ke uManowa, wamlandela umkakhe, waya kuloo mntu, wathi kuye, Ungulaa mntu na ubethetha nomfazi? Wathi, Ndinguye.

13:12 Wathi uManowa, Ukuba lithe lenzeka kaloku ilizwi lakho, loba yintoni na isiko lale nkwenkwe, nokwenza kwayo?

13:13 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko.

13:14 Maze angadli nto iphuma emdiliyeni, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, angadli nanye into eyinqambi. Konke endimwisele umthetho ngako makakugcine.

13:15 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Makhe sikubambezele, sikwenzele itakane lebhokhwe.

13:16 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.

13:17 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzukise lakwenzeka ilizwi lakho?

13:18 Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?

13:19 Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe.

13:20 Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.

13:21 Asaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi.

13:22 Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo.

13:23 Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, ange engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; ange engasibonisanga zonke ezi zinto; ange engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.

13:24 Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.

13:25 Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.

14:1 Wehla uSamson waya eTimnata, wabona inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti.

14:2 Wenyuka, waxelela uyise nonina, wathi, Ndibone inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti; kaloku ke ndizekeleni ibe ngumfazi.

14:3 Bathi kuye uyise nonina, Akukho nkazana ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke na, ukuba nje ude uye kuzeka umfazi kumaFilisti angalukileyo? Wathi uSamson kuyise, Ndizekele yona, ngokuba ndikholiwe yiyo.

14:4 Uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova le nto; ngokuba ebefuna ithuba lokubambana namaFilisti. Ngelo xesha amaFilisti ebelawula kwaSirayeli.

14:5 Wehla uSamson noyise nonina, baya eTimnata, bafika ezidiliyeni zaseTimnata; nantso ingonyama entsha imkhawulela, igquma.

14:6 Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wayiqwenga, wanga uqwenga itakane, kungekho nto esandleni sakhe; akakuxela kuyise nakunina akwenzileyo.

14:7 Wehla wathetha nenkazana leyo; yamkholisa kunene uSamson.

14:8 Wabuya kwakuba ntsuku, esiya kuyizeka. Watyeka, wakhangela isidumbu sengonyama leya; nalo ibubu leenyosi lisesidumbini sengonyama, kukho nobusi.

14:9 Wabuthabatha, waphatha ngesandla, wahamba, wahamba esidla, waya kuyise nonina, wabanika, badla; akabaxelela ukuba ubusi ubuthabathe esidumbini sengonyama.

14:10 Wehla ke uyise waya kuloo nkazana; uSamson wenza umsitho khona; ngokuba abesenjenjalo amadodana.

14:11 Kwathi, bakumbona, bazisa abalingane abangamashumi omathathu, baba naye.

14:12 Wathi uSamson kubo, Ndonijikela iqhina; ukuba nithe nandicombululela ngeentsuku ezisixhenxe zomsitho, nalifumana, ndoninika iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu.

14:13 Ke ukuba anithanga nibe nako ukundicombululela, nondinika nina iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu. Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive.

14:14 Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive. Wathi kubo, Kodlayo kwaphuma ukudla, Konamandla kwaphuma incasa. Ababa nako ukulicombulula iqhina imihla emithathu.

14:15 Kwathi ngosuku lwesixhenxe bathi kumkaSamson, Yirhwebeshe indoda yakho, isicombululele iqhina, hleze sikutshise wena nendlu kayihlo ngomlilo. Nisimemele ukuba nisihlwempuzise na? Akunjalo na?

14:16 UmkaSamson wamlilela wathi, Kodwa undithiyile, akundithandi; ubajikele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandicombululela. Wathi kuye, Yabona, andibacombululelanga ubawo noma; ndicombululele wena na?

14:17 Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo. Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile. Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.

14:18 Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo, Ukuba beningalimanga ngethokazi lam, Ngeningalifumananga iqhina lam.

14:19 Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wehla waya eAshkelon, wabulala kubo apho amashumi omathathu amadoda, wawahluba iingubo, wanika abacombululi beqhina elo iingubo zokukhululana. Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.

14:20 Ke umkaSamson waba ngowomlingane wakhe, abemenze isihlobo sakhe.

15:1 Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene.

15:2 Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.

15:3 Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo.

15:4 Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo.

15:5 Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.

15:6 Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenze oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.

15:7 Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza.

15:8 Wawaxabela kakhulu ihleza nethanga; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam.

15:9 Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, akha uluhlu eLehi.

15:10 Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.

15:11 Ehla amadoda angamawaka amathathu, evela kwaYuda, aya emqhokrweni wengxondorha yase-Etam, athi kuSamson, Akwazi na ukuba amaFilisti ayasilawula? Yintoni na le usenze yona? Wathi kuwo, Njengoko enze ngako kum, ndenze ngako nam kuwo.

15:12 Athi kuye, Sihle, size kukukhonkxa, ukuba sikunikele esandleni samaFilisti. Wathi uSamson kuwo, Ndifungeleni, ukuba aniyi kundibulala ngokwenu.

15:13 Athi kuye, Siya kukukhonkxa sikuqinise, sikunikele esa ndleni sawo; ukukubulala, asiyi kukubulala. Amkhonkxa ngezintya ezintsha ezimbini, amnyusa engxondorheni.

15:14 Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe.

15:15 Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda.

15:16 Wathi uSamson, Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba; Ngomhlathi we-esile ndisike iwaka lamadoda.

15:17 Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe, wathi loo ndawo yiRamati-lehi.

15:18 Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena unike ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga.

15:19 Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo. Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla.

15:20 Wawalawula amaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka emashumi mabini.

16:1 USamson waya eGaza, wabona khona inkazana elihenyukazi, wayilala.

16:2 Kwathiwa kwabaseGaza, USamson ungene apha. Bamrhawula, bamlalela ubusuku bonke esangweni lomzi; bathi cwaka ubusuku bonke, besithi, Kwakusa ngomso sombulala.

16:3 Walala uSamson kwada kwaba phakathi kobusuku. Wavuka phakathi kobusuku, wabambelela ezingcangweni zesango lomzi, nasemigubasini yomibini, wayincothula inomvalo; wayibeka emagxeni akhe, wayithwalela encotsheni yentaba phambi kweHebron.

16:4 Kwathi emveni koko, wathanda inkazana esihlanjeni saseSoreki, igama layo linguDelila.

16:5 Zenyuka zaya kuyo izikhulu zamaFilisti, zathi kuyo, Mrhwebeshe, ubone ukuba asenini na la mandla akhe angaka, nokuba singameyisa ngantoni na, simkhonkxe ukuze simthobe; sokunika thina elowo iwaka elinekhulu lesilivere.

16:6 Wathi uDelila kuSamson, Khawundixelele ukuba asenini na la mandla akho angaka, nokuba ungakhonkxwa ngantoni na, ukuze uqotywe?

16:7 Wathi uSamson kuye, Ukuba bathe bandibopha ngeentambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.

16:8 Izikhulu zamaFilisti zenyuka, zamzisela iintambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga; wamkhonkxa ngazo.

16:9 Ke abalaleli babehleli naye egumbini. Wathi umkakhe kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wazijaca iintambo, kwanga kukujaceka kwentsontelo yeflakisi yakuva umlilo; akaziwa ke amandla akhe.

16:10 Wathi uDelila kuSamson, Yabona, udlale ngam, wandixokisa; khawundixelele kaloku ukuba ungakhonkxwa ngantoni na.

16:11 Wathi kuye, Ukuba bathe ukundikhonkxa bandikhonkxa ngeentsontelo ezintsha, ekungasetyenzwanga msebenzi ngazo, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.

16:12 UDelila wathabatha iintsontelo ezintsha, wamkhonkxa ngazo, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Ke abalaleli babehleli egumbini. Wazijaca emikhonweni yakhe njengomsonto.

16:13 Wathi uDelila kuSamson, Udlale ngam unangoku, undixokisa; ndixelele, ungakhonkxwa ngantoni na? Wathi kuye, Ukuba uthe waluka izihlwitha ezisixhenxe zentloko yam ngemisonto yokuluka.

16:14 Waziqinisa ngesikhonkwane, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni bakhe, wasincothula isikhonkwane sokuluka kwanemisonto yaso.

16:15 Wathi kuye, Ungathini na ukuthi uyandithanda, ukanti intliziyo yakho ayinam? Undikhohlisile ezi zihlandlo zozithathu, akwandixelela ukuba asenini na la mandla akho angaka.

16:16 Kwathi, akumxina ngamazwi akhe zonke iimini, emmele, wakhathazeka umphefumlo wakhe, wasingisa ekufeni.

16:17 Wamxelela intliziyo yakhe yonke, wathi kuye, Isitshetshe sokucheba asizanga sisondele entlokweni yam; ngokuba ndingumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sikama. Ukuba ndithe ndachetywa, osuka kum amandla am, ndithi fehle, ndibe njengabantu bonke.

16:18 Wabona uDelila ukuba umxelele yonke intliziyo yakhe, wathumela wabiza izikhulu zamaFilisti, esithi, Nyukani esi sihlandlo, ngokuba undixelele yonke intliziyo yakhe. Zenyuka ke zaya kuye izikhulu zamaFilisti, zenyuka zinemali esandleni sazo.

16:19 Wamlalisa emathangeni akhe, wabiza umntu, wazicheba izihlwitha zosixhenxe zentloko yakhe, waqala ke ukumqoba; emka ke amandla akhe kuye.

16:20 Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye.

16:21 Ambamba amaFilisti, amkrukra amehlo; ehla naye aya eGaza, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu amabini, waba ngumsili endlwini yamakhonkxwa.

16:22 Zaqala iinwele zentloko yakhe zahluma, emva kokuba wayechetyiwe.

16:23 Izikhulu zamaFilisti zahlanganiselwa ukuba zibingelele umbingelelo omkhulu kuDagon uthixo wazo, zivuye; zathi, Uthixo wethu umnikele esandleni sethu uSamson, utshaba lwethu.

16:24 Bambona abantu, badumisa uthixo wabo; ngokuba bebesithi, Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu, umtshabalalisi welizwe lethu, obenze babaninzi ababuleweyo kuthi.

16:25 Kwathi, xa intliziyo yabo ichwayithileyo, bathi, Bizani uSamson, asihlekise. Bambiza ke uSamson endlwini yamakhonkxwa; waphuma wahlekisa phambi kwabo. Bammisa phakathi kweentsika.

16:26 Wathi uSamson kumfana ombambe ngesandla, Ndiyeke, ndizive iintsika emi ngazo indlu, ndayame ngazo.

16:27 Ke indlu ibizele ngamadoda nabafazi; zibe zikhona zonke izikhulu zamaFilisti; phezu kophahla kwakuhleli amawaka omathathu amadoda nabafazi, bebonela ukuhlekisa kukaSamson.

16:28 USamson wanqula uYehova wathi, Nkosi yam, Yehova, khawundikhumbule, khawundomeleze okwesi sihlandlo sodwa, Thixo; ndiphindezele kumaFilisti impindezelo nokuba inye ngenxa yamehlo am omabini.

16:29 Waziwola uSamson zombini iintsika eziphakathi, emi ngazo indlu leyo, wacinezela kuzo, enye ngesandla sokunene, enye ngesokhohlo.

16:30 Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngamandla; yawa indlu phezu kwezikhulu, naphezu kwabantu bonke ababekuyo. Bathi abafi, awababulala ekufeni kwakhe, baba baninzi kunabafi awababulala esaphilile.

16:31 Behla abazalwana bakhe nendlu kayise yonke, bamthabatha, bamnyusa, bamngcwabela phakathi kweTsora ne-Eshtawoli, engcwabeni likaManowa uyise. Wawalawula yena amaSirayeli iminyaka emashumi mabini.

17:1 Kwaye kukho indoda yelasezintabeni zakwaEfrayim egama linguMika.

17:2 Yathi kunina, Iwaka lesilivere elinakhulu-nye elalithatyathwe kuwe, owashwabula ngenxa yalo, kananjalo wathetha ngalo ezindlebeni zam, yabona, isilivere leyo inam; yathatyathwa ndim. Wathi unina, Usikelelwe, nyana wam, nguYehova.

17:3 Walibuyisela kunina iwaka lesilivere elinakhulu-nye. Wathi unina, Ndiyingcwalisile yonke isilivere leyo kuYehova; iphuma esandleni sam ukuba ibe yeyonyana wam, enze umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; ndiyibuyisela kuwe ke ngoko.

17:4 Wayibuyisela ke kunina isilivere. Wawathabatha unina amakhulu omabini esilivere, wawanika umnyibilikisi, wenza ngawo umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; waba sendlwini kaMika.

17:5 Indoda leyo inguMika ibinendlu yoothixo, yayenze iefodi nemilondekhaya; yayimisele omnye koonyana bayo, waba ngumbingeleli wayo.

17:6 Ngaloo mihla bekungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza oko kuthe tye emehlweni akhe.

17:7 Ke kaloku kwakukho umfana waseBhetelehem yakwaYuda, wasemlibeni wakwaYuda, ongumLevi, engumphambukeli khona.

17:8 Yahamba indoda leyo, isuka kuloo mzi eBhetelehem yakwaYuda, yaya kuphambukela apho ingafumana indawo. Yafika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, ihamba uhambo lwayo.

17:9 Wathi uMika kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, NdingumLevi waseBhetelehem yakwaYuda; ndiya kuphambukela apho ndingafumana indawo.

17:10 Wathi uMika kuyo, Hlala nam, kum ube ngubawo nombingeleli; ndokunika mna ishumi lesilivere ngomnyaka, ndikuxhase ngento eziingubo nekukudla. Waya ke umLevi lowo.

17:11 Kwakholeka kumLevi ukuhlala nale ndoda. Loo mfana waba njengomnye woonyana bayo kuyo.

17:12 Wammisela uMika umLevi lowo, waba ngumbingeleli kuye umfana lowo; waba sendlwini kaMika.

17:13 Wathi uMika, Kaloku ndiyazi ukuba uYehova uya kundenzela okulungileyo; ngokuba ndinombingeleli ongumLevi.

18:1 Ngaloo mihla kube kungekho kumkani kwaSirayeli. Ngaloo mihla isizwe sakwaDan besizifunela ilifa lendawo yokuhlala; ngokuba kwada kwanguloo mhla, sibe sona singabelwanga lifa ngeqashiso, phakathi kwesizwe sakwaSirayeli.

18:2 Oonyana bakaDan besusa kumlibo wakowabo amadoda amahlanu, evela kwinani lawo lonke, amadoda anobukroti aseTsora nase-Eshtawoli, ukuba alihlole ilizwe, aligocagoce. Bathi kuwo, Hambani niligocagoce ilizwe. Afika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, alala khona.

18:3 Akubona ukuba angasendlwini kaMika, alifanisa ilizwi lendodana engumLevi, aphambukela khona, athi kuye, Uziswe ngubani na apha? Wenza ntoni na kule ndawo? Ungantoni na apha?

18:4 Yathi kuwo, Wenjenje, wenjenje uMika kum; wandiqesha, ndaba ngumbinge leli kuye.

18:5 Athi kuyo, Khawubuze kuThixo, sazi ukuba iya kuba nempumelelo na indlela yethu esihambela yona.

18:6 Wathi umbingeleli kuwo, Ha mbani ninoxolo, iphambi koYehova indlela yenu eniya kuhamba ngayo.

18:7 Ahamba ke amadoda amahlanu afika eLayishe; ababona abantu abaphakathi kwayo, behleli bonwabile ngokwesiko lamaTsidon, bezolile, bonwabile; kungekho uwona nganto kubaphathi belo zwe; babekude kumaTsidon, bengatheni nabani.

18:8 Afika kubazalwana bawo eTsora nase-Eshtawoli. Bathi abazalwana bawo kuwo, Nitheni na?

18:9 Athi, Sukani, sinyuke siye kubo; ngokuba silibonile ilizwe; nalo lilihle kunene, ke nithe quthu. Musani ukunqena ukuhamba, niye kulihlutha ilizwe elo.

18:10 Xa nithe nafika, nofika kubantu abonwabileyo, kwilizwe eliphangaleleyo ngamacala omabini; ngokuba uThixo ulinikele ezandleni zenu, indawo apho kungasweleke nanye into esehlabathini.

18:11 Kwanduluka ke kumlibo wakwaDan, eTsora nase-Eshtawoli, amadoda angamakhulu omathandathu, exhobe iimpahla zemfazwe.

18:12 Enyuka ke, amisa eKiriyati-yeharim yakwaYuda; ngenxa yoko bathi loo ndawo yiMahane yakwaDan unanamhla. Nantso isemva kweKiriyati-yeharim.

18:13 Agqitha aya kweleentaba lakwaEfrayim, afika endlwini kaMika.

18:14 Ke kaloku aphendula amadoda amahlanu, abeze kulihlola ilizwe laseLayishe, athi kubazalwana bawo, Niyazi na ukuba kwezi zindlu kukho iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, nomtyhido? Ke ngoko kuqondeni eniza kukwenza.

18:15 Aphambukela khona, angena endlwini yendodana engumLevi, endlwini kaMika, ayibuza ukuphila kwayo.

18:16 Athi amadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe, akoonyana bakwaDan, ema ekungeneni kwesango.

18:17 Anyuka la madoda mahlanu abeye kulihlola ilizwe, aya khona, awuthabatha umfanekiso oqingqiweyo, ne-efodi, nemilonde-khaya, nomtyhido; waye umbingeleli lowo emi ekungeneni kwesango namadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe.

18:18 Akuba lawa engene endlwini kaMika, ewuthabathile umfanekiso oqingqiweyo, iefodi, nemilonde-khaya, nomtyhido, uthe umbingeleli kuwo, Nenzani?

18:19 Athi kuye, Yithi tu, beka isandla sakho emlonyeni wakho, uhambe nathi, ube ngubawo nombingeleli kuthi. Kulungile na ukuba ube ngumbingeleli wendlu yamntu mnye, kunokuba ube ngumbingeleli wesizwe nomzalwana kwaSirayeli?

18:20 Yachwayitha intliziyo yombingeleli, wayithabatha iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, weza phakathi kwabantu abo.

18:21 Ajika ke, ahamba, azibeka iintsapho neemfuyo nezinto ezizukileyo phambi kwawo.

18:22 Akuba kude nendlu kaMika wona, athi amadoda asezindlwini ezingakwekaMika indlu ahlabelana umkhosi, eza afumanana noonyana bakaDan.

18:23 Amemeza koonyana bakaDan; baguquka ngobuso, bathi kuMika, Ukhathazwa yini na, uhlaba umkhosi nje?

18:24 Wathi yena, Oothixo bam endabenzayo nibathabathile, nemka naye nombingeleli wam; ndisenantoni na? Nitsho ngani na ke ukuthi kum, Ukhathazwa yini na?

18:25 Bathi kuye oonyana bakaDan, Musa ukulivakalisa ilizwi lakho kuthi, hleze akugqibele amadoda amphefumlo ulugcalagcala, asuse umphefumlo wakho, nomphefumlo wendlu yakho.

18:26 Bahamba ke ngendlela yabo oonyana bakaDan. Wabona uMika ukuba bomelele kunaye, wajika wabuyela endlwini yakhe.

18:27 Bayithabatha ke bona into abeyenzile uMika, nombingeleli lowo abenaye; bafika eLayishe kubantu abazolileyo, abonwabileyo, bababulala ngohlangothi lwekrele, bawutshisa umzi ngomlilo.

18:28 Bekungekho mhlanguli, ngokuba bekude nowaseTsidon, bengatheni nabani, besentilini esingise eBhete-rehobhi. Bakha umzi, bahlala khona.

18:29 Bathi igama laloo mzi ngowakwaDan, ngegama likaDan uyise, owazalelwa uSirayeli; kodwa igama laloo mzi libe liyiLayishe ngenxa engaphambili.

18:30 Baza oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo lowo; uYonatan unyana kaGershom, unyana kaManase, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli esizweni sakwaDan, kwada kwayimini yokuthinjwa kwelizwe.

18:31 Bazimisela ke umfanekiso oqingqiweyo kaMika abewenzile, yonke imihla ebiseseShilo indlu kaThixo.

19:1 Kwathi ngaloo mihla, kungekho kumkani kwaSirayeli, kwabakho indoda engumLevi ephambukele emathambekeni akwaEfrayim, yazeka umfazi olishweshwe eBhetelehem yakwaYuda.

19:2 Lahenyuza likuyo ishweshwe layo, lemka kuyo, laya endlwini yoyise walo eBhetelehem yakwaYuda, laba khona imihla eziinyanga ezine.

19:3 Yesuka indoda yalo yaliphuthuma, ukuba ithethe kakuhle nalo ilibuyise, inomfana namaesile amabini. Layingenisa endlwini yoyise walo. Wayibona uyise wentombazana leyo, wakuvuyela ukuhlangana nayo.

19:4 Wayigcina uyise womfazi, uyise wentombazana leyo; yahlala naye imihla yamithathu, badla, basela, balala khona.

19:5 Kwathi ngomhla wesine, bavuka kusasa; yesuka yona ukuba imke. Wathi uyise wentombazana kumyeni wayo, Khawuxhase intliziyo yakho ngeqhekeza lesonka, nandule ukuhamba.

19:6 Bahlala ke badla bobabini ndawonye, basela. Wathi uyise wentombazana kwindoda, Makhe kukholeke kuwe, ulale, ichwayithe intliziyo yakho.

19:7 Yesuka indoda leyo ukuba ihambe; wayijoka uyise womkayo, yabuya yalala khona.

19:8 Yavuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe. Wathi uyise wentombazana, Khawuxhase intliziyo yakho, nizilazile ide ijike imini; badla ke bobabini.

19:9 Yesuka indoda ukuba imke, yona neshweshwe layo nomfana wakuyo. Wathi kuyo uyise womkayo, uyise wentombazana, Khawukhangele, imini iyemka, kuyahlwa; khanilale; yabona, imini isangene; lala apha, ichwayithe intliziyo yakho, nivuke kusasa ngomso, nihambe ngendlela yenu, uye ententeni yakho.

19:10 Ayavuma ukulala indoda leyo, yesuka yemka; yafika malungana neYebhusi (yiYerusalem ke leyo), inamaesile amabini ebotshiwe, ineshweshwe layo.

19:11 Xa babengaseYebhusi, imini yayise ithambamile kakhulu. Wathi umfana kwinkosi yakhe, Khawuze siphambukele kulo mzi wamaYebhusi, silale kuwo.

19:12 Yathi kuye inkosi yakhe, Asiyi kuphambukela apha kumzi wolunye uhlanga, ongengowoonyana bakaSirayeli; sodlula siye eGibheha.

19:13 Yathi kumfana wakuyo, Yiza, sisondele kwenye indawo, silale; nokuba kuseGibheha, nokuba kuseRama.

19:14 Bagqitha, bahamba; batshonelwa lilanga ecaleni laseGibheha yakwaBhenjamin.

19:15 Baphambukela apho, baya kulala eGibheha; yafika yahlala endaweni yokubutha kwamadoda omzi; akwabakho mntu ubamkelela endlwini yakhe, ukuba balale.

19:16 Kwathi thu indoda enkulu ivela emsebenzini wayo emasimini, ngokuhlwa; iyindoda yelasezintabeni lakwaEfrayim, ingumphambukeli eGibheha. Ke amadoda aloo mzi abengamaBhenjamin.

19:17 Yawaphakamisa amehlo ayo, yabona ndoda ingumhambi endaweni yokubutha kwamadoda omzi, yathi indoda enkulu leyo, Uya ngaphi na? Uvela phi na?

19:18 Yathi kuyo, Siyagqitha, sivela eBhetelehem yakwaYuda; siya emathambekeni akwaEfrayim; endingowakhona. Ndibe ndihambele eBhetelehem yakwaYuda, ngoku ndihambela endlwini kaYehova. Akukho bani ke undamkelela endlwini yakhe apha;

19:19 kanti ke sinomququ kwaneendiza zamaesile ethu, nesonka newayini eyiyeyam, nomkhonzazana wakho, nomfana okubakhonzi bakho; akusweleke nto.

19:20 Yathi indoda enkulu, Uxolo malube nawe; ke ukuswela kwakho konke makube phezu kwam; kodwa musa ukulala endaweni yokubutha kwamadoda omzi.

19:21 Yayingenisa endlwini yayo, yawanika iindiza amaesile; bazihlamba iinyawo zabo, badla, basela.

19:22 Bakubon’ ukuba bayazichwayithisa iintliziyo zabo, nango amadoda aloo mzi, amadoda angamatshijolo, eyirhawula indlu leyo, emana enkqonkqoza elucangweni; atsho kwindoda enkulu engumninindlu ukuthi, Yikhuphe indoda engene endlwini yakho, siyazi.

19:23 Yaphuma indoda engumninindlu, yaya kuwo, yathi kuwo, Hayi, bazalwana bam, hayi, musani ukukha nenze into embi. Emveni kokuba le ndoda ingene endlwini yam, musani ukwenza obu budenge.

19:24 Nantsi intombi yam eyintombi, neshweshwe lale ndoda; makhe ndikhuphe bona, nibone, nenze kubo okulungileyo emehlweni enu; ke kule ndoda ze ningenzi nto yobu budenge.

19:25 Akavuma loo madoda ukumphulaphula. Yalibamba indoda ishweshwe layo, yalikhuphela phandle kuwo; alazi, afeketha ngalo bonke ubusuku kwada kwasa; alindulula ngesifingo.

19:26 Yafika inkazana leyo xa kusayo, yawa emnyango wendlu yendoda apho yayikhona inkosi yayo, kwada kwamhlophe.

19:27 Yavuka inkosi yayo kusasa, yazivula iingcango zendlu, yaphuma ukuba ihambe ngendlela yayo; nantso le nkazana ilishweshwe layo iwile emnyango waloo ndlu, nezandla zayo zisembundwini wawo.

19:28 Yathi kuyo, Vuka sihambe; ayaphendula. Yayithabatha yayibeka phezu kwe-esile; yesuka loo ndoda, yasinga endaweni yayo.

19:29 Yafika endlwini yayo, yathabatha isitshetshe, yalibamba ishweshwe layo, yalityatya ngokwamathambo alo laziinyama ezilishumi elinambini, yalithumela kuyo yonke imida yakwaSirayeli;

19:30 ukuze bonke ababona oko bathi, Okunje akuzanga kubekho; akuzanga kubonwe kususela kumhla abanyuka ngawo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, unanamhla; kubekeleni iintliziyo zenu oku, nicebe, nithethe.

20:1 Baphuma ke bonke oonyana bakaSirayeli, labizelwa ndawonye lonke ibandla njengandoda-nye, lathabathela kwaDan lesa eBher-shebha, nelizwe laseGiliyadi, laya kuYehova eMizpa.

20:2 Zema izibonda zabantu bonke, zezizwe zonke zakwaSirayeli, ebandleni labantu bakaThixo, abangamawaka angamakhulu amane amadoda angumqikela arhola ikrele.

20:3 Beva oonyana bakaBhenjamin, ukuba oonyana bakaSirayeli benyukile beza eMizpa. Bathi oonyana bakaSirayeli, Thethani; itheni na ukubakho le nto inje ukuba mbi?

20:4 Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona.

20:5 Abemi baseGibheha bandivunukela, bayirhawula indlu ngenxa yam ebusuku; bagqiba kwelokundibulala; balidlwengula ishweshwe lam, lafa.

20:6 Ndalibamba ishweshwe lam, ndalityatya, ndalithumela kwilizwe lonke lelifa lakwaSirayeli; ngokuba benze amanyala nobudenge kwaSirayeli.

20:7 Nanko ke nina nonke, nyana bakaSirayeli; khuphani ilizwi necebo apha.

20:8 Besuka bonke abantu njengandoda-nye, bathi, Asiyi kuya elowo ententeni yakhe, asiyi kuphambukela elowo endlwini yakhe;

20:9 ke ngoko, nantsi into esiya kwenza yona kwiGibheha; siya kwenza kuyo ngokweqashiso,

20:10 sithabathe ishumi lamadoda ekhulwini ezizweni zonke zakwaSirayeli, ikhulu ewakeni, iwaka emawakeni alishumi, ukuya kuthabathela abantu umphako; ukuze ekufikeni kwabo eGibheha yakwaBhenjamin, bohlwaywe njengokobudenge bonke ababenzileyo kwaSirayeli.

20:11 Ahlanganisana ke onke amadoda akwaSirayeli kuloo mzi, ebandakanyiwe njengandoda-nye.

20:12 Izizwe zakwaSirayeli zathuma amadoda kwimizalwane yonke yakwaBhenjamin, zisithi, Bububi buni na obu, benziweyo phakathi kwenu?

20:13 Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Abavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.

20:14 Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli.

20:15 Babalwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwayo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe.

20:16 Kwaba bantu bonke bekukho amakhulu asixhenxe amadoda ahleliweyo angamanxele, onke enokusawula ngelitye, achane angaphosi.

20:17 Ke amadoda akwaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, abebalwe aba ngamawaka angamakhulu amane amadoda arhola ikrele; onke lawo ingamadoda okulwa.

20:18 Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyuke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda.

20:19 Besuka oonyana bakaSirayeli kusasa, bayingqinga iGibheha.

20:20 Aphuma amadoda akwaSirayeli, aya kulwa namaBhenjamin. Amadoda akwaSirayeli akha uluhlu lokulwa nawo ngaseGibheha.

20:21 Baphuma oonyana bakaBhenjamin eGibheha, bavunela phantsi ngaloo mini kumaSirayeli amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.

20:22 Bazomeleza abantu, amadoda akwaSirayeli, baphinda bakha uluhlu lokulwa, kwasendaweni ababakhe uluhlu kuyo ngomhla wokuqala.

20:23 Benyuka oonyana bakaSirayeli, balila phambi koYehova, kwada kwahlwa. Babuza kuYehova, bathi, Ndiphinde na ndisondele ekulweni noonyana bakaBhenjamin, umzalwana wam? Wathi uYehova, Nyukani niye kubo.

20:24 Basondela oonyana bakaSirayeli koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesibini.

20:25 Aphuma amaBhenjamin eGibheha, aya kubahlangabeza ngomhla wesibini, abuya avunela phantsi koonyana bakaSirayeli ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke lawo arhola ikrele.

20:26 Benyuka bonke oonyana bakaSirayeli, bonke abantu, baya eBheteli, balila, bahlala khona phambi koYehova, bazila ukudla loo mini kwada kwahlwa, banyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo phambi koYehova.

20:27 Babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova (yayikhona ityeya yomnqophiso kaYehova ngaloo mihla;

20:28 uPinehasi unyana kaElazare, unyana ka-Aron, emi phambi kwayo ngaloo mihla), besithi, Ndibuye ndiphinde, ndiphume ndiye kulwa noonyana bakaBhenjamin umzalwana wethu, ndiyeke, kusini na? Wathi uYehova, Nyukani, ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni senu.

20:29 AmaSirayeli abeka abalaleli eGibheha ngeenxa zonke.

20:30 Benyuka oonyana bakaSirayeli baya koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesithathu, bakha uluhlu lokulwa eGibheha, njengokweminye imihla.

20:31 Baphuma oonyana bakaBhenjamin, baya kubahlangabeza abantu, beqhawukene nomzi. Baqala ukubulala ebantwini njengokweminye imihla, emendweni, othi omnye unyuke uye eBheteli, uthi omnye uya eGibheha emaphandleni, bahlaba amadoda kwaSirayeli, akumashumi amathathu.

20:32 Bathi oonyana bakaBhenjamin, Babulewe phambi kwethu, njengasekuqaleni; ke oonyana bakaSirayeli babesithi, Masirhole sibaqhawule kuwo umzi, beze emendweni.

20:33 Asuka onke amadoda akwaSirayeli endaweni yawo, akha uluhlu eBhahali-tamare; abalaleli bamaSirayeli bathi chithithi endaweni yabo ethafeni laseGebha.

20:34 Kwavela malungana neGibheha ishumi lamawaka amadoda ahleliweyo kumaSirayeli onke; ukulwa kwashushu; babengazi bona ukuba ububi bubafikele.

20:35 UYehova wawabulala amaBhenjamin phambi kwamaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli batshabalalisa kwaBhenjamin ngaloo mini amashumi amabini anesihlanu amawaka anekhulu lamadoda; lawo onke ngarhola ikrele.

20:36 Ke kaloku oonyana bakaBhenjamin babona ukuba boyisiwe, ukuba amadoda akwaSirayeli ayehlehla phambi kwamaBhenjamin, ngokuba abekholose ngabalaleli ababebabeke eGibheha.

20:37 Abalaleli bakhawuleza, bagaleleka eGibheha, batsalela kuyo abalaleli, bawubulala wonke umzi ngohlangothi lwekrele.

20:38 Ke kaloku ibhunga lamadoda akwaSirayeli nabalaleli laye libe lelokuthi, Qhumisani kakhulu umsi, unyuke kuloo mzi.

20:39 Ajika ke amadoda akwaSirayeli ekulweni, akuba ebeqalile amaBhenjamin ukubulala iingxwelerha phakathi kwamadoda akwaSirayeli, amodada akumashumi amathathu; ngokuba abesithi, Abethiwe ngenene wona phambi kwethu, njengokulwa kokuqala.

20:40 Wakuba umsi uqalile ukunyuka emzini, ungumqulu womsi, amaBhenjamin abheka emva kwawo, nango umzi wonke unyuka usiya ezulwini ungumsi.

20:41 Aphethula amadoda akwaSirayeli, akhwankqiswa amadoda akwaBhenjamin; ngokuba abona ukuba afikelwe bububi.

20:42 Ajika ke phambi kwamadoda akwaSirayeli, abheka endleleni yentlango. Ukulwa kwathana mbende nawo, besuka nabemi bemizi bawatshabalalisa kuyo.

20:43 Bawarhawula amaBhenjamin, bawasukela, bawanyathelela phantsi endaweni yokuphumla, besa malunga neGibheha ngecala eliphuma ilanga.

20:44 Kwawa kumaBhenjamin ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke ke lawo ingamadoda anobukroti.

20:45 Ajika ke, asabela entlango, engxondorheni yeRimon. Bacholachola ke kuwo emendweni amawaka amahlanu amadoda; bathana mbende nawo bada besa eGidiyom, babulala kuwo amawaka amabini amadoda.

20:46 Athi ke onke awawayo kumaBhenjamin ngaloo mini aba ngamashumi amabini anesihlanu amawaka, ingamadoda arhola ikrele; onke ke lawo ayengamadoda anobukroti.

20:47 Ke ajika asabela entlango engxondorheni eRimon engamakhulu amathandathu amadoda, ahlala engxondorheni yeRimon apho iinyanga zane.

20:48 Amadoda akwaSirayeli abuyela koonyana bakaBhenjamin, abulala ngohlangothi lwekrele, ethabathela kumzi, kumadoda ke kwaneenkomo esa kwinto yonke efumanekayo naphi. Kananjalo imizi yonke efunyenweyo ayifaka umlilo.

21:1 Ke kaloku amadoda akwaSirayeli abefungile eMizpa, esithi, Akukho kuthi uya kunika umBhenjamin intombi yakhe ibe ngumfazi.

21:2 Baya abantu eBheteli, bahlala khona kwada kwahlwa phambi koThixo, baliphakamisa izwi labo, batsho ngesililo esikhulu.

21:3 Bathi, Kungani na, Yehova, Thixo kaSirayeli, ukuthi kuhle oku kwaSirayeli, ukuba esinye isizwe singabikho namhla kwaSirayeli?

21:4 Kwathi ngengomso, bavuka kusasa abantu, bakha isibingelelo khona, benyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo.

21:5 Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga eze ebandleni kuYehova? Ngokuba ubefungelwe kakhulu onganyukanga eze kuYehova eMizpa, ngokuthi, Makabulawe afe.

21:6 Babezohlwaya oonyana bakaSirayeli ngenxa kaBhenjamin umninawa wabo, besithi, Namhla sinqanyulwe esinye isizwe kwaSirayeli;

21:7 siya kubathini na abaseleyo ngabo abafazi, sifunge uYehova nje thina, ukuba asiyi kubanika ezintombini zethu zibe ngabafazi?

21:8 Bathi ke, Sisiphi na isizwe sakwaSirayeli esinganyukanga size kuYehova eMizpa? Nanko ke eYabheshe yaseGiliyadi kungezanga ndoda eminqubeni ebandleni.

21:9 Babalwa abantu, nanko kungabangakho nanye indoda yabemi beYabheshe yaseGiliyadi khona.

21:10 Ibandla lathumela khona ishumi elinamabini lamawaka amadoda kubafo abanobukroti, lawawisela umthetho, lisithi, Hambani niye kubulala abemi baseYabheshe yaseGiliyadi ngohlangothi lwekrele, abafazi nabantwana.

21:11 Nantsi into enoyenza: yonke into eyindoda, nento yonke eyinkazana eyazene nendoda ngokulalwa yiyo, noyisingela phantsi.

21:12 Afumana kubemi baseYabheshe yaseGiliyadi amankazana angamakhulu amane aziintombi, angazani nandoda ngokulala nayo, awazisa eminqubeni eShilo, eselizweni lamaKanan.

21:13 Lathumela lonke ibandla, lathetha noonyana bakaBhenjamin ababesengxondorheni yeRimon, lamemeza kubo lathi lixolile.

21:14 Abuya ke amaBhenjamin ngelo xesha; lawanika amankazana ebeliwasindisile kumankazana aseYabheshe yaseGiliyadi; akawalingana, noko angako.

21:15 Abantu bazohlwaya ngenxa kaBhenjamin; ngokuba uYehova ebenze uthanda ezizweni zakwaSirayeli.

21:16 Athi amadoda amakhulu ebandla, Siya kubathini na abaseleyo ngabafazi, etshabalele nje amankazana kwaBhenjamin?

21:17 Athi, Ilifa labasindileyo malibe lelakwaBhenjamin, kungacinywa sizwe kwaSirayeli.

21:18 Ke thina asinakubanika bafazi ezintombini zethu; ngokuba oonyana bakaSirayeli bafungile besithi, Uqalekisiwe onika umBhenjamin umfazi.

21:19 Athi, Niyabona, kukho umthendeleko kaYehova iminyaka ngeminyaka eShilo, engasentla yeBheteli, ngasempumalanga komendo ovela eBheteli, onyuka uye kwaShekem, nangasezantsi kweLebhona.

21:20 Abawisela oonyana bakaBhenjamin umthetho, esithi, Hambani niye kulalela ezidiliyeni;

21:21 yabonani, nikhangele; ukuba zithe zaphuma iintombi zaseShilo, zingqungqa, zibetha ingqongqo, ze niphume ezidiliyeni, nizithele hlasi elowo umkakhe ezintombini zaseShilo, niye ezweni lakwaBhenjamin.

21:22 Kothi, xa ooyise nabanakwazo baze kubambana nathi, sithi kubo, Sibabaleni ngazo; ngokuba singabathabathelanga elowo umkakhe ekulweni; ngokuba anibanikanga nina, okanye beniya kuba netyala.

21:23 Benjenjalo oonyana bakaBhenjamin, bazeka abafazi ngokwenani labo kwezo zazingqungqa, bazixhakamfulayo; bahamba babuyela elifeni labo, bakha imizi, bahlala kuyo.

21:24 Bemka apho oonyana bakaSirayeli ngelo xesha, elowo waya esizweni sakowabo, nasemzalwaneni wakowabo. Baphuma ke apho, waya elowo elifeni lakhe.

21:25 Ngaloo mihla kwakungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza ngokubona kwakhe.


Next: Ruth