Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Acts

1:1 Eyokuqala imbali, Tiyofilo, ndayenza kambe ndibalisa ngezinto zonke awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa,

1:2 kwada kwayimini awanyuswa ngayo, akuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awayebanyule;

1:3 awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi, ezibonakalalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.

1:4 Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum;

1:5 ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.

1:6 Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?

1:7 Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.

1:8 Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.

1:9 Waza etshilo, bakubon’ ukuba bakhangele, wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo.

1:10 Bakuba beqwalasele ezulwini, akubon’ ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe,

1:11 awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.

1:12 Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi kwiYerusalem, uhambo lwesabatha.

1:13 Bathe ke bakungena, banyukela egumbini eliphezulu ababehlala kulo, inguPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, uFilipu, noTomas, uBhartolomeyu, noMateyu, noYakobi ka-Alifeyu, noSimon umZeloti, noYuda umzalwana kaYakobi.

1:14 Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe.

1:15 Ngaloo mihla wesuka wema uPetros phakathi kwabo abazalwana (laye inani lamagama ndawonye lingathi lilikhulu elinamanci amabini), wathi,

1:16 Madoda, bazalwana, esi sibhalo simelwe kukuba sizaliseke, sathethwayo ngaphambili nguMoya oyiNgcwele ngomlomo kaDavide ngaye uYuda, owaba ngumkhokeli kwabo bambambayo uYesu;

1:17 ngokuba wayebalelwe kuthi, wasizuza isabelo solu lungiselelo.

1:18 Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wathi ekhahleleke phantsi ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe.

1:19 Kwazeka oko kubo bonke abemiyo eYerusalem, wada loo mhlaba ngeyabo intetho kwathiwa yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi.

1:20 Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa, Umzi wakhe mawube yintlango, Kungabikho umiyo kuwo; Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye.

1:21 Ngoko, kuwo amadoda abehamba nathi, ngalo lonke ixesha ebingena iphuma phakathi kwethu iNkosi uYesu,

1:22 iqalele elubhaptizweni lukaYohane, yada yayimini eyanyuswa ngayo kuthi, kumele ukuba kubekho enye kuwo eba lingqina lokuvuka kwayo, kunye nathi.

1:23 Bamisa mabini, uYosefu, okuthiwa nguBharsabhas, ogama limbi linguYusto, noMatiya.

1:24 Bathandaza bathi, Wena, Nkosi, Mazi weentliziyo zabo bonke, yalatha kwaba babini oyena umnyulileyo,

1:25 ukuba asithabathe isabelo solu lungiselelo nobupostile, awaphambukayo kubo uYuda, ukuze aye kweyakhe indawo.

1:26 Bawisa amaqashiso abo; lathi iqashiso laphuma noMatiya; wabalelwa ndawonye nabapostile abalishumi elinamnye.

2:1 Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye.

2:2 Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo.

2:3 Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye.

2:4 Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.

2:5 Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu.

2:6 Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho.

2:7 Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na?

2:8 Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo?

2:9 Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya,

2:10 kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, singamaYuda kwanabangeni ebuYudeni,

2:11 thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo.

2:12 Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto?

2:13 Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.

2:14 Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo: Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.

2:15 Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.

2:16 Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,

2:17 Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo, Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama, Baprofete oonyana benu neentombi zenu, Athi amadodana enu abone imibono, Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;

2:18 Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla Ndiya kumthulula uMoya wam, baprofete;

2:19 Ndenze izimanga ezulwini phezulu, Nemiqondiso emhlabeni phantsi, Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi.

2:20 Ilanga liya kusuka libe mnyama, Ithi inyanga ibe ligazi; Phambi kokuba ize imini yeNkosi, Leyo inkulu ibalulekileyo.

2:21 Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.

2:22 Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi: UYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu:

2:23 yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili, namthabatha ngezandla zabachasene nomthetho, nambethelela emnqamlezweni, namsika;

2:24 athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.

2:25 Kuba uDavide uthi, esingisele kuye, Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am, Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.

2:26 Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.

2:27 Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.

2:28 Wandazisa iindlela zobomi; Uya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.

2:29 Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.

2:30 Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu, ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:

2:31 uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.

2:32 UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.

2:33 Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina.

2:34 Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam,

2:35 Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.

2:36 Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina.

2:37 Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, Madoda, bazalwana, sithini na?

2:38 Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

2:39 Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.

2:40 Nangamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, evuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigoso.

2:41 Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu.

2:42 Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni.

2:43 Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile.

2:44 Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke.

2:45 Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako.

2:46 Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo,

2:47 bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasiNdiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.

3:1 Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba.

3:2 Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangenayo etempileni;

3:3 eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize.

3:4 Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.

3:5 Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo.

3:6 Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.

3:7 Wayibamba ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwalapho iinyawo zayo namaqatha ayo.

3:8 Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo.

3:9 Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;

3:10 bayazi nokuyazi, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo eMnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuyo.

3:11 Ke kaloku, sakubon’ ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi.

3:12 Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenze wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?

3:13 UThixo wooAbraham noIsake noYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile umkhonzi wakhe uYesu, enamnikelayo, namkhanyela ebusweni bukaPilato nina, akubon’ ukuba yena ugwebe ngelithi, makakhululwe.

3:14 Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali.

3:15 Ke yona iMbangi yobomi nayibulala; awayivusayo uThixo kwabafileyo, esingamangqina ako oko thina.

3:16 Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambi kwenu nonke.

3:17 Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenze ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu.

3:18 Ke uThixo, izinto awazixela ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, zokuba uKristu eve ubunzima, uzizalisile wenjenje.

3:19 Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi;

3:20 ithume uYesu Kristu, owayevakalisiwe kuni ngenxa engaphambili;

3:21 lowo kumele okunene ukuba amazulu amamkele, kude kufike amaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, kususela kunaphakade.

3:22 Kuba uMoses okunene wathi koobawo, INkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; ze nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.

3:23 Yothi ke yonke imiphefumlo engathanga imve loo mprofeti, ibhujiswe kuphele phakathi kwabantu.

3:24 Nabo ke bonke abaprofeti, bethabathela kuSamuweli nakwabalandelayo, bonke abathethileyo, bayixela loo mihla ngenxa engaphambili.

3:25 Nina ningoonyana babo abaprofeti, nabomnqophiso awanqophisana ngawo noobawo bethu uThixo, esithi kuAbraham, Yaye ke iya kusikeleleka embewini yakho yonke imizalwane yehlabathi.

3:26 Uthe uThixo, akuba emvusile umkhonzi wakhe uYesu, wamthuma kuni kuqala, ukuba anisikelele ngokuniguqula nonke ngabanye kwiinkohlakalo zenu.

4:1 Bakubon’ ukuba bayathetha kubo abantu, ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi, bathi gaga phezu kwabo,

4:2 bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka.

4:3 Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile.

4:4 Ke kaloku into eninzi yabo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu.

4:5 Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali,

4:6 noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu.

4:7 Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?

4:8 Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,

4:9 ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa:

4:10 makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.

4:11 Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo.

4:12 Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.

4:13 Ke kaloku, bakubona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu.

4:14 Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika.

4:15 Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi, Siya kubathini na aba bantu?

4:16 Kuba okunene, ukuba kuhle ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, nathi asinakuyikhanyela loo nto.

4:17 Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama.

4:18 Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu.

4:19 Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo;

4:20 kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.

4:21 Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.

4:22 Kuba wayedlule emashumini amane eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.

4:23 Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithethayo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu.

4:24 Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-nto-zonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;

4:25 owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, Zazibhavumelani na iintlanga, Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?

4:26 Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo.

4:27 Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli,

4:28 ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho.

4:29 Okwangoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi,

4:30 ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu.

4:31 Bakubon’ ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo.

4:32 Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo.

4:33 Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke.

4:34 Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo,

4:35 bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.

4:36 Ke kaloku uYose, owathiywa ngabapostile elinye igama lokuba nguBharnabhas (elithi, lakuthethwa ngentetho evakalayo, ngumfo wovuselelo), umLevi waseSipro ngokuzalwa,

4:37 wathi enomhlaba wathengisa ngawo, wayizisa imali, wayibeka ezinyaweni zabapostile.

5:1 Ke kaloku indoda ethile, uHananiya ngegama, inoSafira umkayo, yathengisa ngemfuyo yayo.

5:2 Yashinta kulo ixabiso layo, esazi naye umkayo; yazisa nxenye ithile, yayibeka ezinyaweni zabapostile.

5:3 Wathi ke uPetros, Hananiya, kungani na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba umxokise uMoya oyiNgcwele, ushinte kulo ixabiso lomhlaba?

5:4 Oko ube uhleli, ubungahleli kuwe na? Kanjalo uthengisiwe, ubungekhona na egunyeni lakho? Yini na ukuba uyibeke le nto entliziyweni yakho? Akuxoke kubantu, uxoke kuThixo.

5:5 Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, waphuma umphefumlo; kwabakho ukoyika okukhulu kubo bonke ababezivile ezi zinto.

5:6 Asuka ke amadodana amsonga, amthwalela phandle, amngcwaba.

5:7 Kwaba mzuzwana ke, ngathi ngowamaxa amathathu, wathi umkakhe, engayazi loo nto ihlileyo, wangena.

5:8 Umphendule ke uPetros wathi, Ndixelele, umhlaba lo wakhutshelwa inani elingaka na? Wathi ke yena, Ewe, elingako.

5:9 Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle.

5:10 Wawa ke kwalapho ezinyaweni zakhe, waphuma umphefumlo; bangena ke abafana, bamfumana efile, bamthwalela phandle, bamngcwabela ngasendodeni yakhe.

5:11 Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.

5:12 Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni kaSolomon.

5:13 Ke kaloku, kwabanye akubangakho namnye waba nabuganga bakusinamathelisa kubo; baye abantu bebenze bakhulu.

5:14 Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi;

5:15 bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubon’ ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe.

5:16 Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.

5:17 Ke kaloku wesuka umbingeleli omkhulu, nabo bonke ababenaye (abangabehlelo labaSadusi), bazala ngumsindo;

5:18 babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke.

5:19 Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi,

5:20 Hambani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi.

5:21 Bevile ke, bangena kwangesifingo etempileni, bafundisa. Wafika ke umbingeleli omkhulu nabo babenaye, wayibizela ndawonye intlanganiso yamatyala, nawo onke amadoda amakhulu akoonyana bakaSirayeli; bathumela endlwini yamakhonkxwa ukuba beziswe.

5:22 Ke kaloku, akufika amadindala, akabafumananga entolongweni; abuya ke abika, esithi,

5:23 Indlu yamakhonkxwa siyifumene okunene ivalwe ngokuqinileyo kanye, nabalindi bemi ngaphandle phambi kweminyango. Sivulile ke, asifumananga mntu ngaphakathi.

5:24 Bathe ke bakuweva la mazwi umbingeleli kwanomphathi wetempile, nababingeleli abakhulu, labakhohla, bathi,

5:25 Azi, ingaba yintoni na le nto? Wafika ke othile, wababikela esithi, Yabonani, amadoda lawa beniwafake entolongweni, nangaya etempileni, emi efundisa abantu.

5:26 Wesuka umphathi enamadindala, wabazisa kungengamandla; kuba babesoyika abantu, hleze baxulutywe ngamatye.

5:27 Bebazisile ke, babamisa entlanganisweni yamatyala; wababuza umbingeleli omkhulu, esithi,

5:28 Besinganithethelanga na kunene ngelithi, maningafundisi ngeli gama? Niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalo mntu.

5:29 Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.

5:30 UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini.

5:31 Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.

5:32 Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.

5:33 Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.

5:34 Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile;

5:35 wathi kubo, Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.

5:36 Kuba ngaphambi kwale mihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inani lamadoda angathi amakhulu mane; ngowasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambele babhangazeka, ababa nto.

5:37 Emva kwalowo kwesuka uYuda welaseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambele bachithwachithwa.

5:38 Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha:

5:39 ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningabalwa kwanoThixo.

5:40 Bamthambela ke; bebabizile abapostile, babatyabula, babathethela ngelithi, mabangathethi ngegama likaYesu; babandulula ke.

5:41 Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.

5:42 Kananjalo imihla yonke etempileni, nasemakhaya, babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.

6:1 Ke kaloku ngaloo mihla, bakubon’ ukuba bayanda abafundi, kwabakho ukukrokra kwawesiGrike amaYuda ngakwawesiHebhere, ngokuba abahlolokazi bawo babesilela ekulungiselelweni kwemihla ngemihla.

6:2 Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo umhlambi wabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni.

6:3 Khangelani ngoko, bazalwana, amadoda kuni abe sixhenxe, angqinelwe ukulunga, ezele nguMoya oyiNgcwele nabubulumko, esiya kuwamisela lo msebenzi;

6:4 ke thina siya kuzingisa ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.

6:5 Lakholeka ilizwi elo emehlweni omhlambi lowo wonke; banyula uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkoro, noNikanore, noTimon, noParmena, noNikolawo wakwa-Antiyokwe owa bengene ebuYudeni:

6:6 ababamisayo emehlweni abapostile; bathi bakuthandaza, bazibeka izandla phezu kwabo.

6:7 Laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo.

6:8 Ke kaloku uStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu.

6:9 Kwesuka ke abathile basesikhungwini ekuthiwa sesabaKhululwa, nabaseKirene, nabakwa-Alesandire, nabathile belaseKiliki, nabelaseAsiya, bephikisana noStefano;

6:10 ababa namandla akumelana nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye.

6:11 Kwakuba njalo, banyebelezisa amadoda awathi, Simve ethetha amazwi okunyelisa uMoses noThixo.

6:12 Kanjalo babahlokohla abantu, kwanamadoda amakhulu nababhali; baza bemfikele bamthi hlasi, bamsa ematyaleni amakhulu.

6:13 Bamisa namangqina obuxoki, awathi, Lo mntu akayeki ukuthetha amazwi okunyelisa indawo engcwele nomthetho;

6:14 kuba simve esithi, UYesu waseNazarete lo uya kuyichitha le ndawo, awenze wambi amasiko awawanikela kuthi uMoses.

6:15 Bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.

7:1 Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo?

7:2 Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran,

7:3 wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingakubonisa wona.

7:4 Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran. Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kulo mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku.

7:5 Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana.

7:6 Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhla beni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omane.

7:7 Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo.

7:8 Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini.

7:9 Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye,

7:10 wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela.

7:11 Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla.

7:12 Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala.

7:13 Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro.

7:14 Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu.

7:15 Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu;

7:16 baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem.

7:17 Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,

7:18 kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu.

7:19 Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi.

7:20 Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise.

7:21 Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo.

7:22 Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi.

7:23 Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amane, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli.

7:24 Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa:

7:25 wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona.

7:26 Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane?

7:27 Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu?

7:28 Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo?

7:29 Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini.

7:30 Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni.

7:31 Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi,

7:32 Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa.

7:33 Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.

7:34 Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa.

7:35 Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni.

7:36 Yena lowo wabakhupha, akubon’ ukuba wenze izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka engamashumi omane.

7:37 Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena.

7:38 Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi;

7:39 abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo,

7:40 besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo.

7:41 Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla.

7:42 Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Ningaba nisondeze kum imibingelelo neminikelo yini na Iminyaka emashumi mane entlango, ndlu kaSirayeli?

7:43 Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli.

7:44 Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;

7:45 lo kanjalo bawungenisayo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;

7:46 owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.

7:47 NguSolomon ke owamakhela indlu.

7:48 Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,

7:49 Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?

7:50 Asisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?

7:51 Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.

7:52 Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali, bakhe.

7:53 nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.

7:54 Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo.

7:55 Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo.

7:56 Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo.

7:57 Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka indulumbane phezu kwakhe ngamxhelo mnye,

7:58 bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye. Amangqina azibeka iingubo zawo ezinyaweni zendodana ekuthiwa nguSawule.

7:59 Ayemgibisela ngamatye uStefano, yena ebiza esithi, Nkosi Yesu, wamkele umoya wam.

7:60 Uguqile ke ngamadolo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Nkosi, ungabamiseli esi sono. Akutsho, walala ubuthongo.

8:1 Waye ke uSawule ekuthakazela ukusikwa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngaloo mhla intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; kanjalo bonke baba ziintsali emazweni akwaYuda naseSamariya, kwasala abapostile bodwa.

8:2 Amthwala ke uStefano amadoda amoyikayo uThixo, aya kumngcwaba, amenzela isililo esikhulu.

8:3 Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni.

8:4 Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi.

8:5 Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa uKristu kubo.

8:6 Zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza.

8:7 Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa.

8:8 Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi.

8:9 Ke kaloku bekukho ndoda ithile, igama linguSimon, kwangaphambili kuloo mzi, ebinyanga, ibethe luthi nqa uhlanga lwaseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu;

8:10 ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane base komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu.

8:11 Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe.

8:12 Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi.

8:13 Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa.

8:14 Ke kaloku, bakuva abapostile aba beseYerusalem, ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathuma uPetros noYohane kubo;

8:15 abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele;

8:16 kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu.

8:17 Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele.

8:18 Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali,

8:19 esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele.

8:20 Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ububa isipho sikaThixo singazuzwa ngemali.

8:21 Akunasahlulo nasabelo kule nto; kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo.

8:22 Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho.

8:23 Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswela-bulungisa.

8:24 Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo.

8:25 Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.

8:26 Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango.

8:27 Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya, ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.

8:28 Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.

8:29 Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo.

8:30 Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?

8:31 Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.

8:32 Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.

8:33 Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.

8:34 Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na?

8:35 Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu.

8:36 Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa?

8:37 Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.

8:38 Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza.

8:39 Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya.

8:40 UFilipu ke wafunyanwa eAzoto; watyhutyha ilizwe, eyishumayeza imizi yonke iindaba ezilungileyo, wada weza eKesareya.

9:1 Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngeentsongelo neembulalo abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu;

9:2 wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem.

9:3 Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini;

9:4 wawa emhlabeni, weva izwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?

9:5 Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala, ukhaba iimviko nje.

9:6 Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Yathi iNkosi kuye, Vuka, uye kungena emzini lowo; woyixelelwa into omelwe kukuyenza.

9:7 Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu.

9:8 Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko.

9:9 Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela.

9:10 Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya. Uthe ke yena, Ndilapha, Nkosi.

9:11 Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubuzise endlwini kaYuda umntu ogama linguSawule waseTarso; kuba nanko ethandaza;

9:12 waye ebone embonweni indoda egama linguHananiya ingena, ibeka isandla phezu kwakhe, ukuze abuye abone.

9:13 Uphendule ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho eYerusalem;

9:14 nalapha, ikho nje, inegunya kubabingeleli abakhulu lokukhonkxa bonke abo balinqulayo igama lakho.

9:15 Yathi ke kuye iNkosi, Yiya; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo ndim, sokuphatha igama lam emehlweni eentlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli;

9:16 kuba mna ndiya kumbonisa ukuba zinkulu kwezinto ezinzima, amelwe kukuziva ngenxa yegama lam.

9:17 Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; ebeke izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakele kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele.

9:18 Kwaoko kwawa emehlweni akhe izinto ezingathi ziinkwethu; wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa;

9:19 wathi akuba edlile, womelezeka. Ke kaloku uSawule waba nemihla ethile kubafundi abaseDamasko.

9:20 Waye kwaoko, ezindlwini zesikungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo.

9:21 Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu.

9:22 Kwaba kukhona ke womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu. Ke kaloku, kwakuzaliseka imihla eyaneleyo, abhunga amaYuda ukuba amsike.

9:23 Laziwa ke nguSawule iyelenqe lawo elo.

9:24 Awagcina ke namasango imini nobusuku, ukuba amsike.

9:25 Bamthabatha ke abafundi ebusuku, bamhlisa ngodonga, bemthoba ngengobozi.

9:26 Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi.

9:27 UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile, wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.

9:28 Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem, ethetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu.

9:29 Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.

9:30 Bekwazile ke oko abazalwana, bamhlisela eKesareya, bamthumela eTarso.

9:31 Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka, lihamba liyoyika iNkosi; laye lisanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.

9:32 Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.

9:33 Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.

9:34 Wathi uPetros kuye, Eneya, uyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwaoko.

9:35 Bambona bonke ababemi eLida naseSharon, babuyela eNkosini.

9:36 Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita, ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas; yena lowo wayezele yimisebenzi elungileyo, nasisisa abenaso.

9:37 Wathi ke ngaloo mihla, wahliwa sisifo, wafa; bathe ke bakuba bemhlambile, bambeka egumbini eliphezulu.

9:38 Ke kaloku iLida ibikufuphi nje neYopa; bathi abafundi, bevile ukuba uPetros ukhona, bathuma amadoda amabini kuye, bembongoza ukuba eze kubo, angalibali.

9:39 Wesuka ke uPetros, wahamba nawo. Efikile, bamsa egumbini eliphezulu; bema ngakuye bonke abahlolokazi, belila, bembonisa ukuba zininzi kwazo iingubo zangaphantsi nezokwaleka abezenza uDorkas oko ebenabo.

9:40 Wabakhuphela phandle ke bonke uPetros, waguqa ngamadolo, wathandaza; waza eguqukele esidumbini wathi, Tabhita, vuka. Wawavula ke amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala.

9:41 Wamnika ke isandla sakhe, wamphakamisa; wababiza abangcwele nabahlolokazi abo, wammisa phambi kwabo ephilile.

9:42 Kwesuka ke oko kwazeka kuyo yonke iYopa; baba baninzi abakholwayo eNkosini.

9:43 Wathi ke wahlala imihla emininzi eYopa naSimon uthile, ungumsuki wezikhumba.

10:1 Ke kaloku, kwaye kukho eKesareya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldati ekuthiwa lelaseItali, emhlonelayo,

10:2 emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo.

10:3 Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!

10:4 Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.

10:5 Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros;

10:6 yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza.

10:7 Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;

10:8 waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa.

10:9 Ke kaloku ngengomso, bakubon’ ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze.

10:10 Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubon’ ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo:

10:11 wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omane, sithotyelwa emhlabeni;

10:12 ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.

10:13 Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle.

10:14 Uthe ke uPetros, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle.

10:15 Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.

10:16 Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini.

10:17 Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni;

10:18 akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na.

10:19 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna;

10:20 suka uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nento, ngokokuba athunywe ndim.

10:21 Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli, wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; ngumcimbi mni na enize ngawo?

10:22 Athe ke wona, UKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, kanjalo engqinelwe ukulunga lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe sisithunywa esingcwele ukuba akubize, uze endlwini yakhe, eve amazwi kuwe.

10:23 Wawabizela phakathi ngoko, aba lundwendwe lwakhe. Ke kaloku ngengomso, uPetros wemka nawo, nabazalwana abathile baseYopa bahamba naye.

10:24 Baza ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo zakhe ezibuhlungu.

10:25 Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye.

10:26 Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.

10:27 Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi.

10:28 Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.

10:29 Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndizile ke; ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na?

10:30 UKorneli wathi, Kuse kuntsuku ne ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo;

10:31 yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo;

10:32 thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe.

10:33 Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.

10:34 Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu;

10:35 kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.

10:36 Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu (nguye iNkosi yabo bonke),

10:37 nina niyalazi ilizwi elenzekayo kulo lonke elakwaYuda, liqalela kwelaseGalili, emva kobhaptizo awaluvakalisayo uYohane:

10:38 okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esiza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.

10:39 Thina singamangqina ezinto zonke awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abamsikayo ngokumxhoma emthini.

10:40 Yena lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale,

10:41 kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi thina, sadlayo saselayo naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo.

10:42 Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo.

10:43 Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.

10:44 Uthe akubon’ ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawela uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi.

10:45 Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga;

10:46 kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo. Wandula waphendula uPetros wathi,

10:47 Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangabhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje?

10:48 Wamisa ukuthi mababhaptizwe egameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.

11:1 Ke kaloku, abapostile nabazalwana ababekwelakwaYuda beva ukuba nazo iintlanga zilamkele ilizwi likaThixo.

11:2 Uthe ke uPetros akuba enyuke waya eYerusalem, babambana naye abolwaluko,

11:3 besithi, Uye wangena kumadoda angalukileyo, wadla nawo.

11:4 Waqala ke uPetros wabatyhilela ngokucacileyo, esithi,

11:5 Mna ndandisemzini oyiYopa ndithandaza; ndabona ethongweni umbono, kusihla isitya esithile, ngathi yilinen enkulu, ithotywa ezulwini ngamasondo omane, yada yaza kufika kum;

11:6 endithe ndakuqwalasela kuyo, ndaqiqa, ndabona izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.

11:7 Ndeva ke izwi lisithi kum, Vuka, Petros, xhela udle.

11:8 Ndithe ke mna, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, ayizanga ingene emlonyeni wam.

11:9 Landiphendula ke ilizwi okwesibini, liphuma ezulwini, lathi, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena.

11:10 Oku ke kwabakho kathathu; zaza zonke ezo zinto zabuya zarholelwa ezulwini.

11:11 Gqi! kwaoko amadoda amathathu, ema ngasendlwini ebendikuyo, esuswe eKesareya ukuba eze kum.

11:12 Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba ke nam, naba bazalwana bobathandathu; sangena endlwini yendoda leyo;

11:13 yasibikela kananjalo ukubona kwayo isithunywa sezulu endlwini yayo, esemayo sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros,

11:14 oya kuthetha kuwe amazwi, owosindiswa ngawo wena, nayo yonke indlu yakho.

11:15 Ke kaloku, ekuqaleni kwam ukuthetha, uMoya oyiNgcwele wabawela, njengoko wasiwelayo nathi ekuqaleni.

11:16 Ndakhumbula ke izwi leNkosi lokokuba ibithe, UYohane okunene wabhaptiza ngamanzi, kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.

11:17 Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke bendingubani na, ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo?

11:18 Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.

11:19 Abaya ke ngoko, babeziintsali ngembandezelo eyabakho ngoStefano, batyhutyha ilizwe, bada beza kwelaseFenike, naseSipro, nakwa-Antiyokwe, bengalithethi bantwini bambi, belithetha kumaYuda odwa.

11:20 Yaye ke inxenye kubo ingamadoda aseSipro naseKirene; eyathi yona yakufika kwa-Antiyokwe, yathetha kwawesiGrike amaYuda, ishumayela iindaba ezilungileyo zeNkosi uYesu.

11:21 Saye ke isandla seNkosi sinawo, kanjalo kwakholwa inani elikhulu, labuyela eNkosini.

11:22 Lwavakala ke udaba lwabo ezindlebeni zebandla laseYerusalem; bakhupha uBharnabhas, ukuba ahambe, ade aye kufika kwa-Antiyokwe;

11:23 othe akufika, walubona ubabalo lukaThixo, wavuya, wabavuselela bonke, ukuba bathi ngengqibo yentliziyo bahlale bethe nca eNkosini.

11:24 Ngokuba ebeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo. Kongezelelwa eNkosini inani elaneleyo.

11:25 Wemka ke uBharnabhas, waya eTarso, esiya kufuna uSawule;

11:26 wathi akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Kwathi ke, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo. Kananjalo abafundi baqala ukubizwa ukuba ngamaKristu kwa-Antiyokwe.

11:27 Ke kaloku ngaloo mihla, kwehla abaprofeti, besuka eYerusalem, beza kwa-Antiyokwe.

11:28 Kwesuka ke omnye wabo, ogama linguAgabho, waqondisa ngaye uMoya ukuba kuza kubakho indlala enkulu kulo lonke elimiweyo; eyabakho ke ngemihla kaKlawudiyo Kesare.

11:29 Kubo ke abafundi, njengoko uthile ebenabo ubutyebi, wathi elowo kubo wagqiba ukuthumela into yokubanceda abazalwana ababemi kwelamaYuda;

11:30 abathe bakwenza nokukwenza, bathumela kuwo amadoda amakhulu ngesandla sikaBharnabhas noSawule.

12:1 Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi;

12:2 wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele.

12:3 Wathi, akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros (yaye ke iyimihla yezonka ezingenagwele leyo).

12:4 Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukuze emveni kwepasika amkhuphe, amse ebantwini.

12:5 Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe.

12:6 Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango.

12:7 Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni.

12:8 Sathi kanjalo isithunywa eso kuye, Bhinqa, ubophe izixathula zakho. Wenjenjalo ke. Sithi kuye, Yithi wambu ingubo yakho, undilandele.

12:9 Waphuma, wasilandela; wayengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa eso; ebeba ke ubone umbono.

12:10 Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi, elathi lavuleka kubo ngokwalo; bakuphuma, bahamba isitrato sasinye; sathi kwaoko semka isithunywa eso kuye.

12:11 Waza uPetros akuziqonda wathi, Kaloku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlutha esandleni sikaHerode, nakuko konke ukulindela kwabantu bamaYuda.

12:12 Uthe ke akuyiqonda loo nto, weza endlwini kaMariya, unina kaYohane ogama limbi linguMarko, apho bekuqukene khona into eyaneleyo ithandaza.

12:13 Akubon’ ukuba ke unkqonkqozile uPetros elucangweni lwesango, kweza kuphulaphula isicakazana esigama linguRoda.

12:14 Silazile ke izwi likaPetros, asilivulanga isango, ngenxa yokuvuya; sabalekela ke phakathi, saxela ukuba uPetros umi phambi kwesango.

12:15 Bathe ke bona kuso, Uyageza. Saqinisela ke sathi, Hayi, kunjalo. Babesithi ke bona, Sisithunywa sakhe.

12:16 Uthe ke uPetros wamana enkqonkqoza; bathi ke bakuvula bambona, bathi nqa.

12:17 Uwangawangisile ke ngesandla kubo, ukuba bathi cwaka, wabacacisela ukumkhupha kwayo iNkosi entolongweni. Wathi ke, Babikeleni ooYakobi nabazalwana ezi zinto. Waphuma waya kwenye indawo.

12:18 Ke kaloku, kwakusa, ayibanga ncinane inkathazeko phakathi kwamasoldati, yokuba angaba utheni na uPetros.

12:19 Uthe ke uHerode, akuba emfuna engamfumani, wabancina abalindi, wathi makumkiwe nabo, baye kubulawa. Waza uPetros wehla kwelakwaYuda, waya eKesareya, walibala khona.

12:20 Ke kaloku uHerode wayebaqumbele kakhulu abaseTire nabaseTsidon. Beza ke kuye bemxhelo mnye; bathi, bemthomalalisile uBlasto, obephethe igumbi lokulala ukumkani, bazicelela uxolo, ngenxa yokuba ilizwe labo belisondliwa lelokumkani.

12:21 Ke kaloku uHerode, ngemini emisiweyo, ambethe ingubo yobukumkani, wahlala etroneni yakhe, wawisa ukuthetha kwakhe kubo.

12:22 Baduma ke abantu, besithi, Lilizwi lothixo elo, asilamntu.

12:23 Samthi qwaka ke kwalapho isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu, waphuma umphefumlo.

12:24 Laye ke likhula, lisanda ilizwi likaThixo.

12:25 Ke kaloku uBharnabhas noSawule babuya eYerusalem, belufezile ulungiselelo olo, bethabathe nabo uYohane, ogama limbi linguMarko.

13:1 Ke kaloku, kwaye kukho kwa-Antiyokwe, ebandleni ebelikhona, abaprofeti nabafundisi abathile, abangooBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, kwanoManayen owondliwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule.

13:2 Bakubon’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo.

13:3 Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula.

13:4 Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; kanjalo besuka apho ngomkhombe, baya eSipro.

13:5 Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaYuda. Baye ke benoYohane, ebancedisa.

13:6 Besigqibile ke isiqhithi ngokuhamba, bada bafika ePafo; bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu,

13:7 owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; eyababizela kuyo ooBharnabhas noSawule, yangxamela ukuliva ilizwi likaThixo.

13:8 Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elo elukholweni.

13:9 Ke kaloku uSawule, okwanguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjonga,

13:10 wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi?

13:11 Uyabona, nangoku isandla seNkosi siphezu kwakho; uya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwalapho ke wawelwa lurhatyazo nobumnyama; wayephamzela, efuna abangamrhola ngesandla.

13:12 Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi.

13:13 Ke kaloku, bakunduluka ngomkhombe ePafo abo babenoPawulos, beza ePerga yelasePamfili. Wahlukana ke nabo uYohane, wabuyela eYerusalem.

13:14 Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungu ngomhla wesabatha, bahlala phantsi.

13:15 Ke kaloku, emva kokuleswa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lokuvuselela abantu, thethani.

13:16 Usukile ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani.

13:17 UThixo waba bantu amaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo emhlabeni waseYiputa, wabakhupha kuwo ngengalo ephakamileyo.

13:18 Wathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mane, wayithwala imikhwa yabo entlango;

13:19 wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso.

13:20 Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mane anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti.

13:21 Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane.

13:22 Akumkhupha yena, wabavelisela uDavide, wangukumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam.

13:23 Embewini yalowo, uthe uThixo ngokwedinga wavelisa uYesu, ukuba abe nguMsindisi kuSirayeli;

13:24 kwakubon’ ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli.

13:25 Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Yabonani, kuza emva kwam endingafanelekileyo ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe.

13:26 Madoda, bazalwana, nyana bomlibo wakwa-Abraham, nabo phakathi kwenu bamoyikayo uThixo, ilizwi lolu lusindiso lathunyelwa kuni.

13:27 Kuba abo bemiyo eYerusalem, nabaphathi babo, bengamazanga lowo, kwanamazwi abaprofeti aleswayo iisabatha ngeesabatha zonke, bawazalisa ngokumgweba;

13:28 bathi, bengafumananga nalinye ityala lokufa, bacela kuPilato ukuba asikwe.

13:29 Xa ke babezifezile zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, bamthula emthini, bambeka engcwabeni.

13:30 Uthe ke uThixo wamvusa kwabafileyo,

13:31 Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini.

13:32 Nathi sinishumayeza iindaba ezilungileyo zedinga elo labakho koobawo bethu,

13:33 zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, Wena unguNyana wam, ndikuzele mna namhla.

13:34 Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide.

13:35 Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola.

13:36 Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakubona ukubola;

13:37 ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.

13:38 Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kuxelwa kuni uxolelo lwezono;

13:39 nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.

13:40 Lumkani ke ngoko, ningafikelwa koko kuthethiweyo ebaprofetini, kusithiwa,

13:41 Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka; Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.

13:42 Ke kaloku, akubon’ ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo.

13:43 Sakubon’ ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; abathi bona, bethetha kubo, babeyisela ekuthini, mabahlale behleli elubabalweni lukaThixo.

13:44 Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo.

13:45 Ke kaloku amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa.

13:46 Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.

13:47 Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi, Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga, Ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi.

13:48 Bakuva ke oko abeentlanga, bavuya, balizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade.

13:49 Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo.

13:50 Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo.

13:51 Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo.

13:52 Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

14:1 Kwathi ke eIkoniyo, bangena kunye endlwini yesikhungu yamaYuda, bathetha ngokokude kukholwe inkitha enkulu yamaYuda kwanamaGrike.

14:2 Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana.

14:3 Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.

14:4 Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile.

14:5 Bathe ke, bakubon’ ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:

14:6 bakuqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;

14:7 baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo.

14:8 Kwakuhleli ke ndoda ithile eListra, ife iinyawo, isisiqhwala kwasesizalweni sonina, ingazanga ihambe.

14:9 Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,

14:10 wathi ngezwi elikhulu, Suka, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo; yesuka umtsi, yahambahamba.

14:11 Ke kaloku iindimbane, zakukubona oko akwenzileyo uPawulos, zaphakamisa izwi lazo ngokwesiLikawoni, zisithi, Oothixo bahlile beza kuthi, befana nabantu.

14:12 Kanjalo zazimbiza uBharnabhas ngokuthi nguZeyus, noPawulos ngokuthi nguHermes, ekubeni ke ibinguye obesisithethi.

14:13 Kuthe ke umbingeleli kaZeyus, obephambi komzi wabo, wazisa iinkunzi zeenkomo nezidanga zeentyantyambo emasangweni, wafuna ukubingelela, kunye neendimbane.

14:14 Bekuvile ke oko abapostile, ooBharnabhas noPawulos, bazikrazula iingubo zabo, batsiba phakathi kwendimbane, bedanduluka,

14:15 besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;

14:16 owathi ezizukulwaneni ezadlulayo waziyeka zonke iintlanga, ukuba zihambe ngezazo iindlela;

14:17 kanti ke noko akayekanga ukuzingqinela, esenza okulungileyo, esinika imvula evela ezulwini, namaxesha aneendyebo, ezanelisa iintliziyo zethu ngokudla nangemihlali.

14:18 Besitsho, kwaba ngenkankulu ukuzidambisa iindimbane, ukuba zingabingeleli kubo.

14:19 Ke kaloku kwafika amaYuda evela kwa-Antiyokwe naseIkoniyo, azixhokonxa iindimbane, amxuluba ngamatye uPawulos, amrholela ngaphandle komzi, eba ufile.

14:20 Uthe, bakubon’ ukuba bamngqongile ke abafundi, wavuka waya kungena kuwo umzi. Ngengomso waphuma enoBharnabhas, waya eDerbhe.

14:21 Bewushumayezile loo mzi iindaba ezilungileyo, benze nabafundi abaneleyo, babuya beza eListra, naseIkoniyo, nakwa-Antiyokwe,

14:22 besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

14:23 Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo.

14:24 Betyhutyhe elasePisidi, bafika kwelasePamfili.

14:25 Bathi, belithethile ilizwi ePerga; behla baya kwa-Atali.

14:26 Besuka khona apho ngomkhombe, baya kwa-Antiyokwe, apho babenikelwe khona elubabalweni lukaThixo, ukuba baye emsebenzini, lo ke bawufezileyo.

14:27 Befikile ke, balihlanganisa ibandla, balibikela oko zingako izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo.

14:28 Balibala ke khona apho ixesha elingelincinane, ndawonye nabafundi.

15:1 Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.

15:2 Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.

15:3 Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.

15:4 Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.

15:5 Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba baluke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.

15:6 Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.

15:7 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.

15:8 UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;

15:9 akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.

15:10 Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?

15:11 Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.

15:12 Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.

15:13 Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.

15:14 USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.

15:15 Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

15:16 Emveni koku ndiya kubuya, Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo, Ndibuye ndiwumise;

15:17 Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.

15:18 Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.

15:19 Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;

15:20 kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.

15:21 Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.

15:22 Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.

15:23 Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi: Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki.

15:24 Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:

15:25 kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos,

15:26 abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.

15:27 Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.

15:28 Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:

15:29 zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

15:30 Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.

15:31 Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.

15:32 Ke kaloku ooYuda noSilas, kuba bengabaprofeti nabo, babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.

15:33 Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile.

15:34 Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona.

15:35 Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.

15:36 Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.

15:37 Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ekuthiwa nguMarko;

15:38 kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini.

15:39 Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro;

15:40 kodwa uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana.

15:41 Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.

16:1 Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike;

16:2 obengqinelwe kakuhle ngabazalwana baseListra naseIkoniyo.

16:3 Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.

16:4 Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.

16:5 Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla.

16:6 Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya.

16:7 Befikile kwelaseMisi, balinga ukuya nakwelaseBhitini, kodwa akabavumelanga uMoya lowo;

16:8 badlula ke kwelaseMisi, behla baya eTrowa.

16:9 Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Kwema ndoda ithile yelaseMakedoni, imbongoza isithi, Wela uze kwelaseMakedoni, usisize.

16:10 Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.

16:11 Sindulukile ngoko ngomkhombe eTrowa, sathi ngqo ukuya eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli;

16:12 ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni. Salibala ke kuloo mzi imihla ethile.

16:13 Sathi ngomhla wesabatha, saphuma saya ngaphandle komzi ngasemlanjeni, apho umthandazo ubusakwenziwa khona; sahlala phantsi, samana sithetha kubafazi ababebuthelene khona.

16:14 Kwaye kuphulaphula intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos.

16:15 Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Yasizama.

16:16 Ke kaloku kwathi, kwakubon’ ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa.

16:17 Sona eso sithene mbende noPawulos nathi, samana sidanduluka sisithi, Aba bantu bangabakhonzi bakaThixo Osenyangweni, bona basazisayo indlela yosindiso.

16:18 Oko ke sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma ke kwangelo lixa.

16:19 Ke kaloku, zakubona iinkosi zaso ukuba liphumile ithemba lenzuzo yazo, zababamba ooPawulos noSilas, zabarholela endaweni yembutho, kubaphathi:

16:20 zabazisa kubo abathetheli, zathi, Aba bantu bayawukhathaza kakhulu umzi wethu, bengamaYuda;

16:21 basifundisa amasiko ekungavumelekileyo ukuba siwamkele, nokuba siwenze, singamaRoma.

16:22 Isihlwele sabahlanganyela; nabathetheli bazithi qwengeqwenge iingubo zabo, bathi mababethwe ngeentswazi.

16:23 Bathi, bakuba bebabethe imivumbo emininzi, babaphosa entolongweni, bamthethela umgcini wababanjwa ukuba abagcine ngokunqabileyo;

16:24 owathi, amkele umyalelo onjalo, wabaphosa kwengaphakathi intolongo, waziqinisa iinyawo zabo emithini.

16:25 Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa.

16:26 Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.

16:27 Ethe tyithi ke ebuthongweni umgcini wababanjwa, ebona iingcango zentolongo zivulekile, warhola ikrele, eza kuzibulala, eba ababanjwa babalekile.

16:28 UPawulos wabiza ke ngezwi elikhulu wathi, Ungazenzakalisi; kuba sikho sonke apha.

16:29 Ebize ke izibane, watsiba phakathi, waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos noSilas.

16:30 Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?

16:31 Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho.

16:32 Balithetha kuye ilizwi leNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe.

16:33 Wabathabatha ngelo lixa lobusuku, wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yena kwalapho, nabo bonke abakhe.

16:34 Kananjalo, ebanyuse wabasa endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo.

16:35 Kwakusa, abathetheli bathuma amadindala, besithi, Bakhulule abo bantu.

16:36 Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.

16:37 Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, sibantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? Nakanye; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.

16:38 Awaxela ke la mazwi amadindala kubathetheli; boyika, bakuva ukuba bangamaRoma.

16:39 Beza bababongoza, babakhupha, babacela ukuba baphume kuwo umzi.

16:40 Bephumile ke entolongweni, baya kungena kwaLidiya; bathi, bebabonile abazalwana, babayala, bemka.

17:1 Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda.

17:2 Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni,

17:3 etyhila, ebeka phambi kwawo ukuba uKristu ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.

17:4 Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo; nakubafazi abaziintloko ababa mbalwa.

17:5 Ke kaloku amaYuda angoyisekileyo, enomsindo, azithabathela amadoda athile angendawo, angamahilihili, enza ibubu, awuphithizelisa umzi, ayifikela nendlu kaYason, efuna ukubarholela eluntwini.

17:6 Akuba engabafumananga ke, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, ebhomboloza esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bona bafikile nalapha;

17:7 athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare, besithi, Kukho kumkani wumbi unguYesu.

17:8 Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto.

17:9 Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.

17:10 Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.

17:11 La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.

17:12 Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, ababa mbalwa.

17:13 Akuqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele.

17:14 Bandula ke kwaoko abazalwana, bamsusa uPawulos ukuba abheke ngaselwandle; kwasala uSilas kwanoTimoti khona.

17:15 Bathe ke bona abamkhaphayo uPawulos, bamsa eAtene; bakuba bamkele umthetho oya kooSilas noTimoti, wokuba beze kuye kwakamsinya, bemka.

17:16 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela.

17:17 Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona.

17:18 Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure nezamaStoyike zamhlanganyela; yayisithi inxenye, Azi lifuna ukuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo.

17:19 Bamthabatha ke bamsa eAreyopago, besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na?

17:20 Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singazi ngoko, ukuba zingaba zifuna ukuba yintoni na ezi zinto.

17:21 Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha.

17:22 Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi: Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo.

17:23 Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna.

17:24 UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla.

17:25 Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto.

17:26 Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo;

17:27 ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye.

17:28 Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe.

17:29 Siyinzala kaThixo nje ke, akusifanele ukuba sibe ubuthixo obu bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu.

17:30 Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke;

17:31 ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo.

17:32 Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto.

17:33 Waphuma njalo ke uPawulos phakathi kwabo.

17:34 Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.

18:1 Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte.

18:2 Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda).

18:3 Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza; kuba babengabenzi beentente, ishishini labo.

18:4 Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike.

18:5 Ke kaloku, bakuhla bevela kwelaseMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu.

18:6 Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; ndihlambulukile mna; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kwiintlanga.

18:7 Esuka khona, weza endlwini yothile ogama linguYusto, omhlonelayo uThixo, ondlu yayamene nendlu yesikhungu.

18:8 Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.

18:9 Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha ungathi tu;

18:10 ngokokuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi.

18:11 Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.

18:12 Ke kaloku, akubon’ ukuba uGaliyo ulibamba kwelaseAkaya, amwela uPawulos amaYuda ngamxhelo mnye, amsa esihlalweni sokugweba,

18:13 esithi, Lo uzamela ukweyisa abantu ukuba bamhlonele uThixo ngokunxamnye nomthetho.

18:14 Uthe ke xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ke ngoko ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyeyobutshijolo obungendawo, maYuda, ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;

18:15 kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho ongowenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andingi ndingaba ngumgwebi wezo zinto.

18:16 Wawagxotha esihlalweni sokugweba.

18:17 Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Akwabakho nanye yezo zinto ayikhathalelayo uGaliyo.

18:18 Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso.

18:19 Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya bona apho; ke yena wangena endlwini yesikhungu, waxoxa namaYuda.

18:20 Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma;

18:21 wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.

18:22 Uthe, ehle weza eKesareya, wenyuka walibulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe.

18:23 Enze ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi.

18:24 Ke kaloku wathi umYuda othile, ogama linguApolo, wakwa-Alesandire ngokuzalwa, umfo oliciko, wehla waya e-Efese, enobunkunkqele ezibhalweni.

18:25 Lowo ke wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waza evutha ngumoya wathetha, wafundisa ngokucokisekileyo izinto ezingayo iNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa.

18:26 Yena kanjalo waqala ukuthetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo.

18:27 Ke kaloku, akubon’ ukuba unga angadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala bebayala abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abakholiweyo ngalo ubabalo;

18:28 kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.

19:1 Ke kaloku kwathi, xa uApolo aseKorinte, uPawulos, ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese;

19:2 wafumana bafundi bathile, wathi kubo, UMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathi ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.

19:3 Wathi kubo, Nanibhaptizelwe enini na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane.

19:4 Wathi ke uPawulos, UYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu.

19:5 Bevile ke, babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu.

19:6 Uthe uPawulos akubeka izandla phezu kwabo, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.

19:7 Aye ke amadoda lawo ewonke engathi alishumi elinamabini.

19:8 Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.

19:9 Ke bakuba abathile belukhuni, bengaphulaphuli, bethetha okubi ngayo iNdlela leyo phambi komhlambi, wesuka kubo, wabahlula abafundi, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano.

19:10 Oku ke kwenzeka iminyaka emibini, ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi uYesu, amaYuda kwanamaGrike.

19:11 Waye noThixo esenze ngezandla zikaPawulos imisebenzi yamandla engahlali isihla;

19:12 ngokokude kusiwe nakwimilwelwe iiqhiya nemibhinqo, ivela emzimbeni wakhe, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo.

19:13 Ke kaloku bathi abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos.

19:14 Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko.

19:15 Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi. UYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; ke nina ningoobani na?

19:16 Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, beze.

19:17 Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; angenwa kukoyika onke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu.

19:18 Yaye nento eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo.

19:19 Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere.

19:20 Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.

19:21 Ke kaloku, zakuzaliseka ezi zinto, wamisa emoyeni wakhe uPawulos ukuba athi, elityhutyhile elaseMakedoni nelaseAkaya, aye eYerusalem, esithi, Emveni kokuba ndithe ndakhona, ndimelwe kukuba ndibone neRoma.

19:22 Wathuma ke kwelaseMakedoni bababini kwabamlungiselelayo, uTimoti noErasto; yena ke wakha walibala umzuzu kwelaseAsiya.

19:23 Ke kaloku kwabakho ngelo xesha inkathazeko engencinane ngayo iNdlela le.

19:24 Kuba uthile, ogama linguDemetriyo, umkhandi wesilivere, obesenza iitempile zesilivere zika-Artemis, wayezizuzisa iingcibi inzuzo engencinane.

19:25 Waziqukela ndawonye, kwanabasebenzi bezinto ezinjalo, wathi, Madoda, niyazi kakuhle ukuba buphuma kule nzuzo ubutyebi bethu;

19:26 kananjalo niyabona, niyeva, ukuba akuse-Efese kodwa, kuphantse ukuba kulo lonke elaseAsiya, athe lo Pawulos waphambukisa isihlwele esaneleyo, ngokusoyisa ngamazwi athi, asingoothixo abo benziwa ngesandla.

19:27 Asisiso ke esi sabelo sethu sodwa esisichenge sokudelwa; kwanetempile yothixokazi omkhulu uArtemis iza kubalelwa ekuthini yinto engento, butshabalale ke nobungangamela bakhe, ohlonelwa lelaseAsiya liphela nelimiweyo.

19:28 Bakukuva ke oko, bazala ngumsindo, bankqangaza, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!

19:29 Wazala umzi uphela sisidubedube; besuka indulumbane ngamxhelo mnye endaweni yokubonela, bamthi hlasi uGayo noAristarko, abelaseMakedoni, ababehamba noPawulos.

19:30 Uthe ke uPawulos, enga angangena entlanganisweni yabantu, abamvumela abafundi.

19:31 Abathile ke bakubaphathi belaseAsiya, benobuhlobo kuye, bathumela kuye, bambongoza ukuba angazinikeli endaweni yokubonela.

19:32 Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na.

19:33 Bamrhola ke esihlweleni uAlesandire, akubon’ ukuba amaYuda amtyhalela phambili; uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela eluntwini.

19:34 Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa mabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!

19:35 Esizolisile ke umbhali isihlwele, uthe, Madoda ase-Efese, kanene nguwuphi na umntu ongaziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumgcini-tempile wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus.

19:36 Zingenakuphikwa nje ke ezo zinto, nimelwe kukuthi nizole, ningenzi nanye into ngobutyhuthu-tyhuthu,

19:37 Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi batempile, nabanyelisi bothixokazi wenu.

19:38 Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane.

19:39 Ke ukuba nifuna into nganto zimbi, yoconjululwa kwesesikweni intlanganiso.

19:40 Kuba sizizichenge zokumangalelwa ngesaqunge sanamhla, kungekho nasinye isizathu nje, esingaba nako ngaso ukwenza ilizwi ngale mbuthumbuthu.

19:41 Akutsho, wayindulula intlanganiso.

20:1 Ke kaloku, emva kokuphela kwesiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi, wababulisa, waphuma waya kwelaseMakedoni.

20:2 Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile ngokuthetha okukhulu, weza kwelamaGrike.

20:3 Wenza apho iinyanga zantathu. Uthe ke, kwakwenziwa iyelenqe ngaye ngamaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya.

20:4 Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya, nguSopatro waseBhereya; kumaTesalonika ke yanguAristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabelaseAsiya yanguTikiko noTrofimo;

20:5 abo basandulela, basilinda eTrowa.

20:6 Semka ke thina ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; salibala khona iintsuku zasixhenxe.

20:7 Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon’ ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayexoxa nabo, eza kumka ngengomso; wayolula intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku.

20:8 Zaye ke izibane zanele egumbini eliphezulu, apho babehlanganisene khona.

20:9 Kwakuhleli ke efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obukhulu. Akubon’ ukuba ke uPawulos kukade exoxa, yoyiswa bubuthongo, yawa phantsi isuka kolwesithathu udidi, yafunqulwa ifile.

20:10 Ehlile ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo; eyiwolile wathi, Musani ukwenza isiphithiphithi; kuba umphefumlo wayo ukuyo.

20:11 Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo.

20:12 Bamzisa ke umfana lowo ehleli, bathuthuzeleka ngokungenamlinganiselo.

20:13 Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo.

20:14 Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene.

20:15 Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto.

20:16 Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem.

20:17 Ke kaloku eMileto apho wathumela e-Efese, wawabizela khona amadoda amakhulu alo ibandla.

20:18 Akufika ke kuye, wathi kuwo: Niyazi kakuhle nina, kususela kwimini yokuqala endathi qatha ngayo kwelaseAsiya, ukuba ndathini na ukuhlala kwam nani lonke ixesha,

20:19 ndikhonza eNkosini, ndinako konke ukuthobeka kwentliziyo, neenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngamayelenqe amaYuda:

20:20 okokuba andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu,

20:21 ndiqononondisa kuma Yuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu.

20:22 Nangoku, yabonani, ndiya mna eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona;

20:23 ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo.

20:24 Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.

20:25 Nangoku, yabonani, ndiyazi mna, ukuba nina nonke ndahambayo phakathi kwenu, ndibuvakalisa ubukumkani bukaThixo, anisayi kuba sabubona ubuso bam.

20:26 Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke; kuba andinifihlelanga nto;

20:27 ndanityela lonke icebo likaThixo.

20:28 Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi.

20:29 Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi.

20:30 Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo.

20:31 Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi.

20:32 Kungoku, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo nakwilizwi lobabalo lwakhe, onako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo.

20:33 Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani.

20:34 Nina ke ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababenam.

20:35 Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu; ngokuba yena wathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.

20:36 Akutsho, waguqa ngamadolo, wathandaza nabo bonke.

20:37 Basitsho ke isililo esikhulu bonke, bawa phezu kwentamo kaPawulos, bamanga kakhulu,

20:38 bebuhlungu kakhulu, ngokukodwa lilizwi alithethileyo lokuthi, abasayi kubuya babubone ubuso bakhe. Bamphelekelela ke, baya emkhombeni.

21:1 Ke kaloku kwathi, sakunduluka ngomkhombe, siziqhawule kubo, see ngqo seza eKos; ngomhla olandelayo ke seza eRodo, sesuka apho seza ePatara.

21:2 Sathi, sifumene umkhombe uwelela kwelaseFenike, sangena kuwo sanduluka.

21:3 Sithe sakuthi thu ke eSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, saphuma eTire; kuba umkhombe ubuya kuyithula apho impahla.

21:4 Sathi sibafumene abafundi, sahlala khona iintsuku zasixhenxe; bona babesithi kuPawulos ngoMoya, makangenyuki aye eYerusalem.

21:5 Ke kaloku sithe, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; besiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza.

21:6 Sathi sibulisene nabo, sangena emkhombeni thina, bona ke babuyela emakhaya.

21:7 Sathi ke thina, sakulufeza uhambo ngomkhombe sivela eTire, safika eTolimayi, sababulisa abazalwana, sahlala nabo usuku lwalunye.

21:8 Ke kaloku ngengomso, thina besinoPawulos, semka seza eKesareya; sangena endlwini kaFilipu, umshumayeli weendaba ezilungileyo, obengowabaya basixhenxe, sahlala kuye.

21:9 Lowo ke wayeneentombi ezine, ziseziintombi, ziprofeta.

21:10 Sakubon’ ukuba ke sihleli khona iintsuku ezininzi, kwehla kwelakwaYuda mprofeti uthile, ugama linguAgabho.

21:11 Wathi akufika kuthi, wathabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho ke uMoya oyiNgcwele ukuthi, Indoda ongowayo lo mbhinqo, aya kwenjenje amaYuda ukuyibopha eYerusalem, ayinikele ezandleni zeentlanga.

21:12 Ke kaloku, sakukuva oku, sambongoza thina, kwanabakuloo ndawo, ukuba angenyuki aye eYerusalem.

21:13 Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu.

21:14 Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.

21:15 Ke kaloku emva kwezo ntsuku, sabopha impahla, senyuka saya eYerusalem.

21:16 Kwahamba ke nathi abathile nakubafundi abavela eKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe.

21:17 Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana.

21:18 Ngengomso ke, uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho namadoda amakhulu onke.

21:19 Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke ngazinye izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe.

21:20 Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho.

21:21 Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko.

21:22 Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ufikile.

21:23 Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: kukho kuthi apha amadoda amane, anesibambiso azibophe ngaso;

21:24 wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho.

21:25 Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni.

21:26 Wandula uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye.

21:27 Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla,

21:28 enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele.

21:29 Kuba abebone ngeenxa engaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye phakathi komzi; abeba uPawulos umngenise etempileni.

21:30 Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango.

21:31 Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile;

21:32 owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos.

21:33 Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba angaba ungubani na, nokuthi wenze ntoni na.

21:34 Abanye ke phakathi kwesihlwele babhomboloza enye into, abanye enye. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi.

21:35 Xeshikweni wafikayo ke kumatye okunyuka, usuke wathwalwa ngamasoldati, ngenxa yamandla esihlwele;

21:36 kuba yayilandela inkitha yabantu, inkqangaza isithi, Msuseni.

21:37 Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe into kuwe? Wathi ke yena, Uyasazi na isiGrike?

21:38 Akunguye na kanene laa mYiputa, wathi phambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhukulisela entlango laa madoda angamawaka amane azizigebenga?

21:39 Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumntu ongumYuda waseTarso, umntu okowabo lingumzi ongadume ngako welaseKiliki; ndiyakucela ke, ndivumele ndikhe ndithethe kubo abantu.

21:40 Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Kwakuthiwa cwaka kakhulu, wadanduluka ngentetho yesiHebhere, esithi:

22:1 Madoda, bazalwana, nani bobawo, kuphulaphuleni ukuziphendulela kwam kuni ngoku.

22:2 Bakuva ke ukuba udanduluka ngentetho yesiHebhere kubo, bazola okunye. Waza wathi:

22:3 Mna ndiyindoda engumYuda; ndizalelwe okunene eTarso yelaseKiliki, kodwa ndondlelwe kulo mzi ezinyaweni zikaGamaliyeli; ndiqeqeshwe ngohlobo olucokisekileyo lomthetho woobawo, ndizondelela uThixo, njengokuba ninjalo nani nonke namhlanje.

22:4 Ndingowayitshutshisayo yona le Ndlela, ndada ndesa ekufeni, ndibopha, ndifaka ezintolongweni amadoda kwanabafazi;

22:5 njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe.

22:6 Ke kaloku kwathi, ndihamba, ndisondela eDamasko, malunga emini enkulu, ngesiquphe ndabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiselo olukhulu luphuma ezulwini.

22:7 Ndawa emhlabeni, ndeva ilizwi lisithi kum, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?

22:8 Ndaphendula ke mna ndathi, Ungubani na, Nkosi? Yathi kum, Mna ndinguYesu waseNazarete, omtshutshisayo wena.

22:9 Bona ke ababenam balubona okunene ukhanyiselo olo, besuka boyika; kodwa abalivanga ilizwi lalowo wayethetha nam.

22:10 Ndathi ke, Ndithini na, Nkosi? Yathi ke iNkosi kum, Vuka, uye eDamasko; woxelelwa khona ngazo zonke izinto ozimiselweyo ukuba uzenze.

22:11 Ndakuba ke ndingenakondela ngenxa yobuqaqawuli bolo lukhanyiselo, ndarholwa ngesandla ngabo babenam, ndafika eDamasko.

22:12 Ke kaloku, Hananiya uthile, indoda emhlonelayo uThixo ngokomthetho, engqinelwe kakuhle ngawo onke amaYuda amiyo khona,

22:13 weza kum, wema kufuphi, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza mna kwangelo lixa ndabheka phezulu kuye.

22:14 Wathi ke yena, UThixo woobawo bethu ukumisile wena ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, umbone lowo uliLungisa, uve ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe;

22:15 ngokuba uya kuba lingqina lakhe kubo bonke abantu, lezinto ozibonileyo nozivileyo.

22:16 Nakaloku usalibele yini na? Suk’ ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.

22:17 Ke kaloku kwathi, ndakuba ndibuyele eYerusalem, ndakubon’ ukuba ndiyathandaza etempileni, ndaba sethongweni;

22:18 ndayibona isithi kum, Ngxama, uphume kamsinya eYerusalem; ngokokuba bengayi kubamkela ubungqina bakho ngam.

22:19 Ndathi mna, Nkosi, bayazi kakuhle bona ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu abo bakholwayo kuwe;

22:20 naxeshikweni laphalazwayo igazi likaStefano, ingqina lakho, ndaye ndimi kufuphi nam, ndikuthakazela ukusikwa kwakhe, ndizigcinile iingubo zabo babemsika.

22:21 Yathi kum, Hamba; ngokuba mna ndiya kukuthuma kude kwiintlanga.

22:22 Bamphulaphula ke, wada wafika kwelo lizwi, baza baphakamisa izwi labo besithi, Msuseni emhlabeni umntu onje; kuba akufanelekile ukuba adle ubomi.

22:23 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayankqangaza, belahla iingubo zabo, bephosa uthuli esibhakabhakeni,

22:24 wathi umthetheli-waka, makangeniswe enqabeni yomkhosi; wathi makancinwe ngekatsi, ukuze azi ukuba kungathuba lini na ukuba benjenje ukunkqangaza ngaye.

22:25 Ke kaloku, xa bamolulayo ngeentambo, wathi uPawulos kumthetheli-khulu obemi khona, Kuvumelekile na, ukuba nimtyakatye umntu ongumRoma, engagwetywanga nokugwetywa?

22:26 Evile ke umthetheli-khulu, waya wabika kumthetheli-waka, esithi, Yilumkele into oza kuyenza; kuba lo mntu ungumRoma.

22:27 Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na? Wathi ke yena, Ewe.

22:28 Waphendula umthetheli-waka wathi, Mna ukungeniswa kwam kulo mzi waseRoma, ndakuzuza ngenani elikhulu. Wathi ke uPawulos. Ke mna ndizelwe ndinako.

22:29 Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile.

22:30 Ke kaloku ngengomso, enga angayazi inyaniso yento amangalelwe ngayo ngamaYuda, wamkhulula ezintanjeni, wathi, mabeze ababingeleli abakhulu, nayo yonke intlanganiso yabo yamatyala; waza wamhlisa uPawulos, wammisa phakathi kwabo.

23:1 Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini.

23:2 Ke kaloku umbingeleli omkhulu, uHananiya, wathi kwabo babemi ngakuye, mabambethe emlonyeni.

23:3 Waza wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo. Wena uthi uhlalele ukuba uthethe ityala lam ngokomthetho, ubuye waphule umthetho, uthi mandibethwe?

23:4 Bona ke ababemi khona bathi, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo?

23:5 Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu.

23:6 Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lelabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala esithi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, ndingowomFarisi; ndimangalelwe mna ngalo ithemba nangovuko lwabafileyo.

23:7 Uthe ke akukuthetha oko, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo;

23:8 kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasithunywa sazulu, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo.

23:9 Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe umoya kuye, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo thina.

23:10 Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.

23:11 Ke kaloku ngobo busuku iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa izinto ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.

23:12 Ke kaloku kwakusa, abathile kumaYuda bathuthelana bazibopha ngesiqalekiso, besithi abayi kudla, abayi kusela nokusela, bade bambulale uPawulos.

23:13 Baye ke bengaphezu kwamashumi omane ababefungele ukuyenza loo nto;

23:14 abathi bona beza kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, bathi, Sizibophile ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singafaki nto emlonyeni, side simbulale uPawulos;

23:15 ke ngoku nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungiselele ukumbulala.

23:16 Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos.

23:17 UPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye.

23:18 Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, UPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe.

23:19 Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Unantoni na oza kuyibika kum?

23:20 Yathi ke, AmaYuda avumelene ukukucela ukuba umhlise uPawulos, umse ngomso entlanganisweni yamatyala, ngokungathi aza kubuza ngokukhona kucokisekileyo into ngaye.

23:21 Ke wena uze ungoyisakali ngawo; kuba kuwo apho ulalelwe ngamadoda angaphezu kwamashumi amane, azibophileyo ngeziqalekiso, ukuba angadli angaseli ade ambulale; nangoku aselelungile, elinde idinga elivela kuwe.

23:22 Umthetheli-waka wayindulula ke indodana leyo, akuba eyithethele ngelithi, mayingaxeleli bani, ukuba izibonakalalisile kuye ezo ndawo.

23:23 Ebizele kuye abathetheli-khulu abathile ababini, wathi, Lungisani amasoldati abe makhulu mabini, ukuba aye eKesareya, nabamahashe babe mashumi asixhenxe, nababinzi babe makhulu mabini, ngelesithathu ilixa lobusuku;

23:24 nilungise namaqegu, ukuze bamkhwelise uPawulos, bamse kuFelikis irhuluneli, asinde.

23:25 Wabhala incwadi ethi:

23:26 UKlawudiyo Lisiya uyabulisa kuFelikis, irhuluneli edume kunene.

23:27 Le ndoda yayibanjwe ngamaYuda, iza kubulawa ngawo; koko ndathi gaxa kuwo ndinomkhosi, ndayihlangula, ndakuqonda ukuba ingumRoma.

23:28 Ndakuba ke ndingalazi ityala abeyimangalela ngalo, ndayihlisa, ndayisa entlanganisweni yawo yamatyala;

23:29 ndayifumana imangalelwe ngeembuzwano zomthetho wawo, kodwa ingenalo nalinye ityala elilingene ukufa, nokufakwa iintambo.

23:30 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Hlala kakuhle.

23:31 Amasoldati ke amthabatha uPawulos, njengoko amiselwe ngako, amsa kwa-Antipatri ebusuku.

23:32 Kuthe ke ngengomso abashiya abamahashe, ukuba bahambe naye, wona abuyela enqabeni yomkhosi;

23:33 bathi bona, bakufika eKesareya, bayinikela incwadi kwirhuluneli, bammisa noPawulos phambi kwayo.

23:34 Iyilesile ke irhuluneli, yabuza nokuba ungowabuphi na uburhulumente; ithe yakuqonda ukuba ungowelaseKiliki,

23:35 yathi, Ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; yatsho yathi, makagcinwe endlwini yerhuluneli ebiyekaHerode.

24:1 Ke kaloku, emva kweentsuku ezintlanu, wehla umbingeleli omkhulu, uHananiya, enamadoda amakhulu, neciko elithile elinguTertulo, bona bengabamangaleli bakaPawulos kwirhuluneli.

24:2 Uthe ke akubizwa, waqala uTertulo ukummangalela, esithi:

24:3 Sisiva uxolo olukhulu ngawe nje, zikho nje nezenzo eziluncedo ezenzelwe olu hlanga ngokwazalela kwakho, sikwamkela oko sibulela ngako konke, amaxesha onke, nasezindaweni zonke, Felikis odume kunene.

24:4 Ke ukuze ndingabi sakubambezela ngakumbi, ndiyakubongoza ukuba ukhe usive kancinane ngokuthantamisa kwakho.

24:5 Kuba siyifumene le ndoda isisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;

24:6 eyathi yalinga ukuyihlambela netempile: esathi sayibamba, safuna ukuyigweba ngowethu umthetho;

24:7 usuke uLisiya, umthetheli-waka, wafika, wayihlutha ngamandla amakhulu ezandleni zethu;

24:8 wathi, mabeze kuwe abamangaleli bayo, ongathi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina.

24:9 NamaYuda ke avumelana naye, athi kunjalo kanye.

24:10 Ke kaloku waphendula uPawulos, yakunqwala kuye irhuluneli ukuba athethe, wathi: Ndisazi kakuhle nje, ukuba sekuyiminyaka emininzi ungumgwebi kolu hlanga, kokukhona ndiziphendulela ngomxhelo owonwabileyo ngazo iindawo ezingam.

24:11 Kuba unganokuqonda, ukuba akuntsuku zingaphezu kweshumi elinambini, ndenyukayo ndaya kunqula eYerusalem;

24:12 nasetempileni abandifumananga ndixoxa namntu, ndisenza nasiphendu, nasezindlwini zesikhungu, naphi phakathi komzi.

24:13 Kananjalo abanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku.

24:14 Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumkhonza uThixo wakowethu, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;

24:15 ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.

24:16 Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.

24:17 Emva kweminyaka emininzi, ndafika ndizisa amalizo neminikelo kuhlanga lwakowethu.

24:18 Kwezo nto andifumana etempileni ndenziwe nyulu, ndingenzi siphendu, ndingenzi nasiphithiphithi, amaYuda athile elaseAsiya;

24:19 abemelwe kukubakho apha phambi kwakho, andimangalele, ukuba angaba anendawo ngakum;

24:20 okanye mabathi bona aba, ukuba kukho nto yokungalungisi bayifumeneyo kum, bayixele, ndakubon’ ukuba ndimi apha entlanganisweni yamatyala;

24:21 ingelilo elo lizwi linye, ndadandulukayo ngalo ndimi phakathi kwabo, lokuthi, Kungalo uvuko lwabafileyo endimangalelwayo mna nini namhla.

24:22 Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, uthe, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zale Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.

24:23 Kanjalo wammisela umthetheli-khulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungalelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye.

24:24 Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela wambiza uPawulos, wamva ethetha ngako ukukholwa kuKristu.

24:25 Akubon’ ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakuzuza ithuba, ndokubiza uze.

24:26 Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye.

24:27 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule iminyaka emibini, uFelikis wakhululana noPorkiyo Festo; kanjalo wathi uFelikis, efuna ukuzithandisa kumaYuda, wamshiya uPawulos ekhonkxiwe.

25:1 Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kwemihla emithathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.

25:2 Ke kaloku, umbingeleli omkhulu nabaziintloko kumaYuda bammangalela uPawulos kuye, bambongoza,

25:3 becela ukuba abababale ngokumbiza eze eYerusalem; bemlalele ukuze bambulale endleleni.

25:4 Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.

25:5 Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle kunye nam, bayimangalele, ukuba kukho into kule ndoda.

25:6 Akuba ke elibele kubo imihla engaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi makaziswe uPawulos.

25:7 Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;

25:8 esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare, andonanga nto.

25:9 Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Uyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?

25:10 Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.

25:11 Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.

25:12 Waza uFesto, akuba ethethe nephakathi, waphendula wathi, Ubhenele kuKesare; uya kuya kuKesare.

25:13 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule imihla ethile, uAgripa, ukumkani, noBhernike bafika eKesareya, besiza kubulisa uFesto.

25:14 Bakulibala khona ke imihla emininzi, uFesto wazandlala phambi kokumkani lowo izinto ezingaye uPawulos, esithi, Kukho ndoda ithile ishiyiweyo nguFelikis,

25:15 ikhonkxiwe, abathe ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu amaYuda, oko ndibe ndiseYerusalem, bayimangalela, becela ukuba igwetywe.

25:16 Endathi ukubaphendula, Asilosiko lamaRoma ukubabala ngomntu abulawe, phambi kokuba lowo umangalelweyo akhangelane nabamangaleli bakhe, azuze nethuba lokuziphendulela ngalo ityala lakhe.

25:17 Bakuba ngoko bebuthelene apha, andilibazisanga; ngomhla olandelayo ndahlala esihlalweni sokugweba, ndathi mayiziswe indoda leyo.

25:18 Abamangaleli bayo, bakuvela, abamisanga nalinye ityala lezo zinto bendizindlela kuzo mna;

25:19 ke baye beneembuzwano ezithile nayo ngokuhlonela kwabo izithixo, nangaYesu uthile ufileyo, abesithi yena uPawulos uhleli.

25:20 Ndakuthingaza ke mna ngawo umbuzo wale ndawo, ndathi, Unga ungaya eYerusalem na, lithethwe khona ityala lezi zinto?

25:21 Akubon’ ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.

25:22 Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi ke yena, Uya kumva ngomso.

25:23 Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.

25:24 Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi;

25:25 mna ke ndithe ndakuqonda ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, akubon’ ukuba naye ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye,

25:26 endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzise phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon’ ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo;

25:27 kuba kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.

26:1 Wathi ke uAgripa kuPawulos, Uvunyelwe ukuba uziphendulele. Wandula uPawulos waziphendulela, esolule isandla, wathi:

26:2 Ndiva kamnandi, kumkani Agripa, ndiza kuziphendulela nje phambi kwakho namhla, ngazo zonke izinto endimangalelwa ngazo ngamaYuda;

26:3 ngokukodwa ekubeni usazana nawo onke amasiko neembuzwano zamaYuda. Kungoko ndiyakuthandaza ukuba undive, undinyamezele.

26:4 Ukuhlala kwam ke kwasebuncinaneni bam, okwabakho kwasekuqalekeni phakathi kohlanga lwakowethu eYerusalem, ayakwazi onke amaYuda;

26:5 endazi ngenxa engaphambili (ukuba athe athanda ukungqina), okokuba, ngelona licokisekileyo ihlelo lonqulo lwakowethu, ndahlala ndingumFarisi.

26:6 Nangoku ndimi ndimangalelwa ngenxa yethemba ledinga elabekwa nguThixo kobawo;

26:7 ezithembe ukufika kulo izizwe zakowethu ezilishumi elinazibini, zimkhonza nje uThixo ngenyameko ubusuku nemini; ekungenxa yelo themba endimangalelwayo ngamaYuda, kumkani Agripa.

26:8 Yini na ukuba nithi, yinto eningenakukholwa yiyo, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?

26:9 Mna okunene ke bendiba ngelam, ndimelwe kukwenza izinto ezininzi ezichasene negama likaYesu waseNazarete.

26:10 Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; ndaza, bakuba besikwa, ndavuma.

26:11 Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.

26:12 Kunjalonje ke, kwathi, xa ndiyayo eDamasko, ndinegunya nemvume kubabingeleli abakhulu,

26:13 emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabo babehamba nam.

26:14 Sithe ke sakubon’ ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje.

26:15 Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo.

26:16 Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;

26:17 ndikunyothula ebantwini nasezintlangeni, endikuthuma kuzo ngokunje;

26:18 ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.

26:19 Ekuthe koko, kumkani Agripa, andaba nguye ongawululameliyo umbono wasemazulwini;

26:20 ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko.

26:21 Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala.

26:22 Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndimisile kude kube yile mini, ndingqina komncinane nakomkhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziza kubakho;

26:23 zokuba uKristu ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni.

26:24 Ke kaloku, akubon’ ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Uyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa.

26:25 Wathi ke yena, Andigezi, Festo odume kunene; ndiphimisela amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo.

26:26 Kuba ezo ndawo uyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini.

26:27 Uyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.

26:28 Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu.

26:29 Wathi ke uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.

26:30 Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo;

26:31 beshenxile, bathetha bodwa bathi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo.

26:32 Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.

27:1 Ke kaloku, kwakugqitywa kwelokuba sisuke ngomkhombe siye kwelaseItali, bamnikela uPawulos kwanabanye ababanjwa abathile kumthetheli-khulu, ogama linguYuliyo, webutho loMhlekazi.

27:2 Singenile ke emkhombeni waseAdramita, sisiza kudlula ngakwimimandla yelaseAsiya, sanduluka, kwakubon’ ukuba uAristarko, umMakedoni waseTesalonika, unathi.

27:3 Sathi ngengomso safika eTsidon; waza uYuliyo wamphatha uPawulos ngobubele, wamvumela ukuba aye ezihlotyeni zakhe, ongiwe.

27:4 Sanduluka nalapho, sahamba ngomkhombe, sabetha ezantsi kweSipro, ngenxa yokuba imimoya ibivela ngaphambili.

27:5 Sakulucanda nolwandle olungakwelaseKiliki nelasePamfili, safika eMira yelaseLiki.

27:6 Apho ke umthetheli-khulu wafumana umkhombe wakwa-Alesandire, usiya kwelaseItali, wasikhwelisa kuwo.

27:7 Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sisondele, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone.

27:8 Saza sadlula kuyo ngenkankulu, safika ndaweni ithile kuthiwa ngamaChweba aMahle, obukufuphi kuyo umzi waseLaseya.

27:9 Lithe ke lakudlula ixesha elaneleyo, nokuhamba ngomkhombe kunengozi, ngenxa yokuba nozilo beluse ludlule, uPawulos wamana ebaluleka,

27:10 esithi kubo, Madoda, ndiyabona ukuba uhambo olu luza kuba nenkxwaleko nokonakala okukhulu, kungekwamthwalo namkhombe wodwa, kukokobomi bethu nabo.

27:11 Kodwa umthetheli-khulu wayethambele okomqhubi nokomninimkhombe ukuthetha, kunokukaPawulos.

27:12 Ke kaloku, ichweba lingakulungele nje ukuba kudluliswe busika kulo, abona baninzi kubo baceba ukuba kundulukwe khona, ukuba mhlawumbi banganokufikelela badlulise ubusika eFinikis, elichweba laseKrete; elibheke kwintshonalanga engasezantsi, nakwintshonalanga engasentla.

27:13 Kuthe ke, wakubetha impepho umoya wasezantsi, beba bakuzuzile ababekungxamele, banduluka, badlula kufuphi neKrete.

27:14 Kodwa kungekabi mzuzu, kwagaleleka khona umoya osisaqhwithi, ekuthiwa yiYuroklidon.

27:15 Kuthe ke kwakubon’ ukuba uthiwe hlasi umkhombe, awaba nako ukumelana nomoya, sasesiwuyeka; saqhutywa.

27:16 Sathi sakubaleka ke, sibetha ngaphantsi kwesiqithana esithile, ekuthiwa yiKlawuda, kwaba ngenkankulu ukuba sibe nako ukuwubamba umkhonjana;

27:17 abathe bakuwufunqula, basebenza ngezinto zokunceda, bewubhinqisa umkhombe; kananjalo bathi, besoyika ukuba bangeyela esihlabeni, bazifinyeza iiseyile, baqhutywa benjalo.

27:18 Sithe ke, sakubon’ ukuba ke sibandezelwe kakubi liliqhwa, ngomhla olandelayo bawuphungula umthwalo;

27:19 nangowesithathu sayilahla ngezandla zethu impahla yomkhombe.

27:20 Kuthe ke, kwakubon’ ukuba akubonakali langa nankwenkwezi iintsuku ezininzi, kucinezele neliqhwa elingelincinane, laphela kwathi tu lonke ithemba lokuba singasindiswa.

27:21 Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala.

27:22 Nangoku ndiyaniluleka ukuba nibe nomxhelo owonwabileyo; kuba kuni aba, akukho uya kulahlekelwa bubomi bakhe, yoba ngumkhombe wodwa.

27:23 Kuba ngobu busuku bekumi ngakumisithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo,

27:24 sisithi, Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare; uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.

27:25 Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.

27:26 Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.

27:27 Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesine, sakubon’ ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.

27:28 Baza bakuba beyiphosile ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezimashumi mabini; bethe tyi ke kancinane, baphinda bayiphosa ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezilishumi elinantlanu.

27:29 Baza, besoyika ukuthi bangaphoseka ezindaweni ezibungqagala, baphosa iiankile zane esinqeni somkhombe, banga kungasa.

27:30 Ke kaloku, bakubon’ ukuba oomatrose bangxamele ukubaleka baphume emkhombeni, bewuhlisele elwandle umkhonjana, bengathi baza kuyekelela iankile ngaphambili,

27:31 wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina.

27:32 Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.

27:33 Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesine nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;

27:34 ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.

27:35 Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.

27:36 Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo.

27:37 Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu.

27:38 Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.

27:39 Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.

27:40 Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni.

27:41 Bakuba ke begaxeleke endaweni enolwandle ngeenxa zombini, wangqubeka khona umkhombe; umphambili wagxumekeka khona, wahlala awashukuma; ke sona isinqe saqhekeka ngamandla amaza.

27:42 Ke kaloku icebo lamasoldati laba lelokuba babulawe ababanjwa, hleze kubekho obaleka ngokudada, aphume.

27:43 Kodwa umthetheli-khulu, enga angamsindisa uPawulos, wawalela kwicebo lawo; kananjalo wathi, abo banako ukudada mabaziphose kuqala baphumele emhlabeni;

27:44 bathi abaseleyo, inxenye ikhwele eziplangeni, inxenye ikhwele kwezinye izinto zomkhombe. Kwaza kwathi ngokunjalo bafika emhlabeni, basinda bonke.

28:1 Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita.

28:2 Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda.

28:3 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe.

28:4 Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi.

28:5 Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko.

28:6 Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakulinda futhi ke, bakubona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.

28:7 Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.

28:8 Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.

28:9 Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;

28:10 bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.

28:11 Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele.

28:12 Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu.

28:13 Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon’ ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli;

28:14 safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.

28:15 Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.

28:16 Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.

28:17 Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubon’ ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma.

28:18 Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo.

28:19 Athe ke amaYuda akuphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare; kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu.

28:20 Ndinibongoze ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani; kuba kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane.

28:21 Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe.

28:22 Singa ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.

28:23 Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise.

28:24 Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingakholwa.

28:25 Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon’ ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi, Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu,

28:26 esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.

28:27 Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba; Beva nzima ngeendlebe, Bewacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngeentliziyo, Bajike, ndibaphilise.

28:28 Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.

28:29 Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo.

28:30 Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye,

28:31 ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.


Next: Romans