Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: 1 Chronicles

1:1 UAdam, uSete, uEnoshe,

1:2 uKenan, uMahalaleli, uYerede,

1:3 uEnoki, uMetusela, uLameki,

1:4 uNowa, uShem, uHam, uYafete.

1:5 Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.

1:6 Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noDifati, noTogarma.

1:7 Oonyana bakaYavan nguElisha noTarshishe, ngamaKiti, namaDodan.

1:8 Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan.

1:9 Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan.

1:10 UKushi wazala uNimrodi, yena waqala waba ligorha emhlabeni.

1:11 UMitserayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

1:12 namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti, namaKafetori.

1:13 UKanan wazala uTsidon owamazibulo kuye, noHeti,

1:14 namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

1:15 namaHivi, nama-Areki, namaSini,

1:16 nama-Arvadi, namaTsemari, namaHamati.

1:17 Oonyana bakaShem nguElan, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUtse, noHuli, noGetere, noMesheki.

1:18 UArpakishadi wazala uShela; uShela wazala uEbhere.

1:19 UEbhere wazalelwa oonyana ababini, igama lomnye nguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi bomhlaba; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.

1:20 UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,

1:21 noHadoram, noUzali, noDikela,

1:22 noEbhali, noAbhimayeli, noShebha,

1:23 no-Ofire, noHavila, noYobhabhi. Bonke abo ngoonyana bakaYoketan.

1:24 UShem, uArpakishadi, uShela,

1:25 uEbhere, uPelege, uRehu,

1:26 uSerugi, uNahore, uTera,

1:27 uAbram (nguAbraham ke lowo).

1:28 Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli.

1:29 Zizo ezi iinzala zabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam,

1:30 uMishama, noDuma, uMasa, uHadade, noTema, uYeture, uNafishi, noKedema. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli.

1:31 Oonyana bakaKetura, ishweshwe lika-Abraham: wazala uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa.

1:32 Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan.

1:33 Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.

1:34 UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.

1:35 Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRehuweli, noYehushe, noYalam, noKora.

1:36 Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki.

1:37 Oonyana bakaRehuweli ngooNahati, noZera, noShama, noMiza.

1:38 Oonyana bakaSehira nguLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, noDishon, noEtsere, noDishan.

1:39 Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna.

1:40 Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna.

1:41 Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran.

1:42 Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran.

1:43 Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha.

1:44 Wafa uBhela; uYobhabhi unyana kaZera, waseBhotsera, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:45 Wafa uYobhabhi; uHusham, wasezweni lamaTeman, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:46 Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti.

1:47 Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:48 Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:49 Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1:50 Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.

1:51 Wafa uHadadi. Izikhulu zakwaEdom zezi: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAliya, isikhulu esinguYetete,

1:52 isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,

1:53 isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,

1:54 isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom.

2:1 Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon,

2:2 noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.

2:3 Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.

2:4 UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.

2:5 Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.

2:6 Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu.

2:7 Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi.

2:8 Oonyana bakaEtan nguAzariya.

2:9 Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi.

2:10 URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.

2:11 UNashon wazala uSalima;

2:12 uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.

2:13 UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,

2:14 noNataniyeli owesine, noRadayi owesihlanu,

2:15 no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.

2:16 Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu.

2:17 UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.

2:18 UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.

2:19 Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.

2:20 UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.

2:21 Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.

2:22 USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.

2:23 UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.

2:24 Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa.

2:25 Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya.

2:26 UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.

2:27 Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.

2:28 Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.

2:29 Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili; wamzalela uAbhan, noMolidi.

2:30 Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.

2:31 Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.

2:32 Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.

2:33 Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.

2:34 USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.

2:35 USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.

2:36 UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.

2:37 UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede;

2:38 uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;

2:39 uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;

2:40 uElasa wazala uSisamayi; uSisamayi wazala uShalum;

2:41 uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.

2:42 Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.

2:43 Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

2:44 UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekem wazala uShamayi.

2:45 Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.

2:46 UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.

2:47 Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.

2:48 UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;

2:49 wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.

2:50 Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyati-yeharim;

2:51 uSalima, uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere.

2:52 UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti.

2:53 Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli.

2:54 Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora.

2:55 Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi.

3:1 Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;

3:2 owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti;

3:3 owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.

3:4 Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.

3:5 Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli;

3:6 nguIbhehare, noElishama, noElifelete,

3:7 noNoga, noNefege, noYafiya,

3:8 noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.

3:9 Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare.

3:10 Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;

3:11 nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;

3:12 nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;

3:13 nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;

3:14 nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.

3:15 Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine.

3:16 Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.

3:17 Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe,

3:18 noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

3:19 Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;

3:20 noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.

3:21 Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.

3:22 Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.

3:23 Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.

3:24 Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.

4:1 Oonyana bakaYuda nguPeretse, noHetseron, noKarmi, noHuri, noShobhali.

4:2 URehaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati; uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Yiyo le imizalwane yabaseTsora.

4:3 Yiyo le eyazala amaEtam: nguYezereli, noIshma, noIdebhashe; igama lodade wabo belinguHatseleleponi;

4:4 noPenuweli ozala amaGedore, noEzere ozala amaHusha. Ngabo abo oonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata, ozala amaBhetelehem.

4:5 UAshuri, ozala amaTekowa, ebena bafazi ababini, uHela noNahara.

4:6 UNahara wamzalela uAhuzam, noHefere, namaTemeni, namaHahashtari. Ngabo abo oonyana bakaNahara.

4:7 Oonyana bakaHela nguTserete, noYetsohare, noEtenan.

4:8 UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum.

4:9 Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse, esithi, Ndimzele ngokubulaleka.

4:10 UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.

4:11 UKelubhi, umkhuluwa kaShuwa, wazala uMehire, onguyise kaEshton.

4:12 UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka.

4:13 Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi.

4:14 UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim, ngokuba bebeziingcibi.

4:15 Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi.

4:16 Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli.

4:17 Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa.

4:18 Umkakhe uYehudiya wazala uYerede, ozala amaGedore; noHebhere, ozala amaSoko; noYekutiyeli, ozala amaZanowa. Ngabo abo oonyana bakaBhitya, intombi kaFaro, awayizekayo uMerede.

4:19 Oonyana bomkakhe uHodiya, udade boNaham: ngozala amaKehila, umGarmi; nozala amaEshtemowa, umMahaka.

4:20 Oonyana bakaShimon ngooAmnon noRina, ngooBhen-hanan noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZohete noBhen-zohete.

4:21 Oonyana bakaShela, unyana kaYuda, ngooEre ozala amaLeka, noLada ozala amaMaresha, nemizalwane yendlu yabasebenza ilinen ecikizekileyo, yendlu ka-Ashbheya;

4:22 noYokim, namadoda aseKozebha, noYowashe, noSarafe (aba bazizikhulu kwaMowabhi), noYashubhi-lehem. Ke ezo zinto zezakudala.

4:23 Ngabo abo ababumbi nabemi baseNetayim neGedera; bahlala khona nokumkani emsebenzini wakhe.

4:24 Oonyana bakaSimon nguNemuweli, noYamin, noYaribhi, nguZera noSawule,

4:25 nguShalum unyana wakhe, nguMibhesam unyana wakhe, nguMishma unyana wakhe.

4:26 Oonyana bakaMishma nguHamuweli unyana wakhe, nguZakure unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe.

4:27 UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda.

4:28 Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali,

4:29 naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi,

4:30 naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage,

4:31 naseBhete-markabhoti, naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani.

4:32 Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu;

4:33 nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo.

4:34 UMeshobhabhi, noYamleki, noYosha unyana ka-Amatsiya,

4:35 noYoweli, noYehu unyana kaYoshibhiya, unyana kaSeraya, unyana ka-Asiyeli,

4:36 noEliyohenayi, noYahakobha, noYeshohaya, noAsaya, noAdiyeli, noYesimiyeli, noBhenaya;

4:37 noZiza unyana kaShifi, unyana ka-Alon, unyana kaYedaya, unyana kaShimri, unyana kaShemaya:

4:38 abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene.

4:39 Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane.

4:40 Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala.

4:41 Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona.

4:42 Kwaphuma kubo, koonyana bakaSimon abo, kwaya entabeni yaseSehire, amadoda angamakhulu amahlanu, ephethwe ngooPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi.

4:43 Baxabela amaqongqolo ama-Amaleki abesindile; bahlala khona unanamhla.

5:1 Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo;

5:2 ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye inganga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu):

5:3 oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguEnoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi.

5:4 Oonyana bakaYoweli nguShemaya unyana wakhe, nguGogi unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe,

5:5 nguMika unyana wakhe, nguRehaya unyana wakhe, nguBhahali unyana wakhe,

5:6 nguBhehera unyana wakhe, owafuduswa nguTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya; nguye obesisikhulu samaRubhen.

5:7 Abazalwana bakhe, elowo ngokwemizalwane yakhe, ekubhalweni emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo: iintloko ibingooYehiyeli noZekariya,

5:8 noBhela unyana ka-Azazi, unyana kaShema, unyana kaYoweli, obehleli eArohere, wesa eNebho naseBhahali-mehon.

5:9 Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi.

5:10 Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.

5:11 Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka;

5:12 nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan.

5:13 Nabazalwana babo bendlu yooyise ngooMikayeli, noMeshulam, noShebha, noYorayi, noYakan, noZiya, noEbhere; basixhenxe abo.

5:14 Ngabo aba oonyana baka-Abhihayili, unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuzi:

5:15 uAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, intloko yendlu yooyise.

5:16 Bahlala eGiliyadi naseBhashan, nasemagxamesini ayo, nasemadlelweni onke aseSharon, kwesa ekupheleni kwawo.

5:17 Bonke abo babhalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli.

5:18 Oonyana bakaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, kumakroti, amadoda anokuphatha ingweletshetshe nekrele, nokugoba isaphetha, afundiswe ukulwa, ngamashumi amane anesine amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci amathandathu, abephuma umkhosi.

5:19 Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi.

5:20 Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye.

5:21 Bayithimba imfuyo yawo, iinkamela zawo amashumi omahlanu amawaka, nempahla emfutshane amakhulu omabini anamanci mahlanu amawaka, namaesile amawaka amabini, abantu belikhulu lamawaka.

5:22 Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.

5:23 Ke kaloku oonyana besiqingatha sesizwe sakwaManase bahlala kwelo zwe; bathabathela eBhashan, besa eBhahali-hermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon, ukuba baninzi kwabo.

5:24 Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: noEfere, noIshi, noEliyeli, noAzeriyeli, noYeremiya, noHodaviya, noYadiyeli, amadoda angamagorha anobukroti, amadoda anegama, iintloko zezindlu zooyise.

5:25 Bameneza kuThixo wooyise, bahenyuza ngokulandela oothixo bezizwe zelo zwe, awazitshabalalisayo uThixo phambi kwabo.

5:26 UThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli, ukumkani waseAsiriya, nomoya kaTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wawafudusa amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wabasa eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni oyiGozan, unanamhla.

6:1 Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.

6:2 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.

6:3 Abantwana baka-Amram ngooAron, noMoses, noMiriyam. Oonyana baka-Aron ngooNadabhi, noAbhihu, nguElazare, noItamare.

6:4 UElazare wazala uPinehasi, uPinehasi wazala uAbhishuwa;

6:5 uAbhishuwa wazala uBhuki; uBhuki wazala u-Uzi;

6:6 u-Uzi wazala uZeraya; uZeraya wazala uMerayoti;

6:7 uMerayoti wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitobhi;

6:8 uAhitobhi wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAhimahatse;

6:9 uAhimahatse wazala uAzariya; uAzariya wazala uYohanan;

6:10 uYohanan wazala uAzariya, (yena ke ebengumbingeleli endlwini awayakhayo uSolomon eYerusalem);

6:11 uAzariya wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitubhi;

6:12 uAhitubhi wazala uTsadoki uTsadoki wazala uShalum;

6:13 uShalum wazala uHilekiya; uHilekiya wazala uAzariya;

6:14 uAzariya wazala uSeraya; uSeraya wazala uYotsadaki;

6:15 uYotsadaki wahamba, akuwafudusa uYehova amaYuda neYerusalem ngoNebhukadenetsare.

6:16 Oonyana bakaLevi nguGershom, noKehati, noMerari.

6:17 Ngawo la amagama oonyana bakaGershom: nguLibheni noShimehi.

6:18 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.

6:19 Oonyana bakaMerari nguMaheli noMushi. Yiyo ke leyo imizalwane kaLevi, ngokwezindlu zooyise.

6:20 KuGershom: nguLibheni unyana wakhe, nguYahati unyana wakhe, nguZima unyana wakhe,

6:21 nguYowa unyana wakhe, nguIdo unyana wakhe, nguZera unyana wakhe, nguYehatrayi unyana wakhe.

6:22 Oonyana bakaKehati nguAminadabhi unyana wakhe, nguKora unyana wakhe, nguAsire unyana wakhe,

6:23 nguElikana unyana wakhe, noEbhiyasefu unyana wakhe, noAsire unyana wakhe,

6:24 nguTahati unyana wakhe, ngu-Uriyeli unyana wakhe, ngu-Uziya unyana wakhe, nguSawule unyana wakhe.

6:25 Oonyana bakaElikana nguAmasayi noAhimoti.

6:26 KuElikana: oonyana bakaElikana nguTsofayi unyana wakhe, noNahati unyana wakhe,

6:27 nguEliyabhi unyana wakhe, nguYoram unyana wakhe, nguElikana unyana wakhe.

6:28 Oonyana bakaSamuweli nguVashni amazibulo akhe, noAbhiya.

6:29 Oonyana bakaMerari nguMaheli, nguLibheni unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe, ngu-Uza unyana wakhe,

6:30 nguShimeha unyana wakhe, nguHagiya unyana wakhe, nguAsaya unyana wakhe.

6:31 Aba ngabo wabaphathisayo uDavide ingoma endlwini kaYehova, kususela koko yaphumlayo ityeya.

6:32 Balungiselela ngengoma phambi komnquba oyintente yokuhlangana, wada uSolomon wayakha indlu kaYehova eYerusalem; bema ngokwesiko labo enkonzweni yabo.

6:33 Aba ngabo bema noonyana babo. Kubo oonyana bakaKehati nguHeman imvumi, unyana kaYoweli, unyana kaShemuweli,

6:34 unyana kaElikana, unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha,

6:35 unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi,

6:36 unyana kaElikana, unyana kaYoweli, unyana ka-Azariya, unyana kaZefaniya,

6:37 unyana kaTahati, unyana ka-Asire, unyana ka-Abhiyasefu, unyana kaKora,

6:38 unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli.

6:39 Ke umzalwana wakhe uAsafu wema ngasekunene kwakhe: uAsafu unyana kaBherekiya, unyana kaShimeha,

6:40 unyana kaMikayeli, unyana kaBhahaseya, unyana kaMalekiya,

6:41 unyana kaEteni, unyana kaZera, unyana ka-Adaya,

6:42 unyana kaEtan, unyana kaZima, unyana kaShimehi,

6:43 unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi.

6:44 Abazalwana babo, oonyana bakaMerari, bema ngasekhohlo: uEtan unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana kaMuluki,

6:45 unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya,

6:46 unyana ka-Amtsi, unyana kaBhani, unyana kaShemere,

6:47 unyana kaMaheli, unyana kaMushi, unyana kaMerari, unyana kaLevi.

6:48 Abazalwana babo, abaLevi, babemiselwe umsebenzi wonke womnquba wendlu kaThixo.

6:49 Ke uAron noonyana bakhe babeqhumisela esibingelelweni sedini elinyukayo, nasesibingelelweni sesiqhumiso, bengabomsebenzi wonke wengcwele kangcwele, bacamagushele amaSirayeli, ngokoko konke wawisa umthetho ngako uMoses, umkhonzi kaThixo.

6:50 Ngabo aba oonyana baka-Aron: nguElazare unyana wakhe, nguPinehasi unyana wakhe, nguAbhishuwa unyana wakhe,

6:51 nguBhuki unyana wakhe, ngu-Uzi unyana wakhe, nguZeraya unyana wakhe,

6:52 nguMerayoti unyana wakhe, nguAmariya unyana wakhe, nguAhitubhi unyana wakhe,

6:53 nguTsadoki unyana wakhe, nguAhimahatse unyana wakhe.

6:54 Ngawo la amakhaya abo ngokweengqili zabo, emideni yabo, ezoonyana baka-Aron, ngokwemizalwane kaKehati; ngokuba laba lelabo iqashiso:

6:55 babanika owaseHebron ezweni lakwaYuda, namadlelo awo ngeenxa zonke;

6:56 ke wona amasimi omzi lowo nemizana yawo bawanika uKalebhi, unyana kaYefune.

6:57 Babanika oonyana baka-Aron imizi yokusabela: owaseHebron, neLibhena namadlelo ayo, neYatire, ne-Eshtemowa; namadlelo ayo,

6:58 neHilen namadlelo ayo, neDebhire namadlelo ayo,

6:59 neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo.

6:60 Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu.

6:61 Oonyana bakaKehati abaseleyo banikwa emzalwaneni wesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase, ngeqashiso imizi elishumi.

6:62 Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu.

6:63 Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini.

6:64 Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo.

6:65 Babanika ngeqashiso esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, nasesizweni soonyana bakaBhenjamin, yona le mizi ibiziweyo ngamagama ayo.

6:66 Ke emizalwaneni yoonyana bakaKehati kwabakho imizi yemida yabo esizweni sakwaEfrayim.

6:67 Babanika imizi yokusabela: owakwaShekem namadlelo awo ezintabeni zakwaEfrayim, neGezere namadlelo ayo,

6:68 neYokemeham namadlelo ayo, neBhete-horon namadlelo ayo;

6:69 neAyalon namadlelo ayo, neGati-rimon namadlelo ayo;

6:70 nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase: iAnere namadlelo ayo, neBhileham namadlelo ayo, ngokomzalwane woonyana bakaKehati abaseleyo.

6:71 Oonyana bakaGershom banikwa emzalwaneni wesiqingatha sesizwe sakwaManase: iGolan yaseBhashan namadlelo ayo, neAshtaroti namadlelo ayo;

6:72 nasesizweni sakwaIsakare: iKedeshe namadlelo ayo, neDabherati namadlelo ayo,

6:73 neRamoti namadlelo ayo, neAnem namadlelo ayo;

6:74 nasesizweni sakwa-Ashere: iMashale namadlelo ayo, neAbhedon namadlelo ayo,

6:75 neHukoki namadlelo ayo, neRehobhi namadlelo ayo;

6:76 nasesizweni sakwaNafetali: iKedeshe yaseGalili namadlelo ayo, neHamon namadlelo ayo, neKiriyatayim namadlelo ayo.

6:77 Abaseleyo kubaLevi koonyana bakaMerari banikwa esizweni sakwaZebhulon: iRimono namadlelo ayo, neTabhore namadlelo ayo;

6:78 naphesheya kweYordan ngaseYeriko, ngasempumalanga kweYordan esizweni sakwaRubhen: iBhetsere esentlango namadlelo ayo, neYatsa namandlelo ayo,

6:79 neKedemoti namadlelo ayo, neMefahata namadlelo ayo;

6:80 nasesizweni sakwaGadi: iRamoti yaseGiliyadi namadlelo ayo, neMahanayim namadlelo ayo,

6:81 neHeshbhon namadlelo ayo, neYazere namadlelo ayo.

7:1 Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYashubhi, noShimron; babebane.

7:2 Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamuweli, iintloko zezindlu zooyise zikaTola; amagorha anobukroti, ngokweenzala zawo. Inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu amathandathu.

7:3 Oonyana bakaUzi nguIzerahiya. Noonyana bakaIzerahiya nguMikayeli, no-Obhadiya, noYoweli, noIshiya; babebahlanu, beziintloko bonke.

7:4 Ndawonye nabo ngokweenzala zabo, ngokwezindlu zooyise, kwakukho izimpi zomkhosi wokulwa, amashumi amathathu anamathandathu amawaka; ngokuba babenabafazi noonyana abaninzi.

7:5 Abazalwana babo, ngokwemizalwane yonke yakwaIsakare, amagorha anobukroti, baye bengamashumi asibhozo anesixhenxe amawaka, ukubhalwa kwabo emilibeni yabo yokuzalwa bebonke.

7:6 Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noYedihayeli; bebebathathu.

7:7 Oonyana bakaBhela nguEtsebhon, noUzi, noUziyeli, noYerimoti, noIri; baye bebahlanu, iintloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti; ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa babengamashumi amabini anamabini amawaka, anamanci mathathu anesine.

7:8 Oonyana bakaBhekere nguZemira, noYowashe, noEliyezere, noEliyohenayi, no-Omri, noYeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlamete; bonke abo ngoonyana bakaBhekere;

7:9 ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo zeentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, babengamashumi amabini amawaka, anamakhulu amabini.

7:10 Oonyana bakaYedihayeli nguBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguYehushe, noBhenjamin, noEhudi, noKenahana, noZetan, noTarshishe, noAhishahare.

7:11 Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa.

7:12 OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere.

7:13 Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha.

7:14 Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi.

7:15 UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi.

7:16 UMahaka umkaMakire wazala unyana, wathi igama lakhe nguPereshe; igama lomninawa wakhe belinguShereshe; oonyana bakhe ngu-Ulam noRekem.

7:17 Oonyana bakaUlam nguBhedan. Ngabo abo oonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.

7:18 Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala.

7:19 Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.

7:20 Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe, noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe,

7:21 noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.

7:22 Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe.

7:23 Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya; ngokuba bekuhle ububi endlwini yakhe.

7:24 Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.

7:25 URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe,

7:26 uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe,

7:27 uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.

7:28 Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo.

7:29 Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli.

7:30 Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo.

7:31 Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti.

7:32 UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo.

7:33 Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati. Ngabo abo oonyana bakaYafelete.

7:34 Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram.

7:35 Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali.

7:36 Oonyana bakaTsofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, noImra,

7:37 nguBhetsere noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhehera.

7:38 Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra.

7:39 Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRitsiya.

7:40 Bonke abo babengoonyana baka-Ashere: iintloko zezindlu zooyise, amagorha ahleliweyo anobukroti, iintloko zezikhulu. Ukubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa kwasemkhosini, ukuba balwe, babengamadoda angamashumi omabini anamathandathu amawaka, inani lawo.

8:1 UBhenjamin wazala uBhela amazi bulo akhe, noAshebhele owesibini, noAhara owesithathu,

8:2 uNoha owesine, noRafa owesihlanu.

8:3 Oonyana bakaBhela babengooAdare, noGera, noAbhihudi,

8:4 noAbhishuwa, noNahaman, noAhowa,

8:5 noGera, noShefufan, noHuram.

8:6 Ngabo abo oonyana bakaEhudi, abo baziintloko zezindlu zooyise kubemi baseGebha; babafudusela eManahati:

8:7 nguNahaman, noAhiya, noGera, owabafudusayo; uEhudi wazala u-Uza noAhihudi.

8:8 UShaharayim wazala emhlabeni wakwaMowabhi emveni kokubandulula wakhe ooHushim noBhahara, abafazi bakhe;

8:9 wazala ngoHodeshe umkakhe: uYobhabhi, noTsibheya, noMesha, noMalekom,

8:10 noYehutse, noShakiya, noMirma. Ngabo abo oonyana bakhe, iintloko zezindlu zooyise.

8:11 NgoHushim wazala uAbhitubhi noEliphahali.

8:12 Oonyana bakaElipahali: nguEbhere, noMisham, noShemere, owayakhayo iOno, neLodi namagxamesi ayo.

8:13 NgooBheriya noShema abaziintloko zezindlu zooyise kubemi baseAyalon, abagxotha abemi baseGati.

8:14 OoAhiyo, noShashaki, noYeremoti,

8:15 noZebhadiya, noAradi, noEdere,

8:16 noMikayeli, noIshpa, noYoha babengoonyana bakaBheriya.

8:17 OoZebhadiya, noMeshulam, noHizeki, noHebhere,

8:18 noIshmerayi, noYeziliya, noYobhabi babengoonyana bakaElepahali.

8:19 OoYakim, noZikri, noZabhedi.

8:20 noElihenayi, noTsiletayi, noEliyeli,

8:21 noAdaya, noBheraya, noShimrati babengoonyana bakaShimehi.

8:22 OoIshpan, noEbhere, noEliyeli,

8:23 noAbhedon, noZikri, noHanan,

8:24 noHananiya, noElam, noAntotiya,

8:25 noIfediya, noPenuweli babengoonyana bakaShashaki.

8:26 OoShamesherayi, noShehariya, noAtaliya,

8:27 noYareshiya, noEliya, noZikri babengoonyana bakaYeroham.

8:28 Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise ngokweenzala zazo; ziintloko ke ezo; ezo zahlala eYerusalem.

8:29 EGibheyon kwahlala ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka.

8:30 NguAbhedon unyana wakhe wamazibulo, noTsure, noKishe, noBhahali, noNadabhi,

8:31 noGedore, noAhiyo, noZekere.

8:32 UMikeloti wazala uShimeha. Nabo bahlala eYerusalem nabazalwana babo, malungana nabazalwana babo.

8:33 UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

8:34 Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

8:35 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

8:36 UAhazi wazala uYehowada; uYehowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa;

8:37 uMotsa wazala uBhineha. NguRafa unyana wakhe, nguElehasa unyana wakhe, nguAtsele unyana wakhe.

8:38 UAtsele ebenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo; nguAzerikam, nguBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Bonke abo babengoonyana baka-Atsele.

8:39 Oonyana bakaEsheki, umzalwana wakhe, ngu-Ulam amazibulo akhe, nguYehushe owesibini, nguElifelete owesithathu.

8:40 Oonyana bakaUlam babengamadoda angamagorha anobukroti, abagoba isaphetha; babenoonyana abaninzi, noonyana boonyana, ikhulu elinamanci mahlanu. Bonke abo babengaboonyana bakaBhenjamin.

9:1 Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa: nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo.

9:2 Abemi bokuqala, ababesemafeni abo emizini yabo, babengamaSirayeli, ababingeleli, nabaLevi, nabasebenza etempileni.

9:3 EYerusalem kwahlala aboonyana bakaYuda, naboonyana bakaBhenjamin, naboonyana booEfrayim noManase:

9:4 ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani, koonyana bakaPeretse, unyana kaYuda.

9:5 NakumaShilo: nguAzaya amazibulo akhe, noonyana bakhe.

9:6 Koonyana bakaZera nguYehuweli nabazalwana bakhe: amakhulu amathandathu anamanci asithoba.

9:7 Koonyana bakaBhenjamin: nguSalu unyana kaMeshulam, unyana kaHodafiya, unyana kaHasenuwa,

9:8 noIbheneya unyana kaYeroham, noEla unyana kaUzi, unyana kaMikri, noMeshulam unyana kaShefatiya, unyana kaRehuweli, unyana kaIbheniya;

9:9 nabazalwana babo ngokweenzala zabo: amakhulu asithoba anamanci mahlanu anabathandathu. Onke loo madoda abeziintloko zezindlu zooyise ezindlwini zooyise.

9:10 Kubabingeleli: nguYedaya, noYehoyaribhi, noYakin,

9:11 noAzariya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo;

9:12 noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya; noMahasayi unyana ka-Adiyeli, unyana kaYazera, unyana kaMeshulam, unyana; kaMeshilemiti, unyana kaImere;

9:13 nabazalwana babo, iintloko zezindlu zooyise, iwaka elinamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu amagorha anobukroti ekuwusebenzeni umsebenzi wendlu kaThixo.

9:14 KubaLevi: nguShemaya, unyana kaHashubhi, unyana ka-Azerikam, unyana kaHashabhiya koonyana bakaMerari;

9:15 nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu;

9:16 no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa.

9:17 Abamasango: nguShalum, noAkubhi, noTalemon, noAhiman, nabazalwana babo; intloko inguShalum;

9:18 kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi.

9:19 UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango.

9:20 UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyinganga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye.

9:21 UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.

9:22 Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo.

9:23 Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina.

9:24 Babekho abamasango ngamacala omane, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi.

9:25 Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo.

9:26 Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abane ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile.

9:27 Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso.

9:28 Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani.

9:29 Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu.

9:30 Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu.

9:31 UMatitiya, omnye wakubaLevi, obengowamazibulo kaShalum umKora, ubephethe enyanisekile umsebenzi wokosa ngeepani.

9:32 Koonyana bakaKehati, kubazalwana babo, bekukho ababephethe izonka ezikroziswayo, ukuzilungisa iisabatha ngeesabatha.

9:33 Zizo ezo iimvumi, iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ezibe zihleli emagumbini zikhululekile; ngokuba beziphethe umsebenzi imini nobusuku.

9:34 Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ziziintloko ngokweenzala zazo, ezo zahlala eYerusalem.

9:35 EGibheyon kwakuhleli ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka.

9:36 Unyana wakhe wamazibulo nguAbhedon, yanguTsure, noKishe, noBhahali, noNere, noNadabhi,

9:37 noGedore, noAhiyo, noZekariya, noMikeloti.

9:38 UMikeloti wazala uShimeham. Kwanabo bahlala nabazalwana babo eYerusalem, malunga nabazalwana babo.

9:39 UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

9:40 Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

9:41 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

9:42 UAhazi wazala uYara; uYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa.

9:43 UMotsa wazala uBhineha, noRefaya unyana wakhe, uElehasa unyana wakhe, uAtsele unyana wakhe.

9:44 UAtsele ubenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo: nguAzerikam, noBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Ngabo abo oonyana baka-Atsele.

10:1 Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.

10:2 AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe. AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.

10:3 Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli.

10:4 Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam. Akavuma umphathi weentonga zakhe, ngokuba ubesoyika kakhulu. Walithabatha uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo.

10:5 Uthe umphathi weentonga zakhe, akubona ukuba ufile uSawule, waziwisa naye phezu kwekrele lakhe, wafa.

10:6 Wafa ke uSawule, noonyana bakhe abathathu, nendlu yakhe yonke; bafa kunye.

10:7 Athi onke amadoda akwaSirayeli abesentilini leyo, akubona ukuba kusatyiwe, ukuba ufile uSawule noonyana bakhe, ayilahla imizi yawo, asaba; eza ke amaFilisti, ahlala kuyo.

10:8 Kwathi ngengomso, amaFilisti eza kubhunyula ababuleweyo, amfumana uSawule noonyana bakhe bewile ezintabeni zaseGilibhowa.

10:9 Ambhunyula, ayisusa intloko yakhe neentonga zakhe, athumela ezweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba aluxele olu daba lumnandi kwizithixo zabo nasebantwini.

10:10 Azibeka iintonga zakhe endlwini yezithixo zawo, ukakayi lwakhe alubethelela endlwini kaDagon.

10:11 Beva bonke abaseYabheshe yaseGiliyadi konke awakwenzayo amaFilisti kuSawule,

10:12 esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe. Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.

10:13 Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,

10:14 akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.

11:1 Abuthelana ke onke amaSirayeli kuDavide eHebron, athi, Uyabona, silithambo lakho, siyinyama yakho;

11:2 kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yinganga yabantu bam amaSirayeli.

11:3 Afika onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron, wenza umnqophiso nawo uDavide eHebron, phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli, ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaSamuweli.

11:4 Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe.

11:5 Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo).

11:6 Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke.

11:7 UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide.

11:8 Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi.

11:9 UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye.

11:10 Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli.

11:11 Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye.

11:12 Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu.

11:13 Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti.

11:14 Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu.

11:15 Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa.

11:16 UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.

11:17 Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!

11:18 Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova,

11:19 wathi, Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encame imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.

11:20 UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.

11:21 Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; akafika kodwa kulawa mathathu.

11:22 UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.

11:23 Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.

11:24 Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.

11:25 Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.

11:26 Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;

11:27 uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon;

11:28 uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;

11:29 uSibhekayi umHusha; uIlayi umAhowa;

11:30 uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa;

11:31 uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton;

11:32 uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe; uAbhiyeli waseArabha;

11:33 uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon;

11:34 uBhene-hashem waseGizon; uYonatan unyana kaShage, umHarari;

11:35 uAhiyam unyana kaSakare, umHarari; uElifali unyana kaUre;

11:36 uHefere umMekera; uAhiya umPelon;

11:37 uHetsero waseKarmele; uNaharayi unyana kaEsebhayi;

11:38 uYoweli umzalwana kaNatan; uMibhehare unyana kaHagri;

11:39 uTseleke umAmon; uNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya;

11:40 uIra umItri; uGarebhe umItri;

11:41 u-Uriya umHeti; uZabhadi unyana ka-Alayi;

11:42 uAdina unyana kaShiza, umRubhen, intloko yamaRubhen, enamashumi amathathu;

11:43 uHanan unyana kaMahaka; noYoshafati waseMeten;

11:44 u-Uziya waseAshterati; uShama noYehiyeli, oonyana bakaHotam waseArahere;

11:45 uYedihayeli unyana kaShimri, noYoha umzalwana wakhe, umTitsi;

11:46 uEliyeli umMahavi; noYeribhayi noYoshafiya, oonyana bakaElinaham; noItema umMowabhi;

11:47 uEliyeli, no-Obhedi, noYahasiyeli waseMetsobhaya.

12:1 Naba, abeza kuDavide eTsikelage, esavingcelekile ngenxa kaSawule unyana kaKishe; bona bekumagorha, bencedisa emfazweni,

12:2 bexhobe izaphetha, besawula ngamatye ngesokunene nangesokhohlo isandla, betola ngeentolo, bengabakubazalwana bakaSawule, bengabakumaBhenjamin.

12:3 Intloko ibinguAhiyezere noYowashe, oonyana bakaShemaha waseGibheha; noYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; noBheraka, noYehu waseAnatoti;

12:4 noIshmaya waseGibheyon, igorha kula mashumi mathathu, elaliphethe amashumi amathathu; noYeremiya, noYahaziyeli, noYohanan, noYozabhadi waseGedere;

12:5 uEluzayi, noYerimoti, noBhehaliya, noShemariya, noShefatiya umHarufi;

12:6 uElikana, noYeshiya, noAzarele, noYohezere, noYashobheham, amaKora;

12:7 noYohela noZebhadiya oonyana bakaYeroham waseGedore.

12:8 KumaGadi awazahlulela ukuya kuDavide emboniselweni, asinga entlango, ngamadoda anobukroti, amadoda omkhosi okulwa, exhobe ikhaka nomkhonto; ubuso bawo bunjengobengonyama, enjengamabhadi asezintabeni ukukhawuleza kwawo.

12:9 NguEzere owokuqala; nguObhadiya owesibini; nguEliyabhi owesithathu;

12:10 nguMishemana owesine; nguYeremiya owesihlanu;

12:11 nguAtayi owesithandathu; nguEliyeli owesixhenxe;

12:12 nguYohanan owesibhozo; nguElizabhadi owesithoba;

12:13 nguYeremiya oweshumi; nguMakebhanayi oweshumi elinanye.

12:14 Abo, koonyana bakaGadi, ibiziintloko zomkhosi. Emnye kubo engomncinane ubelilingene ikhulu; omkhulu kubo ubelilingene iwaka.

12:15 Ngabo abo bayiwelayo iYordan ngenyanga yokuqala, izele, ihamba phezu kweendonga zayo; bagxotha bonke abasezintilini empumalanga nasentshonalanga.

12:16 Kwaya aboonyana bakaBhenjamin bakaYuda emboniselweni kuDavide.

12:17 Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; ke ukuba nize kundikhohlisa, nindinikele kubabandezeli bam, kungekho lugonyamelo esandleni sam, wobona uThixo woobawo bethu, ohlwaye.

12:18 Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho; ngokuba uya kunceda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.

12:19 KumaManase kwabakho abaphambela kuDavide, ekuyeni kwakhe namaFilisti ukuba kuliwe noSawule, baza abawanceda; ngokuba zacebisana zamndulula izikhulu zamaFilisti, zisithi, Wophambela kuSawule inkosi yakhe, senzakale ke.

12:20 Ekuyeni kwakhe eTsikelage, wathelelwa ngabakwaManase, uAdena, noYozabhadi, noYedihayeli, noMikayeli, noYozabhadi, noElihu, noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase.

12:21 Bona bancedisana noDavide kuloo matutu; ngokuba babengamagorha anobukroti bonke, babengabathetheli emkhosini.

12:22 Ngokuba ngelo xesha babesiya iimini ngeemini kuDavide ukumnceda, yada yangumkhosi omkhulu, njengomkhosi kaThixo.

12:23 Ngawo la amanani eentloko ezaxhobela imfazwe, zeza kuDavide eHebron, ukuba buguqulelwe kuye ubukumkani bukaSawule, ngokomlomo kaYehova.

12:24 Oonyana bakaYuda ababephethe amakhaka nezikhali ngamawaka amathandathu anamakhulu asibhozo, exhobele imfazwe.

12:25 Koonyana bakaSimon, amagorha angamakroti emfazweni ngamawaka asixhenxe anekhulu.

12:26 Koonyana bakaLevi ngamawaka amane, anamakhulu mathandathu.

12:27 Ke uYehoyada waye eyinganga yama-Aron; wayenamawaka amathathu anamakhulu asixhenxe.

12:28 Utsadoki, indodana eligorha elinobukroti, nendlu kayise, ngabathetheli abamashumi mabini anababini.

12:29 Koonyana bakaBhenjamin, abazalwana bakaSawule, ngamawaka amathathu; kwada kwaba ngoku uninzi lwabo lugcina isigxina sendlu kaSawule.

12:30 Koonyana bakaEfrayim ngamawaka amashumi mabini, anamakhulu asibhozo amagorha anobukroti, amadoda anegama ezindlwini zooyise.

12:31 Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase lishumi elinesibhozo lamawaka, ababalulwa ngamagama, ukuba baye kumenza ukumkani uDavide.

12:32 Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukwazela ange ekwenza amaSirayeli, babengamakhulu amabini, iintloko zabo. Bonke abazalwana babo benza ngokomlomo wabo.

12:33 KwaZebhulon, abaphuma umkhosi, abaxhobela ukulwa, beneentonga zonke zemfazwe, ngamashumi omahlanu amawaka, behlohla uluhlu, bengenazintliziyo zimbaxa.

12:34 KwaNafetali, yaba ngabathetheli abaliwaka, benamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, aphethe amakhaka neentshuntshe.

12:35 KwaDan, abaxhobele imfazwe yangamashumi amabini anesibhozo amawaka, anamakhulu mathandathu.

12:36 Kwa-Ashere, abaphuma umkhosi, bexhobele ukulwa, yangamashumi omane amawaka.

12:37 Phesheya kweYordan, kwaRubhen nakwaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, beneentonga zonke zomkhosi wokulwa, yalikhulu elinamanci mabini amawaka.

12:38 Onke loo madoda okulwa ahlohla uluhlu, aya enentliziyo ephelelisekileyo eHebron, ukuba amenze ukumkani uDavide kumaSirayeli onke. Kananjalo namanye amaSirayeli onke ayenantliziyo-nye yokumenza ukumkani uDavide.

12:39 AyenoDavide apho iintsuku ezintathu, esidla esela; ngokuba abazalwana bawo baye bewalungiselele.

12:40 Kananjalo abakufuphi nabo, kwada kwesa kwaIsakare, nakwaZebhulon, nakwaNafetali, bazisa izonka ngamaesile, nangeenkamela, nangoondlebende, nangamaqegu, ukudla okungumgubo, nezicumba zamakhiwane nezeerasintyisi, newayini, neoli, neenkomo, nempahla emfutshane, into eninzi; ngokuba bekuvuywa kwaSirayeli.

13:1 Wacebisana uDavide nabathetheli bamawaka nabamakhulu, iinganga zonke.

13:2 Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile kuni, ukuba kuvela kuYehova uThixo wethu, masiphange, sithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli, kunye nabo ke sithumele kubabingeleli nabaLevi abasemizini yamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi;

13:3 siyiguqulele kuthi ityeya kaThixo wethu; ngokuba asibuzisanga kuyo ngeemini zikaSawule.

13:4 Lathi lonke ibandla, Makwenjiwe njalo; ngokuba lalilungile elo zwi emehlweni abantu bonke.

13:5 Wawabizela ndawonye ke uDavide onke amaSirayeli, wathabathela eShihore yaseYiputa, wada wasa ekungeneni eHamati, ukuba ayithabathe ityeya kaThixo eKiriyati-yeharim.

13:6 Wenyuka uDavide namaSirayeli onke, waya eBhahala, eyiKiriyati-yeharim eyakwaYuda, ukuba ayinyuse apho ityeya kaThixo onguYehova, onguHleli-ezikerubhini, igama lokunqulwa kwakhe.

13:7 Bayikhwelisa ityeya kaThixo enqwelweni entsha, ukuphuma endlwini ka-Abhinadabhi; u-Uza noAhiyo bayiqhuba inqwelo.

13:8 UDavide namaSirayeli onke baqamba phambi koYehova ngamandla onke, ngeengoma, nangeehadi, nangemirhubhe, nangeengqongqo, nangamacangci nangamaxilongo.

13:9 Baya bafika esandeni sikaKidon; u-Uza wasa isandla sakhe, wayibamba ityeya; ngokuba iinkomo beziyigungqisa.

13:10 Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza, wambetha ngenxa enokuba wasa isandla sakhe etyeyeni; wafela khona phambi koThixo.

13:11 Kwavutha umsindo kuDavide, ngokuba uYehova emtyhobozele ngotyhobozo u-Uza; wathi loo ndawo yiPeretse-uza, unanamhla.

13:12 UDavide wamoyika uThixo ngaloo mini, wathi, Ndothini na ukuyizisa kum ityeya kaThixo?

13:13 UDavide akayisa kuye ityeya emzini kaDavide; wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.

13:14 Yahlala ityeya kaThixo emzini kaObhedi-edom, endlwini yakhe, iinyanga zantathu. UYehova wayisikelela ke indlu kaObhedi-edom, nento yonke anayo.

14:1 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu.

14:2 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

14:3 UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi.

14:4 Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,

14:5 noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,

14:6 noNoga, noNefege, noYafiya,

14:7 noElishama, noBheleyada, noElifelete.

14:8 Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.

14:9 AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.

14:10 Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho.

14:11 Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.

14:12 Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo.

14:13 Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo.

14:14 Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka;

14:15 kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.

14:16 Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere.

14:17 Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.

15:1 UDavide wazenzela izindlu emzini kaDavide; wayilungiselela indawo ityeya kaThixo, wayimisela intente.

15:2 Waza uDavide wathi, Mayingathwalwa ityeya kaThixo ngabangebaLevi; ngokuba unyule bona uYehova ukuba bayithwale ityeya kaThixo, bamlungiselele ngonaphakade.

15:3 UDavide wawabizela ndawonye onke amaSirayeli eYerusalem, ukuze ityeya kaYehova inyuswe, isiwe endaweni yayo abeyilungisele yona.

15:4 Wabahlanganisa uDavide oonyana baka-Aron nabaLevi.

15:5 Koonyana bakaKehati yangu-Uriyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mabini.

15:6 Koonyana bakaMerari yanguAsaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini anamanci mabini.

15:7 Koonyana bakaGershom yanguYoweli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mathathu.

15:8 Koonyana bakaElitsafan yanguShemaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini.

15:9 Koonyana bakaHebron yanguEliyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamashumi asibhozo.

15:10 Koonyana bakaUziyeli yanguAminadabhi umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinashumi-nye linababini.

15:11 UDavide wabiza ooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli, nabaLevi ooUriyeli, noAsaya, noYoweli, noShemaya, noEliyeli, noAminadabhi.

15:12 Wathi kubo, Niziintloko zezindlu zooyihlo kubaLevi; zingcwaliseni nina nabazalwana benu, ninyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli, ize apho ndiyilungiselele khona;

15:13 ngokuba, yabingenini nje enayinyusayo kwasekuqaleni, wasityhobozela uYehova uThixo wethu, ngokuba singamfunanga ngokwesiko.

15:14 Bazingcwalisa ke ababingeleli nabaLevi, ukuba bayinyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli.

15:15 Bayithwala oonyana bakaLevi ityeya kaThixo, njengoko abemwisele umthetho uMoses ngokwelizwi likaYehova, emagxeni abo, ngezibonda ezikuwo.

15:16 Wathi uDavide kubathetheli babaLevi, mabamise abazalwana babo babe ziimvumi, beneempahla zokuvuma: imirhubhe, neehadi, namacangci akhenkcezayo, kuphakanyiswe ngesandi sovuyo.

15:17 AbaLevi bamisa ke uHeman unyana kaYoweli, nakubazalwana bakhe uSafu unyana kaBherekiya, nakoonyana bakaMerari, abazalwana babo, uEtan unyana kaKushaya,

15:18 benabazalwana babo bolwesibini udidi: yanguZekariya, noBhen, noYahaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noBhenaya, noMahazeya, noMatitiya, noElifelehu, noMikeneya, oo-Obhedi-edom, noYehiyeli, abamasango.

15:19 Iimvumi, ooHeman, noAsafu, noEtan, baba ngabokuvakalisa ngamacangci obhedu;

15:20 ooZekariya, noHaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noMagaseya, noBhenaya, ngemirhubhe, ngeleentombi ilizwi;

15:21 ooMatitiya, noElifelehu, noMikeneha, no-Obhedi-edom, noYehiyeli, noAzaziya ngeehadi, ngelamadoda ilizwi, ukuba bahlabele.

15:22 UKenaniya, umthetheli wabaLevi ekuthwaleni, wafundisa ukuthwala; ngokuba ebenengqondo yoko.

15:23 OoBherekiya noElikana babengabamasango etyeya.

15:24 OoShebhaniya, noYehoshafati, noNataniyeli, noAmasayi, noZekariya, noBhenaya, noEliyezere, ababingeleli, babengabokuvuthela ngamaxilongo phambi kwetyeya kaThixo, Oo-Obhedi-edom noYehiya babengabamasango etyeya.

15:25 Kwathi ke ooDavide, namadoda amakulu akwaSirayeli, nabathetheli bamawaka, baya kuyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova endlwini kaObhedi-edom, bevuya.

15:26 Kwathi, ekubancedeni kukaThixo abaLevi, bayithwala ityeya yomnqophiso kaYehova, babingelela iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe.

15:27 Wayambethe ingubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo uDavide, nabaLevi bonke ababethwele ityeya, neemvumi, noKenaniya umphathi wabathwali; ke uDavide wayebhinqe iefodi yelinen emhlophe.

15:28 AmaSirayeli onke abeyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova eduma, enesandi sezigodlo, nesamaxilongo, nesamacangci, evakalisa ngemirhubhe nangeehadi.

15:29 Kwathi ke ekufikeni kwetyeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide, walunguza ngefestile uMikali, intombi kaSawule, wabona ukumkani uDavide esina, eqamba, wamcekisa entliziyweni yakhe.

16:1 Bayingenisa ityeya kaThixo, bayimisa esazulwini sentente abeyimisele yona uDavide; basondeza amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, phambi koThixo.

16:2 Wagqiba ke uDavide ukunyusa amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu egameni likaYehova.

16:3 Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi.

16:4 Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli.

16:5 YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci.

16:6 OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo.

16:7 Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:

16:8 Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.

16:9 Vumani kuye, mbetheleni uhadi, Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.

16:10 Qhayisani ngegama lakhe elingcwele, Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova.

16:11 Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.

16:12 Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo, Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,

16:13 Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.

16:14 NguYehova, nguThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.

16:15 Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,

16:16 Awanqophisana ngalo noAbraham; Nokufunga kwakhe kuIsake;

16:17 Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi, Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;

16:18 Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan, Libe licandelo lelifa lenu,

16:19 Nisengamadoda ambalwa, Nibancinane, ningabaphambukeli kulo.

16:20 Bahamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga; Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.

16:21 Akavumela mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,

16:22 Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.

16:23 Vumani kuYehova, nonke hlabathi, Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.

16:24 Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.

16:25 Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,

16:26 Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.

16:27 Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.

16:28 Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla.

16:29 Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe; Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.

16:30 Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi; Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.

16:31 Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.

16:32 Malugqume ulwandle nokuzala kwalo; Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,

16:33 Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova; Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.

16:34 Bulelani kuYehova ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

16:35 Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo, Usibuthe, usihlangule ezintlangeni, Ukuze sibulele igama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho.

16:36 Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni! Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.

16:37 Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;

16:38 noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango.

16:39 UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,

16:40 ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli.

16:41 Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

16:42 benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.

16:43 Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe.

17:1 Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga.

17:2 Wathi uNatan kuDavide, Konke okusentliziyweni yakho, kwenze, ngokuba uThixo unawe.

17:3 Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,

17:4 Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Utsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.

17:5 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.

17:6 Ekuhambeni konke, endakuhamba-hambayo namaSirayeli onke, khe ndathetha izwi na nakumnye kubagwebi bakwaSirayeli, endabawisela umthetho wokwalusa abantu bam, lokuthi, Yini na ukuba ningandakheli ndlu yamisedare?

17:7 Ke ngoko wotsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndakuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli.

17:8 Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini.

17:9 Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babonakalise, njengamhla mnene;

17:10 kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi, ndazithoba zonke iintshaba zakho. Ke ndiyakuxelela ukuba uYehova uya kukwakhela indlu.

17:11 Kothi, xa ithe yazaliseka imihla yakho yokuba uye kooyihlo, ndiyipha kamise emva kwakho imbewu yakhe, eya kuvela koonyana bakho, ndibuzi nzise ukukumkani bakhe.

17:12 Nguye oya kundakhela indlu, ndiyizinzise itrone yakhe, kude kuse ephakadeni.

17:13 Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana kum. Inceba yam andiyi kuyisusa kuye, njengoko ndayisusayo kowayengaphambi kwakho.

17:14 Ndiya kummisa endlwini yam, nasebukumkanini bam, kude kuse ephakadeni; itrone yakhe iya kuzinza kude kuse ephakadeni.

17:15 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide.

17:16 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Yehova Thixo, iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?

17:17 Kuncinane oko ke emehlweni akho, Thixo; uthethe nangendlu yomkhonzi wakho wasingisa mgama; wandikhangela, wandenza umntu, wandinyusa, Yehova Thixo.

17:18 Usaya kongeza ntoni na uDavide, ukuthetha kuwe ngokusingisele ekuzukisweni komkhonzi wakho lo? Wena uyamazi umkhonzi wakho lo.

17:19 Yehova, ubenze ngenxa yomkhonzi wakho, nangokwentliziyo yakho, bonke obo bukhulu, ukwazisa ezi zenzo zonke zikhulu kangaka.

17:20 Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.

17:21 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?

17:22 Wabenza abantu bakho amaSirayeli baba ngabantu kuwe, kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.

17:23 Kaloku, Yehova, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, malibe yinyaniso kude kuse ephakadeni, wenze njengoko uthethileyo;

17:24 libe yinyaniso, likhule igama lakho kude kuse ephakadeni, kusithiwa, UYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, nguThixo kuSirayeli; indlu kaDavide, umkhonzi wakho, iqinile phambi kwakho.

17:25 Ngokuba wena, Thixo wam, ukutyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, ukuba uya kumakhela indlu. Ngenxa yoko umkhonzi wakhe ufumene intliziyo yokuthandaza phambi kwakho.

17:26 Kaloku, Yehova, unguye uThixo wena; uzithethile ke ngomkhonzi wakho ezi zinto zilungileyo.

17:27 Kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Yehova, uyisikelele into, yosikeleleka ke ngonaphakade.

18:1 Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; wayithabatha iGati namagxamesi ayo esandleni samaFilisti.

18:2 Wawaxabela amaMowabhi; amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo.

18:3 UDavide wamxabela uHadarezere, ukumkani weTsobha, eHamati, ekuyeni kwakhe ukuwamisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.

18:4 UDavide wazithimbela iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi omabini amawaka angumqikela. UDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu.

18:5 Ke ama-Aram aseDamasko eza kunceda uHadarezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.

18:6 UDavide wamisa ikampu kwa-Aram-damasko. Ama-Aram aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.

18:7 Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadarezere, wawazisa eYerusalem;

18:8 naseTibhati naseKun, imizi kaHadarezere, uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kunene, olo uSolomon wenza ngalo ulwandle lobhedu, neentsika, nempahla yobhedu.

18:9 Weva ke uTohu ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadarezere ukumkani waseTsobha,

18:10 wathuma uHadoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele, ngenxa yokuba ebelwile noHadarezere, wameyisa (ngokuba uTohu wayengumfo obesilwa noHadarezere). Waye uHadoram lowo ephethe neempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezobhedu.

18:11 Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki.

18:12 UAbhishayi unyana kaTseruya wawabulala amaEdom angamawaka alishumi linesibhozo eSihlanjeni seTyuwa.

18:13 Wamisa ikampu kwelamaEdom; aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.

18:14 Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke; waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke.

18:15 Ke uYowabhi unyana kaTseruya wayephethe umkhosi; noYehoshafati unyana ka-Ahiludi wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.

18:16 UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAbhimeleki unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli; uShavesha wayengumbhali.

18:17 UBhenaya unyana kaYoyada ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babeyingalo yokunene kukumkani.

19:1 Kwathi emva koko, wafa uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon; waba ngukumkani unyana wakhe esikhundleni sakhe.

19:2 Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. Wathumela uDavide abathunywa bokumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon kuHanun, ukuba bamkhuze.

19:3 Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe abeze kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe?

19:4 Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.

19:5 Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.

19:6 Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram ephakathi kweMilambo, nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwakaleetalente zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahashe.

19:7 Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.

19:8 Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha.

19:9 Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle.

19:10 Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.

19:11 Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe; bakha uluhlu malunga noonyana baka-Amon.

19:12 Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakweyisa,

19:13 ndokusiza Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova uya kwenza oko kulungileyo emehlweni akhe.

19:14 Wafika uYowabhi nabantu ababenaye, wema phambi kwama-Aram, eza kulwa; asaba ebusweni bakhe.

19:15 Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi umninawa wakhe, bangena ekhaya.

19:16 Waya uYowabhi eYerusalem. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, athuma izigidimi, awarhola ama-Aram abephesheya koMlambo, uShofaki, umthetheli womkhosi kaHadarezere, ephambi kwawo.

19:17 Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya kuwo, wakha uluhlu ukuba alwe nawo. UDavide walwakha uluhlu, esiya kuwahlangabeza ama-Aram ukuba alwe nawo; alwa ke naye.

19:18 Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhene abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka amadoda angumqikela, wabulala noShofaki, umthetheli womkhosi.

19:19 Babona abakhonzi bakaHadarezere ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolisana noDavide, bamkhonza. Akavuma ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.

20:1 Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani, uYowabhi wayeyiphethe impi ephuma umkhosi; walonakalisa ilizwe loonyana baka-Amon, wafika wayingqinga iRabha. UDavide yena wahlala eYerusalem. UYowabhi ke wayichitha iRabha, wayitshabalalisa.

20:2 UDavide wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe, wasifumana siyitalente yegolide ubunzima baso, sinamatye anqabileyo; sabekwa entlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi amaninzi kunene.

20:3 Ke abantu ababekhona wabarhola, wabasika ngeesarha, nangezisizilo zesinyithi, nangeempahla ezibukhali zesinyithi. Wenjenjalo uDavide kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuya ke uDavide nabantu bonke, waya eYerusalem.

20:4 Kwathi emva koko, kwaliwa namaFilisti eGezere; wesuka uSibhekayi umHusha wambulala uSipayi, obe engowoonyana bakaRafa; oyiswa ke.

20:5 Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.

20:6 Kwabuya kwaliwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, eminwe neenzwane zazingamashumi amabini anane; imithandathu sandleni sinye, zintandathu lunyaweni lunye; nayo ibizalwa nguRafa.

20:7 Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.

20:8 Abo bazalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.

21:1 Ke kaloku uSathana wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli.

21:2 Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBher-shebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo.

21:3 Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, abangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?

21:4 Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.

21:5 UYowabhi wamnika ke uDavide inani lokubalwa kwabantu. AmaSirayeli onke aba sisigidi esinye esinamawaka alikhulu samadoda aphatha ikrele; namaYuda angamakhulu amane anamanci asixhenxe amawaka amadoda aphatha ikrele.

21:6 Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo; ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi.

21:7 Kwaba kubi emehlweni kaThixo ngenxa yale nto; wawohlwaya ke amaSirayeli.

21:8 Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ubudenge obukhulu.

21:9 Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,

21:10 Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.

21:11 Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Zityumbele;

21:12 nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.

21:13 Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisiwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.

21:14 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli.

21:15 UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandeni sikaOrnan umYebhusi.

21:16 UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.

21:17 Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenze ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singabi kubantu bakho, ukuba babulawe.

21:18 Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandeni sikaOrnan umYebhusi.

21:19 Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova.

21:20 Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abane ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa.

21:21 Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandeni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni.

21:22 Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesanda, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wondinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini.

21:23 Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko.

21:24 Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuze ngelize.

21:25 UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.

21:26 Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.

21:27 Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso.

21:28 Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandeni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona.

21:29 Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.

21:30 UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.

22:1 Wathi uDavide, Yiyo le indlu kaYehova uThixo; siso esi isibingelelo sedini elinyukayo sikaSirayeli.

22:2 Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.

22:3 UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, alwaba nakulinganiswa;

22:4 nemisedare engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide.

22:5 Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.

22:6 Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu.

22:7 Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu.

22:8 Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.

22:9 Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe.

22:10 Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

22:11 Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe.

22:12 Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho.

22:13 Uya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.

22:14 Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide, nesigidi esinye seetalente zesilivere, nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungise nemithi namatye; nawe ungongeza kwezozinto.

22:15 Unabo bebaninzi abasebenzi bomsebenzi, abaxholi neengcibi zamatye nezemithi, nabalumkileyo emisebenzini yonke.

22:16 Igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, yinto engenakubalwa. Suk’ ume, wenze, uYehova abe nawe.

22:17 UDavide wabawisela umthetho bonke abathetheli bakwaSirayeli, ukuba bamncede uSolomon unyana wakhe, wathi,

22:18 Akanani yini na uYehova uThixo wenu, waniphumza ngeenxa zonke? Ngokuba wabanikela esandleni sam abemi belizwe eli; loyiswa ilizwe eli phambi koYehova, naphambi kwabantu bakhe.

22:19 Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova.

23:1 Ke kaloku, xa uDavide wayesel’ aluphele, ehambisekile ebudaleni, wamenza uSolomon unyana wakhe ukumkani kumaSirayeli.

23:2 Wabahlanganisa bonke abathetheli bamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi.

23:3 Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.

23:4 Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamane amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.

23:5 Abamasango baba ngamawaka amane; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amane.

23:6 UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.

23:7 KumaGershon yanguLadan noShimehi.

23:8 Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.

23:9 Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.

23:10 Oonyana bakaShimehi nguYahati noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bane.

23:11 UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.

23:12 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bane.

23:13 Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisele phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni.

23:14 Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi.

23:15 Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere.

23:16 Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu.

23:17 Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela.

23:18 Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu.

23:19 Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesine.

23:20 Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini.

23:21 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.

23:22 Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.

23:23 Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu.

23:24 Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwayo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.

23:25 Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni.

23:26 Kananjalo ke abaLevi akusafuneki ukuba bawuthwale umnquba, neempahla zawo zonke zenkonzo yawo.

23:27 Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, babalwa oonyana bakaLevi, abathabathele kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.

23:28 Ngokuba ukuma kwabo kwaba ngasesandleni soonyana baka-Aron, enkonzweni yendlu kaYehova ezintendelezweni, nasemagumbini, nasekuhlanjululweni kwezinto zonke ezingcwele, nasemsebenzini wenkonzo yendlu kaThixo:

23:29 owezonka ezikrozileyo, nowomgubo ocoliweyo, nowomnikelo wokudla, nowezonkana ezisicaba ezingenagwele, nowezojiweyo ngepani, nowento ekroqiweyo, nowokulinganisa konke ngokukha nangobude;

23:30 nowokuma imiso ngemiso, bebulela kuye, bemdumisa uYehova, besenjenjalo nangokuhlwa;

23:31 nowokunyusa onke amadini anyukayo kuYehova ngesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, ngenani ngokwesiko lazo, ngamaxesha onke, phambi koYehova;

23:32 bagcine isigxina sentente yokuhlangana, nesigxina sengcwele, nesigxina soonyana baka-Aron, abazalwana babo, ukuba bakhonze endlwini kaYehova.

24:1 Ke oonyana baka-Aron, amaqela abo ibingala: oonyana baka-Aron nguNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.

24:2 Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; baba ngababingeleli ooElazare noItamare.

24:3 Wabahlula uDavide: yanguTsadoki koonyana bakaElazare, yanguAhimeleki koonyana bakaItamare, ngodidi lwabo ekonzweni yabo.

24:4 Bafumaneka oonyana bakaElazare bebaninzi ngokweentloko zamagorha, ngaphezu koonyana bakaItamare. Babenjenje ukubahlula: koonyana bakaElazare, iintloko zezindlu zooyise zaba lishumi elinantandathu; koonyana bakaItamare, zasibhozo ngokwezindlu zooyise.

24:5 Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare.

24:6 UShemaya unyana kaNataniyeli umbhali, wakubaLevi, wababhala phambi kokumkani, nabathetheli, noTsadoki umbingeleli, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, neentloko zezindlu zooyise kubabingeleli nakubaLevi; indlu yoyise inye iphuma noElazare, inye iphuma noItamare.

24:7 Laphuma iqashiso lokuqala noYoyaribhi, elesibini noYidaya,

24:8 elesithathu noHarim, elesine noSehorim,

24:9 elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin,

24:10 elesixhenxe noHakotse, elesibhozo noAbhiya,

24:11 elesithoba noYeshuwa, eleshumi noShekaniya,

24:12 eleshumi elinanye noEliyashibhi, eleshumi elinesibini noYakim,

24:13 eleshumi elinesithathu noHupa, eleshumi elinesine noYeshebhabhi,

24:14 eleshumi elinesihlanu noBhilega, eleshumi elinesithandathu noImere,

24:15 eleshumi elinesixhenxe noHezire, eleshumi elinesibhozo noApitsetse,

24:16 eleshumi elinesithoba noPetaya, elamashumi omabini noYehezekeli,

24:17 elamashumi omabini analinye noYakin, elamashumi omabini anesibini noGamuli,

24:18 elamashumi omabini anesithathu noDelaya, elamashumi omabini anesine noMahazeya.

24:19 Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.

24:20 Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya.

24:21 NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya.

24:22 KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati.

24:23 Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesine.

24:24 Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire.

24:25 Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya.

24:26 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe.

24:27 Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.

24:28 NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana.

24:29 NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli.

24:30 Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti. Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise.

24:31 Babawisela amaqashiso nabo kwanjengabazalwana babo, oonyana baka-Aron, phambi koDavide ukumkani, noTsadoki, noAhimeleki, neentloko zezindlu zooyise zababingeleli nezabaLevi: iinkulu zezindlu zooyise kwanjengabaninawa babo.

25:1 UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli:

25:2 Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani.

25:3 KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova.

25:4 KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti.

25:5 Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabane, neentombi ezintathu.

25:6 Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman.

25:7 Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.

25:8 Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.

25:9 Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;

25:10 elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;

25:11 elesine noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:12 elesihlanu noNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:13 elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:14 elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:15 elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:16 elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:17 eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:18 eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:19 eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:20 eleshumi elinesithathu noShubhayeli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:21 eleshumi elinesine noMatitiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:22 eleshumi elinesihlanu noYeromoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:23 eleshumi elinesithandathu noHananiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:24 eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:25 eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;

25:26 eleshumi elinesithoba noMaloti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:27 elamashumi omabini noEliyata: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:28 elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:29 elamashumi omabini anesibini noGidaleti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;

25:30 elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhebaba lishumi elinababini;

25:31 elamashumi omabini anesine noRomamti-ezere: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini.

26:1 Ke amaqela abamasango: kumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore, kubo oonyana baka-Asafu.

26:2 KuMeshelemiya, oonyana yayingooZekariya owamazibulo, noYedihayeli owesibini, noZebhadiya owesithathu, noYateniyeli owesine,

26:3 noElam owesihlanu, noYohanan owesithandathu, noEliyohenayi owesixhenxe.

26:4 KuObhedi-edom, oonyana yayinguShemaya owamazibulo, noYozabhadi owesibini, noYowa owesithathu, noSakare owesine, noNataniyeli owesihlanu,

26:5 noAmiyeli owesithandathu, noIsakare owesixhenxe, noPehuletayi owesibhozo; ngokuba uThixo ebemsikelele uObhedi-edom.

26:6 Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti.

26:7 Oonyana bakaShemaya ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabazalwana bakhe, amadoda anobukroti, uElihu noSemakiya.

26:8 Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom.

26:9 UMeshelemiya ube enoonyana nabazalwana, amadoda anobukroti, ilishumi elinesibhozo.

26:10 KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),

26:11 noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesine; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu.

26:12 Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.

26:13 Bawisa amaqashiso, ngomncinane nangomkhulu ngokufanayo, ngokwezindlu zooyise, isango ngesango.

26:14 Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla;

26:15 elikaObhedi-edom laba lelangasezantsi; eloonyana bakhe laba lelovimba.

26:16 ElooShupim noHosa laba lelangasentshonalanga, kunye nesango leShalekete emendweni onyukayo, umlindo umalunga nomlindo.

26:17 Ngasempumalanga babebathandathu abaLevi; ngasentla bebane imihla ngemihla; ngasezantsi bebane imihla ngemihla; kovimba baba ngababini ngababini.

26:18 Emaphandleni ngasentshonalanga babane emendweni, bababini ngaphandle.

26:19 Ngawo lawo amaqela abamasango, koonyana bamaKora, nakoonyana bakaMerari.

26:20 Ke abaLevi, abazalwana babo, baphatha ubuncwane bendlu kaThixo, nobuncwane bezinto ezingcwele.

26:21 Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.

26:22 Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.

26:23 Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:

26:24 uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyinganga yobuncwane.

26:25 Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.

26:26 Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.

26:27 Okwemfazwe nokwamaxhoba, kwangcwaliselwa ukuba kulungise indlu kaThixo.

26:28 Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.

26:29 KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi.

26:30 KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani.

26:31 KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omane wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukorti eYazere yaseGiliyadi).

26:32 Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.

27:1 Oonyana bakaSirayeli ngokwenani labo, iintloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nababhali babo, ababelungiselela kukumkani emicimbini yonke yamaqela ngamaqela: angenayo naphumayo iinyanga ngeenyanga, ezinyangeni zonke zomnyaka, liqela linye, lalingamashumi amabini anamane amawaka.

27:2 Iqela lokuqala ngenyanga yokuqala laliphethwe nguYashobheham unyana kaZabhediyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka;

27:3 koonyana bakaPeretse, ibinguye oyintloko yabathetheli bonke bemikhosi ngenyanga yokuqala.

27:4 Iqela lenyanga yesibini laliphethwe nguDodayi umAhowa, inganga yeqela lakhe inguMikeloti; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:5 Umthetheli wesithathu womkhosi ngenyanga yesithathu ibinguBhenaya, unyana kaYoyada umbingeleli, eyintloko; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:6 Ngulo Bhenaya waye eligorha kumashumi amathathu, ephethe amashumi omathathu lawo; eqeleni lakhe inguAmizabhadi unyana wakhe.

27:7 Owesine ngenyanga yesine ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:8 Owesihlanu umthetheli ngenyanga yesihlanu ibinguShamuti umIzra; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:9 Owesithandathu ngenyanga yesithandathu ibinguIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:10 Owesixhenxe ngenyanga yesixhenxe ibinguHeletse umPelon, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:11 Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:12 Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:13 Oweshumi ngenyanga yeshumi ibinguMaharayi umNetofa wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:14 Oweshumi elinamnye ngenyanga yeshumi elinanye ibinguBhenaya umPiraton, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:15 Oweshumi elinesibini ngenyanga yeshumi elinesibini ibinguHeledayi umNetofa, kaOteniyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.

27:16 Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen inganga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka;

27:17 kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli; kwa-Aron nguTsadoki;

27:18 kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide; kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli;

27:19 kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya; kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli;

27:20 koonyana bakaEfrayim nguHosheya unyana ka-Azaziya; kwisiqingatha sesizwe sikaManase nguYoweli unyana kaPedaya;

27:21 kwisiqingatha sikaManase eGiliyadi nguIdo unyana kaZekariya; kwesakwaBhenjamin nguYahasiyeli unyana ka-Abhinere;

27:22 kwesakwaDan nguAzareli unyana kaYeroham. Ngabo abathetheli bezizwe zakwaSirayeli.

27:23 UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.

27:24 UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba; afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; alangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.

27:25 Obephethe ubuncwane bokumkani nguAzemavete unyana ka-Adiyeli; obephethe ubuncwane obukoovimba endle, nasemizini, nasemizaneni, nasezinqa beni ezinde, nguYonatan unyana kaUziya.

27:26 Obephethe abenza umsebenzi wokulima amasimi nguEzeri unyana kaKelubhi.

27:27 Obephethe izidiliya nguShimehi umRama. Obephethe izisele zewayini yasezidiliyeni nguZabhedi umShifemoti.

27:28 Obephethe iminquma nemithombe ebisezintilini nguBhahali-hanan, umGedere. Obephethe izisele zeoli nguYowashe.

27:29 Obephethe iinkomo ezidla eSharon nguShitrayi umSharon. Obephethe iinkomo ezisezintilini nguShafati unyana ka-Adelayi.

27:30 Obephethe iinkamela nguObhili umIshmayeli. Obephethe iimazi zamaesile nguYedeya umMeronoti.

27:31 Obephethe impahla emfutshane nguYazizi umHagri. Bonke abo bebengabaphathi beempahla ezizezokumkani uDavide.

27:32 UYonatan, uyisekazi kaDavide, ube ngumphakathi, eyindoda enokuqonda, engumbhali yena. UYehiyeli unyana kaHakemon ubenoonyana bokumkani.

27:33 UAhitofele ubengumphakathi wokumkani. UHushayi umArki ubelikholwane lokumkani.

27:34 Emveni koAhitofele ibinguYehoyada unyana kaBhenaya, noAbhiyatare. Umthetheli-mkhosi wokumkani ibinguYowabhi.

28:1 UDavide wababizela ndawonye bonke abathetheli bamaSirayeli, abathetheli bezizwe nabathetheli bamaqela ngamaqela abalungiselela ukumkani nabathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu, namagosa empahla yonke, nabemfuyo yokumkani neyoonyana bakhe, kunye nababusi namagorha, nento yonke eligorha elinobukroti, ukuba beze eYerusalem.

28:2 Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi: Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;

28:3 koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalaze igazi elininzi.

28:4 Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade; ngokuba unyule uYuda ukuba abe yinganga, endlwini kaYuda unyule indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwe ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.

28:5 Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyule uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.

28:6 Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;

28:7 ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba uthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.

28:8 Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilime eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.

28:9 Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.

28:10 Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.

28:11 UDavide wamnika uSolomon unyana wakhe isilinganiso sevaranda, nesezindlu zayo, nesoovimba bayo, nesamagumbi ayo aphezulu, nesamagumbi ayo aphakathi, nesendlu yokucamagusha;

28:12 nesilinganiso seento zonke abenazo engcingeni yakhe: eseentendelezo zendlu kaYehova, nesamagumbi onke ngeenxa zonke, nesamagumbi obuncwane bendlu kaThixo, awobuncwane bezinto ezingcwele;

28:13 nesamaqela ababingeleli nabaLevi, nesomsebenzi wonke wenkonzo yendlu kaYehova, neseempahla zonke zenkonzo yendlu kaYehova;

28:14 nesezinto zegolide, ngokobunzima begolide yeempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo; neseempahla zonke zesilivere, ngokobunzima beempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo;

28:15 nobunzima beziphatho zezibane zegolide, nobezibane zazo zegolide, ngokobunzima besiphatho ngesiphatho, nobezibane zazo; nobeziphatho zesilivere ngokobunzima besiphatho, nobezibane zazo, ngokwenkonzo yesiphatho ngesiphatho sezibane;

28:16 negolide ngokobunzima beetafile zokucwangcisa izonka, betafile ngetafile, nesilivere yeetafile zesilivere.

28:17 Wamnika nesilinganiso seefolokhwe, nesezitya zokutshiza, neseendebe zegolide ecocekileyo; neseendebe zegolide, ngokobunzima bendebe ngendebe neseendebe zesilivere ngokobunzima bendebe ngendebe;

28:18 nesesibingelelo sesiqhumiselo segolide ehluziweyo, ngokobunzima; nesilinganiso senqwelo, seekerubhi zegolide, ezolula amaphiko azo, zisithelisa ityeya yomnqophiso kaYehova.

28:19 Yonke loo nto, watsho uDavide, yonke imisebenzi yokulinganisa undiqondisile ngokubhala okuvela esandleni sikaYehova, seza phezu kwam.

28:20 Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.

28:21 Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke; nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.

29:1 Wathi uDavide ukumkani kwibandla lonke, USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo.

29:2 Ke, ngamandla am onke indlu kaThixo wam ndiyilungisele igolide yezinto zegolide, isilivere yezesilivere, ubhedu lwezobhedu, isinyithi sezesinyithi, imithi yezemithi, namatye ebherilo, nafakwayo, namatye okuhombisa, naziimfakamfele, namatye onke anqabileyo, namatye emarmore emhlophe, into eninzi.

29:3 Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinenqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele;

29:4 amawaka amathathu eetalente zegolide yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu;

29:5 ukuba ibe yeye zinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?

29:6 Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaSirayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, naba thetheli bomsebenzi wokumkani.

29:7 Banikela kwinkozo yendlu kaThixo igolide yaziitalente ezingamawaka amahlanu needarike ezilishumi lamawaka; nesilivere yaziitalente ezingamawaka alishumi, nobhedu lwaziitalente ezingamawaka alishumi elinesibhozo, nesinyithi saziitalente ezingamawaka alikhulu.

29:8 Abo ke, kwafumaneka kubo amatye anqabileyo, bawanikela ebuncwaneni bendlu kaYehova, esandleni sikaYehiyeli umGershom.

29:9 Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo; ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo olukhulu.

29:10 UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.

29:11 Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke.

29:12 Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto.

29:13 Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.

29:14 Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.

29:15 Ngokuba singabaphambukeli phambi kwakho, silundwendwe njengoobawo bethu bonke; injengesithunzi imihla yethu ehlabathini apha, kungekho themba lakuhlala.

29:16 Yehova Thixo wethu, yonke le ngxokolo, siyilungisele ukulakhela indlu igama lakho elingcwele, ivela esandleni sakho, yeyakho yonke.

29:17 Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye. Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo.

29:18 Yehova, Thixo ka-Abraham, noIsake, noSirayeli, oobawo bethu, kugcine ngonaphakade oko ekuyileni kweengcinga zeentliziyo zabantu bakho, uyibhekise kuwe intliziyo yabo;

29:19 uSolomon unyana wam umnike intliziyo ephelelisileyo, yokugcina imithetho yakho, nezingqino zakho, nemimiselo yakho, ayenze yonke, alakhe eli bhotwe ndililungiseleleyo.

29:20 Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova nakukumkani.

29:21 Babingelela kuYehova imibingelelo, banyusa amadini anyukayo kuYehova kwakusa ngengomso, iinkunzi ezintsha zeenkomo zaliwaka, iinkunzi zeegusha zaliwaka, iimvana zaliwaka, neminikelo yawo ethululwayo, nemibingelelo yoxolo emininzi, ngenxa yamaSirayeli onke.

29:22 Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu. USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini; bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yinganga, noTsadoki abe ngumbingeleli.

29:23 Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wanempumelelo; ambeka onke amaSirayeli.

29:24 Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.

29:25 UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.

29:26 Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.

29:27 Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mane; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.

29:28 Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

29:29 Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasemicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni;

29:30 kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.


Next: 2 Chronicles