Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Ezekiel

1:1 Ke kaloku, ngomnyaka wamashumi omathathu, ngenyanga yesine, ngolwesihlanu usuku enyangeni leyo, ndakubon’ ukuba ndiphakathi kwabathinjiweyo ngasemlanjeni oyiKebhare, avuleka amazulu, ndabona imibono kaThixo.

1:2 Ngolwesihlanu enyangeni leyo (ingumnyaka ke wesihlanu wokuthinjwa kokumkani uYehoyakin lowo),

1:3 kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile unyana kaBhuzi, umbingeleli, ezweni lamaKaledi, ngasemlanjeni oyiKebhare; saba phezu kwakhe apho isandla sikaYehova.

1:4 Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi.

1:5 Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo ezine. Nantsi ke imbonakalo yazo: zibe zinemfano yomntu;

1:6 inye ibinobuso obune, inye kuzo apho ibinamaphiko amane.

1:7 Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo.

1:8 Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omane; zone ke zinobuso namaphiko;

1:9 amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.

1:10 Imfano yobuso bazo ibe ibubuso bomntu; zinobuso bengonyama zone ngasekunene; zinobuso benkomo zone ngasekhohlo, zinobuso bokhozi zone;

1:11 ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabini ke egubungele imizimba yazo.

1:12 Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo.

1:13 Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane.

1:14 Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.

1:15 Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obune.

1:16 Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.

1:17 Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omane; azajika ekuhambeni kwazo.

1:18 Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zone.

1:19 Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili.

1:20 Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.

1:21 Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.

1:22 Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu.

1:23 Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni.

1:24 Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.

1:25 Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.

1:26 Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu.

1:27 Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke.

1:28 Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Leyo yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndabona ke, ndawa ngobuso, ndaliva izwi lothethayo.

2:1 Wathi kum, Nyana womntu, yima ngeenyawo zakho, ndithethe nawe.

2:2 Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum.

2:3 Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini.

2:4 Oonyana baziingwanyalala ubuso, balukhuni intliziyo. Ndikuthuma kubo; uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova.

2:5 Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bala, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.

2:6 Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani.

2:7 Wathethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bala; ngokuba baneenkani.

2:8 Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.

2:9 Ndabona, naso isandla solulelwe kum; nantso kuso incwadi esongwayo.

2:10 Wayitwabulula phambi kwam; yaye ke ibhaliwe ngaphakathi nangaphandle, kubhalwe kuyo izimbonono, nezikhwino, nezimema.

3:1 Wathi ke kum, Nyana womtu, kudle okufumanayo yidle le ncwadi isongwayo, uye uthethe kwindlu kaSirayeli.

3:2 Ndawuvula ke umlomo wam, wandidlisa loo ncwadi isongwayo;

3:3 wathi kum, Nyana womntu, dlisa isisu sakho, uzalise umbilini wakho ngaloo ncwadi isongwayo ndikunikayo. Ndayidla ke, yaba nencasa emlonyeni wam, njengobusi.

3:4 Wathi kum, Nyana womntu, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe kubo ngamazwi am.

3:5 Ngokuba akuthunyelwa kubantu abantetho inzulu, abalulwimi lunzima; uthunyelwa kwindlu kaSirayeli.

3:6 Andikuthumeli kwizizwe ezininzi, ezintetho inzulu, ezilulwimi lunzima, ezimazwi ungaweviyo; ndikuthumele kuzo ezi zinokukuphulaphula zona.

3:7 Ke indlu kaSirayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba abavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.

3:8 Yabona, ndibenza lukhuni ubuso bakho, kwanjengobuso babo; ibunzi lakho libe lukhuni, Kwanjengebunzi labo;

3:9 ndilenza libe njengedayiman, elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho. Uze ungaboyiki, ungaqhiphuki umbilini phambi kwabo; ngokuba bayindlu eneenkani.

3:10 Wathi kum, Nyana womntu, onke amazwi am endiya kuwathetha kuwe, wamkelele entliziyweni yakho, uweve ngeendlebe zakho;

3:11 uhambe uye kubathinjwa, koonyana babantu bakowenu, uthethe kubo uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova; nokuba bathe beva, nokuba bathe bala.

3:12 Wandifunqula uMoya, ndeva ngasemva kwam isandi sendudumo enkulu, sisithi, Mabubongwe ubuqaqawuli bukaYehova, endaweni yabo.

3:13 Kananjalo ndeva nesandi samaphiko ezinto eziphililileyo, elo lifikelela kwelo, nesandi seevili ngakuzo, nesandi sendudumo enkulu.

3:14 Wandifunqula uMoya, wandisusa; ndahamba ndikrakra bubushushu bomoya wam. Saye ke isandla sikaYehova siphezu kwam, siqinile.

3:15 Ndafika ke eTelabhibhi, kubathinjwa ababehleli emlanjeni oyiKebhare, apho babehleli khona; ndahlala phantsi khona iintsuku zasixhenxe, ndimangalisiwe, phakathi kwabo.

3:16 Kwathi ekupheleni kweentsuku ezisixhenxe, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

3:17 Nyana womntu, ndikwenze umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum.

3:18 Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.

3:19 Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wofa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

3:20 Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungakhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.

3:21 Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, alona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

3:22 Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, Suk’ ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.

3:23 Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini; nanko ke, kumi khona ubuqaqawuli bukaYehova obunjengobuqaqawuli obuya ndabubonayo ngasemlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.

3:24 Kwafika uMoya kum, wandimisa ngeenyawo zam, wathetha nam, wathi, Yiya uzivalele endlwini yakho.

3:25 Wena ke, nyana womntu, yabona, baya kukufaka izintya, bakubophe ngazo, ukuze ungaphumi uye phakathi kwabo.

3:26 Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho ekhuhlangubeni lakho, ube sisidenge, ungabi yindoda eyohlwayayo kubo; ngokuba bayindlu eneenkani.

3:27 Ndakuthetha nawe, ndowuvula umlomo wakho, uthi ke kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ovayo makeve, owalayo makale; ngokuba bayindlu eneenkani.

4:1 Wena ke, nyana womntu, thabatha isitena, usibeke phambi kwakho, ukrole umzi kuso, iYerusalem;

4:2 uwungqinge, uwakhele iinqaba zokubonisela, uwufumbele udonga lokungqinga; uwenzele iminquba, umisele izinto zokutyhomfa iindonga ngeenxa zonke.

4:3 Wena ke, thabatha ipani yesinyithi, uyimise ibe ludonga lwesinyithi phakathi kwakho nomzi lowo; ububhekise ubuso bakho kuwo, ube selungqingweni wona, uwungqinge wena. Ngumqondiso lo kwindlu kaSirayeli.

4:4 Wena ke, lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo: ngangenani leentsuku oya kulala ngalo, uya kubuthwala ubugwenxa babo.

4:5 Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; uya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.

4:6 Uya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mane; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka.

4:7 Uze ke ububhekise ubuso bakho elungqingweni lweYerusalem, ingalo yakho ihlutyiwe, uprofetele kuyo.

4:8 Yabona, ndikufaka izintya, ukuze ungaguqukeli kwelinye icala, ude uzigqibe iintsuku zokungqinga kwakho.

4:9 Wena ke, thabatha ingqolowa, nerhasi, neembotyi, neentlumayo, namazimba, nespelete, uzigalele ezo zinto sityeni sinye, uzenzele wena isonka; ngokwenani leentsuku olala ngecala lakho, uya kusidla iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba.

4:10 Ukudla kwakho oya kukudla koba ngokomlinganiselo, iishekele ezimashumi mabini ngosuku; uya kusidla amaxesha ngamaxesha.

4:11 Namanzi wowasela ngomlinganiselo, isahlulo sesithandathu sehin; uya kusisela amaxesha ngamaxesha.

4:12 Uya kusidla ngokwesonka esiliqebengwana serhasi, usoje emehlweni abo ngeengqatha eziphuma emntwini.

4:13 Wathi uYehova, Oonyana bakaSirayeli baya kwenjenjalo ukusidla siyinqambi ezintlangeni, endiya kubagxothela kuzo.

4:14 Ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Yabona, umphefumlo wam awuzanga wenziwe inqambi; into ezifeleyo neqwengiweyo andizanga ndiyidle, kwasebuncinaneni bam unanamhla; akufikanga nyama iyimbozisa emlonyeni wam.

4:15 Wathi kum, Uyabona, ndikunika amalongo enkomo esikhundleni seengqatha zomntu; soje kuwo isonka sakho.

4:16 Wathi kum, Nyana womntu, yabona, ndiya kuwaphula umsimelelo osisonka eYerusalem, basidle isonka ngomlinganiselo, benesithukuthezi; bawasele amanzi ngomlinganiselo, bemangalisiwe;

4:17 ukuze baswele isonka namanzi, bamangalisane, bangcungcutheke ebugwenxeni babo.

5:1 Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali sokulinganisela, uzahlule iinwele.

5:2 Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo.

5:3 Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho;

5:4 ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuyo kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.

5:5 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo.

5:6 Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, abahamba ngemimiselo yam.

5:7 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, anahamba ngemimiselo yam, anawenza amasiko am, anenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni:

5:8 ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga;

5:9 ndenze kuwe endingazanga ndikwenze, endingayi kubuya ndikwenze okunjalo, ngenxa yamasikizi akho onke.

5:10 Ngako oko ooyise baya kudla oonyana esazulwini sakho, oonyana badle ooyise; ndenze izigwebo, ndiwachithachithe onke amasalela akho emimoyeni yonke.

5:11 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam uyenze inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam.

5:12 Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwe likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo.

5:13 Wophelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethe ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo.

5:14 Phezu koko ndokwenza ube linxuwa nesingcikivo ezintlangeni ezingeenxa zonke kuwe, emehlweni abo bonke abadlulayo.

5:15 Uya kuba sisingcikivo nesinyeliso, ube sisithethiso nommangaliso kwiintlanga ezingeenxa zonke kuwe, ekwenzeni kwam izigwebo kuwe ngomsindo nangobushushu, nangezohlwayo zobushushu; mna Yehova ndithethile:

5:16 nasekuzithumeni kwam kuwe iintolo ezimbi zendlala, ezizezolonakaliso, endiya kuzithuma ukuze zinonakalise. Ndiya kuyandisa indlala phezu kwenu, ndiwaphule umsimelelo asisonka kuni;

5:17 ndithume phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile.

6:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

6:2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho ezintabeni zakwaSirayeli, uprofetele kuzo,

6:3 uthi, Yivani, nina zintaba zakwaSirayeli, ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, ukuthi, Yabonani, ndinizisela ikrele, ndizidilize iziganga zenu.

6:4 Ziya kuba ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe izithixo zenu zelanga; ndibakhahlele ababuleweyo benu phambi kwezigogo zenu.

6:5 Ndozibeka izidumbu zoonyana bakaSirayeli phambi kwezigodo zabo, ndiwachithachithe amathambo enu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu.

6:6 Imizi yoba ngamanxuwa ezindaweni zonke zokuhlala kwenu, zichithakale iziganga; ukuze zichithakale zibe ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe ziphele izigodo zenu, zigawulwe izithixo zenu zelanga, icinywe imisebenzi yenu.

6:7 Uya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.

6:8 Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.

6:9 Abasindileyo benu baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abathinjelwe kuzo, xa ndithe ndayaphula intliziyo yabo ehenyuzayo, eyemkayo kum, namehlo abo abehenyuza ngokulandela izigodo zabo; bakruquke bububi ababenzileyo ngokusingisele emasikizini abo onke.

6:10 Baya kwazi ukuba ndinguYehova; andifumane ndathetha ndathi, Ndiya kubenza obu bubi kubo.

6:11 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Betha esandleni sakho, ungqishe ngonyawo lwakho, uthi, Yeha! ngenxa yawo onke amasikizi amabi endlu kaSirayeli; kuba baya kuwa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa.

6:12 Okude uya kufa yindyikitya yokufa, okufuphi awe likrele, nosale walondolozwa afe yindlala; ndibuphelelisele kubo ubushushu bam.

6:13 Niya kwazi ukuba ndinguYehova, bakuba ababuleweyo benu bephakathi kwezigodo zenu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu, ezindulini zonke eziphakamileyo, ezincotsheni zonke zeentaba, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, naphantsi kwemiterebhinti ethe shinyi, ezindaweni ababenikela kuzo ivumba elithozamisayo kwizigodo zabo zonke.

6:14 Ndosolula isandla sam phezu kwabo; ndilenze ilizwe kube senkangala yakwankangala, ngaphezu kwentlango yakwaDibhelata, ezindaweni zonke zokuhlala kwabo; bazi ukuba ndinguYehova.

7:1 Kananjalo kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

7:2 Wena, wena ke nyana womntu, itsho iNkosi uYehova kumhlaba wakwaSirayeli ukuthi, Isiphelo, isiphelo siwafikele amasondo omane elizwe.

7:3 Kaloku isiphelo sikufikele; ndiya kuwukhuphela umsindo wam kuwe, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho amasikizi akho onke.

7:4 Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.

7:5 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ububi, ububi obubodwa; yabonani, buyeza.

7:6 Kuza isiphelo, isiphelo sona siyeza, sikuvukele wena; yabona siyeza.

7:7 Uyakuzela umjojo, mmi welizwe eli; liyeza ixesha, isondele imini; kusisaqunge, akungamayeyeye emihlali ezintabeni.

7:8 Ngoku kwakufuphi nje ndiya kuthulula phezu kwakho ubushushu bam, ndiwuphelelisele kuwe umsindo wam, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho onke amasikizi akho.

7:9 Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho amasikizi akho phakathi kwakho; nazi ukuba mna Yehova ndingobethayo.

7:10 Nantso imini! Nantso, ifikile! Uphuma umjojo, luphuma amathupha uswazi, kuyatyatyamba ukukhukhumala.

7:11 Ugonyamelo luphakame lwaba luswazi lokungendawo; akuyi kubakho namnye kubo osalayo, kungabikho nto kwingxokolo yabo, kungabikho nto kwintabalala yabo; kungabikho njuze isalayo kubo.

7:12 Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona.

7:13 Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongengxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungabikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.

7:14 Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizele ingxokolo yabo yonke.

7:15 Ngekrele ngaphandle, ngendyikitya yokufa nangendlala ngaphakathi: osendle uya kufa likrele, ophakathi komzi adliwe yindlala nayindyikitya yokufa.

7:16 Ke abasindileyo kubo bosinda, babe sezintabeni njengamavukuthu asemifuleni, bedumzela bonke bephela, elowo edumzela ngobugwenxa bakhe.

7:17 Zonke izandla ziya kuwa, onke amadolo aye angabi namandla;

7:18 babhinqe ezirhwexayo, bagutyungelwe kukududuzela, ebusweni bonke ibe kukudana, iintloko zabo zonke zibe ziinkqayi.

7:19 Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangawuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa.

7:20 Isivatho sabo esinobukhazikhazi basimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenze yayinto engcolileyo kubo.

7:21 Ndiya kuyinikela esandleni sabasemzini ukuba iphangwe, nakwabangendawo behlabathi ibe lixhoba, bayihlambele;

7:22 ndibususe ubuso bam kubo, bayihlambele ingqwebo yam; bafike abatyhobozi, bayihlambele.

7:23 Yenza umxokelelwane, ngokuba ilizwe liliphalaza igazi elimsulwa, nomzi uzele lugonyamelo.

7:24 Ndozisa abanobubi basezintlangeni, bazihluthe izindlu zabo, ndiliphelise ikratshi labanamandla, zihlanjelwe iingcwele zabo.

7:25 Kuyafika ukuxhalaba; bafuna uxolo, alukho.

7:26 Kuza umeyeliselo phezu komeyeliselo, kubekho udaba phezu kodaba, bafune umbono kumprofeti, ke umyalelo utshabalale ungabikho kumbingeleli, neqhinga kumadoda amakhulu.

7:27 Ukumkani uya kwenza isijwili, nesikhulu sambathe ummangaliso, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli. Ndiya kwenza kubo ngokwendlela yabo, ndibagwebe ngokwezigwebo zabo; bazi ukuba ndinguYehova.

8:1 Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesithandathu, ngenyanga yesithandathu, ngolwesihlanu enyangeni leyo, ndihleli endlwini yam, namadoda amakhulu akwaYuda ehleli phambi kwam, sawa phezu kwam khona isandla seNkosi uYehova.

8:2 Ndabona, nantso into efana nendoda ukubonakala kwayo; kuthabathele esinqeni sayo kwehlisa, kubonakala ingumlilo; kuthabathele esinqeni sayo kunyuse, ngathi kukubonakala kokukhazimla, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo.

8:3 Wolula into emilise okwesandla, wandibamba ngesihlwitha sentloko yam; umoya wandifunqula ndaba phakathi komhlaba nezulu. Wandisa eYerusalem ngemibono kaThixo, ekungeneni kwesango lentendelezo ephakathi, elibheke ngasentla, apho bekuhleli khona umfanekiso wobukhwele okhweletisayo.

8:4 Nabo ke bukhona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli, bunjengombono endawubonayo entilini leyo.

8:5 Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo.

8:6 Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo? Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kude nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunala.

8:7 Wandisa ke ekungeneni kwentendelezo; ndabona, nango umngxuma eludongeni.

8:8 Wathi kum, Nyana womntu, khawugqobhoze eludongeni. Ndagqobhoza ke eludongeni, nanko kukho umnyango.

8:9 Wathi kum, Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha.

8:10 Ndangena, ndabona: nanzo zonke izinto ezimilise okwesinambuzane nenkomo, izinto ezinezothe, nezigodo zonke zendlu kaSirayeli, zikroliwe eludongeni ngeenxa zonke.

8:11 Kumi phambi kwazo amadoda angamashumi asixhenxe kumadoda amakhulu endlu kaSirayeli, noYazaniya unyana kaShafan emi phakathi kwawo, iyileyo iphethe ngesandla isiqhumiselo, kunyuka ivumba lelifu lokuqhumisela.

8:12 Wathi kum, Nyana womntu, ukubonile na akwenzayo emnyameni amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, iyileyo ezingontsini zayo ezinemifanekiso? ngokuba esithi, uYehova akasiboni, uYehova ulilahlile ilizwe.

8:13 Wathi kum, Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunala.

8:14 Wandisa ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elingasentla; nanko kuhleli abafazi apho, belilela uTamuzi.

8:15 Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunala.

8:16 Wandisa entendelezweni ephakathi yendlu kaYehova: nanko, ekungeneni etempileni kaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, kukho amadoda angathi angamashumi amabini anamahlanu, eyinikele umva itempile kaYehova, ubuso bawo bubheke empumalanga; aqubuda kwilanga, ebheke empumalanga.

8:17 Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Kuncinane na kwindlu kaYuda ukuwenza la masikizi bawenzayo apha, ukuba ke balizalise ilizwe nangogonyamelo, babuye bandiqumbise? Nabo, besisa isebe lomdiliya emathatheni abo.

8:18 Nam ndiya kwenza ngobushushu; aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; nokuba badanduluke ezindlebeni zam ngezwi elikhulu, andiyi kubeva.

9:1 Wabiza ngelizwi elikhulu ezindlebeni zam, esithi, Sondelani, baveleli bomzi, elowo ephethe ngesandla izixhobo zakhe zokutshabalalisa.

9:2 Nanko ke, kusiza amadoda amathandathu ngendlela yesango eliphezulu, elikhangele entla, iyileyo iphethe ngesandla izixhobo zayo zokuhlekeza; kukho indoda phakathi kwawo eyambethe ilinen emhlophe, inezinto zokubhala ethangeni layo; eza ke ema ecaleni kwesibingelelo sobhedu.

9:3 Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu. Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangeni layo.

9:4 Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcunayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.

9:5 Wathi kwamanye ezindlebeni zam, Candani esazulwini somzi emva kwayo, nixabele; malingabi nanceba iliso lenu, ningabacongi.

9:6 Amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, babulaleni, ukuze batshabalale; ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam. Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu.

9:7 Wathi ke kuwo, Yenzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.

9:8 Kwathi, xa ababulalayo, ndisele mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?

9:9 Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova akaboni.

9:10 Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.

9:11 Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangeni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenze njengoko ubundiwisele umthetho ngako.

10:1 Ndabona, nanko, phezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kwentloko yeekerubhi, kunjengelitye lesafire, kubonakala ngathi ngumfanekiso wetrone; wabonakala phezu kwazo uYehova.

10:2 Wathetha kwindoda eyambethe ilinen emhlophe, wathi, Yiya phakathi kweevili ezijikelezayo ngaphantsi kwekerubhi, uzalise izandla zakho ngamalahle omlilo, uwathabathe phakathi kweekerubhi, uwasasaze phezu kwawo umzi. Yangena ndiyibona.

10:3 Ke iikerubhi bezimi ngasekunene kwendlu, ekungeneni kwendoda leyo; ilifu layizalisa intendelezo ephakathi.

10:4 Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, baya emnyango wendlu. Yazala indlu lilifu, nentendelezo yazala bubumhlophe bobuqaqawuli bukaYehova.

10:5 Savakala isandi samaphiko eekerubhi, sada saya entendelezweni engaphandle, sinjengezwi loSomandla akuthetha.

10:6 Kwathi, akuyiwisela umthetho indoda eyambethe ilinen emhlophe, esithi, Thabatha umlilo phakathi kweevili ezijikelezayo, phakathi kweekerubhi, yasuka yangena yema ecaleni kweevili.

10:7 Ibe isuka ke ikerubhi, isolule isandla sayo phakathi kweekerubhi, isise emlilweni ophakathi kweekerubhi, iwuthabathe, iwunikele esandleni sowambethe ilinen emhlophe; ebewuthabatha ke aphume.

10:8 Kwabonakala ke ezikerubhini into efana nesandla somntu, phantsi kwamaphiko azo.

10:9 Ndabona, nanzo iivili ezine zisecaleni leekerubhi, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ukubonakala kweevili ngathi yimbonakalo yelitye lekrizolite.

10:10 Ngokubonakala kwazo zone bezimfani-nye, kwanga kukho ivili ngaphakathi kwevili.

10:11 Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omane; azajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.

10:12 Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke; zone bezineevili zazo.

10:13 Iivili ezo zabizwa ezindlebeni zam, kwathiwa, ziivili ezijikelezayo.

10:14 Inye ibe inobuso obune: ubuso bokuqala ibubuso bekerubhi, ubuso besibini ibubuso bomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesine ibubuso bokhozi.

10:15 Zenyuka iikerubhi; yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo emlanjeni oyiKebhare.

10:16 Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo; nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo.

10:17 Ekumeni kwazo zema nazo; ekusukeni kwazo ukuba ziphaphazele, zesuka nazo; ngokuba umoya wento ephilileyo ube ukho kuzo.

10:18 Baphuma ke ubuqaqawuli bukaYehova, bemka emnyango wendlu, beza kuma phezu kweekerubhi.

10:19 Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, zasuka emhlabeni emehlweni am; ekuphumeni kwazo iivili zazingakuzo. Zema ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elisempumalanga, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buphezu kwazo ngaphezulu.

10:20 Yilaa nto iiphilileyo, ndayibonayo phantsi koThixo kaSirayeli emlanjeni oyiKebhare; ndazi ke ukuba ziziikerubhi.

10:21 Inye ibe inobuso obune inye ibe inamaphiko amane, imfano yezandla zomntu ingaphantsi kwamaphiko azo.

10:22 Ke imfano yobuso bazo, ibe ibobaa buso ndabubonayo imlanjeni oyiKebhare, nokubonakala kwazo nazo ngokwazo; zibe zihamba iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.

11:1 Wandifunqula uMoya, wandisa esangweni lendlu kaYehova langasempumalanga, elibheke empumalanga; nanko, ekungeneni kwesango, kukho amadoda engamashumi amabini anamahlanu. Ndabona phakathi kwawo uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, abathetheli babantu.

11:2 Wathi kum, Nyana womntu, ngawo la amadoda acinga inkohlakalo, aceba amacebo amabi kulo mzi;

11:3 atshoyo ukuthi, Alikasondeli ixesha lokwakha izindlu; lo mzi yimbiza, thina ke siyinyama.

11:4 Ngako oko profetela kuwo, profeta, nyana womntu.

11:5 Wandiwela ke uMoya kaYehova, wathi kum, Yithi, Utsho uYehova ukuthi, Nitshilo nina, ndlu kaSirayeli; nezinto ezithe qatha emoyeni wenu ndiyazazi mna.

11:6 Ndibandisile ababuleweyo benu kulo mzi, nazizalisa izitrato zawo ngababuleweyo.

11:7 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ababuleweyo benu, ebe nibabeka phantsi phakathi kwawo umzi, bayinyama, wona ke uyimbiza; nina niya kukhutshwa phakathi kwawo.

11:8 Niyaloyika ikrele; ndiya kunizisela ikrele, itsho iNkosi;

11:9 ndinikhuphe phakathi kwawo, ndininikele esandleni sabasemzini, ndizenze izigwebo kuni.

11:10 Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli; nazi ukuba ndinguYehova.

11:11 Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,

11:12 nazi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am anawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.

11:13 Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Uyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?

11:14 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

11:15 Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bathi ngayo abemi baseYerusalem, Bakude kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.

11:16 Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo.

11:17 Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kunibutha ezizweni, ndinihlanganise emazweni enilusali kuwo, ndininike umhlaba wakwaSirayeli.

11:18 Baya kufika kuwo, bazisuse kuwo zonke izinto zawo ezinezothe, namasikizi awo onke.

11:19 Ndobanika ntliziyo yimbi, ndibeke umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo yelitye enyameni yabo, ndibanike intliziyo yenyama;

11:20 ukuze bahambe ngemimiselo yam, bagcine amasiko am bawenze, babe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.

11:21 Ke bona abantliziyo ihamba ngokwentliziyo yezinto zabo ezinezothe, nezingamasikizi abo, ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo; utsho uYehova.

11:22 Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, kwaneevili ezingakuzo; ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baba phezu kwazo ngaphezulu.

11:23 Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka phakathi komzi, bema entabeni engasempumalanga kuwo umzi.

11:24 UMoya wandifunqula, wandisa kwelamaKaledi kubathinjwa, ndisembonweni ngoMoya kaThixo. Wenyuka wemka kum umbono ebendiwubona.

11:25 Ndathetha kubathinjwa onke amazwi kaYehova, abendibonisile.

12:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

12:2 Nyana womntu, uhleli phakathi kwendlu eneenkani; banamehlo okubona, ababoni; baneendlebe zokuva, abeva; ngokuba bayindlu eneenkani.

12:3 Wena ke, nyana womntu, zilungiselele iimpahla zemfuduka, ufuduke emini emehlweni abo, ufuduke endaweni yakho, uye ndaweni yimbi emehlweni abo, mhlawumbi bobona; ngokuba bayindlu eneenkani.

12:4 Uze uyikhuphe impahla yakho ngokwempahla yemfuduka emini, emehlweni abo; ke wena uphume ngokuhlwa emehlweni abo, njengokuphuma kwabathinjwa.

12:5 Gqobhoza eludongeni emehlweni abo, uyikhuphe ngakhona.

12:6 Yithwale ngamagxa emehlweni abo, yikhuphe kwakuba mnyama; bugqubuthele ubuso bakho, ungalikhangeli ilizwe; ngokuba ndikwenze isimanga kwindlu kaSirayeli.

12:7 Ndenjenjalo, njengoko ndawiselwa umthetho ngako; ndayikhupha emini impahla yam ngokwempahla yemfuduka; ngokuhlwa ndazigqobhozela eludongeni ngesandla, ndayikhupha kwakuba mnyama, ndayithwala ngamagxa eme hlweni abo.

12:8 Kwafika ilizwi likaYehova kum kusasa, lisithi,

12:9 Nyana womntu, indlu kaSirayeli, indlu eneenkani, ayitshongo na kuwe ukuthi, Wenza ntoni na?

12:10 Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Esi sihlabo sisingisele kwisikhulu esiseYerusalem, nakwindlu yonke kaSirayeli, abaphakathi kwayo abathinjiweyo.

12:11 Yithi, Ndisisimanga kuni; njengoko ndenze ngako, kuya kwenzeka ngokunjalo kubo; baya kufuduswa, bathinjwe.

12:12 Isikhulu esiphakathi kwabo siya kuyithwala ngamagxa kuthe thsu mnyama, siphume; baya kugqobhoza eludongeni ukuba bayikhuphe ngakhona; siya kugqubuthela ubuso baso sona, kuba singayi kulikhangela ilizwe ngamehlo.

12:13 Ndiya kuwutwabulula umnatha wam phezu kwaso, sibanjiswe ngumgibe wam, ndisise eBhabheli, ezweni lamaKaledi; ke asiyi kulibona, noko siya kufela khona.

12:14 Ndiya kukuchithachitha emimoyeni yonke konke esiphahlwe kuko, abancedisi baso namahlelo aso onke, ndirhole ikrele emva kwabo;

12:15 bazi ukuba ndinguYehova, ekubaphangalaliseni kwam ezintlangeni, ndibachithachithe emazweni.

12:16 Ndoshiya kubo amadoda ambalwa, asinde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawabalise amasikizi abo onke ezintlangeni abaye kuzo; bazi ukuba ndinguYehova.

12:17 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

12:18 Nyana womntu, wosidla isonka sakho ungcangcazela, uwasele amanzi akho ugungqa, unesithukuthezi.

12:19 Wothi ke kubantu belizwe, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele kubemi baseYerusalem, emhlabeni wakwaSirayeli, ukuthi, Isonka sabo bosidla benesithukuthezi, bawasele amanzi abo bemangalisiwe; ukuze ezweni labo kube senkangala, ingabikho inzaliseko yalo ngenxa yogonyamelo lwabo bonke abahleli kulo.

12:20 Yoba ngamanxuwa imizi emiweyo, kube senkangala elizweni; nazi ukuba ndinguYehova.

12:21 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

12:22 Nyana womntu, uyintoni na lo mzekeliso ninawo emhlabeni wakwaSirayeli, wokuthi, Imihla iyoluka, iyadaka imibono yonke?

12:23 Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwenza uphele lo mzekeliso, bangabi sazekelisa ngawo kwaSirayeli; ke, yithi kubo, Isondele imihla, nesiphelo semibono yonke.

12:24 Ngokuba akuyi kuba sabakho namnye umbono okhohlakeleyo, nokuvumisa okucengacengayo, phakathi kwendlu kaSirayeli.

12:25 Ngokuba ndinguYehova, ndiya kuthetha; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka, lingayi kulibala; ngokuba ngemihla yenu, ndlundini ineenkani, ndithetha ilizwi, ndilenze; itsho iNkosi uYehova.

12:26 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

12:27 Nyana womntu, yabona, indlu kaSirayeli ithi, Umbono awubonayo yena lo, ngowemihla emininzi; uprofetele amaxesha akude.

12:28 Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akayi kuba salityaziswa onke amazwi am; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka; itsho iNkosi uYehova.

13:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

13:2 Nyana womntu, profeta uchase abaprofeti bakwaSirayeli abaprofetayo, uthi kwabaprofeta okwentliziyo yabo, Liveni ilizwi likaYehova.

13:3 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abaprofeti abanobudenge, abalandela owabo umoya, nento abangayibonanga!

13:4 Baba njengeempungutye emanxuweni abaprofeti bakho, Sirayeli.

13:5 Aninyukanga niye emathutyeni, niyibiyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova.

13:6 Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Utsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi.

13:7 Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndingathethanga mna?

13:8 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova.

13:9 Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Abayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangabhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangangeni emhlabeni wakwaSirayeli; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

13:10 Ngenxa yokuba, ewe, ngenxa yokuba bebandwendwisile abantu bam, besithi, Luxolo, kungekho luxolo; bathi, bakwakha udonga bona, yabona, abaya balutyabeka ngodaka oluhlephukayo:

13:11 yithi kwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, Luya kuwa; kuza isiphango esikhukulayo; nina ke, matye esichotho, yiwani; wena moya usisaqhwithi, ovuthuvuthuzayo, qhutha.

13:12 Xa ke luthe lwawa udonga, akuyi kuthiwa na kuni, Kuphi na ukutyabeka enatyabeka ngako?

13:13 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuqhuthisa umoya ovuthuvuthuzayo ngobushushu bam; kuze nesiphango esikhukulayo ngomsindo wam, namatye ezichotho ngobushushu, ukuze kugqityelwe kuphele.

13:14 Ndiya kulugungxula udonga enalutyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndiluwise emhlabeni, sityhilekile isiseko salo, luwe, niphelele kweso sithuba salo; nazi ukuba ndinguYehova.

13:15 Ndobuphelelisela eludongeni ubushushu bam, nakwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndithi kuni, Alusekho udonga, abasekho abatyabeki balo,

13:16 abaprofeti bakwaSirayeli ababeprofeta ngeYerusalem, ababebona umbono woxolo, kungekho luxolo; itsho iNkosi uYehova.

13:17 Wena ke, nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwiintombi zabantu bakowenu, eziprofeta okweentliziyo zazo.

13:18 Uze uprofete ngazo, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abo bathunga izibophelelo ezihlahleni zezandla zonke, benze izigubungelo ezilingene iintloko zonke, ukuze bathiyele imiphefumlo! Nithiyele imiphefumlo yabantu bam, nasindisa eyenu imiphefumlo.

13:19 Nindihlambele kubantu bam ngenxa yerhasi esutywe ngezandla, nangenxa yamaqhekeza esonka, ukuze nibulale imiphefumlo ebingeyakufa, nisindise imiphefumlo ebingeyakusindiswa, ngamanga enu ebantwini bam abava amanga.

13:20 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndizichasile izibophelelo zenu, enithiyela ngazo imiphefumlo njengeentaka. Ndiya kuziqhawula ezingalweni zenu, ndiyindulule imiphefumlo, kwaimiphefumlo eniyithiyeleyo njengeentaka.

13:21 Ndozikrazula izigubungelo zenu, ndibahlangule abantu bam esandleni senu, bangabi saba yinto ethiyelwayo esandleni senu; nazi ukubandinguYehova.

13:22 Ngenxa enokuba niyenze buhlungu ngobuxoki intliziyo yelungisa, endingalenzanga buhlungu mna; nazomeleza izandla zongendawo, ukuze angabuyi endleleni yakhe embi, asindiswe:

13:23 ngako oko aniyi kuyibona into ekhohlakeleyo ningabi savumisa nokuvumisa; ngokuba ndiya kubahlangula abantu bam esandleni senu; nazi ukuba ndinguYehova.

14:1 Kwafika kum amadoda akumadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phantsi phambi kwam.

14:2 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

14:3 Nyana womntu, la madoda anyuse izigogo zawo ezintliziyweni zawo, amisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bawo; ndingaquqelwa ndiquqelwe ngawo na?

14:4 Ngako oko thetha nawo, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, othe wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kubaprofeti: mna Yehova ndoba ngomphendulayo ngokwam, ngokobuninzi bezigodo zakhe;

14:5 ukuze ndiyixhakamfule indlu kaSirayeli ngentliziyo yabo, ekubeni beshenxile kum bonke bephela ngezigodo zabo.

14:6 Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Buyani nizibuyise ezigodweni zenu, nibubuyise ubuso benu kumasikizi enu onke.

14:7 Ngokuba elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula ekundilandeleni kwakhe, wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kumprofeti ukuze aquqele kum ngenxa yakhe: mna Yehova ndomphendula ngokwam.

14:8 Ndoyichasa loo ndoda, ndiyiphanzise ibe ngumqondiso nomzekeliso, ndimnqumle ebantwini bam; nazi ukuba ndinguYehova.

14:9 Umprofeti, xa athe warhwebeshwa, wathetha ilizwi, mna Yehova ndimrhwebeshile loo mprofeti: ndosolula isandla sam phezu kwakhe, ndimtshabalalise phakathi kwabantu bam amaSirayeli.

14:10 Baya kubuthwala ubugwenxa babo; njengoko bunjalo ubugwenxa boquqela kuye, buya kuba njalo ubugwenxa bomprofeti lowo;

14:11 ukuze indlu kaSirayeli ingabi sandwendwa imke ekundilandeleni kwayo; bangabi sazenza iinqambi ngezikreqo zabo zonke; babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; itsho iNkosi uYehova.

14:12 Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,

14:13 Nyana womntu, xa ilizwe lithe lona kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo;

14:14 ekho phakathi kwalo la madoda omathathu, ooNowa noDaniyeli noYobhi, wona abeya kuhlangula owawo umphefumlo kuphela ngobawo ubulungisa; itsho iNkosi uYehova.

14:15 Ndingafanelana ndicandisa amarhamncwa ezweni, alihlutha abantwana, kwaba senkangala kulo, akwabakho unokucanda kulo ngenxa yamarhamncwa lawo;

14:16 ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.

14:17 Nokuba ndithe ndalizisela ikrele elo lizwe, ndathi ikrele malicande kwelo lizwe, ndanqamla kulo umntu nenkomo;

14:18 ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ebengayi kuhlangula nyana nantombi; ngokuba ebeya kuhlanguleka wona odwa.

14:19 Nokuba ndithe ndathumela indyikitya yokufa kwelo zwe, ndathulula ubushushu bam phezu kwalo ngegazi, ukuze ndinqumle kulo umntu nenkomo;

14:20 bekho phakathi kwalo ooNowa noDaniyeli noYobhi: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova bebengayi kuhlangula nyana nantombi; bona bebeya kuhlangula owabo umphefumlo kuphela ngobabo ubulungisa.

14:21 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kobeka phi na ke, xa ndithe ndathumela eYerusalem zozine izigwebo zam ezibi, ikrele, nendlala, namarhamncwa, nendyikitya yokufa, ukuze kunqumke kuyo umntu nenkomo?

14:22 Yabonani ke, kuya kusala kuyo abasindileyo, abaya kukhutshwa, abangoonyana neentombi; yabonani, baya kuphuma beze kuni, niyibone indlela yabo neentlondi zabo; nithuthuzeleke ngenxa yobubi endayizisela bona iYerusalem, ngenxa yento yonke endayizisela yona.

14:23 Baya kunithuthuzela, xa niyibonayo indlela yabo neentlondi zabo; nazi ukuba andifumananga ndikwenze konke endakwenzayo kuyo; itsho iNkosi uYehova.

15:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

15:2 Nyana womntu, umthi womdiliya uyidlula ngantoni na yonke eminye imithi, isebe lomdiliya eliphakathi kwemithi yehlathi?

15:3 Kukha kuthatyathwe umthi yini na kuwo wokusebenza umsebenzi? Kukha kuthatyathwe nesikhonkwane na kuwo, sokuxhoma iimpahla nokuba ziziphi?

15:4 Yabona, ufakwa emlilweni ukuba uwutshise; umlilo utshisa iincam zawo zombini, sirhawuke isibili sawo; wowulungela na ke umsebenzi?

15:5 Yabona, oko ube usewonke, ubungenamsebenzi; wobeka phi na ke ukungabi namsebenzi, xa uthe watshiswa ngumlilo, warhawuka?

15:6 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Njengomthi womdiliya phakathi kwemithi yehlathi, endiwufaka emlilweni ukuze utshiswe, ndenjenjalo ukubabeka emlilweni abemi baseYerusalem, Ndiya kubachasa;

15:7 baya kuphuma emlilweni, umlilo uya kubatshisa; nazi ukuba ndinguYehova ekubachaseni kwam.

15:8 Ndiya kwenza elizweni kube senkangala, ngenxa yokuba bemenezile ngobumenemene; itsho iNkosi uYehova.

16:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

16:2 Nyana womntu, yazise iYerusalem amasikizi ayo, uthi,

16:3 Itsho iNkosi uYehova kwiYerusalem, ukuthi, Ukuvela kwakho nokuzalwa kwakho kokwasezweni lamaKanan; uyihlo waye engumAmori, unyoko waye engumHetikazi.

16:4 Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni.

16:5 Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenzelwe noko inye kwezo zinto, ngokuba nofefe kuwe; walahlelwa endle ngokucatshukelwa kwakho ngemini yokuzalwa kwakho.

16:6 Ndagqitha kuwe, ndakubona ugqushagqusha egazini lakhe, ndathi kuwe, Usegazini lakho njalo, phila; usegazini lakho njalo, phila!

16:7 Ndakwenza waba yinyambalala, njengokuntshula kwentsimi; wanda, wakhula, wafika entlahleni yezidlele; waphuma amabele, bahluma uboya bakho; waye ke wena uze kanye.

16:8 Ke kaloku ndagqitha kuwe, ndakubona, nalo ixesha lakho lilixesha lothando. Ndatwabulula isondo lengubo yam phezu kwakho, ndabugubungela ubuze bakho; ndakufungela, ndanqophisana nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke.

16:9 Ke ndakuhlamba ngamanzi, ndakuhlambulula amagazi akho, ndakuthambisa ngeoli.

16:10 Ndakwambesa ngeengubo ezimfakamfele, ndakunxiba izixathula zesikhumba sehlengezi; ndakujikelisa intloko ngelinen ecikizekileyo, ndakugqubuthela ngesilika.

16:11 Ndakuvathisa ngesivatho, ndakufaka izacholo ezihlahleni, nemixokelelwane emqaleni wakho.

16:12 Ndakunika ikhonkco lempumlo, namajikazi ezindlebeni zakho, nesithsaba sokuhomba entloko.

16:13 Wavatha ke igolide nesilivere, nezambatho zakho zaba zezelinen ecikizekileyo, nezesilika, nezimfakamfele. Wadla umgubo ocoliweyo, nobusi, neoli; waba mhle kakhulu kunene, waya uphumelela ebukumkanini.

16:14 Lwaphuma udumo lobuhle bakho lwagqiba ilizwe lonke; ngokuba bapheleliseka bona ngobungangamela bam, endabubeka phezu kwakho; itsho iNkosi uYehova.

16:15 Wesuka wena wakholosa ngobuhle bakho, wahenyuza ngenxa yodumo lwakho; ubuhenyu bakho wabuthululela phezu kwabo bonke abadlulayo, waba ngowabo.

16:16 Wathabatha ezingutyeni zakho; iziganga wazenzela iintente ezirhwexu, wahenyuza phezu kwazo; into ebe ingafanele kuza, ebe ingafanele kubakho.

16:17 Wathabatha iimpahla zakho zokuhomba zegolide yam, nezesilivere yam endakunikayo, wazenzela imifanekiso engamadoda, wahenyuza nayo.

16:18 Wathabatha iingubo zakho ezimfakamfele, wayigubungela ngazo; neoli yam nesiqhumiso sam wasibeka phambi kwayo.

16:19 Isonka sam endakunikayo, nomgubo ocoliweyo, neoli, nobusi, izinto endakudlisayo zona, wazibeka phambi kwayo, ukuba zibe livumba elithozamisayo. Kwaba njalo; itsho iNkosi uYehova.

16:20 Wathabatha oonyana bakho neentombi zakho, owazizalela mna, wabingelela ngazo kuyo ukuba idle. Bebubuncinane na ke ubuhenyu bakho,

16:21 ukuba nje ubasike oonyana bam, ubanikele ngokubacandisa bona emlilweni ngenxa yayo?

16:22 Emasikizini akho onke, nasebuhenywini bakho, akuyikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, oko ubuze kanye, ugqushagqusha egazini lakho.

16:23 Kwaza kwathi, emva kwezo nto zakho zonke ezimbi (yeha! yeha ke wena! itsho iNkosi uYehova),

16:24 wazakhela amanqugwala, wazenzela iindawo eziphakamileyo ezitratweni zonke.

16:25 Emantloko eendlela zonke wazakhela iindawo zakho eziphakamileyo, wabenza ubuhle bakho balisikizi, wayithi qheke imilenze yakho kubo bonke abadlula ngendlela, wabandisa ubuhenyu bakho.

16:26 Wahenyuza noonyana bamaYiputa, abamelwane bakho abakhulu ngenyama; wabandisa ke ubuhenyu bakho ukuze undiqumbise.

16:27 Yabona, ndasolula phezu kwakho isandla sam, ndawunciphisa umamkeliso owumiselweyo, ndakunikela elitheni labakuthiyayo, kweleentombi zamaFilisti, ezibe ziyidanele indlela yakho yamanyala.

16:28 Wahenyuza noonyana baseAsiriya, ngenxa yokuba unganelanga; wahenyuza ke nabo, akwanela noko.

16:29 Wabandisela ezweni lamaKanan ubuhenyu bakho kwelamaKaledi, akwanela nayiloo nto.

16:30 Hayi, ukuthamba kwentliziyo yakho! itsho iNkosi uYehova; ukuba wenze zonke ezo zinto, imisebenzi yenkazana ehenyuzayo, esileyo.

16:31 Ekwakheni kwakho amanqugwala emantloko eendlela zonke, nasekwenzeni kwakho iindawo zakho eziphakamileyo ezitratweni zonke, akubanga njengehenyukazi eli, ngokusuka uwucukuceze umvuzo wobuhenyu.

16:32 Umfazi okrexezayo wamkela abasemzini, noko angumkamntu.

16:33 Onke amahenyukazi bawanika izipho; ke wena wazinika zonke izithandane zakho izipho zakho, wazicenga ukuze zize kuwe ngeenxa zonke ekuhenyuzeni kwakho.

16:34 Wena okwakho ukuhenyuza kuthe kwaphambana nokwamankazana, ngokuthi ingabi nguwe olandelwayo ekuhenyuzeni; ngokuthi urhole wena umvuzo wobuhenyu, ungarholelwa umvuzo wobuhenyu; waba ngophambileyo ke.

16:35 Ngako oko, henyukazi, live ilizwi likaYehova.

16:36 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuze bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo:

16:37 ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuze bakho kubo, babubone ubuze bakho bonke.

16:38 Ndokugweba ngokugwetywa kwabakrexezikazi nabaphalazi begazi, ndikwenze wena ube ligazi lobushushu nobukhwele.

16:39 Ndokunikela esandleni sabo, bawagungxule amanqugwala akho, bazidilize iindawo zakho eziphakamileyo, bakuhlube iingubo zakho bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba, bakushiye uze kanye.

16:40 Baya kukunyusela ibandla, bakuxulube ngamatye, bakuxabele ngamakrele abo;

16:41 bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu.

16:42 Ndobupholisela kuwe ubushushu bam, limke ikhwele lam kuwe, ndizole, ndingabi saqumba.

16:43 Ngenxa enokuba ungayikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, wesuka wangqungisana nam kwezi zinto zonke: yabona, nam ndikunika ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova, ukuze ungenzi manyala angaphezu kwamasikizi akho onke.

16:44 Yabona, bonke abazekelisi baya kuzekelisa ngawe, besithi, Ifuze unina intombi yakhe.

16:45 Wena uyintombi yonyoko, odimeleyo yindoda yakhe nabantwana bakhe; wena ungudade woodade benu, abadimeleyo ngamadoda abo nabantwana babo; unyoko ngumHetikazi, uyihlo ngumAmori.

16:46 Udade wenu omkhulu nguSamari namagxamesi akhe, ehleli ngasekhohlo kwakho; nomsakwenu omncinane kuwe, ehleli ngasekunene kwakho, yiSodom namagxamesi ayo.

16:47 Akuhambanga ke ngeendlela zabo, wenze ngokwamasikizi abo; ukanti ngomzuzwana wonakalise ngaphezu kwabo ngeendlela zakho zonke.

16:48 Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, iSodom umsakwenu, yona namagxamesi ayo, ayenzanga njengoko wenze ngako wena namagxamesi akho.

16:49 Nabu ke ubugwenxa beSodom umsakwenu; yabe ilikratshi, nokuhlutha sisonka, nokuchulumacha, yona namagxamesi ayo; ayabamba ngesandla abaziintsizana nabangamahlwempu.

16:50 Babezidla, besenza amasikizi phambi kwam; ndabasusa, ndakukubona oko.

16:51 NoSamari akonanga ngokwesiqingatha sezono zakho; waye wena uwandisile amasikizi akho ngaphezu kwakhe, wabenza amalungisa odade benu, ngamasikizi akho owenzileyo.

16:52 Nawe, thwala ke ihlazo lakho, olibalele kodade benu. Ngezono zakho owazenza ngokumasikizi kunabo, ubenze baba ngamalungisa kunawe; dana ke nawe, ulithwale ihlazo lakho; ekubeni ubenze amalungisa oodade benu.

16:53 Ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, ukuthinjwa kweSodom namagxamesi ayo, nokuthinjwa koSamari namagxamesi akhe, ndokubuyisa ukuthinjwa okukuthinjwa kwakho phakathi kwabo;

16:54 ukuze ulithwale ihlazo lakho, uzidanele izinto zonke ozenzileyo, ubathuthuzele.

16:55 Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.

16:56 ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho;

16:57 zingekatyhilwa izinto zakho ezimbi, njengasexesheni lesingcikivo samagxamesi akwa-Aram nesangeenxa zonke kuye, samagxamesi amaFilisti, awakucukulayo ngeenxa zonke.

16:58 Amanyala akho namasikizi akho uwathwele; utsho uYehova.

16:59 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndenza ke kuwe njengoko wenze ngako wena, osidelileyo isifungo, ukuba uwaphule umnqophiso.

16:60 Ndiya kuwukhumbula mna umnqophiso wam nawe ngemihla yobuncinane bakho, ndikumisele umnqophiso ongunaphakade.

16:61 Wozikhumbula iindlela zakho, udane ekubamkeleni kwakho oodade benu, abakhulu kunawe kunye nabancinane kunawe; ndikunike babe ziintombi kuwe, noko bengengabomnqophiso wakho.

16:62 Ndowumisa mna umnqophiso wam nawe, wazi ukuba ndinguYehova;

16:63 ukuze ukhumbule, udane, ungabi saba nakuvula mlomo ngenxa yehlazo lakho, ekukuxoleleni kwam zonke izinto ozenzileyo; itsho iNkosi uYehova.

17:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

17:2 Nyana womntu, jika iqhina, uzekelise ngomzekeliso kwindlu kaSirayeli, uthi,

17:3 Itsho iNkosi uYehova ukuthi: Ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, elintsiba zolukileyo, eliboya buqhamileyo, buchokochoko, leza eLebhanon, lathabatha amantloko omsedare.

17:4 Laqhawula eliphezulu emahlamvini awo, lalisa ezweni lakwaKanan, lalimisa emzini wabarhwebi.

17:5 Lacaphula embewini yelo zwe, layifaka entsimini ehlwayelwayo, layithabatha layisa kumanzi amaninzi, layimisa ngokomngculuba.

17:6 Yahluma, yaba ngumdiliya onabileyo, omfuphi, ukuze amasebe awo asinge kulo, neengcambu zawo zibe phantsi kwalo; waba ngumdiliya ke, wenza amasebe, waqhama amagqabi.

17:7 Kwabakho elinye ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, linoboya obuninzi. Nango lo mdiliya unabela ngakulo ngeengcambu zawo, ugobela ngakulo amasebe awo, ukuba liwanyele ezindimeni otyewe kuzo.

17:8 Ubutyelwe entsimini elungileyo wona, ngasemanzini amaninzi, ukuze wenze amasebe, uxakathe iziqhamo, ukuba ube ngumdiliya onguwona unguwo.

17:9 Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Womila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo?

17:10 Yabona, khona utyelwe, womila na? Awuyi kubuna ubune na, wakufikelwa lulophu lwasempumalanga? Uya kubunela ezindimeni ohlume kuzo.

17:11 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

17:12 Khawuthi kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wayo nabathetheli bayo, wabasa kuye eBhabheli.

17:13 Wathabatha owasembeweni yokumkani, wanqophisana naye, wamfungisa; wathabatha iinjengele zelizwe elo;

17:14 ukuze bube bubukumkani obuphantsi, ukuze bungaziphakamisi, ukuze awugcine umnqophiso wakhe, ukuze ume wona.

17:15 Wasuka ke wagwilika kuye ngokuthuma abathunywa bakhe eYiputa, ukuze anikwe amahashe nabantu abaninzi. Woba nempumelelo na? Wosinda na owenze loo nto? Wowaphula umnqophiso, asinde na ke?

17:16 Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, endaweni yokumkani owamenza ukumkani, osifungo asidelileyo, omnqophiso awaphuleyo, uya kufela kuyo, esazulwini seBhabheli.

17:17 UFaro akayi kumnceda ngampi inkulu nangasikhungu sikhulu emfazweni, kwakufunjwa udonga lokungqinga, kwakhiwe inqaba zokubonisela; ukuze inqunyulwe imiphefumlo emininzi.

17:18 Ekubeni esidelile isifungo, ukuba awaphule umnqophiso, yabona, unike isandla sakhe, waza noko wenza zonke ezi zinto; akayi kusinda.

17:19 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, isifungo sam asidelileyo, nomnqophiso wam awaphuleyo, ndiya kumnika entlokweni yakhe.

17:20 Ndowutwabulula phezu kwakhe umnatha wam, abanjiswe ngumgibe wam, ndimse eBhabheli, ndimangalelane naye khona ngenxa yomenezo lwakhe, andimenezele ngalo.

17:21 Baya kuwa likrele bonke abasabileyo bakhe emahlelweni akhe onke, namasalela athiwe saa qhu kwimimoya yonke; nazi ukuba mna Yehova ndithethile.

17:22 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndiya kuthabatha ke ihlamvu emantloko omsedare omde, ndilimise; emahlamvini awo aphezulu ndiya kuqhawula elithambileyo, ndilityale mna entabeni ephakamileyo, ende.

17:23 Ndiya kulityala ke entabeni ende yakwaSirayeli, linyuse amasebe, lixakathe iziqhamo, libe ngumsedare ongowona unguwo, zihlale phantsi kwawo zonke iintaka zeentlobo ngeentlobo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo.

17:24 Iya kwazi yonke imithi yasendle, ukuba mna Yehova ndiwuthobile umthi ophakamileyo, ndiwuphakamisile umthi omfuphi; ndiwomisile umthi omanzi, ndiwuqhamisile umthi owomileyo. Mna Yehova ndithethile, ndenza.

18:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

18:2 Uyintoni na kuni lo mzekeliso, nizekelisa ngawo emhlabeni wakwaSirayeli, nisithi, ooyise badle iidiliya ezimuncu, kwaba buthelezi amazinyo oonyana?

18:3 Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova ukuthi, anisayi kuba sazekelisa ngalo mzekeliso kwaSirayeli.

18:4 Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.

18:5 Umntu xa athe waba lilungisa, wenza ngokwesiko nangobulungisa;

18:6 akadlela ezintabeni, amehlo akhe akawaphakamisela kwizigodo zendlu yakwaSirayeli; umfazi wommelwane wakhe akamenza inqambi, akasondela kumfazi enomzi;

18:7 akamxinzelela phantsi umntu, wasibuyisa isibambiso sokuboleka kwakhe, akaxhakamfula; wamnika olambileyo isonka sakhe, wamgubungela oze ngengubo;

18:8 akanikela imali ukuba adle abanye ngayo, akathabatha nzala yamboleko; wasibuyisa isandla sakhe ekugqwetheni, wenza ngokwesiko nangenyaniso phakathi kobani nobani;

18:9 wahamba ngemimiselo yam, wagcina amasiko am, ukuba enze ngenyaniso: ulilungisa, inene uya kuphila; itsho iNkosi uYehova.

18:10 Ke ethe wazala unyana osisigwinta, ophalaza igazi, owenza nokuba inye kwezo zinto,

18:11 ke yena ezo nto zonke engazenzanga, unyana kananjalo odlela ezintabeni, omenza inqambi umfazi wommelwane wakhe;

18:12 oluxinzelela phantsi usizana nehlwempu, oxhakamfulayo, ongasibuyisiyo isibambiso; owaphakamisela kwizigodo amehlo akhe, owenza amasikizi;

18:13 onikela imali ukuba adle abanye ngayo, othabatha inzala yemboleko: wophila na ke loo nyana? Akayi kuphila; wenze onke la masikizi; uya kubulawa afe; igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe.

18:14 Yabonani ke, ethe yena lo wazala unyana, othe wazibona zonke izono zikayise azenzayo, abone ke, angenjenjalo;

18:15 angadleli ezintabeni, amehlo akhe angawaphakamiseli kwizigodo zendlu kaSirayeli, umfazi wommelwane wakhe angamenzi inqambi;

18:16 angamxinzeleli phantsi umntu, angabambisi ngesibambiso, angaxhakamfuli; isonka sakhe asinike olambileyo, amgubungele oze ngengubo;

18:17 abuyise isandla sakhe kolusizana; angadli abanye ngemali, angathabathi nzala yamboleko, wenza ngokwamasiko am, uhamba ngemimiselo yam: lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise; inene uya kuphila.

18:18 Uyise yena, ngokokuba ecudisile kakubi, exhakamfula umzalwana, wenza okungalungileyo phakathi kwabantu bakowabo, yabonani, uya kufa ngobugwenxa bakhe.

18:19 Ukanti nithi ke, Kungathuba lini na ukuba unyana angabuthwali ubugwenxa bukavise? Unyana kaloku wenze ngokwesiko nangobulungisa; uyigcinile yonke imimiselo yam, wayenza; inene, uya kuphila.

18:20 Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.

18:21 Ongendawo ke, xa athe wabuya ezonweni zakhe zonke azenzileyo, wayigcina yonke imimiselo yam, wenza ngokwesiko nangobulungisa, inene, uya kuphila; akayi kufa.

18:22 Zonke izikreqo zakhe azenzileyo aziyi kukhunjulelwa kuye; ngobulungisa bakhe abenzileyo, uya kuphila.

18:23 Kumnandi na kanene kum ukufa kongendawo? Itsho iNkosi uYehova. Okumnandi kum asikuko na ukuthi abuye ezindleleni zakhe, aphile?

18:24 Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, lophila na lona? Yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa; ngenxa yobumenemene balo elimeneze ngabo, nangenxa yezono zalo elone ngazo: ngenxa yezo zinto liya kufa.

18:25 Ukanti nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Khanive, ndlu kaSirayeli; indlela yam ayilungelelene, yini na? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?

18:26 Xa lithe ilungisa labuya ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, lofa ngezo zinto; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.

18:27 Xa athe ongendawo wabuya kokungendawo kwakhe akwenzileyo, wenza ngokwesiko nangobulungisa, yena uya kuwusindisa umphefumlo wakhe.

18:28 Ekubeni ebonile, wabuya ezikreqweni zakhe zonke azenzileyo, uya kuphila; akayi kufa.

18:29 Ukanti ithi ke indlu kaSirayeli, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Iindlela zam azilungelelene na, ndlu kaSirayeli? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?

18:30 Ngako oko ndiya kunigweba elowo ngokwendlela yakhe, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova. Buyani, nizibuyise ezikreqweni zenu zonke, bungabi sisikhubekiso ubugwenxa kuni.

18:31 Lahlani zonke izikreqo zenu enikreqe ngazo, nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli?

18:32 Ngokuba akumnandi kum ukufa kofayo; itsho iNkosi uYehova. Zibuyiseni ke niphile.

19:1 Wena ke, yenza isijwili ngezikhulu zakwaSirayeli, uthi,

19:2 Uyintoni na unyoko? Ingonyamakazi, ebuthume phakathi kweengonyamakazi, ewondlela amathole ayo phakathi kweengonyama ezintsha.

19:3 Yakhulisa elinye ematholeni ayo, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; ladla abantu.

19:4 Iintlanga zahlaba umkhosi ngalo, labanjiswa emhadini wazo; zalisa ezweni lamaYiputa, lifakwe amakhonkco.

19:5 Yakubona ingonyamakazi ukuba aliphumeleli, lidakile ithemba layo, yathabatha elinye ematholeni ayo, yalenza ingonyama entsha.

19:6 Lahambahamba phakathi kweengonyamakazi, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; labadla abantu.

19:7 Labazi abahlolokazi babo, layenza amanxuwa imizi yabo, kwaba senkangala kwilizwe nakwinzaliseko yalo, ngezwi lokubharhula kwalo.

19:8 Iintlanga zaba ngeenxa zonke emazweni, zamisa kulo, zawutwabulula phezu kwalo umnatha wazo, labanjiswa emhadini wazo.

19:9 Zalifaka endlwaneni linamakhonkco zalisa kukumkani waseBhabheli, zalisa ezimboniselweni, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala ezintabeni zakwaSirayeli.

19:10 Unyoko ubenjengomdiliya, otyelwe ngasemanzini, ekuphumleni kwakho, waqhama, wanamasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi.

19:11 Waba namasebe aqinileyo okuba ziintonga zabalawuli. Ubude bawo baphakama baphezulu, phakathi kweengqimba zamafu; wabonakala ekuphakameni kwawo ngobuninzi bamasebe awo.

19:12 Wanyothulwa ke ngobushushu, wakhahlelwa emhlabeni, ulophu lwasempumalanga lwazomisa iziqhamo zawo; axhuzulwa oma amasebe awo aqinileyo, atsha ngumlilo.

19:13 Ngoku ke utyelwe entlango, ezweni elingumqwebedu, elomileyo.

19:14 Kuphume ke umlilo emahlamvini amasebe awo, wazitshisa iziqhamo zawo, akwabakho sebe liqinileyo kuwo, lokuba yintonga yokulawula. Sisijwili ke, saye siya kuba sisijwili.

20:1 Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesixhenxe, ngenyanga yesihlanu, ngolweshumi enyangeni leyo, kwafika amadoda, evela kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ukuba abuzise kuYehova. Ahlala phantsi phambi kwam.

20:2 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

20:3 Nyana womntu, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nize kubuzisa kum na? Ndihleli nje, unakanye ukuba ndibuzwe nini; itsho iNkosi uYehova.

20:4 Uza kubagweba na, uza kugweba na, nyana womntu? Bazise ke amasikizi ooyise.

20:5 Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endamnyulayo uSirayeli, endayiphakamiselayo isandla sam imbewu yendlu kaYakobi, endazazisayo kubo ezweni laseYiputa, endabapha kamisela isandla sam, ndisithi, NdinguYehova uThixo wenu:

20:6 ngaloo mini kanye, ndabaphakamisela isandla sam, ukuze ndibakhuphe ezweni laseYiputa, ndibase ezweni endabahlolelayo lona, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke.

20:7 Ndathi kubo, Lahlani elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, ningazenzi iinqambi ngezigodo zaseYiputa; ndinguYehova uThixo wenu.

20:8 Basuka baba neenkani kum, abavuma ukundiphulaphula, abazilahla elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, abazishiya izigodo zaseYiputa. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiwuphelelisele kubo umsindo wam phakathi kwelizwe laseYiputa.

20:9 Koko ndenzayo ngenxa yegama lam; ukuze lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, ababephakathi kwazo, endazazisa kubo emehlweni azo, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa.

20:10 Ndabakhupha ke ezweni laseYiputa, ndabasa entlango;

20:11 ndabanika imimiselo yam, ndabazisa namasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo.

20:12 Kananjalo ndabanika iisabatha zam, ukuba zibe ngumqondiso phakathi kwam nabo, ukuze bazi ukuba mna Yehova ndiya bangcwalisa.

20:13 Indlu kaSirayeli yesuka yaba neenkani kum entlango; abahamba ngemimiselo yam; bawacekisa amasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo; bazihlambela kakhulu iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo entlango, ukuze ndibagqibele.

20:14 Koko ndenzayo ngenxa yegama lam; ukuze lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.

20:15 Kananjalo mna ndabaphakamisela isandla entlango, ukuba ndingabasi ezweni endandibanikile, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke;

20:16 ngenxa yokuba bawacekisayo amasiko am, abahamba ngemimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam; ngokuba intliziyo yabo yazilandela izigodo zabo.

20:17 Koko laba nenceba iliso lam kubo, ukuba ndingabatshabalalisi, ndingabagqibeli entlango.

20:18 Ndathi ke koonyana babo entlango, Musani ukuhamba ngemimiselo yooyihlo, ningawagcini amasiko abo, ningazenzi iinqambi ngezigodo zabo.

20:19 Mna Yehova ndinguThixo wenu; hambani ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;

20:20 nizingcwalise iisabatha zam, zibe ngumqondiso phakathi kwam nani, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.

20:21 Basuka oonyana baba neenkani kum; abahamba ngemimiselo yam, abawagcina amasiko am ukuba bawenze, awothi umntu ewenzile aphile ngawo; bazihlambela iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiphelelisele umsindo wam kubo entlango.

20:22 Koko ndasibuyisayo isandla sam, ndenza ngenxa yegama lam, ukuba lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.

20:23 Kananjalo ndabaphakamisela isandla sam entlango, ukuba ndibachithachithe ezintlangeni, ndibaphangalalisele emazweni;

20:24 ngenxa enokuba bengawenzanga amasiko am, bayicekisayo imimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam, amehlo abo alandela izigodo zooyise.

20:25 Nam ndabamisela imimiselo engabalungeleyo, namasiko abangenakuphila ngawo.

20:26 Ndabenza iinqambi ngezipho zabo, ekucandiseni kwabo emlilweni yonke into evula isizalo, ukuze ndibaphanzise; ukuze bazi ukuba ndinguYehova.

20:27 Ngako oko, thetha kwindlu kaSirayeli, nyana womntu, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ooyihlo babuye bandinyelisa nangale nto, ekumenezeni kwabo ababemeneza ngako kum.

20:28 Kuba xenikweni ndabasayo ezweni endasiphakamiselayo isandla sam sokuba ndibanike lona, basuka bakhangela zonke iinduli ezinde, nemithi yonke ethe shinyi; bayibingelela khona imibingelelo yabo, banikela khona imisondezo yabo equmbisayo, babeka khona ivumba lamadini abo elithozamisayo, bathululela khona iminikelo yabo ethululwayo.

20:29 Ndathi ke kubo, Esi siganga niya kuso siyintoni na? Igama laso ke kuthiwa, siSiganga, unanamhla.

20:30 Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nizenze iinqambi ngendlela yooyihlo, nihenyuze ngokulandela izinto zabo ezinezothe nje;

20:31 nizenze iinqambi ezigodweni zenu ngokunikela izipho zenu, nangokuba candisa emlilweni oonyana benu nanamhlanje; mna ndingabuzwa nini na, ndlu kaSirayeli? Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kubuzwa nini, nakanye.

20:32 Loo nto ithe qatha emoyeni wenu, ayiyi kubakho nokubakho: leyo nithi, Siya kuba njengeentlanga, njengemizalwane yamazwe, silungiselele kwimithi namatye.

20:33 Ndihleli nje, inyaniso, itsho iNkosi uYehova, ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangobushushu obuthululwayo, ndiya kuba ngukumkani phezu kwenu.

20:34 Ndonikhupha ezizweni, ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangobushushu obuthululwayo,

20:35 Ndiya kunisa kwintlango yezizwe, ndimangalelane nani, sikhangelane ebusweni;

20:36 njengoko ndamangalelana nooyihlo kwintlango yelizwe laseYiputa, ndiya kwenjenjalo ukumangalelana nani; itsho iNkosi uYehova.

20:37 Ndoniphumelisa phantsi kwentonga, ndinibophelele ngomnqophiso;

20:38 ndibakhethe kuni abagwilikayo nabakreqayo kum. Ndiya kubakhupha ezweni lokuphambukela kwabo; ke akuyi kungena namnye emhlabeni wakwaSirayeli, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.

20:39 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nina ke, ndlu kaSirayeli, hambani, nikhonze elowo isigodo sakhe; kodwa emveni koko, inyaniso, niya kundiphulaphula, ningabi salihlambela igama lam elingcwele ngezipho zenu nangezigodo zenu.

20:40 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwaSirayeli, khona apho iya kundikhonza yonke indlu yakwaSirayeli, yonke iphela ezweni; khona apho baya kuba likholo kum; khona apho ndiya kubiza imirhumo yenu neentlahlela yezipho zenu, entweni yenu yonke eniyingcwalisayo.

20:41 Niya kuba likholo kum ninevumba elithozamisayo, ekunikhupheni kwam ezizweni; ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ndizingcwalisele kuni emehlweni eentlanga;

20:42 nazi ukuba ndinguYehova, ekuniseni kwam emhlabeni wakwaSirayeli, ezweni endasiphakamisela isandla sam sokuba ndilinike ooyihlo,

20:43 Niya kuzikhumbula khona iindlela zenu neentlondi zenu zonke, enazenza iinqambi ngazo; nizikruqukele ngokwenu ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enizenzileyo;

20:44 nazi ukuba ndinguYehova, ekuniphatheni kwam ngenxa yegama lam, kungekhona ngokweendlela zenu ezimbi, nangokweentlondi zenu ezibolileyo, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.

20:45 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

20:46 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwelasezantsi, uwise intetho usingise ezantsi, uprofete ngehlathi lelizwe lasezantsi;

20:47 uthi kwihlathi lelizwe lasezantsi, Live ilizwi likaYehova; itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndifaka umlilo kuwe, utshise kuwe wonke umthi omanzi, nawo wonke umthi owomileyo. Akuyi kucima dangatye lamadangatye; borhawuka ubuso babantu bonke, kuthabathele ezantsi kuse entla,

20:48 Yobona yonke inyama, ukuba mna Yehova ndiwubasile; awuyi kucinywa.

20:49 Ndathi, Awu! Nkosi Yehova, bathi ngam lo, Akenzi ngemizekeliso kodwa na?

21:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

21:2 Nyana womntu, bhekisa ubuso kwiYerusalem, uwise intetho ezingcweleni, uprofete ngomhlaba wakwaSirayeli.

21:3 Yithi kumhlaba wakwaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile; ndirhola ikrele lam esingxotyeni salo, ndinqumle kuwe ilungisa nongendawo.

21:4 Ngenxa ke enokuba ndiya kunqumla kuwe ilungisa nongendawo, ngako oko liya kuphuma ikrele lam esingxotyeni salo, liye enyameni yonke, lithabathele ezantsi lise entla;

21:5 yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo; alisayi kuba sabuya libuye.

21:6 Wena ke, nyana womntu, ncwina; uqhekeke amanqe, uncwine nangobukrakra, emehlweni abo.

21:7 Kothi, xa bathe kuwe, Uncwinelani na? uthi, Kungenxa yeendaba, ngokuba zisiza; kuya kunyibilika zonke iintliziyo, ziwe zonke izandla, incame yonke imimoya, amadolo onke angabi namandla. Yabona, ziyeza, ziya kubakho; itsho iNkosi uYehova.

21:8 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

21:9 Nyana womntu, profeta uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ikrele, ikrele liloliwe, likhazimlisiwe nokukhazimliswa.

21:10 Liloliwe ukuze lixhele libulale; likhazimlisiwe ukuze limenyezele njengombane. Ngesiba nemihlali sithi, Intonga yonyana wam le icekisa imithi yonke na?

21:11 Linikelwe ukuba likhazimliswe, liphathwe ngesandla; liloliwe ikrele elo, likhazimlisiwe elo, ukuba linikelwe esandleni sombulali.

21:12 Khala ubhomboloze, nyana womntu; ngokuba lithene mbende nabantu bam, lithene mbende nezikhulu zonke zakwaSirayeli; zizisulu zekrele kunye nabantu bam; ngako oko tywakraza ethangeni.

21:13 Ngokuba sekucikidiwe; hi, kothini na ukuba nentonga ecekisayo? Akuyi kuba njalo; itsho iNkosi uYehova.

21:14 Wena ke nyana womntu, profeta, utywakraze izandla; liphindwe okwesithathu ikrele, ikrele lababuleweyo; likrele lobuleweyo, lalowo mkhulu, elibarawulayo.

21:15 Ukuze intliziyo ithe amandla, zande izikhubekiso, ndiwamisele amasango abo onke ikrele elijikajikayo. Awu! Lenzelwe ukuba libe njengombane, lithiwe rhuthu ukuba libulale.

21:16 Tyekela ngasekunene, guqukela ekhohlo, apho lubhekisa khona uhlangothi lwakho.

21:17 Nam ndiya kuzitywakraza izandla zam, ndibupholise ubushushu bam, mna Yehova ndithethile.

21:18 Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,

21:19 Wena ke, nyana womntu, zimisele iindlela ezimbini, ukuze lizengazo ikrele lokumkani waseBhabheli; maziphume zweni-nye zombini, ukrole umalathiso, uwukrole emantloko endlela yomzi.

21:20 Misa indlela, ukuze ikrele lifike eRabha yoonyana baka-Amon, nakwelakwaYuda, eYerusalem enqatyisiweyo.

21:21 Kuba ukumkani waseBhabheli umise ekwahlukaneni kweendlela, emantloko eendlela zombini, ukuze ahlabe isihlabo; uhlukuhla iintolo, ubuza kwimilondekhaya, ukhangela esibindini.

21:22 Esandleni sakhe sokunene isihlabo sihlabe iYerusalem, ukuze kumiswe izinto zokutyhomfa, uhlatywe umkhosi wokubulala, kuphakanyiswe izwi lokuduma, kumiswe izinto zokutyhomfa emasangweni, kufunjwe udonga lokungqinga, kwakhiwe iinqaba zokubonisela.

21:23 Soba njengesihlabo esikhohlakeleyo kubo emehlweni abo, bafungelwe izifungo bona; ke yena wokhumbuza ubugwenxa, ukuze baxhakamfulwe.

21:24 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokukhumbuza kwenu ubugwenxa benu, ekutyhilekeni kwezikreqo zenu, ukuze zibonakale izono zenu ezintlondini zenu zonke; ngenxa yokukhunjulwa kwenu, niya kuxhakamfulwa ngesandla.

21:25 Wena ke, mbulawa ungendawo, sikhulu sakwaSirayeli, umini yakho ifikileyo ngexesha lobugwenxa bokuphela, itsho iNkosi uYehova ukuthi,

21:26 Luya kususwa unkontsho, sithulwe nesithsaba; oko koko, namhla kunamhla; okuthobekileyo kuya kuphakanyiswa, okuphakamileyo kuya kuthotywa.

21:27 Ndiya kukuphenula ndikuphenule, ndikuphenule; kwanako oko akuyi kuba kuko, koda kufike lowo kukokwakhe ukugweba; ndikunike yena.

21:28 Wena ke, nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele koonyana baka-Amon, ngokusingisele kungcikivo lwabo, ukuthi, Ikrele, ikrele lirholelwe ukuba libulale; likhazimlisiwe ukuba lidle, ukuba libe njengombane.

21:29 Bekubonela inkohlakalo nje, bekuhlabela amanga nje, liya kukubeka ke ezintanyeni zabangendawo ababuleweyo, abamini iya kufika ngexesha lobugwenxa bokuphela.

21:30 Libuyisele esingxotyeni salo. Endaweni odalelwe kuyo, ezweni lemvelo yakho, ndiya kukugweba.

21:31 Ndiya kuthulula phezu kwakho ubhavumo lwam. Ndiya kukubasela ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndikunikele esandleni samadoda azizityhakala, iingcibi ezonakalisayo.

21:32 Uya kuba kukudla komlilo; igazi lakho liya kuba phakathi kwelizwe; akuyi kukhunjulwa; kuba mna Yehova ndithethile.

22:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

22:2 Wena ke, nyana womntu, uza kuwugweba na? Uza kuwugweba na umzi wamagazi? Wazise ke onke amasikizi awo.

22:3 Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, uphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi!

22:4 Ngegazi lakho olithululeyo uzeke ityala, nangezigodo zakho ozenzileyo uzenze inqambi, wazisondeza iimini zakho, wafika eminyakeni yakho. Ngenxa yoko ndikwenza into yengcikivo ezintlangeni, nento yokucukucezwa kuwo onke amazwe.

22:5 Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; unegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu.

22:6 Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi.

22:7 Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe.

22:8 Iingcwele zam uzidelile, neesabatha zam uzihlambele.

22:9 Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; adlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho.

22:10 Ubuze booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzi bamdlwengulela kuwe.

22:11 Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intombi kayise, kuwe.

22:12 Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udle abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko: uyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; undilibele; itsho iNkosi uYehova.

22:13 Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho.

22:14 Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke.

22:15 Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe.

22:16 Wozihlambela emehlweni eentlanga, wazi ukuba ndinguYehova.

22:17 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

22:18 Nyana womntu, indlu kaSirayeli isuke yaba ligwebu lentsimbi kum; bonke bephela baba lubhedu nebhekile nesinyithi nelothe, phakathi eziko; baba ligwebu lesilivere.

22:19 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba naba ligwebu lentsimbi nonke niphela, ngako oko, yabonani, ndiya kunibutha esazulwini seYerusalem.

22:20 Njengokuhlanganiselwa kwesilivere nobhedu nesinyithi nelothe nebhekile phakathi eziko, ukuba umlilo uzifuthe, ukuze zinyibilike: ndiya kwenjenjalo ukunibutha ngomsindo wam, nangobushushu bam, ndinifake, ndininyibilikise.

22:21 Ndonifumba, ndifuthe umlilo wokuphuphuma komsindo wam kuni, ninyibilike phakathi kwawo.

22:22 Njengokuba isilivere inyibilikiswa phakathi eziko, niya kwenjenjalo ukunyibilikiswa phakathi kwayo; nazi ukuba mna Yehova ndibuthulule ubushushu bam phezu kwenu.

22:23 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

22:24 Nyana womntu, yithi kulo, Ulilizwe elizulu lingasiyo, elinganelwayo ngomhla wobhavumo.

22:25 Lucebo lwabaprofeti balo esazulwini salo. Njengengonyama ebharhulayo, eqwenga inyamakazi, badla imiphefumlo; bahlutha into eqwetyiweyo nenqabileyo; bandisa abahlolokazi balo esazulwini salo.

22:26 Ababingeleli balo bayawugonyamela umyalelo wam, bazihlambele iingcwele zam; abacaluli phakathi kokungcwele nokuhlambelayo, ababonisi mahluko kokuyinqambi nokuhlambulukileyo; bayawafihla amelulo abo kwiisabatha zam, ndihlanjelwe esazulwini sabo.

22:27 Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi.

22:28 Abaprofeti babatyabeka ngodaka olulephukayo, bebona imibono yenkohlakalo, bebahlabela izihlabo ezingamanga, besithi, Itsho iNkosi uYehova; kanti uYehova akathethanga.

22:29 Abantu belizwe elo bayacudisa, bayaphanga, baxinzelela phantsi usizana nehlwempu, bacudise owasemzini ngokungesesikweni.

22:30 Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani.

22:31 Ngoko ke ndithulula ubhavumo lwam phezu kwabo, ndibagqibele ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndibanike ngokwendlela yabo entlokweni yabo; itsho iNkosi uYehova.

23:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

23:2 Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zamfazi mnye.

23:3 Bahenyuza eYiputa, bahenyuza besebancinane; acofelwa khona amabele abo; zaphathwa khona iingono zamabele zobuntombi babo.

23:4 Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye.

23:5 UNtente-yakhe wahenyuza engumkam, watshiswa kukukhanuka izithandane zakhe, ama-Asiriya, umelwane lwakhe:

23:6 abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni.

23:7 Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo.

23:8 Akakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe.

23:9 Ngako oko ndamnikela esandleni sezithandane zakhe, esandleni soonyana baseAsiriya, abo abetshiseka kukubakhanuka.

23:10 Bona babutyhila ubuze bakhe, bathabatha oonyana bakhe neentombi zakhe, bambulala ngekrele; waba ngundaba-mlonyeni kubafazi, bamgweba.

23:11 Wakubona oko umsakwabo, uNtente-yam-kuye, waba mandundu kunaye ukutshiseka kwakhe kukukhanuka, kwaba mandundu ukuhenyuza kwakhe kunokuhenyuza kodade wabo.

23:12 Watshiseka kukubakhanuka oonyana baseAsiriya, amabamba, neerhuluneli, umelwane lwakhe, abavethe ezimbejembeje; abamahashe bekhwele emahasheni, amadodana aluluhle onke ephela.

23:13 Ndabona ukuba uzenze inqambi, bandlela-nye bobabini.

23:14 Wongeza ekuhenyuzeni kwakhe; wabona amadoda ezotywe eludongeni, imifanekiso yamaKaledi ezotywe ngeqabo elibomvu,

23:15 enxibe iinqwemesha ezinqeni, eneenkontsho ezimfakamfele ezintloko, ebonakala engabaphathi-mikhosi onke ephela, efana noonyana baseBhabheli, belamaKaledi, izwe lokuzalwa kwabo.

23:16 Watshiseka kukuwakhanuka, amehlo akhe akuwabona; wathuma abathunywa kwelamaKaledi.

23:17 Beza ke kuye oonyana baseBhabheli esililini sokuncokolisa, bamenza inqambi ngobufebe babo; wazenza inqambi ngabo; wancothuka kubo umphefumlo wakhe.

23:18 Wakutyhila ukuhenyuza kwakhe, wabutyhila ubuze bakhe, wancothuka ke umphefumlo wam kuye, njengoko umphefumlo wam wancothukayo kumsakwabo.

23:19 Wongeza ke ukuhenyuza kwakhe, ngokukhumbula imihla yobuncinane bakhe, awahenyuza ngayo ezweni leYiputa.

23:20 Watshiseka kukuwakhanuka amakrexe akhe, anyama ziziinyama zamaesile, amakhanuko awo angamakhanuko amahashe.

23:21 Wamana ukhumbula amanyala obuncinane bakho, oko amaYiputa abephathe iingono zamabele akho, ngenxa yamabele obuncinane bakho.

23:22 Ngako oko, Ntente-yam-kuye, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuxhokonxela izithandane zakho, ezo uncothukileyo kuzo umphefumlo wakho; ndizizise phezu kwakho, zivela ngeenxa zonke:

23:23 oonyana baseBhabheli namaKaledi onke, abaveleli, izikhulu, iinduna, benoonyana bonke baseAsiriya, amadodana aluluhle, amabamba neerhuluneli, bonke bephela, nabaphathi-mikhosi, namaphakathi, bengabakhweli bamahashe bonke bephela.

23:24 Baya kukufikela benezikhali, neenqwelo zokulwa, neevili, benesikhungu sezizwe; babhekise kuwe iingweletshetshe namakhaka nezigcina-ntloko ngeenxa zonke. Ndolunikela kubo ugwebo, ukuba bakugwebe ngokwamasiko abo,

23:25 ndikunikele ebukhweleni bam, bakuphathe ngobushushu. Baya kususa impumlo yakho neendlebe zakho, nento yakho eseleyo iwe likrele. Bona baya kuthabatha oonyana bakho neentombi zakho; nento yakho eseleyo itshiswe ngumlilo;

23:26 bakuhlube iingubo zakho, bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba.

23:27 Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.

23:28 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho.

23:29 Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uze kanye, butyhileke ubuze bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho.

23:30 Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenze inqambi ngezigodo zazo.

23:31 Uhambe ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho.

23:32 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu.

23:33 Uya kuzala kukunxila nasisingqala; yindebe yakwankangala kankangala indebe yodade wenu uSamari.

23:34 Uya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova.

23:35 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba undilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, uya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.

23:36 Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Baxelele ke amasikizi abo.

23:37 Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo.

23:38 Babuye benza noku kum: bayenze inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam;

23:39 bakuzisikela izigodo zabo oonyana babo, bangena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.

23:40 Phezu koko bathumele kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wazihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho;

23:41 wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam.

23:42 Izwi lengxokolo latyondyoloza khona. Kumadoda aseluninzini loluntu kwaziswa abaseli basentlango, babafaka izacholo ezihlahleni zabo, nezithsaba zokuhomba ezintlokweni zabo.

23:43 Ndathi ke kulowo oselehagele ekukrexezeni, Ngokunje uhenyuzo lwakhe luya kukrexeza, lona ngokwalo.

23:44 Bamngena ke njengoko kungenwa ngako kumfazi olihenyukazi: benjenjalo ukumngena uNtente-yakhe, noNtente-yam-kuye, abo bafazi banamanyala.

23:45 Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengabakrexezikazi, zinegazi izandla zabo.

23:46 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kubanyusela ibandla, ndibanikele ekunqakulweni nasekuphangweni;

23:47 ibandla libaxulube ngamatye, libasike ngamakrele alo. Liya kubabulala oonyana babo neentombi zabo, lizitshise izindlu zabo;

23:48 ndiwaphelise amanyala ezweni, bathethiseke abafazi bonke, bangenzi ngokwamanyala enu.

23:49 Baya kuwabeka ke amanyala enu phezu kwenu, nizithwale izono zezigodo zenu; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

24:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum ngomnyaka wesithoba, ngenyanga yeshumi, ngolweshumi enyangeni leyo, lisithi,

24:2 Nyana womntu, Zibhalele igama lale mini, layo yona le mini; ukumkani waseBhabheli uyishicilele iYerusalem ngayo yona le mini.

24:3 Uze uyizekelisele ngomzekeliso indlu eneenkani, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Beka imbiza eziko, yibeke, kananjalo ugalele amanzi kuyo.

24:4 Hlanganisela kuyo iinyama zayo; zonke iinyama ezilungileyo, umlenze negxalaba; yizalise ngamathambo akhethiweyo.

24:5 Thabatha ezikhethiweyo zempahla emfutshane, kananjalo amathambo uwafumbele iinkuni ngaphantsi kwayo. Yibilise kakuhle; kananjalo amathambo ayo makaphekwe phakathi kwayo.

24:6 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Mbizandini inomhlwa, emhlwa ungasukiyo! Yirhole inyama ngeenyama zayo; aliphumi nayo iqashiso.

24:7 Ngokuba igazi lawo liphakathi kwawo; ulibeke engxondorheni ebalelelwe lilanga; awuliphalazanga emhlabeni, ukuba liselelwe luthuli.

24:8 Ukuze kunyuke ubushushu, ukuze iphindezelwe impindezelo, igazi lawo ndilibeke engxondorheni ebalelelwe lilanga, ukuze lingaselelwa.

24:9 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Nam ndiya kuyenza ibe nkulu imfumba yeenkuni.

24:10 Fumba iinkuni, khwezela umlilo, vuthisa inyama, ujiye umhluzi, atshe amathambo;

24:11 uyibeke phezu kwamalahle ayo, ingasenanto phakathi, ukuze lufudumale lutshe ubhedu lwayo, bunyibilike ubunqambi bayo phakathi kwayo, umhlwa wayo ugqibele.

24:12 Izidinisile ngemigushanxa; awuphumi kuyo umhlwa wayo omninzi; mawube semlilweni umhlwa wayo.

24:13 Ebunqambini bakho ngamanyala; ngenxa enokuba ndikuhlambulule, akwahlambuluka, akusayi kuhlambuluka ebunqambini bakho, ndide ndibupholisele kuwe ubushushu bam.

24:14 Mna Yehova ndithethile; iyeza le nto, ndiya kuyenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuzohlwaya. Baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokweentlondi zakho; itsho iNkosi uYehova.

24:15 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

24:16 Nyana womntu, yabona, ndithabatha kuwe intanda yamehlo akho ngesibetho; uze ungambambazeli, ungalili; makungaphumi zinyembezi kuwe.

24:17 Gcuma uthe cwaka; uze ungenzi sijwili ngabafileyo. Jikela unkontsho lwakho, unxibe iimbadada zakho ezinyaweni zakho, ungazigqubutheli iindevu zakho eziphezu komlomo, ungasidli isonka sabantu.

24:18 Ndathetha ke nabantu kusasa; ngokuhlwa wafa umkam; ndenza ke ngengomso njengoko wayendiwisele umthetho ngako.

24:19 Bathi abantu kum, Akusixeleli na, ukuba ezi zintozithini na kuthi, ukuba wenjenje?

24:20 Ndathi kubo, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

24:21 Yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyingcolisa ingcwele yam, iqhayiya lamandla enu, intanda yamehlo enu, isizondelelo somphefumlo wenu, bawe likrele oonyana benu neentombi zenu enibashiyileyo.

24:22 Niya kwenza ke njengoko ndenze ngako: iindevu eziphezu komlomo aniyi kuzigqubuthela, ningasidli isonka sabantu;

24:23 iinkontsho zenu ziya kuba sentloko kuni, neembadada zenu zibe sezinyaweni zenu; aniyi kumbambazela, nilile; ke niya kungcungcutheka ebugwenxeni benu, nigcume, omnye ekhangele komnye.

24:24 UHezekile woba sisimanga kuni; niya kwenza njengako konke akwenzileyo; ekuzeni kwako oko, niya kwazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

24:25 Wena ke, nyana womntu, inyaniso, mini ndithabatha kubo inqaba yabo, imihlali yesihombo sabo, intanda yamehlo abo, into abaphakamisela kuyo umphefumlo wabo, oonyana babo neentombi zabo:

24:26 ngayo loo mini kuya kufika osindileyo kuwe, avakalise oko ezindlebeni zakho.

24:27 Ngayo loo mini uya kuvuleka umlomo wakho, kunye nosindileyo lowo; uthethe, ungabi saba sisidenge; ube sisimanga kubo; bazi ukuba ndinguYehova.

25:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

25:2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho koonyana baka-Amon, uprofete ngabo,

25:3 uthi koonyana baka-Amon, Liveni ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba usithi kwingcwele yam, Tshotsho! ngokuba ihlanjelwe; nakumhlaba wakwaSirayeli, Tshotsho! ngokuba wenziwe kwaba senkangala; nakwindlu yakwaYuda, Tshotsho! ngokuba bathinjiwe:

25:4 ngako oko, yabona, ndikunikela koonyana basempumalanga, ukuba bamele kuwe, bamise iingqili zabo kuwe, benze neendawo zokuhlala kwabo kuwe. Bona baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho.

25:5 Ndiya kuyenza iRabha ibe likriwa leenkamela, eloonyana baka-Amon ndilenze libe yindawo yokubutha kwemihlambi; nazi ukuba ndinguYehova.

25:6 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ubethe esandleni sakho, wangqisha ngonyawo, wawuvuyela umhlaba wakwaSirayeli ngokucekisa komphefumlo:

25:7 ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova.

25:8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba besithi ooMowabhi, noSehire, Yabonani, injengeentlanga zonke indlu yakwaYuda:

25:9 ngako oko, yabonani, ndivula icala likaMowabhi, ndithabathela emizini yakhe, kwesekupheleni kwakhe, eligugu lelizwe, iBhete-yeshimoti, neBhahali-mehon, ndise eKiriyatayim.

25:10 Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon;

25:11 ndenze izigwebo kwaMowabhi; bazi ukuba ndinguYehova.

25:12 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uEdom esebenze ngokuphindezela impindezelo kwindlu yakwaYuda, wazeka ityala elikhulu ngokuphindezela kubo:

25:13 ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kusolula isandla sam naphezu kwelakwaEdom, ndinqumle kulo umntu nenkomo; ndilibharhise, kuthabathele kwaTeman; bawe likrele, kuse nakwaDedan.

25:14 Ndiya kuphindezela kwaEdom ngesandla sabantu bam amaSirayeli, benze kwaEdom ngokomsindo wam nangokobushushu bam; bakwazi ke ukuphindezela kwam; itsho iNkosi uYehova.

25:15 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokwenza kwamaFilisti ngempindezelo, ephindezela ngempindezelo, ecekisa emphefumlweni, esonakalisa, enobutshaba obungunaphakade:

25:16 ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kusolula isandla sam phezu kwamaFilisti, ndiwanqumle amaKreti, ndiwatshabalalise amasalela aselunxwemeni lolwandle.

25:17 Ndiya kwenza kuwo iimpindezelo ezinkulu, ezishushu; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam impindezelo kuwo.

26:1 Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

26:2 Nyana womntu, ngenxa enokuba iTire isithi ngeYerusalem, Tshotsho! lwaphukile ucango lwezizwe; luvulekele kum; ndiya kuchuma mna, ibe linxuwa yona!

26:3 ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Tire. Ndiya kukunyusela iintlanga ezininzi, njengokuba ulwandle lunyusa amaza alo;

26:4 ziziqhuqhe iindonga zaseTire, zizigungxule iinqaba zakho ezinde. Ndolutshayela uthuli lwayo kuyo, ndiyenze ibe yingxondorha ebalelelwe lilanga.

26:5 Iya kuba yindawo yokwanekela iminatha phakathi kolwandle; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova; ibe lixhoba leentlanga.

26:6 Namagxamesi ayo asemaphandleni aya kubulawa ngekrele; bazi ukuba ndinguYehova.

26:7 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiya kuyizisela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe neenqwelo zokulwa, nabakhweli, nesikhungu sabantu, nabantu abaninzi.

26:8 Amagxamesi akho asemaphandleni uya kuwabulala ngekrele, akumisele inqaba yokubonisela, afumbe kuwe udonga lokungqinga, akumisele ikhusi lamakhaka;

26:9 abhekise ezindongeni zakho iimpahla zakhe zokutyhomfa, azidilize iinqaba zakho ezinde ngeentsimbi zakhe.

26:10 Ngenxa yoninzi lwamahashe akhe, uthuli lwawo luya kukugubungela; iindonga zakho ziya kunyikima ngenxa yesandi sabakhweli, neseevili, neseenqwelo zokulwa, ekungeneni kwakhe ngamasango akho, njengabangena emzini oqhekezwayo.

26:11 Ngamanqina amahashe akhe uya kuzigqusha izitrato zakho zonke; uya kubabulala abantu bakho ngekrele, iintsika zakho ezinamandla aziwise emhlabeni.

26:12 Baya kubuthimba ubutyebi bakho, bayiphange into orhweba ngayo, bazigunguxule iindonga zakho, bazidilize izindlu zakho ezinqwenelekayo, bawatshonise emanzini amatye akho, nemithi yakho, nothuli lwakho.

26:13 Ndoluphelisa ulwandile lweengoma zakho, singabi saviwa isandi seehadi zakho.

26:14 Ndokwenza ube yingxondorha ebalelelwe lilanga; uya kuba yindawo yokwaneka iminatha. Akusayi kuba sakhiwa; ngokuba mna Yehova ndithethile; itsho iNkosi uYehova.

26:15 Itsho iNkosi uYehova kwiTire, ukuthi, Aziyi kunyikima na iziqithi ngenxa yesithonga sokuwa kwakho, ekuncwineni kwabangxwelerhiweyo, ekubulaweni kwabaphakathi kwakho?

26:16 Ziya kuhla ezitroneni zabo bonke abazizikhulu zolwandle, bazisuse iingubo zabo zokwaleka, bazihlube iingubo zabo ezimfakamfele; bambathe ukugubha, bahlale phantsi emhlabeni, bagubhe ngamaphanyazo onke, bamangaliswe nguwe.

26:17 Baya kukuphakamisela isijwili, bathi kuwe, Yoo! Utheni na ukudaka, wena ubumiwe ngabeelwandle, wena mzindini udumileyo, owawomelele elwandle, wona nabemi bawo, obe ubaqhiphukisa umbilini abemi bawo bonke!

26:18 Ngoku ziyagubha iziqithi ngomhla wokuwa kwakho, zikhwankqiswe iziqithi eziselwandle ngenxa yokuphela kwakho.

26:19 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekukwenzeni kwam ube ngumzi olinxuwa, njengemizi engasamiweyo; ekuwanyuseni kwam phezu kwakho amanzi anzongonzongo, akugubungele amanzi amaninzi:

26:20 ndiya kukuhlisela kwabahle baya emhadini, ndikuse ebantwini basendaleni, ndikuhlalise ezweni langaphantsi, emanxuweni asendaleni nabahle baya emhadini, ukuze ungamiwa; ndenze ubukhazikhazi ezweni labahleliyo.

26:21 Ndokwenza ube sisikhwankqiso, ungabikho; bakufune, bangabi sakufumana naphakade; itsho iNkosi uYehova.

27:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

27:2 Wena ke, nyana womntu, yiphakamisele isimbonono iTire.

27:3 Yithi kwiTire, Wena uhleliyo ezingenweni zolwandle, mrhwebelikazi wezizwe eziqithini ezininzi, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Tire, uthi wena, Ndimhle kwaphela.

27:4 Isembilinini yeelwandle imida yakho, abakhi bakho bakwenze wamhle kwaphela.

27:5 Ngemisipres yaseSenire bakwakhele zonke iideke zakho, bathabatha imisedare yaseLebhanon ukwenza imasti kuwe.

27:6 Bawenza ngemioki yaseBhashan amaphini akho okubheqa; izihlalo zakho bazenza ngeempondo zeendlovu, ezifakelwe emigalagaleni yaseziqithini zamaKiti.

27:7 Ilinen ecikizekileyo emfakamfele yaseYiputa yaba iyiseyile yakho, ukuba ibe yibhanile kuwe; ingubo emsi nemfusa yaseziqhithini zakwaElisha yaba ngumthunzi wakho.

27:8 Abemi baseTsidon neArvadi baye bengababheqi bakho; izilumko zakho, Tire, zaba phakathi kwakho, zaba ngabaqhubi bakho.

27:9 Amadoda amakhulu aseGebhali nezilumko zakhona ebe zikuwe, zaba ngabalungisi beentanda zakho. Yonke imikhombe yolwandle ibe ikuwe, noomateloshe bayo, ukuba yanane urhwebo lwakho.

27:10 AmaPersi namaLudi namaPuti ebesemkhosini wakho, engamadoda akho okulwa; abezixhoma kuwe iingweletshetshe nezigcina-ntloko; akunika ubungangamela wona.

27:11 Oonyana baseArvadi babenomkhosi wakho phezu kweendonga zakho ngeenxa zonke, namakroti abesezinqabeni zakho ezinde; axhoma iingweletshetshe zawo ezindongeni zakho ngeenxa zonke; wona akwenza wamhle kwaphela.

27:12 ITarshishe yarhwebelana nawe ngenxa yobuninzi bobuncwane bonke, bakurholela isilivere, nesinyithi, nebhekile, nelothe, ngeempahla zakho.

27:13 OoYavan noTubhali noMesheki babengabarhwebeli bakho barhwebisana nawe ngeziqu zabantu nangeempahla zobhedu.

27:14 Abendlu kaTogarma bakurholela amahashe eenqwelo zokulwa, nawokukhwela, noondlebende, ngeempahla zakho.

27:15 Oonyana bakaDedan babengabarhwebeli bakho; iziqithi ezininzi bezirhwebisana nawe, zakubuyisela iimpondo zeendlovu nemisimbithi, yaba sisithabathaba.

27:16 UAram warhwebelana nawe ngenxa yobuninzi bezinto ozenzayo, bakurholela iikarbhunkolo, neengubo ezimfusa, nezimfakamfele, nelinen ecikizekileyo, nekorale, neerubhi, ngeempahla zakho.

27:17 ElakwaYuda nelizwe lakwaSirayeli belingabarhwebeli bakho; barhwebisana nawe ngengqolowa yaseMiniti nangemiqhathane, nangobusi, nangeoli, nangamafutha aqholiweyo.

27:18 IDamasko yarhwebelana nawe, ngenxa yobuninzi bezinto ozenzayo, ngenxa yobuninzi bobuncwane bonke, ngewayini yaseHelebhon nangoboya begusha obuqaqambileyo.

27:19 OoVedan noYavan waseUzali baye bekurholela intsimbi ekhandiweyo; ikasiya nekalamo bezisekurhwebeni kwakho.

27:20 UDedan ubengumrhwebeli wakho wezidwashu zokukhwela.

27:21 Elakwa-Arabhi nezikhulu zonke zakwaKedare bezirhwebisana nawe, zarhwebisana nawe ngamatakane, nangeenkunzi zeegusha, nangeenkunzi zeebhokhwe.

27:22 Abarhwebi bakwaShebha nabakwaRama baye bengabarhwebeli bakho, bakurholela ubulawu bonke obuyintloko, namatye onke anqabileyo, negolide, ngeempahla zakho.

27:23 OoHaran noKane noEden, abarhwebi bakwaShebha, nabaseAsiriya, nabaseKilemadi, baye bengabarhwebeli bakho;

27:24 babengabarhwebeli bakho ngeengubo ezintle kwaphela, nangeengubo zokwaleka ezimsi nezimfakamfele, nangemichako emabalabala. Ezo zinto zithandelwe zaqiniswa ngamaqamesi, ukuba ziye emarikeni yakho.

27:25 Iinqanawa zaseTarshishe bezingabathuthi bakho nabolwananiso lwakho. Wachuma ke, wazuka kakhulu embilinini yeelwandle.

27:26 Bakusa emanzini amakhulu ababheqi bakho; umoya wasempumalanga wakwaphula embilinini yeelwandle.

27:27 Ubuncwane bakho neempahla zakho othengise ngazo, nezinto zakho ozananileyo, noomateloshe bakho, nabaqhubi bakho, nabalungisi beentanda zakho, nabananisi beento zakho zokwananwa, namadoda akho onke okulwa aphakathi kwakho, kunye nesikhungu sakho sonke esiphakathi kwakho, baphalala embilinini yeelwandle ngemini yokuwa kwakho.

27:28 Ngenxa yezwi lokukhala labaqhubi bakho, ayanyikima amadlelo.

27:29 Bayehla emikhombeni yabo bonke ababheqi noomateloshe, bonke abaqhubi baselwandle, beze kuma emhlabeni.

27:30 Baya kulivakalisa ilizwi labo phezu kwakho, bakhale kakrakra, bazigalele ngothuli ezintloko, bazigalele ngothuthu.

27:31 Bozicheba iintloko ngenxa yakho, babhinqe ezirhwexayo, bakulilele ngobukrakra bomphefumlo wabo, bembambazela kakrakra.

27:32 Bokuphakamisela isimbonono esimemeni sabo, bakwenzele isimbonono, besithi, Ngubani na onjengeTire, onjengobethwe wathi cwaka embilinini yeelwandle?

27:33 Ekuphumeni kweempahla zakho othengise ngazo ezilwandle, wahluthisa izizwe ezininzi; ngobuninzi bobuncwane bakho nobolwananiso lwakho wabatyebisa ookumkani behlabathi.

27:34 Kungoku, waphukile nje, umkile ezilwandle, ezinzulwini zamanzi; luwile nawe ulwananiso lwakho, nesikhungu sakho sonke.

27:35 Bonke abemi beziqithi baya kumangaliswa nguwe, ookumkani bazo babe namanwele benamanwele, buthe ntshwa ubuso babo.

27:36 Abarhwebi abasezizweni baya kwenza umsondlo; usuke wena ube sisikhwankqiso, ungabi sabakho naphakade.

28:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

28:2 Nyana womntu, Yithi kwinganga yeTire, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba intliziyo yakho iphakamile, usithi, NdinguThixo, ndihleli esihlalweni soThixo embilinini yeelwandle; phofu ungumntu, ungeThixo, nakuba uyenze intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo:

28:3 yabona, ulumke kambe nangaphezu koDaniyeli; zonke izinto ezisitheleyo azisithelisiwe kuwe.

28:4 Ngobulumko bakho nangengqondo yakho uzenzele ubuhandiba, wangenisa igolide nesilivere ebuncwaneni bakho.

28:5 Ngobuninzi bobulumko bakho ubandisile ubuhandiba bakho, ngorhwebo lwakho, yaphakama intliziyo yakho ngobuhandiba bakho.

28:6 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba wayenza intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo,

28:7 ngako oko, uyabona, ndiya kukuzisela abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni; baburholele ubuhle bobulumko bakho amakrele abo, bakuhlambele ukubengezela kwakho.

28:8 Baya kukuhlisela emhadini, ufe ngokufa kwababuleweyo, embilinini yeelwandle.

28:9 Wotsho ubuye utsho na ukuthi, NdinguThixo, phambi kombulali wakho? ungumntu nje, ungeThixo, esandleni sokuhlabayo.

28:10 Uya kufa ukufa kwabangalukileyo ngesandla sabasemzini, ngokuba ndithethile; itsho iNkosi uYehova.

28:11 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

28:12 Nyana womntu, mphakamisele isimbonono ukumkani waseTire, uthi kuye, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Wena lutywino lwesakhiwo esilinganiselweyo kakuhle, uzeleyo bubulumko, umhle kwaphela.

28:13 Ubuse-Eden emyezweni kaThixo; onke amatye anqabileyo abe esisigubungelo sakho: isardiyo, netopazi, nedayimani, nekrizolite, nebherilo, neyaspisi, nesafire, nekarbhunkolo, nesmarado, negolide; umsebenzi weengqondi zakho nowamankazana akho waye ukuwe; ngemini yokudalwa kwakho ezo zinto zalungiswa.

28:14 Waye uyikerubhi ethanjisiweyo, egqubuthelayo; ndakwenza ke, waba sentabeni engcwele kaThixo, wahambahamba phakathi kwamatye anomlilo.

28:15 Wagqibelela ngeendlela zakho, kususela kwimini yokudalwa kwakho, kwada kwafumaneka ubugqwetha kuwe.

28:16 Ngobuninzi borhwebo lwakho umbilini wakho wazala kukugonyamela, wona ke. Ndiya kulahla wena, ngokwento engcolileyo, umke entabeni kaThixo; ndikutshabalalise, kerubhi igqubuthelayo, usuke phakathi kwamatye anomlilo.

28:17 Intliziyo yakho iphakamile ngenxa yobuhle bakho, ubonakalisile ubulumko bakho kunye nokubengezela kwakho. Ndikukhahlela emhlabeni ndikwenze ube ngumbonelo phambi kokumkani.

28:18 Ngobuninzi bobugwenxa bakho, ebugqwetheni borhwebo lwakho, uzihlambele iingcwele zakho; ndivelisa ke umlilo kwaphakathi kwakho; uya kukutshisa wona, ndikwenze ube luthuthu emhlabeni, emehlweni abo bonke abakubonayo.

28:19 Bonke abakwaziyo ezizweni baya kumangaliswa nguwe, usuke ube sisikhwankqiso, ungabuyi ubekho naphakade.

28:20 Kwafika ilizwi likaThixo kum, lisithi,

28:21 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho eTsidon, uprofete ngayo.

28:22 Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Tsidon; ndiya kuzizukisa phakathi kwakho; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam izigwebo kuyo, ndizingcwalisele kuyo.

28:23 Ndiya kuthumela kuyo indyikitya yokufa negazi ezitratweni zayo; bawe abangxwelerhiweyo phakathi kwayo likrele, eliyifikelayo ngeenxa zonke; bazi ukuba ndinguYehova.

28:24 Akuyi kuba sabakho meva anobuhlungu, naluviko lwenza buhlungu, kwindlu kaSirayeli, luphuma kubo bonke abangeenxa zonke kuyo, abayicukuleyo; bazi ke ukuba ndinguYehova.

28:25 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekuyibutheni kwam indlu kaSirayeli, ezizweni abaphangalaliswe kuzo, ndiya kuzingcwalisela kubo emehlweni eentlanga, bahlale emhlabeni wabo, endawunika umkhonzi wam uYakobi.

28:26 Baya kuhlala kuwo bekholosile, bakhe izindlu, batyale izidiliya, bahlale bekholosile ekwenzeni kwam izigwebo kubo bonke ababacukulayo, abangeenxa zonke kubo; bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo.

29:1 Ngomnyaka weshumi, ngenyanga yeshumi, ngolweshumi elinesibini enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi,

29:2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa, uprofete ngaye, nangeYiputa yonke iphela.

29:3 Thetha uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Faro kumkani waseYiputa, ngwenya inkulu ibuthumileyo emijelweni yayo yoMnayile, itsho ukuthi, Ngowam umlambo, ndizenzele mna.

29:4 Ndiya kufaka amakhonkco emihlathini yakho, ndizinamathisele emaxolweni akho iintlanzi zemijelo yakho, ndikurhole emijelweni yakho, neentlanzi zonke zemijelo yakho, ezinamathele emaxolweni akho.

29:5 Ndiya kukulahlela entlango, wena neentlanzi zonke zemijelo yakho. Uya kuwa endle, akuyi kuhlanganiswa ubuthwe; ndikunikele ukuba ube kukudla kwamarhamncwa elizwe nokweentaka zezulu.

29:6 Baya kwazi bonke abemi baseYiputa ukuba ndinguYehova. Ngokokuba ibe ingumsimelelo wengcongolo kwindlu kaSirayeli.

29:7 Bakubambelela kuwe ngamahlamvu akho, usuka uvikiveke, ukrazule lonke igxalaba labo; uthi bakusimelela ngawe, waphuke, ugxadazelise zonke izinqe zabo.

29:8 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuzisela ikrele, ndinqumle kuwe umntu nenkomo;

29:9 ilizwe laseYiputa kube senkangala, libharhe; bazi ukuba ndinguYehova, ngenxa enokuba usithi, Umlambo ngowam, ndizenzele mna.

29:10 Ngako oko uyabona, ndikuchasile nemijelo yakho; ndiya kulibharhisa ilizwe laseYiputa libharhe, kube senkangala, lithabathele eMigidoli, lise eSevene, lise emdeni wakwaKushi.

29:11 Akuyi kucanda lunyawo lwamntu kulo, akuyi kucanda nqina lankomo kulo, lingemiwa, iminyaka engamashumi amane.

29:12 Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, ibe ngamanxuwa imizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa, iminyaka engamashumi amane; ndiwaphangalalisele amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.

29:13 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amane, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;

29:14 ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.

29:15 Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwanciphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.

29:16 Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; azi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

29:17 Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe, ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

29:18 Nyana womntu, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, impi yakhe uyisebenzise umsebenzi omkhulu eTire. Zonke iintloko zikhuthukile, onke amagxalaba atyabukile; ukanti akabanga namvuzo ke, yena nempi yakhe, eTire, ngenxa yomsebenzi awusebenzileyo kuyo.

29:19 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ndimnika ilizwe laseYiputa, ukuba athuthe intabalala yalo, athimbe intimbo yalo, aphange ixhoba lalo, ezo zinto zibe ngumvuzo wempi yakhe.

29:20 Umvuzo wakhe awusebenzeleyo ndimnika ilizwe laseYiputa, ngokuba baye besebenzele mna; itsho iNkosi uYehova.

29:21 Ngayo loo mini ndiya kuyihlumisela uphondo indlu kaSirayeli, ndikunike ukuvulwa komlomo phakathi kwabo; bazi ukuba ndinguYehova.

30:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

30:2 Nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bhombolozani, nithi, Hayi ke, le mini!

30:3 Ngokuba ikufuphi le mini, ikufuphi imini kaYehova, imini yamafu; iya kuba lixesha leentlanga.

30:4 Ikrele liya kuyifikela iYiputa; kuya kubakho ukuzibhijabhija kwaKushi, ekuweni kwababuleweyo eYiputa, ithatyathwe intabalala yayo, zichithwe iziseko zayo.

30:5 AmaKushi, namaPuti, namaLudi, nomxukuxela wonke, namaKubhi, noonyana belizwe lomnqophiso, baya kuwa likrele ndawonye nayo.

30:6 Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa, lihle iqhayiya lamandla ayo. Baya kuthabathela iMigidoli, base eSevene, besiwa likrele kuyo; itsho iNkosi uYehova.

30:7 KwelamaYiputa koba senkangala phakathi kwamazwe abharhileyo, nemizi yalo ibe phakathi kwemizi engamanxuwa;

30:8 bazi ukuba ndinguYehova, ekufakeni kwam umlilo eYiputa, baphuke bonke abancedi balo.

30:9 Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.

30:10 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuyiphelisa ingxokolo yeYiputa ngesandla sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli.

30:11 Yena enabantu bakhe, abangcangcazelisi basezintlangeni, baya kuziswa ukuba balitshabalalise ilizwe, bayirholele amakrele abo iYiputa, balizalise ilizwe ngababuleweyo.

30:12 Ndoyomisa imijelo yoMnayile, ndithengise ngelizwe ezandleni zabanobubi, ndilenze kube senkangala ilizwe nenzaliseko yalo, ngezandla zabasemzini; mna Yehova ndithethile.

30:13 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuzidakisa izigodo, ndiziphelise izithixo ezingento eNofu, kungabi sabakho sikhulu sasezweni laseYiputa, ndingenise ukoyika ezweni laseYiputa.

30:14 Ndiya kuyenza kube senkangala iPatrosi, ndifake umlilo eTsohan, ndenze izigwebo kwiNo;

30:15 ndobuthulula ubushushu bam phezu kweSin, inqaba yaseYiputa; ndiyinqumle ingxokolo yaseNo;

30:16 ndifake umlilo eYiputa. ISin iya kuzibhijabhija izibhijabhije, neNo inqikwe, neNofu ibe nababandezeli emini.

30:17 Amadodana aseAven nasePibhesete aya kuwa likrele, yona ke loo mizi ithinjwe.

30:18 ETapanesi iya kuba mnyama imini, ekuzaphuleni kwam khona iidyokhwe zaseYiputa, liphele kuyo iqhayiya lamandla ayo. Amafu aya kuyisibekela, namagxamesi ayo athinjwe;

30:19 ndenze izigwebo eYiputa; bazi ukuba ndinguYehova.

30:20 Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yokuqala, ngolwesixhenxe enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

30:21 Nyana womntu, ingalo kaFaro ukumkani waseYiputa ndiyaphule; uyabona, ayiyi kubotshwa ukuba ifakwe umhlabelo, ukuba ibotshwe ngezithandelo, ukuba yomelele, ukuba iphathe ikrele.

30:22 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndimchasile uFaro ukumkani waseYiputa. Ndiya kuzaphula iingalo zakhe, eyomeleleyo kwaneyaphukileyo, ndilivuthulule ikrele esandleni sakhe.

30:23 Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni;

30:24 ndiya kuzomeleza ke iingalo zokumkani waseBhabheli, ndibeke ikrele lam esandleni sakhe, ndizaphule iingalo zikaFaro, ancwine phambi kwakhe ngoncwino longxwelerhiweyo.

30:25 Ndiya kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ziwe iingalo zikaFaro; bazi ukuba ndinguYehova, ekulibekeni kwam ikrele esandleni sokumkani waseBhabheli, alolulele phezu kwelizwe laseYiputa.

30:26 Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni; bazi ukuba ndinguYehova.

31:1 Ke kaloku kwathi, ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yesithathu, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

31:2 Nyana womntu, yithi kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwingxokolo yakhe, Ufana nabani na ngobukhulu bakho?

31:3 Uyabona, uAsiriya ebengumsedare waseLebhanon, omasebe mahle, eyintshinyela yemithi enomthunzi, ephakamile ngobude; aba phakathi kweengqimba zamafu amantloko akhe.

31:4 Amanzi amkhulisa, amanzi enzonzobila amphakamisa, imilambo yawo yahamba ngeenxa zonke elutyalweni lwawo, athumela imijelo yawo kuyo yonke imithi yasendle.

31:5 Ngako oko, ubude bakhe baphakama, baba ngaphezu kwayo yonke imithi yasendle; iimbaxa zakhe zanda, namahlamvu akhe aba made, ngenxa yamanzi amaninzi ekunabeni kwakhe.

31:6 Zonke iintaka zezulu zakha ezimbaxeni zakhe, zonke izinto eziphilileyo zasendle zazakhela phantsi kwamahlamvu akhe; zonke iintlanga ezinkulu zahlala emthunzini wakhe.

31:7 Wamhle ngobukhulu bakhe, ngobude bamasebe akhe; ngokuba ingcambu yakhe yabe isemanzini amaninzi.

31:8 Imisedare esemyezweni kaThixo ayimsithanga; imisipres ayifananga neembaxa zakhe, nemipleyini ayibanga njengamahlamvu akhe; yonke imithi emyezweni kaThixo ayifananga naye ngobuhle bayo.

31:9 Ndamenza mhle ngobuninzi bamasebe akhe, yaba nomona ngaye yonke imithi yase-Eden, esemyezweni kaThixo.

31:10 Ngako oko yatsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba eziphakamisile ngobude, wawanyusela amantloko akhe phakathi kweengqimba zamafu, yazinyusa intliziyo yakhe ngokuphakama kwakhe:

31:11 ndiya kumnikela esandleni senjengele yeentlanga; inene, iya kumphatha ngesiko layo; ndamgxotha ngenxa yokungendawo kwakhe.

31:12 Bamnqumla abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni bamlahla. Ezintabeni nasemifuleni yonke awa amasebe akhe; amahlamvu akhe aphukela ezihlanjeni zehlabathi lonke; zehla zemka emthunzini wakhe zonke izizwe zehlabathi, zamlahla.

31:13 Phezu kwesibili sakhe esiwileyo kuhlala zonke iintaka zezulu, zifike emahlamvini akhe zonke izinto eziphilileyo zasendle;

31:14 ukuze ingaziphakamisi ngenxa yobude bayo yonke imithi yasemanzini, ingawanyuseli phakathi kweengqimba zamafu amantloko ayo, ingazimeli ngokwayo ekuziphakamiseni kwayo, yonke esela amanzi. Ngokuba bonke bephela banikelwe ekufeni, ezweni langaphantsi, phakathi koonyana baka-Adam, kwabahle baya embadini.

31:15 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini yokuhla kwakhe ukuya kwelabafileyo, ndabanga isijwili; ndawagqubuthela ngenxa yakhe amanzi anzongonzongo, ndathintela imilambo yawo, avingcelwa amanzi amakhulu. Ndayambathisa iLebhanon ngezimnyama zokuzila ngenxa yakhe, yonke imithi yasendle yetha amandla ngenxa yakhe.

31:16 Ngesithonga sokuwa kwakhe ndazinyikimisa iintlanga, ekumhliseleni kwam ukuba aye kwelabafileyo, nabahle baya emhadini; yathuthuzeleka ezweni langaphantsi yonke imithi yase-Eden, enyuliweyo emihle yaseLebhanon, yonke esela amanzi.

31:17 Nabo njengaye behla baya kwelabafileyo, kwababuleweyo ngekrele; ababeyingalo yakhe, behleli emthunzini wakhe phakathi kweentlanga.

31:18 Kunjalonje, ufana nabani na ngobuqaqawuli nangobukhulu emithini yase-Eden? Uya kuhliselwa nemithi yase-Eden ezweni langaphantsi; uya kulala phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele. NguFaro ke lowo, nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.

32:1 Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

32:2 Nyana womntu, menzele isimbonono uFaro ukumkani waseYiputa, uthi kuye, Wafanekiswa nengonyama entsha yeentlanga, nakuba ube unjengengwenya elwandle; waxhuma emilanjeni yakho, wawagxobha amanzi ngamathupha akho, wayinyathela imilambo yawo.

32:3 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwutwabulula phezu kwakho umnatha wam, kunye nesikhungu sezizwe ezininzi, zikunyuse ngomnatha wam.

32:4 Ndiya kukulahlela emhlabeni, ndikujulele ebusweni belizwe, ndizihlalise phezu kwakho zonke iintaka zezulu, ndizihluthise ngawe izinto eziphilileyo zehlabathi lonke.

32:5 Ndoyibeka phezu kweentaba inyama yakho, ndiyizalise imifula ngezidumbu zakho;

32:6 ndiliseze ihlabathi ngokuphalala kwegazi lakho, lise ezintabeni; zizale izihlambo nguwe.

32:7 Ndiya kulisibekelisa izulu ekukucimeni kwam, ndizambathise iinkwenkwezi zalo ngezimnyama zokuzila. Ndiya kulisibekela ilanga ngamafu, nenyanga ingakhanyisi ngokukhanya kwayo.

32:8 Zonke izikhanyiso ezikhanyisayo ezulwini ndiya kuzambathisa ngezimnyama zokuzila ngenxa yakho, ndenze ubumnyama phezu kwelizwe lakho; itsho iNkosi uYehova.

32:9 Ndoyenza ibe buhlungu intliziyo yeentlanga ezininzi, ekukuseni kwam ukwaphulwa kwakho ezintlangeni, emazweni ongawazanga.

32:10 Ndiya kuzimangalisisa ngawe izizwe ezininzi, babe namanwele nokuba namanwele ngawe ookumkani bazo, ekulilingiseni ikrele lam ebusweni babo, bagubhe ngamaphanyazo onke, elowo ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.

32:11 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ikrele lokumkani waseBhabheli liya kukufikela.

32:12 Ndiya kuyiwisa ingxokolo yakho ngamakrele amagorha; ngabangcangcazelisi basezintlangeni bonke bephala; balibhuqe ikratshi leYiputa, itshabalale yonke ingxokolo yayo.

32:13 Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.

32:14 Oko ndiya kuwawuthisa amanzi ayo, nemilambo yayo, ndiyihambise ngokweoli; itsho iNkosi uYehova.

32:15 Ndakulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa, lenziwe ke kube senkangala ilizwe, lingabi nayo inzaliseko yalo, ekubaxabeleni kwam bonke abemi balo: baya kwazi ukuba ndinguYehova.

32:16 Siso esi isimbonono; siya kuvunywa ngokwesimbonono; iintombi zeentlanga ziya kuyivuma ngokwesimbonono; ngeYiputa nangengxokolo yayo yonke, ziya kuyivuma ngokwesimbonono; itsho iNkosi uYehova.

32:17 Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngolweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

32:18 Nyana womntu, yenza isimema ngengxokolo yaseYiputa, uyihlisele, yona nentombi yeentlanga eziziingangamsha, ezweni langaphandle, nabahle baya emhadini.

32:19 Udlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo.

32:20 Baya kuwa phakathi kwababuleweyo ngekrele; ikrele linikelwe esandleni; yiqweqwediseni, nengxokolo yayo yonke.

32:21 Ziya kuthetha ngaye iinjengele zamagorha phakathi kwelabafileyo, nabancedi bakhe, zithi, Behlile, balele khona abangalukileyo, bebulewe ngekrele.

32:22 Ukhona uAsiriya nebandla lakhe lonke; ngeenxa zonke kuye ngamangcwaba abo, bonke bephela bebulewe, bewe likrele; abamangcwaba abo enziwe emhadini phakathi,

32:23 ibandla lakhe lingeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, abaye besothusa ilizwe labahleliyo.

32:24 Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, ababehle baya ezweni langaphantsi bengalukile; abaye besothusa ilizwe labahleliyo, bathwala ihlazo labo nabehle baya emhadini.

32:25 Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bothusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehle baya emhadini; ubekwe phakathi kwababuleweyo.

32:26 Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.

32:27 Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehlayo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.

32:28 Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.

32:29 Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehle baya emhadini.

32:30 Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangalukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehle baya emhadini.

32:31 UFaro uya kubabona, athuthuzeleke ngenxa yengxokolo yakhe yonke; uFaro ubulewe ngekrele nempi yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.

32:32 Ngokuba ndamnika ukuba othuse ilizwe labahleliyo; ulalisiwe ke phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele, uFaro nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.

33:1 Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

33:2 Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo;

33:3 yabona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu;

33:4 ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, akavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe.

33:5 Izwi lesigodlo ulivile, akavuswa, igazi lakhe loba phezu kwakhe; evusiwe, ange ewusizile umphefumlo wakhe.

33:6 Umboniseli lowo, xa athe walibona ikrele lisiza, akavuthela isigodlo, akabavusa abantu; lafika ikrele, lathabatha kubo umphefumlo: lowo uthatyathwe ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolibiza esandleni somboniseli lowo.

33:7 Wena ke, nyana womntu, ndikwenze waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; woliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum.

33:8 Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho.

33:9 Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, akabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

33:10 Ke kaloku wena, nyana womntu, yithi kwindlu kaSirayeli, Niyalungisa ukuthi, Izikreqo zethu nezono zethu ziphezu kwethu; siyangcungcutheka kuzo; singathini na ukuphila?

33:11 Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?

33:12 Wena ke, nyana womntu, yithi koonyana babantu bakowenu, Ubulungisa belungisa abuyi kulihlangula ngemini yokreqo lwalo; ongendawo akayi kukhubeka ngokungendawo kwakhe, ngemini yokubuya kwakhe kokungendawo kwakhe; nelungisa aliyi kuphila ngabo ngemini yokona kwalo.

33:13 Ndakuthi kwilungisa, inene, lophila; lize ke likholose ngobulungisa balo, lenze ngobugqwetha: bonke ubulungisa balo abuyi kukhunjulwa; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.

33:14 Ndakuthi kongendawo, Inene, uya kufa; abuye ekoneni kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa;

33:15 ongendawo asibuyise isibambiso, ayimisele into ehluthwe nguye, ahambe ngemimiselo yobomi, angenzi ngobugqwetha: inene, wophila, akayi kufa.

33:16 Zonke izono zakhe awona ngazo aziyi kukhunjulelwa kuye; wenze ngokusesikweni nangobulungisa; inene, wophila.

33:17 Bathi ke oonyana bakowenu, Indlela kaYehova ayilungelelene; kanti ngabo, abandlela ingalungeleleneyo.

33:18 Lakubuya ilungisa ebulungiseni balo, lenze ngobugqwetha, lofa ngabo.

33:19 Akubuya ongendawo kokungendawo kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa, inene, wophila ngenxa yoko.

33:20 Nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Ndiya kunigweba, elowo ngokweendlela zakhe, ndlu kaSirayeli.

33:21 Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini emva kokuthinjwa kwethu, ngenyanga yeshumi, ngolwesihlanu enyangeni leyo, kwafika kum osindileyo eYerusalem, wathi, Umzi ubulewe.

33:22 Isandla sikaYehova saba phezu kwam ngokuhlwa, ngaphambi kokufika kosindileyo. Wawuvula ke umlomo wam, wada wafika kum kusasa; wavuleka umlomo wam, andaba saba sisidenge.

33:23 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

33:24 Nyana womntu, abahleli emanxuweni emhlabeni wakwaSirayeli batsho ukuthi, uAbraham wayemnye, walidla ilifa ilizwe; ke thina sibaninzi, silinikiwe ilizwe ukuba silidle ilifa.

33:25 Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nidla into enegazi, amehlo enu niwaphakamisele ezigodweni zenu, niphalaze igazi; nolidla ilifa na ke ilizwe?

33:26 Nimi ngekrele lenu, nenza amasikizi, nithi elowo nimenze inqambi umfazi wommelwane wakhe; nolidla ilifa na ke izilwe?

33:27 Yitsho kubo ukuthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, abo basemanxuweni baya kuwa likrele; lo usendle ndimnikele emarhamncweni, ukuba amdle; bafe yindyikitya yokufa abasezimboniselweni nasemiqolombeni.

33:28 Ndiya kulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, liphele iqhayiya lamandla alo, zibe senkangala iintaba zakwaSirayeli, kungacandi bani kuzo;

33:29 bazi ukuba ndinguYehova, ndakulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, ngenxa yamasikizi onke ababewenzile.

33:30 Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu bancokola ngawe ngasezindongeni naseminyango yezindlu, elowo ethetha nomnye, elowo nomzalwana wakhe, esithi, Khanize, sive ukuba lilizwi eliyini na eliphuma kuYehova.

33:31 Beza kuwe njengokuza kwabantu, bahlale phambi kwakho ngokwabantu bam, baweve amazwi akho, bangawenzi; kuba benza okukhanukwa ngumlomo wabo; intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo embi.

33:32 Yabona, kubo unjengovuma ingoma emnandi, ozwi liyolileyo, olungisayo ukubetha uhadi; baweve amazwi akho, bangawenzi noko.

33:33 Kothi ke kwakufika oko—nanko kusiza—bazi, ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.

34:1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

34:2 Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli; profeta, uthi kubo, ngabalusi abo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke abalusi bakwaSirayeli, abaye bezalusa ngokwabo! Abalusi babengafanele ukwalusa umhlambi wabo, yini na?

34:3 Amanqatha niyawadla, uboya nizambathise ngabo; ezityetyisiweyo izimvu niyazixhela, umhlambi aniwalusi.

34:4 Ezityhafileyo anizomelezi, ezifayo aniziphilisi, ezaphukileyo anizibophi, eziziintsali anizibuyisi, ezidakileyo anizifuni; nizinyathela ngamandla kalukhuni.

34:5 Zaba lusali ngokungabi namalusi; zaba kukudla kwamarhamncwa onke asendle, zaba lusali.

34:6 Umhlambi wam wadungudela ezintabeni zonke, nasezindulini zonke ezinde, waba lusali umhlambi wam ebusweni bonke belizwe. Akubangakho namnye uwukhathalelayo, akwabakho namnye uwufunayo.

34:7 Ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi,

34:8 Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, ngenxa enokuba umhlambi wam ulixhoba, umhlambi wam udliwa ngamarhamncwa onke asendle, ngokungabi namalusi; abalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam, abalusi bezalusa ngokwabo, bengawalusi umhlambi wam:

34:9 ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi,

34:10 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndibachasile ibalusi. Ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo, ndibanqumamise ekwaluseni umhlambi wam, bangabi sazalusa ngokwabo abalusi; ndiwuhlangule umhlambi wam emlonyeni wabo, ungabi saba kukudla kubo.

34:11 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, mna ngokwam ndiya kuwukhathalela umhlambi wam, ndiwuvelele.

34:12 Njengoko umalusi awuvelelayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi komhlambi wakhe othiwe saa qhu, ndiya kwenjenjalo ukuwuvelela umhlambi wam; ndiwuhlangule ezindaweni zonke, owaba lusali kuzo ngemini enamafu, enamafu amnyama.

34:13 Ndiya kuwukhupha ezizweni, ndiwubuthe emazweni, ndiwuse emhlabeni wawo, ndiwalusele ezintabeni zakwaSirayeli, ezihlanjeni nasezindaweni zonke ezimiweyo zelizwe.

34:14 Ndiya kuwalusela ebutyanini obulungileyo, libe sezintabeni ezinde zakwaSirayeli idlelo lawo; edlelweni elilungileyo, uya kubutha khona, udle utyani obutyebileyo ezintabeni zakwaSirayeli.

34:15 Mna ndiya kuwalusa umhlambi wam, ndiwenze ubuthe mna; itsho iNkosi uYehova.

34:16 Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise eziziintsali, ndibophe ezaphukileyo, ndizomeleze ezifayo; ke ezityebileyo ndozitshabalalisa, nezomeleleyo ndizaluse ngokusesikweni.

34:17 Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kweegusha neegusha, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe.

34:18 Yinto encinane na kuni, ukuthi nibudle utyani obulungileyo, nize okuseleyo kotyani nikunyhashe ngamanqina enu? nisele amanzi angcwengekileyo, niwagxobhe aseleyo ngamanqina enu?

34:19 Umhlambi wam udla obunyhashiweyo ngamanquna enu; usela agxojiweyo ngamanqina enu.

34:20 Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo.

34:21 Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe:

34:22 ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha.

34:23 Ndomisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; yena uya kuwalusa, abe ngumalusi wawo yena;

34:24 mna Yehova ndibe nguThixo wawo, umkhonzi wam uDavide abe sisikhulu phakathi kwawo; mna Yehova ndithethile.

34:25 Ndiya kuwenzela umnqophiso woxolo, ndiwaphelise amarhamncwa amabi elizweni, uhlale entlango ukholosile, ulale emahlathini.

34:26 Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo.

34:27 Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo; bazi ukuba ndinguYehova, ekuzaphuleni kwam izikeyi zedyokhwe, ndibahlangule esandleni sabo babebakhonzisa.

34:28 Abayi kuba saba lixhoba leentlanga, angabadli amarhamncwa elizwe; bahlale bekholosile, kungabikho ubothusayo.

34:29 Ndobavelisela isityalo sokuba ludumo, bangabi sasuswa yindlala ezweni, bangabi sathwala hlazo leentlanga.

34:30 Baya kwazi ukuba mna Yehova Thixo wabo ndinabo, bangabantu bam bona, indlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.

34:31 Nina ke ningumhlambi wam, umhlambi wedlelo lam; nisisintu, ndinguThixo wenu; itsho iNkosi uYehova.

35:1 Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

35:2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho entabeni yakwaSehire, uprofete ngayo,

35:3 uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala.

35:4 Imizi yakho ndiya kuyenza amanxuwa, ube senkangala; wazi ukuba ndinguYehova.

35:5 Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela:

35:6 ngako oko, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kukwenza igazi; lokusukela ke igazi; ngokokuba ungalithiyanga igazi, lokusukela igazi.

35:7 Ndoyenza kube senkangala yakwankangala intaba yakwaSehire, ndinqumle kuyo odlulayo nobuyayo.

35:8 Ndiya kuzizalisa iintaba zakhe ngababuleweyo bakhe; ezindulini zakho, nasemifuleni yakho, nasezihlanjeni zakho zonke, ababuleweyo ngekrele bawe kuzo.

35:9 Ndiya kukwenza kube senkangala kuwe ngonaphakade, imizi yakho ingemiwa mntu; nazi ukuba ndinguYehova.

35:10 Ngenxa enokuba usithi, Iintlanga ezi zombini namazwe la omabini ngawam, sowahlutha; ukanti uYehova ukhona;

35:11 ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba.

35:12 Uya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla.

35:13 Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna.

35:14 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lakuvuya ihlabathi lonke, ndokwenza kube senkangala kuwe.

35:15 Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela; bazi ukuba ndinguYehova.

36:1 Wena ke, nyana womntu, profeta ngazo iintaba zakwaSirayeli, uthi, Zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi likaYehova!

36:2 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba utshaba lusithi ngani, Tshotsho, imimango engunaphakade ibililifa lethu!

36:3 ngako oko profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba, ewe, ngenxa enokuba benenze kwaba senkangala, baniginya ngeenxa zonke, ukuze nibe lilifa lamasalela eentlanga, naba semilonyeni yabanolwimi nasentlebendwaneni yabantu:

36:4 ngako oko, nina zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uYehova, lisithi, Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, kwiindawo ezibharhileyo ezingamanxuwa nakwimizi eshiyiweyo, eyaba lixhoba nesigculelo samasalela eentlanga ezingeenxa zonke;

36:5 ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Inyaniso, ndithethe ngomlilo wobukhwele bam ngawo amasalela eentlanga, nangamaEdom onke ephela, alenze ilifa lawo ilizwe lam, evuyile ngentliziyo yonke, ecukuceza ngomphefumlo, ukuze alilahle libe lixhoba.

36:6 Ngako oko, profeta ngomhlaba wakwaSirayeli, uthi kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndithethe ndinobukhwele, ndinobushushu, ngenxa enokuba nilithwele ihlazo leentlanga.

36:7 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndisiphakamisile isandla sam; inyaniso, iintlanga ezingeenxa zonke kuni, zona ziya kuthwala ihlazo lazo.

36:8 Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo.

36:9 Ngokuba, niyabona, ndingakuni; ndobuyela kuni, nilinywe, nihlwayelwe.

36:10 Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa.

36:11 Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinenze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; nazi ukuba ndinguYehova.

36:12 Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana.

36:13 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba bathi kuwe, Usisidlabantu, uluhluthe abantwana uhlanga lwakho:

36:14 ngako oko akuyi kubuya ube sisidlabantu, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.

36:15 Andiyi kubuya ndikuvise ihlazo leentlanga, ungabuyi usithwale isingcikivo sezizwe, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.

36:16 Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,

36:17 Nyana womntu, xa indlu kaSirayeli yabe ihleli emhlabeni wayo, bawenza inqambi ngeendlela zabo nangeentlondi zabo; iindlela zabo phambi kwam zaba njengobunqambi bomfazi onomzi.

36:18 Ndaphalaza ubushushu bam phezu kwabo ngenxa yegazi, ababeliphalaze ezweni elo, nangenxa yokulenza inqambi kwabo ngezigodo zabo.

36:19 Ndabenza baba lusali ezintlangeni, bachithwachithwa emazweni; ndabagweba ngokweendlela zabo, nangokweentlondi zabo.

36:20 Bafika ezintlangeni ezo babesiya kuzo, balihlambela igama lam elingcwele; ekubeni bekusithiwa ngabo, Ngabantu bakaYehova aba, baphume ezweni lakhe.

36:21 Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, ebeyilihlambele indlu kaSirayeli ezintlangeni abaya kuzo.

36:22 Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Andenzi ngenxa yenu, ndlu kaSirayeli; ndenza ngenxa yegama lam elingcwele, enilihlambeleyo ezintlangeni ebe niye kuzo.

36:23 Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, elihlanjelweyo ezintlangeni, enilihlambeleyo phakathi kwazo; ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, itsho iNkosi uYehova, ndakuzingcwalisa ngokwam kuni emehlweni azo.

36:24 Ndonithabatha ke ezintlangeni, ndinibuthe emazweni onke, ndinise emhlabeni wenu.

36:25 Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambulule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke.

36:26 Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama.

36:27 Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;

36:28 niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.

36:29 Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala.

36:30 Ndosandisa isiqhamo somthi nokuphuma emasimini, ukuze ningabuyi namkeliswe isingcikivo sendlala ezintlangeni.

36:31 Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezimbi, neentlondi zenu ezingalungileyo, nizikruqukele ngokwenu, ngenxa yobugwenxa benu nangenxa yamasikizi enu.

36:32 Andiyi kukwenza oku ngenxa yenu, itsho iNkosi uYehova; makwazeke oko kuni. Danani, nibe nehlazo ngenxa yeendlela zenu, ndlu kaSirayeli.

36:33 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endiya kunihlambulula ngayo ebugwenxeni benu bonke, ndiya kuyenza imizi ukuba imiwe, akhiwe amanxuwa.

36:34 Ilizwe ebe kusenkangala kulo liya kulinywa, endaweni yokuba bekusenkangala kulo emehlweni abo bonke abadlulayo.

36:35 Baya kuthi, Eli lizwe, bekusenkangala kulo, lisuke laba njengomyezo wase-Eden; nemizi ebeyibharhile, ebingamanxuwa, ebigungxulwe, imiwe, inqatyisiwe.

36:36 Ziya kwazi ke iintlanga eziseleyo ngeenxa zonke kuni, ukuba mna Yehova ndakha into egungxulweyo, ndiyityale indawo ebe kusenkangala kuyo. Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza.

36:37 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngale nto ndisaya kuquqelwa yindlu kaSirayeli, ukuba ndibenzele; ndiya kubandisa babe sisintu njengomhlambi;

36:38 njengomhlambi ongamadini angcwele, njengomhlambi waseYerusalem ngamaxesha ayo amisiweyo; ukuzala yimihlambi yabantu, iya kuba njalo imizi engamanxuwa; bazi ukuba ndinguYehova.

37:1 Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo.

37:2 Wandidlulisa kuwo, wandijikelezisa ngeenxa zonke; yabona, ebemaninzi kakhulu entilini leyo; yabona, ebeselomile kakhulu.

37:3 Wathi ke kum, Nyana womntu, aya kuphila na ke la mathambo? Ndathi, Nkosi Yehova, kwazi wena.

37:4 Wathi kum, Profeta phezu kwala mathambo, uthi kuwo, Mathambondini, liveni ilizwi likaYehova.

37:5 Itsho iNkosi uYehova kula mathambo, ukuthi, Niyabona, ndingenisa umoya kuni; niya kuphila ke.

37:6 Ndiya kunifaka imisipha, ndimilise kuni inyama, ndinaleke ngolusu, ndifake umoya ngaphakathi kwenu, niphile; nazi ukuba ndinguYehova.

37:7 Ndaprofeta ngoko bendiwiselwe umthetho ngako; kwabakho isandi ndakuprofeta; nanko kurhashaza, asondelelana amathambo, ithambo lasondela kwithambo lalo.

37:8 Ndakhangela, nanko kukho imisipha kuwo, yamila inyama, kwaleka ulusu luthabathela phezulu; umoya ke awabakho.

37:9 Wathi kum, Profeta kuwo umoya, profeta, nyana womntu, uthi kuwo umoya, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Vela, moya kwimimoya yomine, uphefumlele kwaba babuleweyo, baphile.

37:10 Ndaprofeta ke ngoko bendiwiselwe umthetho ngako. Wangena umoya kuwo; baphila, bema ngeenyawo, umkhosi omkhulu kakhulu kunene.

37:11 Wathi ke kum, Nyana womntu, la mathambo yindlu kaSirayeli yonke; yabona, bathi, Amathambo ethu omile, nethemba lethu lidakile, sinqanyulwe.

37:12 Ngako oko profeta, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuwavula amangcwaba enu, ndininyuse niphume emangcwabeni enu, bantu bam, ndinise emhlabeni wakwaSirayeli.

37:13 Niya kwazi ukuba ndinguYehova, ekuwavuleni kwam amangcwaba enu, nasekuninyuseni kwam, niphume emangcwabeni enu, bantu bam.

37:14 Ndofaka uMoya wam kuni, niphile, ndinibeke emhlabeni wenu; nazi ukuba mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza; utsho uYehova.

37:15 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

37:16 Wena ke, nyana womntu, thabathela kuwe intonga ibe nye, ubhale kuyo uthi, EkaYuda, neyoonyana bakaSirayeli, amadlelane akhe; uthabathe enye intonga ubhale kuyo uthi, EkaYosefu (intonga kaEfrayim), nendlu yonke kaSirayeli, amadlelane akhe;

37:17 uzisondeze ke, enye kwenye, zibe ntonga-nye, zibe nto-nye esandleni sakho.

37:18 Bothi bakuthetha nawe oonyana babantu bakowenu, besithi, Akasixeleli na, ziyintoni na ezi ntonga kuwe?

37:19 uthi wena kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyithabatha intonga kaYosefu, esesandleni sikaEfrayim nezizwe zikaSirayeli, amadlelane akhe endiwabeke kuyo ndawonye nentonga kaYuda, ndibenze babe ntonga-nye, babe nto-nye esandleni sam.

37:20 Iintonga obhale kuzo zize zibe sesandleni sakho emehlweni abo.

37:21 Uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kubathabatha oonyana bakaSirayeli phakathi kweentlanga abahamba kuzo, ndibabuthe, bavele ngeenxa zonke, ndibase emhlabeni wabo.

37:22 Ndobenza luhlanga lunye elizweni elo, ezintabeni zakwaSirayeli, abe mnye ukumkani, engukumkani wabo bonke bephela; bangabuyi babe ziintlanga ezimbini, bangabuyi bahluke babe zizikumkani ezibini.

37:23 Abayi kubuya bazenze iinqambi ngezigodo zabo, nangezinto zabo ezinezothe, nangezikreqo zabo zonke; ke ndobasindisa emakhayeni abo onke, ababesona kuwo, ndibahlambulule, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo.

37:24 Umkhonzi wam uDavide woba ngukumkani kubo, abe ngumalusi omnye kubo bonke bephela; bahambe ngamasiko am, bagcine imimiselo yam, bayenze.

37:25 Bohlala ezweni elo, ndalinika umkhonzi wam uYakobi, ababehleli kulo ooyise; bahlale ke khona, bona nabantwana babantwana babo kude kuse ephakadeni; uDavide, umkhonzi wam, abe sisikhulu sabo ngonaphakade.

37:26 Ndobenzela umnqophiso woxolo; uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade kubo; ndibamise, ndibandise, ndibeke ingcwele yam phakathi kwabo ngonaphakade.

37:27 Umnquba wam uya kuba phezu kwabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam:

37:28 zazi iintlanga ukuba ndinguYehova ongcwalise amaSirayeli, xa ingcwele yam iya kubakho phakathi kwabo ngonaphakade.

38:1 Ke kaloku, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

38:2 Nyana womntu, bubhekise ubuso bakho kuGogi wasezweni lakwaMagogi, isikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali, uprofete ngaye.

38:3 Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Gogi, sikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali.

38:4 Ndiya kukuphambanisa, ndikufake amakhonkco emihlathini, ndikurhole nempi yakho yonke, amahashe nabamahashe, abaxhobe baphelelisela bonke bephela, ibandla elikhulu, benamakhaka neengweletshetshe, bephethe amakrele bonke bephela:

38:5 benamaPersi namaKushi namaPuti, onke ephela eneengweletshetshe nezigcina-ntloko;

38:6 uGomere namahlelo akhe onke, nendlu kaTogarma ezingontsini zasentla, inamahlelo akhe onke; izizwe ezininzi zinawe.

38:7 Lunga, uzilungisele iinto zonke, wena nebandla lakho lonke, elibizelwe ndawonye kuwe, ube ngumgcini walo.

38:8 Emva kwemihla emininzi uya kuvelelwa; ekupheleni kweminyaka leyo uya kufika elizweni elibuyisiweyo ekreleni, libuthiwe ezizweni ezininzi; ufike ezintabeni zakwaSirayeli ezahlala zibharhile. Lona likhutshwe ezizweni, baza bahlala bekholosile bonke bephela.

38:9 Uya kunyuka uze njengesiphango, njengelifu ukulisibekela ilizwe, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezininzi ezinawe.

38:10 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngaloo mini, kuya kuthi qatha izinto entliziyweni yakho, ucinge ingcinga embi.

38:11 Uya kuthi, Ndiya kunyuka ndiye ezweni lamaphandle; ndiya kubafikela abazolileyo, abahleli bekholosile bonke bephela, abahleli bengenazindonga, bengenamivalo nazingcango;

38:12 ukuba uthimbe, uhlasele amaxhoba, usibuyisele isandla sakho kumanxuwa amiweyo, nakubantu abahlanganisiweyo ezintlangeni, bezuze imfuyo nempahla, abahleli esazulwini somhlaba.

38:13 OoShebha noDedan, nabarhwebi baseTarshishe, neengonyama ezintsha zabo zonke, baya kuthi kuwe, Uze kuthimba na, ukuba lihlasele amaxhoba na ibandla lakho olibizele ndawonye? ukuba limke negolide nesilivere, lithabathe imfuyo nempahla, lithimbe kakhulu na?

38:14 Ngako oko profeta, nyana womntu, uthi kuGogi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akuyi kuba njalo na ngaloo mini, ekuhlaleni kwabantu bam amaSirayeli bekholosile, uya kuyazi loo nto?

38:15 Uya kuphuma endaweni yakho, ezingontsini zasentla, wena nezizwe ezininzi ezinawe, bekhwele emahasheni bonke bephela, ibandla elikhulu, impi eninzi;

38:16 unyuke ubafikele bantu bam amaSirayeli njengelifu, ukuba ulisibekele ilizwe. Ekupheleni kwemihla kuya kubakho oko, ndikuse, ulifikele ilizwe lam, ukuze iintlanga zindazi, ekuzingcwaliseni kwam kuwe emehlweni azo, Gogi.

38:17 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwe na lowa, ndandithetha yena ngeemini zamandulo ngomlomo wabakhonzi bam, abaprofeti bakwaSirayeli, ababeprofeta iminyaka kwezo mini ngelithi, ndokuzisa phezu kwabo?

38:18 Kuya kuthi ngaloo mini, ngemini yokuwufikela kukaGogi umhlaba wakwaSirayeli, itsho iNkosi uYehova, bunyuke ubushushu bam emathatheni am.

38:19 Ke ndithethe ndinobukhwele, ndinomlilo wokuphuphuma komsindo wam. Inyaniso, ngaloo mini kuya kubakho ukunyikima okukhulu emhlabeni wakwaSirayeli.

38:20 Ziya kunyikima phambi kwam iintlanzi zolwandle, neentaka zezulu, namarhamncwa asendle, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nabantu bonke abasebusweni bomhlaba, zigungxulwe iintaba, iwe imixawuka, zonke iindonga ziwe emhlabeni.

38:21 Ndombizela ikrele ezintabeni zam zonke, itsho iNkosi uYehova; ikrele lomntu liya kuma kumzalwana wakhe.

38:22 Ndiya kumgweba ngendyikitya yokufa nangegazi; nangesiphango esikhukulayo, nangamatye esichotho, umlilo nesulfure ndiwunise phezu kwakhe, naphezu kwamahlelo akhe, naphezu kwezizwe ezininzi ezinaye.

38:23 Ndiya kuzikhulisa, ndizingcwalise, ndizazise ngokwam emehlweni eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.

39:1 Wena ke, nyana womntu, profeta ngoGogi, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Gogi, sikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali.

39:2 Ndiya kukuphambanisa, ndikurhole, ndikunyuse uphume ezingontsini zasentla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli.

39:3 Ndosithi qhwithi isaphetha sakho esandleni sakho sokhohlo, ndiziwise iintolo zakho esandleni sakho sokunene.

39:4 Uya kuwa ezintabeni zakwaSirayeli, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezinawe. Ndiya kukunikela ezintakeni ezixwilayo zeentlobo ngeentlobo, nasemarhamncweni asendle, ukuba ube kukudla.

39:5 Uya kuwa ebusweni belizwe, ngokuba ndithethile; itsho iNkosi uYehova.

39:6 Nothumela umlilo kwaMagogi, nakubemi beziqithi abakholosileyo; bazi ukuba ndinguYehova.

39:7 Ndiya kulazisa igama lam elingcwele phakathi kwabantu bam amaSirayeli, ndingabuyi ndilingcolise igama lam elingcwele; zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, oyiNgcwele kwaSirayeli.

39:8 Yabona, le nto iyeza, iya kubakho; itsho iNkosi uYehova; yiloo mini ndandithetha yona.

39:9 Ke baya kuphuma abemi bemizi yakwaSirayeli, baphembe babase umlilo ngezikrweqe, nangeengweletshetshe, nangamakhaka, ngezaphetha, nangeentolo, nangeenduku, nangezikhali; baphembe umlilo ngazo iminyaka esixhenxe.

39:10 Abayi kutheza ziinkuni endle, bangagawuli nasemahlathini; ngokuba baya kuwuphemba ngezikrweqe umlilo; bathimbe kwabo babethinjwe ngabo, baphange ababephangwe ngabo; itsho iNkosi uYehova.

39:11 Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ubavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi.

39:12 Indlu kaSirayeli yoba neenyanga ezisixhenxe ibangcwaba, ukuze balihlambulule ilizwe;

39:13 bonke abantu belizwe eli bangcwabe, kube ludumo kubo mini ndizizukisayo; itsho iNkosi uYehova.

39:14 Baya kubalula amadoda anomonde acandacanda elizweni, nahamba nalawo acandacandayo, angcwabe abaseleyo ebusweni belizwe, ukuba alihlambulule. Ekupheleni kweenyanga ezisixhenxe aya kuligocagoca.

39:15 Baya kucanda abacandacanda elizweni, babone ithambo lomntu, bamise umthelekelelo ecaleni kwalo, bade abangcwabi abo balingcwabe emfuleni wengxokolo kaGogi.

39:16 Igama lomzi okhona liya kuba nguNgxokolo; balihlambulule ke ilizwe.

39:17 Wena ke, nyana womntu, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yithi, kwiintaka zeentlobo ngeentlobo, nakumarhamncwa onke asendle, Buthanani nize; zihlanganiseni ngeenxa zonke embingelelweni wam endinibingeleleyo, umbingelelo omkhulu ezintabeni zakwaSirayeli; nidle inyama, nisele igazi.

39:18 Niya kudla inyama yamagorha, nisele igazi lezikhulu zehlabathi, iinkunzi zeegusha, namatakane, neenkunzi zeebhokhwe, neenkunzi zeenkomo ezintsha ezityetyisiweyo zaseBhashan, zonke ziphela.

39:19 Nodla amanqatha nihluthe, nisele igazi ninxile embingelelweni wam endinibingeleleyo;

39:20 nihluthe esithebeni sam ngamahashe nangabamahashe, ngamagorha namadoda onke okulwa; itsho iNkosi uYehova.

39:21 Ndiya kubumisa ubuqaqawuli bam ezintlangeni, ziwubone iintlanga zonke umgwebo wam endiya kuwenza, nesandla sam endiya kusisa kuzo.

39:22 Iya kwazi indlu kaSirayeli ukuba ndinguYehova uThixo wabo, ithabathela kuyo le mini ise naphi.

39:23 Neentlanga ziya kwazi ukuba indlu kaSirayeli yathinjwa ngenxa yobugwenxa babo; ngenxa enokuba bamenezayo kum, ndabusithelisa ubuso bam kubo, ndabanikela esandleni sababandezeli babo, bawa likrele bonke bephela.

39:24 Ndabenza ngokobunqambi babo nangokwezikreqo zabo, ndabusithelisa ubuso bam kubo.

39:25 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kaloku ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYakobi, ndisikwe yimfesane ngenxa yendlu yonke kaSirayeli, ndibe nobukhwele ngegama lam elingcwele.

39:26 Baya kulithwala ihlazo labo, nobumenemene babo bonke ababemeneza ngabo kum, ekuhlaleni kwabo emhlabeni wabo bekholosile, kungekho ubothusayo.

39:27 Ekubabuyiseni kwam ezizweni, ekubabutheni kwam emazweni eentshaba zabo, ndozingcwalisa kubo emehlweni eentlanga ezininzi.

39:28 Baya kwazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owenza ukuba bathinjelwe ezintlangeni, ndize ndibawomelisele emhlabeni wabo, ndingabuyi ndishiye namnye kubo khona.

39:29 Andiyi kuba sabusithelisa ubuso bam kubo, ngokokuba ndithulule uMoya wam phezu kwendlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.

40:1 Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesine emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona.

40:2 Ngemibono kaThixo wandisa ezweni lakwaSirayeli elo, wandibeka entabeni ephakamileyo kakhulu; phezu kwayo kwanga sisakhiwo somzi ngasezantsi.

40:3 Wandisa khona: nanko umntu, okubonakala kunjengokubonakala kobhedu, ephethe intsontelo yeflakisi ngesandla, nengcongolo yokulinganisa; waye ke emi esangweni.

40:4 Wathetha nam loo mntu, wathi, Nyana womntu, khangela ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, ugqale ngentliziyo yakho zonke izinto endikubonisa zona; ngokuba uziswe apha ukuze uboniswe. Xelela indlu kaSirayeli konke okubonayo.

40:5 Nanko ke, kukho udonga ngaphandle kwendlu, olujikelezileyo ngeenxa zonke, isesandleni somntu lowo ingcongolo yokulinganisa, iziikubhite ezintandathu, iyileyo iyikubhite enobubanzi besandla. Wabulinganisa ububanzi besakhiwo; baba yingcongolo enye, ukuphakama kwayingcongolo enye.

40:6 Waya esangweni elibheke empumalanga, wenyuka ngezinyuko zalo, walinganisa omnye umbundu wesango; waba yingcongolo enye ububanzi, omnye umbundu ke wokuqala wayingcongolo enye ububanzi.

40:7 Negumbi lokulinda laba yingcongolo enye ubude, layingcongolo enye ububanzi; phakathi kwamagumbi okulinda zaziikubhite ezintlanu; umbundu wesango, ongasevarandeni yesango enganeno kwayo indlu, wayingcongolo enye.

40:8 Walinganisa ivaranda yesango leyo inganeno kwayo indlu, yayingcongolo enye.

40:9 Walinganisa ivaranda yesango ke, yaziikubhite ezisibhozo, iintsika zayo zaziikubhite ezimbini; ke ivaranda yesango yayinganeno kwayo indlu.

40:10 Ke amagumbi okulinda, esango elisingise empumalanga, aba mathathu ngapha, aba mathathu nangapha, aba mlinganiso mnye omathathu, zaba mlinganiso mnye iintsika ngapha nangapha.

40:11 Walinganisa ububanzi bokungena kwesango, baziikubhite ezilishumi; ubude besango ngalinye baziikubhite ezilishumi elinazithathu.

40:12 Ke umda phambi kwamagumbi okulinda wawuyikubhite enye ngapha, wayikubhite enye nangapha umda; amagumbi okulinda aba ziikubhite ezintandathu ngapha, aba ziikubhite ezintandathu nangapha.

40:13 Walinganisa isango, ethabathela eluphahleni lwamagumbi okulinda, esa eluphahleni lwamanye; laba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi; umnyango ulunge nomnyango.

40:14 Iintsika wazenza zangamashumi omathandathu eekubhite; yeza kuma ngentsika intendelezo ejikelezileyo ngeenxa zonke esangweni.

40:15 Ke ukuthabathela phambi kwesango lokungena, kuse phambi kwevaranda yesango eliphakathi, zabaziikubhite ezimashumi mahlanu.

40:16 Bekukho iifestile ezi valiweyo emagumbini okulinda nasezintsikeni zawo ngecala eliphakathi esangweni, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukwanjalo nasezingqamekweni. Bekukho iifestile ngaphakathi, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukho namasundu ezintsikeni.

40:17 Wandisa entendelezweni ephandle; nanko, kwenziwe amagumbi nombekelelo wamatye, kwajikeleza ngeenxa zonke entendelezweni; yayingamagumbi angamashumi mathathu embekelelweni wamatye.

40:18 Umbekelelo wamatye ubusemacaleni amasango, ulungelelene nobude bamasango; umbekelelo lowo uphantsi.

40:19 Walinganisa ububanzi, ethabathela phambi kwesango lentendelezo ephantsi, esa phambi kwelentendelezo ephakathi nganeno kwalo; zalikhulu leekubhite ngasempumalanga nangasentla.

40:20 Isango elibheke entla ngasentendelezweni ephandle, wabulinganisa ubude balo nobubanzi balo;

40:21 namagumbi okulinda amathathu ngapha, amathathu nangapha, neentsika zalo, neengqameko zalo. Laba ngangomlinganiso wesango lokuqala; baziikubhite ezimashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi balo baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu.

40:22 Iifestile zalo, neengqameko zalo, namasundu alo, zaba ngangomlinganiso wesango elibheke empumalanga; benyuka ngezinyuko ezisixhenxe ukuya kulo; neengqameko zalo zaba phambi kwazo.

40:23 Amasango entendelezo ephakathi alunga nesango langasentla nelangasempumalanga; walinganisa, wathabathela esangweni, wesa esangweni; zalikhulu leekubhite.

40:24 Wandihambisa wandisingisa ezantsi; nali isango, lisingise ezantsi; walinganisa iintsika zalo neengqameko zalo kwangokwaloo milinganiso.

40:25 Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke, njengeziya iifestile; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

40:26 Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisixhenxe, nezingqameko zalo zaziphambi kwazo; belinamasundu, elinye lingapha, elinye lingapha, ezintsikeni zalo.

40:27 Bekukho isango elisa entendelezweni ephakathi, elisingise ezantsi; walinganisa ethabathela esangweni elo, esa esangweni elisingise ezantsi; zaba ziikubhite ezilikhulu.

40:28 Wandisa entendelezweni ephakathi ngesango lasezantsi, walilinganisa isango lasezantsi kwangokwaloo milinganiso;

40:29 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

40:30 Iingqameko zajikeleza ngeenxa zonke: zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ubude, zaba ziikubhite ezintlanu ububanzi.

40:31 Iingqameko zalo zabheka entendeezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

40:32 Wandisa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;

40:33 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

40:34 Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

40:35 Wandisa esangweni lasentla, walilinganisa kwangokwaloo milinganiso;

40:36 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo. Bekukho iifestile kulo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

40:37 Iintsika zalo zakhangela entendelezweni ephandle; zinamasundu iintsika zalo ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

40:38 Igumbi nomnyango walo lalingasezintsikeni zamasango; bebewahlamba khona amadini anyukayo.

40:39 Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.

40:40 Ecaleni elingaphandle, konyukayo esiya ekungeneni kwesango ngasentla, bekukho iitafile ezimbini; nakwelinye icala ngasevarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini.

40:41 Kwabakho iitafile ezine ngapha, iitafile ezine nangapha, ecaleni lesango; ziitafile ezisibhozo, zokuxhelela kuzo.

40:42 Kananjalo bekukho neetafile ezine ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo.

40:43 Amabhaxa angangobubanzi besandla, abe eqiniselweendlwini, ajikeleza ngeenxa zonke; yaye isezitafileni inyama yomsondezo.

40:44 Ngaphandle kwesango eliphakathi bekukho amagumbi amabini entendelezweni ephakathi; elinye lingasecaleni lesango lasentla, libheke ezantsi, elinye lingasecaleni lesango lasezantsi, libheke entla.

40:45 Wathi kum, Eli gumbi, libheke ezantsi, lelababingeleli abagcina isigxina sendlu le.

40:46 Igumbi elibheke entla lelababingeleli abagcina isigcina sesibingelelo. Bona bangoonyana bakaTsadoki, koonyana bakaLevi, abasondelayo kuYehova ukuba balungiselele kuye.

40:47 Wayilinganisa intendelezo; zaba ziikubhite ezilikhulu ubude, zaba ziikubhite ezilikhulu nobubanzi; imbombo-ne; isibingelelo ke besiphambi kwayo indlu.

40:48 Wandisa evarandeni yayo indlu, walinganisa intsika yevaranda: iikubhite zontlanu ngapha, iikubhite zontlanu ngapha; ububanzi besango baziikubhite ezintathu ngapha, iikubhite ezintathu nangapha.

40:49 Ubude bevaranda baba ziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baba ziikubhite ezilishumi elinanye ngasezinyukweni, ebe kunyukwa ngazo kuyiwe kuyo. Bekukho iintsika ngasezintsikeni zomnyango, enye ngapha, enye nangapha.

41:1 Wandisa etempileni, walinganisa iintsika; zaba ziikubhite ezintandathu ububanzi ngapha, zaba ziikubhite ezintandathu ububanzi nangapha; bububanzi ke bentente.

41:2 Ububanzi bomnyango bebuziikubhite ezilishumi; amacala omnyango aba ziikubhite ezintlanu ngapha, iikubhite ezintlanu nangapha. Wabulinganisa ubude bayo, baziikubhite ezimashumi mane, ububanzi baziikubhite ezimashumi mabini.

41:3 Wangena ke ngaphakathi, walinganisa intsika yomnyango; yaziikubhite ezimbini, nomnyango waziikubhite ezintandathu ukuphakama, ububanzi bomnyango baziikubhite ezisixhenxe.

41:4 Wabulinganisa ubude bayo, baziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baziikubhite ezimashumi mabini, wabhekisa etempileni; wathi kum, Yingcwele kangcwele le.

41:5 Walulinganisa udonga lwendlu, lwaziikubhite ezintandathu, ububanzi bendawo yokwayama baziikubhite ezine; yajikeleza ngeenxa zonke endlwini leyo.

41:6 Amagumbi endawo yokwayama aba mathathu, igumbi phezu kwegumbi, aba mashumi mathathu; aya kufika eludongeni ebeyinalo indlu le, ngasemagumbini endawo yokwayama, eyajikeleza ngeenxa zonke, ukuze abe nokubambeka khona; kodwa angabambeki eludongeni lwayo indlu.

41:7 Kwaya kuba banzi ukujikeleza, okukhona siya sinyuka isakhiwo ngokwamagumbi endawo yokwayama; ngokuba oko kwayijikeleza indlu le, kwaya kusanda okukhona inyukayo, kuyijikeleza indlu le ngeenxa zonke; ngenxa yoko indlu le yaya iba banzi okunyuka inyukayo; lwaba kwanjalo olungaphantsi udidi, ukunyuka ukuya kolungaphezulu ngokolo lungaphakathi.

41:8 Ndabona kwasendlwini le indawo ephakamileyo, ejikelezileyo ngeenxa zonke; iziseko zamagumbi endawo yokwayama zaziyingcongolo epheleyo, ziikubhite ezintandathu, ukuya entlanganweni.

41:9 Ububanzi bodonga, ebe inabo indawo yokwayama ngaphandle, bebuziikubhite ezintlanu; yaba kwanjalo indawo eshiyekileyo endlwini enamagumbi endawo yokwayama ekule ndlu.

41:10 Phakathi kwamagumbi ibe ibububanzi beekubhite ezimashumi mabini obujikelezileyo, bayijikeleza indlu ngeenxa zonke.

41:11 Iminyango yendawo yokwayama yayikhangele endaweni eshiyekileyo; omnye umnyango ukhangele ngentla, omnye umnyango ukhangele ngezantsi; ububanzi bendawo eshiyekileyo bebuziikubhite ezintlanu, bajikeleza ngeenxa zonke.

41:12 Isakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, sasiziikubhite ezimashumi asixhenxe ububanzi baso ngecala elisingise entshonalanga; udonga lwesakhiwo eso lwaluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; lwajikeleza ngeenxa zonke, nobude baso baba ziikubhite ezimashumi asithoba.

41:13 Wayilinganisa ke indlu leyo, yaba ziikubhite ezilikhulu ubude; indawo eqhiwukileyo, nesakhiwo sayo, neendonga zaso, zaba ziikubhite ezilikhulu ubude.

41:14 Ububanzi bobuso bayo indlu, nobendawo eqhiwukileyo ekhangele empumalanga baba ziikubhite ezilikhulu.

41:15 Wabulinganisa ke ubude besakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, ebe singasemva kwayo, neegalari zaso ngapha nangapha, iikubhite zaba likhulu; nendawo engcwele yangaphakathi, neevaranda zentendelezo.

41:16 Imibundu leyo yeminyango, neefestile ezo zivaliweyo, neegalari ezo zijikelezileyo ezindidini zazo zontathu (malunga nemibundu yeminyango kukho amaceba emithi, ejikelezile ngeenxa zonke; nomhlaba ude wema ngeefestile, iifestile ke zigutyungelwe),

41:17 naphezu kweminyango, kwada kwasendlwini ngaphakathi nangaphandle, naseludongeni lonke, kwajikeleza ngeenxa zonke, ngaphakathi nangaphandle, kwaba yimilinganiso.

41:18 Kwaye kwenziwe iikerubhi namasundu; yalisundu phakathi kwekerubhi nekerubhi; ikerubhi yanobuso obubini;

41:19 yabubuso bomntu obubheke esundwini ngapha, yabubuso bengonyama obubheke esundwini ngapha. Kwaye kwenjiwe njalo endlwini yonke, kwajikeleza ngeenxa zonke.

41:20 Zenziwa zathabathela emhlabeni zesa phezu kweminyango, iikerubhi namasundu, eludongeni ke lwetempile.

41:21 Itempile, imigubasi yayo ibe imbombo-ne; nobuso bengcwele, imbonakalo yabo yabonakala ikwanjalo.

41:22 Isibingelelo sasingumthi, ukubhite-ntathu ukuphakama, buziikubhite-mbini ubude baso; besineembombo zaso nommiso waso, namacala aso engumthi. Wathi kum, Le yitafile ephambi koYehova.

41:23 Bezimbini iingcango zetempile nezengcwele.

41:24 Bezingambini iingcango kwiminyango leyo, ziziingcango ezijingayo zombini, zimbini komnye umnyango, zimbini iingcango nakomnye.

41:25 Kwaye kwenziwe kuzo, kwiingcango ezo zetempile, iikerubhi namasundu, kunjengoko bekwenziwe ngako ezindongeni. Kwaye kukho isinyuko somthi phambi kwevaranda ngaphandle.

41:26 Iifestile ezivaliweyo namasundu zazingapha nangapha, emacaleni evaranda, nasemagumbini endawo yokwayama kuyo indlu, nezinyuko.

42:1 Waphuma nam, waya entendelezweni engaphandle ngendlela esinga ngentla, wandisa emagumbini amalunga nendawo le iqhiwukileyo, amalunga nesakhiwo eso, akhangele entla.

42:2 Phambi kwecala elibude buziikubhite ezilikhulu, elimnyango ungasentla, ububanzi baba ziikubhite ezimashumi mahlanu.

42:3 Malunga neekubhite ezimashumi mabini zentendelezo engaphakathi, malunga nombekelelo wamatye osentendelezweni engaphandle, yaba yigalari isinge egalarini eludidini lwesithathu.

42:4 Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla.

42:5 Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela.

42:6 Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika: ngenxa yoko kwarhoxiswa kwala angaphantsi kwanala aphakathi esikhundleni sawo.

42:7 Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu.

42:8 Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu.

42:9 Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle.

42:10 Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi.

42:11 Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo.

42:12 Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo.

42:13 Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelayo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele.

42:14 Bakungena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.

42:15 Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheke empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke.

42:16 Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.

42:17 Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.

42:18 Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.

42:19 Wajikela ecaleni langasentshonalanga, walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.

42:20 Ngamacala omane wayilinganisa. Inodonga olujikelezileyo ngeenxa zonke; ubude bangamakhulu amahlanu, nobubanzi bangamakhulu amahlanu, ukuze kwahlulwe phakathi kokungcwele nokuhlambeleyo.

43:1 Wandisa esangweni, esangweni elibheke endleleni yangasempumalanga.

43:2 Nabo ke ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli, buvela ngendlela yangasempumalanga, isandi sabo sinjengesandi samanzi amaninzi; ihlabathi lakhanya bubuqaqawuli bakhe.

43:3 Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.

43:4 Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.

43:5 UMoya wandifukula, wandisa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le.

43:6 Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.

43:7 Wathi kum, Nyana womntu, khangela indawo yetrone yam, indawo yomphantsi weenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade; ingabi salenza inqambi igama lam elingcwele indlu kaSirayeli, bona nookumkani babo, ngobuhenyu babo, nangezidumbu zookumkani babo ezigangeni zabo;

43:8 ekumiseni kwabo umbundu womnyango wabo ngasembundwini womnyango wam, nemigubasi yabo ecaleni lemigubasi yam, iludonga lodwa phakathi kwam nabo; belenze inqambi ke igama lam elingcwele, ngamasikizi abo abawenzayo. Ndabagqibela ke ngomsindo wam.

43:9 Ngoku ke mabakhwelelise kum ubuhenyu babo, nezidumbu zookumkani babo, ndihlale phakathi kwabo ngonaphakade.

43:10 Wena ke, nyana womntu, indlu kaSirayeli yixelele le ndlu, beve ihlazo ngenxa yobugwenxa babo, basilinganise isakhiwo esilinganiselweyo ngokuhle.

43:11 Ukuba bathe baliva ihlazo ngenxa yezinto zonke abazenzileyo, bazise ukumeka kwendlu le nokuqulunqwa kwayo, iziphumo zayo nezingeno zayo, iimeko zayo zonke nemimiselo yayo yonke, iimeko zayo zonke nemiyalelo yayo yonke, uyibhale emehlweni abo; bakugcine konke ukuma kwayo, nemimiselo yayo yonke, bayenze.

43:12 Nguwo lo umyalelo wayo indlu: encotsheni yentaba, wonke umda wayo, ojikelezileyo ngeenxa zonke, uyingcwele kangcwele. Yabona, nguwo lo umyalelo wayo indlu.

43:13 Yiyo le imilinganiso yesibingelelo ngokweekubhite (ikubhite yikubhite nobubanzi besandla): umzantsi waso woba yikubhite, ube yikubhite ububanzi; ulungqu lwawo eludinini lwawo ngeenxa zonke lwalungangomoluko omnye weminwe. Lulo olo ufundo lwesibingelelo esi.

43:14 Kuthabathela emzantsini osemhlabeni, kude kuse emacaleni aphantsi, koba ziikubhite ezimbini ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye; kuthabathela emacaleni lawo amafutshane, kude kuse emacaleni amade, koba ziikubhite ezine ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye.

43:15 Intaba kaThixo yoba ziikubhite ezine; zothabathela ezikweni likaThixo, zinyuse iimpondo ezine.

43:16 Iziko likaThixo loba ziikubhite ezilishumi elinambini ubude balo, ishumi elinambini ububanzi balo; loba mbombo ne ngokwamacala alo omane.

43:17 Amacala oba ziikubhite ezilishumi elinane ubude bawo, neshumi elinane ububanzi, ngokwamacala awo omane; nolungqu ngeenxa zonke kuwo lube sisiqingatha sekubhite; umzantsi wawo ube yikubhite enye ngeenxa zonke; nezinyuko zawo mazikhangele empumalanga.

43:18 Wathi kum, Nyana womntu, itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Yiyo le imimiselo yesibingelelo ngemini yokwenziwa kwaso, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, kutshizwe ngegazi kuso.

43:19 Uya kubanika ababingeleli, abaLevi abangabembewu kaTsadoki, abasondelayo kum, itsho iNkosi uYehova, ukuba balungiselele kum inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono.

43:20 Wothabatha egazini layo, uliqabe ezimpondweni zaso zone, nasezimbombeni zone zamacala, naseludinini ngeenxa zonke; usenze nyulu, usicamagushele;

43:21 uyithabathe inkunzi entsha yedini lesono, bayitshise endaweni emisiweyo yayo indlu, ngaphandle kwengcwele.

43:22 Ngomhla wesibini wosondeza inkunzi yebhokhwe exhonti egqibeleleyo, ibe lidini lesono; basenze nyulu isibingelelo, njengoko senziwa nyulu ngenkunzi entsha.

43:23 Ekugqibeni kwakho ukusenza nyulu, wosondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, nenkunzi egqibeleleyo yasempahleni emfutshane.

43:24 Wozisondeza phambi koYehova, ababingeleli bagalele ityuwa phezu kwazo, bazinyuse zibe lidini elinyukayo kuYehova.

43:25 Iintsuku ezisixhenxe uya kunikela inkunzi yebhokhwe exhonti eyedini lesono ngemini; balungiselele nenkunzi entsha elithole lenkomo, nenkunzi yasempahleni emfutshane egqibeleleyo.

43:26 Iintsuku ezisixhenxe bosicamagushela isibingelelo, basihlambulule; basimisele.

43:27 Baya kuzigqiba ezo ntsuku, kuthi ngomhla wesibhozo, nanini, ababingeleli benze amadini enu anyukayo nemibingelelo yenu yoxolo esibingelelweni, ndize ndinamkele; itsho iNkosi uYehova.

44:1 Wandibuyisa ngendlela yesango lengcwele elingaphandle, elibheke empumalanga; laye livaliwe.

44:2 UYehova wathi kum, Eli sango liya kuhlala livaliwe; aliyi kuvulwa, akuyi kungena mntu ngalo; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ungene ngalo; liya kuhlala livaliwe ke.

44:3 Isikhulu, sisikhulu nje, siya kuhlala kulo, ukuba sidle ukudla phambi koYehova. Songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.

44:4 Wandisa ngendlela yesango langasentla, ebeyiphambi kwayo indlu; ndakhangela, nabo ubuqaqawuli bukaYehova buyizalisile indlu kaYehova; ndawa ngobuso.

44:5 Wathi kum uYehova, Nyana womntu, gqala ngentliziyo yakho, ubone ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, konke endisukuba ndikuthetha kuwe, ngokusingisele kwimimiselo yonke yendlu kaYehova, nangokusingisele kwimiyalelo yayo yonke; ukugqale ngentliziyo yakho ukungena endlwini le, ezindaweni zonke zengcwele ekuphunywa ngazo.

44:6 Uze uthi kwabaneenkani, kwabendlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yanelani, ndlu kaSirayeli, ngamasikizi enu onke,

44:7 okubangenisa kwenu oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, ukuba babe sengcweleni yam, ukuba bayihlambele indlu yam le, nakusondeza ukudla kwam, amanqatha negazi. Umnqophiso wam nawaphula ke phezu kwamasikizi enu onke;

44:8 anasigcina isigxina sengcwele yam; nabamisa abaya ukuba banigcinele isigxina sam engcweleni yam.

44:9 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bonke oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, abayi kungena engcweleni yam, bakubo bonke oonyana bolunye uhlanga, abaphakathi koonyana bakaSirayeli.

44:10 Ke kwanabaLevi, abakhwelelayo kude kum, ekundwendweni kwamaSirayeli awandwendwayo kum, alandela izigodo zawo, aya kubuthwala ubugwenxa bawo.

44:11 Baya kwanela ukuba ngabalungiseleli engcweleni yam, bengabaveleli bamasango endlu le, belungiselela endlwini le. Abo baya kuxhelela abantu idini elinyukayo nombingelelo, bona beme phambi kwabo, ukuba babalungiselele.

44:12 Ngenxa enokuba babalungiselelayo phambi kwezigodo zabo, baba sisikhubekiso sobugwenxa kwindlu kaSirayeli, ngenxa yoko ndibaphakamisele isandla sam, itsho iNkosi uYehova, ukuba babuthwale ubugwenxa babo.

44:13 Abayi kufika kum, ukuba benzelelele kum, bangafiki kwiingcwele zam zonke, kwingcwele kangcwele yam; baya kuthwala ke ihlazo labo namasikizi abo abawenzileyo.

44:14 Ndobenza babe ngabagcini besigxina sendlu le ngokwenkonzo yayo yonke, nangokwezinto zonke ezenzelwa kuyo.

44:15 Ke bona ababingeleli abaLevi, oonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sengcwele yam, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli kum, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme phambi kwam, ukuba basondeze kum inqatha negazi; itsho iNkosi uYehova.

44:16 Bongena bona engcweleni yam, basondele bona esithebeni sam, ukuba bandilungiselele, bagcine isigxina sam.

44:17 Kothi, ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bambathe iingubo zelinen; kungabikho nto yoboya kubo ekulungiseleleni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, naxa bakuyo indlu.

44:18 Zoba ziinkontsho zelinen ezintlokweni zabo, ibe ziibhulukhwe zelinen ezinqeni zabo; abayi kubhinqa, bazibilise.

44:19 Bothi, ekuphumeni kwabo, besinga entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle besiya ebantwini, bazihlube iingubo zabo ababelungiselela benazo, bezibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi, bangabangcwalisi abantu ngeengubo zabo.

44:20 Mabangazichebi iintloko, bangaziyeki iinwele zabo zibe ngamayakayaka; bozinquthula iintloko.

44:21 Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.

44:22 Umhlolokazi nomfazi owaliweyo mabangabazeki babe ngabafazi babo; bozeka iintombi eziziintombi kwimbewu yendlu kaSirayeli, kwanomhlolokazi othe waba ngumhlolokazi wombingeleli.

44:23 Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazise okuyinqambi nokuhlambulukileyo.

44:24 Ekubambaneni kwabantu mabeme bona, bagwebe ngokwamasiko am, bagcine imiyalelo yam nemimiselo yam ngamaxesha am onke amisiweyo, bazingcwalise iisabatha zam.

44:25 Mabangayi emntwini ofileyo, bazenze iinqambi; kungaba kungoyise, nonina, nonyana, nentombi yabo, nomzalwana, nodade wabo ongabanga nandoda, abangazenza iinqambi ngabo, bona bodwa.

44:26 Bombalela imihla esixhenxe emva kokuhlanjululwa kwakhe.

44:27 Ngomhla ke wokungena kwakhe engcweleni, entendelezweni ephakathi, ukuze alungiselele engcweleni, wosondeza idini lakhe lesono; itsho iNkosi uYehova.

44:28 Oko koba lilifa labo, ibe ndim ilifa labo; ningabaniki nzuzo kwaSirayeli; ndim inzuzo yabo.

44:29 Umnikelo wokudla, nedini lesono, nedina letyala, bodla ezo zinto bona; zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli ziya kuba zezabo.

44:30 Iingqalo zeentlahlela zonke ezintweni zonke, nemirhumo yonke yeento zonke, kwimirhumo yenu yonke, yoba yeyababingeleli; nengqalo yomgrayo wenu noyinika umbingeleli, ukuze ahlise intsikelelo phezu kwendlu yakho.

44:31 Ababingeleli abayi kudla nto izifeleyo neqwengiweyo, nokuba kusezintakeni, nokuba kusezinkomeni.

45:1 Ekulabeni kwenu ilizwe ngamaqashiso, ukuba libe lilifa, nomrhumela uYehova umrhumo oyinto engcwele kulo ilizwe elo: ubude bube ngamashumi omabini anamahlanu amawaka eengcongolo, ububanzi bube lishumi lamawaka. Woba ngcwele emdeni wawo wonke ngeenxa zonke.

45:2 Kuwo apha oba ngawasengcweleni amakhulu amahlanu ubude, ngamakhulu amahlanu obubanzi, ube mbombo-ne ngeenxa zonke, ube ziikubhite ezimashumi mahlanu zephandle elingeenxa zonke kuwo.

45:3 Kuyo loo ndawo ilinganisiweyo, wolinganisa ubude obungamashumi omabini anamahlanu amawaka, nobubanzi obulishumi lamawaka; ibe khona ingcwele le, ingcwele kangcwele.

45:4 Yona yoba yinto engcwele kulo ilizwe elo; ilunge nababingeleli, abalungiseleli bengcwele, abasondela ukuba balungiselele kuYehova; ibe yindawo yezindlu zabo, indawo engcwele ilunge nengcwele.

45:5 Amashumi amabini anamahlanu amawaka obude, neli shumi lamawaka obubanzi, alunge nabaLevi, abalungiseleli bendlu; oba yinzuzo yabo eyimizi yokuba bahlale.

45:6 Okomzi koba ngamawaka amahlanu obubanzi, anamashumi amabini anamahlanu amawaka obude, elungelelene nomrhumo ongcwele; ibe ngawendlu yonke kaSirayeli.

45:7 Isikhulu nosinika ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakokomzi phambi komrhumo ongcwele, naphambi kokomzi ngecala lasentshonalanga, nise entshonalanga, nangecala lasempumalanga, nise empumalanga; ubude bulungelelane nesinye isahlulo sezizwe, buthabathele emdeni wasentshonalanga, buse emdeni wasempumalanga.

45:8 Loba lilizwe laso, libe yinzuzo kuso kwaSirayeli; izikhulu zam zingabuyi zibe sabaxinzelela phantsi abantu bam; ke ilizwe zilinike indlu kaSirayeli ngokwezizwe zayo.

45:9 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yanelani, nina zikhulu zakwaSirayeli; yekani ukugonyamela nokubhuqa, nenze okusesikweni nobulungisa; yekani ukubagxotha abantu bam emafeni abo; itsho iNkosi uYehova.

45:10 Yibani nesikali sobulungisa, ne-efa yobulungisa, nebhate yobulungisa.

45:11 Iefa nebhate yoba mlinganiso mnye, ibhate ikhongozele isahlulo seshumi sehomere, ne-efa isahlulo seshumi sehomere, sibe ngokwehomere isilinganiselo sayo.

45:12 Ishekele yoba ngamashumi amabini eegera; amashumi amabini eeshekele, amashumi amabini anesihlanu eeshekele, ishumi elinesihlanu leeshekele, ibe yimina kum.

45:13 Nguwo lo umrhumo eniya kurhuma ngawo; isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yengqolowa, nirhume isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yerhasi;

45:14 nomlinganiso omisiweyo weoli, webhate yeoli, nirhume isahlulo seshumi sebhate ekoreni, ezibhateni ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi ziyihomere.

45:15 Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova.

45:16 Bonke abantu belizwe eli bosirhumela lo mrhumo isikhulu sakwaSirayeli.

45:17 Orholwa sisikhulu amadini anyukayo, nomnikelo wokudla, nothululwayo, emithendelekweni nasekuthwaseni kwenyanga, nasezisabatheni, nasemaxesheni amisiweyo endlu kaSirayeli. Lolungiselelwa siso idini lesono, nomnikelo wokudla, nedini elinyukayo, nemibingelelo yoxolo, ukuze icanyagushelwe indlu kaSirayeli.

45:18 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, wothabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, uyihlambulule ingcwele ngedini lesono.

45:19 Umbingeleli wothabatha egazini ledini lesono elo, aliqabe emigubasini yendlu le, nasezimbombeni zone zamacala esibingelelo, nasemigubasini yesango lentendelezo ephakathi.

45:20 Uya kwenjenjalo nangolwesixhenxe enyangeni leyo, ngenxa yomntu olahlekayo, nangenxa yosisiyatha, niyicamagushele indlu le.

45:21 Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, noba nepasika, umthendeleko weentsuku ezisixhenxe; kodliwa izonka ezingenagwele.

45:22 Ngaloo mini isikhulu, ngenxa yaso nangenxa yabantu bonke belizwe eli, solungiselela inkunzi entsha yenkomo, ibe lidini lesono.

45:23 Iintsuku ezisixhenxe zomthendeleko somenzela uYehova idini elinyukayo; iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe zisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezigqibeleleyo zibe zisixhenxe ngemini, ngeentsuku zosixhenxe; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe lidini lesono ngemini.

45:24 Solungiselela umnikelo wokudla, iefa enkunzini entsha, iefa enkunzini yegusha, ihin yeoli kuyo iefa.

45:25 Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, emthendelekweni, siya kwenjenjalo ngeentsuku ezisixhenxe ngokusingisele kwidini lesono, nakwidini elinyukayo, nakumnikelo wokudla, nakwioli.

46:1 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Isango lentendelezo ephakathi, elikhangele empumalanga, lohlala livaliwe ngeentsuku ezintandathu zokusebenza; ngomhla wesabatha livulwe, ngomhla wokuthwasa kwenyanga livulwe.

46:2 Songena isikhulu ngendlela yasevarandeni yesango, sivela ngaphandle, sime emigubasini yesango, ababingeleli balungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, siqubude embundwini wesango; siphume ke; lingavalwa isango elo kude kuhlwe.

46:3 Abantu belizwe eli boqubuda ekungeneni kwesango ngesabatha nasekuthwaseni kwenyanga, phambi koYehova.

46:4 Idini elinyukayo, esosondeza lona isikhulu kuYehova ngomhla wesabatha, loba ziimvana ezintandathu ezigqibeleleyo, nenkunzi yegusha egqibeleleyo.

46:5 Nomnikelo wokudla woba yiefa enkunzini leyo yegusha; ezimvaneni ezo umnikelo wokudla ube ngumnikelo wesandla saso, ihin yeoli kuyo iefa.

46:6 Ngosuku lokuthwasa kwenyanga, liya kuba yinkunzi entsha egqibeleleyo, ithole lenkomo, neemvana ezintandathu, nenkunzi yegusha, zigqibelele zonke.

46:7 Solungiselela umnikelo wokudla, iefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, kuzo iimvana ibe yinto esinokufikelela kuyo isandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.

46:8 Ekuzeni kwesikhulu, songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.

46:9 Ekuzeni ke kwabantu belizwe eli phambi koYehova ngamaxesha amisiweyo, ongene ngendlela yesango langasentla, esiza kunqula, wophuma ngendlela yesango langasezantsi; ongene ngendlela yesango langasezantsi, wophuma ngendlela yesango langasentla; akayi kubuya ngendlela yesango angene ngalo; bothi gca ukuphuma.

46:10 Isikhulu songena siphakathi kwabo ekungeneni kwabo; bathi ekuphumeni kwabo, siphume kunye nabo.

46:11 Umnikelo wokudla ngemithendeleko nangamaxesha amisiweyo woba yiefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, uthi ezimvaneni uligane nesandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.

46:12 Xa sithe isikhulu samenzela uYehova idini elinyukayo ngokuqhutywa yintliziyo, nokuba yimibingelelo yoxolo ngokuqhutywa yintliziyo, malivulwe isango elibheke empumalanga, silungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, njengoko silungiselelayo ngomhla wesabatha; siphume ke; balivale isango emva kokuphuma kwaso.

46:13 Boyilungiselela imvana emnyaka mnye, egqibeleleyo, ibe lidini elinyukayo ngemini kuYehova, balilungiselele imiso ngemiso yonke.

46:14 Bolungiselela umnikelo wokudla kunye nalo imiso ngemiso yonke, ube sisahlulo sesithandathu se-efa, neoli ibe sisahlulo sesithathu sehin yokunyakamisa umgubo ocoliweyo; ube ngumnikelo wokudla kuYehova; leyo yoba yimimiselo engunaphakade emiyo.

46:15 Bolungiselela imvana, nomnikelo wokudla, neoli, imiso ngemiso yonke, ibe lidini elinyukayo elimiyo.

46:16 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Xa sithe isikhulu sampha omnye koonyana baso isipho, soba lilifa lakhe, sibe sesoonyana bakhe; yinzuzo yabo ngokwelifa.

46:17 Xa sithe sampha omnye kubakhonzi baso isipho elifeni laso, soba sesalowo, kude kuse kumnyaka wenkululeko, sibuyele kwisikhulu; ilifa laso loba leloonyana baso bodwa.

46:18 Isikhulu eso asiyi kuthabatha elifeni labantu, ukuze sibaxinzelele phantsi, bahlukane nenzuzo yabo. Sobadlisa oonyana baso ilifa kweyeyaso inzuzo; ukuze bangabi lusali abantu bam, elowo ahlukane nenzuzo yakhe.

46:19 Ekungeneni ngasecaleni lesango, wandisa emagumbini angcwele ababingeleli, akhangele ngentla; nanko, kukho indawo khona esiphelweni, ngasentshonalanga.

46:20 Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.

46:21 Waphuma waya nam entendelezweni engaphandle, wandidlulisa emagumbini omane entendelezo; nanko, kukho intendelezo emagumbini onke entendelezo, iyintendelezo egumbini lentendelezo.

46:22 Emagumbini omane ayo intendelezo ibe izintendelezo ezivaliweyo: ubude buziikubhite ezimashumi mane, ububanzi buziikubhite ezimashumi mathathu, umlinganiso umnye kuloo magumbi omane.

46:23 Bekukho ucamba lwezakhiwo olujikelezileyo kuzo, lujikelezile kuzo zone; kukho amaziko okupheka, enziwe ngaphantsi kweengcamba ngeenxa zonke.

46:24 Wathi kum, Ezi zizindlu zokupheka, apho abalungiseleli bayo indlu baphekela khona umbingelelo wabantu.

47:1 Wandibuyisela emnyango wayo indlu; nanko, kuphuma amanzi ngaphantsi kombundu womnyango wendlu leyo, esinga ngasempumalanga; ngokuba ubuso bayo indlu bebungasempumalanga. Amana esihla amanzi, evela ngaphantsi, ecaleni lokunene kwindlu leyo, ngasezantsi kwesibingelelo.

47:2 Waphuma nam ngendlela yesango langasentla, wandijikelezisa ngendlela engaphandle, wandisa esangweni elingaphandle, ngendlela yelibheke empumalanga; nango, amanzi equkuqela, evela ecaleni lokunene lesango.

47:3 Ekuphumeni komntu obephethe ulutya lokulinganisa ngesandla, esiya ngasempumalanga, walinganisa iwaka leekubhite; wandiweza emanzini, amanzi abetha emaqatheni.

47:4 Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha emadolweni. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha esinqeni.

47:5 Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.

47:6 Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Wandihambisa, wandibuyisa phezu kodini lomlambo lowo.

47:7 Ekubuyeni kwam, nanko kukho eludinini lomlambo imithi emininzi kunene, ngapha nangapha.

47:8 Wathi kum, La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi ele elwandle, aphiliswe amanzi alo.

47:9 Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba efikile khona la manzi, ophiliswa lawa; iphile yonke into ofike kuyo umlambo lowo.

47:10 Kothi ke kume ababambisi beentlanzi phezu kwawo, bathabathele e-En-gedi, bade baye e-En-heglayim, indawo yokwaneka iminatha; ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zolwandle olukhulu, ukuba zininzi kunene.

47:11 Ke imigxobhozo yalo, namadike alo, akayi kuphila; aya kunikelwa ekubeni mtyuba.

47:12 Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.

47:13 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwo lo umda, eniya kuzabela ngawo ilizwe, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zikaSirayeli; uYosefu woba namacandelo amabini.

47:14 Ilizwe niya kulidla ilifa, elowo alidle njengowabo; ngokuba ndaphakamisa isandla sam sokuba ndilinike oyihlo; lowela kuni eli lizwe ngokwelifa.

47:15 Nguwo lo umda welizwe elo: ngecala langasentla wothabathela kulwandle olukhulu ngendlela yaseHetelon, ukuba uye eTsedada;

47:16 eHamati, naseBherota, naseSibrayim, ephakathi komda waseDamasko nomda waseHamati, naseHatsere ephakathi, esemdeni waseHawuran.

47:17 Umda uthabathela elwandle, ume ngeHatsare-enon, umda waseDamasko; owasentla ngasentla umda waseHamati. Licala lasentla ke elo.

47:18 Icala langasempumalanga, phakathi kweHawuran neDamasko neGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, yiYordan; nothabathela emdeni lowa, nise phezu kolwandle lwangasempumalanga ukulinganisa. Licala lasempumalanga ke elo.

47:19 Icala lasezantsi ngasezantsi lothabathela kwaTamare, lise emanzini embambano aseKadeshe, lihambe ngomlambo, lise kulo ulwandle olukhulu. Licala lasezantsi ngasezantsi ke elo.

47:20 Icala lasentshonalanga lulwandle olukhulu, luthabathela emdeni lowo, lude lulunge nokuya eHamati. Licala lasentshonalanga ke elo.

47:21 Nozabela ke eli lizwe ngokwezizwe zakwaSirayeli.

47:22 Kothi ke nilabe ngamaqashiso, libe lilifa kuni, nakubasemzini, abaphambukela kuni, abazele oonyana phakathi kwenu. Kuni boba njengabazalelwe kuloo ndawo abaphakathi koonyana bakaSirayeli; bolamkela ngamaqashiso ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli kunye nani.

47:23 Kuya kuthi, esizweni aphambukele kuso owasemzini, nimnike ilifa lakhe apho; itsho iNkosi uYehova.

48:1 Ngawo la amagama ezizwe ezo, ethabathela ekupheleni ngentla, ehamba ecaleni kwendlela yaseHetelon, ukuya eHamati, naseHatsare-enon, umda waseDamasko, ngasentla ecaleni laseHamati, libe lelakhe icala lasempumalanga nelasentshonalanga: uDan woba necandelo elinye.

48:2 Ngasemdeni ke kaDan, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uAshere, libe linye.

48:3 Ngasemdeni ke ka-Ashere, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uNafetali, libe linye.

48:4 Ngasemdeni kaNafetali, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uManase, libe linye.

48:5 Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye.

48:6 Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye.

48:7 Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.

48:8 Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma; ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga; ingcwele isesazulwini sawo.

48:9 Umrhumo eniya kuwurhumela uYehova woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamawaka alishumi ububanzi.

48:10 Woba ngowaba umrhumo ongcwele: ngowababingeleli; ngasentla ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ngasentshonalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasempumalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasezantsi ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude; ingcwele kaYehova yoba sesazulwini sawo.

48:11 Ababingeleli abangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sam, abangandwendwanga ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, njengoko bandwendwayo abaLevi,

48:12 woba ngowabo umrhumo emrhumeni welizwe; uyingcwele kangcwele ngasemdeni wabakaLevi.

48:13 Ke abaLevi bozuza isahlulo esinxulumene nomda wababingeleli, sibe ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, sibe lishumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka, nobubanzi bube lishumi lamawaka.

48:14 Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ugayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.

48:15 Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, akangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle. Umzi woba sesazulwini sawo.

48:16 Yiyo le imilinganiso: icala langasentla loba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala langasezantsi libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala lasempumalanga libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala lasentshonalanga libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu.

48:17 Iphandle lomzi ngasentla loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasezantsi libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasempumalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasentshonalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu.

48:18 Okuseleyo ebudeni obunxulumene nomrhumo ongcwele, koba ngamawaka alishumi ngasempumalanga, kube ngamawaka alishumi ngasentshonalanga; onxulumana nomrhumo ongcwele; ungeniselo lwawo lube kukudla kwabasebenzi bawo umzi.

48:19 Abasebenzi abo ke bomzi bowalima, bengabasezizweni zonke zakwaSirayeli.

48:20 Umrhumo wonke woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ububanzi; isahlulo sesine somrhumo ongcwele nosirhumela ukuba sibe sesomzi lowo.

48:21 Indawo eseleyo yoba yeyesikhulu, ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakwinzuzo yomzi; ngaphambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu omrhumo, ide iye emdeni wasempumalanga, nangasentshonalanga phambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu, ngasemdeni wentshonalanga, inxulumene nezinye izahlulo, yoba yeyesikhulu; umrhumo ongcwele nengcwele yayo indlu yoba sesazulwini sayo.

48:22 Kuthabathela ke enzuzweni yabaLevi, kuthabathela enzuzweni yomzi, esazulwini senzuzo yesikhulu, phakathi komda kaYuda nomda kaBhenjamin, koba kokwesikhulu.

48:23 Eziseleyo ke izizwe: kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uBhenjamin woba necandelo elinye.

48:24 Ngasemdeni ke kaBhenjamin, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uSimon, libe linye.

48:25 Ngasemdeni ke kaSimon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uIsakare, libe linye.

48:26 Ngasemdeni ke kaIsakare, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uZebhulon, libe linye.

48:27 Ngasemdeni ke kaZebhulon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uGadi, libe linye.

48:28 Ngasemdeni ke kaGadi, ngasecaleni lasezantsi, ngasezantsi, umda wothabathela kwaTamare, use emanzini embambano aseKadeshe, ukhweze umlambo, use kulo ulwandle olukhulu.

48:29 Lilo elo ilizwe eniya kulabela izizwe zakwaSirayeli ngamaqashiso, ngokwamafa. Zizo ezo izahlulo zalo, itsho iNkosi uYehova.

48:30 Zizo ezi iziphelo zamacala omzi: ngecala langasentla ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, umlinganiso ngengcongolo;

48:31 amasango omzi oba ngokwamagama ezizwe zakwaSirayeli, ibe ngamasango amathathu ngasentla: ibe lisango likaRubhen elinye, ibe lisango likaYuda elinye, ibe lisango likaLevi elinye.

48:32 Ngecala lasempumalanga yoba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu eengcongolo; amasango ke mathathu: ibe lisango likaYosefu elinye, ibe lisango likaBhenjamin elinye, ibe lisango likaDan elinye.

48:33 Ngecala langasezantsi, umlinganiso yoba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu; amasango ke mathathu: ibe lisango likaSimon elinye, ibe lisango likaIsakare elinye, ibe lisango likaZebhulon elinye.

48:34 Ngecala lasentshonalanga yoba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu; amasango ke awo mathathu: ibe lisango likaGadi elinye, ibe lisango lika-Ashere elinye, ibe lisango likaNafetali elinye.

48:35 Ukujikeleza ke lishumi elinesibhozo lamawaka eengcongolo. Igama lawo umzi kothiwa kususela kuloo mini, nguYehova-ekhona.


Next: Daniel