Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Habakkuk

1:1 Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti.

1:2 Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungasindisi?

1:3 Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakame ingxabano.

1:4 Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.

1:5 Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningakhulumi nokukhuluma; ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa.

1:6 Kuba, yabonani, ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo.

1:7 Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo.

1:8 Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kudla.

1:9 Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi.

1:10 Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.

1:11 Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo.

1:12 Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Asiyi kufa. Yehova, ubamisele ukuba bagwebe; Liwa, ubaseke ukuba bohlwaye.

1:13 Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ubondele ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye?

1:14 Ulwenze ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli.

1:15 Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe.

1:16 Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebe ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo.

1:17 Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na?

2:1 Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.

2:2 Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo.

2:3 Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.

2:4 Yabona, ugxalathelene, awuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.

2:5 Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, enganeliswa, koko ezihlangani sela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.

2:6 Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso?

2:7 Abakudlayo abayi kusuka beme ngesiquphe yini na, bavuke abakuqungaqungayo, ube ngamaxhoba kubo?

2:8 Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.

2:9 Yeha, oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi!

2:10 Uyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wonile kumphefumlo wakho.

2:11 Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo.

2:12 Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!

2:13 Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?

2:14 Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.

2:15 Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuze bakhe!

2:16 Uya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho.

2:17 Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kokugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.

2:18 Unceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Unceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge?

2:19 Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk’ ume! Lingayala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.

2:20 UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.

3:1 Umthandazo kaHabhakuki umprofeti, ngeshigayon:

3:2 Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika; Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka, Wazise phakathi kweminyaka; Ekugugumeni kwakho khumbula inceba.

3:3 UThixo uza evela kwaTeman, OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.) Igubungele amazulu indili yakhe, Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.

3:4 Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya; Yimithi emacaleni akhe; Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.

3:5 Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa, Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.

3:6 Umi, walishukumisa ihlabathi; Ukhangele, wazishukumisa iintlanga; Zaba nkumenkume iintaba zanini, Zasibekeka iinduli zasephakadeni; Iindlela zakhe yena zisephakadeni.

3:7 Ndibone iintente zakwaKushan zisenkathazweni; Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.

3:8 Yabe iyimilambo na, Yehova, Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho? Yabe ilulwandle, kusini na, Owaphuphumela lona umsindo wakho, Ukuze nje ukhwele emahasheni akho, Ezinqwelweni zakho zokusindisa?

3:9 Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho; Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.) Ihlabathi uligqobhoza imilambo.

3:10 Zikubonile, ziyankwantya iintaba, Kudlule isiphango samanzi; Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo, Aziphakamisela phezulu izandla zawo.

3:11 Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo, Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo, Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.

3:12 Ulinyathela ilizwe ubhavuma, Unyhashe iintlanga unomsindo. Uphuma ukuba usindise abantu bakho.

3:13 Ukuba usindise umthanjiswa wakho: Uphaluse intloko endlwini yongendawo, Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)

3:14 Uyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe, Ezigalelekayo zisiza kundichitha; Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni.

3:15 Unyathela ulwandle ngamahashe akho, Isiyaluyalu samanzi amaninzi.

3:16 Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam, Umlomo wam wabebezela seso sithonga; Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona; Ukuba ndilindele imini yembandezelo, Eza ebantwini oya kubangenela.

3:17 Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, Kungabikho ndyebo emidiliyeni; Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, Amasimi angabi nakudla, Iphele esibayeni impahla emfutshane, Kungabikho nkomo esitalini:

3:18 Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.

3:19 Ungamandla am uYehova iNkosi; Uzenza iinyawo zam, zibe njengezamaxhamakazi, Andinyathelise emimangweni yam. Kumongameli owokubethelwa izinto ezineentambo.


Next: Zephaniah