Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Job

1:1 Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi.

1:2 Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.

1:3 Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane, namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.

1:4 Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.

1:5 Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.

1:6 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo.

1:7 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.

1:8 Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?

1:9 USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo?

1:10 Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke; wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe?

1:11 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.

1:12 Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.

1:13 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.

1:14 Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;

1:15 agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

1:16 Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

1:17 Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

1:18 Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;

1:19 nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

1:20 Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.

1:21 Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.

1:22 Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.

2:1 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.

2:2 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.

2:3 Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?

2:4 USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe.

2:5 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.

2:6 Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe.

2:7 Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.

2:8 Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.

2:9 Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe.

2:10 Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.

2:11 Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.

2:12 Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini.

2:13 Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.

3:1 Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.

3:2 Wasusela uYobhi, wathi,

3:3 Mayidake imini endazalwa ngayo, Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwe indoda.

3:4 Loo mini mayibe bubumnyama, Angayinyamekeli uThixo phezulu, Kungayibengezeli ukukhanya.

3:5 Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa, Makulale amafu phezu kwayo; Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.

3:6 Obo busuku-masibubambe isithokothoko; Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka; Mabungangeni enanini leenyanga.

3:7 Yabona, obo busuku mabube ludlolo; Makungezi kumemelela kubo,

3:8 Mababuqalekise abaqalekisi bemihla, Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.

3:9 Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu; Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho; Bungaziboni iinkophe zesifingo;

3:10 Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo, Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.

3:11 Ibe iyini na ukuba ndingafeli embilinini, Ndingaphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?

3:12 Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze? Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?

3:13 Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola; Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla

3:14 Nokumkani namaphakathi elizwe, Abo bazakhelayo amanxuwa;

3:15 Nabathetheli abanegolide, Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.

3:16 Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo; Njengabantwana abangabonanga kukhanya.

3:17 Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa; Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.

3:18 Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweni-nye; Abasaliva izwi lomqhubi.

3:19 Omncinane nomkhulu-khona bayalingana; Ikhoboka likhululekile enkosini yalo.

3:20 Yini na ukuba abasebubini abanike ukukhanya, Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?

3:21 Abalinde ukufa, kusuke kungabikho; buselelweyo;

3:22 Abavuya bade bagcobe, Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?

3:23 Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo, Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?

3:24 Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma, Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.

3:25 Kuba ndinkwantya kokunkwantyisayo, kwaza kwandifikela, Into endinxunguphala yiyo indizele.

3:26 Ndathi, ndingachulumachanga ndingazolanga, ndingaphumlanga, Kweza ke ukugungqa.

4:1 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,

4:2 Kungakudinisa na, kwakulingwa ukubhekiswa ilizwi kuwe? Engubani na onako ukuzibamba angathethi?

4:3 Yabona, uthethise abaninzi, Wazomeleza izandla eziwileyo;

4:4 Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo, Wawaqinisa amadolo agevegeve.

4:5 Kungokunje into ize kuwe, wadinwa; Ifike kuwe, wakhwankqiswa.

4:6 Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na? Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?

4:7 Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?

4:8 Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.

4:9 Badaka ngokuphefumla kukaThixo, Baphela ngumoya womsindo wakhe.

4:10 Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo, Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.

4:11 Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga; Amathole engonyamakazi achithakele.

4:12 Ndicothelwe lilizwi, Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo.

4:13 Ezingcingangcingeni zasemibonisweni yobusuku, Bakusindwa abantu bubuthongo obukhulu,

4:14 Kwandikhawulela ukunkwantya nokuthuthumela, Kwawankwantyisa amathambo am amaninzi.

4:15 Kwathi phe umoya ebusweni bam, Yaba namanwele inyama yam.

4:16 Wema, andayinakana imbonakalo yawo; Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am; Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,

4:17 Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo? Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?

4:18 Yabona, akakholwa ngabakhonzi bakhe, Nezithunywa zakhe uthi zingabaphosisi;

4:19 Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka, Abasiseko siseluthulini, Abatyunyuzwa njengamanundu?

4:20 Kusa kuhlwe, beqotywa; Badake kuphele, kungekho ugqalayo.

4:21 Abathi na, xa luthe lwancothulwa kubo uthambo lwentente, Bafe bengalumkanga?

5:1 Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?

5:2 Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.

5:3 Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.

5:4 Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;

5:5 Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.

5:6 Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;

5:7 Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.

5:8 Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,

5:9 Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;

5:10 Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,

5:11 Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.

5:12 Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.

5:13 Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.

5:14 Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.

5:15 Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo.

5:16 Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.

5:17 Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!

5:18 Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.

5:19 Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;

5:20 Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele,

5:21 Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika.

5:22 Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.

5:23 Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe;

5:24 Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;

5:25 Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.

5:26 Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.

5:27 Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho.

6:1 Waphendula uYobhi, wathi,

6:2 Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam, Kwabekwa esikalini ukweyela kwam ndawonye nako!

6:3 Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle; Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.

6:4 Kuba iintolo zoSomandla zimi kum, Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam; Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.

6:5 Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni? Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?

6:6 Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa? Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?

6:7 Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam, Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.

6:8 Akwaba bendingazuza isicelo sam, UThixo andiphe endikulindelayo;

6:9 Kukholeke kuThixo ukundityumza, Asivulele isandla sakhe, andinqumle!

6:10 Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.

6:11 Ayintoni na amandla am, ukuba ndingade ndithembe? Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingade ndibe nokuzeka kade?

6:12 Angamandla amatye na amandla am? Inyama yam ilubhedu na?

6:13 Akuphelile yini na kum ukuncedakala, Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?

6:14 Akuhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe, Uya kulahla ukumoyika uSomandla.

6:15 Abazalwana bam banginizile njengomlanjana, Njengomphantsi wemilanjana etshayo,

6:16 Emdaka ngumkhenkce, Elizifihla kuyo ikhephu.

6:17 Ekufikeni kokufudumala iyabhanga; Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.

6:18 Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo, Inyuka iye enyanyeni, idake.

6:19 Imikhoko yakwaTema yabheka, Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;

6:20 Yadana, kuba ibikholosile; Yafika khona, yaneentloni.

6:21 Kuba ngoku nisuke naba yinto engento, Nibone ukuqhiphuka umbilini, noyika.

6:22 Khe ndatsho na ukuthi, Etheni kum? Ndipheni emandleni enu?

6:23 Nindisindise esandleni sombandezeli, Nindikhulule esandleni sengqwangangqwili?

6:24 Ndiyaleni, ndothi cwaka; Nindiqondise ukulahleka kwam.

6:25 Asikuko nokuba ayahlaba amazwi athe tye! Ke ukohlwaya kwenu kohlwaya ntoni na?

6:26 Niba ninokohlwaya ukuthetha oku na? Angumoya amazwi omntu oncamileyo.

6:27 Ke nangenkedama ningaqashisa, Nirhwebe ngommelwane wenu.

6:28 Makukholeke kuni ngoku, nibheke kum, Kuba okunene ebusweni benu andiyi kuthetha amanga.

6:29 Khanibuye, makungabikho bugqwetha, Niphinde nibuye; ubulungisa bam bukule nto.

6:30 Bukho na ubugqwetha elulwimini lwam? Ikhuhlangubo lam alingekuqondi na ukweyelisela?

7:1 Akaphume mkhosi na ehlabathini umntu? Ayinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe?

7:2 Njengesicaka esibe sizonda umthunzi, Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?

7:3 Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso, Ndabalelwa nobusuku bobubi.

7:4 Ndakuba ndilele phantsi, ndithi, Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile, Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.

7:5 Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.

7:6 Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki, Iphela kungekho themba.

7:7 Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam; Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.

7:8 Aliyi kuba sandalama iliso londibonileyo; Amehlo akho ekum, ndingabikho.

7:9 Liphelile ilifu, limkile; Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.

7:10 Akabi sabuyela endlwini yakhe, Ingabi samazi indawo yakhe.

7:11 Nam andiyi kuwubamba umlomo wam; Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam, Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.

7:12 Ndilulwandle na, ndiyingwenya na, Ukuba undimisele umlindo?

7:13 Xa bendisithi, Wondithuthuzela umandlalo wam, Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:

7:14 Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha, Wandidandathekisa emibonweni,

7:15 Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.

7:16 Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade; Ndiyeke, kuba ingumphunga imihla yam.

7:17 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo, Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,

7:18 Umvelele imiso yonke Umcikide imizuzu yonke?

7:19 Kunini na ungawasusi amehlo kum, Ungandiyeki, khe ndiginye amathe?

7:20 Ndithe ndona, ndingakwenza ntoni na? Wena mlindi woluntu, Yini na ukuba undenze itekeni, Ndibe ngumthwalo kum?

7:21 Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam? Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini; Wondondela kakhulu, ndingabikho.

8:1 Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,

8:2 Kunini na uthetha izinto ezinje? Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?

8:3 UThixo angakwenza gwenxa na okusesikweni? USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?

8:4 Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena, Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;

8:5 Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla;

8:6 Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;

8:7 Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.

8:8 Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili; Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:

8:9 Kuba singabezolo thina, asinakwazi; Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.

8:10 Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe. Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,

8:11 Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo? Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?

8:12 Iseluhlaza, ingekaphiwa, Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.

8:13 Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka;

8:14 Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa; Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.

8:15 Wayama ngendlu yakhe, ingemi; Ubambelela kuyo, ingahlali.

8:16 Uluhlaza phambi kwelanga, Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;

8:17 Iingcambu zakhe zijijene emweweni, Utyhudisa ezingcambeni zamatye.

8:18 Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe, Yomkhanyela ithi, Andikubonanga.

8:19 Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe, Ize eluthulini kuntshule abanye.

8:20 Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo, Akababambi ngesandla abenzi bobubi.

8:21 Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:

8:22 Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo,

9:1 Waphendula uYobhi, wathi,

9:2 Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?

9:3 Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.

9:4 Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?

9:5 Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;

9:6 Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;

9:7 Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;

9:8 Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;

9:9 Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi.

9:10 Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.

9:11 Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni; Uthi phe, ndingamqondi,

9:12 Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?

9:13 UThixo akawunqandi umsindo wakhe; Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.

9:14 Ndingathini na ke mna ukumphendula, Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?

9:15 Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli; Ndingatarhuzisa kuphela kumgwebi wam.

9:16 Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula, Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;

9:17 Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela, Awandise amanxeba am ngelize,

9:18 Angandiphi nokuba ndiphefumle; Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.

9:19 Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?

9:20 Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.

9:21 Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam.

9:22 Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa.

9:23 Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.

9:24 Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?

9:25 Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;

9:26 Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba.

9:27 Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,

9:28 Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.

9:29 Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?

9:30 Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,

9:31 Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.

9:32 Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni.

9:33 Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.

9:34 Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:

9:35 Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam.

10:1 Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;

10:2 Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?

10:3 Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?

10:4 Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na?

10:5 Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na:

10:6 Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam,

10:7 Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?

10:8 Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko.

10:9 Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini!

10:10 Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka?

10:11 Wandambesa ngolusu nenyama, Wandiphingela ngamathambo nemisipha.

10:12 Undenzele ubomi nenceba, Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.

10:13 Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho; Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:

10:14 Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.

10:15 Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam.

10:16 Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum;

10:17 Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.

10:18 Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,

10:19 Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.

10:20 Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,

10:21 Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,

10:22 Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko.

11:1 Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,

11:2 Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na, Indoda elipholopholo igwetyelwe na?

11:3 Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda, Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?

11:4 Uthi, Iqaqambile imfundiso yam, Ndinyulu emehlweni akho.

11:5 Kodwa akaba uThixo ubethetha, Avule umlomo wakhe kuwe;

11:6 Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.

11:7 Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?

11:8 Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na?

11:9 Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako, Kubanzi kunolwandle.

11:10 Ukuba uthe phe yena, wavingcela, Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?

11:11 Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo, Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.

11:12 Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda, Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.

11:13 Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye:

11:14 Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude, Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;

11:15 Okunene, uya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki.

11:16 Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;

11:17 Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.

11:18 Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;

11:19 Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi.

11:20 Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa; Idake kubo indawo yokusabela, Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.

12:1 Waphendula uYobhi, wathi,

12:2 Kambe, nini abantu; Buya kufa nani ubulumko.

12:3 Nam ke ndinentliziyo njengani; Andiwi nganeno kwenu. Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?

12:4 Ndiyintlekisa kummelwane mna, Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule; Uyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.

12:5 Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo; Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.

12:6 Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi; Bakholosile abamqumbisayo uThixo, Abafumbatha uThixo esandleni sabo.

12:7 Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela;

12:8 Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle.

12:9 Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?

12:10 Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.

12:11 Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, Nekhuhlangubo likuve ukudla?

12:12 Emaxhegweni kusebulumkweni, Ebudeni bemihla kusengqondweni,

12:13 Bukuye ubulumko nobugorha, Lelakhe icebo nengqondo.

12:14 Yabona, ugungxula, kungakhiwa. Uyamvalela umntu, kungavulwa,

12:15 Yabona, uyawavala amanzi, atshe; Uyawavulela, aliphethule ilizwe.

12:16 Anaye amandla nozimaso; Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.

12:17 Umkisa amaphakathi ebhunyulwe, Abagezise nabagwebi.

12:18 Ukhulula imbophelelo yookumkani, Abophe umbhinqo emanqeni abo.

12:19 Umkisa ababingeleli bebhunyulwe, Abazizimakade abaphenule.

12:20 Ususa intetho kwabanyanisekileyo, Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu.

12:21 Uphalazela amanene ngendelo, Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla.

12:22 Utyhila iinzulu zasebumnyameni, Alikhuphele emhlotsheni ithunzi lokufa.

12:23 Ukhulisa iintlanga, azitshabalalise; Uziphangalalisa iintlanga azifuduse.

12:24 Ususa ingqondo kwiintloko zabantu balo ilizwe, Azibhadulise enyanyeni engenandlela.

12:25 Ziphamza emnyameni kungekho kukhanya, Azibhadulise njengamanxila.

13:1 Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam, yakuqonda.

13:2 Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu.

13:3 Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.

13:4 Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.

13:5 Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile.

13:6 Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.

13:7 UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?

13:8 Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?

13:9 Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?

13:10 Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.

13:11 Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na, Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?

13:12 Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu; Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.

13:13 Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe, Kundihlele okundihlelayo.

13:14 Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am, Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?

13:15 Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.

13:16 Kwaoko koba lusindiso kum: Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.

13:17 Yivani, nikuve ukuthetha kwam, Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.

13:18 Khanibone, ndilicacisile ityala lam; Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.

13:19 Ngubani na ke ongabambana nam? Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.

13:20 Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum, Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:

13:21 Isandla sakho sise kude kum, Nesothuso sakho singandidandathekisi.

13:22 Biza ke, ndisabele mna; Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.

13:23 Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam.

13:24 Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho, Ube ndilutshaba kuwe?

13:25 Uya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na, Usukele umququ owomileyo na?

13:26 Ngokuba uzibhalela kum izinto ezikrakra, Undidlisa ilifa lezenzo ezigwenxa zobutsha bam;

13:27 Uzifaka esitokisini iinyawo zam, Uwugqala wonke umendo wam; Uzikrwelela umda ojikelezayo izithende zeenyawo zam:

13:28 Mna lo, uhageleyo njengevithi, Njengengubo edliwe ngamanundu.

14:1 Umntu, into ezelwe ngumfazi, Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.

14:2 Uphuma njengentyantyambo, abune; Ubaleka njengethunzi, angemi.

14:3 Onjalo umvelela ngeliso lakho, Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?

14:4 Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye.

14:5 Imisiwe nje imihla yakhe, Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe; Umenzele ke umda wakhe ongenakugqithwa.

14:6 Susa amehlo akho kuye, aphumle, Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.

14:7 Kuba kukho ithemba emthini; Ukuba uthe wagawulwa, wobuya uhlume, Igatya lawo lingapheli.

14:8 Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni, Safa isibili sawo eluthulini:

14:9 Ngevumba lamanzi wodubula, Wenze amasebe njengesithodlana.

14:10 Ke yena umfo ufa angquleke; Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?

14:11 Amanzi aselwandle ayemka; Umlambo uyatsha, wome:

14:12 Umntu ulala phantsi ke, angavuki; Lide izulu lingabikho, bangaqabuki, Bangavuswa ebuthongweni babo.

14:13 Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, Undisithelise ude ubuye umsindo wakho; Undimisele umda, undikhumbule ke!

14:14 Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, Kude kufike ukukhululwa kwam.

14:15 Ubungabizayo ke, ndisabele mna, Uwulangazele umsebenzi wezandla zakho.

14:16 Kuba ngoku uyawabala amabanga am, Akuzigcinile ngenxa yesono sam.

14:17 Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam; Wahlomela ebugwenxeni bam.

14:18 Kodwa intaba, isiwa, iyagubeka; Iliwa liyashenxa endaweni yalo;

14:19 Amanzi ayawadla amatye; Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba; Ithemba lomntu uyalidakisa ke.

14:20 Uthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke; Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.

14:21 Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena; Baba ziimbedlenge, angagqali yena.

14:22 Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe, Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.

15:1 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,

15:2 Isilumko siphendula ngokwazi okungumoya na, Sizalise umbilini waso ngolophu lwasempumalanga na?

15:3 Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na, Nangokukhuluma okungasizi lutho na?

15:4 Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo, Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo;

15:5 Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho, Unyule ulwimi lwabanobuqhophololo.

15:6 Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim; Ngumlomo wakho okuphendulayo.

15:7 Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu? Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?

15:8 Wawukho na egquguleni likaThixo? Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?

15:9 Wazi ntoni na, esingayaziyo thina? Uqonde ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?

15:10 Kunje thina siziingwevu namaxhego, Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.

15:11 Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo, Nelizwi elithethe kuhle nawe?

15:12 Imka nantoni na intliziyo yakho? Aphanyazela ntoni na emehlo akho,

15:13 Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho, Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?

15:14 Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe? Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?

15:15 Yabona, nabangcwele bakhe akakholwa ngabo, Nezulu aliqaqambile emehlweni akhe.

15:16 Ubeke phi na olisikizi, oyimbozisa; Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?

15:17 Ndokuxelela, ndiphulaphule; Endikubonileyo ndikubalisele;

15:18 Okwaxelwa zizilumko, Kuvela kooyise, zaza azakufihla.

15:19 Lanikwa zona zodwa ilizwe, Akwangena wasemzini phakathi kwazo.

15:20 Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija; Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.

15:21 Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe, Eluxolweni uyamfikela umbhuqi.

15:22 Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni; Ke yena uqwetyelwe ikrele.

15:23 Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na? Uyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.

15:24 Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko; Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.

15:25 Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe, Wazenza igorha kuSomandla:

15:26 Wamgila, eyolule intamo, Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;

15:27 Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe, Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.

15:28 Wema imizi engamanxuwa, Nezindlu ezingezakuhlalwa, Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.

15:29 Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe; Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.

15:30 Akayi kusinda ebumnyameni; Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye; Emke ngokufutha komlomo wakhe.

15:31 Okhohliswayo makangathembeli kumampunge; Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.

15:32 Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe, Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.

15:33 Wowisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada; Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo.

15:34 Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo, Umlilo uzitshise iintente zokucenga.

15:35 Bakhawula ububi, bazale ubutshinga, Umbilini wabo usebenze inkohliso.

16:1 Waphendula uYobhi, wathi,

16:2 Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.

16:3 Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?

16:4 Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko;

16:5 Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.

16:6 Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?

16:7 Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam.

16:8 Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam.

16:9 Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum.

16:10 Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa.

16:11 UThixo wandinikela kumakhwenkwe, Wandijulela ezandleni zabangendawo.

16:12 Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye.

16:13 Bandirhawula abatoli bakhe, Wazityanda izintso zam, engenalufefe, Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.

16:14 Wandenza iinduma ngeenduma, Wandigila njengegorha.

16:15 Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolusu lwam, Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.

16:16 Ubuso bam bubomvu kunene kukulila, Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;

16:17 Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam, Uqaqambile umthandazo wam.

16:18 Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam, Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam.

16:19 Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam; Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu.

16:20 Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo,

16:21 Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.

16:22 Kuba iminyaka embalwa iza kudlula, Ndihambe ke umendo endingayi kubuya ngawo.

17:1 Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.

17:2 Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.

17:3 Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?

17:4 Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.

17:5 Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.

17:6 Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.

17:7 Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.

17:8 Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.

17:9 Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.

17:10 Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.

17:11 Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.

17:12 Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.

17:13 Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;

17:14 Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:

17:15 Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?

17:16 Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.

18:1 Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,

18:2 Kunini na nikuzingela ukuthetha? Qondani, sothetha emveni koku.

18:3 Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo, Sibe ziinqambi emehlweni akho?

18:4 Wena uziqwengayo ngomsindo wakho, Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na? Likhwelele iliwa endaweni yalo?

18:5 Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa, Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe.

18:6 Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe, Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe.

18:7 Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa, Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga.

18:8 Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe, Uhamba phezu kwesibatha.

18:9 Umgibe umbambisa ngesithende, Limbambise isango.

18:10 Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe, Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini.

18:11 Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa, Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.

18:12 Amandla akhe aya kuphela kukulamba, Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.

18:13 Kudla iziqendu zolusu lwakhe; Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa.

18:14 Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe, Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa.

18:15 Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini; Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe.

18:16 Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe, Ngaphezulu abune amasebe akhe.

18:17 Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini, Angabi nagama nasemaphandleni.

18:18 Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni, Aphekuzwe kwelimiweyo.

18:19 Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo, Kungabikho usindileyo emizini yakhe.

18:20 Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga, Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele.

18:21 Inene, injalo iminquba yabanobugqwetha, Injalo indawo yongamaziyo uThixo.

19:1 Waphendula uYobhi, wathi,

19:2 Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha?

19:3 Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa.

19:4 Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam.

19:5 Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam:

19:6 Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe.

19:7 Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa; Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.

19:8 Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.

19:9 Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam.

19:10 Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam.

19:11 Uwuvuthise ngakum umsindo wakhe, Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.

19:12 Zeza kunye izimpi zakhe, Zandifumbela indlela yazo, Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.

19:13 Abazalwana bam ubase kude kum, Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.

19:14 Izalamane zam zindishiyile, Nabazana nam bandilibele.

19:15 Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam, Bandibalele ekuthini ndingowasemzini, Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.

19:16 Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli; Ndimbongoze ngomlomo wam.

19:17 Umoya wam umkruqule umkam; Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.

19:18 Namakhwenkwe ayandicekisa; Ndakusuka, asuka athethe ngam.

19:19 Ndilisikizi kumakholwane am, Nabendibathanda bandiguqukele.

19:20 Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam; Ndisinde macebetshu.

19:21 Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam; Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.

19:22 Yini na ukuba nindisukele njengoThixo, Ninganeli yinyama yam?

19:23 Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! Akwaba ebekrolwe encwadini!

19:24 Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe, Axholelwe eweni nanini!

19:25 Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi.

19:26 Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,

19:27 Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.

19:28 Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum:

19:29 Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.

20:1 Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,

20:2 Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula, Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.

20:3 Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva, Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.

20:4 Oku uyakwazi na kambe kwanini, Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:

20:5 Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?

20:6 Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe, Intloko yakhe wayifikisa emafini:

20:7 Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele, Abambonayo bathi, Uphi na?

20:8 Uya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa, Aphekuzwe njengombono wobusuku.

20:9 Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda; Indawo yakhe ayisayi kumalama.

20:10 Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo, Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.

20:11 Amathambo akhe ebezele bubutsha; Bolaliswa phantsi naye eluthulini.

20:12 Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe, Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,

20:13 Wabuconga akabuyeka, Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;

20:14 Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe, Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.

20:15 Uginye ubutyebi, wabuhlanza; Uyabukhupha esiswini sakhe uThixo.

20:16 Womungunya ubuhlungu bamaphimpi, Lumbulale ulwimi lwenyushu.

20:17 Akayi kubona mijelo, Milambo, zihlambo zobusi namasi.

20:18 Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi; Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.

20:19 Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo; Waxhakamfula indlu, angayakhanga.

20:20 Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe, Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.

20:21 Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe; Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.

20:22 Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile, Izandla zonke zabangento ziyamfikela.

20:23 Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe, Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.

20:24 Ebaleka isikrweqe sesinyithi, Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.

20:25 Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni, Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe; Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.

20:26 Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe; Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga; Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.

20:27 Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe, Nehlabathi lisukele phezulu kuye.

20:28 Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe, Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe.

20:29 Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo, Nelifa alimiselweyo yena nguThixo.

21:1 Waphendula uYobhi, wathi,

21:2 Yivani, nikuve ukuthetha kwam; Kube ziintuthuzelo zenu oku.

21:3 Ndithwaleni, ndithethe nam; Nigculele emva kwamazwi am.

21:4 Mna, inkalazo yam isemntwini yini na? Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?

21:5 Bhekani kum, nimangaliswe; Bekani isandla emlonyeni.

21:6 Okunene, ndakukhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe, Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.

21:7 Yini na ukuba abangendawo badle ubomi, Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?

21:8 Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo; Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo.

21:9 Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya, Nentonga kaThixo ayibafikeli.

21:10 Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli; Imazi yabo iyazala ingaphunzi.

21:11 Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo, Nabantwana babo bayadloba.

21:12 Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi, Bavuye lilizwi logwali.

21:13 Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha, Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.

21:14 Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.

21:15 Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka?

21:16 Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum.

21:17 Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?

21:18 Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?

21:19 Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;

21:20 Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla.

21:21 Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?

21:22 Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?

21:23 Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile.

21:24 Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile.

21:25 Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo.

21:26 Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini.

21:27 Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo.

21:28 Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?

21:29 Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?

21:30 Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?

21:31 Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe? Enze into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?

21:32 Usiwa emangcwabeni yena, Alinde esigangeni.

21:33 Anencasa kuye amagada esihlambo; Emva kwakhe kulandela lonke uluntu, Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa.

21:34 Ningathini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento, limpendulo zenu zisele zibubumenemene nje?

22:1 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,

22:2 Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.

22:3 Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho?

22:4 Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni?

22:5 Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?

22:6 Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo.

22:7 Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya.

22:8 Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo.

22:9 Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza.

22:10 Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.

22:11 Khona akububoni na ubumnyama, Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?

22:12 UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na? Bona ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!

22:13 Uthi ke wena, Wazi ntoni na uThixo? Unokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?

22:14 Amafu amsithile, akaboni; Uzihambela okwakhe esazingeni samazulu.

22:15 Umendo wasephakadeni uya kuwugcina na, Abawunyatheleyo abantu abanobutshinga?

22:16 Abashwabene lingekabi lixesha; Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,

22:17 Ababesithi kuThixo, Suka kuthi; Angabenza ntoni na uSomandla?

22:18 Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo. Iqhinga labangendawo malibe lee kum.

22:19 Aya kubona oko amalungisa, avuye; Omsulwa uyabagculela, esithi,

22:20 Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka, Wakudla umlilo ukuphuphuma kwabo.

22:21 Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo.

22:22 Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.

22:23 Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,

22:24 Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:

22:25 USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu.

22:26 Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.

22:27 Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho;

22:28 Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.

22:29 Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi.

22:30 Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho.

23:1 Waphendula uYobhi, wathi,

23:2 Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.

23:3 Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!

23:4 Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.

23:5 Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.

23:6 Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala.

23:7 Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.

23:8 Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani;

23:9 Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni.

23:10 Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.

23:11 Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.

23:12 Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.

23:13 Ke yena umi ndaweni-nye, ngubani na ongambuyisayo? Umphefumlo wakhe ukhanukile, uya kwenza oko.

23:14 Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo; Zininzi ke izinto ezinje kuye.

23:15 Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe. Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.

23:16 UThixo uyiqobisile intliziyo yam. USomandla undikhwankqisile.

23:17 Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama, Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko.

24:1 Yini na ukuba kungabekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?

24:2 Kushenxiswa imilimandlela; Kuphangwa imihlambi, yaluswe.

24:3 Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama, Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.

24:4 Kugilwa amahlwempu endleleni, Bazimele ndawonye abaziintsizana belizwe.

24:5 Khangela, njengamaesile asendle entlango, Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla; Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.

24:6 Esisimini bavuna ukutya kwabo, Babhikice esidiliyeni songendawo.

24:7 Balala ze bengenangubo, Abananto yokuzigubungela engqeleni,

24:8 Bayanetha sisiphango seentaba; Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzimela.

24:9 Kuhluthwa ebeleni iinkedama, Koniwe abaziintsizana.

24:10 Bahamba ze, bengenangubo; Bathwala izithungu, belambile.

24:11 Phakathi kweendonga zabaya bakhama ioli, Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.

24:12 Emizini kugula amadoda, Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala; Kanti uThixo akathi bubuhilihili.

24:13 Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni; Abanakwazana neendlela zako, Abahlali ezingqushwini zako.

24:14 Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange, Sibulale iintsizana namahlwempu; Ebusuku sibe njengesela.

24:15 Iliso lomkrexezi ligcine ungcwalazi; Uthi, Akukho liso liya kundalama, Anxibe isigqubuthelo ebusweni.

24:16 Bagqobhoza izindlu emnyameni; Emini bayazivalela, Abazani nokukhanya.

24:17 Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke; Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.

24:18 Bayakhawuleza phezu kwamanzi; Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini; Abasasingi endleleni yesidiliya.

24:19 Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela; Aboni bahluthwa lelabafileyo.

24:20 Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya, Ababi sakhunjulwa; Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.

24:21 Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga; Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.

24:22 Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe, Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.

24:23 Uzinika inkoloseko, zayame, Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,

24:24 Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho. Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke, Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.

24:25 Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga, Akwenze into engento ukuthetha kwam?

25:1 Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,

25:2 Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.

25:3 Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?

25:4 Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?

25:5 Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.

25:6 Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo?

26:1 Waphendula uYobhi, wathi,

26:2 Utheni na wena ukumnceda ongenamandla, Nokuyisindisa ingalo engenamandla?

26:3 Utheni na ukumcebisa ongenabulumko, Ukumazisa kunene into eyiyo?

26:4 Uxelele bani na ukuthetha? Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe?

26:5 Abangasekhoyo bayazibhijabhija Ngaphantsi kwamanzi, nabemi bawo.

26:6 Lize elabafileyo phambi kwakhe, Ayinasigubungelo inzonzobila.

26:7 Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, Axhome ihlabathi phezu kokungeni.

26:8 Ubopha amanzi emafini akhe, Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo.

26:9 Uvingca umphambili wetrone, Aneke ilifu lakhe phezu kwayo.

26:10 Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda, Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama.

26:11 Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga, Zingakhulumi kukukhalima kwakhe.

26:12 Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle, Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi.

26:13 Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu; Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo.

26:14 Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo; Iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye? Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingaqondwa ngubani na?

27:1 Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,

27:2 Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam

27:3 (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),

27:4 Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.

27:5 Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.

27:6 Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.

27:7 Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo.

27:8 Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?

27:9 Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?

27:10 Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?

27:11 Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.

27:12 Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?

27:13 Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla.

27:14 Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya.

27:15 Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili.

27:16 Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka:

27:17 Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.

27:18 Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli.

27:19 Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho.

27:20 Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi.

27:21 Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe.

27:22 UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe.

27:23 Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.

28:1 Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo.

28:2 Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu.

28:3 Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.

28:4 Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.

28:5 Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.

28:6 Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo;

28:7 Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya,

28:8 Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama.

28:9 Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.

28:10 Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.

28:11 Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.

28:12 Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo?

28:13 Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo.

28:14 Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam.

28:15 Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo; Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.

28:16 Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire.

28:17 Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.

28:18 Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.

28:19 Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.

28:20 Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo?

28:21 Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini.

28:22 Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe.

28:23 NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo.

28:24 Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke;

28:25 Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso;

28:26 Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela:

28:27 Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;

28:28 Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo.

29:1 Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,

29:2 Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili, Njengemihla abendigcinile uThixo;

29:3 Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam, Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;

29:4 Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla, Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;

29:5 Oko uSomandla ebesenam, Bengeenxa zonke kum abantwana bam;

29:6 Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi, Iliwa lindithululela imijelo yeoli.

29:7 Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi, Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,

29:8 Andibona amadodana, azimela, Asuka amaxhego, ema.

29:9 Abathetheli bakuyeka ukukhuluma, Babeka isandla emlonyeni.

29:10 Ilizwi leenganga lazimela, Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni azo,

29:11 Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo; Iliso labona, landingqinela.

29:12 Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo, Neenkedama, noswele umncedi.

29:13 Intsikelelo yabadakayo ibindizela, Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.

29:14 Ubulungisa bendibambatha bundambathe; Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.

29:15 Bendingamehlo kwimfama, Bendiziinyawo kwisiqhwala;

29:16 Bendinguyise kumahlwempu, Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.

29:17 Bendiwaphula amabamba ogqwethayo, Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba.

29:18 Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam, Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo.

29:19 Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi, Ulale umbethe emasebeni am.

29:20 Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum, Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam.

29:21 Babendiphulaphula, balindele, Bathi tu ecebeni lam.

29:22 Emva kwelizwi lam babengaphindi bathethe, Kubachaphazele ukukhuluma kwam.

29:23 Babendilinda njengemvula, Imilomo yabo bayakhamisele eyasekwindla.

29:24 Bendibancumela, bencamile; Ukukhanya kobuso bam bangakusanganisi.

29:25 Bendibanyulela indlela, ndihlale ndiyintloko; Bendihlala njengokumkani phakathi komkhosi, Njengothuthuzela abenza isijwili.

30:1 Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla, Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.

30:2 Khona abengaba ngawantoni na kum amandla ezandla zabo, Abaphelelwe ngamandla?

30:3 Bathe ngokuswela nokulamba banqina, Abo banqabi bomqwebedu, Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;

30:4 Abo baqhawula imbuwa ematyholweni, Abasonka siyingcambu yonwele.

30:5 Bayagxothwa phakathi kwabantu; Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;

30:6 Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo, Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.

30:7 Babhomboloza phakathi kwamatyholo, Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

30:8 Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama, Ababethwa bemke ezweni.

30:9 Kungoku ndiyingoma yabo. Ndaba kukukhuluma kwabo.

30:10 Ndilisikizi kubo, bakude nam; Abawanqandi amathe ebusweni bam.

30:11 Kuba ulucombulule uthambo lwam, wandicinezela, Bawuyeka umkhala phambi kwam.

30:12 Ngasekunene kuphakama ubuvuvana; Batyhala iinyawo zam, Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.

30:13 Bayenza amagqagala indlela yam, Bancedisa ukweyela kwam, Abangenamncedi.

30:14 Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni, Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.

30:15 Kuguqukele kum ukukhwankqisa, Kubusukela ubunene bam njengomoya; Kudlule njengelifu ukusindiswa kwam.

30:16 Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam; Indibambile imihla yeentsizi.

30:17 Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli.

30:18 Ngobukhulu bamandla sizenze sasisimbi isambatho sam, Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.

30:19 Undijulele eludakeni, Ndafana nothuli nothuthu.

30:20 Ndiyazibika kuwe, ungasabeli; Ndisuka ndime, undijonge.

30:21 Uzenza isijorha kum; Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.

30:22 Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo, Undibhangise nokuzongoma kwawo.

30:23 Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni, Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke.

30:24 Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na, Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe?

30:25 Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi? Ubungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?

30:26 Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi; Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.

30:27 Amathumbu am abila, akayeka; Yandihlangabeza imihla yeentsizi.

30:28 Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa; Ndaphakama ebandleni, ndazibika.

30:29 Ndingumzalwana weempungutye, Nomlingane weenciniba.

30:30 Ulusu lwam luyadlubhuka kum, lumnyama. Namathambo am atshile kukoma.

30:31 Uhadi lwam lwaba sisijwili, Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.

31:1 Ndiwamisele amehlo am umnqophiso; Ndingathini na ukuqwalasela entombini?

31:2 Besiya kuba yini na isahlulelo sikaThixo esivela phezulu, Nelifa loSomandla elivela ezindaweni eziphakamileyo?

31:3 Ukusindeka asikokogqwethayo yini na, Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?

31:4 Akaziboni na yena iindlela zam, Awabale onke amabanga am?

31:5 Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo, Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,

31:6 Makandilinganise esikalini sobulungisa, Akwazi uThixo ukugqibelela kwam.

31:7 Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni, Yalandela amehlo am intliziyo yam, Sanamathela isisihla ezandleni zam:

31:8 Mandihlwayele, kudle omnye, Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.

31:9 Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu, Ndalalela esangweni lommelwane wam,

31:10 Umkam makasilele omnye umntu, Kuguqe abanye phezu kwakhe.

31:11 Kuba loo nto bubugqwirha, Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.

31:12 Inene, loo nto ngumlilo odla use enzonzobileni; Ibiya kuncothula iingcambu zongeniselo lwam lonke.

31:13 Ukuba ndibe ndilahle ilungelo lomkhonzi wam nelomkhonzazana wam, Bakubambana nam,

31:14 Bendingathini na ukwenza, xa athe uThixo wesuka waphakama? Xa athe wavela, bendingathini na ukuphendula?

31:15 Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye? Owasimilisa esizalweni akamnye na?

31:16 Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo, Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,

31:17 Ndawudla ndedwa umthamo wam, Ayadla inkedama kuwo:

31:18 Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise, Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.

31:19 Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha, Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;

31:20 Ukuba abengandisikeleli amanqe akhe, Akazifudumeza ngoboya beemvana zam;

31:21 Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama, Ngokuba bendibone uncedo lwam esangweni:

31:22 Igxalaba lam maliwe esixhantini salo, Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.

31:23 Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo, Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.

31:24 Ukuba bendenze igolide inqolonci yam, Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;

31:25 Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam, Nokufumana kakhulu kwesandla sam;

31:26 Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha, Nenyanga ihamba indilekile,

31:27 Yahendeka ngasese intliziyo yam, Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:

31:28 Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi; Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.

31:29 Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo, Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi

31:30 (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone, Ndiwucele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);

31:31 Ukuba babengatsho abantu bentente yam, ukuthi, Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?

31:32 Ubengalali phandle umphambukeli, Iingcango zam bendizivulela endleleni;

31:33 Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam, Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,

31:34 Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi, Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane, Ndathi cwaka, andaphuma emnyango—

31:35 Andaba bendinondiphulaphulayo! Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule; Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.

31:36 Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam, Ndoyithi jize kum njengesithsaba.

31:37 Inani lamabanga am ndomxelela, Ndimsondele njengenganga.

31:38 Ukuba umhlaba wam ubukhala ndim, Nemiqela yawo yalila kunye nawo;

31:39 Ukuba bendiwadla amandla awo kungekho mali, Ndabanga ukuba uphume umphefumlo womniniwo:

31:40 Makuphume amakhakakhaka esikhundleni sengqolowa, Nokhula esikhundleni serhasi. Agqityiwe amazwi kaYobhi.

32:1 Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.

32:2 Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.

32:3 Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.

32:4 Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.

32:5 Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.

32:6 Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.

32:7 Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko.

32:8 Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.

32:9 Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa.

32:10 Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.

32:11 Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha.

32:12 Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe.

32:13 Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu.

32:14 Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu.

32:15 Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha.

32:16 Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli?

32:17 Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam.

32:18 Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam.

32:19 Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga; Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.

32:20 Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.

32:21 Mandingakhe ndinonelele mntu; Ndingakhe nditeketise mntu.

32:22 Kuba andikwazi ukuteketisa; Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam.

33:1 Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam, Uwabekele indlebe amazwi am onke.

33:2 Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam, Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.

33:3 Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am; Ukwazi komlomo wam akuthetha kanyulu.

33:4 UMoya kaThixo wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.

33:5 Ukuba unako, ndiphendule; Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.

33:6 Uyabona, njengawe ndingokaThixo; Ndacatshulwa eludongweni nam.

33:7 Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa; Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.

33:8 Okunene, uthethe ezindlebeni zam, Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,

33:9 Ndiqaqambile, andinalukreqo; Ndiguxiwe, andinabugwenxa.

33:10 Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam, Uthi ndilutshaba lwakhe.

33:11 Uzifaka iinyawo zam esitokisini, Uwulinga wonke umendo wam.

33:12 Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula; Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.

33:13 Yini na ukuba ubambane naye, Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?

33:14 Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha, Nangezimbini, ke akukhathalwa.

33:15 Ephupheni, embonweni wasebusuku, Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, Ekozeleni elukhukweni;

33:16 Uzityhila oko iindlebe zabantu, Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,

33:17 Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into, Agubungele uqhankqalazo lomfo;

33:18 Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni, Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.

33:19 Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe, Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;

33:20 Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.

33:21 Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali, Avele amathambo akhe abengabonakali.

33:22 Uyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe, Nobomi bakhe kubabulali.

33:23 Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezulu Esimlamlelayo, noko sisinye ewakeni, Sokumxelela umntu okumfaneleyo:

33:24 Wombabala, athi, Mkhulule, angehli aye esihogweni, Kuba ndilufumene ucamagusho.

33:25 Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;

33:26 Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye; Abubone ubuso bakhe eduma; Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.

33:27 Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko.

33:28 Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya.

33:29 Yabona, oko konke uyakwenza uThixo Izihlando ezibini nezithathu kumfo,

33:30 Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni, Ukhanye ngokukhanya kobomi.

33:31 Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum; Yithi tu, ndithethe mna.

33:32 Ke ukuba unokuthetha, ndiphendule; Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.

33:33 Ukuba akukho, phulaphula kum wena; Yithi tu, ndikufundise ubulumko.

34:1 Wasusela uElihu, wathi,

34:2 Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe.

34:3 Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.

34:4 Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.

34:5 Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam.

34:6 Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.

34:7 Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?

34:8 Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo?

34:9 Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo.

34:10 Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,

34:11 Ke ukwenza komntu ukubuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.

34:12 Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo, USomandla akakugwenxi okusesikweni.

34:13 Ngubani na omphathise ihlabathi? Ngubani na omise elimiweyo lonke?

34:14 Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa, Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,

34:15 Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye, Umntu abuyele eluthulini.

34:16 Wanga ungakuqonda, ungakuva oku, Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!

34:17 Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na? Khona uSobulungisa womgweba na?

34:18 Kungathiwa na kukumkani, Tshijolondini? Nakumanene, Zintondini zingendawo?

34:19 Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli, Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo? Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.

34:20 Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku; Bayahexiswa abantu, badlule, Zisuswe iimbalasane kungengasandla.

34:21 Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe.

34:22 Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.

34:23 Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo.

34:24 Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo.

34:25 Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke.

34:26 Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli.

34:27 Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekayo ekumlandeleni, Abaziqiqa zonke iindlela zakhe;

34:28 Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo, Akuve ukukhala kweentsizana.

34:29 Akuzolisa, ngubani na oya kuxhalisa? Akusithelisa ubuso, ngubani na ongambonayo? Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,

34:30 Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa, Angabi zizirhintyelo zabantu.

34:31 Ngokuba ubani angatsho na kuThixo ukuthi, Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;

34:32 Endingakuboniyo, ndiyale ngako; Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?

34:33 Uya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena? Ukuba unyule wena, kunganyuli mna. Into oyaziyo yithethe.

34:34 Aya kuthi kum amadoda aziingqondi, Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,

34:35 UYobhi uthetha engenakwazi, Namazwi akhe akanangqiqo.

34:36 Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni, Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.

34:37 Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe; Utyhwakraza izandla phakathi kwethu, Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo.

35:1 Wasusela uElihu, wathi,

35:2 Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;

35:3 Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?

35:4 Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe.

35:5 Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.

35:6 Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na?

35:7 Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto? Wamkela ntoni na yena esandleni sakho?

35:8 Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.

35:9 Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.

35:10 Ke abatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam, Osinika ingoma ebusuku,

35:11 Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?

35:12 Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi.

35:13 Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele.

35:14 Noko utshoyo ukuthi akumkhathalele, Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke!

35:15 Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe, Akazani na kunene nesikhukhumali?

35:16 Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe, Akwandise ukuthetha engenakwazi.

36:1 Waqokela uElihu, wathi,

36:2 Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.

36:3 Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.

36:4 Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.

36:5 Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo.

36:6 Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo.

36:7 Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke.

36:8 Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,

36:9 Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.

36:10 Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni.

36:11 Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini.

36:12 Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi.

36:13 Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo;

36:14 Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobeng’awu kwindawo engcwele.

36:15 Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.

36:16 Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.

36:17 Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.

36:18 Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala.

36:19 Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla?

36:20 Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo.

36:21 Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi.

36:22 Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?

36:23 Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?

36:24 Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda.

36:25 Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama.

36:26 Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.

36:27 Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,

36:28 Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi.

36:29 Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?

36:30 Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle.

36:31 Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi.

36:32 Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo.

36:33 Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka.

37:1 Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.

37:2 Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.

37:3 Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.

37:4 Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.

37:5 UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.

37:6 Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.

37:7 Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.

37:8 Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.

37:9 Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.

37:10 Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.

37:11 Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.

37:12 Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;

37:13 Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.

37:14 Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.

37:15 Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?

37:16 Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?

37:17 Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;

37:18 Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?

37:19 Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.

37:20 Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?

37:21 Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise.

37:22 Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.

37:23 USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.

37:24 Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.

38:1 Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,

38:2 Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi?

38:3 Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise.

38:4 Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda.

38:5 Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?

38:6 Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,

38:7 Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo?

38:8 Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;

38:9 Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko;

38:10 Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango;

38:11 Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?

38:12 Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa, Wasazisa isifingo indawo yaso;

38:13 Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo?

38:14 Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;

38:15 Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe.

38:16 Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?

38:17 Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona?

38:18 Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke.

38:19 Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo,

38:20 Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?

38:21 Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho!

38:22 Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona,

38:23 Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe?

38:24 Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?

38:25 Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;

38:26 Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu;

38:27 Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo?

38:28 Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe?

38:29 Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?

38:30 Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.

38:31 Unokuwabopha na amaqhina esiLimela, Uzicombulule izintya zamaKroza?

38:32 Unokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo, Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere nabantwana bayo?

38:33 Uyayazi na imimiselo yezulu? Umise ulawulo lwalo ehlabathini?

38:34 Unokuliphakamisela emafini na izwi lakho, Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?

38:35 Unokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?

38:36 Ngubani na omise ubulumko ezintsweni? Ngubani na onike imboniseli ingqondo?

38:37 Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko? Ngubani na othulula iintsuba zezulu.

38:38 Emelelweni wothuli, lube lutyhido, Amagada anamathelane?

38:39 Ingonyamakazi unokuyizingelela inyamakazi na, Uzalise iphango leengonyama ezintsha,

38:40 Xa zincathamayo ezikhundleni zazo, Zihlale ezindadeni, zilalele?

38:41 Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo, Xa amathole alo azibika kuThixo, Ebhadu-bhadula, engenakudla?

39:1 Uyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni, Ugqale ukuzuza kwamaxhamakazi?

39:2 Uyazibala na iinyanga azizalisayo, Ulazi na ixesha lokuzala kwawo?

39:3 Uyaguqa, azale, Akhuphe inkonyana.

39:4 Ayomelela amankonyana awo, akhula emathafeni, Aphuma, angabi sabuya.

39:5 Ngubani na olindululeyo iesile lasendle likhululekile? Iimbophelelo ze-esile elindwebileyo, ngubani na ozithukululeyo,

39:6 Endilimisele inkqantosi ukuba ibe yindlu yalo, Neendawo ezinetyuwa zibe likhaya lalo?

39:7 Liyayihleka ingxokolo yomzi, Aliyiva ingxolo yomqhubi.

39:8 Umfuno weentaba bubutyani balo, Lilanda lonke uhlaza.

39:9 Yovuma na inqu ukukukhonza, Ilale esitalini sakho?

39:10 Unokuyibopha na inqu emqeleni ngomqokozo wayo, Iqwakanise iintili ikulandela?

39:11 Wokholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo, Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho?

39:12 Unokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho, Ibuthele esandeni sakho?

39:13 Iphiko lencinibakazi liyaphapha: Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo?

39:14 Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo, Ifukamele eluthulini;

39:15 Ilibale ukuba unyawo lowatyumza, Nerhamncwa lasendle lowanyathela.

39:16 Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo, Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.

39:17 Ngokuba uThixo wenze yabulibala ubulumko, Akayabela ingqondo.

39:18 Xesha limbi izibetha iphakame, Ilihleke ihashe nomkhweli walo.

39:19 Linikwa nguwe na ihashe ubukroti? Uyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?

39:20 Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi? Isandi somfutho walo siyothusa.

39:21 Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla; Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe.

39:22 Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini; Alijiki phambi kwekrele.

39:23 Urhashaza phezu kwalo umphongolo, Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula.

39:24 Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe; Alimi kwakuvuthelwa isigodlo.

39:25 Okuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke! Lisezela imfazwe kwakude, Nokududuma kwabathetheli, nokufunza.

39:26 Intambanane iphaphazela ngengqondo yakho na, Yolule amaphiko ayo, ibheke ezantsi?

39:27 Kungomthetho wakho na, ukuba ixhalanga linyuke, Liyiphakamise indlu yalo,

39:28 Lihlale engxondorheni, lilale Etsolweni lengxondorha, nasemboniselweni?

39:29 Lilapho lihlola ukudla; Amehlo alo ondele kude.

39:30 Amathole alo afunxa igazi; Nalapho bakhona abangxwelerhiweyo, likhona nalo.

40:1 UYehova wamphendula uYobhi, wathi,

40:2 Wobambana noSomandla na ke umthethiswa? Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko.

40:3 UYobhi wamphendula uYehova, wathi,

40:4 Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula? Ndibeka isandla sam emlonyeni wam.

40:5 Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule; Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube.

40:6 UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,

40:7 Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo; Ndiya kukubuza, undazise.

40:8 Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, Undigwebe, ukuze ube lilungisa?

40:9 Unengalo enjengekaThixo na, Ududume ngezwi njengaye?

40:10 Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho, Wambathe indili nobungangamela.

40:11 Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.

40:12 Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.

40:13 Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni.

40:14 Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.

40:15 Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo.

40:16 Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.

40:17 Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.

40:18 Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu, Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.

40:19 Iyintlahlela yeendlela zikaThixo; UMenzi wayo wayinika ikrele layo.

40:20 Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla, Onke amarhamncwa asendle adlala khona.

40:21 Ibutha phantsi kwemitholo, Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo.

40:22 Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo; Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza.

40:23 Yabona, uhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli; Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo.

40:24 Inokubanjwa na, inamehlo nje, Igqojozwe impumlo ngentsimbi yokuthiyela?

41:1 Unokuyirhola na ingwenya ngegwegwe, Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo?

41:2 Unokuyifaka intambo yomzi empumlweni yayo na, Ugqobhoze izidlele zayo ngentola?

41:3 Ingatarhuzisa kunene na kuwe, Ithethe amazwi athambileyo kuwe?

41:4 Ingenza umnqophiso na nawe, Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?

41:5 Ungadlala na nayo njengentaka, Uyikhulekele amantombazana akho?

41:6 Angarhweba ngayo na amahlulelana abambisayo, Ayabe phakathi kwabarhwebi?

41:7 Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe, Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?

41:8 Beka isandla sakho kuyo; Khumbula imfazwe, ungaphindi.

41:9 Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga; Inene, uqethuka kwaesayibona.

41:10 Akukho sijorha sokuyixhokonxa; Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?

41:11 Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze? Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.

41:12 Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.

41:13 Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo? Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?

41:14 Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.

41:15 Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo.

41:16 Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo.

41:17 Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana.

41:18 Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.

41:19 Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo, Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.

41:20 Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.

41:21 Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle, Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.

41:22 Entanyeni yayo kuphuma amandla, Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.

41:23 Imihlubulo yenyama yayo inamathelene, Iqinile kuyo, ayishukumi.

41:24 Intliziyo yayo iqine njengelitye, Iqine njengelokusila langaphantsi.

41:25 Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele, Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.

41:26 Lifike kuyo ikrele, alimi; Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.

41:27 Ithi singumququ isinyithi, Livithi ubhedu.

41:28 Utolo lwesaphetha aluyibalekisi; Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.

41:29 Ithi imivinqi ziindiza, Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula.

41:30 Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo; Yaneka impahla yokusizila eludakeni.

41:31 Iyibiliza inzulu njengembiza, Ulwandle ilwenza njengehlala loqholo.

41:32 Emva kwayo kukhanya indlela; Anga amanzi anzongonzongo zizimvi.

41:33 Ehlabathini akukho nto ifana nayo, Le yenziwayo ayaba nakuqhiphuka umbilini.

41:34 Ibona konke okuphakamileyo; Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo.

42:1 UYobhi wamphendula uYehova, wathi,

42:2 Ndiyazi ukuba unako ukufeza konke, Akunqatyelwa nto uyicingileyo.

42:3 Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi? Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi Izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.

42:4 Khawuphulaphule, ndithethe mna; Ndiya kubuza kuwe, undazise.

42:5 Bendikuva ukukuva ngendlebe, Kungoku iliso lam likubonile.

42:6 Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, Ndiseluthulini naseluthuthwini.

42:7 Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.

42:8 Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.

42:9 Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova. Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.

42:10 UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon’ ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.

42:11 Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.

42:12 UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.

42:13 Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima,

42:14 igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki.

42:15 Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.

42:16 Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mane, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zazine.

42:17 Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.


Next: Psalms