Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: 1 Corinthians

1:1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu, obizwe ngokuthanda kukaThixo, noSostenes umzalwana,

1:2 ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwaliselwe kuKristu Yesu, ababizwe ukuba babe ngcwele, kunye nabo bonke abalinqulayo igama leNkosi yethu uYesu Kristu ezindaweni zonke, ezabo kwanezethu:

1:3 uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

1:4 Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam ngani, ngenxa yobabalo lukaThixo, awanibabala ngalo nikuKristu Yesu;

1:5 kuba natyetyiswa kuye ngezinto zonke, ngokuthetha konke, nangokwazi konke;

1:6 njengokuba ubungqina bukaKristu baqiniswayo kuni;

1:7 ngokokude ningasileli nakwesinye isipho enisibabalweyo; nilinde kakhulu ukutyhileka kweNkosi yethu uYesu Kristu;

1:8 oya kuniqinisa nokuniqinisa ase ekupheleni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.

1:9 Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu.

1:10 Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.

1:11 Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu.

1:12 Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; omnye ke athi, Mna ndingokaKristu.

1:13 Wahlukahlukene na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos, kusini na?

1:14 Ndiyabulela kuThixo, ukuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo;

1:15 ukuze kungabikho mntu uthi, ndabhaptizela egameni lam.

1:16 Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi.

1:17 Kuba uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa.

1:18 Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.

1:19 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko, Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise.

1:20 Siphi na ke isilumko? Uphi na ke umbhali? Uphi na ke umphiki weli phakade? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi?

1:21 Ekubeni ke kuthe, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo.

1:22 Ekubeni ke amaYuda ecela umqondiso, amaGrike efuna ubulumko, thina okwethu sivakalisa uKristu,

1:23 ebethelelwe emnqamlezweni; isikhubekiso ke eso kumaYuda, ubudenge kumaGrike;

1:24 ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo.

1:25 Ngokuba into kaThixo ebubudenge ilumkile kunabantu, nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.

1:26 Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, akamaninzi amanene.

1:27 UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo;

1:28 nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingathi azikho, ukuze aziphuthise izinto ezikhoyo;

1:29 ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.

1:30 Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa kwanobungcwalisa nentlawulelo;

1:31 ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi.

2:1 Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo.

2:2 Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.

2:3 Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu.

2:4 Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla,

2:5 ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.

2:6 Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo.

2:7 Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu;

2:8 ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),

2:9 njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.

2:10 UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo.

2:11 Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.

2:12 Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkele uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo;

2:13 esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.

2:14 Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.

2:15 Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.

2:16 Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.

3:1 Nam ke, bazalwana, bendingenakuthetha kuni njengakwaboMoya; bendinokuthetha njengakwabenyama, njengakwabaziintsana kuKristu.

3:2 Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako.

3:3 Kuba nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na?

3:4 Kuba xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos, athi wumbi, Mna ndingoka-Apolo, aningabenyama na ke?

3:5 Ungubani na yena uPawulos? engubani na yena uApolo? Ingabalungiseleli nje kuphela, enakholwa ngabo, njengokuba iNkosi yamnikayo ulowo nalowo.

3:6 Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.

3:7 Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo.

3:8 Lowo utyalayo ke, nalowo unkcenkceshayo, banto-nye; kodwa elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka.

3:9 Kuba thina singabasebenzisi bakaThixo; nina niyintsimi kaThixo, nisisakhiwo sikaThixo.

3:10 Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo.

3:11 Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu.

3:12 Ukuba ke umntu ukhe wakha phezu kweli litye lesiseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza,

3:13 umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazisa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo.

3:14 Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo.

3:15 Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.

3:16 Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu?

3:17 Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.

3:18 Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.

3:19 Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;

3:20 kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto.

3:21 Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu: kuba izinto zonke zezenu;

3:22 nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezingeneyo, nokuba zezizayo: zonke zezenu.

3:23 Nina ke ningabakaKristu, uKristu ke ngokaThixo.

4:1 Makenjenjalo ke umntu ukucinga ngathi, athi singabakhonzi bakaKristu, athi singamagosa eemfihlelo zikaThixo.

4:2 Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile.

4:3 Kum ke yeyona nto incinanana, ukuba ndincinwe nini, nayimini yamatyala yabantu; ke andizincini nam ngokwam,

4:4 kuba andizazeleli, nto; noko andigwetyelwe, koko; ondincinayo ke yiNkosi.

4:5 Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.

4:6 Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi aba, ukuba ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.

4:7 Kuba ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga? Phofu ke, ukuba wamkelisiwe, uqhayiselani na, ngathi akwamkeliswanga?

4:8 Senihluthi, senizizityebi, nalawula ningenathi; akwaba ke kambe beningabalawuli, ukuze nathi silawule kunye nani.

4:9 Kuba ngathi mna, uThixo thina bapostile usivelise mva, sanga singabamiselwe ukufa; kuba sanekwe senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu.

4:10 Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; thina siswele amandla, ke nina nomelele; nina nizukile, ke thina siswele imbeko.

4:11 Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba ze, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka,

4:12 sisebenza ngezethu izandla; sithi, sitshabhiswa, sibe sisikelela; sithi sitshutshiwa, sibe sinyamezela;

4:13 sithi sinyeliswa, sibe siyala; sixeliswa inkunkuma yehlabathi, inkuthu yezinto zonke, kude kube ngoku.

4:14 Ezo nto andizibhaleli ukuba nidane; ndiyaniluleka njengabantwana bam abathandekayo.

4:15 Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, ababaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.

4:16 Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna.

4:17 Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintanda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.

4:18 Ke kaloku inxenye ithe yakhukhumala, ngathi andiyi kuza kuni.

4:19 Ndiya kuza ke kuni kamsinya, ukuba iNkosi ithe yavuma, ukuze ndinganeli kukwazi ukuthetha kwabakhukhumeleyo, ndazi amandla abo.

4:20 Kuba ubukumkani bukaThixo abusekuthetheni, busemandleni.

4:21 Nithanda kuphi na, kuko ukuza kuni ndinoswazi, kuko ukuza ndinothando, nomoya wobulali?

5:1 Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.

5:2 Nibe ke nikhukhumele; ningabi kanye nikhedamile, ukuze anyothulwe phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.

5:3 Kuba mna, ndingekho nje okunene ngesiqu, ndikho ngomoya; sendide ndamgweba oyenzileyo loo nto, njengokungathi ndikho;

5:4 ndathi, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu (nakubon’ ukuba nihlanganisene nomoya wam, kunye nawo amandla eNkosi yethu uYesu Kristu),

5:5 makanikelwe onjalo kuSathana, ukuba inyama itshatyalaliswe, ukuze wona umoya usindiswe ngomhla weNkosi uYesu.

5:6 Iqhayiya lenu alilihle! Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela?

5:7 Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika, enguKristu.

5:8 Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.

5:9 Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo;

5:10 kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.

5:11 Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.

5:12 Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina?

5:13 Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.

6:1 Kukho na umntu kuni, enendawo ngakomnye, onobuganga bokummangalela phambi kwabangemalungisa, angammangaleli phambi kwabangcwele?

6:2 Anazi na, ukuba abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi ligwetywa phambi kwenu, anikufanele na ukuwathetha awona mancinanana amatyala?

6:3 Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi?

6:4 Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na?

6:5 Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana?

6:6 Usuka umzalwana amangalelane nomzalwana, athi noko akwenze phambi kwabangakholiweyo.

6:7 Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukulunyukiswa?

6:8 Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana.

6:9 Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo,

6:10 namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

6:11 Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.

6:12 Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi;

6:13 izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.

6:14 UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe.

6:15 Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Nakanye!

6:16 Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye.

6:17 Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo.

6:18 Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.

6:19 Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?

6:20 Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.

7:1 Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana.

7:2 Kodwa ke, ngenxa yoomibulo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda.

7:3 Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe.

7:4 Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo.

7:5 Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.

7:6 Ndisitsho nje, ndiyabonisa; anidithumi mntu.

7:7 Kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam nje; kodwa ke elowo unesakhe isipho, asibabalwe nguThixo; omnye uba naso ngokunje, omnye abe naso ngokunjeya.

7:8 Ndithi ke kwabangazekanga nabangendanga, nakubahlolokazi, kubalungele ukuba bathe bahlala njengam nje.

7:9 Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka.

7:10 Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; ndithi, Umfazi makangahlukani nendoda

7:11 (ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe); indoda mayingamali umfazi wayo.

7:12 Ke kaloku kwabanye ndithi mna, akutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali.

7:13 Nomfazi onendoda engakholiweyo, ize yona ithande ukuhlala naye, makangayali.

7:14 Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungoku ke bangcwele.

7:15 Kodwa ke ukuba lowo ungakholiweyo uyahluka, makahluke; umzalwana nokuba ngudade akabotshelelwe, xa kunjalo; ke uThixo usibizele eluxolweni.

7:16 Kuba, wazi ngani na, mfazi, ukuba woyisindisa indoda yakho? Wazi ngani na, ndoda, ukuba womsindisa umfazi wakho?

7:17 Ke, njengoko uThixo wamabelayo ulowo, njengoko iNkosi imbizileyo ulowo, makahambe ngokunjalo. Ndimisa ngokunjalo ke kuwo onke amabandla.

7:18 Kukho mntu wabizwa engowalukileyo na? Makangazenzi ongalukileyo. Kukho mntu wabizwa engalukanga na? Makangaluki.

7:19 Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo.

7:20 Elowo makahlale elubizweni abizwe ekulo.

7:21 Wabizwa ulikhoboka na? Ungakhathali koko; nokuba ke unokukhululeka, nyula kanye oko.

7:22 Ukuba lowo wabizwayo waba seNkosini elikhoboka, ungumkhululwa weNkosi; ngokunjalo nalowo wabizwayo engokhululekileyo, ulikhoboka likaKristu.

7:23 Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngamakhoboka abantu.

7:24 Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo.

7:25 Ke kaloku, ngazo iintombi andinammiselo weNkosi; ndibona oku mna, njengowenzelwe inceba yiNkosi ukuba athembeke.

7:26 Ndiba ngoko, kulungile oku ngenxa yengxakeko engeneyo, kulungile emntwini ukuthi aselehlala njengoko anjalo.

7:27 Ubotshelelwe na emfazini? Musa ukufuna ukukhululwa kuye. Ukhululekile na emfazini? Musa ukufuna umfazi.

7:28 Kodwa ke ukuba uthe wazeka, akonanga; nokuba intombi ithe yenda, ayonanga. Ke abanjalo boba nembandezelo enyameni. Ke mna, ngokwenjenje, ndiconga nina.

7:29 Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha lifinyele, ukuze kwelisaseleyo bathi nabo banabafazi, babe njengabangenabo;

7:30 bathi abalilayo, babe njengabangaliliyo; bathi abavuyayo, babe njengabangavuyiyo; bathi abathengayo, babe njengabangenanto;

7:31 bathi abasebenzayo ngeli hlabathi, babe njengabangalixhamliyo; kuba ukumila kweli hlabathi kuyadlula.

7:32 Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuba angathini na ukuyikholisa iNkosi.

7:33 Ozekileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukumkholisa umkakhe.

7:34 Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukuyikholisa indoda yakhe.

7:35 Oku ke ndikuthetha ndisingisele kokunilungeleyo, ndingenzeli kunirhintyela; ndikuthethela ukuba nizibeke, nihlale nihleli kakuhle eNkosini, ningakruthakrutheki.

7:36 Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.

7:37 Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo.

7:38 Ngoko ke lowo wendisayo uyatyapha, kodwa ke lowo ungendisiyo nguyena ukholisayo.

7:39 Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilileyo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ithe yafa, ukhululekile, angendiselwa kwayithandayo, kodwa ke ngokwaseNkosini.

7:40 Noko ke unoyolo ngakumbi, ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo, ngokwam mna ukubona; ndiba ke ndinaye nam uMoya kaThixo.

8:1 Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.

8:2 Ukuba ke umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.

8:3 Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye.

8:4 Ngako ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi.

8:5 Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kuphezu komhlaba (kwanjengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi),

8:6 kuthi thina mnye uThixo, uYise, eziphuma kuye izinto zonke; nathi sikholo yena. Inye iNkosi, uYesu Kristu, ezingayo zonke izinto; nathi singaye.

8:7 Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokudliwa kwedini elenziwe kwisithixo, size isazela sabo, siswele amandla nje, sidyobheke.

8:8 Ukudla akusithandisi kuye uThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asithanga sidle, asisilele nganto.

8:9 Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla.

8:10 Kuba xa athe ubani wakubona, wena ungonokwazi, uhleli esithebeni etempileni yezithixo, asisayi kuthi na isazela sakhe, eswele amandla nje, somelezelwe ukudla amadini enzelwe izithixo?

8:11 Aze ngokwazi kwakho oko atshabalale umzalwana oswele amandla, awathi uKristu wamfela.

8:12 Nisenjenjalonje ke ukona kubo abazalwana, nisidubule nje isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu.

8:13 Ngenxa yoko ndithi, Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.

9:1 Andingumpostile na? Andingokhululekileyo na? Andimbonanga na uYesu Kristu, iNkosi yethu? Aninguwo na nina umsebenzi wam eNkosini?

9:2 Ukuba andimpostile kwabanye, kuni nina ndinguye; kuba itywina lokuqinisa obam ubupostile linini aba baseNkosini.

9:3 Okwam ukuziphendulela kwabandincinayo kuko oku.

9:4 Asinagunya na lokudla nokusela?

9:5 Asinagunya na, njengabanye abapostile, nabazalwana beNkosi, noKefas, ukuba siphelekwe ngabafazi bethu bengamakholwa?

9:6 Sithi sedwa noBharnabhas lo na, abangenagunya lokuba bangasebenzi?

9:7 Ngubani na okha aphume umkhosi ngeyakhe indleko? Ngubani na otyala isidiliya, aze angadli siqhamo saso? Khona ngubani na owalusa umhlambi, aze angawadli amasi omhlambi lowo?

9:8 Ndizithetha ngokomntu yini na ezo zinto? Awuthethi kwaezo zinto nawo na umthetho?

9:9 Emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula. Ziinkomo yini na into ayikhathaleleyo uThixo?

9:10 Kanene akatsho ngenxa yethu na? Kakade kwabhalwa ngenxa yethu; ngokuba lowo ulimayo ufanele ukulima ethembile; lowo ubhulayo ufanele ukubhula enethemba lokuyaba loo nto athembe yona.

9:11 Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama?

9:12 Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singenjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuka sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli ngani iindaba ezilungileyo zikaKristu.

9:13 Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwetempile, abo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso?

9:14 Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi.

9:15 Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi ndawo andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungandilungelayo kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam.

9:16 Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!

9:17 Kuba xa ndikwenzayo oko ndinokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje.

9:18 Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukukuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.

9:19 Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi.

9:20 KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho;

9:21 kwabo bangenamthetho, ndaba njengongenamthetho (ndingenguye phofu ongenamthetho kuThixo, ndingosemthethweni kuKristu), ukuze ndibazuze abangenamthetho;

9:22 kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye.

9:23 Oko ke ndakwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo.

9:24 Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.

9:25 Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Bona abo ke okunene benzela ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; kodwa thina, esingenakonakala.

9:26 Mna ke ngoko ndenjenjalo ukubaleka, ndingangi andiqondi; ndenjenjalo ukugalela ngenqindi, ndingangi ndibetha umoya;

9:27 ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.

10:1 Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke;

10:2 babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle;

10:3 badla bonke oko kudla kunye kukokomoya;

10:4 basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu).

10:5 Kanti noko uThixo akakholiswanga ngabona baninzi; kuba bathiwa waca entlango apho.

10:6 Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo.

10:7 Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale.

10:8 Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu.

10:9 Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka.

10:10 Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.

10:11 Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.

10:12 Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.

10:13 Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.

10:14 Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.

10:15 Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.

10:16 Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?

10:17 Ngokuba thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.

10:18 Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso, yini na?

10:19 Ndithini na ke ngoko? Ndithi, isithixo siyinto na? Ndithi, amadini enzelwa izithixo ayinto na?

10:20 Anditsho! Ndithi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.

10:21 Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.

10:22 Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?

10:23 Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.

10:24 Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.

10:25 Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela;

10:26 kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.

10:27 Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela.

10:28 Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.

10:29 Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesinye isazela?

10:30 Ke ukuba mna ndidla ndibulela, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna?

10:31 Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.

10:32 Yibani ngabangebawisi nakumaYuda, nakumaGrike, nakulo ibandla likaThixo;

10:33 njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.

11:1 Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu.

11:2 Ke kaloku ndiyanidumisa, bazalwana, kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo.

11:3 Kodwa ke ndithanda ukuba nazi, ukuba intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu, intloko ke yomfazi yindoda, intloko ke kaKristu nguThixo.

11:4 Umntu wonke oyindoda, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, enento entloko, uya intloko yakhe.

11:5 Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kunto-nye nokuba uchetyiwe.

11:6 Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo.

11:7 Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda.

11:8 Kuba indoda ayiphume emfazini, ngumfazi ophume endodeni;

11:9 kuba indoda ayidalwanga ngenxa yomfazi, kwadalwa umfazi ngenxa yendoda.

11:10 Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu.

11:11 Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda;

11:12 kuba, njengokuba umfazi ephume kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; konke ke oko kuphume kuThixo.

11:13 Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele?

11:14 Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo?

11:15 Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo.

11:16 Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo.

11:17 Ke kaloku, ndinithethela le ndawo nje, andinincomi, ukuba ukuhlangana kwenu ndawonye akusingisi kokhona kulungileyo; kusingisa kokhona kubi.

11:18 Kuba kuqalake, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho.

11:19 Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu.

11:20 Xenikweni ngoko nithe nahlangana ndawonye, asikuko ukuba nidle isidlo seNkosi;

11:21 kuba ekudleni kwenu elowo udla okwakhe ukudla; uqala adle, bengekafiki abanye, aze omnye alambe, omnye anxile.

11:22 Kanene aninazindlu na zokudlela nokusela? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndithini na kuni? Ndinidumise na kule nto? Andinidumisi.

11:23 Kuba mna ndakwamkela kuyo iNkosi oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka;

11:24 yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, nidle, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula.

11:25 Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.

11:26 Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.

11:27 Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi.

11:28 Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo;

11:29 kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi.

11:30 Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banele nabalele ukufa.

11:31 Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa.

11:32 Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi.

11:33 Ngoko ke, bazalwana bam, xa nihlangene ndawonye ukuba nidle, lindanani.

11:34 Ukuba ke ubani ulambile, makadle ekhaya, ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Eziseleyo ke iindawo ndozilungisa, xa ndithe ndafika.

12:1 Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningazi.

12:2 Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako.

12:3 Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi uyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele.

12:4 Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye.

12:5 Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye.

12:6 Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.

12:7 Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke;

12:8 kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya;

12:9 wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya;

12:10 omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.

12:11 Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.

12:12 Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo.

12:13 Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye;

12:14 kuba nomzimba lo ungelungu linye, ungamaninzi.

12:15 Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, luthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na?

12:16 Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, ithi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na?

12:17 Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela?

12:18 Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo.

12:19 Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?

12:20 Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba.

12:21 Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum.

12:22 Asuka amalungu omzimba angathi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo.

12:23 Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo.

12:24 Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu;

12:25 ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye;

12:26 kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.

12:27 Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo.

12:28 Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.

12:29 Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na?

12:30 Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na?

12:31 Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo; kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo.

13:1 Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu; uthando ke ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.

13:2 Ndingafanelana ndinabo nobuprofeto, ndizazi iimfihlelo zonke, ndinako konke ukwazi; ndingafanelana ndinalo lonke ukholo, ngokokude ndisuse iintaba, uthando ke ndingenalo, andinto yanto.

13:3 Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.

13:4 Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali;

13:5 alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa; alucaphuki; alunanzondo;

13:6 aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.

13:7 Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.

13:8 Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.

13:9 Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.

13:10 Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.

13:11 Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.

13:12 Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.

13:13 Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.

14:1 Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizizondelela izipho ezizezoMoya, ngokukodwa ke ukuba niprofete.

14:2 Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo.

14:3 Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo.

14:4 Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla.

14:5 Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.

14:6 Kunjalonje ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso?

14:7 Khona kwizinto ezihlokomayo ezingenamphefumlo, ezinjengembande, nohadi, ukuba azithanga zahlule ukuhlokoma kwazo, bekungathiwani na ukwaziwa oko kubethwayo ngembande, noko kubethwayo ngohadi?

14:8 Kuba kanjalo, xa ixilongo lithe lalila ngezwi elingaqondakaliyo, ngubani na owoyixhobela imfazwe?

14:9 Ngokunjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni.

14:10 Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona.

14:11 Ukuba ngoko andithanga ndiyazi intsingiselo yentetho, ndoba ngumbharbhari kothethayo, nothethayo woba ngumbharbhari kum.

14:12 Ngokunjalo nani, ekubeni kaloku nizondelela izipho ezizezoMoya, zifuneleni ukuba nibe nazo ngokugqithiseleyo, ukuze lakheke ibandla.

14:13 Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe.

14:14 Kuba xa ndithandaza ngalulwimi lumbi, umoya wam uyathandaza okunene wona, ke yona ingqiqo yam ayinasiqhamo.

14:15 Kuthini na ke ngoko? Ndiya kuthandaza ngomoya, ndithandaze nangengqiqo; ndiya kuvuma ngomoya, ndivume nangengqiqo.

14:16 Okanye, ukuba uthe wasikelela ngomoya wodwa, wothini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi?

14:17 Kuba okunene wena uyatyapha ukubulela, kodwa onguwumbi akakheki.

14:18 Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke;

14:19 kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.

14:20 Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.

14:21 Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko ndiya kwenjenjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi.

14:22 Ngoko ke iilwimi ezi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, kungekubo abakholwayo: ke sona isiprofeto asisesabangakholwayo, sesabakholwayo.

14:23 Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza?

14:24 Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane; uyaphicothwa ngabo bonke;

14:25 zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yakhe zibonakalaliswe; wothi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo, exela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso.

14:26 Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla.

14:27 Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho.

14:28 Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo.

14:29 Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule.

14:30 Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka.

14:31 Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke.

14:32 Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;

14:33 kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.

14:34 Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.

14:35 Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni.

14:36 Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na?

14:37 Ukuba umntu uba ungumprofeti, nokuba uba ungowoMoya, makazazi kakuhle izinto endinibhalela zona, ukuba yimithetho yeNkosi.

14:38 Ke ukuba umntu akazi, makangazi.

14:39 Ngoko ke, bazalwana, kuzondeleleni ukuprofeta, ningakwaleli ukuthetha ngalwimi zimbi.

14:40 Zonke izinto mazenziwe ngokubekekileyo, nangolungelelwano.

15:1 Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo,

15:2 nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa.

15:3 Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo,

15:4 nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;

15:5 nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini.

15:6 Emveni kuko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa.

15:7 Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.

15:8 Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim.

15:9 Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.

15:10 Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.

15:11 Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela; nenjenjalo ke nina ukukholwa.

15:12 Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?

15:13 Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu;

15:14 ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu.

15:15 Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki.

15:16 Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga.

15:17 Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu;

15:18 ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.

15:19 Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke.

15:20 UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.

15:21 Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo.

15:22 Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke:

15:23 elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe;

15:24 kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla.

15:25 Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.

15:26 Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa;

15:27 kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

15:28 Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.

15:29 Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo abaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo?

15:30 Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke?

15:31 Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

15:32 Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.

15:33 Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.

15:34 Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.

15:35 Wosuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? Beza benamzimba unjani na?

15:36 Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife.

15:37 Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungathi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo;

15:38 uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu.

15:39 Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka.

15:40 Kukho iziqu ezisezulwini, neziqu ezisemhlabeni; bubodwa ubuqaqawuli bezasezulwini, bubodwa obezasemhlabeni.

15:41 Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.

15:42 Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala.

15:43 Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla;

15:44 kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya.

15:45 Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi.

15:46 Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya.

15:47 Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini.

15:48 Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;

15:49 njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.

15:50 Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali.

15:51 Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke,

15:52 ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina.

15:53 Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi.

15:54 Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni.

15:55 Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi, uloyiso lwakho?

15:56 Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

15:57 Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.

15:58 Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.

16:1 Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza abangcwele, njengokuba ndawamiselayo amabandla kaThixo akwelaseGalati, yenzani ngokunjalo nani.

16:2 Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo; ukuze kungathi, ndakuba ndifikile, kwandule ukubuthwa imali.

16:3 Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem.

16:4 Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam.

16:5 Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni.

16:6 Ke kuni mhlawumbi ndingathi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona.

16:7 Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma.

16:8 Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste;

16:9 kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi.

16:10 Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam,

16:11 Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.

16:12 Ke kaloku, ngaye nApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.

16:13 Phaphani, elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.

16:14 Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.

16:15 Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),

16:16 ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo.

16:17 Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;

16:18 kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo.

16:19 Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo.

16:20 Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele.

16:21 Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos.

16:22 Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi. INkosi iyeza.

16:23 Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu malube nani.

16:24 Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen.


Next: 2 Corinthians