Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Matthew

1:1 Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.

1:2 UAbraham wazala uIsake; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe;

1:3 uYuda wazala uPeretse noZera ngoTamare; uPeretse wazala uHetseron; uHetseron wazala uAram;

1:4 uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon;

1:5 uSalemon wazala uBhohazi ngoRahabhi; uBhohazi wazala uObhede ngoRute; uObhede wazala uYese;

1:6 uYese wazala uDavide ukumkani. UDavide ke ukumkani wazala uSolomon ngobengumkaUriya;

1:7 uSolomon wazala uRehabheham; uRehabheham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;

1:8 uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;

1:9 u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya;

1:10 uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya;

1:11 uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.

1:12 Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli;

1:13 uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;

1:14 uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi;

1:15 uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;

1:16 uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.

1:17 Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinazine.

1:18 Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon’ ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.

1:19 Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.

1:20 Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.

1:21 Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.

1:22 Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi,

1:23 Yabonani, intombi le iya kumitha izale unyana, Bambize ngegama elinguImanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.

1:24 Wathi ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umfazi wakhe;

1:25 waza ke akamazi, wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wambiza ke ngegama elinguYesu.

2:1 Kuthe ke, akubon’ ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi,

2:2 Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; size kumnqula.

2:3 Uthe ke uHerode ukumkani, akuva, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye.

2:4 Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.

2:5 Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa,

2:6 Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda: Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli, Onguyena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli.

2:7 Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;

2:8 wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula.

2:9 Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.

2:10 Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kakhulu.

2:11 Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; zathi, zinqike impahla yazo, zanikela kuye iminikelo, igolide, nentlaka emhlophe, nemore.

2:12 Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo.

2:13 Zithe zakubon’ ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.

2:14 Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa.

2:15 Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.

2:16 Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.

2:17 Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,

2:18 Kwavakala izwi eRama, Isimema nesililo nesijwili esikhulu, URakeli elilela abantwana bakhe, Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.

2:19 Akubon’ ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa sisithi,

2:20 Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.

2:21 Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.

2:22 Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.

2:23 Ufike wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowase Nazarete.

3:1 Ke kaloku, kuthi ngaloo mihla kufike uYohane umbhaptizi, ememeza entlango yelakwaYuda, esithi,

3:2 Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

3:3 Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo.

3:4 Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle.

3:5 Babephuma oko besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan.

3:6 Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.

3:7 Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

3:8 Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningabi nithi phakathi kwenu,

3:9 Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.

3:10 Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko yonke imithi engavelisi siqhamo sihle, iyagawulwa iphoswe emlilweni.

3:11 Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena ke uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo:

3:12 omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

3:13 Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye.

3:14 Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena?

3:15 Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela.

3:16 Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini; asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe.

3:17 Nalo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.

4:1 Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi.

4:2 Uthe akuba ezile ukudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, ekupheleni kwazo walamba.

4:3 Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.

4:4 Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.

4:5 Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye,

4:6 Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.

4:7 Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.

4:8 Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo;

4:9 athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.

4:10 Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.

4:11 Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.

4:12 Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.

4:13 Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;

4:14 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,

4:15 Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali, Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan, WaseGalili yeentlanga,

4:16 Abantu abo bahleli ebumnyameni Babone ukukhanya okukhulu; Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa Bavelelwe kukukhanya.

4:17 Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

4:18 Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.

4:19 Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

4:20 Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.

4:21 Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.

4:22 Bawushiya kwaoko umkhombe noyise, bamlandela ke.

4:23 Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.

4:24 Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abafayo, bebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesathuthwane, nabanedumbe, wabaphilisa ke.

4:25 Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela kwelaseGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.

5:1 Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe.

5:2 Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,

5:3 Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

5:4 Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.

5:5 Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.

5:6 Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.

5:7 Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.

5:8 Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.

5:9 Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.

5:10 Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

5:11 Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam.

5:12 Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

5:13 Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu.

5:14 Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala;

5:15 kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini.

5:16 Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.

5:17 Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa.

5:18 Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.

5:19 Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.

5:20 Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.

5:21 Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo.

5:22 Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.

5:23 Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe,

5:24 wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.

5:25 Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele emgwebini, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni.

5:26 Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.

5:27 Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi.

5:28 Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.

5:29 Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

5:30 Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

5:31 Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana.

5:32 Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.

5:33 Kanjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi buxoki; wakuthi uzifeze eNkosini izifungo zakho.

5:34 Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu, ngokuba yitrone kaThixo;

5:35 nokuba lihlabathi eli, ngokuba sisihlalo seenyawo zakhe; nokuba yiYerusalem, ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu.

5:36 Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe, nokuba lube mnyama.

5:37 Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; nguhayi, hayi. Okugqithe koko ke kuvela kokungendawo.

5:38 Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo.

5:39 Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso.

5:40 Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka.

5:41 Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini.

5:42 Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva.

5:43 Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.

5:44 Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;

5:45 ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.

5:46 Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu?

5:47 Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenjenjalo yini na nababuthi berhafu?

5:48 Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.

6:1 Lumkani, ubulungisa benu ningabenzeli ebusweni babantu, ngokunga ningabonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini.

6:2 Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.

6:3 Ke wena, xa uliza abantu, masingazi isandla sakho sokhohlo into eyenziwa sisandla sakho sokunene,

6:4 ukuze amalizo akho abe semfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni yena.

6:5 Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.

6:6 Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.

6:7 Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.

6:8 Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.

6:9 Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.

6:10 Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.

6:11 Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla.

6:12 Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi.

6:13 Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.

6:14 Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani.

6:15 Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.

6:16 Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.

6:17 Ke wena, wakuzila, yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho,

6:18 ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.

6:19 Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe;

6:20 ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe;

6:21 kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

6:22 Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka.

6:23 Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!

6:24 Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.

6:25 Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha?

6:26 Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla. Nina anizidlule kakhulu na?

6:27 Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?

6:28 Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Gqalani iinyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta;

6:29 ke ndithi kuni, noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi.

6:30 Ukuba ke ingca leyo yasendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane?

6:31 Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na?

6:32 Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni.

6:33 Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.

6:34 Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo. Buyanele imini leyo obayo ububi.

7:1 Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa.

7:2 Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.

7:3 Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso?

7:4 Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso?

7:5 Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.

7:6 Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.

7:7 Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;

7:8 kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.

7:9 Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?

7:10 Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka?

7:11 Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?

7:12 Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.

7:13 Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo.

7:14 Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

7:15 Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.

7:16 Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?

7:17 Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.

7:18 umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle.

7:19 Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

7:20 Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.

7:21 Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.

7:22 Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi?

7:23 Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.

7:24 Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.

7:25 Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.

7:26 Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo.

7:27 Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo.

7:28 Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe;

7:29 kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.

8:1 Ke kaloku, akuhla entabeni apho, walandelwa ngabantu abaninzi.

8:2 Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.

8:3 Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe.

8:4 Athi uYesu kuye, Lumka angaxeleli bani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze umnikelo awamisa wona uMoses, ube bubungqina kubo.

8:5 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu embongoza,

8:6 esithi, Nkosi, isicaka sam silele ngendlu, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokoyikekayo.

8:7 Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna.

8:8 Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam.

8:9 Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze.

8:10 Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.

8:11 Ndithi ke kuni, Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu.

8:12 Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

8:13 Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.

8:14 Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina.

8:15 Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela.

8:16 Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa;

8:17 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.

8:18 Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya.

8:19 Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona.

8:20 Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.

8:21 Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.

8:22 Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.

8:23 Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe.

8:24 Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo.

8:25 Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala!

8:26 Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.

8:27 Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?

8:28 Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.

8:29 Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha?

8:30 Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

8:31 Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya.

8:32 Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini.

8:33 Bathe ke abo babezalusa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon.

8:34 Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba agqithe kuloo mida yabo.

9:1 Engenile ke emkhombeni, wawela, Weza kufika emzini wakowabo.

9:2 Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.

9:3 Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa.

9:4 UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu?

9:5 Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?

9:6 Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

9:7 Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe.

9:8 Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka.

9:9 Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu; athi kuye, Ndilandele, Wesuka ke, wamlandela.

9:10 Kwathi, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe.

9:11 Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni?

9:12 Ekuvile ke uYesu oko, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.

9:13 Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.

9:14 Baza bafika kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili?

9:15 Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila.

9:16 Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba.

9:17 Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.

9:18 Akubon’ ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila.

9:19 Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe.

9:20 Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe;

9:21 kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa.

9:22 Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa.

9:23 Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela;

9:24 athi kubo, Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini.

9:25 Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo.

9:26 Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba.

9:27 Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide.

9:28 Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi.

9:29 Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni.

9:30 Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto.

9:31 Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba.

9:32 Ke kaloku zakubon’ ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon.

9:33 Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli.

9:34 Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.

9:35 Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.

9:36 Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.

9:37 Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa.

9:38 Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.

10:1 Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.

10:2 Amagama ke abapostile abo balishumi elinababini ngawo la: owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; uFilipu noBhartolomeyu;

10:3 uTomas noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu;

10:4 uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo.

10:5 Abo bashumi linababini wabathuma uYesu, akuba ebayalile, wathi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya;

10:6 yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.

10:7 Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele.

10:8 Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa.

10:9 Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu;

10:10 nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsebenzi ufanelwe kukudla kwakhe.

10:11 Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibuzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke.

10:12 Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise.

10:13 Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni.

10:14 Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu.

10:15 Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

10:16 Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga.

10:17 Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu;

10:18 naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.

10:19 Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona.

10:20 Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.

10:21 Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise;

10:22 niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena.

10:23 Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.

10:24 Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe.

10:25 Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule, akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe?

10:26 Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.

10:27 Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu.

10:28 Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.

10:29 Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo.

10:30 Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.

10:31 Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.

10:32 Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini.

10:33 Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.

10:34 Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.

10:35 Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala.

10:36 Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe.

10:37 Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna.

10:38 Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.

10:39 Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.

10:40 Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.

10:41 Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa.

10:42 Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.

11:1 Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo.

11:2 Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe,

11:3 wathi kuye, Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na?

11:4 Waphendula uYesu wathi kubo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo:

11:5 iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu aya zishunyayezwa iindaba ezilungileyo.

11:6 Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.

11:7 Bakubon’ ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Naye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?

11:8 Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo bambatha ezitofotofo baba sezindlwini zookumkani bona.

11:9 Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.

11:10 Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.

11:11 Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.

11:12 Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.

11:13 Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane.

11:14 Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.

11:15 Lowo uneendlebe zokuva makeve.

11:16 Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho, ekhwaza abalingane bawo,

11:17 esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.

11:18 Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon.

11:19 UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo.

11:20 Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi,

11:21 Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, inge yaguquka kudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo nangothuthu.

11:22 Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunani.

11:23 Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.

11:24 Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe.

11:25 Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yamazulu nehlabathi, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana;

11:26 ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.

11:27 Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, kuphela nguYise; akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela.

11:28 Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.

11:29 Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.

11:30 Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.

12:1 Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; baye ke abafundi bakhe belambile, baqala ukukha izikhwebu, badla.

12:2 Ke kaloku abaFarisi, bakukubona oko, bathi kuye, Yabona, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha.

12:3 Wathi ke kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye;

12:4 okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa?

12:5 Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko?

12:6 Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha.

12:7 Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala.

12:8 Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha.

12:9 Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu.

12:10 Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele.

12:11 Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?

12:12 Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.

12:13 Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.

12:14 Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.

12:15 Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.

12:16 Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;

12:17 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,

12:18 Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; Intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.

12:19 Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.

12:20 Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;

12:21 Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.

12:22 Kwaza kwaziswa kuye ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, wada lowo uyimfama usisidenge wathetha, wabona nokubona.

12:23 Zathi nqa ke zonke izihlwele, zathi, Ngunyana kaDavide kanti na lo?

12:24 Kodwa bona abaFarisi, bakuva, bathi, Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela kungoBhelezebhule, umphathi weedemon.

12:25 Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma.

12:26 Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe?

12:27 Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona.

12:28 Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.

12:29 Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha, andule ke ukuyiphanga indlu yalo?

12:30 Lowo kum uchasene nam, nalowo ungandibuthisiyo uyachithachitha.

12:31 Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa khona ukumnyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu.

12:32 Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo.

12:33 Wenzeni mhle umthi, nesiqhama sawo sibe sihle; nithi mhlawumbi niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; kuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo.

12:34 Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.

12:35 Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo.

12:36 Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo;

12:37 kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.

12:38 Kwaza kwaphendula abathile bakubabhali nabaFarisi, besithi, Mfundisi, singa singabona umqondiso uvela kuwe.

12:39 Waphendula ke wathi kubo, Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; ke asiyi kunikwa mqondiso, ungenguwo umqondiso kaYona umprofeti.

12:40 Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.

12:41 Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ke omkhulu kunoYona nanku apha.

12:42 Ukumkanikazi welasezantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.

12:43 Xa uthe ke waphuma umoya ongcolileyo emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani.

12:44 Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe.

12:45 Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe; kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.

12:46 Akubon’ ukuba usathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye.

12:47 Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe.

12:48 Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam?

12:49 Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam;

12:50 kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.

13:1 Ke kaloku, kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle.

13:2 Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; zathi zonke izihlwele zema elunxwemeni.

13:3 Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela.

13:4 Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba.

13:5 Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba;

13:6 zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela.

13:7 Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa.

13:8 Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.

13:9 Lowo uneendlebe zokuva makeve.

13:10 Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?

13:11 Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.

13:12 Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

13:13 Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda.

13:14 Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe;

13:15 Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise.

13:16 Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.

13:17 Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva.

13:18 Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli:

13:19 akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni.

13:20 Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo;

13:21 abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.

13:22 Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.

13:23 Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.

13:24 Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe.

13:25 Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka.

13:26 Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza.

13:27 Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? Phofu iwuzuze phi na umdiza?

13:28 Wathi ke kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi ke abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe?

13:29 Uthe ke, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo.

13:30 Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam.

13:31 Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe;

13:32 lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.

13:33 Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.

13:34 Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo;

13:35 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam, Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.

13:36 Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.

13:37 Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu;

13:38 intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo;

13:39 utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.

13:40 Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade.

13:41 UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho;

13:42 zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

13:43 Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve.

13:44 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.

13:45 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle;

13:46 owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.

13:47 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke;

13:48 abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi.

13:49 Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa,

13:50 zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

13:51 Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.

13:52 wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufa na nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.

13:53 Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho.

13:54 Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?

13:55 Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na?

13:56 Noodade bakhe abakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto?

13:57 Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo.

13:58 Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.

14:1 Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu,

14:2 wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye.

14:3 Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.

14:4 Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.

14:5 Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.

14:6 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode.

14:7 Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.

14:8 Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.

14:9 Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe.

14:10 Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho.

14:11 Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina.

14:12 Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.

14:13 Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini.

14:14 Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.

14:15 Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla.

14:16 Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye.

14:17 Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.

14:18 Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.

14:19 Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.

14:20 Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.

14:21 Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.

14:22 Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena.

14:23 Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.

14:24 Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili.

14:25 Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle.

14:26 Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika.

14:27 Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.

14:28 UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.

14:29 Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu.

14:30 Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise.

14:31 Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na?

14:32 Bakungena emkhombeni, wadamba umoya.

14:33 Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.

14:34 Bakuwela, bafika emhlabeni waseGenesarete.

14:35 Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla.

14:36 Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.

15:1 Bafike oko kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi,

15:2 Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.

15:3 Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?

15:4 Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa.

15:5 Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.

15:6 Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.

15:7 Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,

15:8 Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;

15:9 Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.

15:10 Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde.

15:11 Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.

15:12 Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?

15:13 Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.

15:14 Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.

15:15 Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso.

15:16 Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?

15:17 Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?

15:18 Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu.

15:19 Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.

15:20 Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.

15:21 Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon.

15:22 Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli.

15:23 Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala.

15:24 Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa.

15:25 Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize.

15:26 Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

15:27 Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.

15:28 Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa.

15:29 Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona.

15:30 Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa;

15:31 zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.

15:32 Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni.

15:33 Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana?

15:34 Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.

15:35 Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni.

15:36 Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.

15:37 Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele.

15:38 Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.

15:39 Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.

16:1 Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini.

16:2 Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu.

16:3 Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?

16:4 Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka.

16:5 Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka.

16:6 Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi.

16:7 Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Utsho ngokuba singaphathanga zonka.

16:8 Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka?

16:9 Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo?

16:10 Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?

16:11 Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?

16:12 Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.

16:13 Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?

16:14 Bathi ke bona, Inxenye ithi, unguYohane umbhaptizi; abanye bathi, UnguEliya; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.

16:15 Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?

16:16 Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, unyana kaThixo ophilileyo.

16:17 Waphendula uYesu wathi kuye, Unoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini.

16:18 Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.

16:19 Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.

16:20 Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.

16:21 Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.

16:22 Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe.

16:23 Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.

16:24 Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.

16:25 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana.

16:26 Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?

16:27 Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo.

16:28 Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.

17:1 Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa.

17:2 Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya.

17:3 Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.

17:4 Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.

17:5 Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.

17:6 Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu.

17:7 Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.

17:8 Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa.

17:9 Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.

17:10 Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?

17:11 Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto.

17:12 Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.

17:13 Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.

17:14 Bakubon’ ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi,

17:15 Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi.

17:16 Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa.

17:17 Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.

17:18 Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.

17:19 Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?

17:20 Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.

17:21 Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

17:22 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;

17:23 baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.

17:24 Ke, bakubon’ ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile, bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?

17:25 Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?

17:26 Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana.

17:27 Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.

18:1 Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?

18:2 UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo.

18:3 Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.

18:4 Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.

18:5 Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna.

18:6 Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.

18:7 Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!

18:8 Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade.

18:9 Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.

18:10 Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.

18:11 Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo.

18:12 Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo?

18:13 Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga.

18:14 Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.

18:15 Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho.

18:16 Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu.

18:17 Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.

18:18 Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini.

18:19 Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.

18:20 Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.

18:21 Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na?

18:22 Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.

18:23 Ngenxa yoko ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owafuna ukubalelana nabakhonzi bakhe.

18:24 Kuthe ke akuqala ukubalelana nabo, kwaziswa kuye omnye onetyala leetalente ezingamawaka alishumi.

18:25 Kuthe ke ekubeni engenanto yakuhlawula, yathi inkosi yakhe, makuthengiswe ngaye, nangomfazi wakhe, nangabantwana bakhe, nangeento zonke anazo, kuhlawulwe.

18:26 Wawa phantsi ngoko umkhonzi lowo, waqubuda kuyo, esithi, Nkosi, khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.

18:27 Yasikwa ke yimfesane inkosi yaloo mkhonzi, yamkhulula, yamxolela ityala elo.

18:28 Uphumile ke loo mkhonzi, wafumanana nomnye wabakhonza kunye naye obenetyala kuye leedenariyo ezilikhulu; wambamba, wamkrwitsha, esithi, Ndihlawule ityala onalo.

18:29 Wawa phantsi ngoko ezinyaweni zakhe lo ubekhonza kunye naye, wamana embongoza, esithi, Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.

18:30 Akavumanga ke; waya wamphosa entolongweni, ade alihlawule ityala elo.

18:31 Bathi ke abo babekhonza kunye naye, bakubona oko kwenzekileyo, baba buhlungu kakhulu, beza bayityela inkosi yabo konke oko kwenzekileyo.

18:32 Yaza inkosi yakhe, imbizele kuyo, yathi kuye, Mkhonzindini ungendawo, ndakuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongo zayo;

18:33 ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe?

18:34 Yaqumba inkosi yakhe, yamnikela kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuyo.

18:35 Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.

19:1 Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, wanduluka kwelaseGalili, weza emideni yelakwaYuda, phesheya kweYordan.

19:2 Zamlandela izihlwele ezininzi, waziphilisa apho.

19:3 Kweza kuye abaFarisi bemlinga, besithi kuye, Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?

19:4 Uphendule ke wathi kubo, Anilesanga na ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana,

19:5 wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?

19:6 Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.

19:7 Bathi kuye, Phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?

19:8 Athi kubo, UMoses ngenxa yobulukhuni beentliziyo zenu wanivumela ukuba nibale abafazi benu; ke ekuqalekeni bekungenjalo.

19:9 Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.

19:10 Bathi kuye abafundi bakhe, Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka.

19:11 Wathi ke yena kubo, Asibantu bonke abaliqondayo elo lizwi; ngabo banikiweyo bodwa.

19:12 Kuba kukho amathenwa azelwe enjalo kwasesizalweni sonina; kukho namathenwa athenwa ngabantu; kukho namathenwa azithenileyo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unokukuqonda oku makakuqonde.

19:13 Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla phezu kwabo, athandaze; basuka abafundi babakhalimela.

19:14 Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.

19:15 Wazibeka izandla phezu kwabo, wemka apho.

19:16 Kwabonakala kusiza othile, wathi kuye, Mfundisi ulungileyo, yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi?

19:17 Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho.

19:18 Athi kuye, Yiphi na? Wathi ke uYesu, Yona le: uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki,

19:19 beka uyihlo nonyoko; nawo lo: uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako.

19:20 Ithi kuye indodana leyo, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam; ndisaswele ntoni na?

19:21 Wathi uYesu kuyo, Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu, woba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.

19:22 Ilivile ke indodana ilizwi elo, yemka ibuhlungu; kuba ibinemfuyo eninzi.

19:23 Wathi ke uYesu kubafundi bakhe, Inene, ndithi kuni, Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu.

19:24 Kananjalo ke ndithi kuni, Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

19:25 Bakuva ke abafundi bakhe, bakhwankqiswa kakhulu, besithi, Ngubani na ke ongasindiswayo?

19:26 Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu le nto ayinakwenzeka; ke kuye uThixo zonke izinto zinako ukwenzeka.

19:27 Waphendula uPetros wathi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela; siya kuba nantoni na ke?

19:28 Wathi ke uYesu kubo, Inene, ndithi kuni, Nina nindilandeleyo, ekuzalweni okutsha, xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini, nigweba ezizweni ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

19:29 Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.

19:30 Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

20:1 Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.

20:2 Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe.

20:3 Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi.

20:4 Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya.

20:5 Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo.

20:6 Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi?

20:7 Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile.

20:8 Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala.

20:9 Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo.

20:10 Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.

20:11 Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu,

20:12 besithi, Aba bokugqibela basebenze ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini.

20:13 Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?

20:14 Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.

20:15 Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndilungile mna?

20:16 Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.

20:17 Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo,

20:18 Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe,

20:19 bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

20:20 Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye.

20:21 Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho.

20:22 Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako.

20:23 Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo.

20:24 Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini.

20:25 Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo.

20:26 Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;

20:27 nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu;

20:28 kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

20:29 Bakubon’ ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.

20:30 Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

20:31 Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

20:32 Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?

20:33 Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.

20:34 Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.

21:1 Kuthe, xa babesondele eYerusalem, befikile eBhetefage, kwiNtaba yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini,

21:2 esithi kubo, Yiyani emzaneni lo ukhangelene nani; kwaoko nofumana iesile libotshelelwe linethole, likhululeni nilizise kum.

21:3 Nokuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi ke awathumele kwaoko.

21:4 Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,

21:5 Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Enobulali, ekhwele e-esileni, ilithole ke, Inkonyana yento ebotshwayo.

21:6 Baya ke abafundi, benza ngoko wayebamisele ngako uYesu,

21:7 balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwawo, bamhlalisa phezu kwazo.

21:8 Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; baye abanye bexhuzula amasebe emithini, bewandlala endleleni.

21:9 Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!

21:10 Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo?

21:11 Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.

21:12 Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;

21:13 athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.

21:14 Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.

21:15 Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide: basuka bacaphuka,

21:16 bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele udumiso?

21:17 Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.

21:18 Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.

21:19 Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo.

21:20 Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Utheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane?

21:21 Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.

21:22 Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.

21:23 Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?

21:24 Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto:

21:25 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

21:26 Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.

21:27 Bamphendula uYesu bathi, Asazi. Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

21:28 Nithini na ke nina? Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam.

21:29 Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.

21:30 Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya.

21:31 Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.

21:32 Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.

21:33 Yivani omnye umzekeliso. Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.

21:34 Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso.

21:35 Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.

21:36 Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.

21:37 Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.

21:38 Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe.

21:39 Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.

21:40 Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?

21:41 Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.

21:42 Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu?

21:43 Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.

21:44 Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.

21:45 Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo.

21:46 Bathi befuna ukumbamba, boyika abantu, ekubeni ke babebambe ukuthi ungumprofeti.

22:1 Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi,

22:2 Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe.

22:3 Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza.

22:4 Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.

22:5 Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe.

22:6 Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala.

22:7 Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo.

22:8 Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile.

22:9 Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.

22:10 Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.

22:11 Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.

22:12 Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke.

22:13 Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

22:14 Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.

22:15 Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe.

22:16 Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.

22:17 Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?

22:18 Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini?

22:19 Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo.

22:20 Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?

22:21 Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.

22:22 Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.

22:23 Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza,

22:24 besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.

22:25 Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.

22:26 Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.

22:27 Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.

22:28 Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.

22:29 Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.

22:30 Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.

22:31 Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,

22:32 Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.

22:33 Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.

22:34 Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.

22:35 Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,

22:36 Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?

22:37 Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.

22:38 Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.

22:39 Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

22:40 Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.

22:41 Bakubon’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo,

22:42 esithi, Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na? Bathi kuye, KaDavide.

22:43 Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi,

22:44 Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?

22:45 Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na?

22:46 Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.

23:1 Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe,

23:2 esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses.

23:3 Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi.

23:4 Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo.

23:5 Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawenze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo.

23:6 Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu,

23:7 nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi.

23:8 Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana.

23:9 Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini.

23:10 Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.

23:11 Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu.

23:12 Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.

23:13 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene.

23:14 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.

23:15 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani.

23:16 Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala.

23:17 Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na?

23:18 Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala.

23:19 Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na?

23:20 Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso.

23:21 Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo.

23:22 Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.

23:23 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.

23:24 Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela.

23:25 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi.

23:26 MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako.

23:27 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke.

23:28 Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho.

23:29 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa,

23:30 nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti.

23:31 Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti.

23:32 Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo.

23:33 Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?

23:34 Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi;

23:35 ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo.

23:36 Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana.

23:37 Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma!

23:38 Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize.

23:39 Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

24:1 Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile.

24:2 Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

24:3 Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?

24:4 Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu.

24:5 Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi.

24:6 Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.

24:7 Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.

24:8 Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.

24:9 Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.

24:10 Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane.

24:11 Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.

24:12 Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.

24:13 Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.

24:14 Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.

24:15 Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe),

24:16 ngelo xesha mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni.

24:17 Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe;

24:18 nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe.

24:19 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!

24:20 Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha.

24:21 Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.

24:22 Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.

24:23 Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa.

24:24 Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo.

24:25 Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili.

24:26 Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa.

24:27 Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.

24:28 Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.

24:29 Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe.

24:30 Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.

24:31 Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.

24:32 Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo.

24:33 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.

24:34 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.

24:35 Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

24:36 Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa.

24:37 Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu.

24:38 Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga,

24:39 wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.

24:40 Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.

24:41 Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.

24:42 Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu.

24:43 Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe.

24:44 Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

24:45 Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?

24:46 Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.

24:47 Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.

24:48 Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele,

24:49 ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo,

24:50 iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo,

24:51 imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

25:1 Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni.

25:2 Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.

25:3 Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo;

25:4 kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.

25:5 Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.

25:6 Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.

25:7 Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.

25:8 Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima.

25:9 Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele.

25:10 Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.

25:11 Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele.

25:12 Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.

25:13 Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.

25:14 Kuba kunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe.

25:15 Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye, walowo wanikwa ngokwawakhe amandla; wahambela kwelinye kwaoko.

25:16 Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente.

25:17 Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini.

25:18 Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe.

25:19 Ithi ke emveni kwexesha elikhulu, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo.

25:20 Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo.

25:21 Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi, ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

25:22 Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo.

25:23 Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

25:24 Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona;

25:25 ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho.

25:26 Yaphendula ke inkosi yakhe yathi kuye, Mkhonzindini ukhohlakeleyo, ulivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndibuthe apho ndingelelanga khona,

25:27 ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala.

25:28 Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi.

25:29 Kuba wonke umntu onako Uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

25:30 Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

25:31 Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;

25:32 zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;

25:33 athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.

25:34 Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;

25:35 kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;

25:36 ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.

25:37 Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?

25:38 Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa?

25:39 Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?

25:40 Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.

25:41 Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe.

25:42 Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza;

25:43 ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela.

25:44 Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela?

25:45 Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.

25:46 Baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.

26:1 Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,

26:2 Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

26:3 Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;

26:4 babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.

26:5 Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.

26:6 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,

26:7 kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni.

26:8 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?

26:9 Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.

26:10 Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle.

26:11 Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam.

26:12 Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam.

26:13 Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

26:14 Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,

26:15 wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu.

26:16 Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.

26:17 Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ufuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?

26:18 Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam.

26:19 Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.

26:20 Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini.

26:21 Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha.

26:22 Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi?

26:23 Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha.

26:24 UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.

26:25 Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi? Athi yena kuye, Uselutshilo nawe.

26:26 Bakubon’ ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.

26:27 Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;

26:28 kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.

26:29 Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumka nini bukaBawo.

26:30 Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

26:31 Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi.

26:32 Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili.

26:33 Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.

26:34 Wathi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

26:35 Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.

26:36 Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.

26:37 Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu.

26:38 Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam.

26:39 Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.

26:40 Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?

26:41 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

26:42 Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.

26:43 Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.

26:44 Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.

26:45 Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.

26:46 Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.

26:47 Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.

26:48 Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni.

26:49 Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi! Wamanga nokumanga.

26:50 Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na? Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba.

26:51 Wesuka omnye wabo babenoYesu, wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.

26:52 Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.

26:53 Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?

26:54 Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?

26:55 Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba.

26:56 Oku ke konke kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka.

26:57 Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu.

26:58 Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo.

26:59 Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;

26:60 nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini,

26:61 athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.

26:62 Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe?

26:63 Wahlala yena uYesu wathi tu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo.

26:64 Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.

26:65 Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?

26:66 Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokuba afe.

26:67 Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza,

26:68 besithi, Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?

26:69 Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.

26:70 Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo.

26:71 Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.

26:72 Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu.

26:73 Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.

26:74 Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku.

26:75 Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra.

27:1 Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale.

27:2 Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.

27:3 Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu,

27:4 esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? Zibonele wena.

27:5 Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.

27:6 Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi.

27:7 Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.

27:8 Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.

27:9 Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, abammisela inani aboonyana bakaSirayeli,

27:10 bawarholela umhlaba wombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi.

27:11 Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.

27:12 Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto.

27:13 Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?

27:14 Akaphendula zwi, noko lilinye, yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.

27:15 Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukuzikhululela izihlwele umbanjwa abe mnye, lowo babesithi bamfune.

27:16 Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas.

27:17 Bakubon’ ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na?

27:18 Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.

27:19 Akubon’ ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.

27:20 Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ekuthini zicele uBharabhas, zimtshabalalise uYesu.

27:21 Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? Bathe ke bona, NguBharabhas.

27:22 Athi uPilato kubo, Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni.

27:23 Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni.

27:24 Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina.

27:25 Baphendula bonke abantu bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu.

27:26 Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

27:27 Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela phezu kwakhe ibutho lawo liphela.

27:28 Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu.

27:29 Aluka isithsaba ngameva, amthi jize ngaso entloko; abeka nengcongolo esandleni sakhe sokunene, awa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi, Aa! Kumkani wamaYuda!

27:30 Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.

27:31 Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.

27:32 Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.

27:33 Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi,

27:34 amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.

27:35 Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.

27:36 Ahlala phantsi, amlinda khona apho.

27:37 Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, lo nguYesu uKumkani wamaYuda.

27:38 Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.

27:39 Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo,

27:40 besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni.

27:41 Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi,

27:42 Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni; sokholwa nguye;

27:43 ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.

27:44 Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.

27:45 Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.

27:46 Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?

27:47 Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya.

27:48 Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza.

27:49 Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.

27:50 Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe.

27:51 Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,

27:52 namangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zabangcwele ababelele zavuka;

27:53 baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi.

27:54 Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.

27:55 Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babemlandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela;

27:56 ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi.

27:57 Kwathi ke kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye.

27:58 Yena lowo waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikelwe umzimba.

27:59 Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe.

27:60 Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka.

27:61 Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.

27:62 Ke kaloku ngengomso, eliyimini esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato,

27:63 besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka.

27:64 Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.

27:65 Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako.

27:66 Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.

28:1 Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba.

28:2 Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo.

28:3 Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu.

28:4 Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo.

28:5 Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni.

28:6 Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi.

28:7 Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.

28:8 Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe.

28:9 Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye.

28:10 Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.

28:11 Bakubon’ ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo.

28:12 Bathe bona, bakuhlanganisana namadoda amakhulu, bakubhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo,

28:13 besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele.

28:14 Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina.

28:15 Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.

28:16 Bahamba ke abafundi abalishumi eli namnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu.

28:17 Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.

28:18 Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.

28:19 Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;

28:20 nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.


Next: Mark