Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Galatians

1:1 UPawulos, umpostile (ongavele bantwini, kanjalo kungengamntu; kungaye uYesu Kristu, noThixo uYise, owamvusayo kwabafileyo),

1:2 kwanabazalwana aba bonke banam, uthi kuwo amabandla kaThixo akwelaseGalati:

1:3 Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu;

1:4 owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.

1:5 Kuye makubekho uzuko, kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

1:6 Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi;

1:7 ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu.

1:8 Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.

1:9 Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.

1:10 Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.

1:11 Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim;

1:12 kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu.

1:13 Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo;

1:14 ndaye ndihambela phambili ebuYudeni, ngaphezu kwabaninzi ababeziintanga zam eluhlangeni lwakowethu, ndizizondelele ngokugqithiseleyo izithethe zoomawokhulu.

1:15 Ke, xenikweni kwakholekayo kuThixo, owandahlulayo kwasesizalweni sikama, wandibiza ngalo ubabalo lwakhe,

1:16 ukuba amtyhile uNyana wakhe ngaphakathi kwam, ukuze ndimshumayele ngeendaba ezilungileyo phakathi kweentlanga: kwaoko andibhekisanga nto kwinyama negazi.

1:17 Andinyukanga nokunyuka ndiye eYerusalem, kubo ababengabapostile ngaphambi kwam; ndesuka ndaya kwelaseArabhi, ndaza ndabuyela eDamasko.

1:18 Ndandula ndathi, emva kweminyaka emithathu, ndenyuka ndaya eYerusalem, ukuba ndazane noPetros; ndahlala naye iintsuku ezilishumi elinantlanu.

1:19 Andibonanga wumbi ke kubapostile, yaba nguYakobi, umzalwana weNkosi, yedwa.

1:20 Izinto ke endinibhalela zona, yabonani, ndithetha emehlweni kaThixo, andixoki.

1:21 Emva koko ndeza kwimimandla yelaseSiriya nelaseKilikiya;

1:22 ndaye ke ndingaziwa ngesiqu ngawo amabandla akwelamaYuda, akuKristu;

1:23 banela ukuva kwakuphela ukuba, Lowo wayefudula esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo zokholo abefudula elubhuqa.

1:24 Bamzukisa uThixo ngam.

2:1 Ndaza emva kweminyaka elishumi elinamine, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.

2:2 Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.

2:3 NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba aluke:

2:4 ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswayo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.

2:5 Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.

2:6 Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba babedume ngobunto ababhekisanga nto kum.

2:7 Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko

2:8 (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);

2:9 kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga; bona ke baye kwabolwaluko;

2:10 bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza.

2:11 Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.

2:12 Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko.

2:13 Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo.

2:14 Xenikweni ke ndabonayo ukuba abathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?

2:15 Thina, singamaYuda ngemvelo, asingaboni abavela kwiintlanga,

2:16 sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.

2:17 Ke ukuba, sifuna nje ukugwetyelwa ngoKristu, sifunyanwa singaboni nathi ngokwethu, ndiyabuza ndithi, uKristu ungumlungiseleli wesono na ke ngoko? Nakanye!

2:18 Kuba, ukuba izinto endazichithayo, ndibuya ndakhe zona, ndiyaziqondakalisa ngokwam ukuba ndingumgqithi.

2:19 Kuba mna ngomthetho ndafa kumthetho, ukuze ubomi ndibudlele kuThixo.

2:20 Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.

2:21 Andilutshitshisi ubabalo lukaThixo; kuba, ukuba bungomthetho ubulungisa, oko uKristu angaba wafumana wafa.

3:1 Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni?

3:2 Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na?

3:3 Ninje na ukuswela ukuqonda? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na?

3:4 Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba kanti benifumana nisenza.

3:5 Lowo ngoko uniphayo uMoya, usebenza imisebenzi yamandla kuni, ukwenza oko ngokwasemisebenzini yomthetho, ukwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na?

3:6 njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye.

3:7 Yazini ngoko ukuba abaselukholweni, ngabo abo abangoonyana baka-Abraham.

3:8 Isibhalo, sibona ke ngenxa engaphambili ukuba uThixo uyazigwebela iintlanga ngokwaselukholweni, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikelelelwa kuwe zonke iintlanga.

3:9 Ngoko ke abaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo.

3:10 Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.

3:11 Okokuba ke akukho namnye ugwetyelwayo ngomthetho kuye uThixo, kuyabonakala; ngokuba lowo ulilungisa, uya kudla ubomi obuphuma elukholweni.

3:12 Wona ke umthetho asingowaselukholweni; uthi, umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo.

3:13 UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);

3:14 ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.

3:15 Bazalwana, ndithetha ngokwabantu: kwanowomntu umnqophiso ozinzisiweyo, akukho namnye uwutshitshisayo, athi mhlawumbi ongeze kuwo.

3:16 Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.

3:17 Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omane anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo.

3:18 Kuba ilifa elo, ukuba liphuma emthethweni, loba alisaphumi edingeni; ke yena uThixo umbabale uAbraham ngedinga.

3:19 Uyintoni na ngoko umthetho? Walekelwa ngenxa yezigqitho, ukude ifike imbewu leyo yayibekwe ngedinga; wamiswa ngezithunywa zezulu, sisandla somlamleli.

3:20 Ke umlamleli akamnye; uThixo ke yena mnye.

3:21 Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, kuhleliwe nje, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa.

3:22 Ke sona isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo.

3:23 Ngaphambi ke kokufika kokholo, sasilindwa, siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, lube luza kutyhilwa.

3:24 Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.

3:25 Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.

3:26 Kuba nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu;

3:27 kuba nina nonke, nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu.

3:28 Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.

3:29 Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.

4:1 Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke;

4:2 iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise.

4:3 Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi.

4:4 Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho,

4:5 ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.

4:6 Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha, Bawo.

4:7 Ngoko ke akusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.

4:8 Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;

4:9 ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?

4:10 Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.

4:11 Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.

4:12 Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto.

4:13 Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala.

4:14 Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.

4:15 Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika.

4:16 Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?

4:17 Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani.

4:18 Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni.

4:19 Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,

4:20 bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.

4:21 Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?

4:22 Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.

4:23 Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.

4:24 Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;

4:25 kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.

4:26 Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.

4:27 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.

4:28 Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.

4:29 Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.

4:30 Sithini na ke sona isibhalo? Sithi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.

4:31 Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.

5:1 Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.

5:2 Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho.

5:3 Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.

5:4 Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.

5:5 Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.

5:6 Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.

5:7 Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?

5:8 Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.

5:9 Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.

5:10 Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.

5:11 Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? —singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.

5:12 Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.

5:13 Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.

5:14 Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

5:15 Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.

5:16 Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.

5:17 Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.

5:18 Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.

5:19 Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,

5:20 ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,

5:21 oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

5:22 Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;

5:23 akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.

5:24 Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.

5:25 Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.

5:26 Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.

6:1 Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe.

6:2 Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;

6:3 kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.

6:4 Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;

6:5 kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.

6:6 Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.

6:7 Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;

6:8 ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

6:9 Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.

6:10 Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.

6:11 Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.

6:12 Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba naluswe; benzela nje kodwa ukuze bangatshutshiswa ngawo umnqamlezo kaKristu.

6:13 Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho, bathanda ukuba naluswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.

6:14 Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.

6:15 Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.

6:16 Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo.

6:17 Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.

6:18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.


Next: Ephesians